This corpus kindly provided for the Dasher project by:
De Schryver, Gilles-Maurice. 2002. Web for/as Corpus: A Perspective for the African Languages. Nordic Journal of African Studies 11/2: 266-282. 

http://www.up.ac.za/academic/libarts/afrilang/webtocorpus.pdf

SOUTH AFRICAN QUALIFICATIONS AUTHORITY ACT, NO.58 OF 1995I-OFISI KAMONGAMELI
Inombolo 1521 4 Oktobha 1995
Unombolo 58 ka-1995: UMthetho weGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika 
ka-1995.
Kuyaziswa ukuba uMongameli uwuvumile lo Mthetho ulandelayo othe wapapashwa 
ukwazisa uluntu jikelele.
UMTHETHO
Ukubonelela ngophuhliso nokwenziwa koPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe, ngenxa 
yesi sizathu ukuseka iGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika nokubonelela 
ngemicimbi emayelana noku:
Inguqulelo yesiNgesi isayinwe nguMongameli (uvunywe ngomhla wama-28 Septemba 
1995)
UVUNYWE yiPalamente yeRiphablikhi yoMzantsi Afrika, ngolu hlobo lulandelayo:
Ingcaciso
  1. Kulo Mthetho, ngaphandle kokuba imeko ibonisa ngolunye uhlobo -
    "IGunya" lithetha iGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika elisekwe 
    licandelo 3; (viii) 
    "inkampani" ithetha inkampani okanye imbumba ehlangeneyo ebhaliswe phantsi 
    kwawo nawuphina umthetho obonelela ngemfundo okanye uqeqesho lwabaqeshwa 
    bayo okanye abathengi. 
    "UmLawuli-Jikelele" uthetha uLawuli-Jikelele wezeMfundo; (i) 
    "UMphathiswa" uthetha uMphathiswa wezeMfundo, kwaye ngenxa yamacandelo 4(2), 
    4(3), 4(4), 4(5), 4(6), 5(1), (c), 11, 13(2), 14 kunye no-15 (2), uthetha 
    uMphathiswa wezeMfundo ekuthetha-thethwano noMphathiswa wezemiSebenzi; (iv) 
    "UPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe" luthetha uPhahla lwemiGangatho-mfundo 
    yesiZwe oluvunywe nguMphathiswa ukulungiselela ukubhaliswa komgangatho 
    wemfundo yesizwe; (vii) 
    "umbutho wootitshala" uthetha umbutho okanye iyuniyoni elilungu leKhansile 
    yobuDlelwane beNgqesho kwezeMfundo esekwe ngokoMthetho nobuDlelwane 
    beNgqesho kwezeMfundo, ka-1993 (uMthetho Nombolo 146 ka-1993) kwaye ivunyiwe 
    nguMphathiswa ngezizathu zalo Mthetho (ii) 
    "ukumisela" kuthetha ukumisela ngomgaqo; (x) 
    "umGangatho-mfundo" uthetha ukuvunywa ngokusesikweni kokufumaneka kwamanani 
    noluhlu lwezifundo nezinye iimfuneko kwizigaba ezithile zoPhahla 
    lwemiGangatho-mfundo yesiZwe njengoko uya kuthi umiselwe ngamaziko 
    afanelekileyo abhaliselwe ukwenza loo nto liGunya 
    lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika; (iv)
    "umgangatho" uthetha ukuvunywa ngokusesikweni kokufumaneka kwamanani noluhlu 
    lwezifundo nezinye iimfuneko kwizigaba ezithile zoPhahla lomGangatho-mfundo 
    wesiZwe njengoko uya kuthi umiselwe ngamaziko afanelekileyo abhaliselwe 
    ukwenza loo nto liGunya lomGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika; (iv) 
    "-bhalisiwe" kuthetha ukubhaliswa ngokoPhahla lemiGangatho-mfundo yesiZwe; 
    (iii) 
    "umgangatho" uthetha amaxwebhu abhalisiweyo eziphumo zemfundo noqeqesho 
    ezifunwayo kunye neenqobo zovavanyo ezinxulumene nazo. (ix) 
Iinjongo zoPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe
  Iinjongo zoPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe zezi- 
    ukudala uphahla olubumbeneyo lwesiZwe ukulungiselela impumelelo yemfundo; 
    ukulungiselela ukufikelela, intshukumo kunye nenkqubela yemfundo, uqeqesho 
    kunye neendlela zemisebenzi; 
    ukuphucula ixabiso lemfundo noqeqesho; 
    ukukhawulezisa ukubuyekezwa kocalu-calulo olwagqithayo kwezemfundo, uqeqesho 
    kunye namathuba engqesho; ngoko ke 
    lincedise ekuphuhlisweni okupheleleyo lomfundi ngamnye kunye nophuhliso 
    lwezoqoqosho nentlalo-ntle yesizwe ngokubanzi. 
Ukusekwa kweGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika
  Apha ke kusekwa umntu-mthetho obizwa ngokuba liGunya lemiGangatho-mfundo 
UmGaqo-siseko weGunya
  (1) IGunya liya kuba nosihlalo oya kuthi amiselwe ngokwecandelwano (2), liya 
  kuba namalungu aya kuthi amiselwe ngokwecandelwano (3) no- (4), kunye negosa 
  elilawulayo eliya kuthi limiselwe ngokwecandelwana (7). 
  (2) UMphathiswa uya kumisela umntu onamava nobugcisa kwimicimbi emalunga 
  nemisebenzi yeGunya ukuba abe nguSihlalo weGunya, 
  (3) UMphathiswa uya kumisela aba bantu balandelayo njengamalungu eGunya, 
  ngokwendlela ebonelelweyo kwicandelwana (4)- 
    ilungu elinye elonyulwe nguMlawuli-jikelele; 
    ilungu elinye elonyulwe ziintloko zamasebe emfundo kumaphando; 
    ilungu elinye elonyulwe nguMlawuli-Jikelele: ezemiSebenzi; 
    ilungu elinye elonyulwe yiBhodi yesiZwe yoQeqesho; 
    amalungu amabini onyulwe yimibutho yesizwe emele imibutho yabasebenzi; 
    amalungu amabini onyulwe yimibutho yesizwe emele imibutho yoosomashishini; 
    ilungu elinye elonyulwe yiKomiti yeeNqununu zeeYunivesithi esekwe 
    ngokwecandelo 6 loMthetho weeYunivesithi, 1955 (Umthetho Nombolo 61 
    ka-1995); 
    ilungu elinye elonyulwe yiKomiti yeeNqununu zeeTekhnikhon esekwe licandelo 2 
    loMthetho weeTekhnikon, 1993 (uMthetho Nombolo 125 ka-1993); 
    ilungu elinye elonyulwe liziko lesizwe elimele iikholeji zootitshala 
    elivunywe nguMphathiswa ngenxa yesi sizathu; 
    ilungu elinye elonyulwe liziko lesizwe elimele iinqununu zeekholeji 
    zobugcisa elivunywe nguMphathiswa ngenxa yesi sizathu; 
    ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele iikholeji 
    ezingezezobutitshala okanye ezobugcisa, evunyiweyo nguMphathiswa ngenxa yesi 
    sizathu; 
    ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele icandelo lemfundo noqeqesho 
    lwabadala, evunyelwe eso sizathu nguMphathiswa; 
    ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele icandelo lokuphuhlisa 
    abantwana abancinci elivunywe nguMphathiswa, elivumela eso sizathu; 
    amalungu amabini onyulwe yimibutho yootitshala 
    amalungu amabini onyulwe yimibutho yeziswe emele abahlohli kunye 
    nabaqeqeshi, evunywe nguMphathiswa, eyivumela esi sizathu; 
    ilungu elinye elonyulwe yimibutho yesizwe emele iimfuno zemfundo eyodwa 
    elivunywe nguMphathiswa, elivumela esi sizathu; 
    amalungu angagqithanga kwisithandathu anyulwe nguMphathiswa ngokubona 
    kwakhe; 
    amalungu angagqithanga kwisibini axokonyezelelwe liGunya ngokubona kwalo aza 
    avunywa nguMphathiswa ukuba onyulwe. 
  (4) Ukwenzela ukufumana abatyunjiweyo njengoko kubonakalisiwe kwicandelwana 
  (3), uMphathiswa uya kwenza isaziso kwiGazethi somnqweno wakhe wokonyula 
  amalungu eGunya, kwaye ke uya kucela nawuphina umntu okanye umbutho 
  kwimimandla ekuthethwa ngayo kwicandelwana (3) ukuba angenise amagama abantu 
  abathi ngenxa yesakhono sabo okanye amava abo kwimicimbi emayelana nemisebenzi 
  yeGunya babe kanti bafanelekile ukuba bangonyulwa ukuba babe ngamalungu 
  eGunya, kwaye ke xa kungeniswa amagama uya kujongwa umba wokumelwa kwabantu 
  ngabantu.
  (5) Ukwenzela utyumbo lwabantu ekuthethwa ngalo kumhlathi (n) wecandelwana 
  (3), iya kuba lutyumbo olunye kuphela oluya kwenziwa liziko okanye umbutho.
  (6) Ilungu leGunya, ngaphandle kwegosa elongameleyo, liya kusibamba isikhundla 
  ixesha elingagqithanga kwiminyaka emithathu, njengoko uMphathiswa eya kuthi 
  abone ngexesha lokungena kwalo esikhundleni eso, kwaye ke ilungu lingaphinda 
  lonyulelwe elinye ithuba lokubamba isikhundla xa lifikelele esiphelweni ithuba 
  lokuqala.
  (7) UMphathiswa uya kuthi aqwalasele izibonelelo zecandelwana (3) xa etyumba.
  (8) Amalungu ekuthethwa ngawo kwicandelwana (2) naku- (3) aya kuthi ngemvume 
  yoMphathiswa onyule umntu ofanelekileyo ukuba abe ligosa elilawulayo, phantsi 
  kweemeko zokwalathelwa eziya kuthi zimiselwe liGunya ngemvume yoMphathiswa, 
  kwakunye nemvume yoMphathiswa wezeziMali.
Imisebenzi yeGunya
  (1) Phantsi kwezibonelelo zecandelwana (2), iGunya liya- 
    (i) kongamela uphuhliso loPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe, kwaye 
    (ii) liqulunqe lipapashe iipholisi/inkqubo kunye neenqobo zovavanyo 
      ukubhaliswa kwamaziko anoxanduva lokuseka umgangatho wemfundo noqeqesho; 
      ukuvuma amaziko anoxanduva lokongamela nokuphicotha oko kuzuziweyo 
      ngokwemigangatho okanye imigangatho-mfundo 
    ukongamela ukwenziwa koPhahla lwemiGangatho yesiZwe, kubandakanywa- 
      ukubhaliswa okanye ukuvunywa kwamaziko ekuthethwe ngawo kumhlathi (a) 
      nokunikezelwa kwemisebenzi kuwo; 
      ukubhaliswa kwemigangatho yemfundo yesizwe; 
      amanyathelo okuqinisekisa ukuthotyelwa kwezibonelelo zokuvunywa; kunye 
      namanyathelo okuqinisekisa imigangatho kunye nemigangatho-mfundo 
      ebhalisiweyo iyalingana neyelizwe; 
    ukucebisa uMphathiswa kwimicimbi emalunga nokubhaliswa kwemigangatho 
    yemfundo; 
    ukuba noxanduva lokulawula izimali zeGunya. 
  (2) iGunya liya kulandela iinjongo zoPhahla lwemiGangatho-mfundo njengoko 
  kuthethwa ngayo kwicandelo 2 lize lenze imisebenzi yalo ekuthethwa ngayo 
  kwicandelwana (1)-
    emva kokudibana kunye nokusebenzisana namasebe karhulumente, amaziko abekho 
    ngomthetho, iinkampani, amaziko kunye nemibutho enoxanduva lwemfundo, 
    uqeqesho nokunikezela ngezatifikethi zemigangatho eya kuthi ichatshwazelwe 
    luPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe; 
    malunga nokufaneleka kwePalamente kunye nezindlu zowiso-mthetho kumaphondo 
    ngokwecandelo 126 lomGaqo-siseko, namalungelo, amandla kunye nemisebenzi 
    yamaziko alawulayo eyunivesithi okanye iiyunivesithi kunye netekhnikhoni 
    okanye iitekhnikhoni njengoko kubonelelwe kuwo nawuphina uMthetho 
    wePalamente. 
Imisebenzi yegosa elilawulayo
  (1) Igosa elilawulayo liya- 
    kuba noxanduva kwiGunya ekwenzeni imisebenzi yalo ngokwalo Mthetho; 
    kongamela amagosa nabaqeshwa beGunya; kwaye ke 
    liya kuba ligosa elongamayo lweGunya elinoxanduva lokubuzwa ngezimali 
    ezifunyenweyo, ezihlawuliweyo kunye nempahla ethengiweyo liGunya. 
  (2) Igosa elilawulayo liya kuncediswa kwimisebenzi yalo ngamagosa kunye 
  nabaqeshwa beGunya njengoko liya kuthi lona libachongele ukwenjengalo 
  ngokwecandelwana (1).
Amandla eGunya
  (1) 
    IGunya lingamisela iikomiti lize lichongele abantu abangengomalungu eGunya 
    ukuba babe ngamalungu eekomiti. 
    iGunya liya konyula usihlalo wazo zonke iikomiti. 
    iGunya linakho ukuyichitha okanye liyihlenga-hlengise ikomiti. 
    IGunya linakho ukunikezela ngamandla alo kuyo nayiphina ikomiti, 
    kungabandakanywa amandla ekubhekiswa kuwo kweli candelo, kodwa ke iGunya 
    aliyi kuxuthwa amandla elinikezele ngawo, kwaye lingaphinda liwathathe loo 
    mandla belinikezele ngawo. 
    IGunya lingazijika okanye lizichithe izigqibo zekomiti enjalo. 
  (2) IGunya linokusombulula iiyantlukwano ezimalunga nokwenziwa kwemisebenzi 
  yalo ekuthethwa ngayo kwicandelo 5.
  (3) IGunya linokufumana kwaye linikise ngee-asethi.
  (4) IGunya lingenza ukuba kwenziwe uphando elilubona lufanelekile 
  ngokunxulumene nomsebenzi walo.
  (5) IGunya lingenza nawuphina umsebenzi anokuthi uMphathiswa alinike onento 
  yokwenza noPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe.
Iintlanganiso zeGunya neekomiti
  (1) Iintlanganiso zeGunya okanye iikomiti ziya kubanjwa ngaloo maxesha nakwezo 
  ndawo aya kuthi uSihlalo weGunya okanye wekomiti, lowo uchaphazelekayo, abone 
  kufanelekile. 
  (2) Intlanganiso yeGunya okanye yekomiti ayisayi kwenziwa into engento ngenxa 
  yesithuba esikhoyo kwiGunya okanye kwikomiti.
  (3) Ukuba uSihlalo weGunya okanye wekomiti akakho entlanganisweni yeGunya 
  okanye yekomiti, amalungu akhoyo aya konyula phakathi kwawo umntu oya 
  kuchophela intlanganiso.
  (4) IGunya liya kubeka imiqathango emalunga nokuhamba kweentlanganiso zalo 
  okanye ukuhamba kweentlanganiso zekomiti, kubandakanywa nekhoram yezo 
  ntlanganiso.
Ukushiywa kwesikhundla ngamalungu eGunya
  USihlalo okanye naliphina elinye ilungu leGunya ekuthethwe ngalo kwicandelo 
  4(3) liya kusishiya isikhundla salo ukuba- 
    ilifa/izinto umntu anazo zithinjiwe okanye ungene kwizibhambathiso ezithile 
    kunye nabo abatyalayo; 
    ubanjiwe njengongekho zingqondweni phantsi kwawo nawuphina umthetho; 
    uye akabikho kwiintlanganiso zeGunya ezintathu ezilandelelanayo engenamvume 
    yokungabikho evela kwiGunya; 
    usishiyile isikhundla sakhe ngokuthi abhale incwadi yokubeka phantsi eya 
    kuMphathiswa; 
    uthe ngexesha abambe isikhundla wafunyaniswa enetyala waza wagwetywa 
    engakhethiswanga ukuba makahlawule. 
Izimali zeGunya
  (1) Izimali zeGunya ziya kuba zezi: 
    iimali ezinikezelwe yiPalamente ukuba kuzuzwe ngazo iinjongo zeGunya; 
    iimali ezifunyenwe liGunya ngokwemiqathango eyenziwe ngokwecandelo 14; 
    iimali ezifunyenwe ngokweemali-mboloko ezonyuswe liGunya ngokuvuma 
    koMphathiswa, mvume leyo enikwe ngokwemvumelwano noMphathiswa wezeziMali; 
    Imali-zipho, iminikelo kunye nemali eyintlawulo yokushicilela efunyenwe 
    liGunya; kunye 
    nenzala eze ngenxa yotyalo-mali. 
  (2) IGunya liya kuyisebenzisa imali ekuhlawuleni iindleko zalo elizenze xa 
  lisebenza imisebenzi yalo.
    (3) 
    (a) IGunya liya kuthi kunyaka wezimali ngamnye, ngendlela nexesha eliya 
    kuthi libekwe nguMphathiswa, lingenise uxhwebhu oluqulathe intelekelelo 
    yengeniso nengcitho yalo kunyaka ongenayo. 
    (b) Iimali ekuthethwa ngazo kwicandelwana (1) (a) ziya kusetyenziswa 
    ngokwendlela oluvunywe ngayo uxwebhu ekuthethwa ngalo kumhlathi (a), 
    kananjalo, imali engasetyenziswanga iya kuthathwa njengengeniso kunyaka-mali 
    olandelayo. 
  (4) IGunya lingathi lilawulwa zizibonelelo zecandelwana (3)(b), lityale 
  inxenye yezimali zalo ngaloo ndlela anokuthi ayivume uMphathiswa evumelana 
  noMphathiswa wezeziMali.
  (5) IGunya lingathi libize okanye lirhoxise iifizi-
    ngokubhalisa okanye ukuvuma; kunye 
    nangazo naziphina iinkonzo elithe lazinikezela. 
Amagosa kunye nabaqeshwa beGunya
  Lingathi iGunya lilawulwa yimiqathango yenkonzo emiselwe liGunya ngemvume 
  yoMphathiswa evumelana yena noMphathiswa wezeziMali, liqeshe amagosa kunye 
  nabaqeshwa njengoko libona kufanelekile ukwenzela ukwenza imisebenzi yalo 
  ngokwalo Mthetho. 
Izibonelelo kunye nomvuzo wamalungu eGunya kunye neekomiti
  Usihlalo, nalo neliphina elinye ilungu leGunya, kunye nawuphina omnye umntu 
  otyunjelwe ukuba abe lilungu lekomiti phantsi kwecandelo 7 (1) ongaqeshwanga 
  ngokusigxina eburhulumenteni,uya kuhlawulwa ngolu hlobo, ngenxa yeenkonzo 
  azinikezileyo kwimisebenzi yeGunya okanye ekomitini: 
    imali yokukhwela, eyokutya nokulala kunye nezinye izibonelelo; 
    kwimeko kasihlalo weGunya, kuya kubakho umvuzo owongezelelweyo, njengoko 
    uMphathiswa eya kumisela, phofu evumelana noMphathiswa wezeziMali. 
Ukuphicothwa kweencwadi nengxelo yonyaka
  (1) Iincwadi zee-akhawunti kunye nezitetimente zezimali zeGunya ziya 
  kuphicothwa ngumPhicothi-Jikelele ekupheleni konyaka-mali ngamnye. 
  (2) Kuya kuthi zingaphelanga iinyanga ezintandathu emva kokuphela konyaka-mali 
  ngamnye, iGunya lingenise kuMphathiswa ingxelo eya kuma ngendlela emiselwe 
  nguMphathiswa ngokwemisebenzi yeGunya kuloo nyaka-mali, kunye nebhalans-shithi 
  kunye nezitetimenti zengeniso nenkcitho eziphicothiweyo.
  (3) UMphathiswa uya kuzithi thaca ePalamente iikopi zengxelo, kubandakanywa 
  nebhalans-shithi nezitetimenti zengeniso nenkcitho ekubhekiswa kuzo 
  kwicandelwana (2). La maxwebhu uya kuwangenisa kwiintsuku ezili-14 emva kokuba 
  ewafumene ukuba iPalamente ikwiseshoni yesiqhelo, okanye ke, ukuba iPalamente 
  ayikho kwiseshoni yesiqhelo uya kuwangenisa kwiintsuku ezili-14 emva kokuqala 
  kweseshoni yayo elandelayo yesiqhelo.
ImiGaqo
  Igunya lingathi ngemvume yoMphathiswa, lenze imigaqo emalunga- 
    nawuphina umcimbi ofunekayo okanye omiselweyo ngenxa yalo Mthetho; 
    nezimali ekufuneka zihlawulwe iGunya malunga nemicimbi ekuthethwe ngayo 
    kwicandelo 10 (5) (a) no- (b); 
    nawuphina omnye umcimbi onommiselo ofunekayo okanye olungiselela ukuba lo 
    Mthetho ukwazi ukusebenza kakuhle. 
Izibonelelo zethuba lenguqu malunga namaziko akhoyo
  (1) Naliphina iziko elimiselwe ngokomthetho elenza imisebenzi efana nale 
  yeGunya njengoko ichazwe kwicandelo 5, liya kuqhubeka liyenza loo misebenzi de 
  lichithwe okanye imisebenzi yalo iguqulwe ngokomthetho. 
  (2) Akukho ziko elinjengeli kuthethwa ngalo kwicandelwana (1) liya kuthi 
  lichithwe lide iGunya kunye neziko elo ziqwalasele iziphumo zolo chitho okanye 
  inguqu kunye nokwenziwa koPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe kwenziwe 
  nezindululo eziya kuMphathiswa.
  (3) Eli candelo alisayi kuchaphazela ziko lisekwe ngumthetho wabucala 
  weyunivesithi.
Intloko emfutshane
  Lo Mthetho uya kubizwa ngokuba nguMthetho wemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika 
  ka-1995. 




IMbasa yeSizwe entsha yaseMzantsi Afrika 
Uyilo nembonakaliso yeMbasa yeSizwe entsha
IMbasa yeSizwe (Coat of Arms) luluhlu lwezinto eziqokelelwe kwizangqa ezimbini ezigqamileyo nezicukanisiweyo.
Isaci - !ke e:/xarra //ke, esibhalwe ngolwimi lwesiKhoisan lwabantu abangama /Xam, esithetha nqo oku: abantu abohlukeneyo bayamanyana. Sijongana neenzame zomntu ngamnye zokuvelisa umanyano phakathi kweengcinga namanyathelo. Ngokwenyathelo eliqokelelayo, esi saci sihlaba ikhwelo esizweni ukuba sibumbane ngokomoya ofanayo wobunye nebhongo lesizwe - Umanyano kwiYantlukwano.
Amabamba endlovu - abonakalisa ubulumko, ukomelela namandla, ukongamela nokuphola kunye nokungapheli.
Iindlebe zengqolowa - kwisangqa esakhiwe ngamabamba - zibonisa ukuchuma, ukukhula kunye nophuhliso lwamandla agciniweyo, ukondliwa kwabantu kunye nemiba yezolimo yomhlaba.
Ikhaka - ubume bekhaka legolide lifana nomgqomo. Linemisebenzi emibini: ukuveza ukuzazisa kunye nokhuseleko lwasemoyeni.
Imifanekiso yabantu - ivela kwimifanekiso ekwilitye lika-Linton, umzekelo obaluleke kakhulu ehlabathini we-South African Rock Art, ngoku egcinwe neboniswe kwiMyuziyam yaseMzantsi Afrika eKapa. Ama-Khoisan, abona bahlali badala abaziwayo belizwe lethu, babubungqina bobuntu bethu obufanayo nobokuchuma kwemveli njengabantu baseMzantsi Afrika. Le mifanekiso iboniswe ngendlela yokubulisa, ebonisa umanyano. Oku kukwabonisa ukuqala kwenguqu yomntu kwisimo esikhulu sokubandakanyeka esizweni, kwaye ngapha koko, kuBantu obuhlangeneyo.
Umkhonto kunye nentonga - iimbonakaliso ezimbini zokhuselo negunya - zikwabonisa imilenze enamandla yale ntaka. Umkhonto nentonga zilele phantsi, nto leyo ebonisa uxolo.
Isadlunge (protea) - umfuziselo wobuhle belizwe lethu kunye nokugqama kwamandla ethu njengesizwe esisingise kwiMvuselelo ye-Afrika (African Renaissance) - sibonisa ukuhlangana okuqokelelekileyo kwezinto ezikhula emhlabeni, ezondliwa ngumhlaba zikhule.
Le Ntaka - eboniswe ibhabha - isiphumo sendalo sokukhula nesantya. Intaka enamandla - kwaye imilenze yayo - eboniswe njengomkhonto nentonga - iyisebenzela kakuhle xa izingela iinyoka, nto leyo ebonisa ukhuselo lwesizwe kwiintshaba zaso. Sisithunywa samazulu kwaye sithoba ufefe lwaso emhlabeni, ngokwale ndlela ke sibonisa ubungangamsha obugqibeleleyo bobungcwalisa. Amaphiko ayo aphakanyisiweyo ngumfuziselo wokunyukela phezulu kwesizwe sethu, ngelilixa ke ngaxeshanye isinika ukhuseleko lwayo.
Ilanga eliphumayo - umfuziselo wokukhanya nobuqaqawuli. Libonakalisa isithembiso sokuzalwa ngokutsha, ubume obunentshukumo bokubonisa, ulwazi, ukwenza isigqibo ngokufanelekileyo kunye namandla okuzimisela. Yimbonakaliso yomthombo wentlalo yokukhanya kunye nokuphelela koBuntu.
Isakhiwo esipheleleyo seMbasa yeSizwe sidibanisa izangqa ezingezantsi neziphezulu kwimbonakaliso yokungapheli. Indlela edibanisa ungqameko olungezantsi kwisiqingqo, ukutyhutyha ngemigca yamabamba, ngomqukumbelo apho kuphuma ilanga ngentla, yakha ubume beqanda lendalo apho kuphuma khona intaka. Ngendlela yembonakaliso, oku kubonisa ukuzalwa ngokutsha komoya wesizwe sethu esikhulu nesibukhali.
Indima yeMbasa yeSizwe
Le yeyona mbonakaliso ebonakalayo yoMbuso. Ibonakala kuwo wonke amaphepha asesikweni karhulumente afana nala: iipaspoti, izatifiketi zokuzalwa, izatifiketi zomtshato, izatifiketi zokubhubha kunye nezatifiketi zesikolo. IMbasa yeSizwe entsha ithabatha indawo yaleyo ibikade isetyenziswa eMzantsi Afrika ukusekela ngomhla wama 17 Septemba 1910. Le nguqu ibonisa injongo yorhulumente yokukhankanyisa inguqu yedemokhrasi eMzantsi Afrika kunye nomoya omtsha wokuthand'isizwe.
INqubo yokuYila
Isebe lezoBuchule, iNkcubeko, iSayensi kunye noBugcisa (Department of Arts, Culture, Science and Technology) licele iimbono zeMbasa yeSizwe entsha kuluntu kulo nyaka uphelileyo. Ngokusekelwe kwiimbono ezifunyenweyo, ndawonye neziphakamiso ezivela kwiKhabhinethi yesizwe, kuye kwabhalwa isiyaleli (isikhokelo). Isebe laseburhulumenteni i-Government Communication and Information System (GCIS) liye ke lanxulumana nombutho we-Design South Africa - iqumrhu eliyintlanganisela emele ii-eyijensi zokuyila kwilizwe lonke - ukuze ithethe nabayili abalishumi. Kwakhethwa abayili abathathu ukuze bathi thaca imiyilo yabo kwiKhabhinethi. Umyilo ka-Iaan Bekker wakhethwa ukuze ubeyiMbasa yeSizwe entsha. Yena ungumqondisi (director) we-FCB Group, kwaye uyile izazisi ezininzi zemibutho yecandelo loluntu nelizimele bucala.
IMbasa yeSizwe entsha iphakamisa i-Batho Pele.
I-Batho Pele ligama leSisuthu elithetha ukuthi `Abantu kuQala', nto leyo enyanzelisa inkonzo yoluntu ukuba isebenzele bonke abantu baseMzantsi Afrika. Iintsingiselo nemimiselo ye-Batho Pele isisiseko seMbasa yeSizwe. Ngomhla woku 1 ku-Okthobha 1997, inkonzo yolunthu yangenela iphulo le-Batho Pele elijoliswe ekuphuculeni ukunikwa kweenkonzo kuluntu.
I-Batho Pele kukuzimisela kwiintsingiselo nemimiselo:
Ukubonisana rhoqo: malunga nomgangatho weenkonzo ezinikwayo.
Ukubeka imigangatho yokunika iinkonzo: echaza umgangatho weenkonzo ezilindelekileyo.
Ukwandisa amathuba okufikelela kwiinkonzo: ngakumbi kwabo babekade bedlelwa indlalo ngokwembali (ngexasha eligqithileyo).
Ukuqinisekisa amanqanaba aphezulu embeko nentlonipho: ngokubambelela kwimigangatho ebekiweyo yokuphatha iikhastoma.
Ukunika inkcazelo eyongezelelweyo nengcono malunga neenkonzo: ukuze iikhastoma zibenenkcazelo efanelekileyo.
Ukwenza izinto elubala: malunga nendlela ekunikwa ngayo iinkonzo.
Ukulungisa ukungaphumeleli kunye neziphoso: ukuze iingxaki zisonjululwe okanye kujongwane nazo ngendlela efanelekileyo neyakhayo.
Ukwenza izinto ngokubonisa ukuxabiseka kwemali yerhafu: ukuze iikhastoma ziqonde ukuba irhafu yazo isetyenziswa ngokufanelekileyo nangobunono.
Kufuneka sisebenze ngokubambisana, singuRhulumente noluntu, ukuze senze imimiselo ye Batho Pele ifezekiseke kwisizwe esisebenzela intlalo engcono.
Compiled by: Government Communication and Information System (GCIS), April 2000
INGABULA-ZIGCAWU
Thina, bantu bomZantsi Afrika,
Siyaziqonda iimeko zolwaphulo-bulungisa zamaxesha ethu adlulileyo;
Sibanika imbeko abo beva ubunzima bebulalekela ubulungisa nenkululeko elizweni lethu;
Siyabahlonela abo bathi basebenzela ukwakha nokuphuhlisa ilizwe lethu; kwaye
Sikholelwa ekubeni umZantsi Afrika ngowethu sisonke thina sihlala kuwo, simanyene nangani
siziintlobo ngeentlobo.
Thina ke ngoko, ngabameli bethu abanyulwe ngokukhululekileyo, siyawuvuma lo mGaqo-siseko
ukuba ungowona mthetho wongameleyo weRiphabliki ukuze -
Ungcibe udibanise izantlukwano zangaphambili uze wakhe uluntu olusekwe kwizithethe
ezixabisekileyo zedemokhrasi, ubulungisa kwezentlalo namalungelo abantu asisiseko;
Wenze isiseko soluntu oluphila ngendlela yedemokhrasi nolwenza izinto elubala apho urhulumente
asekelwe kwintando yabantu nalapho wonke ummi ekhuselwe ngokulinganayo ngumthetho;
Uphucule ixabiso lokuphila kwabo bonke abemi, uze uvumele ukusebenza kwesakhono somntu
ngamnye; kanjalo
Wakhe umZantsi Afrika omanyeneyo nonedemokhrasi onakho ukuthabatha indawo yawo
efanelekileyo njengelizwe elinobunganga kusapho lwezizwe ngezizwe.
Wanga uThixo angabakhusela abantu bakokwethu.
Nkosi Sikelel'iAfrika. Morena boloka setjhaba sa heso.
God sen Suid Afrika. God bless South Africa.
Mudzimu fhatuthedza Afurika. Hosi katekisa Afrika.
^
Isahluko 1
Imimiselo esisiSeko
IRiphabliki yomZantsi Afrika
1. IRiphabliki yomZantsi Afrika ililizwe elinye, elinobunganga nelinedemokhrasi elisekwe
phezu kwezi zithethe zixabisekileyo zilandelayo:
(a) Isidima somntu, ukufezekiswa kokulingana kwanokuphuhliswa kwamalungelo abantu
nokweendlela ngeendlela zokukhululeka kwabo.
(b) Inkqubo engenamkhethe ngokobuhlanga nangokwesini.
(c) Ukongama komGaqo-siseko nokulawula komthetho.
(d) Ilungelo jikelele lokuvota labantu abadala, umqulu wesizwe omnye wabavoti, unyulo
oluthe gqolo, kunye nenkqubo yorhulumente wedemokhrasi ebandakanya amaqela ngamaqela,
ukuqinisekisa ukuba kukho intembeko, ukugadwa kwentembeko nokungafihlakali.
Ukongama komGaqo-siseko
2. Lo mGaqo-siseko ngowona mthetho wongamileyo kwiRiphabliki; umthetho okanye izenzo
ezingahambi kunye nawo azinamandla okusebenza, kwaye izimiselo ezimiselwe nguwo kufuneka
zizalisekiswe.
Ubumi
3. (1) Kukho ubumi basemZantsi-Afrika bomntu wonke.
(2) Bonke abemi -
(a) banesabelo esilinganayo kuwo amalungelo, kwiinyhweba okanye kwiimfanelo zobumi;
kanjalo
(b) bajongwe ngokulinganayo yimisebenzi naluxanduva lobumi.
(3) Uwiso-mthetho lwesizwe kufuneka lubonelele ngeendlela ngeendlela zokufumana ubumi,
ukulahlekelwa bubo nokubuyiselwa kwabo.
Umhobe wesizwe
4. Umhobe wesizwe weRiphabliki umiselwa nguMongameli ngesihlokomiso.
Iflegi yesizwe
5. Iflegi yesizwe inombala omnyama, omthubi, oluhlaza, omhlophe, obomvu, kunye noblowu
njengokuba kuchaziwe kwaza kwazotywa kwiShedyuli 1.
Iilwimi
6. (1) Iilwimi zoburhulumente zeRiphabliki sisiSuthu saseNtla, isiSuthu, isiTswana,
isiSwati, isiVenda, isiTsonga, isiAfrikaans, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa, nesiZulu.
(2) Kufuneka urhulumente akuthathele ingqalelo ukungasetyenziswa ngokwaneleyo
nokuthotywa komgangatho, kwangaphambili phaya, kweelwimi zeenkobe zabantu bakowethu,
aze athathe amanyathelo asebenzayo nabonakalayo, okunyusa umgangatho wazo nokutyhalela
phambili ukusetyenziswa kwazo.
(3) (a) Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo bangasebenzisa naziphi na
kanye iilwimi zoburhulumente ekwenzeni umsebenzi woburhulumente, bethathela ingqalelo
ukusetyenziswa, ukuba nokusebenziseka, iindleko, iimeko zemimandla kunye nokulungelelana
kweemfuno zabemi neelwimi abakhetha zona xa bebonke, okanye ezifunwa nezikhethwa
ngabephondo elithile; kodwa urhulumente wesizwe norhulumente wephondo ngalinye kufuneka
asebenzise ubuncinci iilwimi zoburhulumente zibe mbini.
(b) OoMasipala kufuneka bathathele ingqalelo iilwimi ezisetyenziswa nezikhethwa ngabemi
beendawo zabo.
(4) Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka bathi, ngomthetho
nangamanye amanyathelo, balawule baze bagade ukusebenzisa kwabo iilwimi zoburhulumente.
Makuthi kungashenxwanga kwimimiselo yecandelwana (2), zonke iilwimi zoburhulumente
zixatyiswe ngokulinganayo, futhi ziphathwe ngokufanayo.
(5) IBhodi yeeLwimi zoNke zomZantsi Afrika esekwe ngomthetho wesizwe kufuneka -
(a) ikhuthaze, kanjalo idale iimeko zokuphuhliswa nokusetyenziswa -
(i) kwazo zonke iilwimi zoburhulumente;
(ii) kweelwimi zesiRhoyi, isiNama nesiSan; kunye
(iii) nolwimi lokuthetha ngezandla; ize kanjalo
(b) ikhuthaze ize iqinisekise ukuhlonelwa -
(i) kwazo zonke iilwimi ezisetyenziswa ngokuxhaphakileyo ngabantu ngabantu emZantsi
Afrika, kubandakanywa isiJamani, isiGrike, isiGujarati, isiHindi, isiPhuthukezi, isiThamili,
isiThelegu, nesiUrdu; kunye
(ii) nesiArabhu, nesiHebhere, nesiSanskriti nezinye iilwimi ezisetyenziselwa unqulo emZantsi
Afrika.
Isahluko 2
IBhili yamaLungelo
Amalungelo
7. (1) Le Bhili yamaLungelo lilitye lembombo ledemokhrasi emZantsi Afrika. Iqulethe
ngokukhuselekileyo amalungelo abo bonke abantu kweli lizwe lethu, kanjalo iqinisekisa izithethe
ezixabisekileyo zedemokhrasi ezizezi: isidima somntu, ukulingana kwanenkululeko.
(2) Urhulumente kufuneka ahlonele, akhusele, akhuthaze aze azalisekise amalungelo akule
Bhili yamaLungelo.
(3) Amalungelo akwiBhili yamaLungelo alawulwa kuphela lusikelo-mda oluqulethwe okanye
olukhankanywe kwicandelo 36, okanye kwenye indawo kwalapha kule Bhili.
Ukusebenza kwayo
8. (1) IBhili yamaLungelo isebenza kuwo wonke umthetho kwaye ibophelela
ezowiso-mthetho, ezolawulo, iijaji kwakunye nawo onke amaziko karhulumente.
(2) Ummiselo okwiBhili yamaLungelo ubophelela umntu wokwenene okanye into ethathwa
njengomntu ukuba lo mmiselo unakho, nakangangokuba unakho, xa kuthathelwa ingqalelo uhlobo
lwelungelo kunye nohlobo lwawo nawuphi na umsebenzi omiselwe lilungelo elo.
(3) Xa kusetyenziswa ummiselo othile weBhili yamaLungelo kumntu wokwenene okanye
kwinto ethathwa njengomntu ngokwecandelwana (2), inkundla -
(a) ukuze yenze ilungelo elithile elikwiBhili le lisebenze, kufuneka isebenzise okanye, ukuba
kuyimfuneko, iphuhlise umthetho woluntu apho elo lungelo lingafezekiswayo ngumthetho
oqingqiweyo; kanjalo
(b) ingaphuhlisa imigaqo yomthetho woluntu yokulisikela umda ilungelo, kodwa kuthi kanti
oko kusikelwa umda kuhambisana necandelo 36(1).
(4) Into ethathwa njengomntu ifanelwe ngokomthetho ngamalungelo akwiBhili yamaLungelo
kangangoko kuyimfuneko ngokohlobo lwamalungelo lawo, nangokohlobo lwaloo nto ithathwa
njengomntu ngokomthetho.
Ukulingana
9. (1) Wonke ubani ulingana nomnye phambi komthetho kwaye unelungelo lokukhuselwa
nelokuncedeka ngokulinganayo emthethweni.
(2) Ukulingana kubandakanya ukuxhamla ngokupheleleyo nangokulinganayo onke amalungelo
kunye nokukhululeka kwizinto-yinto. Ukukhuthaza ukufezekiswa kokulingana, kungawiswa
umthetho, kuthathwe namanye amanyathelo anjongo ikukukhusela okanye ukuqhubela phambili
abantu, okanye iindidi zabantu, abadlelwa indlala ngenxa yocalu-calulo olunesheyi.
(3) Urhulumente akufuneki acalule ngesheyi, nokuba kungokuthe ngqo okanye
ngokungathanga ngqo, nawuphi na umntu ngenxa yesizathu okanye yezizathu ezibandakanya
ubuhlanga, isini, ukukhulelwa, imo yomtshato, imvelaphi ngokobuhlanga okanye
ngokwasekuhlaleni, ibala, uhlobo lokuthandana alukhethayo umntu, ubudala, ukukhubazeka,
inkolo, isazela, inkolelo, ukuphila ngokwezithethe namasiko, ulwimi, nokuzalwa.
(4) Akukho mntu uvumelekileyo ukuba acalule ngesheyi, ngokuthe ngqo okanye
ngokungathanga ngqo, nabani na ngesizathu okanye ngezizathu ezikwicandelwana (3). Kufuneka
kwenziwe umthetho wesizwe wokuthintela okanye wokuvalela ucalulo ngendlela enesheyi.
(5) Ucalulo ngesizathu esinye okanye ezingaphezulu ezikwicandelwana (3) lunesheyi
ngaphandle kokuba kufunyaniswe okokuba olo calulo alunasheyi.
Isidima somntu
10. Wonke ubani unesidima semvelo, kunye nelungelo lokuhlonitshwa nokukhuselwa
kwesidima sakhe.
Ubomi
11. Wonke ubani unelungelo lokuba adle ubomi.
Inkululeko nokhuseleko lomntu
12. (1) Wonke ubani unelungelo lenkululeko nokhuseleko lobuntu, elibandakanya ilungelo
-
(a) lokungavalelwa kwenkululeko yakhe kungakhange kube kho luthethwano okanye
kungekho sizathu sinobulungisa;
(b) lokungabanjwa avalelwe enganikwanga thuba lokuvela enkundleni yamatyala;
(c) lokukhululeka kuzo zonke iintlobo zogonyamelo ezivela kuwonke-wonke okanye
emntwini ngamnye;
(d) lokungangcungcuthekiswa nangayiphi na indlela;
(e) nelokungaphathwa okanye ohlwaywe ngendlela ekhohlakeleyo, engenabuntu okanye
ethoba isidima.
(2) Wonke ubani unelungelo ekubeni nesihomo ngokwasemzimbeni nasengqondweni, nto leyo
ibandakanya ilungelo -
(a) lokwenza izigqibo mayela nokuzala;
(b) lokhuseleko nolawulo lwemizimba yabo;
(c) nokungasetyenziselwa luphando ngokufunisela malunga nezonyango okanye
ezobunzululwazi, ngaphandle kwemvume yakhe ayinike eyiqonda kakuhle into avuma yona.
Ubukhoboka, imbopheleleko nokusebenza ngokunyanzelwa
13. Akukho bani makenziwe ikhoboka, asetyenziswe ngembophelelo okanye ngokunyanzelwa.
Impilo yomntu yangasese/yabucala; Imfihlo yomntu
14. Wonke ubani unelungelo lokuba nemfihlo yakhe, nto leyo ibandakanya ilungelo -
(a) lokungasetshwa kwakhe isiqu okanye kwekhaya lakhe;
(b) lokungasetshwa kwezinto angumninizo;
(c) lokungathathwa kwezinto zakhe; okanye
(d) lokungabhencwa konxibelelwano lwakhe lwangasese/lwabucala.
Inkululeko yezenkolo, yenkolelo neyoluvo
15. (1) Wonke ubani unelungelo lokukhululeka ngokwesazela, ngokwenkolo,
ngokokucinga, ngokwenkolelo nangokoluvo.
(2) Unqulo lungenziwa kumaziko karhulumente okanye kumaziko ancedwa ngurhulumente
xa ngaba -
(a) olo nqulo lulandela imigaqo ebekwe ziziphatha-mandla ezifanelekileyo
zaseburhulumenteni;
(b) lwenziwa ngendlela elinganayo; kwaye
(c) ukuya kunqula kukhululekile kwaye kungokuzithandela.
(3) (a) Eli candelo aliwuthinteli umthetho owamkela -
(i) imitshato eqhutywe phantsi kwaso nasiphina isithethe okanye phantsi kwenkqubo
yomthetho wezenkolo, owomntu othile okanye umthetho wekhaya elithile; okanye
(ii) iinkqubo zomthetho womntu othile, okanye owekhaya elithile, olandela nasiphina isithethe
okanye ekulandelwa zona ngabantu abalandela inkolo ethile.
(b) Ulwamkelo ngokwemigaqo yomhlathi (a) kufuneka lungqamene neli candelo kwakunye
neminye imithetho yomGaqo-siseko.
Inkululeko yokuvakalisa into ayicingayo umntu
16. (1) Wonke ubani unelungelo lenkululeko yokuvakalisa into ayicingayo, ebandakanya
-
(a) inkululeko yamaphepha-ndaba, namanye amajelo eendaba;
(b) inkululeko yokufumana okanye yokunika abanye ulwazi okanye izimvo;
(c) inkululeko yokudala nokuvelisa ngokobuchule; kunye
(d) nenkululeko kwezemfundo nenkululeko yokwenza uphando lwezobunzululwazi.
(2) Ilungelo elikwicandelwana (1) alibandakanyi -
(a) ukuntyontyela imfazwe;
(b) ukuphembelela udushe olufukamileyo; okanye
(c) ukuhlwayela intiyo esekelwe kubuhlanga, kwisini, okanye kwinkolo, ephembelela
ukwenzakalisa/ukwenziwa kobubi.
Ukuhlangana, ukubonisa ukunganeliseki kunye noxwebhu lwezikhalazo
17. Wonke ubani unelungelo, lokudibana nabanye, lokuqhankqalaza, lokupiketha
nelokuhambisa uxwebhu lwezibongozo, ngendlela enoxolo kwaye engaxhobanga.
Inkululeko yokuzibandakanya
18. Wonke ubani unelungelo lokuzibandakanya ngokukhululekileyo.
Amalungelo ezopolitiko
19. (1) Wonke ummi ukhululekile ukuba azikhethele ngokwezopolitiko, oku
kubandakanya ilungelo -
(a) lokuseka iqela lezopolitiko;
(b) lokuthabatha inxaxheba kwiintshukumo zeqela lezopolitiko, okanye ukufunela iqela
lezopolitiko amalungu; kunye
(c) nokugayela iqela elithile lezopolitiko okanye injongo ethile yezopolitiko.
(2) Wonke ummi unelungelo kunyulo olukhululekileyo, olungenamkhethe noluthe gqolo lwalo
naliphi na iziko lezowiso-mthetho elisekwe ngokomGaqo-siseko.
(3) Wonke ummi ongumntu omdala unelungelo -
(a) lokuvota kunyulo lwalo naliphi na iziko lezowiso-mthetho elisekwe ngokomGaqo-siseko,
akwenze oko emfihlakalweni;
(b) nelokuzigqatsela isikhundla eburhulumenteni, nelokuba kuso isikhundla eso ukuba
unyulwe.
Ubumi
20. Akukho mmi uya kubandezelwa ilungelo lakhe lobumi.
Inkululeko yokuhamba nokuhlala
21. (1) Wonke ubani unelungelo lokuhamba-hamba.
(2) Wonke ubani unelungelo lokuyishiya iRiphabliki.
(3) Wonke ummi unelungelo lokungena ahlale naphi na, kwiRiphabliki.
(4) Wonke ummi unelungelo lokuba nepaspoti.
Inkululeko yokurhweba, yempangelo neprofeshini
22. Wonke ubani unelungelo lokukhetha ngokukhululekileyo umsebenzi worhwebo,
impangelo, okanye iprofeshini. Ukuqhutywa komsebenzi worhwebo, impangelo okanye iprofeshini
kungalawulwa ngumthetho.
Ubudlelwane kwezobusebenzi
23. (1) Wonke ubani unelungelo lokusebenza kwiimeko ezingenasheyi.
(2) Wonke ubani ongumsebenzi unelungelo -
(a) lokuseka nokujoyina umbutho wabasebenzi;
(b) lokuthabatha inxaxheba kwimisebenzi neeprogramu zombutho wabasebenzi;
(c) nelokugwayimba.
(3) Wonke ubani ongumqeshi unelungelo -
(a) lokuseka nokujoyina umbutho wabaqeshi;
(b) lokuthabatha inxaxheba kwiintshukumo neeprogramu zombutho wabaqeshi.
(4) Yonke imibutho yabasebenzi, nayo yonke imibutho yabaqeshi inelungelo -
(a) lokumisela ulawulo, iiprogramu, kunye neentshukumo zayo;
(b) lokuququzelela; kunye
(c) nelokwakha nelokujoyina umanyano oluthile.
(5) Yonke imibutho yabasebenzi, eyabaqeshi, naye wonke umqeshi unelungelo lokungenela
uthethelelwano. Kungawiswa umthetho wesizwe wokulawula olu thethelelwano. Ukuba lo
mthetho unelungelo olinciphisayo elikwesi Sahluko, olo nciphiso maluvumelane necandelo
lama-36 (1).
(6) Umthetho wesizwe ungawavuma amalungiselelo ombutho wabasebenzi okhuseleko
aqulethwe kwizivumelwano ezenzelwe onke amalungu. Ukuba umthetho unelungelo olinciphisayo
elikwesi Sahluko, olo nciphiso maluvumelane necandelo 36 (1).
Indalo esingqongileyo
24. Wonke ubani unelungelo -
(a) lokungqongwa yindalo engenabungozi kwimpilo yakhe okanye kwintlalontle yakhe;
(b) lokuba indalo emngqongileyo ikhuselwe ukuze kuncedeke izizukulwana zangoku
nezizayo, ikhuselwe ngamanyathelo ezomthetho afanelekileyo, kwakunye namanye amanyathelo
-
(i) anqanda ukungcoliswa nokudodobaliswa kwendalo;
(ii) akhuthaza ulondolozo lwendalo; kanjalo
(iii) aqinisekisa uphuhliso oluhlala luqhuba lwezendalo kunye nokusetyenziswa kwamajelo
ezendalo lo gama kukhuthazwa uphuhliso olulungileyo lwezoqoqosho nezentlalo.
Ipropati
25. (1) Akukho bani omakavaleleke ukuba abe nepropati ngaphandle kokuba oko
kungqamene nomthetho osetyenziswayo jikelele, kanjalo akukho mthetho omawuvumele
ukuvaleleka kokuba nepropati ngokwesigqibo esicalanye.
(2) Ipropati ingahluthwa kuphela ngokwemigaqo yomthetho osetyenziswa jikelele -
(a) ngenjongo yoburhulumente okanye ukunceda uluntu; kanjalo
(b) kube kho imbuyekezo, esixa-mali sayo, kwanexesha nendlela yokuhlawulwa kwayo
ekuvunyelwene ngazo ngabo bachaphazelekayo, okanye ekugqitywe ngazo okanye ezivunywe
yinkundla.
(3) Isixa-mali sembuyekezo leyo kwanexesha nendlela yokuhlawulwa kwayo kufuneka zibe
zezinobulungisa nezingenasheyi, zibonise ukulungelelana okungenasheyi phakathi kwezinto
ezilungele uluntu nezinto ezilungele abo bachaphazelekayo, kuthathelwa ingqalelo zonke iimeko
ezinxulumeneyo, kubandakanywa -
(a) ukusetyenziswa ngelo xesha kwepropati;
(b) imbali yokufumaneka nokusetyenziswa kwayo ipropati leyo;
(c) ixabiso lentengiso lepropati leyo;
(d) ubungakanani botyalo-mali ngqo ngurhulumente kunye nenkxaso-mali ekufumaneni
nasekuphuculeni ngokunenzuzo ipropati; kunye
(e) nenjongo yokuhluthwa.
(4) Ngokweli candelo -
(a) kwizinto ezilungele uluntu kubandakanywa ukuzibophelela kwesizwe kwiinguqulelo
zemihlaba, nakwiinguqulelo ezizisa ukufikelela ngokulinganayo kuwo onke amajelo ezendalo
omZantsi Afrika; kwaye
(b) ipropati ayiphelelanga kumhlaba kuphela.
(5) Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo ezomthetho namanye
amanyathelo, ngokweendlela anazo, ukukhuthaza iimeko ezenza ukuba abemi bafumane umhlaba
ngendlela engenamkhethe/engenasheyi.
(6) Umntu okanye abantu abalungelo labo lomhlaba lingakhuselekanga ngokusemthethweni
ngenxa yemithetho okanye izenzo zamandulo zocalulo ngokobuhlanga, kufanelekile, kangangoko
kukho isibonelelo ngokomThetho wePalamente, ukuba umhlaba lowo ube ngowakhe/ngowabo
ngokukhuselekileyo ngokwasemthethweni okanye abuyekezwe ngokufaneleneyo nelahleko
yakhe/yabo.
(7) Umntu okanye abantu abaye bahluthwa ipropati yabo emva komhla we-19 kuJuni 1913
ngenxa yemithetho okanye izenzo zamandulo zocalulo ngokobuhlanga kufanelekile, kangangoko
kukho isibonelelo ngokomThetho wePalamente, ukuba abuyiselwe loo propati okanye
abuyekezwe alungiselelwe ngendlela enobulungisa/engenasheyi.
(8) Akukho mmiselo weli candelo unokuthi uthintele urhulumente ekuthabatheni amanyathelo
omthetho okanye angamanye ukufezekisa iinguqulelo ezimalunga nomhlaba, namanzi nezinye
ezinxulumene nazo ukuze kube nokulungiswa kwezenzo zocalulo lobuhlanga lwangaphambili,
kuvumeleke ke kodwa ukuba kungakho ukunxaxha kwimimiselo yeli candelo, kodwa
kuhambelane nemimiselo yecandelo 36(1).
(9) IPalamente kufuneka yenze le mithetho kubhekiselwe kuyo kwicandelwana (6).
Izindlu
26. (1) Wonke ubani unelungelo lokufumana indlu efanelekileyo.
(2) Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo omthetho, kunye namanye
amanyathelo, kangangokuba enakho, ukuze afezekise ukuthi gqolo kokufumaneka kweli lungelo.
(3) Akukho bani uya kukhutshwa endlwini yakhe okanye adilizelwe indlu yakhe, ngaphandle
komyalelo wenkundla, okhutshwe emva kokuqwalasela zonke iimeko eziphathelelene noko.
Akukho mthetho omawuvumele ukukhutshwa kwabantu ezindlwini ngokwesigqibo esicalanye.
Ulondolozo lwempilo, ukutya, amanzi nokhuseleko lwezentlalo
27. (1) Wonke ubani unelungelo lokufumana -
(a) iinkonzo zolondolozo lwempilo, kubandakanywa nolondolozo olumalunga nempilo
yokuzala abantwana;
(b) ukutya kunye namanzi aneleyo;
(c) nokhuseleko lwezentlalo, olubandakanya uncedo olufanelekileyo lwezentlalo, ukuba
umntu akanakho ukuzondla, yena nentsapho yakhe.
(2) Urhulumente kufuneka athabathe amanyathelo afanelekileyo omthetho, kunye namanye
amanyathelo, kangangokuba enakho, ukuze afezekise ukuthi gqolo kokufumaneka kwelungelo
ngalinye kula.
(3) Akukho bani omakalelwe nomakanganikwa uncedo lwezonyango olungxamisekileyo.
Abantwana
28. (1) Wonke umntwana unelungelo -
(a) lokuba negama nobuzwe ukususela ekuzalweni;
(b) lokulondolozwa likhaya, okanye ukulondolozwa ngabazali, okanye lokufumana olunye
ulondolozo olufanelekileyo xa esusiwe phakathi kwekhaya;
(c) lesondlo esisisiseko, indawo yokuhlala, iinkonzo zonyango ezisisiseko, kunye neenkonzo
zentlalo;
(d) lokukhuselwa kwimpatho embi, ukungahoywa, ukwenziwa into embi, okanye ukuthotywa
isidima;
(e) lokukhuselwa kwizenzo zengqesho/zobusebenzi ezixhaphazayo;
(f) lokuba kungafuneki okanye angavunyelwa ukuba enze umsebenzi okanye anike iinkonzo
-
(i) ezingamfanelanga umntu oneminyaka engangale yalo mntwana; okanye
(ii) ezibeka esichengeni intlalontle yalo mntwana, imfundo yakhe, impilo yakhe yasemzimbeni
okanye yasengqondweni, okanye ukukhuliseka kwakhe ngokwasemoyeni, ngokwesimo okanye
ngokwasentlalweni;
(g) lokungabi kho selugcinweni lwamapolisa ngaphandle kokuba oko kuba selugcinweni
lwamapolisa linyathelo lokuncamela; kwimeko enjalo ke makusetyenziswe amalungelo omntwana
aphantsi kwamacandelo 12 no-35, kuphinde kuqinisekiswe ukuba umntwana lowo uvalelwa
okwelona xesha lifutshane lifanelekileyo, kwaye unelungelo -
(i) lokungadityaniswa nabanye abantu abavalelweyo abangaphezu kweminyaka eli-18
ubudala;
(ii) nelokuphathwa ngendlela, agcinwe kwiimeko, ezithathela ingqalelo iminyaka yakhe
umntwana lowo;
(h) lokuba abe negqwetha elabelwe yena ngurhulumente nangeendleko zikarhulumente
ekuxoxweni kwamatyala embambano achaphazela umntwana, ukuba ukungenziwa kwale nto kuya
kudala ukungaphathwa ngabulungisa okucacileyo;
(i) nelokungasetyenziswa ngokuthe ngqo kungquzulwano ngezixhobo, nelokukhuselwa
ngamaxesha ongquzulwano ngezixhobo.
(2) Ukulungelwa komntwana yeyona nto iphambili nebalulekileyo kuwo nawuphi na
umbandela ophathelelene nomntwana lowo.
(3) Kweli candelo, igama elithi "umntwana" lithetha umntu ongaphantsi kweminyaka eli-18
ubudala.
Imfundo
29. (1) Wonke ubani unelungelo -
(a) lemfundo esisiseko, kubandakanywa imfundo yabantu abadala esisiseko; kunye
(b) nelemfundo ethe tyishi, ekufuneka urhulumente athi, ngamanyathelo afanelekileyo, enze
ukuba ithi gqolo ukufumaneka, nokufikeleleka.
(2) Wonke ubani unelungelo lokufumana imfundo ngolwimi okanye ngeelwimi
zoburhulumente azikhetheleyo, kumaziko karhulumente emfundo, apho loo mfundo inokuqhubeka
khona ngendlela efanelekileyo. Ukuze kuqinisekiswe ukufikelela ngokukuko kweli lungelo,
nokusetyenziswa okukuko kwalo, urhulumente kufuneka avelele zonke iinkalo zemfundo
kubandakanywa amaziko afundisa ngolwimi olunye, kuthathelwe ingqalelo -
(a) ukulingana;
(b) ukuba nokwenzeka; kunye
(c) nemfuneko yokulungisa iimeko eziziphumo zomthetho wamandulo wocalulo nezenzo
zawo.
(3) Wonke ubani unelungelo lokuseka agcine, ngeendleko zakhe, amaziko azimeleyo
ezemfundo -
(a) angenacalu-calulo ngokobuhlanga;
(b) abhalisiweyo kurhulumente; kwaye
(c) anomgangatho ongekho ngaphantsi komgangatho wamaziko karhulumente emfundo
anjengawo.
(4) Icandelwana (3) alikuvaleli ukubonelelwa ngemali ngurhulumente kwamaziko emfundo
azimeleyo.
Ulwimi kunye nendlela yokuphila ngokwamasiko nezithethe
30. Wonke ubani unelungelo lokusebenzisa ulwimi azikhethela lona, nokuphila ubom
ngokwamasiko nezithethe azikhethela wona, kodwa akukho namnye umntu oya kuwasebenzisa
la malungelo ngendlela eyaphula nawo nawuphi na ummiselo weBhili yamaLungelo.
Abantu abanamasiko nezithethe ezithile, inkolo ethile neelwimi ezithile
31. (1) Abantu abaphila ngokwamasiko nezithethe, okanye inkolo okanye ulwimi oluthile
abanakubandezelwa ilungelo lokuthi bekunye nabanye babo -
(a) bonwabe ngokwamasiko nezithethe zabo, baqhube inkolo yabo, basebenzise nolwimi
lwabo; kanjalo
(b) baqulunqe, bajoyine, baqhube imibutho namanye amaziko oluntu angokwamasiko
nezithethe, ngokwenkolo nangokolwimi lwabo.
(2) La malungelo akwicandelwana (1) makangasetyenziswa ngendlela engangqinelaniyo nawo
nawuphi na ummiselo weBhili yamaLungelo.
Ukufikelela kulwazi
32. (1) Wonke ubani unelungelo lokufikelela -
(a) kulo naluphi na ulwazi olusezandleni zikarhulumente;
(b) nakulo naluphi na ulwazi olusezandleni zomnye umntu olufunelwa ukuze lusetyenziselwe
okanye kukhuselwe nawaphi na amalungelo.
(2) Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe oya kuthi ufezekise eli lungelo, kanjalo ube
nokubonelela ngamanyathelo afanelekileyo okuphungula umthwalo wezolawulo nowezemali
kurhulumente.
Isenzo sezolawulo esinobulungisa
33. (1) Wonke ubani unelungelo kwisenzo sezolawulo esisemthethweni, esifanelekileyo,
nesingenasheyi ngokomgaqo-nkqubo.
(2) Wonke ubani omalungelo akhe athe aphulwa ngenxa yesenzo esithile sezolawulo
unelungelo lokuba anikwe izizathu ezibhaliweyo ngeso senzo sezolawulo.
(3) Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe ukufezekisa la malungelo, kwaye kufuneka -
(a) unike isibonelelo sokuqwalaselwa kwesenzo sezolawulo yinkundla yezomthetho okanye,
apho kufanelekileyo, inkundla ezimeleyo nengakhethi cala;
(b) unike umsebenzi kurhulumente ukuba afezekise amalungelo akwicandelwana (1) nele-(2);
(c) ukhuthaze inkqubo yolawulo esebenza ngokunemfezeko.
Ukufikelela kwiinkundla zamatyala
34. Wonke ubani unelungelo lokuba nayiphi na imbambano enokusonjululwa
ngokusetyenziswa komthetho, kugqitywe ngayo kwingxoxo esesidlangalaleni engenasheyi
enkundleni okanye, apho kufanelekileyo, kwelinye iqumrhu okanye iqonga elizimeleyo
nelingakhethi cala.
Abantu ababanjiweyo, abaselugcinweni lwamapolisa kunye nababekwa izityholo
35. (1) Wonke ubani obanjiweyo ngenxa yesityholo sokwaphula umthetho unelungelo-
(a) lokuthula tu;
(b) lokuxelelwa ngoko nangoko -
(i) ngelungelo lakhe lokuthula;
(ii) nangeziphumo zokungathuli;
(c) lokunganyanzeliswa ukuba enze nasiphina isivumo sesityholo okanye isivumo semiba ethile
yesityholo, nto ezo zinokusetyenziswa njengobungqina obuchasana naye loo mntu;
(d) lokuveliswa enkundleni yamatyala kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka, kodwa
kungadlulanga
(i) iiyure ezingama-48 emva kokubanjwa; okanye
(ii) ukuphela kosuku lokuqala lwenkundla emva kokuphela kwezi yure zingama-48, ukuba
ezi yure zingama-48 ziphela emva kweeyure zesiqhelo zenkundla okanye ngosuku olungelulo
lwesiqhelo lwenkundla;
(e) lokuba ekuveleni kwakhe okokuqala enkundleni, emva kokuba ebanjiwe, abekwe isityholo
okanye aziswe ngesizathu sokuba luqhubeke uvalelo lwakhe, okanye akhululwe;
(f) nelokukhululwa eluvalelweni, ukuba imeko yobulungisa iyavuma, ngokuhambisana
nemiqathango efanelekileyo.
(2) Wonke ubani ovalelweyo, kubandakanywa naye wonke umbanjwa ogwetyiweyo,
unelungelo -
(a) lokuxelelwa kwamsinyane ngesizathu sokuvalelwa kwakhe;
(b) lokuzikhethela nokubonisana negqwetha, nokuxelelwa kwamsinyane ngeli lungelo;
(c) lokuba negqwetha elikhutshelwe umntu ovalelweyo, likhutshwa ngurhulumente,
ngeendleko zikarhulumente, ukuba ukungabi kho kwalo kungabangela isiphumo
esingenabulungisa kakhulu, nelokuba axelelwe kwamsinyane ngeli lungelo;
(d) lokufuna ukuziqondela buqu enkundleni ngokuba semthethweni kokuvalelwa kwakhe
nelokuba akhululwe ukuba oko kuvalelwa akukho mthethweni;
(e) lokuvalelwa phantsi kweemeko ezihambisana nesidima somntu, kubandakanywa,
ubuncinci, ukushukumisa umzimba nokubonelelwa, ngeendleko zikarhulumente, ngendawo
yokuhlala efanelekileyo, isondlo, izinto zokufunda, kunye nonyango lwamayeza;
(f) nelokunxibelelana, nokutyelelwa -
(i) ngumyeni, inkosikazi, okanye liqabane lakhe umntu lowo;
(ii) sisizalwane sakhe;
(iii) umluleki kwezakwaliZwi azikhethele ngokwakhe; kunye
(iv) nogqirha azikhethele ngokwakhe.
(3) Wonke ummangalelwa unelungelo lokuba ityala lakhe lixoxwe ngokungenasheyi, nto leyo
ibandakanya ilungelo -
(a) lokwaziswa ngesityholo, enikwa iinkcukacha ezaneleyo ukuze akwazi ukuziphendulela;
(b) lokuba nexesha elaneleyo kwanezinto ezaneleyo zokulungiselela impendulo yokuzikhusela;
(c) lokuxoxwa kwetyala lakhe esidlangalaleni kwinkundla eqhelekileyo;
(d) lokuba ityala liqaliswe ukuxoxwa lize liphethwe ngaphandle kokulibazisa
okungenasihlahla;
(e) lokuba khona buqu xa kuxoxwa ityala lakhe;
(f) lokukhetha igqwetha aze amelwe lilo, nelokuba axelelwe ngeli lungelo ngoko nangoko;
(g) lokuba negqwetha elabelwe ummangalelwa ngurhulumente, ngeendleko zikarhulumente,
ukuba ngaba kungakho isiphumo esingenabulungisa ngendlela engathandabuzekiyo xa
kungenziwanga njalo, kwaye axelelwe ngeli lungelo;
(h) lokuthathwa njengomntu ongenatyala, nelokuthula tu, nelokunganiki bungqina xa
kuxoxwa ityala;
(i) lokuveza nokuphikisa ubungqina;
(j) lokunganyanzelwa ukuba anike ubungqina obumbeka ibala;
(k) lokuxoxwa kwetyala lakhe ngolwimi loo mmangalelwa alwaziyo okanye, ukuba oko
akunakho ukwenzeka, iingxoxo zitolikelwe kolo lwimi alwaziyo;
(l) lokungagwetywa ngesenzo okanye utyeshelo olwalungelolwaphulo-mthetho phantsi
komthetho wesizwe okanye wamazwe ngamazwe ehlabathi ngexesha lokwenzeka kwaso okanye
lotyeshelo olo;
(m) lokungatshutshiselwa ityala elisisenzo okanye utyeshelo asele wagwetyelwa okanye
wagwetywa ngenxa yalo;
(n) lokuzuza esona sohlwayo silula kwezo zimiselweyo ukuba ngaba isohlwayo esimiselweyo
solo lwaphulo-mthetho siye satshintshwa apha kweli xesha liphakathi kokwenziwa
kolwaphulo-mthetho nokugwetywa; kunye
(o) nelungelo lokubhenela kwinkundla engentla, okanye lokuba isigwebo siqwalaselwe
kwakhona, yile nkundla.
(4) Nanini na eli candelo lifuna ukuba kunikwe umntu iinkcukacha ezithile, ezo nkcukacha
kufuneka zinikwe ngolwimi alwaziyo loo mntu.
(5) Ubungqina obufunyenwe ngendlela eyaphula naliphi na ilungelo elikwiBhili yamaLungelo
mabungafakwa ukuba ukwamkelwa kobo bungqina kungabangela ukuba ukuxoxwa kwetyala
kube nesheyi, okanye ukwenzeka kobulungisa kuphazamiseke ngendlela ethile.
Usikelo-mda lwamalungelo
36. (1) Amalungelo akwiBhili yamaLungelo angasikelwa umda kuphela ngokulandela
umthetho wokusetyenziswa jikelele, kuphela kangangoko usikelo-mda olo lufanelekile kwaye
lulungile kwintlalo yoluntu ekhululekileyo neyedemokhrasi, esekelwe kwisidima somntu,
ukulingana nenkululeko, kuthathelwe ingqalelo yonke imibandela enxulumeneyo, kubandakanywa
-
(a) uhlobo lwelungelo;
(b) ukubaluleka kwenjongo yosikelo-mda;
(c) uhlobo kunye nobungakanani bosikelo-mda olo;
(d) ubudlelwane phakathi kosikelo-mda nenjongo yalo; kunye
(e) nendlela engabopheleli kakhulu yokufezekisa le njongo.
(2) Ngaphandle kwemimiselo ekwicandelwana (1) okanye nawuphi na omnye ummiselo
womGaqo-siseko, akukho mthetho unokusikela umda naliphi na ilungelo elikhuselweyo
elikwiBhili yamaLungelo.
Iimo zonxunguphalo
37. (1) Imo yonxunguphalo ingamiselwa kuphela ngokomThetho wePalamente, nakuphela
xa -
(a) ubomi besizwe busemngciphekweni wemfazwe, wohlaselo, wovukelo-mbuso ngokubanzi,
wokungabi kho kocwangco, wentlekele ebangelwe yimo yendalo, okanye enye imo
yonxunguphalo kawonke-wonke;
(b) naxa ukumiselwa oko kwayo kuyimfuneko ukuze kubuyiselwe uxolo okanye ucwangco.
(2) Umiselo lwemo yonxunguphalo, kwakunye nawuphi na umthetho owisiweyo, okanye
elinye inyathelo elithatyathiweyo ngenxa yolo miselo zingasebenza kuphela -
(a) ukubheka phambili; kanjalo
(b) ithuba elingadlulanga kwiintsuku ezingama-21 ukususela kumhla womiselo olo,
ngaphandle kokuba iNdibano yesiZwe igqiba ekubeni ilongeze ixesha lomiselo. INdibano le,
ingalongeza ixesha lokumiselwa kwemo yonxunguphalo, lingagqithi kodwa kwiinyanga ezintathu
kwisihlandlo ngasinye. Ukongezwa okokuqala kwexesha lemo yonxunguphalo kufuneka
kwenziwe ngokwesigqibo esithathwe ngokuxhaswa yivoti yoninzi lwamalungu eNdibano.
Nakuphi na ukongezwa okulandelayo kufuneka kube ngokwesigqibo esithathwe ngokuxhaswa
yivoti yamalungu eNdibano angamashumi amathandathu ekhulwini (60%), ubuncinci. Esi sigqibo
kubhekiswa kuso kulo mhlathi makufikelelwe kuso kuphela emva kwengxoxo eselubala
kwiNdibano leyo.
(3) Nayiphi na inkundla esemthethweni ingenza isigqibo malunga nokusebenza -
(a) komiselo lwemo yonxunguphalo;
(b) kwako nakuphi na ukongezwa komiselo lwemo yonxunguphalo;
(c) kwawo nawuphi na umthetho owenziweyo, okanye elinye inyathelo elithatyathiweyo,
ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo.
(4) Nawuphi na umthetho owiswe ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo unganxaxha
kwiBhili yamaLungelo kuphela kangangokuba -
(a) kuyimfuneko ngokungqongqo ngenxa yonxunguphalo; kanjalo
(b) umthetho lowo -
(i) uhambisana nezimiselo zeRiphabliki phantsi komthetho wamazwe ngamazwe osebenza
kwiimo zonxunguphalo;
(ii) uthobela icandelwana (5); kanjalo
(iii) upapashwa kwiGazethi kaRhulumente yesizwe kwamsinyane nje emva kokuwiswa
kwawo.
(5) Akukho mThetho wePalamente ogunyazisa umiselo kwemo yonxunguphalo, namthetho
owenziweyo nanyathelo lithatyathiweyo, ngenxa yomiselo lwemo yonxunguphalo, ungavumela
okanye ugunyazise-
(a) ukusus'ityala urhulumente, okanye nawuphi na umntu ngaso nasiphi na isenzo esingekho
mthethweni;
(b) nakuphi na ukunxaxha kweli candelo; okanye
(c) nakuphi na ukunxaxha kwicandelo ngalinye elikhankanywe kuluhlu loku-1 lwesiCwangciso
samaLungelo angenakuDlelelelwa, kangangobungakanani bokungadleleleki kwecandelo ngalinye,
njengoko buboniswe ngokumelene nelo candelo, kuluhlu lwesi-3 lweso siCwangciso.
Isicwangciso samaLungelo angenakuDlelelelwa
1 2 3
Inombolo Itayitile Ubungakanani bokungadleleleleki
yeCandelo yeCandelo kwelungelo ngalinye
9 Ukulingana Ngokumayela nocalulo olunesheyi oluzizathu zalo zibubuhlanga,
umbala womntu, imvelaphi ngokobuhlanga okanye ngokwemo yentlalo, isini,unqulo okanye
ulwimi lomntu.
10 Isidima somntu Lonke
11 Ubomi Lonke
12 Inkululeko Ngokumayela namacandelwana (1) (d), (1)
nokhuseleko lomntu (e) no (2) (c).
13 Ubukhoboka, Ngokumayela nobukhoboka, nokusebenza
imbopheleleko, ngembophelelo.
nokusebenza
ngokunyanzelwa
28 Abantwana Ngokumayela: namacandelwana (1)(d) no
(e): namalungelo akumhlathana,woku (i)
nowesi (ii) wecandelwana (1) (g); kunye
necandelwana (1) (i) elimalunga
nabantwana abane -15 leminyaka
nobangaphantsi koko.
35 Abantu ababanjiweyo, Ngokumayela -namacandelwana (1) (a),
abavalelweyo (b) no(c) no (2) (d); -namalungelo
nababekwa izityholo akwimihlathi (a) ukuya ku (o)
yecandelwana (3), ngaphandle komhlathi
(d); - icandelwana (4); kunye -
neccandelwana (5) elimalunga
nokungasetyenziswa kobungqina ukuba
ukwamkelwa kobo bungqina kuya kubangela
ukuba ukuthethwa kwetyala kube nesheyi.
(6) Xa kuthe kwavalelwa umntu kungaxoxwanga tyala, oko ikukudlelelelwa kwamalungelo
okubangwe lumiselo lwemo yonxunguphalo, kufuneka kulandelwe le miqathango ilandelayo:
(a) Kufuneka kuqhagamshelwane nomntu omdala ongowakokwabo mvalelwa okanye omdala
ongumhlobo wakhe, kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka, axelelwe ukuba umntu lowo
uvalelwe (ngamapolisa).
(b) Kufuneka kupapashwe isaziso kwiGazethi kaRhulumente yesizwe kwithuba leentsuku
ezintlanu eselugcinweni lwamapolisa loo mntu, kuchazwe igama lomvalelwa nendawo avalelwe
kuyo futhi kuboniswe iimeko zonxunguphalo avalelwe phantsi kwazo loo mntu.
(c) Umvalelwa kufuneka avunyelwe azikhethele ugqirha, oya kumtyelela ngalo naliphi na
ixesha elifanelekileyo.
(d) Umvalelwa kufuneka avunyelwe azikhethele igqwetha, eliya kumtyelela ngalo naliphi na
ixesha elifanelekileyo.
(e) Makube kho inkundla eqwalasela olo valelo kwamsinya kangangoko kunokwenzeka,
kodwa zingedlulanga iintsuku ezili-10 emva komhla wokuvalelwa kwaloo mntu; inkundla
kufuneka imkhulule lowo uselugcinweni lwamapolisa, ngaphandle kokuba kusafuneka evalelwe
ukuze kubuyiselwe uxolo nocwangco.
(f) Umntu oselugcinweni lwamapolisa ongakhululwanga ngokohlengahlengiso phantsi
komhlathi (e), okanye ongakhululwanga ngokohlengahlengiso oluphantsi kwalo mhlathi, angafaka
isicelo enkundleni solunye uhlengahlengiso loko kuvalelwa kwakhe nanini na, emva kokudlula
kweentsuku ezili-10 emva kohlengahlengiso lwangaphambili; ke inkundla kufuneka imkhulule
umvalelwa lowo ngaphandle kokuba kusafuneka evalelwe ukuze kubuyiselwe uxolo nocwangco.
(g) Umvalelwa kufuneka avunyelwe avele buqu phambi kwayo nayiphi na inkundla eqwalasela
uvalelo lwakhe, amelwe ligqwetha koko kuvavanywa kwetyala, nokuba abeke izikhalazo malunga
nokuhlala evalelwe.
(h) Urhulumente kufuneka anike inkundla izizathu ezibhaliweyo ezixhasa ukuhlala evalelwe
loo mntu, futhi amnike umvalelwa ikopi yezo zizathu, ubuncinane, iintsuku ezimbini phambi
kokuba inkundla iqwalasele uvalelo olo.
(7) Ukuba inkundla ithe yamkhulula umvalelwa, loo mntu makangaphindi avalelwe kwangezaa
zizathu, ngaphandle kokuba urhulumente athi kuqala anike inkundla izizathu ezivakalayo
zokuphinda avalelwe loo mntu.
(8) Icandelwana (6) nelesi (7) awasebenzi kubantu abangengobemi bomZantsi Afrika
nabavalelwe ngenxa yongquzulwano ngezixhobo phakathi kwamazwe ngamazwe ehlabathi.
Endaweni yoko, urhulumente kufuneka athobele imiqathango ebophelela iRiphabliki phantsi
komthetho wamazwe ngamazwe wobuntu malunga nokuvalelwa kwabo bantu.
Ukusetyenziswa kwamalungelo
38. Nabani na odwelisiweyo kweli candelo unelungelo lokwenza isicelo kwinkundla
efanelekileyo, ebika ukuba ilungelo elithile elikwiBhili yamaLungelo laphulwe okanye libekwe
emngciphekweni; inkundla ke ingamnika uncedo olufanelekileyo, kubandakanywa nokumiselwa
kwamalungelo. Abantu abangenza izicelo enkundleni ngaba balandelayo -
(a) nabani na oneenjongo ezizezakhe;
(b) nabani na omele omnye umntu ongenakho ukuzimela yena ngegama lakhe;
(c) nabani na omele iqela elithile okanye udidi oluthile lwabantu, nokuba ungomnye wabo,
okanye ujonge ukubanceda;
(d) nabani na omele ukunceda uluntu;
(e) nombutho omele amalungu awo.
Ukucaciswa kweBhili yamaLungelo
39. (1) Xa icacisa iBhili yamaLungelo inkundla, isigqeba okanye iqonga elithile, kufuneka
-
(a) ikhuthaze izithethe ezixabisekileyo ezisisiseko sentlalo yoluntu olungenamfihlo
nolunedemokhrasi, lona lusekelwe kwisidima somntu, ukulingana nakwinkululeko;
(b) ithathele ingqalelo umthetho wamazwe ngamazwe ehlabathi; kanjalo
(c) ingathathela ingqalelo nomthetho wobudlelwane namazwe angaphandle.
(2) Xa icacisa nawuphi na umthetho, naxa iphuhlisa umthetho woluntu, okanye umthetho
wesintu, inkundla, isigqeba okanye iqonga elithile, kufuneka ikhuthaze umoya, neenjongo zeBhili
yamaLungelo.
(3) IBhili yamaLungelo ayiphikisani nobukho bawo nawaphina amanye amalungelo okanye
iinkululeko ezaziwayo okanye ezinikwa abantu ngumthetho woluntu, umthetho wesintu okanye
umthetho owiswe yindlu yowiso-mthetho kangangoko zihambisana neBhili le.
Isahluko 3
URhulumente weNtsebenziswano
URhulumente weRiphabliki
40. (1) KwiRiphabliki le, urhulumente wenziwe zizigaba zoburhulumente ezahlukeneyo,
ezixhomekeke esinye kwezinye, ezikwanxulumene, ezizezi: isigaba sorhulumente wesizwe,
esoorhulumente bamaphondo, sorhulumente weengingqi.
(2) Zonke izigaba zikarhulumente kufuneka zilandele, zinamathele kwimigqalisela ekwesi
Sahluko zize zenze imicimbi yazo zilawulwa zizikhokelo ezinikwa sesi Sahluko.
Imigqalisela yorhulumente wentsebenziswano nobudlelwane phakathi koorhulumente
41. (1) Zonke izigaba zikarhulumente, kunye nawo onke amaziko karhulumente kwisigaba
ngasinye, kufuneka -
(a) zigcine uxolo, umanyano lwesizwe kunye nokungahlula-hluleki kweRiphabliki le;
(b) ziqinisekise intlalo-ntle, yabantu beRiphabliki;
(c) zenzele iRiphabliki le iyonke uburhulumente obunemfezeko, obuzenzo ziselubala,
obunentembeko, nobunolungelelwano;
(d) zinyaniseke kumGaqo-siseko, kwiRiphabliki, nakubantu bayo;
(e) zihlonele inqanaba ngokomgaqo-siseko, amaziko, amagunya, nemisebenzi karhulumente
kwezinye izigaba, nto ezo zimiselwe ngumGaqo-siseko;
(f) zingathathi naliphi na igunya okanye umsebenzi ngaphandle kwamagunya okanye
imisebenzi ephathiswe zona ngokomGaqo-siseko;
(g) zisebenzise amagunya azo, zenze nemisebenzi yazo ngendlela engangeneleli kumhlaba,
kwimisebenzi okanye kwisidima samaziko orhulumente wesinye isigaba;
(h) zisebenzisane ngokuthembana nangokuthembeka -
(i) ngokukhuthaza ubuhlobo phakathi kwazo;
(ii) ngokuncedana nokuxhasana;
(iii) ngokuxelelana nokudlana indlebe ngemicimbi enomdla neluncedo ngokufanayo kuzo;
(iv) ngokunxibelelanisa izenzo nemithetho yazo;
(v) ngokuyibamba imigaqo-nkqubo ekuvunyelwene ngayo;
(vi) nangokuphepha ukuthathelana amanyathelo ezomthetho.
(2) UmThetho wePalamente kufuneka -
(a) useke okanye ubonelele ngemibutho namaziko okukhuthaza nokuqhubela phambili
ubudlelwane phakathi kwezigaba ezi zikarhulumente; kanjalo
(b) wenze kube kho iindlela ezifanelekileyo nemigaqo-nkqubo ekwanjalo yokwenza lula
ukusonjululwa kweembambano eziphakathi kwezigaba zikarhulumente.
(3) Iziko likarhulumente elibandakanyekayo kwimbambano ephakathi kwezigaba
zikarhulumente kufuneka lenze iinzame kangangoko zokusombulula imbambano leyo ngeendlela
kunye nemigaqo-nkqubo eyenzelwe oko, kwaye kufuneka lizame zonke ezinye iindlela phambi
kokuba lize kwinkundla ukuzokusombulula loo mbambano.
(4) Ukuba inkundla ayanelisekanga ukuba imimiselo yecandelwana (3) iphunyeziwe,
ingayibuyisela imbambano kuloo maziko karhulumente abeyichophele.
Isahluko 4
IPalamente
Ukuqulunqwa kwePalamente
42. (1) IPalamente yakhiwe -
(a) yiNdibano yesiZwe; kunye
(b) neBhunga lesiZwe lamaPhondo.
(2) INdibano yesiZwe kunye neBhunga lesiZwe lamaPhondo zithabatha inxaxheba kwinkqubo
yowiso-mthetho ngokwendlela ebekiweyo kumGaqo-siseko.
(3) INdibano yesiZwe inyulelwa ukumela abantu nokuqinisekisa urhulumente ophethwe
ngabantu phantsi kwalo mGaqo-siseko. Ikwenza oku ngokunyula uMongameli, ngokubonelela
ngeqonga lesizwe lokuqwalasela imicimbi ngokuphandle, ngokuwisa imithetho
nangokuphonononga nangokuba liliso kwinyathelo lokusebenziseka kwemithetho.
(4) IBhunga lesiZwe lamaPhondo limele amaphondo ukuqinisekisa ukuba imicimbi
yamaphondo iyaqwalaselwa kwisigaba sesizwe sikarhulumente. Likwenza oku ikakhulu
ngokuthabatha inxaxheba kwinkqubo yowiso-mthetho yesizwe nangokubonelela ngeqonga
lesizwe lokuqwalasela ngokuphandle imicimbi echaphazela amaphondo.
(5) UMongameli angayibiza iPalamente ukuba ihlangane kwindibano engeyoyesiqhelo ngalo
naliphi na ixesha ukuze kuqhutywe umcimbi othile.
(6) Indawo yokuhlangana kwePalamente iseKapa, kodwa umThetho wePalamente, owenziwe
ngokungqinelana necandelo 76(1) no-(5), ungagqiba ukuba le ndawo yokuhlangana
kwePalamente ibe kwenye indawo.
Igunya leRiphabliki lokuwisa imithetho
43. KwiRiphabliki, igunya lowiso-mthetho -
(a) kwisigaba sesizwe sikarhulumente lixakathiswe iPalamente, njengoko kubekiwe
kwicandelo 44;
(b) kwisigaba samaphondo sikarhulumente lixakathiswe indlu yowiso-mthetho yephondo,
njengoko kucasisiweyo kwicandelo 104; ize
(c) kwisigaba seengingqi sikarhulumente lixakathiswe amaBhunga ooMasipala, njengoko
kucaciswe kwicandelo 156.
Igunya lowiso-mthetho lesizwe
44. (1) Igunya lowiso-mthetho lesizwe elixakathiswe iPalamente -
(a) liphathisa iNdibano yesiZwe igunya -
(i) lokutshintsha umGaqo-siseko;
(ii) lokuwisa umthetho malunga nawo nawuphi na umbandela, kubandakanywa nombandela
okwindawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, kodwa kungabandakanywa, ngokulawulwa
licandelwana (2), umbandela okwiindawo zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 5; kanti
(iii) nelokuthi inike nawaphina kumagunya ayo owiso-mthetho kulo naliphi na iziko
lowiso-mthetho elikwesinye isigaba soburhulumente ngaphandle kweli lokutshintsha
umGaqo-siseko; kanjalo
(b) liphathisa iBhunga lesiZwe lamaPhondo igunya -
(i) lokuthabatha inxaxheba ekutshintsheni umGaqo-siseko, ngokungqinelana necandelo 74;
(ii) lokupasisa, ngokungqinelana necandelo 76, umthetho malunga nawo nawuphi na
umbandela okwindawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, kunye nayo nayiphi na enye into
ekufuneka ipasisiwe ngokomGaqo-siseko, ngokungqinelana necandelo 76;
(iii) nelokuqwalasela, ngokungqinelana necandelo 75, nawuphi na omnye umthetho opasiswe
yiNdibano yesiZwe.
(2) Ipalamente ingangenelela ngokuwisa umthetho, ngokungqinelana necandelo 76 (1),
kumcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 5, xa oko kufuneka ukuze -
(a) kugcinwe ukhuseleko lwesizwe;
(b) kugcinwe ubunye kwezoqoqosho;
(c) kugcinwe imigangatho yesizwe eyimfuneko;
(d) kusekwe imigangatho ekwelona nqwanqwa lisezantsi efunekayo ukuze kwenziwe iinkonzo
ezithile; okanye
(e) kuthintelwe inyathelo elingafanelekanga elithatyathwe liphondo elithile, nyathelo elo libeka
engozini ukulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe liphela.
(3) Kusenokuthi xa kufuneka kusetyenziswe ngokufezekileyo igunya elithile elichaphazela
umbandela okwiShedyuli 4, kwenziwe umthetho malunga nomcimbi othile, osuke wafuneka
kakhulwana okanye wazalwa kuko oku kusetyenziswa kwelaa gunya; loo mthetho uthathwa
njengomthetho omalunga nqo nombandela odweliswe kwiShedyuli 4.
(4) Xa isebenzisa igunya layo lezowiso-mthetho iPalamente ibotshelelwe kuphela
ngumGaqo-siseko, kwaye kufuneka isebenze ngokungqinelana nawo, futhi ingaphumi kwimida
ebekwa nguwo umGaqo-siseko.
Imigaqo nemiyalelo edibeneyo, neekomiti ezidibeneyo
45. (1) Kufuneka iNdibano yesiZwe kunye neBhunga lesiZwe lamaPhondo ziseke ikomiti
edibeneyo yemigaqo eza kwenza imigaqo nemimiselo emalunga nomsebenzi odibeneyo
weNdibano le neBhunga eli, kubandakanywa imigaqo nemimiselo -
(a) yokuqingqa iinkqubo zokwenza lula inkqubo yowiso-mthetho, kubandakanywa
ukumiselwa kwexesha lokugqiba naliphi na inyathelo laloo nkqubo;
(b) yokuseka iikomiti ezidibeneyo ezinamalungu angabameli abasuka kwiNdibano
nakwiBhunga nokunika abaza kuchophela, banike nengxelo, ngeeBhili ekuthethwa ngazo
kwicandelo 74 nele-75 ezithe zasiwa kule komiti;
(c) yokuseka ikomiti edibeneyo yokuqwalasela umGaqo-siseko, ubuncinane, rhoqo ngonyaka;
(d) neyokulawula imicimbi -
(i) yekomiti edibeneyo yemigaqo;
(ii) yeKomiti eLamlayo;
(iii) yekomiti yoqwalaselo lomGaqo-siseko; kunye
(iv) nazo naziphi na iikomiti ezidibeneyo ezisekwe ngokwemigaqo yomhlathi (b).
(2) Amalungu eKhabhinethi, amalungu eNdibano yesiZwe kunye nabathunywa kwiBhunga
lesiZwe lamaPhondo baneenyhweba neemo zokuvikeleka phambi kwekomiti edibeneyo yeNdibano
neBhunga ezifana nezo banazo phambi kweNdibano okanye phambi kweBhunga.
INdibano yesiZwe
Ukubunjwa nokunyulwa kwayo
46. (1) INdibano yesiZwe inamalungu angekho nganeno kuma-350 nangekho ngaphezulu
kuma-400 abasetyhini namadoda abanyulwe njengamalungu ngokwenkqubo yonyulo -
(a) emiselwe ngumthetho wesizwe;
(b) esekelwe kuluhlu olunye lwesizwe lwabavoti;
(c) emisela ubudala bokuvota obuli-18 leminyaka ubuncinane;
(d) nethi ke ngoko ibangele ukuba abantu bamelwe phantse ngokulinganayo, ngokubanzi.
(2) Kufuneka kube kho umThetho wePalamente omisela indlela yokuqingqa inani lamalungu
eNdibano yesiZwe.
Ubulungu (amalungu)
47. (1) Wonke ummi okufaneleyo ukuvotela INdibano yesiZwe unakho ukuba lilungu
leNdibano, ngaphandle -
(a) kwakhe nabani na oqeshwe ngurhulumente, okanye osebenzela urhulumente efumana
umvuzo ngoko kuqeshwa okanye loo msebenzi, kodwa ingenguye/ingengabo -
(i) uMongameli, uSekela-Mongameli, abaPhathiswa, namaSekela abaPhathiswa; kunye
(ii) nabanye ababambe izikhundla, abamisebenzi yabo ingangquzulaniyo nemisebenzi yelungu
leNdibano kwaye iqinisekiswe njengengangquzulaniyo naloo misebenzi ngomthetho wesizwe;
(b) kwabathunywa abasisigxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo okanye amalungu endlu
yowiso-mthetho yephondo okanye aweBhunga likaMasipala;
(c) kwabantu abanamatyala abangasenakukwazi ukuwabhatala;
(d) kwakhe nabani na oqinisekiswe yinkundla yamatyala yeRiphabliki ukuba akemanga
kakuhle engqondweni; okanye
(e) kwakhe nabani na othe, emva kokusebenza kweli candelo, wafunyaniswa enetyala
lokwaphula umthetho wagwetywa ithuba elingaphezulu kweenyanga ezili-12, wavalelwa
akwabizwa nefayini, apha kwiRiphabliki, okanye ngaphandle kweRiphabliki, xa ngaba isenzo eso
sokwaphulwa komthetho besiya kuthathwa njengokwaphulwa komthetho nalapha kwiRiphabliki,
kodwa akukho mntu omakathathwe njengosele egwetyiwe de sibe isibheno malunga
nokufunyanwa enetyala, okanye nesigwebo eso, sele siqwalaselwe, okanye lide ixesha lesibheno
libe liphelile. Ukungafaneleki phantsi kwalo mhlathi kuphela emva kweminyaka emihlanu eqale
emva kokugqitywa kwesigwebo.
(2) Umntu ongafanelekanga ukuba abe lilungu leNdibano yesiZwe ngokwecandelwana 1(a)
okanye (b) angazigqatsela iNdibano phantsi kosikelo-mda okanye kwemiqathango emiselwe
ngumthetho wesizwe.
(3) Umntu uyaphulukana nobulungu bakhe beNdibano yesiZwe ukuba loo mntu -
(a) akasafanelekanga; okanye
(b) akakho kwiNdibano ngaphandle kwemvume, oko kungabikho kusenzeka kwiimeko
zokuphulukana nobulungu ezimiselwe yimigaqo nemimiselo yeNdibano.
(4) Izithuba kwiNdibano yesiZwe kufuneka zivalwe ngokwemigaqo yomthetho wesizwe.
Isifungo okanye isingqiniso
48. Phambi kokuba amalungu eNdibano yesiZwe aqale ukwenza imisebenzi yawo
kwiNdibano, kufuneka afunge okanye enze isingqiniso sokuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela
umGaqo-siseko, ngokungqinelana noShedyuli 2.
Ubungakanani bexesha lokusebenza kweNdibano yesiZwe
49. (1) INdibano yesiZwe inyulelwa ithuba lokusebenza eliyiminyaka emihlanu.
(2) Ukuba iNdibano yesiZwe ichithiwe ngokwecandelo 50; okanye xa kuphela ixesha layo,
kufuneka uMongameli athi ngesihlokomiso, abize unyulo, abeke nemihla yalo, ekufuneka lubekho
zingaphelanga iintsuku ezingama-90, ukusuka kulo mhla wokuchithwa kweNdibano okanye
wokuphela kwexesha lokusebenza kwayo.
(3) Ukuba iziphumo zonyulo lweNdibano azibhengezwanga ngeli xesha limiswe
ngokwecandelo 190, okanye ukuba unyulo lubekelwe bucala yinkundla, kufuneka uMongameli
athi ngesihlokomiso, abize olunye unyulo, abeke nemihla yalo, nyulo olo kufuneka lubekho
zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukusuka kuloo mhla wokuphela kwelo xesha okanye ukusuka
kumhla olwabekelwa bucala ngawo unyulo.
(4) INdibano yesiZwe ihlala ikulungele ukusebenza ukususela kwixesha lokuchithwa kwayo
okanye lokuphela kwexesha layo lokusebenza kude kube lusuku oluphambi kosuku lokuqala
lonyulo lweNdibano elandelayo.
Ukuchithwa kweNdibano yesiZwe phambi kokuphela kwethuba layo lokusebenza
50. (1) UMongameli kufuneka ayichithe iNdlu yeNdibano yesiZwe ukuba -
(a) iNdibano ithabathe isigqibo sokuba mayichithakale, esixhaswe yivoti yesininzi samalungu
ayo; naxa
(b) iminyaka emithathu sele idlule ukususela ekubeni yanyulwayo iNdibano le.
(2) IBambela likaMongameli kufuneka liyichithe iNdibano yesiZwe ukuba -
(a) kukho isithuba kwisikhundla sikaMongameli; kwaye
(b) iNdibano ayide inyule uMongameli omtsha ngethuba elikwiintsuku ezingama-30 emva
kokuba sivelile eso sithuba.
Amaxesha okuhlangana nawokungahlangani
51. (1) Ukuhlangana kweNdibano yesiZwe okokuqala emva konyulo kufuneka kwenzeke
ngexesha nangomhla omiselwe nguMongameli weNkundla yomGaqo-siseko, kodwa kungabi
semva kweentsuku ezili-14 emva kokuba zibhengeziwe iziphumo zonyulo. INdibano yesiZwe
ingamisela ixesha lokuhlangana, nobungakanani bamanye amaxesha ayo okuhlangana
nawokungahlangani.
(2) UMongameli angathi abize iNdibano yesiZwe ukuba ize ekuhlanganeni okungesosiqhelo
nangaliphi na ixesha, iqwalasele imicimbi eyodwa.
(3) Iindibano zeNdibano yesiZwe zivumelekile ukuba zibe kwezinye iindawo ezingeyiyo le
yesiqhelo yokuhlanganela kwePalamente kuphela ngenxa yezi zizathu zilandelayo kuphela:
ukulungelwa kukawonke-wonke, ukhuseleko, okanye ukwenza izinto zibe lula, naxa ivumeleka
loo nto ngokwemigaqo nemiyalelo yeNdibano.
USomlomo noSekela-somlomo
52. (1) Ekuhlanganeni kwayo okokuqala emva kokunyulwa, okanye xa kufuneka kuvalwe
isithuba, iNdibano yesiZwe kufuneka inyule uSomlomo kunye noSekela-Somlomo wayo, phakathi
kwamalungu ayo.
(2) UMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka ongamele ukunyulwa
kukaSomlomo, okanye acele enye ijaji ukuba yenze oko. USomlomo yena wongamela unyulo
lukaSekela-Somlomo.
(3) Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 usebenza ekunyulweni
kukaSomlomo noSekela-Somlomo.
(4) INdibano yesiZwe ingamsusa uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wayo esikhundleni
ngokwesigqibo. Kufuneka sibe kho isininzi samalungu eNdibano xa kuthatyathwa esi sigqibo.
(5) Ngokokwemigaqo nemiyalelo yayo, iNdibano yesiZwe inganyula phakathi kwamalungu
ayo amanye amagosa okongamela ukuncedisa uSomlomo kunye noSekela-Somlomo.
Izigqibo
53. (1) Ngaphandle kwalapho umGaqo-siseko unika mmiselo wumbi -
(a) kufuneka kube kho isininzi samalungu eNdibano yesiZwe phambi kokuba kuvotelwe iBhili
okanye utshintsho kwiBhili;
(b) isinye kwisithathu samalungu ubuncinane, kufuneka sibe khona phambi kokuba kuvotelwe
nawuphi na umcimbi ongomnye, kwiNdibano; kwaye
(c) yonke imicimbi ephambi kweNdibano kufuneka igqitywe ngesininzi senani leevoti
ezivotiweyo.
(2) Ilungu leNdibano yesiZwe elongameleyo kwintlanganiso yeNdibano alinavoti yengxoxo,
kodwa -
(a) kufuneka lenze ivoti yesigqibo xa inani leevoti lilingana macala omabini kuloo micimbi;
(b) lingafaka ivoti enika icala xa isigqibo emasenziwe malunga nomcimbi othile kufuneka
sixhaswe yivoti yamalungu eNdibano asisibini kwisithathu, ubuncinane.
Amalungelo amalungu athile eKhabinethi kwiNdibano yesiZwe
54. UMongameli nalo naliphi na ilungu leKhabinethi elingelolungu leNdibano yesiZwe
bangaya, futhi bathethe, kwiNdibano, kodwa abangevoti.
Amagunya eNdibano yesiZwe
55. (1) Xa isebenzisa igunya layo lowiso-mthetho, iNdibano yesiZwe ingathi -
(a) iqwalasele, ipasise, itshintshe okanye ikhabe nawuphi na umthetho ophambi kweNdibano
le; kanjalo
(b) iqalise okanye ilungise umthetho, ngaphandle kweeBhili zemali.
(2) INdibano yesiZwe kufuneka imisele iindlela -
(a) zokuqinisekisa ukuba onke amaziko alawulayo karhulumente kwisigaba sesizwe
sikaRhulumente athembekile kuyo;
(b) nezokugada -
(i) ukusetyenziswa kwegunya lesizwe lolawulo oluphezulu, kubandakanywa ukwenziwa
komthetho usebenze;
(ii) nalo naliphi na iziko likarhulumente.
Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kweNdibano yesiZwe
56. INdibano yesiZwe nayo nayiphi na kwiikomiti zayo -
(a) ingabiza nawuphi na umntu ukuba avele kuyo aze kunika ubungqina ngesifungo okanye
isingqiniso okanye aze kuveza amaxwebhu athile;
(b) ingafuna ukuba nawuphi na umntu okanye iziko anike ingxelo kuyo;
(c) ingathi ngokomthetho wesizwe okanye ngokwemigaqo nemiyalelo, inyanzele nawuphi na
umntu okanye iziko ukuba athobele oko kubizwa okanye loo nto ifunwa kuye ngokomhlathi (a)
okanye (b); kananjalo
(d) ingamkela iipetishini, imibiko yemicimbi ethile okanye imicimbi ebhaliweyo evela kubo
nabaphi na abantu abanomdla okanye amaziko anomdla.
Imicimbi yangaphakathi, iingxoxo nemigaqo-nkqubo yeNdibano yesiZwe
57. (1) INdibano yesiZwe -
(a) ingamisela ize ilawule imicimbi yayo yangaphakathi, iingxoxo nemigaqo-nkqubo; kanjalo
(b) ingenza imigaqo nemiyalelo mayela nemicimbi yayo, kodwa kuthathelwa ingqalelo inkqubo
yedemokhrasi ebandakanya ilungelo lokuba nabameli, nelokuthatha inxaxheba, ukuthembeka,
ukwenza izinto elubala, kunye nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
(2) Imigaqo nemiyalelo yeNdibano yesiZwe kufuneka inike isikhokelo -
(a) sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zayo, ndawonye nokumisela amagunya azo,
nemisebenzi yazo, nemigaqo-nkqubo yazo, kwanobungakanani bexesha lobukho bazo iikomoti
ezo;
(b) sokuthi onke amaqela ezopolitiko amancinane amelweyo kwiNdibano athabathe inxaxheba
kwiingxoxo zeNdibano nezeekomiti zayo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi;
(c) sokuthi kuncediswe, ngezemali nezolawulo, iqela ngalinye elimelweyo kwiNdibano
ngokobungakanani bokumelwa kwalo, ukuze iqela ngalinye nenkokeli yalo libe nako ukuyenza
imisebenzi yalo kwiNdibano ngokunemfezeko; kunye
(d) nesokuyivuma inkokeli yelona qela likhulu kwaphikisayo kwiNdibano njengeNkokeli
yeQela eliPhikisayo.
Inyhweba
58. (1) Amalungu eKhabinethi namalungu eNdibano yesiZwe -
(a) anenkululeko yokuthetha kwiNdibano nakwiikomiti zayo, phantsi kolawulo lwemigaqo
nemiyalelo yayo; kwaye
(b) awafanele ukuba afakwe ematyaleni embambano nawolwaphulo-mthetho, okanye abanjwe,
okanye avalelwe entolongweni, okanye amangalelwe/ahlawuliswe/adliwe ngenxa
(i) yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo okanye ayingenisileyo, kwiNdibano okanye
kuyo nayiphi na kwiikomiti zayo; okanye ngenxa
(ii) yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo,
okanye ayingenisileyo, kwiNdibano okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zayo.
(2) Ezinye iinyhweba neendlela zokuvikeleka kweNdibano yesiZwe, amalungu eKhabinethi
namalungu eNdibano zingamiselwa ngomthetho wesizwe.
(3) Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu eNdibano yesiZwe ziindleko ngqo
zeNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe.
Ukufikelela nokuthabatha inxaxheba kwabantu kwiNdibano yesiZwe
59. (1) INdibano yesiZwe kufuneka -
(a) yenze kube lula ukuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwinkqubo yowiso-mthetho
nakwezinye iinkqubo zeNdibano neekomiti zayo; kanjalo
(b) iqhube imicimbi yayo ngendlela eselubala, ibambe iintlanganiso zayo kunye nezo zeekomiti
zayo elubala; kodwa asengathatyathwa amanyathelo afanelekileyo -
(i) okulawula ukungena kukawonke-wonke, kanye nokungena koonondaba, kwiNdibano
nakwiikomiti zayo;
(ii) nawokwenza ukuba kusetshwe nawuphi na umntu, nawokuthi, apho kufanelekileyo,
kungavunywa ukuba umntu angene, nokuba ungubani na, okanye akhutshwe nawuphi na umntu.
(2) INdibano yesiZwe ayinakho ukumvalela uwonke-wonke, kubandakanywa noonondaba,
kwintlanganiso yekomiti ngaphandle kokuba kufanelekile futhi kunezizathu ukuyenza loo nto
phakathi koluntu olusebenza elubala nolunedemokhrasi.
IBhunga lesiZwe lamaPhondo
Ukwakhiwa kweBhunga lesiZwe
60. (1) IBhunga lesiZwe lakhiwe ligqiza elinye labathunywa bephondo ngalinye;
abathunywa abo bephondo ngalinye bona balishumi.
(2) Aba bathunywa balishumi ngaba -
(a) abathunywa abane ababodwa abangaba -
(i) iNkulumbuso yephondo okanye, ukuba iNkulumbuso ayifumaneki, naliphi na ilungu lendlu
yowiso-mthetho yephondo elityunjwe yiNkulumbuso lizele yonke imicimbi okanye lizele ukwenza
nawuphi na umcimbi owodwa ophambi kweBhunga lesiZwe lamaPhondo;
(ii) nabanye abathunywa abathathu ababodwa; kunye
(b) nabathunywa abathandathu abasisigxina abatyunjwe ngokwecandelo 61 (2)
(3) INkulumbuso yephondo ikhokela igqiza labathunywa bephondo layo; ukuba ke ayikho
yona, kukhokela ilungu elityunjwe yiNkulumbuso, elikweli gqiza.
Ukwabiwa kwabathunywa
61. (1) Amaqela amelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo anelungelo lokuba
nabathunywa kwigqiza lephondo lawo ngendlela engqinelana nendlela ecaciswe kwiSahlulo B
seShedyuli 3.
(2) Kufuneka kuthi zingekapheli iintsuku ezingama-30 emva kokuba kubhengezwe iziphumo
zonyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo, indlu yowiso-mthetho le -
(a) igqibe, ngendlela engqinelana nomthetho wesizwe, ukuba bangaphi na abathunywa beqela
ngalinye abaya kuba ngabathunywa abasisigxina nokuba bangaphi abaya kuba ngabathunywa
ababodwa; ize
(b) ityumbe abathunywa abasisigxina ngokwamagama aphakanyisiweyo ngamaqela lawo.
(3) Umthetho wesiZwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (2) (a) kufuneka uqinisekise
ukuthatha inxaxheba kwamaqela amancinci kuzo zozibini iziqendu ezakha igqiza labathunywa,
ezizezi: isiqendu sabathunywa abasisigxina, nesabathunywa ababodwa, ngendlela engqinelana
nedemokhrasi.
(4) Indlu yowiso-mthetho, ngokuvumelana kweNkulumbuso kunye neenkokeli zamaqela
anelungelo lokuba nabathunywa ababodwa kwigqiza labathunywa lePhondo elo, kufuneka
ityumbe abathunywa ababodwa, njengokuba kufuneka kumaxesha ngamaxesha, phakathi
kwamalungu endlu yowiso-mthetho.
Abathunywa abasisigxina
62. (1) Umntu otyunjwe njengomthunywa osisigxina kufuneka akufanele ukuba lilungu
lendlu yowiso-mthetho yephondo.
(2) Ukuba umntu olilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo utyunjwe wangumthunywa
osisigxina, loo mntu uyayeka ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho.
(3) Abathunywa abasisigxina batyunjelwa ithuba eliphela kanye phambi kwendibano yokuqala
yendlu yowiso-mthetho yephondo emva konyulo lwayo olulandelayo.
(4) Umntu uyayeka ukuba ngumthunywa osisigxina ukuba loo mntu -
(a) akasakufanele ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngenxa yaso nasiphina
isizathu ngaphandle kokutyunjelwa ukuba ngumthunywa osisigxina;
(b) uye waba lilungu leKhabhinethi;
(c) uphelelwe kukuthenjwa yindlu yowiso-mthetho yephondo, laza iqela elalimkhethile loo
mntu lathi makabuye;
(d) uyayeka ukuba lilungu leqela elalimkhethile lize ke iqela elo lithi makabuye; okanye
(e) akabi kho kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, engenamvume yokungabi kho, kwiimeko
apho imigaqo nemiyalelo yeBhunga imisela ukuba umntu owenjenjalo aphulukane nesikhundla
sokuba ngumthunywa osisigxina.
(5) Izithuba phakathi kwabathunywa abasisigxina kufuneka zivalwe ngokwemigaqo
yomthetho wesizwe.
(6) Phambi kokuba abathunywa abasisigxina baqalise ukwenza imisebenzi yabo kwiBhunga
lesiZwe lamaPhondo, kufuneka bafunge okanye benze isingqiniso sokunyaniseka kwiRiphabliki
nokuthobela umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Ukuhlala kweBhunga lesiZwe (Amathuba okuhlala eBhunga lesiZwe)
63. (1) IBhunga lesiZwe lamaPhondo lingalimisela ixesha lokuba neendibano zalo,
nobungakanani belo xesha, kwanamathuba alo iBhunga okungahlangani.
(2) UMongameli angalibizela ukuhlala okungesosiqhelo iBhunga lesiZwe lamaPhondo
nangaliphina ixesha ukuza kwenza umsebenzi owodwa.
(3) Iindibano zeBhunga lesiZwe lamaPhondo zivumeleke ukuba zibe kwezinye iindawo
ezingeyiyo le yesiqhelo yePalamente phantsi kwezi zizathu zilandelayo kuphela: ukulungelwa
kukawonke-wonke, ukhuseleko, okanye ukwenza izinto/iimeko zibe lula; nalapho ukuba
kwimigaqo nemiyalelo yeBhunga kukho indawo eyivumelayo loo nto.
USihlalo nooSekela-Sihlalo
64. (1) IBhunga lesiZwe lamaPhondo kufuneka linyule uSihlalo kunye nooSekela-Sihlalo
ababini phakathi kwabathunywa.
(2) USihlalo nomnye waba Sekela-Sihlalo banyulwa phakathi kwabathunywa abasisigxina,
benyulelwa ithuba leminyaka emihlanu, ngaphandle kokuba ithuba labo lobuthunywa liphela
ngaphambi koko.
(3) Omnye lo uSekela-Sihlalo unyulelwa ithuba lonyaka omnye, kwaye endaweni yakhe
kufuneka kungene umthunywa ovela kwelinye iphondo, ukuze onke amaphondo abe nethuba
lokumelwa.
(4) UMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka achophele unyulo lukaSihlalo,
okanye atyumbe enye ijaji ukuba yenze oko. USihlalo yena uchophela unyulo looSekela-Sihlalo.
(5) Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 usebenza kunyulo lukaSihlalo
kunye nooSekela-Sihlalo.
(6) IBhunga lesiZwe lamaPhondo lingamsusa uSihlalo okanye uSekela-Sihlalo esikhundleni.
(7) Ngokwemigaqo nemimiselo yalo, iBhunga lesiZwe lamaPhondo linganyula amanye
amagosa okongamela ukuze ancedise uSihlalo nooSekela-sihlalo.
Izigqibo
65. (1) Ngaphandle kwalapho umGaqo-siseko uthetha enye into -
(a) iphondo ngalinye linevoti enye, evotwa egameni lephondo elo yintloko yegqiza lalo;
kanjalo
(b) yonke imicimbi ephambi kweBhunga lesiZwe lamaPhondo kuvunyelwana ngayo ngevoti
evumayo yamaphondo amahlanu, ubuncinane.
(2) Kufuneka kube kho umThetho wePalamente owenziwe ngokungqinelana nenkqubo
emiselwe licandelwana loku-(1) okanye elesi-(2) lecandelo 76, mThetho lowo omawunike
umgaqo-nkqubo ofanayo eziya kuthi izindlu zowiso-mthetho zamaphondo zilandele wona ukunika
igunya kumagqiza azo lokuba amagqiza la avote egameni lazo.
Ukuthabatha inxaxheba kwamalungu esigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu
66. (1) Amalungu eKhabinethi kunye nooSekela baPhathiswa bangaya, futhi bathethe
kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, kodwa bangavoti.
(2) IBhunga lesiZwe lamaPhondo lingafuna ukuba ilungu leKhabinethi, uSekela-Mphathiswa
okanye igosa elikwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu okanye sephondo, liye kwintlanganiso
yeBhunga okanye yekomiti yeBhunga eli.
Ukuthabatha inxaxheba kwabameli borhulumente weengingqi
67. Abameli abangekho ngaphezu kweshumi, abasebenza ixeshana, abatyunjwe ngurhulumente
weengingqi oqingqiweyo, ngokwecandelo 163, ukumela iindidi ngeendidi zoomasipala,
bangathabatha inxaxheba xa kuyimfuneko kwiingxoxo zeBhunga lesiZwe lamaPhondo, kodwa
bangavoti.
Amagunya eBhunga lesiZwe
68. Ekusebenziseni igunya lalo lezowiso-mthetho, iBhunga lesiZwe lamaPhondo lingathi -
(a) liqwalasele, lipasise, litshintshe, licebise ngeendawo emazitshintshwe, okanye liwukhabe
nawuphi na umthetho ophambi kweBhunga, ngokungqinelana nesi Sahluko; kanjalo
(b) liqalise okanye lilungise umthetho okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4,
okanye omnye umthetho okhankanywe kwicandelo 76(3), kodwa alingeqalisi okanye lilungise
iiBhili zemali.
Ubungqina okanye iinkcukacha phambi kweBhunga lesiZwe
69. IBhunga lesiZwe lamaPhondo okanye nayiphi na kwiikomiti zalo -
(a) lingambiza nawuphi na umntu ukuba avele phambi kwalo anike ubungqina ngesifungo
okanye ngesingqiniso okanye aveze amaxwebhu;
(b) lingafuna ukuba naliphi na iziko okanye nawuphi na umntu anike ingxelo kulo;
(c) lingamnyanzela, ngokomthetho wesizwe okanye ngokwemigaqo nemiyalelo, nawuphi na
umntu okanye naliphi na iziko ukuba athobele isamani ethile, okanye iimfuneko ezithile
ngokomhlathi (a) okanye (b); kanjalo
(d) lingamkela iipetishini, imibiko yemicimbi okanye imicimbi ebhaliweyo ezisuka kubo
nabaphi na abantu abafuna ukuzizisa, okanye amaziko anomdla wokwenjenjalo.
Imicimbi yangaphakathi, iingxoxo, neenkqubo zeBhunga lesiZwe
70. (1) IBhunga lesiZwe lamaPhondo -
(a) lingamisela lize lilawule, imicimbi yalo yangaphakathi, iingxoxo neenkqubo; kanjalo
(b) lingenza imigaqo nemiyalelo mayela nemicimbi yalo, kuthathelwa ingqalelo inkqubo
yedemokhrasi ebandakanya ilungelo lokuba nabameli nelokuthabatha inxaxheba, ukuthembeka,
ukwenza izinto elubala, nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
(2) Imigaqo nemiyalelo yeBhunga lesiZwe lamaPhondo kufuneka inike isikhokelo -
(a) sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zalo, ndawonye nokumisela amagunya azo,
imisebenzi yazo, imigaqo-nkqubo yazo, kwanobungakanani bexesha lobukho bazo;
(b) sokuthabatha inxaxheba kwawo onke amaphondo kwiingxoxo zalo iBhunga ngendlela
engqinelana nedemokhrasi; kanjalo
(c) nesokuthi onke amaqela ezopolitiko amancinane amelweyo kwiBhunga eli athabathe
inxaxheba kwiingxoxo zalo iBhunga, nezeekomiti zalo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi,
nanini na kukho umcimbi ekufuneka kwenziwe isigqibo ngawo ngokwecandelo 75.
Inyhweba
71. (1) Abathunywa kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, nabantu abaxelwe kwicandelo 66
nelama 67 -
(a) banenkululeko yokuthetha kwiBhunga nakwiikomiti zalo, phantsi kolawulo lwemigaqo
nemiyalelo yalo; kwaye
(b) abafanele ukuba bafakwe ematyaleni embambano nawolwaphulo-mthetho okanye
babanjwe, okanye bavalelwe entolongweni okanye bamangalelwe/bahlawuliswe/badliwe ngenxa
-
(i) yayo nayiphi na into abayithethileyo, abayivezileyo, okanye abayingenisileyo kwiBhunga
okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zalo; okanye ngenxa
(ii) yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into abayithethileyo,
abayivezileyo, okanye abayingenisileyo kwiBhunga okanye kuyo nayiphi na kwiikomiti zalo.
(2) Ezinye iinyhweba nokunye ukuvikeleka kweBhunga lesiZwe, lamaPhondo,
nokwabathunywa kwiBhunga nokwabantu abakhankanywe kwicandelo 66 nelama-67,
kungamiselwa ngumthetho wesizwe.
(3) Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu asisigxina eBhunga lesiZwe
lamaPhondo ziindleko ngqo zeNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe.
Ukufikelela nokuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwiBhunga lesiZwe
72. (1) IBhunga lesiZwe lamaPhondo kufuneka -
(a) lenze kube lula ukuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwinkqubo yowiso-mthetho
nakwezinye iinkqubo zeBhunga kunye nezeekomiti zalo; kanjalo
(b) liqhube imicimbi yalo ngendlela eselubala, lithi amathuba alo okuhlala, nalawo eekomiti
zalo, liwenzele elubala, kodwa amanyathelo afanelekileyo angathatyathwa -
(i) okulawula ukungena kukawonke-wonke, kanye nokungena koonondaba kwiBhunga
nakwiikomiti zalo;
(ii) nawokulungiselela ukusetshwa kwakhe nawuphi na umntu nokuthi, apho kufanelekileyo,
angavunyelwa angene, okanye akhutshwe nawuphi na umntu.
(2) IBhunga lesiZwe lamaPhondo malingamvaleli uwonke-wonke, kubandakanywa
noonondaba, kwintlanganiso yekomiti ethile, ngaphandle kokuba kufanelekile kwaye kukho
isizathu zokwenjenjalo kuluntu olungafihlisi nto nolunedemokhrasi.
Inkqubo yoWiso-mthetho yesiZwe
Zonke iiBhili
73. (1) Nayiphina iBhili ingangeniswa kwiNdibano yesiZwe.
(2) Kuphela lilungu leKhabinethi okanye uSekela-mPhathiswa, okanye ilungu okanye ikomiti
yeNdibano emayingenise iBhili kwiNdibano; kodwa lilungu leKhabinethi elijongene nemicimbi
yezemali yesizwe lodwa emalingenise iBhili yemali kwiNdibano.
(3) IBhili ekhankanywe kwicandelo 76(3), kodwa engeyiyo eyemali, ingangeniswa kwiBhunga
lesiZwe lamaPhondo.
(4) Kuphela lilungu okanye ikomiti yeBhunga lesiZwe lamaPhondo elingangenisa iBhili
kwiBhunga eli.
(5) IBhili epasiswe yiNdibano yesiZwe kufuneka isiwe kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo,
ukuba kufuneka iBhunga liyiqwalasele. IBhili epasiswe liBhunga kufuneka isiwe kwiNdibano.
IiBhili ezitshintsha umGaqo-siseko
74. (1) Icandelo loku-1 kwakunye neli candelwana angatshintshwa ngeBhili epasiswe -
(a) yiNdibano yesiZwe, exhaswe yivoti efikileyo kuma-75 eepesenti amalungu ayo, ubuncinci;
(b) naliBhunga lesiZwe lamaPhondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu ubuncinane.
(2) Isahluko 2 singatshintshwa yiBhili epasiswe -
(a) yiNdibano yesiZwe, exhaswe yivoti, ubuncinci, esisibini kwisithathu samalungu ayo;
(b) naliBhunga lesiZwe lamaphondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu, ubuncinci.
(3) Nawuphi na omnye ummiselo womGaqo-siseko ungatshintshwa yiBhili epasiswe -
(a) yiNdibano yesiZwe, ixhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinci;
(b) naliBhunga lesiZwe lamaPhondo, ixhaswe yivoti yamaphondo amathandathu ubuncinci,
ukuba utshintsho olo -
(i) lumayela nomcimbi ochaphazela iBhunga eli;
(ii) luguqula imida, amagunya, imisebenzi okanye amaziko amaphondo; okanye
(iii) lutshintsha ummiselo ochaphazela ngqo umcimbi ongowamaphondo.
(4) IBhili etshintsha umGaqo-siseko mayingaquki nemimiselo engezonguqulo
zomGaqo-siseko namicimbi idibene neenguqulo ezo.
(5) Kwisithuba samashumi amathathu 30 eentsuku, ubuncinci, phambi kokuba iBhili etshintsha
umGaqo-siseko ngokwecandelo 73 (2) ingenisiwe, umntu lowo okanye ikomiti leyo inenjongo
yokuyingenisa kufuneka -
(a) ipapashe, kwiGazethi yoRhulumente wesiZwe nangokwemigaqo nemiyalelo yeNdibano
yesiZwe, iinkcukacha zotshintsho olo lucetywayo ukuze zihlalutywe nguwonke-wonke;
(b) ise ezi nkcukasha, ngokwemigaqo nemiyalelo yeNdibano, kwizindlu zowiso-mthetho
zamaphondo ukuze zona zivakalise izimvo zazo; kanjalo
(c) ise ezi nkcukacha, ngokwemigaqo nemiyalelo yeBhunga lesiZwe lamaPhondo, kweli
Bhunga ukuze kuxoxwe ngazo ngokuphandle, ukuba olu tshintsho lupoposhwayo asilolutshintsho
kufuneka lupasiswe liBhunga eli.
(6) Xa kungeniswa iBhili etshintsha umGaqo-siseko, loo mntu okanye loo komiti iyingenisayo
loo Bhili kufuneka ize kunye nazo naziphi na izimvo ezibhaliweyo ezivela ebantwini nakwizindlu
zowiso-mthetho zamaphondo, azinike-
(a) uSomlomo ukuze azandlale kwiNdibano yesiZwe;
(b) nakuSihlalo weBhunga lesiZwe lamaPhondo, ukuba lutshintsho ekuthethwa ngalo
kumacandelwana (1), (2) okanye (3)(b), ukuze azandlale kwiBhunga elo.
(7) IBhili etshintsha umGaqo-siseko mayingavotelwa kwiNdibano yesiZwe kwisithuba sama-
30 eentsuku -
(a) ingenisiwe, ukuba iNdibano ihlangene ngeli xesha ingeniswayo iBhili leyo; okanye
(b) yandllw kwiNdibano, ukuba iNdibano ikwixesha lokungahlangani ngeli xesha
ingeniswayo iBhili leyo.
(8) Ukuba iBhili ekuthethwa ngayo kwicandelwana (3) (b), okanye nayiphi na inxalenye
yeBhili le, iphathelele kwiphondo elithile okanye kumaphondo athile kuphela, iBhunga lesiZwe
lamaPhondo malingayipasisi loo Bhili, okanye loo nxalenye yayo ichaphazelekayo, ngaphandle
kokuba ivunyiwe yindlu yowiso-mthetho yelo phondo okanye zizindlu zowiso-mthetho zaloo
maphondo iphathelene nawo.
(9) IBhili etshintsha umGaqo-siseko epasisiweyo yiNdibano yesiZwe, naliBhunga lesiZwe
lamaPhondo, apho lingena khona, kufuneka ithunyelwe kuMongameli ukuze ayivume.
IiBhili - Nje ezingawachaphazeliyo amaphondo
75. (1) Xa iNdibano yesiZwe ipasisa iBhili engeyiyo iBhili ekusebenza kuyo
umGaqo-nkqubo ocaciswe kwicandelo 74 okanye 76, iBhili leyo kufuneka ibhekiswe kwiBhunga
lesiZwe lamaPhondo ukuze kujongwane nayo ngokungqinelana nalo mGaqo-nkqubo ulandelayo:
(a) IBhunga kufuneka -
(i) liyipasise iBhili; okanye
(ii) liyipasise iBhili phantsi kwezilungiso eziphakanyiswa yiyo; okanye
(iii) liyikhabe iBhili.
(b) Ukuba iBhunga liyayipasisa iBhili ngaphandle kokuphakamisa utshintsho, iBhili leyo
mayisiwe kuMongameli ukuze ayivume.
(c) Ukuba iBhunga liyayipasisa iBhili kodwa liyitshintshile, iNdibano kufuneka iyiqwalasele
le Bhili kwakhona, ithathele ingqalelo nasiphi na isilungiso esiphakanyiswa liBhunga; ingathi ke
-
(i) iyipasise iBhili kwakhona, inezilungiso okanye ingenazilungiso; okanye
(ii) igqibe ukuba ingaqhubeli phambili ngeBhili.
(d) IBhili epasiswe yiNdibano ngokomhlathi (c) kufuneka ithunyelwe kuMongameli ukuze
ayivume.
(2) Xa iBhunga lesiZwe lamaPhondo livota ngomcimbi othile ngokweli candelo, icandelo 65
alisebenzi; endaweni yoko -
(a) umthunywa ngamnye kwigqiza lephondo ngalinye unevoti enye;
(b) ubuncinci, isinye kwisithathu sabathunywa kufuneka sibe khona phambi kokuba kuvotwe
ngaloo mcimbi;
(c) umcimbi kugqitywa ngawo ngesininzi seevoti ezenziweyo, kodwa ukuba kukho inani
elilinganayo leevoti kwicala ngalinye lalo mcimbi, umthunywa ochopheleyo kufuneka afake ivoti
eyahlulayo.
IiBhili - Nje eziwachaphazelayo amaphondo
76. (1) Xa iNdibano yesiZwe ipasisa iBhili ekubhekiswa kuyo kwicandelwana (3), (4)
okanye elesi (5) iBhili leyo kufuneka ibhekiswe kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo kuze
kujongwane nayo ngokungqinelana nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a) IBhunga kufuneka -
(i) liyipasise iBhili;
(ii) lipasise iBhili etshintshiweyo; okanye
(iii) liyikhabe iBhili.
(b) Ukuba iBhunga liyayipasisa iBhili leyo ngaphandle kotshintsho, iBhili leyo kufuneka
ithunyelwe kuMongameli ukuze ayamkele.
(c) Ukuba iBhunga lipasisa iBhili enotshintsho, iBhili leyo inotshintsho kufuneka ithunyelwe
kwiNdibano, ukuba iNdibano iyayipasisa iBhili leyo itshintshiweyo, kufuneka ithunyelwe
kuMongameli ukuze ayamkele.
(d) Ukuba iBhunga liyayikhaba iBhili, okanye ukuba iNdibano iyala ukuyipasisa iBhili
etshintshiweyo yaza yeziswa kuyo ngokomhlathi (c), iBhili leyo, neBhili etshintshiweyo, xa
ikhona, kufuneka zithunyelwe kwiKomiti eLamlayo, enokuvuma -
(i) iBhili njengoko ipasiswe yiNdibano;
(ii) iBhili etshintshiweyo epasiswe liBhunga; okanye
(iii) iBhili le, ibekwe ngolunye uhlobo.
(e) Ukuba iKomiti eLamlayo ayinakho ukuvumelana neBhili le ngeentsuku ezingama-30
ukususela mhla iBhili yeziswa kuyo, iBhili iyaphelelwa ngaphandle kokuba iNdibano iyipasise
kwakhona iBhili, kodwa ngokuxhaswa yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinane.
(f) Ukuba iKomiti eLamlayo ivumelana neBhili njengokuba ipasiswe yiNdibano, iBhili
kufuneka ibhekiswe kwiBhunga; ukuba ke iBhunga liyayipasisa iBhili, iBhili le kufuneka
ithunyelwe kuMongameli ukuze ayamkele.
(g) Ukuba iKomiti eLamlayo iyavumelana neBhili elungisiweyo njengoko ipasiswe liBhunga,
iBhili kufuneka ibhekiswe kwiNdibano; ukuba ipasisiwe yiNdibano, kufuneka ithunyelwe
kuMongameli ukuze ayamkele.
(h) Ukuba iKomiti eLamlayo ivumelana nolunye uhlobo lweBhili, olo hlobo lulolunye lweBhili
kufuneka luthunyelwe kwiNdibano nakwiBhunga; ize ukuba ipasiswe yiNdibano naliBhunga,
ithunyelwe kuMongameli ukuze ayamkele.
(i) Ukuba iBhili ebhekiswe kwiBhunga ngokomhlathi (f) okanye (h) ayipasiswanga liBhunga,
iBhili iyaphelelwa ngaphandle kokuba yiNdibano ethi iyipasise iBhili leyo, ixhaswa yivoti
yamalungu ayo asisibini kwisithathu, ubuncinane.
(j) Ukuba iBhili ebhekiswe kwiNdibano no ngokomhlathi (g) okanye (h) ayipasiswanga
yiNdibano, loo Bhili iyaphelelwa; kodwa laa Bhili ibikhe yapasiswa kuqala yiNdibano ingathi
kwakhona ipasiswe yiNdibano, kodwa ixhaswe yivoti yamalungu ayo asisibini kwisithathu,
ubuncinane.
(k) IBhili epasiswe yiNdibano ngokwemihlathi (e),(i) okanye (j) kufuneka ithunyelwe
kuMongameli ukuze ayamkele.
(2) Xa iBhunga lesiZwe lamaPhondo lipasisa iBhili ekuthethwa ngayo kwicandelwana (3),
iBhili leyo kufuneka ibhekiswe kwiNdibano yesiZwe kuze kujongwane nayo ngokungqinelana
nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a) INdibano kufuneka -
(i) iyipasise iBhili, okanye
(ii) ipasise iBhili etshintshiweyo, okanye
(iii) iyikhabe iBhili.
(b) IBhili epasiswe yiNdibano ngokomhlathi (a)(i) kufuneka ithunyelwe kuMongameli ukuze
ayamkele.
(c) Ukuba iNdibano ipasisa iBhili etshintshiweyo, iBhili leyo itshintshiweyo kufuneka
ithunyelwe kwiBhunga, ize ukuba iBhunga liyayipasisa iBhili leyo itshintshiweyo, yona ithunyelwe
kuMongameli ukuze ayamkele.
(d) Ukuba iNdibano iyayikhaba iBhili, okanye ukuba iBhunga liyala ukuyipasisa iBhili
etshintshiweyo ethunyelwe kuyo ngokomhlathi (c), iBhili leyo, nale Bhili itshintshiweyo, xa
ikhona, kufuneka zithunyelwe kwiKomiti eLamlayo, enokuvuma -
(i) iBhili njengoko ipasiswe liBhunga
(ii) iBhili elungisiweyo njengoko ipasiswe yiNdibano; okanye
(iii) ivume olunye uhlobo lwale Bhili.
(e) Ukuba iKomiti eLamlayo ayinakho ukuyivuma ngeentsuku ezingama-30 ukususela mhla
iBhili yasiwa kuyo, iBhili iyaphelelwa.
(f) Ukuba iKomiti eLamlayo iyavumelana neBhili njengoko ipasisiwe liBhunga, iBhili leyo
kufuneka ibhekiswe kwiNdibano, ukuba iNdibano iyayipasisa, iBhili leyo kufuneka ithunyelwe
kuMongameli ukuze ayamkele.
(g) Ukuba iKomiti eLamlayo iyayivuma iBhili elungisiweyo njengoko ipasiswe yiNdibano,
iBhili kufuneka ibhekiswe kwiBhunga, ize ukuba ipasisiwe liBhunga, ithunyelwe kuMongameli
ukuze ayamkele.
(h) Ukuba iKomiti eLamlayo ivuma olunye uhlobo lweBhili, olo hlobo lweBhili kufuneka
luthunyelwe kwiBhunga nakwiNdibano, ukuba ipasisiwe liBhunga nayiNdibano, kufuneka
ithunyelwe kuMongameli ukuze ayamkele.
(i) Ukuba iBhili ebhekiswe kwiNdibano ngokwemihlathi (f) okanye (h) ayipasiswanga
yiNdibano, iBhili leyo iyaphelelwa.
(3) IBhili mayiqwalaselwe ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo osekwe licandelwana (1)
okanye (2) ukuba ikwindawo yomsebenzi edweliswe kuShedyuli 4, okanye iyawumisela umthetho
okhankanywe kuwo nawaphi na kula macandelo alandelayo:
(a) icandelo 65 (2);
(b) icandelo 163;
(c) icandelo 182;
(d) icandelo 195 (3) no (4);
(e) icandelo 196; kunye
(f) necandelo 197
(4) IBhili kufuneka kujongwane nayo ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo osekwe
licandelwana (1) ukuba imisela umthetho -
(a) ekuthethwa ngawo kwicandelo 44 (2) okanye 220 (3); okanye
(b) ekuthethwa ngawo kwiSahluko 13, ochaphazela imicimbi yezemali yesigaba samaphondo
sikarhulumente.
(5) IBhili ekuthethwa ngayo kwicandelo 42 (6) kufuneka kujongwane nayo ngokungqinelana
nomgaqo-nkqubo omiselwe licandelwana (1), ngaphandle kokuba -
(a) xa iNdibano yesiZwe ivotela iBhili le, imimiselo yecandelo 53 (1) ayisebenzi; endaweni
yaloo nto, iBhili ingapasiswa kuphela ukuba isininzi samalungu eNdibano ayayivotela eyamkela;
(b) ukuba iBhili ibhekiswe kwiKomiti eLamlayo, le migaqo ilandelayo iyasebenza:
(i) Ukuba iNdibano yesiZwe iqwalasela iBhili ekuthethwa ngayo kwicandelwana (1) (g)
okanye (h), loo Bhili ingapasiswa kuphela ukuba isininzi samalungu eNdibano siyayivotela
siyamkela.
(ii) Ukuba iNdibano yesiZwe iqwalasela, okanye iyiqwalasela ngokutsha, iBhili ekuthethwa
ngayo kwicandelwana (1) (e), (i) okanye (j) loo Bhili ingapasiswa kuphela ukuba, ubuncinane,
isibini kwisithathu samalungu eNdibano ayayivotela eyamkela.
(6) Eli candelo alingeni ndawo kwiiBhili zemali.
IiBhili zeMali
77. (1) (a) IBhili ecalu-calula imali okanye emisela iirhafu, iintlawuliso okanye
iintlawulelo-zinto yiBhili yemali. IBhili yemali ayimele kujongana nawo nawuphi na omnye
umcimbi ngaphandle komcimbi owayamileyo ozalwa lucalu-calulo lwemali okanye kukumiselwa
kweerhafu, okweentlawuliso okanye okweentlawulelo-zinto.
(2) Zonke iiBhili zemali kufuneka ziqwalaselwe ngokomgaqo-nkqubo omiselwe licandelo 75.
Kufuneka kube kho umThetho wePalamente omisela umgaqo-nkqubo wokutshintsha iiBhili zemali
ePalamente.
IKomiti eLamlayo
78. (1) IKomiti eLamlayo -
(a) inamalungu asithoba eNdibano yesiZwe anyulwe yiNdibano ngokungqinelana
nomgaqo-nkqubo omiselwe yimigaqo nemiyalelo yeNdibano; lo mgaqo-nkqubo mawube
ngobangela ukuba amaqela ezopolitiko abe nabameli, kule komiti, abanani labo lilungelelene
nenani labameli bawo kwiNdibano;
(b) ikwanomthunywa omnye ovela kulo ngalinye igqiza lephondo elikwiBhunga lesiZwe
lamaPhondo, umthunywa lowo otyunjwe ligqiza akulo.
(2) IKomiti eLamlayo iluvumile uchazo oluthile lweBhili, okanye igqibile ngomcimbi othile,
xa olo chazo lweBhili okanye elinye icala laloo mcimbi, lixhaswa -
(a) ngabameli abahlanu, ubuncinane, beNdlu yeNdibano yesiZwe;
(b) nangabameli abahlanu, ubuncinane, beBhunga lesiZwe.
Ukuvunywa kweeBhili
79. (1) UMongameli kufuneka ayivume, ayisayine iBhili epasiswe ngokwesi Sahluko
okanye, ukuba uMongameli unamathandabuzo ngokungqinelana kweBhili nomGaqo-siseko,
angayiphindisela kwiNdibano yesiZwe ukuba iyokuqwalaselwa kwakhona.
(2) Imigaqo nemiyalelo edibeneyo kufuneka imisele umgaqo-nkqubo wokuqwalaselwa
ngokutsha kweBhili yiNdibano yesiZwe nowokuthatha inxaxheba kweBhunga lesiZwe
lamaPhondo kolo qwalaselo.
(3) IBhunga lesiZwe lamaPhondo kufuneka lithathe inxaxheba ekuqwalaselweni ngokutsha
kweBhili uMongameli athe wayibuyisela kwiNdibano yesiZwe ukuba -
(a) amathandabuzo kaMongameli ngokungqinelana kweBhili nomGaqo-siseko aphathelele
kumcimbi womgaqo-nkqubo obandakanya iBhunga; okanye
(b) icandelo 74 (1), (2) okanye (3) (b) okanye icandelo 76 lalisetyenzisiwe ekupasiseni iBhili
leyo.
(4) Ukuba iBhili, emva kokuqwalaselwa kwayo ngokutsha, iyawasusa amathandabuzo
kaMongameli, uMongameli kufuneka ayamkele, ayisayine iBhili; kungenjalo, uMongameli
kufuneka:
(a) ayamkele ayisayine iBhili; okanye
(b) ayise kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo malunga
nokungqinelana kwayo nomGaqo-siseko.
(5) Ukuba iNkundla yezomGaqo-siseko igqiba ekubeni iBhili iyangqinelana nomGaqo-siseko,
uMongameli kufuneka ayamkele aze ayisayine.
Ukwenziwa kwesicelo kwiNkundla yezomGaqo-siseko ngamalungu eNdibano yesiZwe
80. (1) Amalungu eNdibano yesiZwe angenzela isicelo kwiNkundla yezomGaqo-siseko
sokuba iNkundla leyo ikhuphe umyalelo othi umThetho uwonke, okanye inxalenye yomThetho
wePalamente awungqinelani nomGaqo-siseko.
(2) Isicelo -
(a) kufuneka sixhaswe ubuncinane sisinye kwisithathu samalungu eNdibano; kwaye
(b) kufuneka senziwe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela kumhla athe ngawo
uMongameli wawamkela waze wawusayina umThetho.
(3) INkundla yezomGaqo-siseko ingayalela ukuba wonke okanye inxalenye yomThetho
ophantsi kwesicelo ngokwecandelwana (1) awunamandla okusebenza ide ibe iNkundla iye yenza
isigqibo ngesicelo, ukuba -
(a) iinjongo zobulungisa zifuna oku; kwaye
(b) kukho ithemba lokuba isicelo singaphumelela.
(4) Ukuba isicelo asiphumelelanga, saye sasingenathuba lihle lokuphumelela, iNkundla
yezomGaqo-siseko isengayalela abafaki-sicelo ukuba bahlawule iindleko.
Ukupapashwa kwemiThetho
81. IBhili eyamkelweyo yaze yasayinwa nguMongameli iba ngumThetho wePalamente, kwaye
kufuneka ipapashwe ngoko nangoko, kwaye iqalisa ukusebenza yakupapashwa okanye ngomhla
omiselwe ngokomThetho lowo.
Ukugcinwa kakuhle kwemiThetho yePalamente
82. Ikopi esayiniweyo yomThetho wePalamente ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yaloo
mThetho kwaye, emva kokupapashwa, kufuneka unikwe iNkundla yezomGaqo-siseko ukuze
iwugcine kakuhle.
Isahluko 5
UMongameli nesigqeba sesiZwe
esinoLawulo oluPhezulu
UMongameli
83. UMongameli -
(a) uyiNtloko yomBuso kwanentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu;
(b) kufuneka awuxhase, awukhusele aze awuhlonele umGaqo-siseko njengowona mthetho
uphezulu weRiphabliki; kwaye
(c) ukwakhuthaza umanyano lwesizwe kwanoko kuya kuthi kuyiqhubele phambili iRiphabliki.
Amagunya nemisebenzi kaMongameli
84. (1) UMongameli unamagunya awaphathiswe ngumGaqo-siseko kunye nomthetho,
kubandakanywa amagunya afunekayo ukuze kwenziwe imisebenzi yeNtloko yomBuso kunye
neyentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu.
(2) UMongameli ufanele ukuba enze ezi zinto zilandelayo -
(a) ukwamkela nokusayina iiBhili;
(b) ukuphindisela iBhili kwiNdibano yesiZwe ukuze kuqwalaselwe kwakhona ukungqinelana
kweBhili leyo nomGaqo-siseko;
(c) ukuthumela iBhili kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuba yenze isigqibo malunga
nokungqinelana kweBhili leyo nomGaqo-siseko;
(d) ukubizela iNdibano yesiZwe, iBhunga lesiZwe lamaPhondo okanye iPalamente ukuba
mayihlale kwintlanganiso yexesha elingelolesiqhelo ukuze iqwalasele imicimbi engxamisekileyo;
(e) ukumisela abantu nakweziphi na izithuba apho umGaqo-siseko okanye umthetho ufuna
ukuba uMongameli enjenjalo, ngaphandle kokumisela abantu akwenza kuba eyintloko yesigqeba
sesizwe esinolawulo oluphezulu;
(f) ukumisela iikhomishini zophando;
(g) ukubiza uvavanyo-zimvo lwesizwe ngokomThetho wePalamente;
(h) ukwamkela nokunika ingqalelo abameli bozakuzo bamanye amazwe;
(i) ukutyumba oonozaku-zaku, noonozakuzaku abanokuzimela;
(j) ukuxolela okanye ukukhulula izaphula-mthetho nokucima naziphi na iifayini, izohlwayo
okanye izohlutho;
(k) nokuwonga ngeembasa
Igunya loLawulo oluPhezulu leRiphabliki
85. (1) Igunya lolawulo oluphezulu leRiphabliki lixakathiswe uMongameli.
(2) UMongameli usebenzisa igunya lolawulo oluphezulu, ekunye namanye amalungu
eKhabinethi -
(a) ngokuwenza umthetho wesizwe usebenze, ngaphandle kwalapho umGaqo-siseko okanye
umThetho othile wePalamente unammiselo wumbi;
(b) ukuphuhlisa nokwenza inkqubo-sikhokelo yesizwe isebenze;
(c) ukulungelelanisa imisebenzi yamasebe karhulumente kunye namaziko olawulo;
(d) ukulungiselela nokuqalisa umthetho; kunye
(e) nokwenza nawuphi na omnye umsebenzi wolawulo omiselwe kumGaqo-siseko okanye
kumthetho wesizwe.
Unyulo lukaMongameli
86. (1) Ekuhlaleni kwayo okokuqala emva kokunyulwa kwayo, kwakunye nanini na xa
kufuneka kuvalwe isithuba, iNdibano yesiZwe kufuneka inyule owasetyhini okanye indoda
phakathi kwamalungu ayo ukuba abe nguMongameli.
(2) UMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka achophele unyulo lukaMongameli,
okanye atyumbe enye ijaji ukuba yenjenjalo. Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli
3 kusebenza wona ekunyulweni kukaMongameli.
(3) Unyulo lokuvala isithuba kwisikhundla sikaMongameli kufuneka lubanjwe ngexesha
nomhla ogqitywe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko, kodwa zingadlulanga iintsuku
ezingama-30 emva kokuvela kwesithuba eso.
Ukungena esikhundleni kukaMongameli
87. Xa enyulwe njengoMongameli, umntu uyayeka ukuba lilungu leNdibano yesiZwe, kwaye
kufuneka athi, zingaphelanga iintsuku ezintlanu, athabathe isikhundla ngokufunga okanye
ngokuvuma ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela umGaqo-siseko ngokokweShedyuli 2.
Ixesha lokubamba isikhundla sikaMongameli
88. (1) Ixesha lokuba sesikhundleni kukaMongameli liqala ekuthatheni kwakhe isikhundla
eso lize liphele xa kuthe kwavela isithuba okanye xa omnye umntu onyuliweyo njengoMongameli
ethabatha isikhundla.
(2) Makungabi kho mntu ubamba isikhundla njengoMongameli ngaphezulu kwezihlandlo
ezibini; kodwa, xa umntu enyulwe ukuvala isithuba esikhundleni sikaMongameli, ithuba
eliphakathi kolo nyulo, nonyulo olulandelayo lukaMongameli alithathwa njengethuba lokuba
sesikhundleni.
Ukususwa kukaMongameli
89. (1) INdibano yesiZwe, ngesigqibo esithathwe ngokuxhaswa yivoti, yesibini
esithathwini samalungu ayo ubuncinci, ingamsusa uMongameli esikhundleni sakhe kuphela ngenxa
yezi zizathu zilandelayo -
(a) ukwaphulwa komGaqo-siseko okanye komthetho okugqithisileyo;
(b) ukungakwazi ukuziphatha okugqithisileyo; okanye
(c) ukungakwazi ukwenza umsebenzi wesikhundla.
(2) Nabani na othe wasuswa kwisikhundla sobuMongameli ngokwecandelwana (1) (a) okanye
(b) akanakho ukufumana iimfanelo zeso sikhundla, kwaye akanakho ukubamba naso nasiphi na
isikhundla eburhulumenteni.
UMongameli oBambeleyo
90. (1) Xa uMongameli engekho kwiRiphabliki, okanye engakwazi ukwenza umsebenzi
wakhe wesikhundla sikaMongameli ngasizathu simbi, okanye ngethuba kukho isithuba
kwisikhundla sikaMongameli, igosa elisesikhundleni lingabambela njengoMongameli ngokolu
landelelwano lungezantsi -
(a) uSekela-Mongameli;
(b) uMphathiswa otyunjwe nguMongameli;
(c) uMphathiswa otyunjwe ngamanye amalungu eKhabinethi;
(d) uSomlomo, ide iNdibano yesiZwe ityumbe elinye lamalungu ayo.
(2) UMongameli oBambeleyo unoxanduva, amagunya, nemisebenzi kaMongameli.
(3) Phambi kokuthabatha uxanduva, amandla nemisebenzi kaMongameli, uMongameli
oBambeleyo kufuneka afunge okanye avume ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela
umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
IKhabhinethi
91. (1) IKhabhinethi yakhiwa nguMongameli, njengentloko yeKhabhinethi,
uSekela-Mongameli kunye nabaPhathiswa.
(2) UMongameli utyumba uSekela-Mongameli nabaPhathiswa, abanike amagunya
nemisebenzi yabo, kwaye unakho ukubagxotha.
(3) UMongameli -
(a) kufuneka akhethe uSekela-Mongameli phakathi kwamalungu eNdibano yesiZwe;
(b) angakhetha nokuba bangaphi abaPhathiswa phakathi kwamalungu eNdibano; futhi
(c) angakhetha abaPhathiswa bangabi ngaphezu kwesibini abangengomalungu eNdibano.
(4) UMongameli kufuneka atyumbe ilungu leKhabhinethi libe yinkokeli yemicimbi
karhulumetne kwiNdibano yesiZwe.
(5) USekela-Mongameli kufuneka amncedise uMongameli ekwenzeni imisebenzi
karhulumente.
Ukuthembeka nezinto eziluxanduva
92. (1) USekela-Mongameli nabaPhathiswa bajongene namagunya nemisebenzi yolawulo
abayabelwe nguMongameli.
(2) Amalungu eKhabhinethi kufuneka athembeke kwiPalamente ngokudibeneyo okanye
ngokomntu ngamnye, malunga nokusetyenziswa kwamandla awo nokwenziwa kwemisebenzi
yawo.
(3) Amalungu eKhabhinethi kufuneka -
(a) enze ngokungqinelana nomGaqo-siseko; aze
(b) anike iPalamente iingxelo ezizeleyo nezithe gqolo malunga nemicimbi ephantsi kolawulo
lwawo.
AmaSekela abaPhathiswa
93. UMongameli angatyumba amaSekela abaPhathiswa phakathi kwamalungu eNdibano
yesiZwe ukuba ancedise amalungu eKhabhinethi, kwaye usengawagxotha.
Ukuqhuba kweKhabhinethi emva konyulo
94. Xa kubanjwe unyulo lweNdibano yesiZwe, iKhabhinethi, uSekela-Mongameli,
abaPhathiswa nawo nawaphi na amaSekela abaPhathiswa bahlala bekufanele ukusebenza de
umntu onyulwe ukuba abe nguMongameli yiNdibano elandelayo athabathe isikhundla.
Isifungo okanye isingqiniso
95. Phambi kokuba uSekela-Mongameli, abaPhathiswa nawo nawaphi na amaSekela
abaPhathiswa baqale ukwenza imisebenzi yabo, kufuneka bafunge okanye bavume ukuthembeka
kwabo kwiRiphabliki, nokuthobela umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Ukuziphatha kwamalungu eKhabhinethi namaSekela abaPhathiswa
96. (1) Amalungu eKhabhinethi kunye namaSekela abaPhathiswa kufuneka baziphathe
ngokwendlela yokuziphatha emiselwe ngumthetho wesizwe.
(2) Amalungu eKhabhinethi namaSekela abaPhathiswa akuvumelekanga ukuba -
(a) benze nawuphi na omnye umsebenzi obabhatalayo;
(b) benze nangayiphi na indlela engahambisaniyo nezikhundla zabo, okanye bazibeke
esichengeni sayo nayiphi imeko engathi ibangele umngcipheko wokungquzulana koxanduva lwabo
lwaseburhulumenteni neemfuno zabo zabucala; okanye
(c) basebenzise izikhundla zabo okanye naluphi na ulwazi olusezandleni zabo besenzela
ukutyebisa, okanye ukulungelwa, ngendlela engeyiyo kwakhe nawuphi na omnye umntu.
Ukutshintshelwa kwamagunya nemisebenzi
97. UMongameli angathi ngesihlokomiso atshintshele kwilungu elithile leKhabhinethi -
(a) usetyenziso lwawo nawuphi na umthetho olunikwe elinye ilungu; okanye
(b) naliphi na igunya okanye umsebenzi onikwe elinye ilungu ngokomthetho.
Ukuphathiswa / ukwabelwa okwethutyana kwemisebenzi
98. UMongameli angaphathisa ilungu leKhabinethi naliphi na igunya okanye umsebenzi
welinye ilungu elingekhoyo kweso sikhundla, okanye elingakwaziyo ukusebenzisa elo gunya
okanye ukwenza loo msebenzi.
Ukuphathiswa / ukwabelwa kwemisebenzi
99. Ilungu leKhabhinethi lingabela naliphi na igunya emalisetyenziswe okanye umsebenzi
omawenziwe ngokomThetho wePalamente kwilungu leBhunga lokuLawula lephondo okanye
kwiBhunga likaMasipala. Ulwabelo -
(a) kufuneka lube ngokwemigaqo yesivumelwano phakathi kwelo lungu leKhabhinethi
lichaphazelekayo kunye nelungu leBhunga esinoLawulo oluPhezulu okanye leBhunga
likaMasipala;
(b) kufuneka lungqinelane nomThetho wePalamente lowo ulawula ukusetyenziswa kwelo
gunya okanye ukwenziwa kwaloo msebenzi:
(c) lwenzeka emva kokwaziswa ngesihlokomiso nguMongameli.
Ukugadwa kolawulo lwamaphondo ngurhulumente wesiZwe
100. (1) Xa iphondo lingakwazi okanye lingawufezekisi umsebenzi wezolawulo
ngokwemigaqo yomthetho okanye yomGaqo-siseko, isigqeba esilawulayo sesizwe singangenelela
ngokuthabatha nawaphi na amanyathelo afanelekileyo, ukuqinisekisa ukufezekiswa kwaloo
msebenzi kubandakanywa -
(a) ukukhupha umyalelo uye kwisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu, ochaza
ubungakanani bokusilela ukufezekisa imisebenzi yalo, okwachaza nawaphi na amanyathelo
afunekayo ukuze iphondo elo liwufezekise loo msebenzi walo;
(b) nokuthabatha uxanduva lwaloo msebenzi kwelo phondo kangangoko kukho imfuneko -
(i) yokugcina imigangatho yesizwe efunekayo okanye yokuhlangabezana nemigangatho
ekubuncinane esekiweyo yokwenziwa komsebenzi;
(ii) yokugcina umanyano lwezoqoqosho;
(iii) yokugcina ukhuseleko lwesizwe; okanye
(iv) yokuthintela elo phondo ekuthabatheni inyathelo elingafanelekanga elinokudlelelela
amathuba okulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe ngokubanzi.
(2) Ukuba isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu siyangenelela kwiphondo ngokwemigaqo
yecandelwana (1)(b) -
(a) isaziso sokungenelela kufuneka sandlalwe kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo ngeentsuku
ezi-14 zokuhlala kwalo okokuqala emva kokuba ungenelelo olo luqalisile;
(b) ungenelelo olo kufuneka lupheliswe ngaphandle kokuba lwamkelwe liBhunga ngeentsuku
ezingama-30 emva kokuhlala kwalo okokuqala emva kokuba ungenelelo luqalisile; futhi
(c) iBhunga kufuneka liluqwalasele rhoqo ungenelelo olo, lize lenze naziphi na iingcebiso
ezifanelekileyo kwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu.
(3) Umthetho wesizwe unokuyilawula inkqubo esekwe leli candelo.
Izigqibo zoLawulo oluPhezulu
101. (1) Isigqibo sikaMongameli kufuneka sibe sesibhaliweyo ukuba -
(a) isigqibo eso senziwe ngokomthetho; okanye
(b) sinemiphumela ephathelele emthethweni.
(2) Isigqibo esibhaliweyo nguMongameli kufuneka sisayinwe kwakhona lelinye ilungu
leKhabhinethi ukuba eso sigqibo sichaphazela umsebenzi othile ophathiswe elo lungu
leKhabhinethi lilelinye.
(3) Izihlokomiso, imigaqo nezinye iindlela zomthetho owayamileyo kufuneka zibe
nokufikeleleka kubantu/nokufunyanwa lula ngabantu.
(4) Umthetho wesizwe ungayichaza indlela yokuthi, nobungakanani bokuthi, izinto
ezikhankanywe kwicandelwana (3) -
(a) zandlalwe ePalamente; kanjalo
(b) zamkelwe yiPalamente.
Izindululo zokuphela kokuthenjwa
102. (1) Ukuba iNdibano yesiZwe ithe, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, yapasisa
isindululo sokuphela kokuthenjwa kweKhabhinethi, kungabandakanywa uMongameli, kufuneka
uMongameli ayakhe ngokutsha iKhabhinethi.
(2) Ukuba iNdibano yesiZwe ithe, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, yapasisa
isindululo sokuphela kokuthenjwa kukaMongameli, uMongameli namanye amalungu eKhabhinethi
nawo nawaphi na amaSekela-baPhathiswa kufuneka bazibeke phantsi iintambo.
Isahluko 6
AmaPhondo
Amaphondo
103. (1) IRiphabliki inala maphondo alandelayo:
(a) IMpuma-Koloni
(b) IFreyistata
(c) IRhawuti
(d) IKwaZulu-Natala
(e) IMpumalanga
(f) UmNtla-Koloni
(g) IPhondo lasemNtla
(h) IPhondo lasemNtla-Ntshona
(i) INtshona-Koloni
(2) Imida yamaphondo yileyo yayikho ukuqalisa kokusebenza komGaqo-siseko.
IziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo
Igunya loWiso-mthetho lamaPhondo
104. (1) Igunya lephondo lokuwisa umthetho liphathiswe indlu yowiso-mthetho yephondo
elo, kwaye linika indlu yowiso-mthetho yephondo amandla -
(a) okupasisa umGaqo-siseko wephondo layo okanye okutshintsha nawuphi na
umGaqo-siseko opasiswe yiyo ngokwecandelo 142 nele-143;
(b) okuwisela iphondo layo umthetho, malunga -
(i) nawo nawuphi na umcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 4;
(ii) nawo nawuphi na umcimbi ophantsi kwendawo yemisebenzi edweliswe kwiShedyuli 5;
(iii) nawo nawuphi na umcimbi ongekhoyo kwezo ndawo zemisebenzi, onikwe elo phondo
ngumthetho wesizwe;
(iv) kwanawo nawuphi na umcimbi omiselwe ngummiselo womGaqo-siseko ukuba kuwiswe
umthetho wephondo ngawo;
(c) nawokunikela nawaphi na amagunya ayo ezowiso-mthetho kwisiGqeba sikaMasipala
esikwelo phondo.
(2) Indlu yowiso-mthetho yephondo, ngesigqibo esithathwe ngokuxhaswe yivoti yesibini
kwisithathu samalungu ayo, ubuncinci, ingayicela iPalamente ukuba itshintshe igama lephondo elo.
(3) Indlu yowiso-mthetho yephondo ibopheleleke kuphela kumGaqo-siseko,
nakumGaqo-siseko wephondo layo, ukuba sele iwupasisile, kwaye kufuneka yenze
ngokungqinelana nawo, kanjalo isebenze phakathi kwemida yawo umGaqo-siseko
kwanomgaqo-siseko wephondo elo.
(4) Umthetho wephondo, omalunga nombandela oyimfuneko ngokuvakalayo ukuze
kusetyenziswe ngokufezekileyo igunya elithile, okanye omalunga nombandela ozalwa koku
kusetyenziswa kweli gunya, gunya elo liphathelele kumbandela odweliswe kwiShedyuli 4,
ungumthetho omayela nomcimbi odweliswe kwiShedyuli 4, ngandlela zonke.
(5) Indlu yowiso-mthetho yephondo ingenza iingcebiso kwiNdibano yesiZwe ngomthetho
omayela nawo nawuphi na umcimbi ongaphandle kwegunya laloo ndlu yowiso-mthetho, okanye
ekuthi ngawo umThetho wePalamente ube ngaphezulu kwaloo mthetho wephondo.
Ukwakhiwa nokunyulwa kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
105. (1) Indlu yowiso-mthetho yephondo yenziwa ngabasetyhini namadoda anyulwe
njengamalungu ngokwemigaqo yenkqubo yonyulo -
(a) emiselwe ngumthetho wesizwe;
(b) esekelwe kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe, kodwa kweli cala linamagama abantu belo
phondo;
(c) emisela ubudala bokuvota obuyiminyaka eli-18, ubuncinci;
(d) nedala ukuba amaqela ezopolitiko akwelo phondo amelwe ngokulungeleleneyo,
ngokubanzi.
(2) Indlu yowiso-mthetho yephondo inamalungu aphakathi kwama-30 nama-80. Inani
lamalungu, elinokwahluka phakathi kwamaphondo, kufuneka liqingqwe ngokwendlela emiselwe
ngumthetho wesizwe.
Ubulungu
106. (1) Wonke ummi okufaneleyo ukuvotela iNdibano yesiZwe ukufanele ukuba lilungu
lendlu yowiso-mthetho yephondo, ngaphandle -
(a) kwakhe nabani na oqeshwe ngurhulumente okanye okwinkonzo ethile karhulumente,
efumana umvuzo ngoko kuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, ingengabo kodwa aba -
(i) iNkulumbuso namanye amalungu eBhunga sePhondo elo esinoLawulo oluPhezulu;
(ii) kwanabanye ababambi-zikhundla abamisebenzi yabo ingqinelana nemisebenzi yelungu
lendlu yowiso-mthetho yephondo, kwaye iqinisekisiwe ngumthetho wesizwe ukuba iyangqinelana
naloo misebenzi;
(b) kwamalungu eNdibano yesiZwe, abathunywa abasisigxina kwiBhunga lesiZwe
lamaPhondo okanye amalungu eBhunga sikaMasipala;
(c) kwabantu abanamatyala abangasoze baphinde bakwazi ukuwabhatala;
(d) kwakhe nabani na oqinisekiswe yinkundla yamatyala yeRiphabliki ukuba akemanga
kakuhle engqondweni; okanye
(e) nabani na, othe emva kokusebenza kweli candelo, wafunyaniswa enetyala lokwaphula
umthetho waza wagwetywa ithuba elingaphezulu kweenyanga ezili-12 esentolongweni,
engavunyelwanga ukuhlawula nefayini, nokuba kulapha kwiRiphabliki, okanye ngaphandle
kweRiphabliki, ukuba isenzo eso sokwaphulwa komthetho besiya kuba kukwaphulwa komthetho
kwiRiphabliki; kodwa, akakho umntu oya kuthathwa njengomntu ogwetyiweyo de sibe isibheno
sakhe ngokufunyanwa enetyala okanye ngesigwebo, sele kugqityiwe ngaso, okanye de libe lidlulile
ixesha lokwenza isibheno. Ukungafaneleki ngokwalo mhlathi kuphela emva kweminyaka emihlanu
sigqityiwe isigwebo eso.
(2) Umntu ongafanelanga ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngokwemigaqo
yecandelwana (1) (a) okanye (b) angazigqatsela unyulo lwendlu leyo yowiso-mthetho, kodwa
engalutyeshelanga naluphi na usikelo-mda kunye nemiqathango esekwe ngumthetho wesizwe.
(3) Umntu uyalahlekelwa bubulungu bendlu yowiso-mthetho yephondo ukuba loo mntu uthe
-
(a) waphelelwa kukufanela ukunyulwa; okanye
(b) akabi kho kwindlu yowiso-mthetho engenamvume yokwenjenjalo, kwiimeko apho imigaqo
nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho imisela ukuphulukana nobulungu.
(4) Izithuba kwindlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka zivalwe ngokwemigaqo yomthetho
wesizwe.
Isifungo okanye isingqiniso
107. Phambi kokuba amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo aqalise ukwenza imisebenzi
yawo kwindlu yowiso-mthetho, kufuneka afunge okanye enze isingqiniso sokuthembeka
kwiRiphabliki nokuthobela umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Ubungakanani bexesha lezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
108. (1) Indlu yowiso-mthetho yephondo inyulelwa ithuba lokusebenza eliyiminyaka
emihlanu.
(2) Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo ichithwe ngokwecandelo 109, okanye xa kuphela
ithuba layo, iNkulumbuso yephondo kufuneka ithi, ngesihlokomiso, ibize unyulo, ibeke nemihla
yalo; olo nyulo kufuneka lubanjwe zingaphelanga iintsuku ezingama-90, ukusuka kuloo mhla
wokuchithwa kwendlu yowiso-mthetho okanye wokuphela kwethuba layo lokusebenza.
(3) Ukuba iziphumo zonyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo azibhengezwanga
lingekapheli ixesha elixelwe kwicandelo 190, okanye ukuba unyulo lumisiwe yinkundla,
uMongameli kufuneka athi, ngesihlokomiso, abize olunye unyulo, abeke nemihla yalo; lona
kufuneka lubanjwe zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukusuka kuloo mhla wokumiswa
konyulo.
(4) Indlu yowiso-mthetho yephondo ihlala ikulungele ukusebenza ukususela kwixesha
lokuchithwa kwayo okanye ukuphela kwethuba layo lokusebenza kude kube lusuku oluphambi
kosuku lokuqala lonyulo lwendlu yowiso-mthetho elandelayo.
Ukuchithwa kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo phambi kokuphela kwethuba lazo
lokusebenza
109. (1) INkulumbuso yephondo kufuneka iyichithe indlu yowiso-mthetho ukuba -
(a) indlu yowiso-mthetho ithabathe isigqibo sokuba ichitheke, esixhaswa yivoti yoninzi
lwamalungu ayo; kwaye
(b) sekudlule iminyaka emithathu emva kokuba indlu yowiso-mthetho yanyulwayo.
(2) IBambela leNkulumbuso kufuneka liyichithe indlu yowiso-mthetho yephondo ukuba -
(a) kukho isithuba kwisikhundla seNkulumbuso; ize
(b) indlu yowiso-mthetho ingakwazi ukunyula iNkulumbuso entsha ngethuba leentsuku
ezingama-30 emva kokuba sivelile eso sithuba.
Amaxesha okuhlangana nawokungahlangani
110. (1) Emva konyulo, indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka ihlangane okokuqala
ngexesha nangomhla ogqitywe yijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko,
kodwa kungadanga kwadlula iintsuku ezili-14 emva kokubhengezwa kweziphumo zonyulo. Indlu
yowiso-mthetho ingamisela ixesha nobungakanani bamanye amaxesha ayo okuhlangana
nawokungahlangani.
(2) INkulumbuso yephondo ingathi ibizele indlu yowiso-mthetho yephondo kwindibano
engeyoyesiqhelo nanini na ukuza kwenza umsebenzi owodwa.
(3) Indlu yowiso-mthetho yephondo ingagqiba okokuba iya kuhlanganela phi na
ngokwesiqhelo.
OoSomlomo nooSekela-somlomo
111. (1) Kwindibano yokuqala emva kokunyulwa kwayo, okanye xa kukho imfuneko
yokuvala isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka inyule uSomlomo kunye
noSekela-Somlomo, phakathi kwamalungu ayo.
(2) Ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka yongamele
ukunyulwa kukaSomlomo. USomlomo wongamela unyulo lukaSekela-Somlomo.
(3) Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 nguwo osebenzayo ekunyulweni
kooSihlalo beNdlu nooSekela-Sihlalo beNdlu.
(4) Indlu yowiso-mthetho yephondo ingamsusa uSomlomo okanye uSekela-Somlomo
esikhundleni ngesigqibo. Isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho kufuneka abe khona xa
kuthatyathwa esi sigqibo.
(5) Indlu yowiso-mthetho yephondo ingathi, ngokokwemigaqo nemiyalelo yayo, inyule
phakathi kwamalungu ayo amanye amagosa ongamelayo ukuncedisa uSomlomo kunye
noSomlomo.
Izigqibo
112. (1) Ngaphandle kwalapho umGaqo-siseko unammiselo wumbi -
(a) isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka abe khona phambi kokuba
kuvotelwe iBhili okanye isilungiso kwiBhili;
(b) ubuncinane isinye kwisithathu samalungu kufuneka abe khona phambi kokuba kuvotelwe
nawuphi na umcimbi ongomnye ophambi kwendlu yowiso-mthetho; kanjalo
(c) yonke imicimbi ephambi kwendlu yowiso-mthetho yephondo igqitywa ngesininzi senani
leevoti ezikhoyo.
(2) Ilungu elongameleyo kwintlanganiso yendlu yowiso-mthetho alinavoti enika icala kodwa
-
(a) kufuneka lenze ivoti yesigqibo xa kukho inani elilinganayo leevoti macala omabini omcimbi
othile; kwaye
(b) lingafaka ivoti enika icala xa umcimbi kufuneka kugqitywe ngawo ngokuthi uxhaswe
yivoti yamalungu ayo asisibini kwisithathu, ubuncinane.
Amalungelo abathunywa abasisigxina kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo
113. Abathunywa abasisigxina bephondo abakwiBhunga lesiZwe lamaPhondo bangaya, futhi
bathethe kwindlu yowiso-mthetho yabo nakwiikomiti zayo, kodwa bangavoti. Indlu
yowiso-mthetho ingayalela ukuba umthunywa osisigxina aye kwindlu yowiso-mthetho okanye
kwiikomiti zayo.
Amagunya ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
114. (1) Xa isebenzisa igunya layo lowiso-mthetho, indlu yowiso-mthetho yephondo ingathi
-
(a) iqwalasele, ipasise, ilungise okanye ikhabe nayiphi na iBhili ephambi kwendlu leyo
yowiso-mthetho; kanjalo
(b) iqalise okanye ilungise umthetho, ngaphandle kweeBhili zemali.
(2) Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka imisele iindlela -
(a) zokuqinisekisa ukuba onke amaziko alawulayo karhulumente wephondo akulo iphondo
elo athembekile kuyo;
(b) nezokugada -
(i) ukusetyenziswa kwegunya lephondo elinolawulo oluphezulu kwiphondo elo,
kubandakanywa ukusetyenziswa komthetho;
(ii) nalo naliphi na iziko likarhulumente lephondo.
Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
115. Indlu yowiso-mthetho yephondo okanye nayiphi na kwiikomiti zayo -
(a) ingabiza nawuphi na umntu ukuba avele phambi kwayo ukuza kunika ubungqina,
ngesifungo okanye ngesingqiniso, okanye aveze amaxwebhu;
(b) ingayalela ukuba nawuphi na umntu okanye naliphi na iziko lephondo, linike ingxelo kuyo;
(c) inganyanzela, ngokomthetho wephondo okanye ngokwemigaqo nemiyalelo yephondo,
nawuphi na umntu okanye iziko ukuba athobele oko kubizwa okanye loo myalelo ngokomhlathi
(a) okanye (b); kwaye
(d) ingamkela amaxwebhu ezikhalazo, imibiko yemicimbi okanye imicimbi ebhaliweyo
yangeniswa, esuka kubo nabaphi na abantu abafuna ukuza nayo okanye amaziko afuna
ukwenjenjalo.
Amalungiselelo emicimbi yangaphakathi, iingxoxo nemigaqo-nkqubo yezindlu zowiso-mthetho
zamaphondo
116. (1) Indlu yowiso-mthetho yephondo-
(a) ingamisela, ilawule amalungiselelo emicimbi yayo yangaphakathi, neengxoxo
nemigaqo-nkqubo yayo;
(b) ingenza imigaqo nemiyalelo malunga nemicimbi yayo, kuthathelwa ingqalelo inkqubo
yedemokhrasi yokuba nabameli okanye neyokuthabatha inxaxheba, ukuthembeka, ukwenza izinto
elubala, kunye nokubandakanyeka kukawonke-wonke.
(2) Imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka inike isikhokelo -
(a) sokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zayo, ndawonye namagunya, nemisebenzi,
nemigaqo-nkqubo, nobungakanani bexesha lokuba kho kwezi komiti;
(b) sokuthatha inxaxheba kwamaqela amancinane (ezopolitiko) amelweyo kwindlu
yowiso-mthetho, kwiingxoxo zayo nezeekomiti zayo, ngendlela engqinelana nedemokhrasi;
(c) sokunika uncedo lwezemali nolwezolawulo kwiqela ngalinye (lezopolitiko) elimelweyo
kwindlu yowiso-mthetho, ngokulungelelene nenani labameli balo, ukuze iqela ngalinye nenkokeli
yalo likwazi ukwenza imisebenzi yalo kwindlu yowiso-mthetho ngokufezekileyo;
(d) nesokuvuma inkokeli yelona likhulu iqela eliphikisayo kwindlu yowiso-mthetho,
njengeNkokeli yeQela eliPhikisayo.
Inyhweba
117. (1) Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo kunye nabathunywa abasisigxina
bephondo kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo-
(a) akhululekile ukuba angathetha nantoni na kwindlu yowiso-mthetho nakwiikomiti zayo,
kodwa elawulwa yimigaqo nemiyalelo yayo; kwaye
(b) akafanele ukuba asiwe ematyaleni embambano nawolwaphulo-mthetho, okanye abanjwe,
okanye avalelwe entolongweni okanye amangalelwe ngenxa -
(i) yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo okanye ayingenisileyo kwindlu
yowiso-mthetho okanye nakuyiphi na kwiikomiti zayo; okanye ngenxa
(ii) yayo nayiphi na into ethe yadula ngenxa yayo nayiphi na into ayithethileyo, ayivezileyo,
okanye ayingenisileyo, kwindlu yowiso-mthetho okanye nakuyiphi na kwiikomiti zayo.
(2) Ezinye iinyhweba nokuvikeleka kwendlu yowiso-mthetho yephondo namalungu ayo
kungamiselwa ngomthetho wesizwe.
(3) Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezihlawulwa amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo
ziindleko ngqo zeNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo.
Ukufikelela nokuthabatha inxaxheba kukawonke-wonke kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo
118. (1) Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka -
(a) yenze kube lula ukuba abantu bathabathe inxaxheba kwinkqubo yowiso-mthetho
nakwezinye iinkqubo zendlu yowiso-mthetho nezeekomiti zayo; kanjalo
(b) iqhube imicimbi yayo ngendlela eselubala, ibambe iintlanganiso zayo kunye nezo zeekomiti
zayo, elubala; kodwa amanyathelo afanelekileyo angathatyathwa -
(i) okulawula ukungena kwabantu, kubandakanywa ukungena koonondaba, kwindlu
yowiso-mthetho nakwiikomiti zayo;
(ii) nawokusetshwa kwakhe nawuphi na umntu, kanti nokwalelwa ukungena okanye
ukususwa kwakhe nawuphi na umntu, apho kufanelekileyo ukwenjenjalo.
(2) Indlu yowiso-mthetho yephondo ayinakubavalela abantu, kubandakanywa noonondaba,
kwintlanganiso yekomiti ngaphandle kokuba kuyafuneka kwaye kufanelekile ukwenjenjenjalo
kuluntu olungafihlisi nto nolunedemokhrasi.
Ukungeniswa kweeBhili
119. Ngamalungu eBhunga esinoLawulo oluPhezulu sephondo okanye ikomiti okanye ilungu
lendlu yowiso-mthetho yephondo kuphela abantu abanokungenisa iBhili kwindlu yowiso-mthetho;
kodwa lilungu leBhunga esinoLawulo oluPhezulu elijongene nemicimbi yezemali kwiphondo
kuphela elingangenisa iBhili yemali kwindlu yowiso-mthetho.
IiBhili zeMali
120. (1) IBhili ecalu-calula imali okanye emisela iirhafu, iintlawuliso okanye
iintlawulelo-zinto yiBhili yemali. IBhili yemali ayimele kujongana nawo nawuphi na omnye
umcimbi ngaphandle komcimbi owayamileyo ozalwa kukucalu-calulwa kwemali okanye
kukumiselwa kweerhafu, iintlawuliso okanye iintlawulelo-zinto.
(2) Kufuneka umThetho othile wephondo umisele umgaqo-nkqubo eya kuthi ngawo indlu
yowiso-mthetho yephondo elo ibe nokutshintsha iBhili yemali.
Ukuvunywa kweeBhili
121. (1) INkulumbuso yephondo kufuneka iyamkele, iyisayine iBhili epasiswe yindlu
yowiso-mthetho yephondo ngokwesi Sahluko okanye, ukuba iNkulumbuso inamathandabuzo
malunga nokungqinelana kweBhili nomGaqo-siseko, iyithumele iBhili leyo kwindlu
yowiso-mthetho yephondo ukuba iyokuqwalaselwa kwakhona.
(2) Ukuba, emva kokuqwalaselwa kwakhona, iBhili iyawasusa ngokupheleleyo
amathandabuzo eNkulumbuso, iNkulumbuso kufuneka iyamkele ize iyisayine iBhili; ukuba
ayiwasusi ngokupheleleyo amathandabuzo eNkulumbuso, iNkulumbuso ingathi-
(a) iyamkele iyisayine iBhili; okanye
(b) iyithumele iBhili kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo malunga
nokungqinelana kwayo nomGaqo-siseko.
(3) Ukuba iNkundla yezomGaqo-siseko igqiba kwelokuba iBhili iyangqinelana
nomGaqo-siseko iNkulumbuso kufuneka iyamkele ize iyisayine.
Ukwenziwa kwesicelo ngamalungu kwiNkundla yezomGaqo-siseko
122. (1) Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo angenza isicelo kwiNkundla
yezomGaqo-siseko somyalelo othi umThetho uwonke, okanye inxalenye yawo umThetho othile
wephondo awungqinelani nomGaqo-siseko.
(2) Isicelo -
(a) kufuneka sixhaswe, ubuncinane, ngama-20 epesenti yamalungu endlu yowiso-mthetho;
kanjalo
(b) kufuneka senziwe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela ngomhla iNkulumbuso
eyawamkela yaze yawusayina ngawo umThetho.
(3) INkundla yezomGaqo-siseko ingathi wonke umThetho, okanye inxalenye yawo, ophantsi
kwesicelo ngokwecandelwana (1), awunamandla okusebenza ide ibe iNkundla iye yenza isigqibo
ngesicelo, ukuba -
(a) iinjongo zobulungisa zifuna oku; kwaye
(b) kukho ithemba lokuba isicelo singaphumelela.
(4) Ukuba isicelo asiphumelelanga, kwaye kwakungekho themba licacileyo lokuba
singaphumelela, iNkundla yezomGaqo-siseko ingayalela abo bafake isicelo ukuba bahlawule
iindleko.
Ukupapashwa kwemiThetho yephondo
123. IBhili eyamkelweyo yaze yasayinwa yiNkulumbuso yephondo iba ngumThetho wephondo,
kufuneka ipapashwe ngoko nangoko kwaye iqalisa ukusebenza yakupapashwa okanye kumhla
omiselwe ngomThetho lowo.
Ukugcinwa kakuhle kwemiThetho yePalamente
124. Ikopi esayiniweyo yomThetho wephondo ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yaloo
mThetho kwaye, emva kokupapashwa, kufuneka unikwe iNkundla yomGaqo-siseko ukuze
iwugcine kakuhle.
IBhunga sePhondo esinoLawulo oluPhezulu
Igunya lolawulo oluphezulu lamaphondo
125. (1) Igunya lolawulo oluphezulu lephondo liphathiswe iNkulumbuso yelo phondo.
(2) INkulumbuso iwasebenzisa amandla ayo olawulo oluphezulu ikunye namanye amalungu
eBhunga esinoLawulo oluPhezulu -
(a) ngokuwenza usebenze umthetho wephondo kwelo phondo;
(b) ngokuyenza isebenze yonke imithetho yesizwe ekwiindawo zemisebenzi ezidweliswe
kwiShedyuli 4 okanye 5 ngaphandle kwalapho umGaqo-siseko okanye umThetho wePalamente
unammiselo wumbi;
(c) ngokuwenza usebenze kwiphondo elo umthetho wesizwe ongaphandle kweendawo
zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 4 kunye neyesi-5, ophathiswe isigqeba sephondo
esinolawulo oluphezulu, ngokomThetho wePalamente;
(d) ngokuyiphuhlisa nokuyenza isebenze inkqubo-sikhokelo yephondo;
(e) ngokulungelelanisa imisebenzi yamasebe ephondo namaziko alo olawulo;
(f) ngokulungisa nokuqalisa umthetho wephondo;
(g) nangokwenza nawuphi na omnye umsebenzi ophathiswe isigqeba sephondo elo
ngokomGaqo-siseko okanye umThetho othile wePalamente.
(3) Igunya lolawulo oluphezulu elinalo iphondo nokwecandelwana (2)(b) likangangokuba elo
phondo linawo amandla olawulo okuthwala uxanduva ngokufezekileyo. Urhulumente wesizwe,
ngenyathelo lezowiso-mthetho kunye namanye amanyathelo, kufuneka ancedise amaphondo
ukuphuhlisa amandla olawulo afunekayo ukuze akwazi ukuwasebenzisa ngokufezekileyo
amagunya awo, nokwenza ngokufezekileyo imisebenzi yawo exelwe kwicandelwana (2).
(4) Nayiphi na imbambano emalunga namandla olawulo ephondo elithile, okwenza nawuphi
na umsebenzi kufuneka ibhekiswe kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo ukuze kuthatyathwe isigqibo
ngayo ngeentsuku ezingama-30 ukususela kumhla wokubhekiswa kwayo kwiBhunga elo.
(5) Ukwenziwa komthetho wephondo usebenze kwiphondo ngalinye, ligunya lolawulo
oluphezulu lelo phondo lodwa, kodwa elo gunya lilawulwa licandelo 100.
(6) Isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu kufuneka sisebenze ngokungqinelana -
(a) nomGaqo-siseko; kunye
(b) nomGaqo-siseko wephondo ukuba umGaqo-siseko sele upasisiwe kwiphondo elo.
Ulwabiwo lwemisebenzi
126. Ilungu leBhunga sephondo esinoLawulo oluPhezulu kufuneka linike naliphi na igunya
ekufuneka lisetyenziswe okanye umsebenzi ekufuneka wenziwe ngokomThetho wePalamente,
okanye umThetho wePhondo, kwiBhunga likaMasipala. Ulwabiwo -
(a) kufuneka lulandele imvumelwano phakathi kwelungu elo leBhunga esinoLawulo
oluPhezulu kunye neBhunga likaMasipala;
(b) kufuneka lungqinelane nomThetho lowo lisetyenziswa ngokwemigaqo yawo elo gunya
okanye wenziwa ngokwemigaqo yawo umsebenzi ochaphazelekayo; kwaye
(c) luqalisa ukusebenza emva kwesihlokomiso esenziwe yiNkulumbuso.
Amandla nemisebenzi yeeNkulumbuso
127. (1) INkulumbuso yephondo inamagunya nemisebenzi ephathiswe eso sikhundla
ngumGaqo-siseko kunye nawuphi na umthetho.
(2) INkulumbuso yephondo inoxanduva lokuba -
(a) yamkele isayine iiBhili;
(b) ibuyisele iBhili ethile kwindlu yowiso-mthetho ukuze iBhili leyo iqwalaselwe kwakhona
malunga nokungqinelana kwayo nomGaqo-siseko;
(c) ithumele iBhili ethile kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuze kuthatyathwe isigqibo
malunga nokungqinelana kwayo nomGaqo-siseko;
(d) ibizele indlu yowiso-mthetho kwindibano engeyoyesiqhelo ukuzokuqwalasela imicimbi
eyodwa;
(e) ityumbe iikhomishini zophando; ize kanjalo
(f) ibize uvavanyo-zimvo kwiphondo ngokungqinelana nomthetho wesizwe.
Ukunyulwa kweeNkulumbuso
128. (1) Kwindibano yayo yokuqala emva konyulo lwayo, nangalo naliphi na ixesha
ekufuneka ukuba kuvalwe isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye kufuneka ukuba
inyule owasetyhini okanye indoda phakathi kwamalungu ayo ukuba ibe yiNkulumbuso yephondo
elo.
(2) Ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka ukuba ichophele
unyulo lweNkulumbuso. Umgaqo-nkqubo ocaciswe kwiSahlulo A seShedyuli 3 nguwo
osebenzayo ekunyulweni kweNkulumbuso.
(3) Unyulo lokuvala isithuba esikhundleni seNkulumbuso kufuneka lubanjwe ngexesha
nangomhla omiselwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko, kodwa kungadlulanga
iintsuku ezingama-30 emva kokuvela kwesithuba eso.
Ukungena kweeNkulumbuso kwizikhundla
129. Umntu oza kuba yiNkulumbuso kufuneka angene kwisikhundla sobuNkulumbuso,
zingaphelanga iintsuku ezintlanu enyuliwe, ngokufunga okanye ukuvuma ukuthembeka
kwiRiphabliki nokuthobela umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Ithuba lokubamba isikhundla leeNkulumbuso nokususwa kwazo
130. (1) Ixesha leNkulumbuso lokuba sesikhundleni liqala yakungena iNkulumbuso
esikhundleni eso, liphele xa kuvele isithuba okanye xa umntu olandelayo onyulwe
njengeNkulumbuso ethabatha isikhundla.
(2) Akukho mntu omakabambe isikhundla sobuNkulumbuso izihlandlo ezingaphezu kwezibini;
kodwa, xa umntu enyulelwe ukuvala isithuba esikhundleni seNkulumbuso, ithuba eliphakathi kolo
nyulo, nonyulo olulandelayo lweNkulumbuso alithathwa njengethuba lokuba sesikhundleni.
(3) Indlu yowiso-mthetho yephondo inganako ukuthi, ngesigqibo esithatyathwe ngokuxhaswe
yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo, ubuncinci, iyisuse iNkulumbuso esikhundleni, iyenza
loo nto ngenxa yezi zizathu zilandelayo kuphela -
(a) ukwaphulwa komGaqo-siseko okanye komthetho okuxhomis' amehlo;
(b) ukuziphatha kakubi okuxhomis' amehlo; okanye
(c) ukungabi nakho ukwenza imisebenzi yesikhundla eso.
(4) Nabani na othe wasuswa esikhundleni sobuNkulumbuso ngokwecandelwana (3) (a)
okanye (b) akamele kufumana naziphi na iimfanelo zeso sikhundla, futhi akamele kusebenza
nakwesiphi na isikhundla sikarhulumente.
IiNkulumbuso eziBambeleyo
131. (1) Xa iNkulumbuso ingekho okanye ingakwazi, ngasizathu simbi, ukwenza imisebenzi
ekwisikhundla sobuNkulumbuso, okanye xa kukho isithuba kwisikhundla sokuba yiNkulumbuso,
omnye umbambi-sikhundla, usebenza njengeNkulumbuso, angene ngokolu landelelwano
lungezantsi:
(a) Ilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu elityunjwe yiNkulumbuso;
(b) Ilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu elityunjwe ngamanye amalungu eBhunga elo;
(c) USomlomo, ide indlu yowiso-mthetho ityumbe omnye wamanye amalungu ayo.
(2) INkulumbuso eBambeleyo inoxanduva, amagunya, nemisebenzi yeNkulumbuso.
(3) Phambi kokuthabatha uxanduva, amagunya nemisebenzi yeNkulumbuso, iBambela
leNkulumbuso kufuneka lifunge okanye livume ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela
umGaqo-siseko ngokungqinelana neShedyuli 2.
AmaBhunga anoLawulo oluPhezulu
132. (1) IBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu lakhiwe yiNkulumbuso, njengentloko
yeBhunga, kunye namalungu angekho nganeno kwesihlanu nangekho ngaphezulu kweshumi
atyunjwe yiNkulumbuso phakathi kwamalungu endlu yowiso-mthetho yephondo.
(2) INkulumbuso yephondo ityumba amalungu eBhunga elinoLawulo oluPhezulu, inike
amagunya nemisebenzi yawo, kanti inakho ukuwagxotha.
Ukuthembeka kwanoxanduva
133. (1) Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu athwele imisebenzi
yolawulo anikwe yona yiNkulumbuso.
(2) Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu kufuneka athi ngokuhlangeneyo,
nangokomntu ngamnye, athembeke kwindlu yowiso-mthetho malunga nokusetyenziswa
kwamagunya nokwenziwa kwemisebenzi yawo.
(3) Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu kufuneka -
(a) enze ngokungqinelana nomGaqo-siseko; kanjalo, ukuba umGaqo-siseko wephondo elo
sele upasisiwe, ngokungqinelana nawo nalowo umGaqo-siseko; aze
(b) anike indlu yowiso-mthetho iingxelo ezizeleyo nezithe gqolo malunga nemicimbi ephantsi
kolawulo lwawo.
Ukuqhuba kwamaBhunga anoLawulo oluPhezulu emva konyulo
134. Xa kubanjwe unyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo, iBhunga elinoLawulo
oluPhezulu namalungu alo bahlala bekufanele ukusebenza de umntu onyulwe ukuba abe
yiNkulumbuso yindlu yowiso-mthetho elandelayo athabathe isikhundla.
Isifungo okanye isingqiniso
135. Phambi kokuba amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu aqale ukwenza
imisebenzi yawo, kufuneka afungele okanye avume ukuthembeka kwiRiphabliki nokuthobela
umGaqo-siseko, ngokungqinelana neShedyuli 2.
Ukuziphatha kwamalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu
136. (1) Amalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu ephondo kufuneka aziphathe
ngokokwendlela yokuziphatha emiselwe ngumthetho wesizwe.
(2) Amalungu eBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu akuvumelekanga ukuba -
(a) enze namnye omnye umsebenzi owabhatalayo;
(b) enze nangayiphi na indlela engangqinelaniyo nezikhundla zawo, okanye azibeke
esichengeni sayo nayiphi na imeko engathi ibangele umngcipheko wokungquzulana phakathi
koxanduva lwawo lwaseburhulumenteni neemfuno zawo zabucala; okanye
(c) asebenzise izikhundla zawo okanye naluphi na ulwazi olusezandleni zawo ukuba azityebise
okanye alungiselele ngendlela engeyiyo nawuphi na omnye umntu.
Ukutshintshelwa kwemisebenzi
137. INkulumbuso ingathi ngesihlokomiso itshintshele kwilungu elithile leBhunga elinoLawulo
oluPhezulu -
(a) ukwenziwa kwawo nawuphi na umthetho usebenze, okungumsebenzi welinye ilungu;
okanye
(b) naliphi na igunya okanye nawuphi na umsebenzi onikwe elinye ilungu ngokomthetho.
Ukwabelwa kwemisebenzi okwethutyana
138. INkulumbuso yephondo ingabela ilungu elithile leBhunga elinoLawulo oluPhezulu naliphi
na igunya okanye nawuphi na umsebenzi welinye ilungu elingekhoyo kwisikhundla salo okanye
elingakwaziyo ukulisebenzisa elo gunya okanye ukuwenza loo msebenzi.
Ukugadwa korhulumente weengingqi liphondo
139. (1) Xa umasipala engenakho okanye engazifezekisi iimfanelo zakhe zolawulo
ngokwemigaqo yomthetho, ibhunga lolawulo lephondo akulo lingangenelela ngokuthabatha
nawaphi na amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukufezekiswa kwezo mfanelo,
kubandakanywa -
(a) ukukhutshwa komyalelo uye kwiBhunga likaMasipala, ochaza ubungakanani boko
kungafezekiswa kweemfanelo zalo, nobeka nawaphi na amanyathelo afunekayo ukuhlangabezana
neemfanelo zalo;
(b) nokuthabatha uxanduva lwezo mfanelo zichaphazelekayo kuloo masipala kangangokuba
kuyimfuneko, ukuze -
(i) kugcinwe imigangatho yesizwe eyimfuneko okanye kumiselwe eyona migangatho isezantsi
yokwenziwa komsebenzi othile;
(ii) kuthintelwe elo Bhunga likaMasipala ekuthabatheni inyathelo elingafanelekanga
elinokudlelelela ukulungelwa komnye umasipala okanye kwephondo lilonke; okanye
(iii) kugcinwe ubunye kwezoqoqosho
(2) Ukuba ibhunga lephondo elinolawulo oluphezulu liyangenelela kumasipala ngokwemigaqo
yecandelwana (1)(b) -
(a) ukungenelela kufuneka kupheliswe, ngaphandle kokuba kuvunyiwe lilungu lekhabhinethi
elijongene nemicimbi yoorhulumente beengingqi, zingaphelanga iintsuku ezili-14 zoko
kungenelela;
(b) isaziso sokungenelela oko kufuneka sandlalwe kwindlu yowiso-mthetho yephondo
nakwiBhunga lesiZwe lamaPhondo zingaphelanga iintsuku ezili-14 emva kokuba neendibano zazo
zokuqala, emva kokuba kuqalise olo ngenelelo;
(c) ungenelelo olo kufuneka lupheliswe ngaphandle kokuba luvunyiwe liBhunga ngeentsuku
ezingama-30 zendibano yalo yokuqala emva kokuqalisa kongenelelo; kanjalo
(d) iBhunga kufuneka liluqwalasele ungenelelo olo rhoqo, lenze naziphi na iingcebiso
kwibhunga lephondo elinolawulo oluphezulu.
(3) Umthetho wesizwe ungayilawula le nkqubo imiselwe leli candelo.
Izigqibo ezikuLawulo oluPhezulu
140. (1) Isigqibo seNkulumbuso yephondo kufuneka sibe sesibhaliweyo
ukuba -
(a) isigqibo eso senziwe ngokomthetho; okanye
(b) sinemiphumela ngokwasemthethweni.
(2) Isigqibo esibhaliweyo seNkulumbuso kufuneka sisayinwe kwakhona lelinye ilingu
leBhunga elinoLawulo oluPhezulu ukuba eso sigqibo siphathelele kumsebenzi othile ophathiswe
elo lungu lilelinye.
(3) Izihlokomiso, imigaqo, namanye amaxwebhu omthetho owayamileyo wephondo kufuneka
zifikeleleke kubantu/zifunyanwe lula ngabantu.
(4) Umthetho wephondo ungacacisa ukuba la maxwebhu akhankanywe kwicandelwana (3)
kufuneka kwenziwe njani, ukuya kuthi ga phi -
(a) ukuziswa kwawo kwindlu yowiso-mthetho yephondo; kunye
(b) nokwamkelwa kwawo yindlu yowiso-mthetho yephondo.
Izindululo zokuphela kokuthenjwa
141. (1) Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo,
ipasisa isindululo sokuphela kokuthenjwa kweBhunga lePhondo elinoLawulo oluPhezulu,
kungabandakanywa iNkulumbuso, iNkulumbuso kufuneka yakhe iBhunga ngokutsha.
(2) Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, ipasisa
isindululo sokuphela kokuthenjwa kweNkulumbuso, iNkulumbuso namanye amalungu la eBhunga
elinoLawulo oluPhezulu kufuneka bazibeke phantsi iintambo.
ImiGaqo-siseko yamaPhondo
Ukwamkelwa kwemigaqo-siseko yamaphondo
142. Indlu yowiso-mthetho yephondo ingapasisa umgaqo-siseko wephondo okanye, apho
kufunekayo, ingawutshintsha umgaqo-siseko wayo, ukuba, ubuncinane, isibini kwisithathu
samalungu ayo avotela ukuyivuma iBhili yokwenjenjalo.
Isiqulatho semigaqo-siseko yamaphondo
143. (1) Umgaqo-siseko wephondo, okanye utshintsho lwawo umgaqo-siseko, akufuneki
lungangqinelani nalo mGaqo-siseko (wesizwe), kodwa unokumisela/lunokumisela -
(a) amaziko nemigaqo-nkqubo yezowiso-mthetho neyolawulo yephondo eyahlukileyo kuleyo
imiselwe kwesi Sahluko; okanye
(b) iziko, indima, igunya newonga lokumkani wemveli, apho kufanele ukuba kwenjwenjalo.
(2) Imimiselo equlethwe kumgaqo-siseko wephondo okanye kwisilungiso sawo
ngokwemihlathi (a) okanye (b) yecandelwana (1) -
(a) kufuneka ingqinelane nezithethe zexabiso ezikwicandelo 1 kunye neSahluko 3; kwaye
(b) ayinakunika iphondo naliphi na igunya okanye umsebenzi -
(i) ongaphandle kwendawo yamandla ephondo ngokweShedyuli 4 neyesi-5; okanye
(ii) ongaphandle kwamagunya nemisebenzi ephathiswe iphondo ngamanye amacandelo
omGaqo-siseko lo.
Ukuqiniselwa kwemigaqo-siseko yamaphondo
144. (1) Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo iye yapasisa okanye ya - tshintsha
umgaqo-siseko, uSomlomo wendlu yowiso-mthetho leyo kufuneka athumele itekisi
yomgaqo-siseko okanye yotshintsho lomgaqo-siseko kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuze
iqiniselwe.
(2) Akukho tekisi yomgaqo-siseko wephondo okanye yotshintsho lomgaqo-siseko iba
ngumthetho ide iNkundla yezomGaqo-siseko ibe iqinisele ukuba -
(a) itekisi le ipasiswe ngokungqinelana necandelo 142; nokuthi
(b) itekisi iphela ithobela icandelo 143.
Ukusayinwa, ukubhengezwa nokugcinwa ngokukhuselekileyo kwemigaqo-siseko yamaphondo
145. (1) INkulumbuso yephondo kufuneka iyivume kwaye iyisayine itekisi yomgaqo-siseko
wephondo okanye yotshintsho lomgaqo-siseko eye yaqiniselwa yiNkundla yezomGaqo-siseko.
(2) Itekisi evunywe yaze yasayinwa yiNkulumbuso kufuneka ipapashwe kwiGazethi
kaRhulumente yesizwe kwaye iqalisa ukusebenza ngomhla wokupapashwa okanye ngomnye
umhla ozayo, obekwe ngokwaloo mgaqo-siseko okanye utshintsho olo lwawo.
(3) Itekisi esayiniweyo yomgaqo-siseko wephondo okanye wotshintsho lomgaqo-siseko
ibubungqina obupheleleyo bemimiselo yawo kwaye, emva kokuba ipapashiwe, kufuneka inikelwe
kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuze yona iyigcine ngokukhuselekileyo.
ImiThetho ePhikisanayo/eNgquzulanayo
Ukungangqinelani phakathi komthetho wesizwe nowephondo
146. (1) Eli candelo libhekisa kwimeko yokungangqinelani phakathi komthetho wesizwe
nomthetho wephondo okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4.
(2) Umthetho wesizwe osebenza ngokufanayo ngokubhekisele kweli lizwe lilonke
uyawongamela umthetho wephondo ukuba omnye wale miqathango ilandelayo uzalisekisiwe:
(a) Umthetho wesizwe ujongene nomcimbi ongenakulawulwa ngokufezekileyo ngumthetho
owenziwe kwiphondo ngalinye, lilodwa.
(b) Umthetho lowo wesizwe ujongene nomcimbi othi, ukuze uphathwe ngokufezekileyo,
ufune ukuphathwa ngokufanayo kwisizwe siphela, waye umthetho wesizwe lowo usenza kube kho
oko kufana ngokuthi umisele -
(i) izithethe nemigangatho;
(ii) izikhokelo; okanye
(iii) iinkqubo-sikhokelo zesizwe.
(c) Umthetho wesizwe uyimfuneko ukuze -
(i) kugcinwe ukhuseleko lwesizwe;
(ii) kugcinwe umanyano lwezoqoqosho;
(iii) kukhuselwe imarike yomntu wonke ngokuphathelele ekuhanjisweni kwempahla,
kwiinkonzo, kwimali nakubasebenzi;
(iv) kukhuthazwe imisebenzi yezoqoqosho ukusuka kwiphondo ukuya kwelinye;
(v) kukhuthazwe amathuba alinganayo okanye ukufikelela ngokulinganayo kwiinkonzo
zikarhulumente; okanye
(vi) kukhuselwe indalo esingqongileyo.
(3) Umthetho wesizwe uyawongamela umthetho wephondo ukuba umthetho wesizwe lowo
wenzelwe ukuthintela inyathelo elingafanelekanga lephondo elithile, nyathelo elo -
(a) lidlelelela ukulungelwa kwelinye iphondo okanye kwelizwe eli liphela malunga
nezoqoqosho, nezempilo okanye nokhuseleko; okanye
(b) livalela ukwenziwa kwenkqubo-sikhokelo yesizwe yezoqoqosho isebenze.
(4) Xa kukho imbambano malunga nokuthi kufuneka umthetho wesizwe na ukuze kwenzeke
into echazwe kwicandelwana (2) (c), ize loo mbambano iziswe enkundleni ukuza kusonjululwa,
inkundla leyo kufuneka ikuhloniphe ukuvunywa okanye ukwaliwa komthetho lowo liBhunga
lesiZwe lamaPhondo.
(5) Umthetho wephondo uyawongamela umthetho wesizwe ukuba icandelwana (2) okanye
(3) alisebenzi.
(6) Umthetho owenziwe ngokomThetho wePalamente okanye ngokomThetho wamaphondo
unokongamela kuphela ukuba loo mthetho wamkelwe liBhunga lesiZwe lamaPhondo.
(7) Ukuba iBhunga lesiZwe lamaPhondo alifikeleli sigqibeni kwisithuba seentsuku
ezingama-30 lihlangene okokuqala emva kokuba umthetho othile wawusiwe kulo, loo mthetho
mawuthathwe, ngokweenjongo zawo zonke, njengothe wamkelwa liBhunga eli.
(8) Ukuba iBhunga lesiZwe lamaPhondo aliwamkeli umthetho ekuthethwa ngawo
kwicandelwana (6), kufuneka, ngeentsuku ezingama-30 lisenzile isigqibo salo, lixele izizathu
zokungawamkeli loo mthetho, lizixele kwelo gunya beliwuthumele kulo umthetho lowo.
Ezinye iimpikiswano / olunye ungquzulwano
147. (1) Ukuba kukho ungquzulwano phakathi komthetho wesizwe kunye nommiselo
womgaqo-siseko wephondo malunga -
(a) nomcimbi ekufuneka okanye ekujongwe ngokukodwa, ngokwalo mGaqo-siseko, ukuba
wenzelwe okanye ujonge umthetho wesizwe, umthetho wesizwe lowo uyawongamela loo
mmiselo uchaphazelekayo womgaqo-siseko wephondo;
(b) nokungenelela komthetho wesizwe ngokwecandelo 44(2), loo mthetho wesizwe
uyawongamela loo mmiselo womgaqo-siseko wephondo; okanye
(c) umcimbi okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli 4, icandelo 146 liyasebenza
njengokungathi lo mmiselo uchaphazelekayo womGaqo-siseko wephondo ungumthetho
wephondo ekubhekiselwe kuwo kwelo candelo.
(2) Umthetho wesizwe oxelwa kwicandelo 44 (2) uyawongamela umthetho wephondo
ngokumayela nemicimbi ekwiindawo zemisebenzi ezidweliswe kwiShedyuli 5.
Ungquzulwano olungenakusombululeka
148. Ukuba ukungavisisani okuzalwa lungquzulwano akunakusonjululwa yinkundla, umthetho
wesizwe uyawongamela umthetho wephondo okanye umgaqo-siseko wephondo.
Inqanaba lomthetho ongongameliyo
149. Isigqibo senkundla sokokuba umthetho othile uwongamele omnye umthetho asiwenzi ube
yinto engekhoyo loo mthetho wonganyelweyo, koko loo mthetho wona uba ngongasebenziyo lo
gama ungquzulwano lusekhoyo.
Ukuchazwa kweempikiswano / kongquzulwano
150. Xa kuqwalaselwa ungquzulwano olungathi lukho phakathi komthetho wesizwe
nowephondo, okanye phakathi komthetho wesizwe nomgaqo-siseko wephondo, zonke iinkundla
kufuneka zikhethe naluphi na uchazo olufanelekileyo lomthetho lowo okanye lomgaqo-siseko
lowo, chazo olo luluphephayo ungquzulwano, endaweni yochazo olulolunye olubangela
ungquzulwano.
Isahluko 7
URhulumente weeNgingqi
Inqanaba loomasipala
151. (1) Isigaba seengingqi sikarhulumente sakhiwe ngoomasipala, ekufuneka basekwe
kummandla wonke weRiphabliki.
(2) Igunya lolawulo nelowiso-mthetho likamasipala liphathiswe iBhunga likaMasipala lowo.
(3) Umasipala unelungelo lokulawula, ngokuzibonela, imicimbi yoburhulumente beengingqi
yabantu bakhe, kodwa ephantsi komthetho wesizwe nowephondo, njengoko kumiselweyo
kumGaqo-siseko.
(4) Urhulumente wesizwe okanye owephondo abasayi kuchitha okanye bathintele amandla
okanye ilungelo likamasipala lokusebenzisa amagunya akhe okanye lokwenza imisebenzi yakhe.
Iinjongo zorhulumente weengingqi
152. (1) Iinjongo zorhulumente weengingqi zezi-
(a) ukwenzela abantu kwiindawo abahlala kuzo urhulumente weengingqi onedemokhrasi
nothembekileyo;
(b) ukuqinisekisa ubukho beenkonzo ebantwini kwiindawo-ndawo abahlala kuzo ngendlela
ethe gqolo;
(c) ukukhuthaza uphuhliso lwezentlalo nezoqoqosho;
(d) ukukhuthaza imo ekhuselekileyo nenempilo yendawo nendalo esingqongileyo;
(e) ukukhuthaza kuthatha inxaxheba koluntu kunye nemibutho yoluntu kwimicimbi
yorhulumente weengingqi.
(2) Umasipala kufuneka azame, ngokwamandla akhe ezemali nawolawulo, ukufezekisa
iinjongo ezicaciswe kwicandelwana (1)
Imisebenzi yophuhliso yoomasipala
153. UMasipala kufuneka -
(a) abumbe aze ongamele ulawulo lwakhe, neenkqubo zolwabiwo-mali nezocwangciso,
ukwenzela ukuba abeke phambili iimfuno ezisisiseko zabantu, nokuba akhuthaze uphuhliso
lwabantu lwezentlalo nolwezoqoqosho; kanjalo
(b) athathe inxaxheba kwiiprogramu zophuhliso zesizwe nezephondo.
Oomasipala kurhulumente wentsebenziswano
154. (1) Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka bathi, ngamanyathelo
owiso-mthetho kunye nangamanye, kufuneka baxhase, baqinise amandla oomasipala
okuziphathela imicimbi yabo, nawokusebenzisa amagunya abo, nokwenza imisebenzi yabo.
(2) Umthetho osaqulunqwayo worhulumente wesizwe okanye wephondo ochaphazela
inqanaba, amaziko, amagunya okanye imisebenzi yorhulumente weengingqi kufuneka upapashwe
ukuze uhlalutywe ngokuphandle, phambi kokuba usiwe ePalamente okanye kwindlu
yowiso-mthetho yephondo, loo nto (yokupapashwa) yenziwe ngendlela eya kwenza ukuba
urhulumente weengingqi oqingqekileyo, oomasipala, nabanye abantu abafunayo, babe nethuba
lokuya kuzithethela malunga naloo mthetho usaqulunqwayo.
Ukusekwa koomasipala
155. (1) Kukho ezi ndidi zilandelayo zoomasipala:
(a) uDidi A: Umasipala onegunya elilelakhe yedwa lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho
kwingingqi yakhe;
(b) uDidi B: Umasipala obambisene ngegunya lakhe lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho
kwingingqi yakhe nomasipala woDidi C ekuthi kwingingqi yakhe kungene nale kamasipala woDidi
B;
(c) uDidi C: Umasipala onegunya elilelakhe yedwa lolawulo oluphezulu nelowiso-mthetho
kwingingqi ebandakanya omnye umasipala okanye abanye oomasipala.
(2) Kufuneka umthetho wesizwe uchaze iintlobo zoomasipala ezinokumiselwa phakathi kodidi
ngalunye.
(3) Umthetho wesizwe kufuneka -
(a) wenze kube kho iimpawu ekuya kubonwa ngazo xa ingingqi ifanele ukuba nomasipala
omnye ongowoDidi A okanye xa ifanelwe ngoomasipala bazo zombini uDidi B noDidi C;
(b) wenze kube kho iimpawu nemigaqo-nkqubo yokumisela imida yoomasipala, imiselwa
ligunya elizimeleyo; kananjalo
(c) uthi uthobela icandelo 229, wenze indlela yokwahlula-hlulwa okufanelekileyo
kwamagunya nemisebenzi phakathi koomasipala apho ingingqi inoomasipala bazo zombini uDidi
B noDidi C. Ulwahlula-hlulo lwamagunya nemisebenzi phakathi komasipala woDidi B nomasipala
woDidi C lusenokungafani nolo luphakathi komnye umasipala woDidi B nalo masipala woDidi
C mnye.
(4) Lo mthetho kubhekiswa kuwo kwicandelwana (3) kufuneka uyithathele ingqalelo
imfuneko yokuba kubonelelwe ngeenkonzo zikamasipala ngendlela elinganayo.
(5) Umthetho wephondo kufuneka uqondisise iintlobo ezahlukileyo zoomasipala
emazimiselwe kwiphondo elo.
(6) Urhulumente wephondo ngamnye kufuneka amisele oomasipala kwiphondo lakhe
ngendlela engqinelanayo nomthetho owenziwe ngokwecandelwana (2) nelesi-(3) aze, esebenzisa
iindlela zowiso-mthetho nezinye iindlela -
(a) enze kube kho ukugadwa nokuxhaswa korhulumente weengingqi kwiphondo elo;
kananjalo
(b) akhuthaze ukuphuhliswa kwamandla karhulumente weengingqi ukwenzela ukuba
oomasipala bakwazi ukwenza imisebenzi yabo nokuphatha imicimbi yabo.
(7) Urhulumente wesizwe, elawulwa licandelo 44, noorhulumente bamaphondo banegunya
lowiso-mthetho nelolawulo oluphezulu lokwenza ukuba oomasipala bayenze ngokufezikileyo
imisebenzi yabo mayela nemicimbi edweliswe kwiShedyuli 4 neyesi-5, ngokuthi balawule
ukusebenzisa koomasipala elabo igunya lolawulo oluphezulu elixelwe kwicandelo 156 (1).
Amagunya nemisebenzi yoomasipala
156. (1) Umasipala unegunya lolawulo oluphezulu malunga, nelungelo lokulawula -
(a) imicimbi yorhulumente weengingqi edweliswe kwiSahlulo B seShedyuli 4 neSahlulo B
seShedyuli 5; kunye
(b) nawo nawuphi na omnye umcimbi owabelwe okanye othunywe yena ngumthetho wesizwe
okanye wephondo.
(2) Umasipala angenza, aze asebenzise izinxuluma-mthetho ukuze kube kho ulawulo
olunemfezeko lwemicimbi anelungelo lokuyilawula.
(3) Phantsi kwemimiselo yecandelo 151(4), isinxuluma-mthetho esiphikisanayo nomthetho
wesizwe okanye wephondo asinamandla okusebenza. Ukuba kukho ungquzulwano phakathi
kwesinxuluma-mthetho nomthetho wesizwe okanye wephondo ongasebenziyo ngenxa yokuba
kukho ungquzulwano oluchazwe kwicandelo 149, isinxuluma-mthetho kufuneka sithatyathwe
njengesisebenzayo ngelo thuba umthetho lowo ungasebenziyo ngalo.
(4) Urhulumente wesizwe noorhulumente bamaphondo kufuneka babele okanye bathume
umasipala, ngesivumelwano naphantsi kwayo nayiphi na imiqathango, ulawulo lomcimbi
odweliswe kwiSahlulo A seShedyuli 4 okanye iSahlulo A seShedyuli 5 eziphathelele kurhulumente
weengingqi ngokwemfuneko, ukuba -
(a) loo mcimbi unokwenziwa ngokufezekileyo kwingingqi; futhi
(b) umasipala lowo unawo amandla okuwenza.
(5) Umasipala unelungelo lokusebenzisa naliphi na igunya mayela nawo nawuphi na
umbandela oyimfuneko okanye ozalwa koko kwenziwa ngokunemfezeko kwemisebenzi yakhe.
Ukwakhiwa nokunyulwa kwamaBhunga ooMasipala
157. (1) IBhunga likaMasipala lakhiwe -
(a) ngamalungu anyulwe ngokwecandelwana (2),(3),(4) nelesi- (5); okanye
(b) ukuba kukho ummiselo womthetho wesizwe otshoyo -
(i) ngamalungu atyunjwe ngamanye amaBhunga ooMasipala ukumela wona loo maBhunga
angamanye; okanye
(ii) ngawo onke la malungu, la anyuliweyo ngokungqinelana nomhlathi (a), nala atyunjwe
ngokungqinelana nomhlathana (i) walo mhlathi.
(2) Unyulo lwamalungu eBhunga likaMasipala oluxelwa kwicandelwana (1)(a) kufuneka
lungqinelane nomthetho wesizwe, ekufuneka wona umisele inkqubo -
(a) yokumelwa ngokolungelelwano okusekwe kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe, kwicandelo
lolu luhlu olunamagama abantu baloo masipala; le nkqubo kufuneka ibe yekwanika indlela
yokunyulwa kwamalungu kwizicwangciso-ludwe zabavotelwa bamaqela ezopolitiko, abadweliswe
ngokolandelelwano olukhethwa liqela ngalinye; okanye
(b) yokumelwa ngokolungelelwano njengoko kuchazwe kumhlathi (a), nkqubo leyo
idityaniswe nenkqubo yokumelwa ngokweengingqana/ngokweewadi, esekwe kuluhlu lwabavoti
kwiwadi nganye, abakhoyo, kwicandelo laloo masipala, kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe.
(3) Inkqubo yonyulo ngokwecandelwana (2) kufuneka iqinisekise okokuba inani lamalungu
anyuliweyo kwiqela ngalinye libonisa ubungakanani beevoti ezibhalisiweyo zaloo maqela.
(4) Ukuba inkqubo yonyulo ibandakanya umelo ngokokweewadi, ukwahlulwa-hlulwa
kweewadi kufuneka kwenziwe ligunya elizimeleyo elityunjwe, futhi lisebenza
ngokwemigaqo-nkqubo neempawu ezibekwe ngumthetho wesizwe.
(5) Umntu angavota kumasipala kuphela ukuba loo mntu ubhaliswe kwicandelo laloo masipala
kuluhlu lwabavoti olunye lwesizwe.
(6) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) (b) kufuneka useke inkqubo
eyenza ukuba amaqela neemeko zokulungelwa kwawo ezikhoyo kwelo Bhunga likaMasipala
lityumbela amalungu alo kwelinye, amelwe, neemeko ezo zimelwe, ngokungenasheyi kwelo
Bhunga likaMasipala kutyunjelwa kulo amalungu.
Ubulungu bamaBhunga ooMasipala
158. (1) Wonke ummi ofanelekileyo ukuvotela iBhunga likaMasipala ukufanele ukuba
lilungu lelo Bhunga, ngaphandle -
(a) kwakhe nabani na oqeshwe, okanye okwinkonzo ethile kamasipala kwaye efumana
intlawulo ngoko kuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, kube oku kungafaneleki kwakhe
kungayekiswanga ngokomthetho wesizwe;
(b) kwakhe nabani na oqeshwe, okanye okwinkonzo kaRhulumente, kwesinye isigaba,
esamkela intlawulo ngokokuqeshwa okanye ngaloo nkonzo, abe kanjalo enziwe akafaneleka
kubulungu beBhunga likaMasipala ngomthetho wesizwe;
(c) kwakhe nawuphi na umntu ongakufanelanga ukuvotela iNdibano yesiZwe okanye
ongafanelekanga ngokwecandelo 47 (1) (c), (d) okanye (e) ukuba abe lilungu leNdibano;
(d) kwelungu leNdibano yesiZwe, komthunywa kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo okanye
kwelungu lendlu yowiso-mthetho yephondo; kodwa oku kungafaneleki akusebenzi kwilungu
leBhunga likaMasipala elimele urhulumente weengingqi kwiBhunga lesiZwe; okanye ngaphandle
(e) kwelungu lelinye iBhunga likaMasipala; kodwa oku kungafaneleki akusebenzi kwilungu
leBhunga likaMasipala elimele elo Bhunga kwelinye iBhunga likaMasipala lodidi olwahlukileyo.
(2) Umntu ongafanelekanga ukuba abe lilungu leBhunga likaMasipala ngokwamacandelwana
(1) (a) (b), (d) okanye (e) angangumvotelwa weBhunga elo, phantsi kwalo naluphi na usikelo-mda
okanye kwayo nayiphi na imiqathango emiselwe ngumthetho wesizwe.
Amathuba okusebenza kwamaBhunga kaMasipala
159. Ithuba lokuqhuba ukusebenza kweBhunga likaMasipala alingebi ngaphezulu kweminyaka
emine, njengoko kumiselwe ngumthetho wesizwe.
Iinkqubo zangaphakathi
160. (1) IBhunga likaMasipala -
(a) lenza izigqibo malunga nokusetyenziswa kwawo onke amagunya nokwenziwa kwayo
yonke imisebenzi kamasipala;
(b) kufuneka linyule usihlalo walo;
(c) linganyula ikomiti enolawulo oluphezulu nezinye iikomiti, lithobela umthetho wesizwe;
kanjalo
(d) lingaqesha abasebenzi abafunekayo ukuze imisebenzi yalo yenziwe ngokufezekileyo.
(2) Le misebenzi ilandelayo akufuneki ithunywe abanye abantu liBhunga likaMasipala -
(a) ukupasiswa kwezinxuluma-mthetho;
(b) ukuvunywa kolwabiwo-mali;
(c) umiselo lwerhafu yepropati nezinye iirhafu, neentlawuliso, neentlawulelo-zinto;
(d) kwanokwenziwa kweemboleko-mali.
(3) (a) Kufuneka kube kho uninzi lwamalungu eBhunga likaMasipala phambi kokuba
kuvotelwe nawuphi na umcimbi.
(b) Yonke imiba emalunga nemicimbi ekhankanywe kwicandelwana (2) iqondisiswa
ngesigqibo esithathwe liBhunga likaMasipala esixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu alo.
(c) Yonke eminye imiba ephambi kweBhunga likaMasipala yenzelwa izigqibo ngesininzi
seevoti ezivotiweyo.
(4) Makungapasiswa sinxuluma-mthetho liBhunga likaMasipala ngaphandle kokuba -
(a) onke amalungu eBhunga elo ayinikiwe inotisi ebhadlileyo; kwaye
(b) eso sinxuluma-mthetho sipoposhwayo siye sapapashwa ukuze sihlalutywe (/sicikidwe)
ngokuphandle.
(5) Umthetho wesizwe ungazinika iimpawu zokwenza isigqibo malunga -
(a) nobungakanani beBhunga likaMasipala;
(b) nokuthi amaBhunga kaMasipala angayinyula na ikomiti enolawulo oluphezulu okanye
nayiphi na ikomiti; okanye
(c) nobungakanani bekomiti enolawulo oluphezulu okanye nobayiphi na enye ikomiti
yeBhunga likaMasipala elithile.
(6) IBhunga likaMasipala lingazenza izinxuluma-mthetho ezimisela imigaqo nemiyalelo
eyenzelwa -
(a) amalungiselelo alo angaphakathi;
(b) imicimbi yalo nokuxoxwa kwayo;
(c) nokusekwa, nokwakhiwa kweekomiti zalo, kwakunye nemigaqo-nkqubo, amagunya
nemisebenzi yezi komiti.
(7) IBhunga likaMasipala kufuneka liqhube imicimbi yalo ngendlela engafihli nto, lize lizivale
iintlanganiso zalo, okanye ezo zeekomiti zalo, kuphela xa kufanelekileyo ukuba kwenjwenjalo,
xa kuthathelwa ingqalelo uhlobo lwengxaki leyo kuhlangenwe ngayo.
(8) Amalungu eBhunga likaMasipala anelungelo lokuthatha inxaxheba kwiingxoxo zalo
nakwezo zeekomiti zalo ngendlela ethi -
(a) ivumele ukuba amaqela neemeko zokulungelwa ezikhoyo kwiBhunga elo zibe nokumelwa
ngokungenasheyi;
(b) ingqinelane nedemokhrasi; futhi
(c) ibe nokulawulwa ngumthetho wesizwe.
Inyhweba
161. Umthetho wephondo osebenza ngokwesikhokelo somthetho wesizwe ungamisela
iinyhweba nokuvikeleka kwamaBhunga ooMasipala kunye namalungu awo.
Ukupapashwa kwezinxuluma-mthetho zoomasipala
162. (1) Isinxuluma-mthetho sikamasipala singasetyenziswa kuphela emva kokuba
sipapashiwe kwigazethi yaseburhulumenteni yelo phondo akulo umasipala lowo.
(2) Igazethi karhulumente yephondo kufuneka ipapashe isinxuluma-mthetho sikamasipala
ngesicelo sikamasipala.
(3) Izinxuluma-mthetho zikamasipala kufuneka zifikeleleke kuluntu.
URhulumente weeNgingqi oqingqiweyo
163. UmThetho wePalamente owenziwe ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo osekwe licandelo
76 kufuneka -
(a) umisele indlela yokuhoywa kwamaziko esizwe nawephondo amele oomasipala; kanjalo
(b) umisele imigaqo-nkqubo angathi ngayo urhulumente
weengingqi -
(i) adlane indlebe norhulumente wesizwe okanye owephondo elithile;
(ii) atyumbe abameli abaza kuthabatha inxaxheba kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo; kanjalo
(iii) akhethele abantu kwiKhomishini yezeMali neeRhafu.
Eminye imicimbi
164. Nawuphi na umcimbi omalunga norhulumente weengingqi ongaqwalaselwanga
kumGaqo-siseko ungamiselwa ngumthetho wesizwe okanye ngumthetho wephondo phantsi
kwesikhokelo somthetho wesizwe.
Isahluko 8
IiNkundla noSetyenziso lobuLungisa
Igunya lezeejaji
165. (1) Igunya lezomthetho kwiRiphabliki liphathiswe iinkundla zomthetho.
(2) Iinkundla zizimele, zilawulwa kuphela ngumGaqo-siseko nomthetho, ekufuneka
ziwusebenzisile ngokungakhethi cala, nangaphandle koloyiko, nokuba nedolo, okanye
nokudlel'indlala.
(3) Akukho mntu okanye ziko loburhulumente livumelekileyo ukuphazamisana nokusebenza
kweenkundla.
(4) Amaziko karhulumente, ngamanyathelo ezowiso-mthetho kwakunye namanye
amanyathelo, kufuneka azincedise, azikhusele iinkundla, ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi
cala, isidima, ukufikeleleka, nokusebenza ngokufezekileyo kweenkundla.
(5) Umyalelo okanye isigqibo esikhutshwe yinkundla sibophelela bonke abantu kunye
namaziko karhulumente obhekisa/ esibhekisa kubo/kuwo.
Inkqubo yezeejaji
166. Iinkundla zezi -
(a) INkundla yezomGaqo-siseko;
(b) INkundla ePhakamileyo yeziBheno;
(c) IiNkundla eziPhezulu, kubandakanywa nayo nayiphi na inkundla ephezulu yezibheno
engathi isekwe ngumThetho wePalamente ukuze imamele izibheno ezivela kwiiNkundla
eziPhezulu.;
(d) IiNkundla zooMantyi; kunye
(e) nayiphi na enye inkundla esekwe okanye evunywe ngokomThetho wePalamente,
kubandakanywa nayiphi na inkundla ekwinqanaba elifanayo neleeNkundla eziPhezulu okanye
eleeNkundla zooMantyi.
INkundla yezomGaqo-siseko
167. (1) INkundla yezomGaqo-siseko inoMongameli, uSekela Mongameli, kunye nezinye
iijaji ezisithoba.
(2) Umcimbi ophambi kweNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka umanyelwe ziijaji ezisibhozo
ubuncinane.
(3) INkundla yezomGaqo-siseko -
(a) yeyona nkundla iphezulu kuyo yonke imicimbi yezomGaqo-siseko;
(b) ingathatha izigqibo ngemicimbi yezomGaqo-siseko kuphela nangemibandela edibene
nezigqibo ezingemicimbi yezomGaqo-siseko; kanjalo
(c) yenza isigqibo ekungadlulwayo kuso malunga nokuthi umcimbi othile
ngowomGaqo-siseko kusini na, okanye nokuthi umbandela othile udibene na nesigqibo
esimalunga nomcimbi womGaqo-siseko.
(4) YiNkundla yezomGaqo-siseko kuphela engathi -
(a) ithathe isigqibo ngeembambano eziphakathi kwamaziko karhulumente kwisigaba sesizwe
okanye samaphondo malunga nenqanaba ngokomGaqo-siseko, namagunya, okanye nemisebenzi
yawo nawaphi na loo maziko karhulumente;
(b) igqibe ngemo engokomGaqo-siseko yayo nayiphi na iBhili yepalamente okanye yephondo,
kodwa ingakwenza oko kuphela kwiimeko ezithelekelelwe kwicandelo 79 okanye ele-121;
(c) igqibe malunga nezicelo ekuthethwa ngazo kwicandelo 80 okanye elama-22;
(d) yenze isigqibo malunga nemo-mGaqo-siseko yalo naluphi na utshintsho lomGaqo-siseko
lo;
(e) yenze isigqibo sokuba iPalamente okanye uMongameli uye wasilela ukuzalisekisa imfanelo
ethile yezomGaqo-siseko; okanye
(f) iqinisele umGaqo-siseko wephondo ngokwecandelo 144.
(5) INkundla yezomgaqo-siseko yenza isigqibo ekungenakudlulwa kuso malunga nokuthi
umThetho othile wePalamente, okanye umThetho wePhondo okanye isenzo sikaMongameli
singokomGaqo-siseko, yaye kufuneka iqinisekise nawuphi na umyalelo wokungabi nakusebenza
owenziwe yiNkundla ePhakamileyo yeziBheno, iNkundla ePhezulu okanye inkundla ekwinqanaba
elifana nelezi nkundla, phambi kokuba loo myalelo ube unawo nawaphi na amandla okusebenza.
(6) UmThetho wesizwe okanye imigaqo yeNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka ivumele
umntu, xa oko kulungileyo ngokwezobulungisa futhi nangemvume yeNkundla yezomGaqo-siseko,
ukuba -
(a) awuzise umcimbi ngqo eNkundleni yezomGaqo-siseko; okanye
(b) abe nokubhenela ngqo kwiNkundla yezomGaqo-siseko, ukusuka kuyo nayiphi na
inkundla.
(7) Umcimbi wezomGaqo-siseko ubandakanya nawuphi na umbandela odibanisa ukutolikwa,
ukukhuselwa, okanye ukwenziwa usebenze komGaqo-siseko.
INkundla ePhakamileyo yeziBheno
168. (1) INkundla ePhakamileyo yeziBheno yakhiwe, yiJaji eyiNtloko, iSekela leJaji
eyiNtloko, kwakunye nenani leejaji zezibheno elimiselwe ngumThetho wePalamente.
(2) Umcimbi ophambi kweNkundla ePhakamileyo yeZibheno kufuneka ugqitywe ziijaji
ezilinani elimiselwe ngumThetho wePalamente.
(3) INkundla ePhakamileyo yeziBheno ingenza izigqibo ngezibheno kuwo nawuphi na
umcimbi. Yeyona nkundla iphezulu yezibheno, ngaphandle kwakwimibandela yezomGaqo-siseko;
kwaye ingenza izigqibo kuphela malunga -
(a) nezibheno;
(b) nemibandela enxulumene nezibheno; kunye
(c) nawuphi na omnye umbandela ongathi uthunyelwe kuyo phantsi kweemeko ezichazwe
ngumThetho wePalamente.
IiNkundla eziPhezulu
169. INkundla ePhezulu ingagqiba -
(a) ngawo nawuphi na umbandela womGaqo-siseko, ngaphandle kwalowo -
(i) iyiNkundla yezomGaqo-siseko kuphela engathabatha isigqibo ngawo; okanye
(ii) uphathiswe enye inkundla ekwinqanaba elifanayo neleNkundla ePhezulu ngomThetho
wePalamente;
(b) nangawo nawuphi na umbandela ongaphathiswanga enye inkundla ngumThetho
wePalamente.
IiNkundla zooMantyi nezinye iinkundla
170. IiNkundla zooMantyi nazo zonke ezinye iinkundla zingagqiba ngawo nawuphi na
umbandela omiselwe ngumThetho wePalamente, kodwa inkundla enqanaba layo lingaphantsi
kweleNkundla ePhezulu ayinakho ukuphanda okanye igwebe ngokungqinelana nomGaqo-siseko
kwawo nawuphi na umthetho okanye nasiphi na isenzo sikaMongameli.
Imigaqo-nkqubo yeenkundla
171. Zonke iinkundla zisebenza ngokomthetho wesizwe, kwaye imigaqo nemigaqo-nkqubo
yazo kufuneka imiselwe ngokomthetho wesizwe.
Amagunya eenkundla kwimicimbi yezomGaqo-siseko
172. (1) Xa isenza isigqibo ngomcimbi wezomgaqo-siseko osemandleni ayo, inkundla -
(a) kufuneka ivakalise ukuba nawuphi na umthetho okanye isenzo esingangqinelaniyo
nomGaqo-siseko unokungasebenzi okungangokungangqinelani kwawo nomGaqo-siseko; kanjalo
(b) ingenza nawuphi na umyalelo onobulungisa nongenasheyi, kubandakanywa -
(i) umyalelo osikela umda isiphumo sokusebenza kususelwa emva kokuvakaliswa kokungabi
nakusebenza;
(ii) nomyalelo onqumamisa ukuvakaliswa kokungabi nakusebenza ngalo naliphi na ithuba,
naphantsi kwayo nayiphi na imiqathango, ukuvumela elo gunya lifanelekileyo ukuba lilungise eso
siphene.
(2) (a) INkundla ePhakamileyo yeziBheno, iNkundla ePhezulu okanye inkundla
ekwinqanaba elinye nezi inganika umyalelo malunga nokuba nokusebenza, ngokomGaqo-siseko,
komThetho othile wePalamente, umThetho wePhondo okanye nasiphi na isenzo sikaMongameli,
kodwa umyalelo wokungabi nakusebenza ngokomGaqo-siseko awunamandla ngaphandle kokuba
uqinisekiswe yiNkundla yezomGaqo-siseko.
(b) Inkundla eyenza umyalelo wokungabi nakusebenza ngokomGaqo-siseko inganika
umyalelo onqandayo wexeshana okanye olunye uphumzo lwexeshana kwiqela elithile, okanye
ingamisa ukuxoxwa kwetyala, lo gama kusajongwe isigqibo seNkundla yezomGaqo-siseko
malunga nokungabi nakusebenza kwaloo mThetho okanye kweso senzo.
(c) Umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela yokubhekiswa kwiNkundla
yezomGaqo-siseko, komyalelo wokungabi nakusebenza ngokomGaqo-siseko.
(d) Nawuphi na umntu, okanye naliphi na iziko likarhulumente, onomdla ngokwaneleyo
angafaka isibheno, okanye enze isicelo, kwiNkundla yomGaqo-siseko, ngqo ukuqinisekisa, okanye
ukuphikisa, umyalelo wokungabi nakusebenza ngokomGaqo-siseko, owenziwe yinkundla
ngokweli candelwana.
Amandla Emvelo
173. INkundla yezomGaqo-siseko, iNkundla ePhakamileyo yeziBheno, kunye neeNkundla
eziPhezulu, zinamandla emvelo okukhusela nokuzilawulela inkqubo yazo, nokuphuhlisa umthetho
woluntu, kuthathelwa ingqalelo iinjongo zobulungisa.
Ukutyunjwa kwamagosa ezeejaji
174. (1) Nawuphi na umntu wasetyhini okanye oyindoda onemfundo efanelekileyo
ongumntu okulungeleyo nogqibeleleyo angatyunjwa abe ligosa lezeejaji. Nawuphi na umntu oza
kutyunjelwa kwiNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka abe ngummi womZantsi Afrika.
(2) Imfuneko yokuba kwezeejaji kubonakaliswe ngokubanzi ubukho babantu abahlukileyo
ngokweentlanga ngeentlanga, nangokwesini, apha emZantsi Afrika, kufuneka iqwalaselwe xa
kutyunjwa amagosa ezeejaji.
(3) UMongameli, njengentloko yesigqeba solawulo oluphezulu sesizwe, emva kokucebisana
neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, kunye neenkokeli zamaqela amelweyo kwiNdibano yesiZwe,
utyumba uMongameli neSekela likaMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko; aze, emva
kokucebisana neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, atyumbe iJaji eyiNtloko neSekela leJaji
eyiNtloko.
(4) Ezinye iijaji zeNkundla yezomGaqo-siseko, zityunjwa nguMongameli njengentloko
yesigqeba solawulo oluphezulu sesizwe, emva kokucebisana noMongameli weNkundla
yezomGaqo-siseko kunye neenkokeli zamaqela amelweyo kwiNdibano yesiZwe, ngokungqinelana
nalo mgaqo-nkqubo ulandelayo:
(a) IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji kufuneka ilungise uludwe lwabantu abakhethiweyo,
oludlule ngamagama amathathu kwinani labantu abaza kutyunjelwa izikhundla, ize ilunike
uMongameli uludwe olo.
(b) UMongameli angatyumba abantu abakolu ludwe; kufuneka ke ayazise iKhomishini
yeNkonzo yezeeJaji, enika izizathu, ukuba kukho abantu abakolo ludwe, abangamkelekiyo,
nokuba ingaba kusafuneka kutyunjiwe.
(c) IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji kufuneka yongeze amanye amagama abantu
abakhethiweyo kolu ludwe, aze ke uMongameli enze utyumbo olusaseleyo, esebenzisa olo ludwe
longeziweyo.
(5) Ngalo lonke ixesha amalungu eNkundla yezomGaqo-siseko amane, ubuncinane, kufuneka
ibe ngabantu ababeziijaji ngexesha lokutyunjelwa kwabo kwiNkundla yezomGaqo-siseko.
(6) UMongameli kufuneka atyumbe iijaji zazo zonke ezinye iinkundla, ngokucetyiswa
yiKhomishini yeNkonzo yezeeJaji.
(7) Amanye amagosa ezeeJaji kufuneka atyunjwe ngokwemigaqo yomThetho wePalamente,
omawuqinisekise ukuba utyumbo, unyuselo, ukutshintshwa, nokugxothwa kwala magosa ezeeJaji,
namanyathelo esohlwayo athathwayo ngakuwo, kwenzeka ngokungenamkhethe
nangokungawadleli ndlala.
(8) Phambi kokuba amagosa ezeeJaji aqalise ukwenza umsebenzi wawo, kufuneka ukuba
afunge, okanye angqinise ngokungqinelana noShedyuli 2 ukuba aya kuwugcina, awukhusele
umGaqo-siseko.
Iijaji ezibambeleyo
175. (1) UMongameli angatyumba umntu wasetyhini okanye oyindoda ukuba abe libambela
lejaji kwiNkundla yezomGaqo-siseko ukuba kukho isikhewu, okanye ukuba kukho ijaji
engekhoyo. Olo tyumbo kufuneka lwenziwe ngengcebiso yelungu leKhabhinethi elijongene
nolawulo lwezobulungisa, likwenza oko ngokuvumelana noMongameli weNkundla
yezomGaqo-siseko kunye neJaji eyiNtloko.
(2) Ilungu leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa kufuneka lityumbele iijaji
ezibambeleyo kwezinye iinkundla emva kokucebisana nejaji enkulu yaloo nkundla ibambela lejaji
liya kusebenza kuyo.
Amathuba okubamba isikhundla nentlawulo
176. (1) Ijaji yeNkundla yomGaqo-siseko ityunjelwa ithuba elingahlaziywayo leminyaka
eli-12, kodwa kufuneka ithathe umhlala-phantsi yakuba neminyaka engama-70.
(2) Ezinye iijaji zibamba isikhundla de zikhutshwe ekusebenzeni ngokomThetho wePalamente.
(3) Imivuzo, izibonelelo neemfanelo ezifunyanwa ziijaji azinakuncitshiswa.
Ukususwa esikhundleni
177. (1) Ijaji ingasuswa esikhundleni kuphela ukuba -
(a) iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ifumanisa ukuba ijaji leyo ayinakho ukusebenza,
iyohlulwa ngumsebenzi ngendlela engathethekiyo okanye inetyala lentswela-kuziphatha
ngokugqithisileyo; nokuba
(b) iNdibano yesiZwe ithi ijaji leyo mayisuswe, ngesigqibo esixhaswa, ubuncinane, sisibini
esithathwini senani lawo onke amalungu ayo.
(2) UMongameli kufuneka ayisuse ijaji esikhundleni emva kokuthathwa kwesigqibo sokuba
loo jaji mayisuswe.
(3) UMongameli, ngokucetyiswa yiKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, angayinqumamisa ijaji
ekwimeko yomgaqo-nkqubo ongokwecandelwana (1).
IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji
178. (1) Kukho iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji enala malungu -
(a) iJaji eyiNtloko, echophela iintlanganiso zeKhomishini;
(b) uMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko;
(c) uMongameli-Jaji omnye otyunjwe ngaBongameli-Jaji;
(d) ilungu elinye leKhabhinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa, okanye omnye umntu
otyunjwe lelo lungu leKhabhinethi;
(e) abathetheli ababini abasebenzayo abatyunjwe kumbutho wabathetheli ukumela abathetheli
bebonke, kwaye atyunjwa nguMongameli;
(f) amagqwetha amabini asebenzayo atyunjwe kumbutho wamagqwetha ukumela
amagqwetha ewonke, kwaye atyunjwa nguMongameli;
(g) ititshala enye yezomthetho etyunjwe ziititshala zomthetho kwiiyunivesithi zasemZantsi
Afrika;
(h) abantu abathandathu abatyunjwe yiNdibano yesiZwe kumalungu ayo, abathathu kubo,
ubuncinane, babe ngamalungu amaqela aphikisayo amelweyo kwiNdibano;
(i) abathunywa abasisigxina abane abakwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, abatyunjwe kunye
liBhunga, abaxhaswe yivoti yamaphondo amathandathu, ubuncinane;
(j) abantu abane abatyunjwe nguMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo
oluphezulu, emva kokucebisana neenkokeli zawo onke amaqela akwiNdibano yesiZwe; kunye,
(k) xa kujongwa imiba ephathelele ngqo kwicandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla
ePhezulu, neJaji enguMongameli yelo candelo, neNkulumbuso okanye omnye otyunjwe
yiNkulumbuso, yelo phondo lichaphazelekayo.
(2) Ukuba inani labantu abakhethwe phakathi kwabathetheli okanye kwamagqwetha
ngokwecandelwana (1) (e) okanye (f) lilingana nenani lezithuba emazizaliswe, uMongameli
kufuneka atyumbe bona. Ukuba inani labantu abakhethiweyo liyalidlula inani lezithuba
emazizaliswe, uMongameli, emva kokucebisana naloo mbutho wobungcali-mfundo, kufuneka
atyumbe abakhethiweyo abaneleyo ukuba bazalise izithuba ezo, kuthathelwa ingqalelo imfuneko
yokuqinisekisa ukuba abo batyunjiweyo bamele elo khondo lobungcali-mfundo lilonke.
(3) Amalungu eKhomishini atyunjwe liBhunga lesiZwe lamaPhondo asebenza kude kufakwe
amanye kunye endaweni yawo okanye kude kuvele nasiphi na isithuba phakathi kwawo. Amanye
amalungu awaye alathethwe okanye awayetyunjelwe kwiKhomishini asebenza ade asuswe ngabo
babewatyumbile, kufakwe amanye endaweni yawo.
(4) IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji inamagunya nemisebenzi abelwe yona kumGaqo-siseko
nakumthetho wesizwe.
(5) IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ingamcebisa urhulumente wesizwe ngawo nawuphi na
umcimbi ophathelele kwiijaji okanye usetyenziso lwezobulungisa; kodwa xa iqwalasela nawuphi
na umcimbi, ngaphandle kokutyunjwa kwejaji, kufuneka ihlale engekho laa malungu atyunjwe
ngokokwecandelwana (1) (h) no (i).
(6) IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji ingamisela umgaqo-nkqubo wayo, kodwa izigqibo
zeKhomishini kufuneka zixhaswe luninzi lwamalungu ayo.
IGunya eliTshutshisayo
179. (1) Kukho iGunya elinye lesiZwe eliTshutshisayo kwiRiphabliki, elimiswe
ngokomThetho wePalamente laye linaba bantu -
(a) UmLawuli wesiZwe kwezoTshuthiso lwabaNtu, oyintloko yegunya elitshutshisayo, kwaye
utyunjwa nguMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu;
(b) nabaLawuli kwezoTshutshiso lwabaNtu kunye nabatshutshisi njengoko kumiselwe
ngumThetho wePalamente.
(2) Igunya elitshutshisayo linamandla okumisela ukuba kutshutshiswe, egameni
likarhulumente, kwanawokuqhuba nayiphi na imisebenzi eyimfuneko ezalwa kukumisela
utshutshiso lo.
(3) Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukuba abaLawuli kwezoTshutshiso lwabaNtu
-
(a) banemfundo efanelekileyo; kwaye
(b) bajongene nokutshutshisa kwimiba ethe ngqo yokuxoxwa kwamatyala,
ngokwecandelwana (5).
(4) Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukuba igunya elitshutshisayo lenza imisebenzi
yalo ngaphandle koloyiko, ukwenza idolo, okanye ukudlela indlala.
(5) UmLawuli wesiZwe kwezoTshutshiso lwabaNtu -
(a) kufuneka amisele inkqubo-sikhokelo yokutshutshisa ekufuneka ilandelwe kwinkqubeko
yokutshutshisa; kufuneka akwenze oku ngemvumelwano nelungu leKhabhinethi elijongene
nolawulo lwezobulungisa, nasemva kokucebisana nabaLawuli boTshutshiso lwabaNtu.
(b) kufuneka akhuphe imiyalelo yenkqubo-sikhokelo ekufuneka ilandelwe kwinkqubeko
yokutshutshisa;
(c) angangenelela kwinkqubeko yokutshutshisa xa ngaba imiyalelo yenkqubo-sikhokelo
ayithotyelwa; kanjalo
(d) angasiqwalasela isigqibo sokutshutshisa okanye sokungatshutshisi, emva kokucebisana
naloo mLawuli wesiZwe wezoTshutshiso lwabaNtu nasemva kokumamela imibiko yemicimbi,
ngethuba eliqingqiweyo ngumLawuli wesiZwe kwezoTshutshiso lwabaNtu, evela kwaba bantu:
(i) Umntu omangalelweyo.
(ii) Ummangali
(iii) Nawuphi na omnye umntu okanye iqela umLawuli wesiZwe wezoTshutshiso acinga ukuba
ufanelekile.
(6) Ilungu leKhabinethi elijongene nolawulo lwezobulungisa kufuneka libe nelizwi eligqibelayo
phezu kwegunya elitshutshisayo.
(7) Yonke eminye imicimbi malunga negunya elitshutshisayo kufuneka imiselwe ngomthetho
wesizwe.
Eminye imiba mayela nolawulo lobulungisa
180. Umthetho wesizwe ungalungiselela nawuphi na umbandela omalunga nosetyenziso
lwezobulungisa olungaphathwanga kumGaqo-siseko,
kwakunye -
(a) neeprogramu zoqeqesho lwamagosa ezeeJaji;
(b) nemigaqo-nkqubo yokujongana nezikhalazo ngamagosa ezeeJaji; kunye
(c) nokuthabatha inxaxheba kwabantu abangengawo amagosa ezeeJaji, kwizigqibo zenkundla.
Isahluko 9
AmaZiko kaRhulumente aXhasa iDemokhrasi engokomGaqo-siseko
Ukusekwa kwawo, nemigqalisela alawulwa yiyo
181. (1) La maziko karhulumente alandelayo aqinisa idemokhrasi engomGaqo-siseko
kwiRiphabliki:
(a) UmKhuseli woluNtu.
(b) IKhomishini yamaLungelo oluNtu.
(c) IKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo abaNtu ngokwamaSiko
neziThethe zabo, ngokwezeNkolo nangokweeLwimi.
(d) IKhomishini yoLingano ngokwesiNi (phakathi kwabantu basetyhini nabangamadoda).
(e) UmPhicothi-zincwadi-Jikelele
(f) IKhomishini yoNyulo.
(2) La maziko azimele, alawulwa kuphela ngumGaqo-siseko nangumthetho; kufuneka
angakhethi cala, asebenzise amagunya awo enze nemisebenzi yawo ngaphandle koloyiko,
ukwenza idolo, okanye ukudlel'indlala.
(3) Amanye amaziko karhulumente kufuneka athi, ngamanyathelo omthetho namanye
amanyathelo, ancedise akhusele la maziko ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi cala, isidima,
nokusebenza ngokufezekileyo kwala maziko.
(4) Akukho mntu naziko likarhulumente emaliphazamisane nokusebenza kwala maziko.
(5) La maziko athembeke kwiNdibano yesiZwe, kwaye kufuneka enze ingxelo ngezenzo zawo
nokwenza kwawo imisebenzi yawo kwiNdibano, ubuncinane kanye ngonyaka.
UmKhuseli woluNtu
Imisebenzi yomKhuseli woluNtu
182. (1) UmKhuseli woluNtu unegunya, elilawulwa ngumthetho wesizwe -
(a) ukuphanda ngaso nasiphi na isenzo kwimicimbi karhulumente, okanye kulawulo loluntu
kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente, ekuthiwa, okanye ekurhanelwa ukuba, aluhambi ngendlela
eyiyo, okanye olungathi lube neziphumo ezingezizo, okanye udlelo-ndlala.
(b) ukwenza ingxelo ngeso senzo;
(c) nokuthatha amanyathelo afanelekileyo okulungisa eso senzo.
(2) UmKhuseli woluNtu unamagunya athe chatha nemisebenzi emiselwe ngumthetho wesizwe.
(3) UmKhuseli woluNtu akanakho ukuphanda izigqibo zenkundla.
(4) UmKhuseli woluNtu kufuneka afikeleleke kuye wonke umntu ngamnye, nakubo bonke
abantu ngokwamaqela oluntu.
(5) Nayiphi na ingxelo ekhutshwe ngumKhuseli woluNtu kufuneka ibe selubala
kuwonke-wonke, ngaphandle kokuba iimeko ezizodwa, eziya kumiselwa ngumthetho wesizwe,
zifuna ukuba ingxelo ethile ibe semfihlakalweni.
Ixesha lokubamba isikhundla
183. UmKhuseli woluNtu utyunjelwa esikhundleni ithuba leminyaka esixhenxe
elingahlaziywayo.
Ikhomishini yamaLungelo oluNtu
Imisebenzi yeKhomishini yamaLungelo oluNtu
184. (1) Ikhomishini yamaLungelo oluNtu kufuneka -
(a) ikhuthaze ukuhlonitshwa kwamalungelo oluntu kunye nokuphila ngokwamalungelo oluntu;
(b) ikhuthaze ukukhuselwa, ukuphuhliswa nokufumaneka kwamalungelo oluntu; ize kanjalo
(c) ijonge, ivavanye ukukhathalelwa nokulandelwa kwamalungelo oluntu kwiRiphabliki.
(2) IKhomishini yamaLungelo oluNtu inamagunya, ngokokulawulwa ngumthetho wesizwe,
ayimfuneko ekwenzeni imisebenzi yayo, kubandakanywa negunya -
(a) lokuphanda nokwenza ingxelo ngokukhathalelwa nokulandelwa kwamalungelo oluntu;
(b) lokuthatha amanyathelo okulungiswa ngokufanelekileyo apho amalungelo oluntu aye
ophulwa khona;
(c) lokwenza uphando; kunye
(d) nokufundisa.
(3) Kunyaka ngamnye iKhomishini yamaLungelo oluNtu kufuneka ifune ukuba amaziko
karhulumente achaphazelekayo anike iKhomishini le ulwazi ngamanyathelo awathabathileyo
ukuzama ukufezekisa amalungelo akwiBhili yamaLungelo amalunga nezindlu, ulondolozo
lwempilo, ukutya, amanzi, ukhuseleko lwezentlalo, imfundo kunye nendalo esingqongileyo.
(4) IKhomishini yamaLungelo oluNtu inamanye amandla kunye neminye imisebenzi emiselwe
ngumthetho wesizwe.
IKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo abaNtu ngokwamaSiko neziThethe
zabo, nezeNkolo, nezeeLwimi
Imisebenzi yeKhomishini
185. (1) Iinjongo eziphambili zeKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo
abaNtu ngokwamaSiko neziThethe zabo, nezeNkolo nezeeLwimi, zezi zilandelayo -
(a) ukukhuthaza intlonelo yamalungelo abantu ngokwamasiko nezithethe zabo, ngokwenkolo
yabo, nangokweelwimi zabo;
(b) ukukhuthaza nokuphuhlisa uxolo, ubuhlobo, ubuntu, ukunyamezelana, nobunye
ngokwesizwe, phakathi kwabantu abanamasiko nezithethe zabo, iinkolo zabo, neelwimi zabo;
isiseko solu khuthazo nolu phuhliso ikukuphathana njengabalinganayo, ukungacalu-calulani
nokuzibandakanya ngokukhululekileyo;
(c) nokwenza ingcebiso malunga nokusekwa, ngokungqinelana nomthetho wesizwe,
kwebhunga lezamasiko nezithethe, okanye elinye ibhunga okanye amanye amabhunga eqela
loluntu okanye amaqela oluntu emZantsi Afrika.
(2) IKhomishini inalo igunya, njengoko limiselwe ngumthetho wesizwe, eliyimfuneko ukuze
ifezekise iinjongo zayo eziphambili, kubandakanywa igunya lokugada, lokuhlola, lokuphanda,
lokufundisa, lokutsala umdla wabenzi-mthetho, lokucebisa nokunika ingxelo ngemiba emayela
namalungelo abantu ngokokwamasiko nezithethe zabo, ezenkolo nezeelwimi zabo.
(3) IKhomishini inganika ingxelo nangawuphi na umcimbi osemagunyeni ayo, nongumsebenzi
wayo, kwiKhomishini yamaLungelo oluNtu ukuze yona yenze uphando.
(4) IKhomishini inamagunya nemisebenzi eyeminye emiselwe ngumthetho wesizwe.
Ukwakhiwa kweKhomishini
186. (1) Inani lamalungu eKhomishini yokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo
abaNtu ngokwamaSiko neziThethe zabo, ezeNkolo nezeeLwimi, nokutyunjwa kwawo kunye
nethuba lawo lokubamba izikhundla kufuneka zimiselwe ngumthetho wesizwe.
(2) Ukwakhiwa kwayo iKhomishini le kufuneka -
(a) kubandakanye ngokubanzi amaqela aphambili abantu ngokokwamasiko nezithethe zabo,
ezenkolo nezeelwimi, emZantsi Afrika; kanjalo
(b) kubonise ngokubanzi umahluko ngokwesini kubantu bomZantsi Afrika.
IKhomishini yokuLingana ngokwesiNi
Imisebenzi yeKhomishini yokuLingana ngokwesiNi
187. (1) IKhomishini yokuLingana kwabaseTyhini namaDoda (yokuLingana ngokwesiNi)
kufuneka ikhuthaze ukuhlonitshwa kokulingana ngokwesini, nokuphuhliswa, nokukhuselwa,
nokufumaneka kwako oku kulingana phakathi kwababhinqileyo namadoda.
(2) IKhomishini yokuLingana ngokwesiNi, inamandla, ngokokulawulwa ngumthetho wesizwe,
ayimfuneko ekwenzeni imisebenzi yayo, kubandakanywa negunya lokugada, ukuhlola, ukuphanda,
ukufundisa, ukutsala umdla wabenzi-mthetho, ukucebisa, nokwenza ingxelo ngemiba
ephathelelene nokulingana phakathi kwabasetyhini namadoda.
(3) IKhomishini yokuLingana ngokwesiNi inamagunya athe chatha nemisebenzi eyeminye
emiselwe ngumThetho wesiZwe.
UmPhicothi-zincwadi-Jikelele
Imisebenzi yomPhicothi-zincwadi-Jikelele
188. (1) UmPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka aphicothe aze anike ingxelo
ngee-akhawunti, ngeengcaciso-zimali, kwakunye nokuphathwa kwezeemali -
(a) zawo onke amasebe karhulumente wesizwe nowamaphondo kwakunye namaziko olawulo;
(b) zabo bonke oomasipala; kunye
(c) nezalo naliphi na elinye iziko locwangciso-mali othi umthetho wesizwe okanye wephondo
ufune ukuba kuphichothwe iincwadi zalo zemali ngumPhicothi-zincwadi-Jikelele.
(2) Ukongeza kwimisebenzi emiselwe kwicandelwana (1), naphantsi kolawulo lawo nawuphi
na umthetho, umPhicothi-zincwadi-Jikelele usenokuphicotha enze ingxelo ngee-akhawunti,
ngeengcaciso-zimali nangokuphathwa kwezemali -
(a) zalo naliphi na iziko elifumana imali kwiNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe, iNgxowa-mali
yeNgeniso yephondo okanye umasipala; okanye
(b) zalo naliphi na iziko eligunyazisiweyo ngokwemigaqo yawo nawuphi na umthetho ukuba
lamkele imali lisenzela urhulumente.
(3) UmPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka angenise iingxelo zophicotho-zimali kuyo nayiphi
na indlu yowiso-mthetho ebandakanyeka ngqo ekuphicothweni kweencwadi zemali, nakuliphi na
igunya elimiselwe ngumthetho wesizwe. Zonke iingxelo kufuneka zifumaneke eluntwini.
(4) UmPhicothi-zincwadi-Jikelele unamagunya athe chatha nemisebenzi emiselwe ngumthetho
wesizwe.
Ithuba lokubamba isikhundla
189. UmPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka alathelwe ithuba elisisigxina elingahlaziywayo
eliphakathi kweminyaka emihlanu nelishumi.
IKhomishini yoNyulo
Imisebenzi yeKhomishini yoNyulo
190. (1) IKhomishini yoNyulo kufuneka -
(a) ilawule unyulo lwamaziko owiso-mthetho esizwe, awamaphondo, kunye nawoomasipala
ngokungqinelana nomthetho wesizwe;
(b) iqinisekise ukuba unyulo lukhululekile kwaye alunasheyi; ize
(c) ibhengeze iziphumo zolo nyulo ngexesha ekufuneka limiselwe ngumthetho wesizwe
nelifutshane kangangoko kunokwenzeka ngokwamkelekileyo.
(2) IKhomishini yoNyulo inamagunya ongezelelweyo nemisebenzi emiselwe ngumthetho
wesizwe.
Ukwakhiwa kweKhomishini yoNyulo
191. IKhomishini yoNyulo kufuneka ukuba ibe nabantu abathathu ubuncinane. Inani lamalungu
nethuba lokubamba kwabo izikhundla kufuneka lichazwe ngumthetho wesizwe.
IGunya eliziMeleyo lokuLawula ezoSasazo
IGunya lezoSasazo
192. Umthetho wesizwe kufuneka useke igunya elizimeleyo lokulawula ezosasazo ukuze
kulungelwe uluntu, nokuqinisekisa ukungabi nasheyi kunye nokuvezwa kwezimvo ezahlukeneyo
ngokubanzi ezimele uluntu lomZantsi Afrika.
ImiMiselo ngokuBanzi
Ukutyunjwa
193. (1) UmKhuseli woluNtu namalungu ayo nayiphi na iKhomishini esekwe sesi Sahluko,
kufuneka ibe ngabasetyhini okanye amadoda -
(a) angabemi basemZantsi Afrika;
(b) abangabantu abalungele nabafanele ukubamba eso sikhundla;
(c) nabalungelelene nazo naziphi na ezinye iimfuno ezimiselwe ngumthetho wesizwe.
(2) Imfuneko yokuba iKhomishini esekwe sesi Sahluko mayibonakalise ngokubanzi ubukho
babantu abahluka-hlukeneyo ngokweentlanga nangokwesini emZantsi-Afrika, kufuneka
iqwalaselwe xa kutyunjwa amalungu ayo.
(3) UmPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka ibe ngowasetyhini okanye indoda engummi
wasemZantsi Afrika, ibe ngumntu okulungeleyo, nokufaneleyo ukubamba eso sikhundla. Ulwazi
olulodwa okanye amava okuphicotha iincwadi zemali, okuphatha iimali zoburhulumente,
nawolawulo loluntu kufuneka ibe ziimpawu ezijongwayo xa kutyunjwa
umPhicothi-zincwadi-Jikelele.
(4) UMongameli, ngengcebiso yeNdibano yesiZwe, kufuneka atyumbe umKhuseli woluNtu,
umPhicothi-zincwadi-Jikelele, namalungu -
(a) eKhomishini yamaLungelo oluNtu;
(b) eKhomishini yokuLingana ngokwesiNi; kunye
(c) naweKhomishini yoNyulo.
(5) INdibano yesiZwe kufuneka inike ilizwi lokuthethelela abantu -
(a) abakhethwe yikomiti yeNdibano emiswe ngokobungaphi bamalungu awo onke amaqela
amelweyo kwiNdibano: baze
(b) bavunywa yiNdibano ngesigqibo esixhaswe yivoti -
(i) yama-60 epesenti yamalungu eNdibano, ubuncinci, ukuba uthethelelo olo lumalunga
nokutyunjwa komKhuseli woluNtu okanye umPhicothi-zincwali - jikelele; okanye
(ii) yoninzi lwamalungu eNdibano, ukuba uthethelelo olo lumalunga nokutyunjwa kwelungu
leKhomishini.
(6) Ukuthath'inxaxheba kwabantu kwinkqubo yothethelelo kungalungiselelwa ngendlela
ekuthethwa ngayo kwicandelo 59 (1) (a).
Ukususwa esikhundleni
194. (1) UmKhuseli woluNtu, umPhicothi-zincwadi-Jikelele, okanye ilungu leKhomishini,
bantu abo bamiselwe sesi Sahluko, bangasuswa elowo esikhundleni kuphela ngenxa -
(a) yentswela-kuziphatha, yokungabi nakho ukusebenza, okanye ngenxa yokungasebenzi
kakuhle;
(b) yokuba ikomiti ethile yeNdibano yesiZwe imfumanise ekwenye yezi meko ziku (a) apha
ngentla;
(c) yokuba iNdibano yenze isigqibo esithi loo mntu makasuswe esikhundleni.
(2) Isigqibo seNdibano yesiZwe malunga nokususwa esikhundleni -
(a) komKhuseli woluNtu okanye umPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka sithatyathwe
ngokuxhaswa yivoti yesibini esithathwini samalungu eNdibano, ubuncinci; okanye
(b) kwelungu leKhomishini kufuneka sithatyathwe ngokuxhaswa yivoti yoninzi lwamalungu
eNdibano.
(3) UMongameli -
(a) angamnqumamisa umntu esikhundleni nanini na emva kokuqalisa kweengxoxo zekomiti
ethile yeNdibano yesiZwe zokuba asuswe loo mntu; kwaye
(b) kufuneka amsuse umntu kwisikhundla yakuba iNdibano yesiZwe yenze isigqibo sokuba
loo mntu makasuswe.
Isahluko 10
ULawulo lwabaSebenzi bakaRhulumente
Izithethe ezixabisekileyo nemigqalisela esisiseko ekhokela ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente
195. (1) Ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kufuneka lulandele isikhokelo esizizithethe
ezixabisekileyo kwanemigqalisela yedemokhrasi, nto ezo zikokosiweyo kumGaqo-siseko, ekukho
kuzo le migqalisela ilandelayo:
(a) Kufuneka kukhuthazwe, kuze kugcinwe umgangatho ophezulu wesimilo sokusebenza
esinoqeqesheko.
(b) Kufuneka kukhuthazwe ukusetyenziswa kwezixhaso ngokufezekileyo, ngokunoqoqosho
nangempumelelo.
(c) Ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kufuneka lube neenjongo zophuhliso.
(d) Iinkonzo kufuneka zenziwe ngokungenamkhethe nasheyi, ngokobulungisa, nangaphandle
kokudlela indlala.
(e) Iimfuno zabantu kufuneka zisatyelwe, kwaye uluntu kufuneka lukhuthazwe ukuba
luthabathe inxaxheba ekwenziweni kwenkqubo-sikhokelo.
(f) Ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kufuneka lwenzeke ngendlela enokuthembeka.
(g) Makuphenjelelwe ubeko-lubala lwezinto ngokuthi uluntu lunikwe kwangexesha ulwazi
oluchanekileyo, nolufikelelekayo.
(h) Kufuneka kukhuthazwe uphatho olufanelekileyo lwesixhaso esingabantu kunye nezenzo
zophuhliso lwekhondo lomsebenzi, ukuze kwandiswe isakhono sabantu.
(i) Xa kuqeshwayo kwarhulumente kufuneka kukhethwe phakathi kwabo bonke abantu
basemZantsi Afrika ngokubanzi, izenzo zokuqesha nezophatho-basebenzi zisekelwe ekukwazini
(komntu) ukuwenza umsebenzi, ekungakhethini icala elithile, ekungabini nasheyi, nakwimfuneko
yokulungisa intswela-kulingana yamaxesha adlulileyo, ukuze kufezekiswe ukumelwa/umelo
ngokubanzi.
(2) Le migqalisela ilapha ngentla isebenza -
(a) kulawulo kuzo zonke izigaba zikarhulumente;
(b) kumaziko karhulumente;
(c) nakumashishini karhulumente.
(3) Umthetho wesizwe kufuneka uqinisekise ukukhuthazwa kwezi zithethe zixabisekileyo nale
migqalisela idweliswe kwicandelwana (1).
(4) Ukuqeshwa kulawulo lwabasebenzi bakarhulumente kwabantu abaliqela, befakwe
ngendlela elandela inkqubo-sikhokelo, akunqandwa, kodwa kufuneka umthetho wesizwe
ukulungelelanise oku kuqeshwa kwinkonzo yoburhulumente.
(5) Umthetho olungelelanisa ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente ungacacisa umahluko
phakathi kwamacandelo ngamacandelo, kweenkonzo ngeenkonzo zolawulo okanye kwamaziko
ngamaziko.
(6) Umthetho olungelelanisa ulawulo lwabasebenzi bakarhulumente umelwe kukuba uthathele
ingqalelo ezi meko zilandelayo zingqameneyo nawo: uhlobo nemisebenzi yamacandelo
ngamacandelo, eyeenkonzo ngeenkonzo zolawulo, okanye eyamaziko ngamaziko olawulo
lwabasebenzi bakarhulumente.
IKhomishini yeNkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente
196. (1) Kukho iKhomishini yeNkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente enye apha
kwiRiphabliki.
(2) IKhomishini le izimele kwaye kufuneka ingakhethi cala, kukwafuneka isebenzise amagunya
ayo yenze nemisebenzi yayo ngaphandle koloyiko, kokwenza idolo okanye kokuba nesheyi, ukuze
igcine ulawulo iwabasebenzi lusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo, igcine nomgangatho
ophezulu womoya omhle wokusebenza kubasebenzi bakarhulumente. IKhomishini le kufuneka
ilawulwe ngumthetho wesizwe.
(3) Amanye amaziko karhulumente kufuneka athi, ngamanyathelo owiso-mthetho namanye,
ayincedise kanjalo ayikhusele iKhomishini, ukwenzela ukuqinisekisa ukuzimela, ukungakhethi
cala, isidima nokusebenza ngokuneziqhamo kwayo iKhomishini le. Makungabikho mntu okanye
ziko likarhulumente liphazamisana nokusebenza kwale Khomishini.
(4) Amagunya nemisebenzi yeKhomishini le nanga -
(a) ukukhuthaza izithethe ezixabisekileyo kunye nemigqalisela ecaciswe kwicandelo 195,
kwinkonzo karhulumente iphela;
(b) ukuphanda, ukugada nokuphonononga imo yokuqingqeka nokulawuleka, izenzo
ezimalunga nabasebenzi kubasebenzi bakarhulumente;
(c) ukupoposha amanyathelo okuqinisekisa ukusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo
kubasebenzi bakarhulumente;
(d) ukunika izikhokelo ezinjongo ikukuqinisekisa ukuba imigaqo-nkqubo yobusebenzi
ephathelele kugayo, kutshintsho, kunyuselo nakudendo lwabasebenzi, iyangqinelana nezithethe
ezixabisekileyo ezicaciswe kwicandelo 195;
(e) ukunika ingxelo malunga nezenzo zayo nokwenza kwayo imisebenzi yayo,
kubandakanywa nazo naziphi na izinto enokuthi izibhaqe kwanezikhokelo neengcebiso enokuthi
izinike, kwanokwenza kufumaneke uphononongo olubonisa ukuba izithethe ezixabisekileyo
nemigqalisela ecaciswe kwicandelo 195 ilandelwe kangakanani na; kwaneli (lilandelayo igunya)
(f) ukuthi izenzela ngokwayo okanye isuswe sisikhalazo
esifumeneyo -
(i) ixilonge, iphonononge ukusetyenziswa kweendlela zolawulo lwabasebenzi nolweeofisi
zikarhulumente, ize inike ingxelo kwelo gunya lifanelekileyo linolawulo oluphezulu okanye kuloo
ndlu yowiso-mthetho ifanelekileyo;
(ii) ixilonge izikhalazo zabasebenzi abakwinkonzo karhulumente ezimalunga nezenzo okanye
ushiyelelo, nto ezo zenziwe ngabasemagunyeni, ize icebise malunga neendlela ezifanelekileyo
zokulungisa ezo meko zikhalazisayo;
(iii) igade kanjalo ixilonge ukulandelwa kwemigaqo-nkqubo esebenza kwinkonzo
karhulumente; kanjalo
(iv) yazise amaziko karhulumente esigaba sesizwe nesamaphondo malunga nezenzo
ezimalunga nabasebenzi kwinkonzo karhulumente, kubandakanywa nezo ziphathelele kugayo,
ingqesho, utshintsho, ukuphelelwa ngumsebenzi kwanezinye iindawana zempangelo zabaqeshwa
abakwinkonzo karhulumente.
(5) IKhomishini le kufuneka ithembeke kwiNdibano yesiZwe.
(6) IKhomishini kufuneka inike ingxelo kube kanye ngonyaka, ubuncinci ngokwecandelwana
(4) (e) -
(a) kwiNdibano yesiZwe;
(b) nakwindlu yowiso-mthetho yephondo elithile, malunga nezenzo zayo kwelo phondo.
(7) IKhomishini le inaba mkhomishinari balandelayo bali-14 batyunjwe nguMongameli:
(a) oomkhomishinari abahlanu abavunywe yiNdibano yesiZwe ngokwecandelwana (8) (a);
(b) nomkhomishinari omnye wephondo ngalinye okhethwe yiNkulumbuso yelo phondo
ngokwecandelwana (8) (b).
(8) (a) Umkhomishinari otyunjwe ngokwecandelwana (7) (a)
kufuneka -
(i) athethelelwe yikomiti yeNdibano yesiZwe eyakhiwe ngokulungeleleneyo, ngamalungu awo
onke amaqela amelweyo kwiNdibano; kananjalo
(ii) avunywe yiNdibano ngesigqibo esiXhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo.
(b) Umkhomishinari otyunjwe yiNkulumbuso yephondo kufuneka -
(i) athethelelwe yikomiti yendlu yowiso-mthetho yephondo eyakhiwe ngokulungeleleneyo
ngamalungu awo onke amaqela amelweyo kwindlu yowiso-mthetho leyo; kanjalo
(ii) avunywe yindlu yowiso-mthetho ngesigqibo esixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo.
(9) Kufuneka kube kho umThetho wePalamente olawula umGaqo-nkqubo wotyumbo
loomkhomishinari.
(10) Umkhomishinari utyunjelwa ithuba leminyaka emihlanu, elinokuphindwa kube kanye
kuphela, yaye kufuneka abe ngowasetyhini okanye indoda -
(a) engummi wasemZantsi Afrika;
(b) ekwangumntu olungeleyo nofaneleyo, onolwazi nonamava ngolawulo, ngokuphathwa
okanye ngokwenziwa kwemisebenzi yakwarhulumente.
(11) Umkhomishinari angasuswa esikhundleni kuphela ngenxa -
(a) yokungaziphathi kakuhle, ukungakwazi ukusebenza okanye ukungawenzi kakuhle
umsebenzi;
(b) yokufunyaniswa kwezi meko ziku (a) yikomiti yeNdibano yesiZwe okanye, kwimeko
yomkhomishinari owayekhethwe yiNkulumbuso yephondo, yikomiti yendlu yowiso-mthetho yelo
phondo;
(c) nangexa yokuthatyathwa kwesigqibo yiNdibano okanye yindlu yowiso-mthetho yephondo
elichaphazelekayo, sigqibo eso sixhaswe yivoti yoninzi lwamalungu ayo, sisithi makasuswe loo
mkhomishinari esikhundleni.
(12) UMongameli kufuneka amsuse esikhundleni loo mkhomishinari uchaphazelekayo
kusakuba -
(a) kuthatyathwe isigqibo yiNdibano esithi makasuswe loo mkhomishinari; okanye
(b) kukho isaziso esibhaliweyo yiNkulumbuso esixela ukuba indlu yowiso-mthetho ithabathe
isigqibo esithi makasuswe loo mkhomishinari.
(13) Oomkhomishinari ekubhekiselwe kubo kwicandelwana (7) (b) bangawasebenzisa
amagunya benze nemisebenzi yeKhomishini le kumaphondo abo ngokokumiselwe ngumthetho
wesizwe.
INkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente
197. (1) Apha kulawulo lwabasebenzeli-rhulumente kukho inkonzo yabasebenzi-rhulumente
yeRiphabliki, ekufuneka isebenze, kanjalo yakhiwe, ngokomthetho wesizwe, ekufuneka kanjalo
iphumeze ngokuthembekileyo iinkqubo-sikhokelo ezisemthethweni zikarhulumente ophetheyo.
(2) Imimiselo nemiqathango yengqesho kwinkonzo karhulumente kufuneka ilungelelaniswe
ngumthetho wesizwe. Abaqeshwa banelungelo lokufumana umhlala-phantsi ongenasheyi njengoko
kumiselwe ngumthetho wesizwe.
(3) Akukho mqeshwa wenkonzo yabasebenzeli-rhulumente uya kwenzelwa idolo okanye
adlelwe indlala kuphela nje ngenxa yokuba loo mntu exhasa iqela elithile lezopolitiko okanye
iinjongo ezithile zopolitiko.
(4) Luxanduva loorhulumente bamaphondo ukufuna, ukuqesha, ukunyusela, ukutshintsha
nokuyekisa emsebenzini abasebenzeli-rhulumente bolawulo lwabo, beyenza yonke le nto
ngokwemo-sikhokelo yezithethe nemigangatho efanayo, ekusetyenziswa yona kwinkonzo
yabasebenzeli rhulumente.
Isahluko 11
IiNkonzo zoKhuseleko
Imigqalisela elawulayo
198. Le migqalisela ilandelayo ilawula ukhuseleko lwesizwe apha kwiRiphabliki:
(a) Ukhuseleko lwesizwe kufuneka lubonakalise ukuzimisela kwabantu basemZantsi Afrika,
ngokomntu ngamnye nangokwesizwe, ukuhlala njengabantu abalinganayo, ukuhlala ngoxolo
nemvisiswano, ukukhululeka kuloyiko nakwintswelo, nokuzamela ubomi obubhetele.
(b) Oku kuzimisela ukuhlala ngoxolo nemvisiswano kuthintela wonke ummi womZantsi
Afrika ekuthabatheni inxaxheba kungquzulwano ngezixhobo, esizweni okanye phakathi
kwamazwe ngamazwe, ngaphandle kwakwiimeko ezimiselwe ngumGaqo-siseko okanye
ngumthetho wesizwe.
(c) Ukhuseleko lwesizwe kufuneka luqhutywe ngokuhambisana nomthetho kubandakanywa
nomthetho wamazwe.
(d) Ukhuseleko lwesizwe luphantsi kwegunya lePalamente kunye nesigqeba esilawulayo
sesizwe.
Ukumiselwa, ukubunjwa nokuziphatha kweenkonzo zokhuseleko
199. (1) Iinkonzo zokhuseleko zeRiphabliki zezi: umkhosi omnye wokhuselo, inkonzo enye
yamapolisa kunye nazo naziphi na iinkonzo zobuntlola ezimiselwe ngokomGaqo-siseko.
(2) Umkhosi wokhuselo nguwo kuphela umkhosi wamajoni osemthethweni kwiRiphabliki.
(3) Ngaphandle kweenkonzo zokhuseleko ezimiselwe ngokomGaqo-siseko, imibutho
yezixhobo okanye iinkonzo zosetyenziso-zixhobo zingasekwa kuphela ngokomthetho wesizwe.
(4) Iinkonzo zokhuseleko kufuneka zibunjwe, zilawulwe ngokomthetho wesizwe.
(5) Iinkonzo zokhuseleko kufuneka zenze, zifundise, ziyalele namalungu azo ukuba enze,
ngokungqinelana nomGaqo-siseko kunye nomthetho, kubandakanywa umthetho wesiqhelo
wamazwe ngamazwe kunye nezivumelwano zamazwe ngamazwe ezibophelelayo kwiRiphabliki.
(6) Akukho lungu layo nayiphi na inkonzo yezokhuseleko elimele ukuba lithobele umyalelo
ocacileyo ukuba awukho mthethweni.
(7) Iinkonzo zokhuseleko, ndawonye namalungu onke azo, azivumelekanga ukuba zithi
ekwenzeni imisebenzi yazo -
(a) zibeke engozini izinto ezikukulungelwa kweqela elithile lezopolitiko elisemthethweni
ngokomGaqo-siseko, okanye
(b) ziqhubele phambili, ngokunomkhethe, nakuphi na ukulungelwa kweqela elithile
lezopolitiko.
(8) Ukwenzela ukuba imigqalisela yobeko-lubala neyokuthembeka iphumelele, kufuneka
iikomiti zepalamente zamaqela ngamaqela zongamele zonke iinkonzo zokhuseleko ngendlela
eqingqwe ngumthetho wesizwe okanye yimithetho nemimiselo yePalamente.
Ukhuselo
Umkhosi wokhuselo
200. (1) Umkhosi wokhuselo kufuneka ubunjwe uze ubuye uphathwe njengomkhosi
wezixhobo zokulwa oqeqeshekileyo.
(2) Injongo ephambili yomkhosi wokhuselo kukukhusela nokuvikela iRiphabliki, isidima sayo
sobummandla kunye nabantu bayo, uyenza loo nto ngokungqinelana nomGaqo-siseko kwakunye
nemigqalisela yomthetho wamazwe ngamazwe olawula ukusetyenziswa komkhosi.
Uxanduva lwezopolitiko
201. (1) Kufuneka kube kho ilungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo.
(2) NguMongameli kuphela onokuthi, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo
oluphezulu, agunyazise ukusetyenziswa komkhosi wezokhuselo -
(a) ngentsebenziswano nenkonzo yezobupolisa;
(b) ukukhusela iRiphabliki; okanye
(c) ukuzalisekisa izimiselo zamazwe ngamazwe ehlabathi.
(3) Xa umkhosi wokhuselo usetyenziselwa nayiphi na injongo exelwe kwicandelwana (2),
kufuneka uMongameli ayazise iPalamente, ngoko nangoko, enika iinkcukacha ezifanelekileyo -
(a) zezizathu zokuba kusetyenziswe umkhosi wokhuselo;
(b) ngayo nayiphi na indawo apho umkhosi lo usetyenziswa khona;
(c) ngenani labantu ababandakanyekayo;
(d) nangethuba ekuthelekelelwa ukuba uya kusetyenziswa ngalo umkhosi lo.
(4) Ukuba iPalamente ayihlali kwiintsuku ezisixhenxe zokuqala emva kokusetyenziswa
komkhosi wokhuselo ekuthethwa ngako kwicandelwana (2) kufuneka uMongameli anike ikomiti
ekuyiyo eyongameleyo iinkcukacha ezifunekayo ezixelwe
kwicandelwana (3).
Ukuphathwa komkhosi wokhuselo
202. (1) UMongameli, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu,
yiKhomanda eyiNtloko yomkhosi wokhuselo, kufuneka atyumbe iKhomanda yezobuJoni
yomkhosi wokhuselo lo.
(2) Ukuphathwa komkhosi wokhuselo kufuneka kwenziwe ngokungqinelana nemiyalelo
yelungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo, phantsi kwegunya likaMongameli.
Imo yoKhuselo lwesiZwe
203. (1) UMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu angayimisela
imo yokhuselo lwesizwe, kuze kufuneke eyazisile iPalamente ngoko nangoko, anike iinkcukacha
ezifanelekileyo -
(a) zezizathu zolo miselo;
(b) ngayo nayiphi na indawo apho kusetyenziswa khona umkhosi wokhuselo lowo;
(c) nangenani labantu ababandakanyekayo.
(2) Ukuba iPalamente ayihlali ngexesha ekumiselwa ngalo imo yokhuselo lwesizwe, kufuneka
uMongameli abizele iPalamente kwindibano ekuhlaleni okungesosiqhelo kwakwiintsuku
ezisisixhenxe zomiselo olo.
(3) Umiselo lwemo yokhuselo lwesizwe luyaphelelwa, ngaphandle kokuba luyamkelwa
yiPalamente kwakwiintsuku ezisixhenxe zomiselo olo.
Iofisi yoonobhala bezokhuselo abangengomalungu omkhosi
204. Iofisi yoonobhala bezokhuselo abangengomalungu omkhosi kufuneka isekwe ngomthetho
wesizwe, isebenze phantsi kwenkokelo yelungu leKhabinethi elijongene nezokhuselo.
Amapolisa
Inkonzo yamapolisa
205 (1) Inkonzo yamapolisa yesizwe kufuneka ibunjwe ngendlela eyenza ukuba isebenze
kwisigaba sorhulumente sesizwe nakwesamaphondo, kanti nakweseengingqi, apho kufanelekileyo.
(2) Umthetho wesizwe kufuneka useke amagunya nemisebenzi yenkonzo yamapolisa, kwaye
kufuneka wenze ukuba inkonzo yamapolisa ibe nakho ukuyenza imisebenzi yayo
ngokuphumeleleyo, kuthathelwa ingqalelo iimfuno zamaphondo.
(3) Iinjongo zenkonzo yamapolisa kukuthintela ukulwa nokuphanda ulwaphulo-mthetho;
ukugcina ucwangco loluntu, ukuvikela nokwenza kukhuseleke abemi beRiphabliki nepropati yabo
nokugcina umthetho kwanokuwenza usebenze.
Uxanduva lwabezopolitiko
206. (1) Kufuneka kube kho ilungu leKhabinethi elijongene nemicimbi yezamapolisa,
ekufuneka liqingqe inkqubo-sikhokelo yezamapolisa yesizwe, emva kokubonisana noorhulumente
bamaphondo, futhi lithathela ingqalelo iimfuno nemicimbi ephambili kwezobupolisa zamaphondo
eziqiqwe zizigqeba zamaphondo ezinolawulo oluphezulu.
(2) Inkqubo-sikhokelo yesizwe yezobupolisa ingavula amathuba eenkqubo-zikhokelo
ezahlukeneyo zamaphondo ahlukeneyo emva kokuthathela ingqalelo iimfuno nemicimbi ephambili
yezobupolisa yala maphondo.
(3) Iphondo ngalinye linelungelo -
(a) lokugada izenzo zamapolisa;
(b) lokongamela ukusebenza ngokuneziqhamo nangokufezekileyo kwenkonzo yamapolisa,
kubandakanywa nokufumana iingxelo ngenkonzo yamapolisa;
(c) lokukhuthaza ubudlelane obuhle phakathi kwamapolisa noluntu;
(d) lokuvavanya ukuba neziqhamo kokusebenza kwamapolisa ebonakala;
(e) nokunxibelelana nelungu leKhabhinethi elijongene nezamapolisa, mayela
nolwaphulo-mthetho nomsebenzi wamapolisa kwelo phondo.
(4) Isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu sinoxanduva lwale misebenzi ilandelayo
yezobupolisa -
(a) ephathiswe sona sesi Sahluko;
(b) eyabelwe sona ngokomthetho wesizwe;
(c) nenikwe sona kwinkqubo-sikhokelo yesizwe yezobupolisa.
(5) Ukuze lenze laa misebenzi icaciswe kwicandelwana (3) iphondo -
(a) lingenza uphando, okanye lityumbe ikhomishini yophando, ukuze liqwalasele naziphi na
izikhalazo ezingokungasebenzi kakuhle kwamapolisa okanye ezingokuchitheka kobudlelwane
phakathi kwamapolisa nalo naluphi na uluntu; yaye
(b) kufuneka linike iingcebiso kwelo lungu leKhabhinethi liphathiswe ezobupolisa.
(6) Kwakufika isikhalazo sifakwe sisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu sephondo
makube kho iqumrhu elizimeleyo lezikhalazo ngamapolisa elisekwe ngomthetho wesizwe
emaliphande nakuphi na ukungaziphathi kakuhle okubikwayo okanye nakuphi na ukwaphulwa
komthetho okwenziwe lilungu lenkonzo yezobupolisa kwiphondo.
(7) Umthetho wesizwe kufuneka wenze kube kho imo-sikhokelo yokusekwa kweenkonzo
zamapolisa zoomasipala, nezamagunya, nemisebenzi nokulawulwa kwazo.
(8) Kufuneka kusekwe ikomiti eyakhiwe lilungu leKhabhinethi kunye namalungu amaBhunga
anoLawulo oluPhezulu anoxanduva lwezobupolisa ukuze kuqinisekiswe ulungelelwaniso
lwenkonzo yezobupolisa oluneziqhamo nentsebenziswano eneziqhamo phakathi kwezigaba
zikarhulumente.
(9) Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokuthi umkhomishinala wephondo elo makeze kuvela
phambi kwayo okanye phambi kwayo nayiphi na enye yeekomiti zayo aze kuphendula imibuzo.
Ukulawulwa kwenkonzo yamapolisa
207. (1) UMongameli, njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, kufuneka
atyumbe umntu wasetyhini okanye oyindoda njengoKhomishinala wesiZwe wenkonzo yamapolisa,
ukuze alawule, aphathe inkonzo yamapolisa.
(2) UKhomishinala wesiZwe kufuneka alawule, aphathe inkonzo yamapolisa ngokungqinelana
nenkqubo-sikhokelo le yesizwe yezobupolisa kwanemiyalelo yelungu leKhabinethi elijongene
nezobupolisa.
(3) UKhomishinala wesiZwe, ngokuvunyelwa sisigqeba solawulo oluphezulu sephondo elo,
kufuneka atyumbe umntu wasetyhini okanye oyindoda njengoKhomishinala wephondo kwelo
iphondo, kodwa ukuba UKhomishinala wesiZwe nesigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu
abade bavumelane ngotyumbo olo, ilungu leKhabhinethi elijongene nezobupolisa kufuneka lilamle
phakathi kwaba babini.
(4) OoKhomishinala bamaphondo bajongene nezobupolisa elowo kwiphondo lakhe -
(a) ngokwendlela emiselwe ngumthetho wesizwe; kanjalo
(b) bephantsi kwegunya likaKhomishinala wesiZwe lokulawula nokuphatha inkonzo
yamapolisa ngokwecandelwana (2).
(5) UKhomishinala wephondo kufuneka anike ingxelo kwindlu yowiso-mthetho yephondo
lakhe qho ngonyaka, malunga nezobupolisa kwelo phondo, aze athumele ikopi yaloo ngxelo
kuKhomishinala wesiZwe.
(6) Ukuba uKhomishinala wephondo uphelelwe kukuthenjwa sisigqeba sephondo esinolawulo
oluphezulu, eso sigqeba singathatha amanyathelo afanelekileyo okumsusa okanye okumtshintshela
kwenye indawo, okanye awokumohlwaya loo Khomishinala, ngokungqinelana nomthetho
wesiZwe.
Iofisi yoonobhala bamapolisa abangengomalungu amapolisa
208. Iofisi yoonobhala bamapolisa abangemapolisa kufuneka isekwe ngomthetho wesizwe
ukuze isebenze phantsi kwesikhokelo selungu leKhabhinethi elijongene nezobupolisa.
Ezobuntlola
Ukusekwa nokulawulwa kweenkonzo zobuntlola
209. (1) Nayiphi na inkonzo yezobuntlola, engelilo naliphi na icandelo lezobuntlola
lomkhosi wokhuselo okanye lenkonzo yamapolisa, ingasekwa nguMongameli kuphela,
njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, kube kuphela ngokomthetho wesizwe.
(2) UMongameli njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu kufuneka atyumbe
umntu wasetyhini okanye oyindoda njengentloko yenkonzo nganye yezobuntlola esekwe
ngokwecandelwana (1), kwaye kufuneka athathe uxanduva lwezopolitiko lokulawula
nokukhokela naziphi na kwezo nkonzo, okanye atyumbe ilungu elithile leKhabinethi ukuba
lithabathe olo xanduva.
Amagunya, imisebenzi nokugada
210. Umthetho wesizwe kufuneka ulungelelanise/ulawule iinjongo, amagunya nemisebenzi
yeenkonzo zobuntlola, kubandakanywa naliphi na icandelo lezobuntlola lomkhosi wokhuselo
okanye lenkonzo yamapolisa; kufuneka kanjalo umisele -
(a) unxibelelwaniso lwazo zonke iinkonzo zobuntlola;
(b) nokugadwa luluntu kokwenziwa kwezo nkonzo ngumhloli otyunjwe nguMongameli
njengentloko yesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, nothe wavunywa ngesigqibo
esithatyathwe yiNdibano yesiZwe sona sixhaswe yivoti yesibini kwisithathu samalungu ayo,
ubuncinci.
Isahluko 12
IiNkokeli zeMveli
Ukuvunywa
211. (1) Ukumiselwa, inqanaba kunye nenxaxheba yobunkokeli bemveli, ngokomthetho
wemveli, zivunyiwe ngokulawulwa ngumGaqo-siseko.
(2) Igunya lemveli elisebenza ngokwenkqubo yomthetho wemveli lingasebenza ngokulawulwa
nanguwuphi na umthetho osebenzisekayo kwanamasiko asebenzisekayo, kusebenza oko
kubandakanya izilungiso kuwo okanye ukutshitshiswa kwawo loo mthetho okanye loo masiko.
(3) Iinkundla kufuneka ziwusebenzise umthetho wemveli xa loo mthetho
usebenziseka,ngokokulawula komGaqo-siseko kunye nawo nawuphi na umthetho ojongene
kanye/ncakasana nomthetho wemveli.
Indima yeenkokeli zemveli
212. (1) Umthetho wesizwe ungayimisela inxaxheba yeenkokeli zemveli njengeziko
elikwisigaba sasekuhlaleni, lemicimbi echaphazela abantu kwiindawo ezo bahlala kuzo.
(2) Ukujongana nemicimbi ephathelele kubunkokeli bemveli, kwindima yeenkokeli zemveli,
kumthetho wezithethe nakumasiko abantu abalandela inkqubo ethile yomthetho wezithethe -
(a) umthetho wesizwe okanye owephondo ungamisela indlela yokusekwa kwezindlu
zeenkokeli zemveli; kanjalo
(b) umthetho wesizwe ungaseka ibhunga leenkokeli zemveli.
Isahluko 13
Ezemali
ImiBandela yezeMali ngokuBanzi
INgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe
213. (1) Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe, apho kufuneka kufakwe khona yonke
imali ethe yafikela urhulumente wesizwe, ngaphandle kwemali ekucacileyo ukuba
ayibandakanywanga ngumThetho wePalamente.
(2) Imali inokukhutshwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe, kuphela -
(a) ngokwemigaqo yohlahlo-lwabiwo-mali, ngumThetho wePalamente; okanye
(b) njengeendleko eziphuma ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe, xa ukwenjenjalo
kumiselweyo kumGaqo-siseko okanye kumThetho othile wePalamente.
(3) Isabelo esingeyonkqatho samaphondo esisuka kwingeniso eqokelelwe kwisigaba sesizwe
siziindleko ezikhutshwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yesiZwe.
Izabelo ezingeyonkqatho nezahlulo zengeniso
214. (1) Kufuneka kube kho UmThetho wePalamente omisela indlela -
(a) yokwahlulwa ngokungenankqatho kwengeniso eqokelelwe kwisigaba sesizwe, isahlulelwa
kwisigaba sikarhulumente sesizwe esamaphondo, neseengingqi;
(b) yokuqingqwa kwesabelo esingenankqatho sephondo ngalinye esisuka kwisabelo
samaphondo esisuka kwingeniso leyo;
(c) neyazo naziphi na ezinye izahlulelo eziya kumaphondo, kurhulumente weengingqi okanye
koomasipala eziphuma kwisabelo sikarhulumente wesizwe saloo ngeniso, kunye nayo nayiphi na
imiqathango ezithi zenziwe phantsi kwayo ezo zahlulo.
(2) UmThetho ekubhekiswa kuwo kwicandelwana (1) ungenziwa kuphela emva kokuba
kuboniswene noorhulumente bamaphondo, urhulumente weengingqi omiswe ngendlela, kunye
neKhomishini yezeMali neRhafu, nasemva kokuba kugqalwe zonke iingcebiso zekhomishini;
kanjalo kufuneka loo mthetho uthathele ingqalelo -
(a) izinto ezikukulungelwa kwesizwe;
(b) nawuphi na ummiselo ofanele ukwenziwa ngokuphathelele kwityala lemali lesizwe nezinye
izimiselo zesizwe;
(c) iimfuno nezinto ezikukulungelwa korhulumente wesizwe eziqingqwe ngokweempawu
zokungakhethi cala elithile;
(d) imfuneko yokuqinisekisa ukuba amaphondo noomasipala banakho ukubonelela
ngeenkonzo ezisisiseko nokwenza imisebenzi abayabelweyo;
(e) isakhono nengqibelelo yamaphondo noomasipala kwimicimbi yezerhafu;
(f) iimfuno ezimalunga nophuhliso, kwanezinye iimfuno, zamaphondo, ezolawulo lweengingqi
nezoomasipala;
(g) ukungalingani kwezoqoqosho ngaphakathi kumaphondo, naphakathi kwamaphondo lawo;
(h) izimiselo zamaphondo noomasipala ngokomthetho wesizwe;
(i) ukunqweneleka kwezahlulo zengeniso-mali ezizinzileyo nezinokuqikelelwa
(kwangaphambili)/nezinokuthelekelelwa;
(j) imfuneko yokuguquka lula ekusabeleni iimeko neengxaki okanye ezinye iimfuno zexeshana
kwanezinye iimeko ezifanayo nezokungakhethi cala.
Uhlahlo-lwabiwo-mali lwesizwe, olwamaphondo noloomasipala
215. (1) Ulwabiwo-mali lwesizwe, olwamaphondo noloomasipala, kunye neenkqubo
zolwabiwo-mali zizizigaba zikarhulumente, kufuneka zikhuthaze ubeko-lubala lwezinto,
ukuthembeka kunye nophatho lwezemali olunempumelelo kwezoqoqosho, ityala kunye necandelo
likarhulumente.
(2) Umthetho wesizwe kufuneka umisele -
(a) indlela yolwabiwo-mali lwesizwe, neyolwamaphondo, neyoloomasipala;
(b) ixesha lokungeniswa kolwabiwo-mali lwesizwe nolwamaphondo;
(c) nokuthi ulwabiwo-mali lwesigaba ngasinye sikarhulumente kufuneka lubonise imvelaphi
yengeniso nendlela inkcitho-mali ecetywayo eya kungqinelana ngayo nomthetho wesizwe.
(3) Ulwabiwo-mali kwisigaba ngasinye sikarhulumente kufuneka luqulathe -
(a) intelekelelo yengeniso neyenkcitho-mali, kwenziwe umahluko phakathi kwenkcitho-mali
ngemisebenzi emikhulu kunye nenkcitho-mali ngemisebenzi eqhubayo;
(b) imipoposho yokuhlangabezana ngezemali nako nakuphi na ukusilela ngemali ngokwelo
xesha ifanelene nalo;
(c) nokuxelwa kweenjongo zokuboleka kunye nezinye iintlobo zobutyala bukarhulumente
obuya kwandisa ityala likarhulumente ngaloo nyaka uza kulandela.
Ukulawulwa koVimba kaRhulumente
216. (1) Umthetho wesizwe kufuneka useke uvimba wesizwe, kanjalo umisele amanyathelo
okuqinisekisa ubeko-lubala lwezinto nolawulo lwenkcitho-mali kwisigaba ngasinye
sikarhulumente, ngokwenza kube kho -
(a) inkqubo eyamkelekileyo ngokubanzi yocwangciso-mali;
(b) ukuhlelwa kwenkcitho-mali ngokufanayo; kunye
(c) nezithethe nomgangatho ofanayo woovimba.
(2) Uvimba wesizwe, ngokungqinelana nelungu leKhabhinethi elijongene nemicimbi yesizwe
yezemali, lingakuphezisa ukuthunyelwa kwemali kwiziko loburhulumente kuphela ngenxa
yokungalandelwa okuxhomisa amehlo okanye okuthe gqolo kwamanyathelo asekwe
ngokwecandelwana (1).
(3) Isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa kwemali kwiphondo singathatyathwa kuphela
ngokwecandelwana (2), kwaye -
(a) asingekunqandi ukuthunyelwa kwemali ithuba elingaphezu kweentsuku ezili-120; kanjalo
(b) sinokusetyenziswa ngoko nangoko, kodwa siya kuphelelwa ukususela kwithuba eselidlule
ngaphandle kokuba iPalamente iyasivumela emva kokulandela inkqubo efana ngokukhulu naleyo
isekwe ngokwecandelo 76 (1) nemiselwe yimigaqo nemiyalelo yePalamente ekudityenweyo
ngayo. Le nkqubo kufuneka igqitywe kwangeentsuku ezingama-30 senziwe nguvimba wesizwe
isigqibo.
(4) IPalamente ingasihlaziya isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa kwemali, ithuba elingekho
ngaphezulu kweentsuku ezili-120 ngexesha, kulandelwa inkqubo esekwe ngokwecandelwana (3).
(5) Phambi kokuba iPalamente isivume okanye isihlaziye isigqibo sokunqanda ukuthunyelwa
kwemali kwiphondo -
(a) umPhicothi-zincwadi-Jikelele kufuneka anike ingxelo ePalamente; kanjalo
(b) iphondo elo kufuneka linikwe ithuba lokuphendula izityholo elibekwa zona, liyibeke imeko
yalo phambi kwekomiti ethile.
Izivumelwano zeempahla nezeenkonzo
217. (1) Xa iziko likarhulumente, kwisigaba sikarhulumente sesizwe, esamaphondo okanye
eseengingqi, okanye naliphi na elinye iziko elichazwe kumthetho wesizwe, lisenza izivumelwano
malunga neempahla okanye neenkonzo, kufuneka likwenze oko ngokungqinelana nenkqubo
engenasheyi, enganankqatho, eselubala, enokhuphiswano nengenazindleko.
(2) Icandelwana (1) aliwathinteli amaziko karhulumente okanye amaziko axelwe kweli
candelwana ekusebenziseni inkqubo-sikhokelo yezivumelwano zeempahla neenkonzo, enika
indlela -
(a) yokukhethwa ngendlela yokuhlelwa xa kusabelwa iikhontrakthi
(b) yokukhuselwa okanye yokuphuhliswa kwabantu, okanye okweendidi ezithile zabantu,
abadlelwe indlala calu-calulo olunesheyi.
(3) Umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela enokuthi inkqubo-sikhokelo ecaciswe
kwicandelwana (2) isetyenziswe ngayo.
Umelo-malini nguRhulumente
218. (1) Urhulumente wesizwe, okanye owephondo, okanye umasipala angalwenza umelo
malunga nemali-mboleko kuphela xa ngaba olo melo luyahambisana nayo nayiphi na imiqathango
emiselwe kumthetho wesizwe.
(2) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) ungenziwa kuphela emva
kokuba kuqwalaselwe naziphi na iingcebiso ezivela kwiKhomishini yezeMali neRhafu.
(3) Kunyaka ngamnye urhulumente ngamnye kufuneka apapashe ingxelo ngomelo-malini athe
walwenza.
Ukuhlawulwa kwabantu ababambe izikhundla zaseburhulumenteni
219. (1) Kufuneka kube kho umThetho wePalamente omisela isikhokelo sokuqingqa -
(a) imivuzo, izibonelelo kunye neemfanelo zamalungu eNdibano yesiZwe, nezabathunywa
abasisigxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, nezamalungu eKhabhinethi,
nezooSekela-baPhathiswa, nezeenkokeli zemveli nezamalungu azo naziphi na izigqeba zeenkokeli
zemveli;
(b) nelona qondo liphezulu lemivuzo, izibonelelo okanye iimfanelo zamalungu ezindlu
zowiso-mthetho zamaphondo, nezamalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu kunye
nezamalungu amaBhunga ooMasipala beendidi ezingafaniyo.
(2) Umthetho wesizwe kufuneka useke ikhomishini ezimeleyo ukuba inike iingcebiso malunga
nemivuzo, nezibonelelo, neemfanelo ekuthethwa ngazo kwicandelwana (1).
(3) Ipalamente ingawupasisa umthetho ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) kuphela emva
kokuqwalasela naziphi na iingcebiso zekhomishini esekwe ngokwecandelwana (2).
(4) Isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, isigqeba sephondo elithile esinolawulo
oluphezulu, umasipala othile okanye nasiphi na esinye isiphatha-mandla esifanelekileyo
singawusebenzisa lo mthetho wesizwe kuthethwa ngawo kwicandelwana (1) kuphela emva
kokuqwalasela naziphi na iingcebiso zekhomishini esekwe ngokwecandelwana (2).
(5) Umthetho wesizwe kufuneka umisele izikhokelo zokuqingqa imivuzo, izibonelelo
kwaneemfanelo zeejaji, zomKhuseli woluNtu, zomPhicothi-zincwadi-Jikelele, kunye nezamalungu
ayo nayiphi na ikhomishini exeliweyo kumGaqo-siseko lo, ndawonye negunya lezosasazo elixelwe
kwicandelo 192.
IKhomishini yezeMali neRhafu
Ukusekwa nemisebenzi
220. (1) Kukho iKhomishini yezeMali neRhafu yeRiphabliki enika iingcebiso ekuthethwa
ngazo kwesi Sahluko, okanye kumthetho wesizwe, izinika iPalamente, izindlu zowiso-mthetho
zamaphondo kunye nawo nawaphi na amanye amagunya amiselwe ngumthetho wesizwe.
(2) IKhomishini le izimele, ilawulwa kuphela ngumGaqo-siseko kunye nomthetho, kwaye
kufuneka ingakhethi cala.
(3) IKhomishini kufuneka isebenze ngokwemigaqo yomThetho othile wePalamente, kanjalo,
xa isenza imisebenzi yayo, kufuneka ithathele ingqalelo yonke imiba echaphazelekayo, ndawonye
naleyo idweliswe kwicandelo 214 (2).
Ukwalathelwa nexesha lokusebenza kwamalungu
221. (1) IKhomishini le inaba bantu balandelayo basetyhini nabangamadoda batyunjwe
nguMongameli njengentloko yesigqeba esinolawulo oluphezulu sesizwe:
(a) usihlalo nosekela-sihlalo abangamalungu axesha lonke;
(b) abantu abasithoba, ingulowo ebekwe liBhunga elinoLawulo oluPhezulu lephondo, apho
iphondo ngalinye libeka umntu abe mnye kuphela;
(c) abantu ababini ababekwe ngurhulumente weengingqi oqingqiweyo, bebekwa
ngokwecandelo 163; kunye
(d) nabanye abantu abasithoba.
(2) Amalungu eKhomishini le kufuneka abe nabo ubuchwepheshe obufunekayo.
(3) Amalungu asebenza ithuba elimiselwe ngokomthetho wesizwe. UMongameli angalisusa
ilungu esikhundleni ngezizathu zentswela-kuziphatha, ukungabi nakho ukusebenza okanye
ukungakwazi ukusebenza.
Iingxelo
222. IKhomishini kufuneka inike ingxelo rhoqo kwiPalamente kanti nakwizindlu
zowiso-mthetho zamaphondo.
IBhanki eYongameleyo
Ukusekwa
223. IBhanki enguVimba yomZantsi Afrika yibhanki eyongameleyo yeRiphabliki kwaye
ilawulwa ngumThetho othile wePalamente.
Injongo engundoqo
224. (1) Injongo engundoqo yeBhanki enguVimba yomZantsi-Afrika kukukhusela ixabiso
lohlobo lwemali yeli lizwe, kujongwe ukukhula kwezoqoqosho okuzinzileyo nokungatshitshiyo
kwiRiphabliki.
(2) IBhanki enguVimba yomZantsi-Afrika, xa izama ukufezekisa injongo yayo engundoqo,
kufuneka yenze imisebenzi yayo ngokuzimeleyo nangaphandle koloyiko, nokwenza idolo okanye
ukudlela indlala; kodwa, kufuneka kube kho ukubonisana okuthe rhoqo phakathi kwale Bhanki
nelungu leKhabinethi elijongene nemibandela yesizwe yezemali.
Amagunya nemisebenzi
225. Amagunya nemisebenzi yeBhanki enguVimba yomZantsi-Afrika ngalawo esiqhelo
asetyenziswa, nemisebenzi yayo yileyo yesiqhelo yenziwa, ziibhanki ezongameleyo, magunya
lawo, nemisebenzi leyo ekufuneka eqingqwe ngumThetho wePalamente; ukusetyenziswa kwala
magunya, nokwenziwa kwale misebenzi kufuneka kulawulwe yimiqathango emiselwe
ngokomThetho lowo.
Imicimbi yezeMali yamaPhondo neyeeNgingqi
Iingxowa-mali zeNgeniso zamaPhondo
226. (1) Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo eyeyephondo ngalinye apho kufakwa
khona yonke imali efikele urhulumente wephondo elo, ngaphandle kwemali ekucacileyo ukuba
ayibandakanywanga ngumThetho wePalamente.
(2) Imali ingatsalwa kwiNgxowa-mali yePhondo kuphela -
(a) ngokwemigaqo yohlahlo-lwabiwo-mali ngumThetho wephondo elo; okanye
(b) njengeendleko ngqo ezikhutshwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo xa ixeliweyo
kumGaqo-siseko okanye kumThetho wephondo.
(3) Imali eyabelwe ulawulo lwasekuhlaleni elikwiphondo elithile, isiza ngephondo elo
ngokwecandelo 214 (1), iziindleko ngqo eziphuma kwiNgxowa-mali yeNgeniso yelo phondo.
Iindawo evela kuzo imali enikwa oorhulumente bamaphondo nabeengingqi ngurhulumente
wesizwe
227. (1) Urhulumente weengingqi kunye nephondo ngalinye -
(a) linelungelo kwisabelo esingenankqatho sengeniso eqokelelwe ngurhulumente wesizwe
ukulinceda ukuba libe nakho ukubonelela ngeenkonzo ezisisiseko kwanokwenza imisebenzi
eyabelwe lona; kanjalo
(b) lingafumana ezinye izahlulelo ezivela kwingxowa-mali yesizwe, ezibekelwe imiqathango
okanye ezingabekelwanga miqathango.
(2) Enye ingeniso ekhoyo eqokelelwe ngamaphondo okanye oomasipala ayinakutsalwa
kwisabelo sawo/sabo semali eqokelelwe kwisigaba sesizwe sikarhulumente okanye kwezinye
izahlulelo ezinikwe wona/bona zivela kwingeniso karhulumente wesizwe. Kwangokunjalo,
akanyanzelekanga urhulumente wesizwe ukuba abuyekeze amaphondo okanye oomasipala
abangaqokeleli mali ifanelene namandla awo/abo ezemali kwanomthombo wawo/wabo
kwezerhafu.
(3) Isabelo esingenankqatho sephondo esivela kwingeniso eqokelelwe ngurhulumente wesizwe
kufuneka sithunyelwe kwiphondo elo ngoko nangoko, kungatsalwanga mali kuso, ngaphandle
kwaxa oko kuthunyelwa kuye kwanqandwa ngokwecandelo 216.
(4) Iphondo kufuneka lizibonelele ngazo naziphi na izixhaso elizifunayo, ngokommiselo
okhoyo kumGaqo-siseko walo, ezingaphezu kweemfuno zalo eziqikelelwe kulo mGaqo-siseko.
Iirhafu zamaphondo
228. (1) Indlu yowiso-mthetho yephondo ingamisela -
(a) iirhafu, iintlawuliso okanye iintlawulelo-zinto, ingeyiyo irhafu yengeniso, irhafu
eyongezelelwe kwixabiso, irhafu yentengo, irhafu yepropati okanye intlawulelo-mpahla;
(b) neentlawulo ezongezelelwe ngokomlinganiselo ofanayo, zibizwa kwimithombo-rhafu yayo
nayiphi na irhafu, intlawuliso okanye intlawulelo-zinto emiselwe ngumthetho wesizwe, ingeyiyo
imithombo-rhafu yerhafu yengeniso yamashishini, okanye irhafu eyongezelelwe kwixabiso, okanye
irhafu yepropati, okanye iintlawulelo-mpahla.
(2) Igunya lendlu yowiso-mthetho yephondo lokumisela iirhafu, iintlawuliso,
iintlawulelo-zinto, kwaneentlawulo ezongezelelweyo -
(a) malingasetyenziswa ngendlela efaka engozini, ngokuphathekayo nangokugaqiqiyo,
iinkqubo-zikhokelo zoqoqosho zesizwe, okanye iintshukumo zezoqoqosho ezidibanisa onke
amaphondo, okanye uhambiseko-zimpahla kwisigaba sesizwe, okanye iinkonzo, okanye izithuthi
nezinto zokusebenza ezinkulu, okanye abasebenzi; kanjalo
(b) kufuneka lilawulwe ngokomThetho wePalamente, onokwenziwa kuphela emva
kokuqwalaselwa kwazo naziphi na iingcebiso zeKhomishini yezeMali neRhafu.
Amagunya nemisebenzi kaMasipala kwezemali
229. (1) Ethobela amacandelwana (2), (3) nelesi -(4), umasipala
angamisela -
(a) iirhafu kwipropati, kwanemali emayongezwe kwiintlawulo zeenkonzo ezenziwa nguye
okanye ezenzelwa yena; kunye
(b) nezinye iirhafu, iintlawuliso neentlawulelo-zinto ezifanele urhulumente weengingqi okanye
ezifanele olo didi lorhulumente weengingqi akulo loo masipala, ukuba ugunyazisiwe ukuba
enjenjalo ngumthetho wesizwe; kodwa akukho masipala uvumelekileyo ukuba abize irhafu
yengeniso, ivethi, irhafu-ntengiso okanye intlawulelo-zinto.
(2) Igunya likamasipala lokumisela irhafu yepropati, isongezo-ntlawulo kwimali ehlawulelwa
iinkonzo ezenziwa ngumasipala lowo okanye ezenziwa egameni lakhe, okanye ezinye iirhafu,
iintlawuliso neentlawulelo-zinto -
(a) malingasetyenziswa ngendlela eya kubeka ebubini, ngokuphathekayo nangokungaqiqiyo
iinkqubo-zikhokelo zezoqoqosho zesizwe, imigudu yezoqoqosho ukusuka komnye umasipala
ukuya kutsho komnye, ukuhambiseka kweempahla kumZantsi Afrika uphela, amancedo/iinkonzo,
imali okanye abasebenzi; kanjalo
(b) linakho ukulawulwa ngumthetho wesizwe.
(3) Xa oomasipala ababini benamagunya nemisebenzi efanayo yezemali phezu kwendawo
enye, loo magunya naloo misebenzi mayahlulwe ngokufanelekileyo, ngokomthetho wesizwe. Olo
lwahlulo kufuneka lwenziwe kuphela emva kokuthathela ingqalelo, ubuncinci, ezi mpawu
zilandelayo:
(a) Imfuneko yokungqinelana nemigqalisela yorhafiso enentelekelelo;
(b) amagunya nemisebenzi eyenziwa ngumasipala ngamnye kwaba,
(c) isakhono sezemali sikamasipala ngamnye kwaba;
(d) impumelelo nokwenzeka ngokufezekileyo kokunyuswa kweerhafu, kweentlawuliso
nokweentlawulelo-zinto
(e) kwanokulungelelana.
(4) Akukho nto, kweli candelo, ithintela ukwahlulelana ngeemali ezenziwe ngokweli candelo,
phakathi koomasipala abanamandla nemisebenzi yezemali kwindawo enye.
(5) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kweli candelo ungawiswa kuphela emva kokuba
kuthe kwaboniswana norhulumente weengingqi oqingqiweyo kunye nekhomishini yezeMali,
kwaza kwathathelwa ingqalelo nazo naziphi na iingcebiso zale khomishini.
Iimali-mboleko zamaphondo nezoomasipala
230. (1) Iphondo okanye umasipala angathatha iimali-mboleko zokuzisebenzisa
ekuthengeni/ekuhlawuleleni izinto ezinkulu okanye kwimisebenzi yemihla ngemihla, ezo
mali-mboleko zithathwe ngokungqinelana nemiqathango evakalayo eqingqwe ngumthetho
wesizwe, kodwa iimali-mboleko zokuhlawulela imisebenzi yemihla ngemihla -
(a) mazithathwe kuphela xa kufuneka kukhawulelwe imeko ngethuba laloo nyaka-mali;
kanjalo
(b) kufuneka zibuyisiwe kwithuba leenyanga ezilishumi elinesibini.
(2) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelwana (1) ungenziwa kuphela emva
kokuqwalaselwa kwazo naziphi na iingcebiso zeKhomishini yezeMali neRhafu.
Isahluko 14
ImiMiselo ngokuBanzi
UmThetho wamaZwe ngamaZwe
Izivumelwano zamaZwe ngamaZwe
231. (1) Uthethwano nokusayinwa kwazo zonke iimvumelwano zamazwe ngamazwe
ngumsebenzi wesigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu.
(2) Isivumelwano samazwe ngamazwe siyibophelela iRiphabliki kuphela emva kokuba
sivunyiwe ngesigqibo esenziwe kwiNdibano yesiZwe nakwiBhunga lesiZwe lamaPhondo,
ngaphandle kokuba sisivumelwano ekuthethwa ngaso kwicandelwana (3).
(3) Isivumelwano samazwe ngamazwe esinobugoci-goci, okanye esisesolawulo, okanye
esinegunya eliphezulu, okanye isivumelwano esingafuni kuqinisekiswa okanye kuvunywa,
esenziwe sisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, siyayibophelela iRiphabliki kungafunwanga
mvume yeNdibano yesiZwe neyeBhunga lesiZwe lamaPhondo, kodwa kufuneka sixelwe
kwiNdibano nakwiBhunga kwangethuba elifanelekileyo.
(4) Nasiphi na isivumelwano samazwe ngamazwe siba ngumthetho kwiRiphabliki sakuba
senziwe umthetho ngumthetho wesizwe; kodwa ummiselo ozisebenzelayo wesivumelwano
esithile, ovunyiweyo yiPalamente, ungumthetho kwiRiphabliki ngaphandle kokuba awungqinelani
nomGaqo-siseko okanye nomThetho othile wePalamente.
(5) IRiphabliki ke ibophelelekile kwizivumelwano zamazwe ngamazwe ezaziyibophelela
iRiphabliki le mhla umGaqo-siseko waqalisa ukusebenza.
Umthetho oqhelekileyo wamaZwe ngamaZwe
232. Umthetho wesithethe wamazwe ngamazwe ungumthetho apha kwiRiphabliki ngaphandle
kokuba awungqinelani nomGaqo-siseko okanye umThetho othile wePalamente.
Ukusetyenziswa komthetho wamaZwe ngamaZwe
233. Xa itolika nawuphi na umthetho, inkundla nganye kufuneka ikhethe nayiphi na intsingiselo
ethande ukufaneleka yalo mthetho engqinelana nomthetho wamazwe ngamazwe endaweni yayo
nayiphi na enye intsingiselo engangqinelaniyo nomthetho wamazwe ngamazwe.
Eminye imicimbi
ImiQulu yamaLungelo
234. Ukuze kube nokungenwa nzulu kwintlalo yedemokhrasi esekwe ngumGaqo-siseko lo,
iPalamente ingamkela imiQulu yamaLungelo engqinelanayo nemimiselo yomGaqo-siseko lo.
Ukuzimela
235. Ilungelo labantu bomZantsi Afrika bebonke lokuzimela elibonakalisiweyo kulo
mGaqo-siseko, alikuthinteli, ngokwesikhokelo salo eli lungelo, ukuthathelwa ingqalelo
kwelungelo lokuzimela lalo naliphi na iqela loluntu elinamasiko nezithethe, neelwimi ezifanayo
kummandla othile okwiRiphabliki okanye elineli lungelo nangayiphi na enye indlela, eqingqwe
ngumthetho wesizwe.
Ukunikwa imali kwamaqela ezopolitiko
236. Ukuqinisa idemokhrasi yamaqela ngamaqela, umthetho wesizwe kufuneka umisele indlela
yokunika imali amaqela ezopolitiko athabatha inxaxheba kwizindlu zowiso-mthetho, eyesizwe
nezamaphondo ngendlela engenankqatho nenokulungelelana.
Ukwenziwa ngenkuthalo kwezimiselo
237. Zonke izimiselo zomGaqo-siseko kufuneka zenziwe ngenkuthalo nangaphandle
kokulibazisa.
Ubuarhente nophathelwano-msebenzi
238. Igunya elilawulayo likarhulumente kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente lingathi -
(a) liphathise naliphi na igunya emalisetyenziswe okanye nawuphi na umsebenzi omawenziwe
ngokomthetho, liwuphathisa naliphi na elinye iziko likarhulumente elinolawulo oluphezulu, ukuba
ngaba olo phathiso luyangqinelana nomthetho elisetyenziswa ngokwawo elo gunya okanye
owenziwa ngokwawo loo msebenzi; okanye
(b) lisebenzise naliphi na igunya okanye lenze nawuphi na umsebenzi lisenzela naliphi na elinye
iziko likarhulumente elinolawulo oluphezulu ngokwearhente okanye ngokokuphathiswa.
UChazo-ntsingiselo
239. KumGaqo-siseko, ngaphandle kokuba usetyenziso lunika ntsingiselo yimbi, ukuthi -
"umthetho wesizwe" kuquka -
(a) umthetho owayamileyo owenziwe ngokomThetho wePalamente;
(b) kwanomthetho owawusele usebenza xa wawuqalisa ukusebenza umGaqo-siseko nothi
ulawulwe ngurhulumente wesizwe;
ukuthi "iziko likarhulumente" kuthetha -
(a) naliphi na isebe likarhulumente okanye lolawulo kwisigaba sikarhulumente sesizwe,
samaphondo okanye seengingqi; okanye
(b) naliphi na elinye igosa okanye iziko -
(i) elisebenzisa igunya okanye elenza umsebenzi ngokomGaqo-siseko okanye
ngokomgaqo-siseko wephondo; okanye
(ii) elisebenzisa igunya likarhulumente okanye elenza umsebenzi karhulumente ngokwawo
nawuphi na umthetho, kodwa akuquki inkundla okanye igosa lenkundla;
ukuthi "umthetho wemaphondo" kuquka -
(a) umthetho owayamileyo owenziwe ngokomThetho wephondo;
(b) kwanomthetho owawusele usebenza ukuqalisa komGago-siseko lo ukusebenza,
nolawulwa ngurhulumente wephondo.
Ukungangqinelani kweetekisi ezahlukeneyo
240. Xa kuthe kwakho ukungangqinelani phakathi kweetekisi ezahlukeneyo zomGaqo-siseko,
itekisi yesiNgesi yiyo esebenzayo.
Amalungiselelo exesha lenguqu
241. IShedyuli 6 isebenza kwinguqu esa kwindlela entsha yezomGaqo-siseko esekwe ngulo
mGaqo-siseko, nakuyo nayiphi na into ezalwa yiloo nguqu.
Ukurhoxiswa kwemithetho
242. Imithetho ekhankanywe kwiShedyuli 7 iyarhoxiswa, phantsi kwecandelo 243 neShedyuli
6.
Itayitile emfutshane nokuqalisa
243. (1) Lo mThetho ubizwa ngokuba ngumGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika,
1996, kwaye uqalisa ukusebenza kwamsinya, ngomhla obekwe nguMongameli ngesihlokomiso,
kodwa ungadlulanga umhla woku-1 kuJulayi 1997.
(2) UMongameli angabeka eminye imihla eyahlukileyo ephambi komhla oxelwe
kwicandelwana (1), eyibekela imimiselo eyahlukeneyo yomGaqo-siseko lo.
(3) Ngaphandle kokuba usetyenziso lunika ntsingiselo yimbi, ukuba kummiselo othile
womGaqo-siseko lo kuthethwa ngexesha owaqala ngalo umGaqo-siseko ukusebenza, kufuneka
oko kuthatyathwe ngokuthi kuthethwa ngexesha owaqala ngalo loo mmiselo ukusebenza.
(4) Ukuba kubekwe umhla ongomnye, ubekelwa nawo nawuphi na ummiselo othile
womGaqo-siseko ngokwecandelwana (2), nawuphi na ummiselo ofana nawo womGaqo-siseko
weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1993 (UmThetho 200 ka-1993), okhankanyiweyo
kwisihlokomiso, uyarhoxiswa ukususela ngalo mhla mnye.
(5) Amacandelo angala 213, 214, 215, 216, 218, 226, 227, 228, 229 nelama-230 aya kuqalisa
ukusebenza ngomhla woku-1 kuJanuwari 1998, kodwa loo nto ayikuthinteli ukwenziwa,
ngokwalo mGaqo-siseko, komthetho ekuthethwa ngawo kuwo nawuphi na kule mimiselo, phambi
kwalaa mhla. De ufike laa mhla nayiphi na imimiselo engqinelana nawo okanye ezalwa nguwo
umGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, ihlala isebenza.
IShedyuli 1
IFlegi yesiZwe
(1) Iflegi yesizwe inamacala amane oku koxande; ubude bayo bungangobubanzi bayo
obunesiqingatha.
(2) Inombala omnyama, omthubi , oluhlaza, omhlophe, obomvu okwetshilisi, noblowu.
(3) Inebhanti eluhlaza emise oku kuka-Y ebubanzi bayo busisihlanu sobubanzi beflegi le.
Imigca esembindini yebhanti le isuka kwikona ephezulu nakwesezantsi kufutshane nepali yeflegi,
idibane embindini weflegi, ize inqamleze ukuya kumbindi weli cala libhabhayo.
(4) Ibhanti eluhlaza inomqukumbelo omhlophe, ngasentla nangezantsi, nomthubi kweli cala
lingakwipali yeflegi. Umqukumbelo ngamnye unobubanzi obusisinye kwishumi elinesihlanu
lobubanzi beflegi.
(5) Unxantathu ongakwicala lepali yeflegi umnyama.
(6) Ibhanti engasentla enqamlezileyo ibomvu okwetshilisi, lize icala elingezantsi lebhanti
enqamlezileyo libe blowu. Iyileyo kwezi bhanti inobubanzi obusisinye kwisithathu sobubanzi
beflegi.
IShedyuli 2
Izifungo neziNgqiniso eziNyanisekileyo
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo sikaMongameli kunye neBambela-Mongameli
1. UMongameli okanye uSekela-Mongameli kufuneka athi, ephambi koMongameli
weNkundla yezomGaqo-siseko, afunge ngale ndlela ilandelayo:
Phambi kwakhe wonke ubani olapha, futhi ndiluqonda ngokupheleleyo ubizo
oluphakamileyo endingena kulo njengoMongameli/ njengeBambela-Mongameli weRiphabliki
yomZantsi Afrika, Mna, A.B., ndiyafunga/ndinyangqinisa ngokunyanisekileyo ndithi ndiya
kuthembeka kwiRiphabliki yomZantsi Afrika, ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwulandele,
ndiwuxhase, kanjalo ndiwulondoloze umGaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho
weRiphabliki; kanjalo ndiyathembisa ngokunyanisekileyo nangokuthembekileyo ukuba ndiya
kusoloko -
s ndikukhuthaza konke oko kuya kuyiqhubela phambili iRiphabliki, ndikuchase konke oko
kunokuthi kuyonakalise;
s ndiwakhusela, ndiwakhuthaza amalungelo abo bonke abemi bomZantsi Afrika.
s ndiyenza imisebenzi yam ngamandla am onke neetalente zam zonke kangangoko
ndikwaziyo nakangangoko ndinakho nangokunyanisekileyo kwisikhokelo sesazela sam;
s ndisenza ubulungisa kumntu wonke; kanjalo
s ndizinikela kwintlalo-ntle yeRiphabliki nabo bonke abantu bayo.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo.)
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo sikaSekela-Mongameli
2. USekela-Mongameli, ephambi koMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko, kufuneka
afunge/enze isingqiniso ngolu hlobo lulandelayo:
Phambi wakhe wonke ubani olapha, futhi ndiluqonda ngokupheleleyo ubizo
oluphakamileyo endingena kulo njengoSekela-Mongameli weRiphabliki yomZantsi Afrika, Mna,
A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo ndithi ndiya kuthembeka kwiRiphabliki
yomZantsi Afrika, ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwulandele, ndiwuxhase, kanjalo ndiwulondoloze
umGaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphabliki; kanjalo ndiyathembisa
ngokunyanisekileyo nangokunthembekileyo ukuba ndiya kusoloko -
s ndikukhuthaza konke oko kuya kuyiqhubela phambili iRiphabliki, ndikuchase konke oko
kunokuthi kuyonakalise;
s ndingumcebisi onyanisekileyo nothembekileyo;
s ndiyenza imisebenzi yam ngamandla am onke neetalente zam zonke kangangoko
ndikwaziyo nakangangoko ndinakho ngokunyanisekileyo kwisikhokelo sesazela sam;
s ndisenza ubulungisa kumntu wonke; kanjalo
s ndizinikela kwintlalo-ntle yeRiphabliki neyabo bonke abantu bayo.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo sabaPhathiswa kunye nooSekela-baPhathiswa
3. UmPhathiswa ngamnye noSekela-mPhathiswa, ephambi koMongameli weNkundla
yezomGaqo-siseko okanye kwenye ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko,
kufuneka afunge/angqinise ngolu hlobo lulandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kuthembeka
kwiRiphabliki yomZantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, kanjalo ndiwuxhase
umGaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphabliki; kanjalo ndiyathembisa
ukusibamba isikhundla sam njengomPhathiswa/uSekela-mPhathiswa ngesihomo nesithozela; ndibe
ngumcebisi onyanisekileyo nothembekileyo; ndingawudizi, nokuba kungokuthe ngqo okanye
ngokungathanga ngqo, nawuphi na umcimbi olihlebo ophathiswe mna; ndize ndiyenze nemisebenzi
yesikhundla sam ngenkathalo nakangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo samaLungu eNdibano yesiZwe, abaThunywa
abasisiGxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo kunye namalungu ezindlu ezo zowiso-mthetho
zamaphondo.
4. (1) Amalungu eNdibano yesiZwe, abathunywa abasisigxina kwiBhunga lesiZwe
lamaPhondo kunye namalungu ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo, bephambi koMongameli
weNkundla yezomGaqo-siseko okanye kwejaji etyunjwe nguMongameli weNkundla
yezomGaqo-siseko, kufuneka bafunge okanye bangqinise ngolu hlobo lulandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kunyaniseka
kwiRiphabliki yomZantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, kanjalo ndiwuxhase
umGaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphabliki, kanjalo ndiyathembisa
ngokunyanisekileyo ukuyenza imisebenzi yam njengelungu leNdibano yesiZwe/njengomthunywa
osisigxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo/njengelendlu yowiso-mthetho yephondo lase C.D.
kangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
(2) Abantu abavala isithuba kwiNdibano yesiZwe, okanye kwigqiza labathunywa abasisigxina
kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo okanye kwindlu yowiso-mthetho yephondo bangafunga okanye
bangqinise ngokwemigaqo yombandelana (1) phambi kwegosa elongameleyo leNdibano, okanye
leBhunga okanye lendlu yowiso-mthetho, ngokwemeko leyo.
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo seeNkulumbuso, amaBambela-ziNkulumbuso
namalungu amaBhunga amaphondo anooLawulo oluPhezulu
5. INkulumbuso okanye iBambela-Nkulumbuso yephondo, kwanelungu ngalinye leBhunga
lephondo elinoLawulo oluPhezulu, iphambi koMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko okanye
kwenye ijaji etyunjwe nguMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko, kufuneka ifunge/ingqinise
ngale ndlela ilandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo ukuba ndiya kunyaniseka
kwiRiphabliki yomZantsi Afrika ndaye ndiya kuwuthobela, ndiwuhlonele, ndiwuxhase
umGaqo-siseko kunye nawo wonke omnye umthetho weRiphabliki; kanjalo ndiyathembisa ukuba
ndiya kusibamba isikhundla sam njengeNkulumbuso/njengeBambela-Nkulumbuso/njengelungu
leBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu laseC.D. ngembeko nesidima; ndibe ngumcebisi
onyanisekileyo, nothembekileyo; ndingawudizi, ngokuthe ngqo okanye ngokungathanga ngqo,
nawuphi na umcimbi olihlebo ophathiswe mna; kanjalo ndiyenze imisebenzi yesikhundla sam
ngenkathalo nakangangoko ndinakho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
Isifungo okanye isingqiniso esinyanisekileyo samaGosa ezeeJaji
6. (1) Ijaji nganye okanye ijaji ebambeleyo nganye, iphambi kweJaji eyiNtloko yeNkundla
ePhakamileyo yeziBheno okanye kwenye ijaji etyunjwe yiJaji eyiNtloko, kufuneka ifunge okanye
ingqinise ngale ndlela ilandelayo:
Mna, A.B., ndiyafunga/ndiyangqinisa ngokunyanisekileyo okokuba ndiya kuthi, njengeJaji
yeNkundla yezomGaqo-siseko/yeNkundla ePhakamileyo yeziBheno/yeNkundla
ePhezulu/yeNkundla ye E.F. ndithembeke kwiRiphabliki yomZantsi Afrika, ndiwuxhase, kanjalo
ndiwukhusele umGaqo-siseko namalungelo oluntu akhuselweyo kuwo, ndaye ndiya kwenza
ubulungisa busebenze ngokufanayo kubo bonke abantu ngaphandle koloyiko, okanye ukwenza
idolo okanye ukudlela indlala, ngokungqinelana nomGaqo-siseko kunye nomthetho.
(Xa isisifungo: Ngoko ke ndincede Thixo)
(2) Umntu otyunjelwe kwisikhundla seJaji eyiNtloko yeNkundla ePhakamileyo yeziBheno
ongekabi yojaji ngexesha loko kutyunjwa kufuneka afunge okanye angqinise phambi
koMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko.
(3) Amagosa ezeejaji kunye namagosa abambeleyo ezeejaji, ngaphandle kweejaji, kufuneka
afunge/angqinise ngokomthetho wesizwe.
IShedyuli 3
ImiGaqo-nkqubo yoNyulo
ISahlulo A
ImiGaqo-nkqubo yoNyulo lwabaBambi-ziKhundla kwezomGaqo-siseko
UkuSebenza
1. Lo mGaqo-nkqubo uchazwe kule Shedyuli usebenza nanini na -
(a) iNdibano yesiZwe idibanela ukunyula uMongameli, okanye uSomlomo okanye
uSekela-Somlomo.
(b) iBhunga lesiZwe lamaPhondo lidibanela ukunyula uSomlomo walo okanye
uSekela-Somlomo walo; okanye
(c) indlu yowiso-mthetho yephondo idibanela ukunyula iNkulumbuso yephondo elo, okanye
uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wendlu yowiso-mthetho leyo.
Ukuphakanyiswa kwamagama
2. Umntu ochophele intlanganiso ekusebenza kuyo le Shedyuli kufuneka athi
makuphakanyiswe amagama abazigqatsileyo kuloo ntlanganiso.
Iimfuneko ezimiselweyo
3. (1) Isiphakamiso-gama kufuneka senziwe kwifomu emiselweyo yimigaqo
ekhankanywe kumbandela 9.
(2) Ifomu ekwenziwe kuyo isiphakamiso-gama kufuneka isayinwe -
(a) ngamalungu amabini eNdibano yesiZwe, ukuba kufuneka kunyulwe uMongameli okanye
uSomlomo okanye uSekela-Somlomo;
(b) egameni lamagqiza amabini amaphondo, ukuba kufuneka kunyulwe uSomlomo okanye
uSekela-Somlomo weBhunga lesiZwe lamaPhondo;
(c) ngamalungu amabini endlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo, ukuba kufuneka
kunyulwe iNkulumbuso yephondo okanye uSomlomo okanye uSekela-Somlomo wendlu
yowiso-mthetho leyo.
(3) Umntu ogama liphakanyisiweyo kufuneka abonise ukusamkela kwakhe eso siphakamiso
ngokuthi asayine ifomu yesiphakamiso okanye nangalo naluphi na olunye uhlobo lwesiqinisekiso
esibhaliweyo.
Ukwaziswa kwamagama abavotelwa
4. Kwintlanganiso esebenzayo kuyo le Shedyuli, umntu ochopheleyo kufuneka azise
amagama abantu abathe baphakanyiswa njengabavotelwa kodwa angavumeli ingxoxo kwaphela.
Umvotelwa omnye
5. Ukuba mnye kuphela umvotelwa ophakanyisiweyo, umntu ochopheleyo kufuneka azise
ukuba umvotelwa lowo unyuliwe.
Umgaqo-nkqubo wonyulo
6. Ukuba bangaphezulu komntu omnye abavotelwa abaphakanyisiweyo -
(a) kufuneka kuvotwe apho entlanganisweni ngendlela efihlakeleyo yebhalothi;
(b) ilungu ngalinye elikhoyo, okanye ukuba yintlanganiso yeBhunga lesiZwe lamaPhondo,
iphondo ngalinye elimelweyo, entlanganisweni, lingavota kanye;
(c) umntu ochopheleyo kufuneka azise ukuba loo mvotelwa ufumene isininzi seevoti
unyuliwe.
Umgaqo-nkqubo wokukhutshwa eluhlwini
7. (1) Ukuba akukho mvotelwa ufumana uninzi lweevoti, umvotelwa ofumana elona nani
leevoti liphantsi kufuneka akhutshwe eluhlwini ukuze kuvotwe kwakhona, kuvotelwa abavotelwa
abaseleyo ngokungqinelana nombandela 6. Le nkqubo kufuneka iphindwe kude kube kho
umvotelwa ofumana uninzi lweevoti.
(2) Xa kusetyenziswa umbandelana (1), ukuba abavotelwa ababini nangaphezulu banelona
nani leevoti ziphantsi emnye, kufuneka kwenziwe ivoti eyahlukileyo yabo bavotelwa, ize iphindwe
kangangoko kuyimfuneko ukuze kube nokugqitywa ngaloo mvotelwa makakhutshwe eluhlwini.
Ezinye iintlanganiso
8. (1) Ukuba babini kuphela abavotelwa abaphakanyisiweyo, okanye ukuba babini
kuphela abavotelwa abasalayo emva kokusetyenziswa komgaqo-nkqubo wokukhutshwa eluhlwini,
baze abo bavotelwa babini bafumane inani elilinganayo leevoti, kufuneka kube kho enye
intlanganiso ngethuba leentsuku ezisixhenxe, ngelo xesha kugqitywe ngalo ngumntu ochopheleyo.
(2) Ukuba kube kho enye intlanganiso ngokombandelana (1), lo mGaqo-nkqubo umiselwe
kule Shedyuli kufuneka usetyenziswe kuloo ntlanganiso ngokungathi yintlanganiso yokuqala yolo
nyulo.
Imigaqo
9. (1) UMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko kufuneka enze imigaqo emisela -
(a) umgaqo-nkqubo weentlanganiso esebenza kuzo le Shedyuli;
(b) imisebenzi yakhe nawuphi na umntu ochophela intlanganiso, naye nawuphi na umntu
oncedisana nalowo uchopheleyo;
(c) ifomu emakubhalwe kuyo iziphakamiso-magama; kunye
(d) nendlela omaluqhutywe ngayo uvoto.
(2) Le migaqo kufuneka yaziswe ngendlela uMongameli weNkundla yezomGaqo-siseko
agqiba ngayo.
ISahlulo B
Indlela yokuQingqa ukuThabatha
iNxaxheba kweQela kumaGqiza amaPhondo
akwiBhunga lesiZwe lamaPhondo
1. Inani labathunywa abakwigqiza lephondo elikwiBhunga lesiZwe lamaPhondo, gqiza elo
linelungelo kulo iqela elithile, kufuneka liqingqwe ngokuphinda-phinda inani lezihlalo elinazo iqela
elo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ngeshumi kuze kwahlulwe isiphumo soko ngenani
lezihlalo kuloo ndlu yowiso-mthetho, kongezwe umvo.
2. Ukuba ubalo ngokwemigaqo yombandela 1 lukhupha inani elithe kratya kwelifunekayo,
babe abathunywa abahlulelwe elo qela ngokwaloo mbandela bengaphantsi kweli nani, loo kratya
kufuneka akhuphisane nookratya abalolu hlobo balo naliphi na elinye iqela okanye bawo nawaphi
na amanye amaqela, ukuze nabaphi na abathunywa abangabelwanga kwigqiza babelwe iqela
okanye amaqela ngokulandelelana ngokoyena kratya uphezulu.
IShedyuli 4
IiNdawo zemiSebenzi eyenzeka phantsi koWiso-mthetho olufanayo lwesiZwe nolwamaPhondo
ISahlulo A
Ulawulo lwamahlathi emvelo
Ezolimo
Izikhululo zeenqwelo-moya, ezingezizo izikhululo zamazwe ngamazwe nezesizwe
Ukulawulwa kwezilwanyana nezifo
Iikhasino, imidyarho, ukugembula nokubheja, kungabandakanywa iilothari kunye neendawo
zemidlalo equkanisiweyo
Ukukhuselwa kwabasebenzisi-zinto
Imicimbi yezamasiko nezithethe
Indlela yokumelana nezehlo ezibuhlungu
Imfundo kuwo onke amanqanaba, ngaphandle kwemfundo engaphaya kwematriki
Indalo esingqongileyo
Iinkonzo zeMpilo
Ubonelelo ngezindlu
Umthetho wemveli nomthetho wesithethe ephantsi kweSahluko 12 somGaqo-siseko
Ukukhuthazwa kwamashishini
Inkqubo-sikhokelo yeelwimi kunye neelwimi zaseburhulumenteni kangangoko ithi imimiselo
yecandelo 6 lalo mGaqo-siseko inike ngokucacileyo indlu yowiso-mthetho yephondo amandla
owiso-mthetho (malunga neelwimi)
Inkonzo yezeendaba ezilawulwa ngqo okanye ezinikwa ngurhulumente wephondo, phantsi
kwecandelo 192
Ulondolozo lwendalo, kungabandakanywa iindawo zesizwe zogcino-zilwanyana, izitiya zesizwe
zezityalo kunye neendawo eziluncedo zaselwandle
Amapolisa kangangoko ithi imimiselo yeSahluko 11 somGaqo-siseko inike indlu yowiso-mthetho
yephondo amandla owiso-mthetho (malunga namapolisa)
Ulawulo longcoliseko lomoya
Uphuhliso lwabantu
Imirhumo yokutshintshelwa kwepropati
Amashishini karhulumente ephondo ngokumalunga nezi ndawo zemisebenzi zikule Shedyuli
nakuShedyuli 5
Ezothutho lukawonke-wonke
EzemiSebenzi karhulumente ezijongene kuphela neemfuno zamasebe karhulumente ekuthwaleni
uxanduva lwawo lokwenza imisebenzi enikwe wona ncakasana ngokwalo mGaqo-siseko okanye
ngokwawo nawuphi na omnye umthetho
Ucwangciso nophuhliso lweenqila
Ukulawulwa kosetyenziso lweendlela
Ulondolozo lomhlaba
Ukhenketho
Urhwebo
Iinkokeli zemveli, phantsi kweSahluko 12 somGaqo-siseko
Uphuhliso lweelali kunye needolophu
Ukunikezelwa kweelayisensi zezithuthi
Iinkonzo zentlalo-ntle
ISahlulo B
Le micimbi ilandelayo karhulumente weengingqi kangangoko kucaciswe kwicandelo 155 (6)(a)
nelesi- (7):
Ungcoliseko lomoya
Imigaqo yokwakha
Izinto zolondolozo lwabantwana
Ufakelo lombane nokuhanjiswa kwegesi
Iinkonzo zocimo-mlilo
Ukhenketho lwaloo ndawo
Izikhululo zeenqwelo-moya zikamasipala
Ucwangciso lukamasipala
Iinkonzo zempilo zikamasipala
Uthutho lukawonke-wonke lukamasipala
Ezemisebenzi karhulumente zikamasipala ezijongene kuphela neemfuno zoomasipala ekuthwaleni
uxanduva lwabo lokwenza imisebenzi enikwe bona ncakasana phantsi kwalo mGaqo-siseko
okanye kwawo nawuphi na omnye umthetho
Izikhitshane ezithe tyaba ngaphantsi, izikhitshane, iiblorho ezingena elwandle namazibuko,
ngaphandle kolawulo lwezeenqanawa zamazwe ngamazwe nezesizwe nemicimbi enxulumene nalo
Iindlela zokulawula amanzi emvula kwiindawo ekwakhiweyo kuzo
Imigaqo yorhwebo
Iinkonzo zamanzi nogutyulo, kuphelelwe nje kwiindlela zokubonelela ngamanzi aselwayo kunye
neendlela zokulahlwa kwamanzi amdaka asemakhaya nokwesureji
IShedyuli 5
IiNdawo zemiSebenzi eziphantsi koWiso-mthetho lwamaPhondo odwa
ISahlulo A
Iindawo zokuxhelela
Iinkonzo zeenqwelo-zigulana
Iindawo zokugcina iimbalo nezinto, ingezizo iindawo zesizwe zokugcina iimbalo nezinto
Amathala eencwadi, ingengawo amathala eencwadi esizwe
Iilayisensi zotywala
Iimyuziyam, ingezizo iimyuziyam zesizwe
Ucwangciso lwephondo
Imicimbi yephondo yezithethe namasiko
Izinto zephondo zolonwabo
Ezemidlalo zephondo
Iindlela nosetyenziso-zindlela kwiphondo
Iinkonzo zonyango-zilwanyana, ngaphandle kolawulo lwalo msebenzi
ISahlulo B
Le micimbi ilandelayo karhulumente weengingqi kangangoko kucaciswe kwicandelo 155 (6)(a)
nelesi - (7):
Amanxweme olwandle/iibhitshi nezinto zokonwabisa
IiBhodi kunye nokuxhonywa kwezaziso kwiindawo zikawonke-wonke
Iindawo zokungcwabela, imizi yabangcwabi, neendawo zokutshiswa kwezidumbu
Ukucocwa
Ulawulo lwabakhathaza uluntu
Ulawulo lweendawo ezithengisa utywala kuwonke-wonke
Amalungiselelo okugcinwa, olondolozo nokungcwatywa kwezilwanyana
Ubiyelo neengcingo
Ukukhutshwa kweelayisensi zezinja
Ukukhutshelwa iilayisensi nokulawulwa kweendawo ezithengisa ukutya kuwonke-wonke
Amalungiselelo aluncedo endawo
Izinto ezingamalungiselelo aluncedo kwezemidlalo
Iimarike
Iindawo zokuxhelela zikamasipala
Iipaka neendawo zolonwabo zikamasipala
Iindlela zikamasipala
Ingxolo
Izikiti
Iindawo zikawonke-wonke
Ukususwa kwenkunkuma, iindawo zokulahla inkunkuma (iitipu) kunye nokulahlwa kwezibi
eziqinileyo
Urhwebo lwasezitalatweni
Ukukhanyiswa kwezitalato
Usetyenziso-ndlela neendawo zokumisa izithuthi
IShedyuli 6
Amalungiselelo eNguqu
Uchazo-ntsingiselo
1. Kule Shedyuli, ngaphandle kokuba igama alingqinelani nomxholo -
igama elithi, "iphandle" lithetha inxalenye yeRiphabliki eyaye ithathwa njengommandla ozimeleyo
okanye ozilawulayo, ngokomthetho womZantsi Afrika, ngaphambi kokuba umGaqo-siseko
owandulela lo usebenze;
ukuthi, "umGaqo-siseko omtsha" kuthetha umGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1996;
ukuthi, "umthetho wenkqubo endala" kuthetha umthetho owenziwa phambi kokuba
umGaqo-siseko owandulela lo usebenze;
ukuthi "umGaqo-siseko owandulela lo" kuthetha umGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika,
1993, (umThetho 200 ka-1993).
Ukuqhuba kwemithetho eyayisele ikho
2. (1) Wonke umthetho owawusebenza mhla waqalisa ukusebenza umGaqo-siseko
omtsha, uyaqhuba usebenza, phantsi komqathango -
(a) wokwenzeka kwako nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa;
(b) nowokungqinelana nomGaqo-siseko omtsha.
(2) Umthetho wenkqubo endala oqhubayo ukusebenza ngokombandelana (1) -
(a) awunako ukusetyenziswa ngokugqithileyo kwindlela owawusetyenziswa ngayo,
kwimimandla okanye kwezinye izinto, phambi kokusebenza komGaqo-siseko owandulela lo,
ngaphandle kokuba watshintshwa emva koko ukuze ube nokusetyenziswa banzana
kunangaphambili; kanjalo
(b) uyaqhuba ukusetyenziswa ngaloo magunya ayewusebenzisa ukuqala kokusebenza
komGaqo-siseko omtsha, phantsi kolawulo lomGaqo-siseko omtsha lo.
Ukucaciswa kwemithetho ekhoyo
3. (1) Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo, okanye ukungafaneleki
okucacileyo, ukuthi kuwo nawuphi na umthetho obukhona ukuqala ukusebenza komGaqo-siseko
omtsha, kukhankanywe -
(a) iRiphabliki yomZantsi Afrika okanye iphandle, (ngaphandle kwaxa kubhekiswa
kummandla kagunyaziwe), kufuneka kuthathwe ngokuthi kubhekisa kwiRiphabliki
yomZantsi-Afrika phantsi komGaqo-siseko omtsha;
(b) iPalamente, iNdibano yesiZwe, okanye iNdlu yeeNgwevu makuthathwe njengokubhekisa
kwiPalamente, kwiNdibano yesiZwe, okanye kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo phantsi
komGaqo-siseko omtsha;
(c) uMongameli, uSekela-Mongameli oLawulayo, umPhathiswa, uSekela mPhathiswa, okanye
iKhabinethi kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kuMongameli, kuSekela-Mongameli,
umPhathiswa, kuSekela-mPhathiswa okanye kwiKhabhinethi phantsi komGaqo-siseko omtsha,
ngokokulawulwa ngumbandela 9 wale Shedyuli;
(d) uMongameli weNdlu yeeNgwevu, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kuSomlomo
weBhunga lesiZwe lamaPhondo;
(e) indlu yowiso-mthetho yephondo, iNkulumbuso, iBhunga elinoLawulo oluPhezulu okanye
ilungu leBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa
kwindlu yowiso-mthetho yephondo, kwiNkulumbuso, kwiBhunga elinoLawulo oluPhezulu
okanye kwilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu phantsi komGaqo-siseko omtsha,
ngokokulawulwa ngumbandela 12 wale Shedyuli; okanye
(f) ulwimi okanye iilwimi zoburhulumente, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa kulo naluphi
na ulwimi kwezi zoburhulumente phantsi komGaqo-siseko omtsha.
(2) Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo, okanye ukungafaneleki
okucacileyo, ukuthi kuwo nawuphi na umthetho oseleyo wenkqubo endala, kukhankanywe -
(a) iPalamente, iNdlu yePalamente, okanye indlu yowiso-mthetho, okanye iziko leRiphabliki,
okanye lephandle, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa -
(i) kwiPalamente phantsi komGaqo-siseko omtsha, ukuba usetyenziso lwaloo mthetho
lwahlulelwe, okanye lunikwe isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu ngokomGaqo-siseko
owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(ii) kwindlu yowiso-mthetho yephondo, ukuba usetyenziso lwaloo mthetho lwahlulelwe,
okanye lunikwe isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu, ngokomGaqo-siseko owandulela lo
okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(b) uMongameli weliZwe, iNkulu-baPhathiswa, uMlawuli, okanye elinye igosa elilawulayo
eliyintloko, iKhabhinethi, iBhunga labaPhathiswa okanye ibhunga lokulawula leRiphabliki, okanye
lephandle, kufuneka kuthathwe njengokubhekisa -
(i) kuMongameli phantsi komGaqo-siseko omtsha, ukuba ulawulo lwaloo mthetho
lwahlulelwe, okanye lunikwe isigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu, ngokomGaqo-siseko
owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli; okanye
(ii) kwiNkulumbuso yephondo phantsi komGaqo-siseko omtsha, ukuba usetyenziso lwaloo
mthetho lwahlulelwe, okanye lunikwe, isigqeba solawulo sephondo, ngokomGaqo-siseko
owandulela lo, okanye ngokwale Shedyuli.
INdibano yesiZwe
4. (1) Nabani na obelilungu okanye ebambe isikhundla kwiNdibano yesiZwe, ukuqalisa
kokusebenza komGaqo-siseko omtsha, uba lilungu, okanye ngumbambi-sikhundla weNdibano
yesiZwe phantsi komGaqo-siseko omtsha, kwaye uba sesikhundleni njengelungu okanye
njengombambi-sikhundla ngokwemigaqo yomGaqo-siseko omtsha.
(2) INdibano yesiZwe njengoko inala malungu achazwe ngokombandelana (1) kufuneka
ithathwe njengokuba inyulwe phantsi komGaqo-siseko omtsha, inyulelwa ithuba lokusebenza
eliphela ngomhla wama-30 ku-Epreli 1999.
(3) INdibano yesiZwe inamalungu angama-400 ngethuba layo lokusebenza, eliphela
ngowama-30 ku-Epreli 1999, ngokokulawulwa licandelo 49(4) lomGaqo-siseko omtsha.
(4) Imigaqo nemiyalelo yeNdibano yesiZwe ebisebenza ukuqalisa kokusebenza
komGaqo-siseko omtsha, iyaqhuba ukusebenza ngokokulawulwa kuko nakuphi na ukutshintshwa,
okanye ukurhoxiswa.
Imicimbi engagqitywanga ephambi kwePalamente
5. (1) Nayiphi na imicimbi engagqitywanga ephambi kweNdibano yesiZwe ukuqala
ukusebenza komGaqo-siseko omtsha kufuneka iqhutywe ngokwalo mGaqo-siseko mtsha.
(2) Nayiphi na imicimbi engagqitywanga ephambi kweNdlu yeeNgwevu ukuqalisa ukusebenza
komGaqo-siseko omtsha kufuneka ibhekiswe kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo; iBhunga kufuneka
liyiqhube loo micimbi ngokomGaqo- siseko omtsha.
Unyulo lweNdibano yesiZwe
6. (1) Akukho nyulo lweNdibano yesiZwe lunokwenziwa phambi komhla wama-30
ku-Epreli 1999, ngaphandle kokuba iNdibano ichithiwe ngokwemigaqo yecandelo 50 (2) emva
kwesindululo sokuphela kokuthenjwa kukaMongameli ngokwemigaqo yecandelo 102 (2)
lomGaqo-siseko omtsha.
(2) Icandelo 50(1) lomGaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa kude kube ngumhla wama-30
ku-Epreli 1999.
(3) Nangani umGaqo-siseko owandulela lo urhoxisiwe, uShedyuli 2 waloo mGaqo-siseko,
njengoko atshintshiweyo sisiHlomelo A sale Shedyuli, uyasebenza -
(a) kunyulo lokuqala lweNdibano yesiZwe phantsi komGaqo-siseko omtsha;
(b) ekulahlekelweni komntu kukuba lilungu leNdibano kwiimeko ezingezizo ezo zixelwe
kwicandelo 47 (3) lomGaqo-siseko omtsha;
(c) nasekuvalweni kwezithuba kwiNdibano, kunye nokufakelelwa, ukuqwalaselwa kwakhona,
nokusetyenziswa kwezintlu zamaqela opolitiko ekuvalweni kwezithuba, kude kube lunyulo
lwesibini lweNdibano phantsi komGaqo-siseko omtsha.
(4) Icandelo 47(4) lomGaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa kude kube lunyulo lwesibini
lweNdibano yesiZwe phantsi komGaqo-siseko omtsha.
IBhunga lesiZwe lamaPhondo
7. (1) Kwithuba eliphela kanye phambi kokudibana okokuqala kwendlu yowiso-mthetho
yephondo emva konyulo lwayo lokuqala phantsi komGaqo-siseko omtsha -
(a) umndilili womelo lweqela kwigqiza lephondo kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo kufuneka
ufane nomndilili apho amalungu eNdlu yeeNgwevu alishumi ephondo ayenyulwe ngokwemigaqo
yecandelo 48 lomGaqo-siseko wangaphambili; kwaye
(b) inani labathunywa abasisigxina nelabathunywa ababodwa elifanele iqela ngalinye lopolitiko
elinabameli kwindlu yowiso-mthetho yephondo labelwe iqela elo ngolu hlobo lulandelayo:
IPHONDO ABAMELI ABAMELI
ABASISIGXINA ABABODWA
1. IMpuma-Koloni ANC 5 ANC 4
NP 1
2. IFreyistata ANC 4 ANC 4
FF 1
NP 1
3. IRhawuti ANC 3 ANC 3
DP 1
FF 1
NP 1 NP 1
4. IKwaZulu-Natala ANC 1 ANC 2
DP 1
IFP 3 IFP 2
NP 1
5. IMpumalanga ANC 4 ANC 4
FF 1
NP 1
6. UmNtla-Koloni ANC 3 ANC 2
FF 1
NP 2 NP 2
7. IPhondo lasemNtla ANC 6 ANC 4
8. UmNtla-Ntshona ANC 4 ANC 4
FF 1
NP 1
9. INtshona-Koloni ANC 2 ANC 1
DP 1
NP 3 NP 3
(2) Iqela elimelweyo kwindlu yowiso-mthetho yephondo -
(a) kufuneka likhethe abathunywa balo abasisigxina phakathi kwabantu ababengamalungu
eNdlu yeeNgwevu ukuqala komGaqo-siseko omtsha ukusebenza kwaye bevuma ukusebenza
njengabathunywa abasisigxina; ke
(b) lingakhetha abanye abantu babe ngabathunywa abasisigxina kuphela ukuba akakho okanye
angaphantsi kwenani elifunekayo akhoyo amalungu alo angaphambili eNdlu yeeNgwevu.
(3) Indlu yowiso-mthetho yephondo kufuneka ityumbe abathunywa bayo abasisigxina
ngokungqinelana nokutyunjwa neziphakamiso-magama zamaqela.
(4) Umbandelana (2) nowesi-(3) isebenza kuphela ekutyunjweni kokuqala kwabathunywa
abasisigxina kwiBhunga lesiZwe.
(5) ICandelo 62 (1) lomGaqo-siseko omtsha alisebenzi ekukhethweni nasekutyunjweni
kwamalungu eNdlu yeeNgwevu angaphambili njengabathunywa abasisigxina ngokwalo mbandela.
(6) Imigaqo nemiyalelo yeNdlu yeeNgwevu ebisebenza ukuqala ukusebenza komGaqo-siseko
omtsha, kufuneka isebenze kwimicimbi yeBhunga lesiZwe kangangoko inokusebenziseka,
ngokokwako nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa.
Amalungu angaphambili eNdlu yeeNgwevu
8. (1) Umntu olilungu langaphambili leNdlu yeeNgwevu elingatyunjwanga
njengomthunywa osisigxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo unelungelo lokuba lilungu elizeleyo
elinokuvota lendlu yowiso-mthetho yephondo awayekhethwe kuyo njengelungu leNdlu
yeeNgwevu ngokwecandelo 48 lomGaqo-siseko owandulela lo.
(2) Ukuba owayelilungu leNdlu yeeNgwevu ukhetha ukungabi lilo ilungu lendlu
yowiso-mthetho yephondo loo mntu uthatyathwa njengorhoxileyo njengelungu leNdlu
yeeNgwevu ngomhla ophambi kokuba umGaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza.
(3) Umvuzo, izibonelelo neemfanelo zelungu langaphambili leNdlu yeeNgwevu elityunjwe
njengomthunywa osisigxina okanye njengelungu lendlu yowiso- mthetho yephondo akufuneki
zithotywe ngenxa yoko kutyunjwa kuphela.
IsiGqeba sesiZwe esinoLawulo oluPhezulu
9. (1) Nabani na owayenguMongameli, uSekela-Mongameli oLawulayo, umPhathiswa
okanye uSekela-mPhathiswa phantsi komGaqo-siseko owandulela lo, ukuqalisa ukusebenza
komGaqo-siseko omtsha, uyaqhuba abambe isikhundla eso ngokomGaqo-siseko omtsha, kodwa
ngokokulawulwa ngumbandelana (2).
(2) Kude kube ngumhla wama-30 ku-Epreli 1999, amacandelo 84, 89, 90, 91, 93 nelama-96,
omGaqo-siseko omtsha kufuneka athatyathwe njengafundeka ngendlela ekucaciswe ngayo
kwisiHlomelo B sale Shedyuli.
(3) Umbandelana (2) awumthinteli umPhathiswa owayelilungu leNdlu yeeNgwevu ukuqala
ukusebenza komGaqo-siseko omtsha, ukuba aqhube ukuba ngumPhathiswa ekubhekiselwe kuye
kwicandelo 91(1)(a) lomGaqo-siseko omtsha, ngokwendlela elifundeka ngayo elo candelo
kwisiHlomelo B.
Izindlu zowiso-mthetho zamaphondo
10. (1) Nabani na owayelilungu okanye ebambe isikhundla sendlu yowiso-mthetho
yephondo ukuqalisa ukusebenza komGaqo-siseko omtsha, uba lilungu okanye umbambi-sikhundla
wendlu yowiso-mthetho yelo phondo phantsi komGaqo-siseko omtsha, abambe isikhundla
njengelungu okanye umbambi-sikhundla ngokomGaqo-siseko omtsha nangokwawo nawuphi na
umGaqo-siseko wephondo onokuthi wenziwe.
(2) Indlu yowiso-mthetho yephondo njengoko imiselwe ngokombandelana (1) kufuneka
ithatyathwe njengenyuliweyo phantsi komGaqo-siseko omtsha, inyulelwe ithuba eliphelelwa
ngomhla wama-30 ku-Epreli 1999.
(3) Ngethuba eqhuba ngalo ukusebenza, eliphelelwa ngomhla wama-30 ku-Epreli
nangokokulawulwa licandelo 108 (4), indlu yowiso-mthetho yephondo inenani lamalungu
ayeqingqelwe loo ndlu yowiso-mthetho phantsi komGaqo- siseko owandulela lo, kunye nenani
lamalungu eNdlu yeeNgwevu awaba ngamalungu endlu yowiso-mthetho leyo ngokombandela 8
wale Shedyuli.
(4) Imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho ebisebenza ukuqala ukusebenza
komGaqo-siseko omtsha, ihlala isebenza, kodwa isengatshintshwa okanye irhoxiswe.
Unyulo lwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
11. (1) Nangani urhoxisiwe umGaqo-siseko owandulela lo, iShedyuli 2 yaloo
mGaqo-siseko, etshintshiweyo sisiHlomelo A esikule Shedyuli, iyasebenza -
(a) kunyulo lokuqala lwendlu yowiso-mthetho yamaphondo phantsi komGaqo-siseko omtsha;
(b) ekuthini umntu alahlekelwe bubulungu bakhe bendlu yowiso-mthetho leyo kwiimeko
ezingezizo ezo kuthethwa ngazo kwicandelo 106 (3) lomGaqo-siseko omtsha;
(c) nasekuvalweni kwezithuba kwindlu yowiso-mthetho, naxa kufakelelwa, kuqwalaselwa
kwakhona kuze kusetyenziswe izintlu zamaqela ukuvala izithuba, kude kube lunyulo lwesibini
lwendlu yowiso-mthetho phantsi komGaqo-siseko omtsha.
(2) Icandelo 106 (4) lomGaqo-siseko omtsha liyanqunyanyiswa mayela nendlu
yowiso-mthetho yephondo ide ibe lunyulo lwesibini lwendlu yowiso-mthetho phantsi
komGaqo-siseko omtsha.
IziGqeba zamaPhondo ezinoLawulo oluPhezulu
12. (1) Nabani na owayeyiNkulumbuso okanye ilungu leBhunga sephondo esinoLawulo
oluPhezulu ukuqalisa komGaqo-siseko omtsha ukusebenza, uyaqhuba kweso sikhundla
ngokomGaqo-siseko omtsha nawo nawuphi na umGaqo-siseko wephondo onokuthi wenziwe,
kodwa ngokokulawulwa ngumbandelana (2).
(2) Ide ibe iNkulumbuso enyulwe emva konyulo lokuqala lwendlu yowiso-mthetho yephondo
phantsi komGaqo-siseko omtsha ingenile esikhundleni, okanye iphondo elo lenza umGaqo-siseko
walo ube ngumthetho, nokuba yeyiphi na eyenzeka kuqala, icandelo 129 nele-132 omGaqo-siseko
omtsha kufuneka athatyathwe njengafundeka ngokwendlela ekuthethwa ngayo kwisiHlomelo C
sale Shedyuli:
Imigaqo-siseko yamaphondo
13. UmGaqo-siseko wephondo opasiswe phambi kokusebenza kwalo mGaqo-siseko mtsha
kufuneka ungqinelane necandelo 143 lomGaqo-siseko omtsha.
Ukunikwa kwamaphondo ilungelo lokwenza imithetho
14. (1) Umthetho omalunga nomcimbi okwindawo yomsebenzi edweliswe kwiShedyuli
4 okanye 5, yomGaqo-siseko omtsha, owawulawulwa sisiphatha-mandla esikwisigqeba sesizwe
esinolawulo oluphezulu, ukuqalisa komGaqo-siseko omtsha ukusebenza, unganikezelwa
nguMongameli ngesihlokomiso, kwisiphatha-mandla esikwisigqeba sephondo esinolawulo
oluphezulu esityunjwe liBhunga elinoLawulo oluPhezulu lephondo elo.
(2) Ukuba kukho imfuneko yokuba unikezelo lomthetho phantsi kombandelana (1) lwenziwe
ngokukuko, uMongameli angathi, ngesihlokomiso -
(a) awuguqule okanye awulungelelanise umthetho lowo ukwenzela ukulawula ukuchazwa
okanye ukusetyenziwa kwawo;
(b) apho unikezelo olo lungasebenzi kuwo wonke umthetho othile, ayirhoxise abuye ayenze
ngokutsha loo mimiselo lusebenzayo kuyo olu nikezelo, okanye kangangokuba olu nikezelo
lusebenza kuyo loo mimiselo, ekwenza okanye engakwenzi nakuphi na ukutshintshwa okanye
ukulungelelaniswa okuxelwe kumhlathi (a); okanye
(c) alungelelanise nawuphi na omnye umcimbi oyimfuneko ngenxa yonikezelo olo,
kubandakanywa ukutshintshwa, okanye ukubolekaniswa kwabasebenzi, okanye ukugqithiselwa
kwezinto eziyinzuzo, kwamatyala, kwamalungelo nezimiselo, zisiwe okanye zimkiswe kwisigqeba
sesizwe esinolawulo oluphezulu okanye esephondo elithile; okanye kulo naliphi na isebe
likarhulumente, ulawulo, inkonzo yokhuselo, okanye elinye iziko.
(3) (a) Ikopi yesihlokomiso ngasinye esikhutshwe ngokombandelana (1) okanye (2)
kufuneka ithunyelwe kwiNdibano yesiZwe nakwiBhunga lesiZwe lamaPhondo ngeentsuku ezili-10
sipapashiwe isihlokomiso.
(b) Ukuba iNdibano yesiZwe kanti neBhunga lesiZwe zithe, ngesigqibo, azasivuma
isihlokomiso okanye nawuphi na ummiselo waso, isihlokomiso eso okanye ummiselo lowo
uyaphelelwa, kodwa ezi zinto zilandelayo zingachaphazeleki -
(i) ukusebenza kwayo nayiphi na into eyenziwe ngokwesihlokomiso eso okanye
ngokommiselo waso lowo phambi kokuphelelwa; okanye
(ii) ilungelo okanye inyhweba ethe yafumaneka okanye isimiselo okanye ubutyala ekungenwe
kubo phambi kokuba siphelelwe/uphelelwe.
(4) Wakuba umthetho unikezelwa phantsi kombandelana (1), nakuphi na ukukhankwanywa,
emthethweni lowo, kwesiphatha-mandla esiwusebenzisayo, kufuneka kuthatyathwe
njengokubhekisa kwisiphatha-mandla esinikezelwe wona.
(5) Nakuphi na ukunikezelwa komthetho phantsi kwecandelo 235(8) lomGaqo-siseko
owandulela lo, kubandakanywa nakuphi na ukutshintshwa, ukulungelelaniswa, okanye
ukurhoxiswa nokwenziwa ngokutsha kwawo nawuphi na umthetho kanjalo naliphi na inyathelo
elithatyathwe phantsi kwelo candelo, lithatyathwa ngokuba lenziwe phantsi kwalo mbandela.
Umthetho okhoyo ongaphandle kwegunya lowiso-mthetho lePalamente
15. (1) Isiphatha-mandla esikwisigqeba sesizwe esinolawulo oluphezulu esithi xa
umGaqo-siseko omtsha uqala ukusebenza, sibe sisebenzisa nawuphi na umthetho owela
ngaphandle kwegunya lowiso-mthetho lePalamente, sihlala sigunyazisiwe ukuwusebenzisa loo
mthetho ude ube unikezelwe kwigunya elikwisigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu
ngokombandela 14 wale Shedyuli.
(2) Umbandelana (1) uyaphelelwa emva kweminyaka emibini emva kokuba umGaqo-siseko
omtsha uqalisile ukusebenza.
Iinkundla
16. (1) Yonke inkundla yomthetho ekhoyo ukuqala ukusebenza komGaqo-siseko omtsha,
kubandakanywa iinkundla zeenkokeli zemveli, iyaqhuba ukusebenza nokusebenzisa amagunya ayo
ngokomthetho osebenza kuyo, naye nabani na obambe isikhundla njengegosa lezeejaji uyaqhuba
ukubamba isikhundla ngokomthetho osebenza kweso sikhundla, kulawula -
(a) naluphi na utshintsho okanye urhoxiso lwaloo mthetho;
(b) nokungqinelana nomGaqo-siseko omtsha.
(2) (a) INkundla yomGaqo-siseko eyasekwa ngumGaqo-siseko owandulela lo iba
yiNkundla yomGaqo-siseko phantsi kwalo mGaqo-siseko omtsha.
(b) Nabani na obambe isikhundla njengoMongameli, uSekela-Mongameli okanye iJaji
yeNkundla yomGaqo-siseko ukuqalisa ukusebenza komGaqo-siseko omtsha, uba nguMongameli,
uSekela-Mongameli okanye ijaji yeNkundla yomGaqo-siseko phantsi komGaqo-siseko omtsha,
aqhube ukubamba isikhundla kuloo nxenye ingekapheli yethuba labo lokubamba isikhundla
eliqingqwe licandelo 176 (1) lomGaqo-siseko omtsha.
(3) (a) ICandelo leziBheno leNkundla ePhakamileyo yomZantsi Afrika liba yiNkundla
ePhakamileyo yeziBheno phantsi komGaqo-siseko omtsha.
(b) Nabani na obambe isikhundla njengeJaji eyiNtloko, uSekela-Jaji eyiNtloko okanye ijaji
yeCandelo leziBheno ukuqalisa kokusebenza komGaqo-siseko omtsha, uba yiJaji eyiNtloko,
uSekela-Jaji eyiNtloko okanye ijaji yeNkundla ePhakamileyo yeziBheno phantsi komGaqo-siseko
omtsha.
(4) (a) Icandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla ePhakamileyo yomZantsi Afrika
okanye inkundla ephakamileyo yephandle okanye icandelo ngokubanzi laloo nkundla, liba
yiNkundla ePhezulu phantsi komGaqo-siseko omtsha kungabikho nakuphi na ukuguqulwa
kwindawo yayo yokusebenza, ngokokulawulwa kuko nakuphi na ukuhlenga-hlengisa
okuthelekelelwa kumbandelana (6).
(b) Nabani na obambe isikhundla okanye othatyathwa njengobambe isikhundla
njengoMongameli-Jaji, uSekela-Mongameli-Jaji okanye ijaji yenkundla exelwa kumhlathi (a),
ukuqalisa kokusebenza komGaqo-siseko omtsha, uba nguMongameli-Jaji,
uSekela-Mongameli-Jaji okanye ijaji yaloo nkundla phantsi komGaqo-siseko omtsha,
ngokokulawulwa lulo naluphi na uhlenga-hlengiso oluthelekelelwe kumbandelana (6).
(5) Ngaphandle kokuba kukho ukungangqinelani nomxholo okanye ukungafaneleki
okucacileyo, ukuthi, kuwo nawuphi na umthetho okanye inkqubeko, kukhankanywe -
(a) iNkundla yomGaqo-siseko phantsi komGaqo-siseko owandulela lo, kufuneka
kuthatyathwe njengokubhekisa kwiNkundla yomGaqo-siseko phantsi komGaqo-siseko omtsha;
(b) iCandelo leziBheno leNkundla ePhakamileyo yomZantsi Afrika, kufuneka kuthatyathwe
njengokubhekisa kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno;
(c) necandelo lephondo okanye leengingqi leNkundla ePhakamileyo yomZantsi Afrika okanye
inkundla ephakamileyo yephandle okanye icandelo ngokubanzi laloo nkundla, kufuneka
kuthatyathwe njengokubhekisa kwiNKundla ePhakamileyo.
(6) (a) Ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva kokuba umGaqo-siseko
omtsha uqalisile ukusebenza, zonke iinkundla, kubandakanywa ukwakheka, amalungu azo,
ukusebenza nolawulo lwazo, kunye nayo yonke imithetho enxulumene nazo, kufuneka
zihlenga-hlengiswe ngeenjongo zokuseka inkqubo yezeejaji efanele iimfuno zomGaqo-siseko
omtsha.
(b) Ilungu leKhabinethi elijongene nolawulo lobulungisa, lisebenza emva kokubonisana
neKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, kufuneka lisingathe olo hlenga-hlengiso luthelekelelwa
kumhlathi (a).
Amatyala angekagqitywa aphambi kweenkundla
17. Onke amatyala awaye engekagqitywa phambi kwenkundla ukuqalisa komGaqo-siseko
omtsha ukusebenza, kufuneka agqitywe njengokungathi umGaqo-siseko omtsha awukhange
wenziwe umthetho, ngaphandle kokuba iimfuno zobulungisa zifuna kwenziwe ngandlela yimbi.
Igunya elitshutshisayo
18. (1) Icandelo 108 lomGaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza ude umThetho
wePalamente othelekelelwa kwicandelo 179 lomGaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza. Lo
mbandelana awukuchaphazeli ukutyunjwa komLawuli wesiZwe wezokuTshutshisa
ngokwecandelo 179.
(2) UMtshutshisi-Jikelele obambe isikhundla ukuqala komGaqo-siseko omtsha ukusebenza,
uyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenzayo kweso sikhundla, ngokokulawulwa
ngumbandelana (1).
Izifungo nezingqiniso
19. Umntu oqhubayo ukuba sesikhundleni ngokweShedyuli le nothe wathabatha isifungo
sesikhundla eso okanye wenza isingqiniso esinyanisekileyo phantsi komGaqo-siseko owandulela
lo, akanyanzelekanga ukuba aphinde asithabathe isifungo sesikhundla okanye isingqiniso
esinyanisekileyo phantsi komGaqo-siseko omtsha.
Amanye amaziko ezomGaqo-siseko
20. (1) Kweli candelo ukuthi "iziko lezomGaqo-siseko" kuthetha -
(a) umKhuseli woLuntu;
(b) iKhomishini yamaLungelo oluNtu;
(c) iKhomishini yoLingano ngokwesiNi;
(d) umPhicothi-zincwadi Jikelele;
(e) iBhanki enguVimba yomZantsi Afrika;
(f) iKhomishini yezeMali nezeRhafu;
(g) iKhomishini yeNkonzo yezeeJaji; okanye
(h) iBhodi yeeLwimi zoNke zomZantsi Afrika (Pan South African Language Board).
(2) Iziko lezomGaqo-siseko elisekwe ngokomGaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba
ukusebenza ngokomthetho osebenza kulo, kwaye nawuphi na umntu obambe isikhundla
njengelungu lekhomishini, ilungu lebhodi yeBhanki enguVimba okanye iBhodi yeeLwimi zoNke
zasemZantsi Afrika, umKhuseli woLuntu okanye umPhicothi-ziNcwadi-Jikelele ukuqalisa
komGaqo-siseko omtsha ukusebenza, uyaqhuba ebambe isikhundla eso ngokomthetho osebenza
kweso sikhundla, ngokokulawulwa -
(a) kuko nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa kwaloo mthetho; kunye
(b) nokuhambelana nomGaqo-siseko omtsha.
(3) Amacandelo 199( 1), 200 (1), (3) nelesi-(5) ukuya kwele-(11) nelama-201 ukuya
kwelama-206 omGaqo-siseko owandulela lo ayaqhuba esebenza ade arhoxiswe ngumThetho
wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75, lomGaqo-siseko omtsha.
(4) Amalungu eKhomishini yeeNkonzo zobuLungisa ekhankanywe kwicandelo 105 (1) (h)
lomGaqo-siseko owandulela lo ayayeka ukuba ngamalungu eKhomishini akuthi amalungu
akhankanywe kwicandelo 178 (1) (i) lomGaqo-siseko omtsha etyunjiwe.
(5) (a) IBhunga leVolkstaat elasekwa ngokomGaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba
ukusebenza ngokomthetho osebenza kulo, kwaye nabani na obambe isikhundla njengelungu
leBhunga ukuqala ukusebenza komGaqo-siseko omtsha, uyaqhuba ukubamba eso sikhundla
ngokomthetho osebenza kweso sikhundla, ngoko ngokokulawulwa -
(i) kuko nakuphi na ukutshintshwa okanye ukurhoxiswa kwaloo mthetho;
(ii) nakukungqinelana nomGaqo-siseko omtsha.
(b) Icandelo 184 A nele-184 (B) (1) (a), (b) no (d) omGaqo-siseko owandulela lo ayaqhuba
esebenza ade arhoxiswe ngumThetho wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75 lomGaqo-siseko
omtsha.
Ukwenziwa komthetho ofunwa ngumGaqo-siseko omtsha
21. (1) Apho umGaqo-siseko omtsha ufuna ukwenziwa komthetho wesizwe okanye
wephondo, loo mthetho kufuneka wenziwe ligunya elifanele ukuwenza ngexesha elililo wakuba
umGaqo-siseko omtsha uqalile ukusebenza.
(2) Icandelo 198 (b) lomGaqo-siseko omtsha alinakusetyenziswa ude umthetho ekuthethwa
ngawo kwelo candelo ube wenziwe.
(3) Icandelo 199 (3) (a) lomGaqo-siseko omtsha alinakusetyenziswa phambi kokuba kuphele
iinyanga ezintathu emva kokuba umthetho ekuthethwa ngawo kwelo candelo ube wenziwe.
(4) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kwicandelo 217 (3) lomGaqo-siseko omtsha
kufuneka wenziwe ngethuba leminyaka emithathu ukususela kumhla owaqala ngawo ukusebenza
umGaqo-siseko omtsha, kodwa ukungabi kho kwalo mthetho ngeli thuba akukuthinteli
ukusebenziseka kwenkqubo-sikhokelo ekuthethwa ngayo kwicandelo 217 (2).
(5) De ube wenziwe umThetho wePalamente ekubhekiswa kuwo kwicandelo 65 (2) lalo
mGaqo-siseko mtsha, indlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye ingazigqibela ngomGaqo-nkqubo
wokunika igunya kwiqela labathunywa balo ukuze bavote egameni lephondo elo kwiBhunga
lesiZwe lamaPhondo.
(6) Ude ube wenziwe umthetho ekuthethwa ngawo kwicandelo 229 (1) (b) lalo mGaqo-siseko
mtsha, umasipala usenakho ukumisela irhafu, intlawuliso okanye intlawulelo-zinto awayenikwe
igunya lokuzimisela ukuqalisa kokusebenza komGaqo-siseko lo.
Umanyano lwesizwe noxolelwaniso
22. Nangona ikho eminye imimiselo yomGaqo-siseko omtsha, futhi nangona urhoxisiwe
umGaqo-siseko owandulela lo, yonke imimiselo ephathelele kuxolelo equlethwe kumGaqo-siseko
owandulela lo phantsi kwesihloko esithi, "UManyano lwesiZwe noXolelwaniso ithatyathwa
njengenxalenye yalo mGaqo-siseko mtsha ngeenjongo zomThetho wokuKhuthazwa koManyano
lwesiZwe noXolelwaniso, 1995 (umThetho 34 ka-1995), njengoko utshintshiweyo,
kubandakanywa neenjongo zokuthi ube ngumthetho osebenzayo.
IBhili yamaLungelo
23. (1) Umthetho wesizwe ekuthethwa ngawo kumacandelo 9(4), 32(2) nelama-33(3)
omGaqo-siseko omtsha kufuneka wenziwe ngethuba leminyaka emithathu ukususela kumhla
owathi umGaqo-siseko omtsha waqalisa ngawo ukusebenza.
(2) Ude ube umthetho ekuthethwe ngawo kwicandelo 32(2) nelama-33(3) lomGaqo-siseko
omtsha wenziwe -
(a) icandelo 32(1) kufuneka lithatyathwe njengelifundeka ngolu hlobo:
"Wonke ubani unelungelo lokufikelela kulo lonke ulwazi olusezandleni zikarhulumente
okanye nawaphi na amaziko akhe kuso nasiphi na isigaba sikarhulumente xa olo lwazi lufunelwa
ukusetyenziswa okanye ukukhuselwa kwawo nawaphi na amalungelo akhe."; kanjalo
(b) icandelo 33(1) nele-(2) kufuneka athatyathwe njengokuba afundeka ngolu hlobo:
"Wonke umntu unelungelo -
(a) Kwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elisemthethweni xa kukho nawaphi na
amalungelo akhe okanye izinto ezikukulungelwa kwakhe ezichukunyisiweyo okanye ezisengozini;
(b) kwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elingenasheyi ngokomgaqo-nkqubo, xa kukho
nawaphi na amalungelo akhe okanye nayiphi na into ayilindele ngokufanelekileyo echatshazelweyo
okanye esengozini;
(c) lokufumana izizathu ezibhaliweyo ngenyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elichaphazela
nawaphi na amalungelo akhe okanye ukulungelwa kwakhe, ngaphandle kokuba izizathu zelo
nyathelo ziye zaxelwa ngokuphandle;
(d) nakwinyathelo elithathiweyo ngabalawulayo elifanelekileyo ngokuphathelele kwizizathu
ezinikiweyo zokuthathwa kwalo xa kukho nawaphi na kumalungelo akhe achatshazelweyo okanye
asengozini."
(3) Icandelo 32(2) nelama-33(3) omGaqo-siseko omtsha ayaphelelwa ukuba umthetho
ekuthethwa ngawo kuloo macandelo, ngokulandelana, awenziwanga ngethuba leminyaka
emithathu ukususela ngomhla othe umGaqo-siseko waqalisa ngawo ukusebenza.
Ulawulo lwabasebenzi bakwarhulumente neenkonzo zokhuseleko
24. (1) Amacandelo 82 (4)(b), 215, 218 (1), 219 (1), 224 ukuya kuma-nelama 228, 236
(1), (2), (3)(b), (7) (b) no (8), 237 (1) no (2) (a), nelesi-239 (4) no (5) omGaqo-siseko
owandulela lo ayaqhuba ukusebenza ngokungathi umGaqo-siseko owandulela lo
awurhoxiswanga, ngokokulawulwa -
(a) kukwenzeka kotshintsho kuloo macandelo acaciswe
kwisiHlomelo D;
(b) kukwenzeka kwalo naluphi na olunye utshintsho okanye nakuphi na ukurhoxiswa kwaloo
macandelo ngumThetho wePalamente opasiswe ngokwemigaqo yecandelo lama-75
lomGaqo-siseko omtsha; kunye
(c) nokungqinelana nomGaqo-siseko omtsha.
(2) IKhomishini yeNkonzo yabaSebenzi bakaRhulumente kunye neekhomishini zeenkonzo
zamaphondo ekuthethwa ngazo kwiSahluko 13 somGaqo-siseko owandulela lo ziyaqhuba
ukusebenza ngokweso Sahluko kunye nomthetho osebenza kuso ngokungathi eso Sahluko zange
sirhoxiswe, ide iKhomishini kunye neekhomishini zeenkonzo zamaphondo zichithwe ngumThetho
wePalamente opasiswe ngokwecandelo 75 lomGaqo-siseko omtsha.
(3) Ukurhoxiswa komGaqo-siseko owandulela lo akusichaphazeli nasiphi na isihlokomiso
esikhutshwe phantsi kwecandelo 237 (3) lomGaqo-siseko owandulela lo, kwaye nasiphi na
isihlokomiso esinjalo siyaqhuba ukusebenza, ngokokulawulwa -
(a) kuko nakuphi na ukutshitshiswa okanye ukurhoxiswa;
(b) nakukungqinelana nomGaqo-siseko omtsha.
Okunye ukungazifaneli izindlu zowiso-mthetho
25. (1) Nabani na owathi xa umGaqo-siseko omtsha uqalisa ukusebenza wabe ebhantinta,
egwetywe apha kwiRiphabliki isigwebo sokuvalelwa ithuba elingaphezu kweenyanga ezili-12
kungekho fayini, akakulungelanga ukuba lilungu leNdibano yesiZwe okanye lendlu
yowiso-mthetho yephondo.
(2) Ukungafaneleki komntu ngokombandelana (1) -
(a) kuyaphelelwa ukuba ubutyala bakhe buthe bacinywa ngesibheno, okanye isigwebo
sincitshisiwe ngesibheno saba sisigwebo esingamenzi angafaneleki loo mntu; kanjalo
(b) kuyaphela emva kweminyaka emihlanu emva kokuba isigwebo sigqityiwe.
URhulumente weeNgingqi
26. (1) Nakuba ikho imimiselo yamacandelo 151, 155, 156 kunye nowe-157
yomGaqo-siseko omtsha -
(a) imimiselo yomThetho weNguqu kaRhulumente weeNgingqi, 1993 (umThetho 209
ka1993), enokutshintshwa kumaxesha ngamaxesha ngumthetho wesizwe ngokungqinelana nalo
mGaqo-siseko mtsha, iya kuhlala isebenza kude kube ngumhla wama- 30 ku-Epreli 1999 okanye
ide irhoxiswe, kwenzeke leyo ifike kuqala;
(b) inkokeli yemveli yabantu abagcine inkqubo yomthetho wesintu, behlala kumhlaba
okwindawo yebhunga leengingqi elilelenguqu, kwindawo yebhunga lenguqu lasemaphandleni
okanye okwindawo yebhunga lenguqu elimel' abantu, mabhunga lawo axeliweyo kumThetho
weNguqu yoRhulumente weeNgingqi, 1993, ibe le nkokeli ingqinelekile ngokwendlela ecaciswe
kwicandelo 182 lomGaqo-siseko owandulela lo, loo nkokeli inelungelo lokuba lilungu
elingenasikhundla lelo bhunga de kube ngowama-30 Epreli 1999 okanye kude kube kho
umThetho wePalamente onika mmiselo wumbi.
(2) Icandelo lama-245 (4) lomGaqo-siseko owandulela lo liyaqhuba ukusebenza kude
ukusetyenziswa kwalo eli candelo kuphelelwe. Icandelo 16 (5) nele (6) lomThetho weNguqu
yoRhulumente weeNgingqi, 1993, alinakurhoxiswa phambi komhla wama-30 ku-Epreli 1999.
Ukugcinwa ngokukhuselekileyo kwemiThetho yePalamente neyamaPhondo.
27. Icandelo 82 nele-124 omGaqo-siseko omtsha awakuchaphazeli ukugcinwa khuselekileyo
kwemiThetho yePalamente okanye imiThetho yamaphondo epasiswe phambi kokuba
umGaqo-siseko omtsha uqalise ukusebenza.
UBhaliso lwepropati engenakususwa eyekaRhulumente.
28. (1) Xa lithe igunya elithile elinelungelo laveza isetifikethi esibonisa ukuba ipropati
ethile engenakususwa eyekaRhulumente iphantsi kolawulo lwesigaba esithile sikarhulumente
ngokwecandelo lama - 239 lomGaqo-siseko owandulela lo, kufuneka umbhalisi
weziqinisekiso-bunini asibhale eso setifikethi okanye isiqinisekiso kwirejista okanye
kwisiqinisekiso-mhlaba okanye kolunye uxwebhu, ngokwenjenjalo abe ubhalisa loo propati
ingenakususwa egameni laloo rhulumente.
(2) Akukho ntlawulelo-zinto, namali okanye nakuphi na ukuhlawuliswa okubizwayo malunga
nokubhaliswa ngokwecandelwana (1).
ISIHLOMELO A
Utshintsho lweShedyuli 2
yomGaqo-siseko owandulela lo
1. Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 1:
"1. Amaqela abhaliswe ngokomthetho wesizwe angenele ugqatso lonyulo lweNdibano
yesiZwe, aya kuphakamisa amagama abavotelwa bolo nyulo kwizintlu zabavotelwa ezilungisiweyo
ngokungqinelana nale Shedyuli kunye nomthetho wesizwe."
2. Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 2:
"2. Izihlalo kwiNdibano yesiZwe njengoko ziqingqwe ngokwecandelo 46 lomGaqo-siseko
omtsha, ziya kuzaliswa ngale ndlela ilandelayo:
(a) Isiqingatha sezihlalo siya kuzaliswa ngokwezintlu zemimandla ezingeniswe ngamaqela azo,
kukho inani eliqingqiweyo lezihlalo ezibekelwe ummandla ngamnye njengoko kumiselweyo
yiKhomishini yonyulo olulandelayo lweNdibano, kuthathelwe ingqalelo iinkcukacha ezisekelwe
kwezobunzululwazi ezikhoyo ngokumayela nabavoti, kunye nokumelwa ngamaqela anomdla.
(b) Esinye isiqingatha sezihlalo siya kuzaliswa ngokwezintlu ezikwisigaba sesizwe ezingeniswe
ngamaqela azo, okanye kwizintlu zemimandla apho izintlu ezikwisigaba sesizwe zingazange
zingeniswe."
3. Ukufakwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 3:
"3. Izintlu zabavotelwa ezingeniswe liqela ziya kuthi xa zizonke ziqulathe amagama angekho
ngaphezulu kwenani labavotelwa elilingana nenani lezihlalo kwiNdibano yesiZwe, kwaye uluhlu
ngalunye kuzo luya kubonisa loo magama ngaloo ndlela iqingqekileyo yokulandelelana ikhethwe
liqela elo."
4. Ukutshintshwa kombandela 5 ngokufakela la magama alandelayo endaweni yamagama
andulela umhlathi (a):
"5. Izihlalo ezikhankanywe kumbandela 2 (a) ziya kuthi kummandla ngamnye zabelwe
amaqela akhuphisana kunyulo, ngolu hlobo lulandelayo:".
5. Ukutshintshwa kombandela 6 -
(a) ngokufakela la magama alandelayo endaweni yamagama andulela umhlathi (a):
"6. Izihlalo ezikhankanywe kumbandela 2 (b) ziya kwabelwa amaqela akhuphisana kunyulo
ngolu hlobo lulandelayo:";
(b) nangokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi (a):
"(a) Isabelo seevoti kwisihlalo ngasinye siya kuqingqwa ngokwahlula inani leevoti zizonke
ezifakiweyo kwisigaba sesizwe ngenani lezihlalo ezikwiNdibano yesiZwe, kudityaniswe nomvo,
ukuze isiphumo esidityaniswe nomvo, elahliwe amaqhezu, sibe sisabelo seevoti sesihlalo
ngasinye."
6. Ukutshintshwa kombandela 7(3) ngokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi
(b):
"(b) Isabelo esihlonyelweyo seevoti zesihlalo ngasinye siya kuqingqwa ngokwahlula inani lilonke
leevoti ezifakiweyo kwisigaba sesizwe, selisusiwe inani leevoti ezifakwe kwisigaba sesizwe,
zizezaloo pati ikhankanyiweyo kumhlathi (a), ngenani lezihlalo ezikwiNdibano, kudityaniswe
nomvo, kususwe inani lezihlalo ezabelwe, ekugqibeleni, iqela elixeliweyo ngokomhlathi (a)."
7. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 10:
"10. Inani lezihlalo kwindlu yowiso-mthetho yephondo ngalinye liya kuba njengoko kumiselwe
ngokwecandelo 105 lomGaqo-siseko omtsha."
8. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 11:
"11. Iipati ezibhalisiweyo ngokomthetho wesizwe, zingenele unyulo lwendlu yowiso-mthetho
yephondo, ziya kuphakamisa amagama abavotelwa ziwase kuloo ndlu yowiso-mthetho yephondo
kwizintlu zephondo ezilungiswe ngokungqinelana nale Shedyuli kunye nomthetho wesizwe."
9. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 16:
"Ukutyunjwa kwabathunywa
16. (1) Emva kokuba ukubalwa kweevoti kugqityiwe, inani labathunywa bepati nganye
liqondiwe, nesiphumo sonyulo sibhengeziwe ngokwecandelo 190 lomGaqo-siseko omtsha,
iKhomishini iya kuthi, kwiintsuku ezimbini emva kweso sibhengezo, ityumbe kuluhlu ngalunye
lwabavotelwa, olupapashiweyo ngokomthetho wesizwe, abathunywa beqela ngalinye kwindlu
yowiso-mthetho.
(2) Emva kokutyunjwa ngokombandelana (1), ukuba igama lomvotelwa livela kwizintlu
ezimbini nangaphezulu zeNdibano yesiZwe okanye kuluhlu lweNdibano yesiZwe nakolwendlu
yowiso-mthetho yephondo (ukuba unyulo lweNdibano nolwendlu yowiso-mthetho yephondo
lubanjwe ngexesha elinye) abe lo mvotelwa eza kutyunjwa njengomthunywa kwiindawo ezimbini
nangaphezulu, le pati yayingenise ezo zintlu iya kuthi, ngethuba leentsuku ezimbini emva kweso
sibhengezo, ixele kwiKhomishini ukuba loo mvotelwa uya kutyunjwa koluphi uluhlu okanye loo
mvotelwa uya kusebenza kweyiphi indlu yowiso-mthetho, ngokwemeko leyo, lize ke igama laloo
mvotelwa lisuswe kwezinye izintlu.
(3) IKhomishini iya kuthi ngoko nangoko ilupapashe uluhlu lwamagama abathunywa kwindlu
yowiso-mthetho okanye kwizindlu zowiso-mthetho."
10. Ukutshintshwa kombandela 18 ngokufakela lo mhlathi ulandelayo endaweni yomhlathi (b):
"(b) umthunywa utyunjwa njengomthunywa osisigxina kwiBhunga lesiZwe lamaPhondo;".
11. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 19:
"19. Izintlu zabavotelwa zepati ezikhankanywe kumbandela 16 (1) zingahlonyelelwa kube
kanye kuphela nangaliphi na ixesha ngethuba leenyanga ezili-12 zokuqala emva komhla
okugqitywe ngawo ukutyunjwa kwabathunywa ngokombandela 16, kuhlonyelelwe ukuze kuvalwe
izithuba: Phantsi komqathango othi oko kuhlonyelwa kuya kwenziwa ekupheleni koluhlu."
12. Ukufakelwa kwalo mbandela ulandelayo endaweni yombandela 23 :
"Izithuba
"23. (1) Xa kukho isithuba kwindlu yowiso-mthetho apho le Shedyuli isebenza khona, ipati
eyaye ilikhethile elo lungu liphumayo iya kusivala isithuba eso ngokukhetha umntu -
(a) ogama lakhe livelayo kuluhlu lwabavotelwa elalikhethwe kulo ilungu eliphumayo; kanjalo
(b) inguye olandelayo kwabafanele ukukhethwa, kuluhlu olo, evuma nokuvuma.
(2) Igama elikhethiweyo ukuvala isithuba liya kuthunyelwa kuSomlomo weNdlu
ngokubhaliweyo.
(3) Ukuba ipati emelweyo kwindlu yowiso-mthetho iyachithakala okanye iyayeka ukuba kho
aze amalungu amele yona azishiye izikhundla zawo ngombandela 23 A (1), izihlalo abekuzo ziya
kulungelelaniswa apho kufunekayo, zize zabelwe amaqela aseleyo njengokungathi ezo zihlalo
zizihlalo ezinikezelweyo ngokombandela 7 okanye 14, ngokwemeko leyo."
13. Ukuhlonyelwa kwalo mbandela ulandelayo emva kombandela 23:
"Ezinye izizathu zokulahlekelwa bubulungu bezindlu zowiso-mthetho
23 A. (1) Umntu uyalahlekelwa bubulungu bendlu yowiso-mthetho ekusebenza kuyo le
Shedyuli ukuba loo mntu uyayeka ukuba lilungu lepati eyayimkhethile njengelungu lendlu
yowiso-mthetho.
(2) Nangona ukho umbandelana (1) naliphi na iqela lezopolitiko elikhoyo lingathi nangaliphi
na ixesha lilitshintshe igama lalo.
(3) UmThetho wePalamente ungathi, ngethuba elifanelekileyo, emva kokuqalisa ukusebenza
komGaqo-siseko omtsha, upasiswe ngokungqinelana necandelo 76 (1) lomGaqo-siseko omtsha
ukuze kutshintshwe lo mbandela kwanombandela 23 ukuze kumiswe indlela ekunokwenzeka
ngayo ukuba ilungu lendlu yowiso-mthetho elithi liyeke ukuba lilungu lepati eyaye ilityumbile
lingalahlekelwa bubulungu baloo ndlu yowiso-mthetho.
(4) UmThetho wePalamente ekuthethwa ngawo kumbandelana (3) ungamisa nendlela yokuba
-
(a) nayiphi na ipati ekhoyo idibane nenye ipati; okanye ukuba
(b) nayiphi na ipati izahlula-hlule ibe ziipati ezimbini nangaphezulu."
14. Ukuguzulwa kombandela 24.
15. Ukutshintshwa kombandela 25 -
(a) ngokufakelwa endaweni yochazo lwegama "iKhomishini" olu chazo-magama lulandelayo:
"iKhomishini' ithetha iKhomishini yoNyulo ekuthethwa ngayo kwicandelo 190
lomGaqo-siseko omtsha;";
(b) nangokufakela olu chazo-magama lulandelayo emva kochazo luka-"uluhlu lwesizwe":
"umGaqo-siseko omtsha' uthetha umGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1996;".
16. Ukuguzulwa kombandela 26.
ISIHLOMELO B
URhulumente woManyano lwesiZwe:
IsiGaba sesiZwe
1. Icandelo 84 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe kwaneli candelwana
lilelinye lilandelayo:
"(3) UMongameli kufuneka abonisane nooSekela-Mongameli abaLawulayo -
(a) ekuphuhlisweni nasekusetyenzisweni kweenkqubo-sikhokelo zorhulumente wesizwe;
(b) kuyo yonke imibandela emayela nokuphathwa kweKhabhinethi nokwenziwa kwemicimbi
yeKhabhinethi;
(c) ekwabeleni ooSekela-Mongameli abaLawulayo imisebenzi;
(d) phambi kokwenza naluphi na utyumbo phantsi komGaqo-siseko okanye kwawo nawuphi
na umthetho, kubandakanywa ukutyunjwa koonozakuzaku okanye abanye abameli bozakuzo;
(e) phambi kokutyumba iikhomishini zophando;
(f) phambi kokubiza uvavanyo-zimvo;
(g) naphambi kokuxolela okanye ukunqumamisa isigwebo sabo nabaphi na abaphuli-mthetho."
2. Icandelo 89 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe neli candelwana lilelinye
lilandelayo:
"(3) Icandelwana (1) nelesi-(2) asebenza nakuSekela-Mongameli oLawulayo."
3. Umhlathi (a) wecandelo 90 (1) lomGaqo-siseko omtsha uthatyathwa njengofundeka ngolu
hlobo lulandelayo:
"(a) uSekela-Mongameli oLawulayo otyunjwe nguMongameli;"
4. Icandelo 91 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo
lulandelayo:
"IKhabinethi
91. (1) IKhabhinethi inala malungu: uMongameli, ooSekela-Mongameli abanoLawulo
kunye -
(a) nabaPhathiswa abangekho ngaphezulu kwama-27 abangamalungu eNdibano yesiZwe,
abatyunjwe ngokwecandelwana (8) ukuya kwele-(12);
(b) kwanaye abe mnye kuphela umPhathiswa ongelolungu leNdibano yesiZwe, otyunjwe
ngokwecandelwana (13), ukuba ngaba uMongameli, esebenza ngokubonisana
nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela anenxaxheba, ukubona
ukutyunjwa kwaloo mPhathiswa kuluncedo.
(2) Ipati nganye enezihlalo ezingama-80 ubuncinane kwiNdibano yesiZwe inelungelo
lokutyumba uSekela-Mongameli oLawulayo phakathi kwamalungu eNdibano.
(3) Ukuba akukho pati inazo, okanye inye kuphela ipati enazo izihlalo ezingama-80
nangaphezulu kwiNdibano, ipati enelona nani likhulu lezihlalo nepati yesibini ukuba nelona nani
likhulu lezihlalo, iyileyo inelungelo lokutyumba uSekela-Mongameli oLawulayo abe mnye
phakathi kwamalungu eNdibano.
(4) Esakuba etyunjiwe, uSekela-Mongameli oLawulayo lowo angakhetha ukuhlala elilungu
leNdibano okanye ayeke ukuba lilo.
(5) USekela-Mongameli oLawulayo angawasebenzisa loo magunya kwaye kufuneka enze
naloo misebenzi, amiselwe/imiselwe ngumGaqo-siseko kwisikhundla sikaSekela-Mongameli
oLawulayo nalawo magunya, naleyo misebenzi yabelwe eso sikhundla nguMongameli.
(6) USekela Mongameli oLawulayo usibamba isikhundla -
(a) kude kube ngumhla wama-30 ku-Epreli 1999 ngaphandle kokuba kungene umntu
endaweni yakhe okanye ubiziwe yipati enelungelo lokutyumba ngokwecandelwana (2) nelesi-(3);
okanye
(b) ade umntu onyulelwe ukuba nguMongameli emva kwalo naluphi na unyulo lweNdibano
yesiZwe olubanjwe phambi kowama-30 ku-Epreli 1999, angene esikhundleni.
(7) Isithuba kwisikhundla sikaSekela-Mongameli oLawulayo singavalwa yipati ebityumbe loo
Sekela-Mongameli.
(8) Ipati enezihlalo ezingama-20 ubuncinane kwiNdibano yesiZwe, negqibe ekubeni ithabathe
inxaxheba kurhulumente womanyano lwesizwe, inelungelo lokwabelwa isikhundla seKhabinethi
sibe sinye okanye zibe ngaphezulu ekuthi abaPhathiswa ekuthethwa ngabo kwicandelwana (1) (a)
batyunjelwe zona, ngokobungaphi bezihlalo enazo kwiNdibano yesiZwe, nangokungqinelana
nenani lezihlalo ezinazo ezinye iipati ezithabatha inxaxheba.
(9) Izikhundla zeKhabinethi kufuneka zabelwe amaqela athabatha inxaxheba ngokokwale
ndlela imiselweyo ilandelayo:
(a) Isabelo sezihlalo kwisikhundla ngasinye kufuneka siqingqwe ngokwahlula-hlula inani
lilonke lezihlalo ezikwiNdibano yesiZwe zamaqela onke athabatha inxaxheba sezidibene, ngenani
lezikhundla abaza kutyunjelwa zona abaPhathiswa ekuthethwa ngabo kwicandelwana (1) (a),
kudityaniswe umvo.
(b) Isiphumo, xa sekulahlwe idesimali yesithathu nezilandelayo, ukuba zikho, siso ke
esisisabelo sezihlalo zesikhundla ngasinye.
(c) Inani lezikhundla ezabelwa ipati ethabatha inxaxheba liqingqwa ngokwahlula-hlula inani
lilonke lezihlalo zaloo pati kwiNdibano yesiZwe ngesabelo ekuthethwa ngaso kuso kumhlathi (b).
(d) Ngokokulawulwa ngumhlathi (e), isiphumo sinika inani lezikhundla emazabelwe elo qela.
(e) Apho ukusetyenziswa kwale ndlela ingasentla kukhupha inani elithe chatha, eligqithayo
kwinani lezihlalo ezabelwe ipati, elo nani lithe chatha likhuphisana namanye amanani athe chatha
avelele enye ipati okanye ezinye iipati, ukuze isikhundla okanye izikhundla ezingenamntu zabelwe
ipati enochatha, okanye iipati ezinoochatha, ngokokulandelelana, kuqalwe ngeyona inochatha
omkhulu.
(10) UMongameli, emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli
zamaqela athabatha inxaxheba, kufuneka -
(a) aqingqe ukuba zeziphi na kanye izikhundla emazabelwe loo maqela athabatha inxaxheba
ngokungqinelana nenani lezikhundla ezabelwe lona ngokwecandelwana (9);
(b) athi kwisikhundla ngasinye kwezi atyumbele ilungu leNdibano yesiZwe elililungu laloo pati
sabelwe yona isikhundla eso, phantsi komhlathi (a) libe ngumPhathiswa ojongene neso sikhundla;
(c) athi ukuba kukho imfuneko ngokweenjongo zomGaqo-siseko okanye ukuze urhulumente
asebenze kakuhle, atshintsha-tshintshe naluphi na uqingqo phantsi komhlathi (a), ngokokulawulwa
licandelwana (9);
(d) asuse esikhundleni nabani na obethe watyunjwa ngokomhlathi (b) -
(i) ukuba uMongameli uyacelwa ukuba ayenze le nto yinkokeli yepati alilungu layo loo
mPhathiswa uchaphazelekayo; okanye
(ii) ukuba ukwenjenjalo kuba yimfuneko ngokweenjongo zomGaqo-siseko okanye ukuze
urhulumente asebenze kakuhle; okanye
(e) athi xa kuyimfuneko, avale isithuba kwisikhundla somPhathiswa, ngokokulawulwa
ngumhlathi (b).
(11) Icandelwana (10) kufuneka lisetyenziswe ngendlela ebonakalisa ukubuqonda ubuntoni
borhulumente womanyano lwesizwe: ke uMongameli nabanye abaphetheyo abachaphazelekayo
kufuneka xa belisebenzisa eli candelwana bazame ukufikelela kwimvumelwano ngawo onke
amaxesha: Kxhomekeke ekuthini ukuba akukho mvumelwano malunga -
(a) nokusetyenziswa kwegunya elikhankanywe kumhlathi (a), (c) okanye (d) (ii) welo
candelwana, isigqibo sikaMongameli siya kuma;
(b) nokusetyenziswa kwegunya elikhankanywe kumhlathi (b), (d) (i) okanye (e) welo
candelwana, gunya elo lichaphazela umntu ongelolungu lepati kaMongameli, isigqibo senkokeli
yeqela alilungu lalo loo mntu siyema;
(c) nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b) okanye (e) welo candelwana,
gunya elo lichaphazela umntu olilungu lepati kaMongameli, isigqibo sikaMongameli siyema.
(12) Ukuba ukuqingqwa okuthile kolwabelo lwezikhundla kuyatshintsha-tshintshwa phantsi
kwecandelwana (10)(c), abaPhathiswa abachaphazelekayo kufuneka bazishiye izikhundla zabo,
kodwa bafanelekile ukuba, apho kunokwenzeka, bangaphinde batyunjelwe kwizikhundla
ezizezinye ezabelwe iipati zabo ngokuqingqwa oko kutshintsha-tshintshiweyo.
(13) UMongameli -
(a) ebonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha
inxaxheba, kufuneka -
(i) aqingqe isikhundla esithile somPhathiswa ekuthethwa ngaye kwicandelwana (1) (b) ukuba
oko kuyimfuneko emva kwesigqibo sikaMongameli esenziwe phantsi kwelo candelwana;
(ii) atyumbele kweso sikhundla umntu ongelolungu leNdibano yesiZwe, abe engumPhathiswa
ojongene neso sikhundla;
(iii) avale, ukuba kuyimfuneko, isithuba esikweso sikhundla; okanye
(b) emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela
athabatha inxaxheba, kufuneka alunqumamise naluphi na utyumbo olwenziwe phantsi komhlathi
(a) ukuba kuba yimfuneko ngokweenjongo zomGaqo-siseko okanye ukuze urhulumente asebenze
kakuhle.
(14) Iintlanganiso zeKhabhinethi kufuneka zonganyelwe nguMongameli, okanye, ngokomyalelo
kaMongameli, nguSekela-Mongameli oLawulayo: Kukhunjulelwe ukuba ooSekela-Mongameli
abaLawulayo bongamela iintlanganiso zeKhabhinethi ngokubolekisana ngaphandle kokuba iimeko
nemibandela karhulumente kwanomoya wokuqonda ubuntoni borhulumente womanyano lwesizwe
ufuna kwenziwe ngenye indlela.
(15) IKhabhinethi kufuneka isebenze ngendlela ewukhathaleleyo umoya wokufuna
imvumelwano oqulethwe kukuqondwa kobuntoni borhulumente womanyano wesizwe
nekhathalele imfuneko yokusebenza kukarhulumente ngokunemfezeko."
5. Icandelo 93 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo:
"Ukutyunjwa kooSekela-baPhathiswa
93. (1) UMongameli angathi, emva kokubonisana nooSekela-Mongameli abaLawulayo
kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba kwiKhabinethi, aseke izikhundla zamasekela
abaphathiswa.
(2) Ipati inelungelo lokwabelwa isikhundla esinye okanye nangaphezulu zamasekela
abaphathiswa ngomlinganiselo ofanayo nangendlela efanayo neyokwabiwa kwezikhundla
zeKhabhinethi.
(3) Imimiselo yecandelo 91 (10) ukuya kwele-(12) iyasebenza ineenguqulelo eziyimfuneko
ngokumayela nooSekela-baPhathiswa; ke koko kusetyenziswa kwale mimiselo ukukhankanya
umPhathiswa okanye isikhundla, kwelo candelo, kufuneka kufundwe njengokuba kukhankanya
uSekela-mPhathiswa okanye isikhundla sosekela-mPhathiswa ngokulandelelana.
(4) Ukuba umntu utyunjwe njengoSekela-mPhathiswa waso nasiphi na isikhundla esiphathiswe
umPhathiswa -
(a) loo Sekela-mPhathiswa kufuneka athi, egameni laloo mPhathiswa uchaphazelekayo,
asebenzise onke amagunya, enze nayo yonke imisebenzi enikwe loo mPhathiswa ngokwemigaqo
yawo nawuphi na umthetho okanye enye indlela enokuthi, phantsi kwemiyalelo kaMongameli,
inikwe loo Sekela-mPhathiswa nguloo mPhathiswa;
(b) nakuphi na ukukhankanywa kwaloo mPhathiswa kuwo nawuphi na umthetho, kufuneka
kuthatyathwe njengokubandakanya ukukhankanywa koSekela-mPhathiswa osebenza
ngokolwabelo oluphantsi komhlathi (a) olwenziwe ngumPhathiswa asebenza egameni lakhe
uSekela-mPhathiswa lowo.
(5) Nanini na uSekela-mPhathiswa engekho okanye ngaso nasiphi na isizathu engenakho
ukusebenzisa nawaphi na kamagunya okanye ukwenza nayiphi na imisebenzi yesikhundla,
uMongameli angatyumba nawuphi na omnye uSekela-mPhathiswa okanye nawuphi na omnye
umntu ukuba asebenze endaweni yaloo Sekela-mPhathiswa kuthethwa ngaye, ngokubanzi okanye
ekusebenziseni naliphi na igunya elixeliweyo okanye ekwenzeni nawuphi na umsebenzi
oxeliweyo."
6. Icandelo 96 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe la macandelwana
alandelayo angamanye:
"(3) AbaPhathiswa bajongwe ingulowo nguMongameli nayiNdibano yesiZwe ekuphatheni
izikhundla zabo, aye onke amalungu eKhabhinethi nawo ngokwawo kufuneka athembeke
ngokudibeneyo kubaPhathiswa ekwenzeni imisebenzi karhulumente wesizwe nasekugcineni
iinkqubo-zikhokelo zakhe.
(4) AbaPhathiswa kufuneka baziphathe izikhundla zabo ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo
eqingqwe yiKhabhinethi.
(5) Ukuba umPhathiswa uyasilela ukusiphatha isikhundla ngokungqinelana
nenkqubo-sikhokelo yeKhabhinethi, uMongameli angayalela ukuba athi umPhathiswa lowo enze
ukuba uphatho lweso sikhundla lungqinelane naloo nkqubo-sikhokelo.
(6) Ukuba umPhathiswa lowo uyasilela ukuhamba ngokomyalelo kaMongameli phantsi
kwecandelwana (5), uMongameli angamsusa umPhathiswa lowo esikhundleni -
(a) Ukuba ungumPhathiswa okhankanywe kwicandelo 91 (1) (a), emva kokubonisana
nomPhathiswa lowo, kwanenkokeli yeqela laloo mPhathiswa ukuba umPhathiswa lowo akalilo
ilungu leqela likaMongameli okanye akayiyo inkokeli yeqela elithabatha inxaxheba: okanye
(b) ukuba ngumPhathiswa okhankanywe kwicandelo 91 (1) (b), emva kokubonisana
nooSekela-Mongameli abaLawulayo kunye neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba.".
ISIHLOMELO C
URhulumente woManyano lwesiZwe:
IsiGaba sePhondo
1. Icandelo 132 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengelifundeka ngolu hlobo
lulandelayo:
"AmaBhunga anoLawulo oluPhezulu
132. (1) IBhunga lephondo elinoLawulo oluPhezulu linala malungu: iNkulumbuso, kunye
namalungu angekho ngaphezulu kwe-10 atyunjwe yiNkulumbuso ngokungqinelana neli candelo.
(2) Iqela elinezihlalo ezili-10 lepesenti ubuncinane kwindlu yowiso-mthetho yephondo nelithe
lagqiba ekubeni lithabathe inxaxheba kurhulumente womanyano lwesizwe, linelungelo lokwabelwa
isikhundla esinye okanye ezingaphezulu zeBhunga elinoLawulo oluPhezulu ngokobungaphi benani
lezihlalo elinazo kwindlu yowiso-mthetho, ngokulungelelene nenani lezihlalo anazo amanye
amaqela athabatha inxaxheba.
(3) Izikhundla zeBhunga elinoLawulo oluPhezulu kufuneka zabelwe amaqela athabatha
inxaxheba ngokwalaa ndlela inye ichazwe kwicandelo 91 (9), ke ekusebenziseni loo ndlela ukuthi,
kwelo candelo, kukhankanywe -
(a) iKhabhinethi, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa iBhunga elinoLawulo
oluPhezulu;
(b) umPhathiswa, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa ilungu leBhunga
elinoLawulo oluPhezulu;
(c) iNdibano yesiZwe, kufuneka kufundwe njengokuthi kukhankanywa indlu yowiso-mthetho
yephondo.
(4) INkulumbuso yephondo emva kokubonisana neenkokeli zamaqela athabatha inxaxheba
kufuneka -
(a) iqingqe ezona zikhundla kanye emazabelwe loo maqela athabatha inxaxheba
ngokungqinelana nenani lezikhundla ezabelwe wona ngokwecandelwana (3);
(b) ityumbele kwisikhundla ngasinye ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo elililungu leqela
esabelwe lona eso sikhundla phantsi komhlathi (a), ukuba libe lilungu leBhunga elinoLawulo
oluPhezulu elijongene neso sikhundla;
(c) ithi, ukuba kuba yimfuneko ngokweenjongo zomGaqo-siseko okanye ukuze urhulumente
asebenze kakuhle, itshintsha-tshintshe nakuphi na ukuqingqwa okwenziwe phantsi komhlathi (a),
ngokokulawulwa licandelwana (3);
(d) isuse nawuphi na umntu obetyunjwe phantsi komhlathi (b) -
(i) ukuba iNkulumbuso icelwe ukuba yenjenjalo yinkokeli yepati alilungu layo loo mntu
uchaphazelekayo, ukwalilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu; okanye
(ii) ukuba oko kuba yimfuneko ngokweenjongo zomGaqo-siseko okanye ukuze urhulumente
asebenze kakuhle; okanye
(e) athi, xa kuyimfuneko, avale isithuba kwisikhundla selungu leBhunga elinoLawulo
oluPhezulu, ngokokulawulwa ngumhlathi (b).
(5) Icandelwana (4) kufuneka lisetyenziswe ngendlela ebonakalisa ukubuqonda ubuntoni
borhulumente womanyano lwesizwe; ke iNkulumbuso nabanye abaphetheyo abachaphazelekayo
kufuneka ekusetyenzisweni kwelaa candelwana bazame ukufikelela kwimvumelwano ngawo onke
amaxesha: Kuhlalwe kukhunjulelwa ukuthi ukuba akukho mvumelwano malunga -
(a) nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (a), (c) okanye (d)(ii) welaa
candelwana, isigqibo seNkulumbuso siya kuma;
(b) nokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b), (d) (i) okanye (e) welaa
candelwana, gunya elo lichaphazela umntu ongelolungu lepati yeNkulumbuso, isigqibo senkokeli
yepati alilungu layo loo mntu siyema;
(c) kwanokusetyenziswa kwegunya ekuthethwa ngalo kumhlathi (b) okanye (e) welaa
candelwana, gunya elo lichaphazela umntu olilungu lepati yeNkulumbuso, isigqibo seNkulumbuso
siyema.
(6) Ukuba ukuqingqwa okuthile kolwabelo lwezikhundla kuyatshintsha-tshintshwa phantsi
kwecandelwana (4)(c), la malungu achaphazelekayo kufuneka azishiye izikhundla zawo, kodwa
afanelekile ukuba, apho kunokwenzeka, angaphinda atyunjelwe kwizikhundla ezizezinye ezabelwe
iipati zawo ngokokuqingqwa oko kutshintsha-tshintshiweyo.
(7) Iintlanganiso zeBhunga elinoLawulo oluPhezulu kufuneka zonganyelwe yiNkulumbuso
yephondo.
(8) IBhunga elinoLawulo oluPhezulu kufuneka lisebenze ngendlela ekhathalela umoya
wokufuna imvumelwano oqulethwe kukuqondwa kobuntoni borhulumente womanyano lwesizwe,
nekhathalela imfuneko yokusebenza kukarhulumente ngemfezeko."
2. Icandelo 136 lomGaqo-siseko omtsha lithatyathwa njengeliqulethe la macandelwana
angamanye alandelayo:
"(3) Amalungu amaBhunga anoLawulo oluPhezulu ajongwe, lilelo ubuqu, yiNkulumbuso
nayindlu yoWiso-mthetho yephondo ekuphatheni izikhundla zawo, aye onke amalungu eBhunga
elinoLawulo oluPhezulu nawo ngokwawo athembeke ngokukwanjalo, ngokudibeneyo, malunga
nokuqhutywa kwemisebenzi karhulumente wephondo kwaneenkqubo-sikhokelo zakhe.
(4) Amalungu eBhunga elinoLawulo oluPhezulu kufuneka aziphathe izikhundla zawo
ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo eqingqwe liBhunga elo.
(5) Ukuba ilungu leBhunga elinoLawulo oluPhezulu liyasilela ukusiphatha isikhundla
ngokungqinelana nenkqubo-sikhokelo yeBhunga, iNkulumbuso ingayalela ilungu elo ukuba
liphathe isikhundla eso salo ngendlela efana naloo nkqubo-sikhokelo.
(6) Ukuba ilungu elichaphazelekayo liyasilela ukuhamba ngokomyalelo weNkulumbuso
phantsi kwecandelwana (5), iNkulumbuso ingalisusa ilungu elo esikhundleni, emva kokubonisana
nalo nasemva kokubonisana nenkokeli yepati yelo lungu, ukuba ilungu elo ayilolungu lepati
yeNkulumbuso okanye aliyiyo inkokeli yeqela elithabatha inxaxheba."
ISIHLOMELO D
Ulawulo lukarhulumente kunye neenkonzo zokhuseleko: Ukutshintshwa kwamacandelo athile
omGaqo-siseko owandulela lo
1. Ukutshintshwa kwecandelo 218 lomGaqo-siseko owandulela lo -
(a) ngokufakela la magama alandelayo kwicandelwana (1) endaweni yamagama andulela
umhlathi (a):
"(1) Kulawulwa yimiyalelo yomPhathiswa wezoKhuselo, uKhomishinala wesiZwe uya
kujongana ne -";
(b) ngokufakela endaweni yomhlathi (b) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
"(b) ukutyunjwa kookhomishinala bephondo;";
(c) ngokufakela endaweni yomhlathi (d) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
"(d) uphando nothintelo lolwaphulo-mthetho oluqulunqiweyo okanye ulwaphulo-mthetho
olufuna uphando nothintelo kwisigaba sesizwe okanye ubunkunkqele obubodwa.";
(d) ngokufakela endaweni yomhlathi (k) wecandelwana (1) lo mhlathi ulandelayo:
"(k) ukusekwa nokugcinwa kwebutho lesizwe lobupolisa logcino-cwangco eluntwini eliya
kuthunyelwa ukuya kuxhasa uKhomishinala wePhondo, xa liceliweyo nguye;".
2. Ukutshintshwa kwecandelo 219 lomGaqo-siseko owandulela lo ngokufakela
kwicandelwana (1) endaweni yamagama akhokela umhlathi (a) la magama alandelayo:
"(1) elawulwa licandelo 218(1), uKhomishinala wePhondo uya
kujongana ne -".
3. Ukutshintshwa kwecandelo 224 lomGaqo-siseko owandulela lo ngokufakela endaweni
yomqathango wecandelwana (2) lo mqathango ulandelayo:
"Zekuqondakale ukuba eli candelwana liya kusebenza kumalungu awo nawuphi na
umkhosi wezixhobo owathi wangenisa uluhlu lwamalungu awo emva kokuqalisa ukusebenza
komGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1993 (umThetho 200 ko-1993), kodwa phambi
kokwamkelwa kwetekisi entsha yomGaqo-siseko ekuthethwa ngayo kwicandelo 73 laloo
mGaqo-siseko, ukuba umbutho wezopolitiko ophantsi kwegunya nolawulo lwawo okanye
ozibandakanya nawo noxhasa iinjongo zawo wawuyithathile inxaxheba kwiBhunga elinoLawulo
oluPhezulu leNguqu, wathabatha inxaxheba nakunyulo lokuqala lweNdibano yesiZwe kunye
nezindlu zowiso-mthetho zamaphondo phantsi kwalo mGaqo-siseko ukhankanyiweyo.".
4. Ukutshintshwa kwecandelo 227 lomGaqo-siseko owandulela lo ngokufakela endaweni
yecandelwana (2) eli candelwana lilandelayo:
"(2) UmKhosi wezoKhuselo wesiZwe uya kusebenzisa amagunya awo wenze nemisebenzi
yawo kuphela xa oko kusebenzela ukulungelwa kwesizwe ngokweSahluko 11 somGaqo-siseko
weRiphabliki yomZantsi Afrika 1996.".
5. Ukutshintshwa kwecandelo 236 lomGaqo-siseko owandulela lo -
(a) ngokufakela, endaweni yecandelwana (1), eli candelwana lilandelayo:
"(1) Inkonzo karhulumente, isebe likarhulumente, ulawulo okanye inkonzo yezokhuseleko
eyaye, kanye phambi kokuqalisa ukusebenza komGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika,
1996 (othi apha, emva kwangoku, ubizwe ngokuthi "umGaqo-siseko omtsha"), isenza imisebenzi
yoburhulumente, iyaqhuba ukusebenza ngokomthetho osebenzayo kuyo ide itshitshiswe okanye
ifakelwe kulo, okanye idityaniswe nalo naliphi na iziko elifanelekileyo okanye ihlenga-hlengiswe
okanye yenziwe-nye nalo naliphi na elinye iziko.";
(b) ngokufakela endaweni yecandelwana (6) eli candelwana lilandelayo:
"(6) (a) UMongameli angatyumba ikhomishini ukuba ihlole ukwenziwa okanye
ukutshintshwa kwekhontrakthi, ukutyunjwa okanye ukunyuselwa, okanye ukumisewa kwexesha
okanye komqathango wempangelo okanye kwenye imfanelo, izinto ezo ezenzeka phakathi komhla
wama-27 ku-Epreli 1993 nowama-30 kuSeptemba 1994, zisenzelwa naye nawuphi na umntu
ekuthethwa ngaye kwicandelwana (2) okanye naliphi na iqela labantu ekuthethwa ngabo apho.
(b) IKhomishini ingayijikisa okanye iyitshintshe into nganye kwezi: ikhontrakthi, ukutyunjelwa
esikhundleni, ukunyuselwa okanye umvuzo, ukuba ayifanelekanga okanye akukho sizathu
sokwenzeka kwayo xa kuqwalaselwa iimeko zayo.
(c) Ngokuthi naphi na apho kuvela khona amagama athi "lo mGaqo-siseko", kwicandelo 236,
kufakelwe la amagama, "umGaqo-siseko omtsha".".
6. Ukutshintshwa kwecandelo 237 lomGaqo-siseko owandulela lo -
(a) ngokufakela, endaweni yomhlathi (a) wecandelwana (1), lo mhlathi ulandelayo:
"(a) uhlenga-hlengiso lwawo onke amaziko akhankanywe kwicandelo 236 (1), ngaphandle
kwemikhosi yamajoni ekhankanywe kwicandelo 224 (2) luya kuthi emva kokuqalisa
komGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1996, luqhube, ngenjongo yokuseka -
(i) ulawulo olunemfezeko kwisigaba sesizwe sikarhulumente oluya kujongana nemicimbi
ephantsi kolawulo lwesigaba sesizwe;
(ii) nolawulo olunemfezeko kwiphondo ngalinye ukwenzela ukujongana nemibandela ephantsi
kolawulo lukarhulumente ngamnye wephondo.".
(b) nangokufakela, endaweni yomhlathana (i) wecandelwana (2)(a), lo mhlathana ulandelayo:
"(i) amaziko akhankanywe kwicandelo 236 (1), ngaphandle kwemikhosi yamajoni, aya kuba
phantsi korhulumente wesizwe, oya kuluthwala olu xanduva ngokusebenzisana noorhulumente
bamaphondo;".
7. Ukutshintshwa kwecandelo 239 lomGaqo-siseko owandulela lo ngokufakela, endaweni
yecandelwana (4) eli candelwana lilandelayo:
"(4) Ngokokulawula kwawo, nangokungqinelana nawo, umthetho osebenzayo, zonke ezi zinto:
iiasethi, amalungelo, imisebenzi namatyala ayo yonke imikhosi ekhankanywe kwicandelo 224 (2)
ziya kuwela kumKhosi wezoKhuselo wesiZwe ngokungqinelana nemiyalelo yomPhathiswa
wezoKhuselo.".
IShedyuli 7
ImiThetho eRhoxisiweyo
INOMBOLO ITAYITILE
NONYAKA
WOMTHETHO
UmThetho 200 ka-1993 UmThetho womGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1993
UmThetho 2 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo womGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika,
1994
UmThetho 3 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo sesiBini womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1994
UmThetho 13 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo sesiThathu womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1994
UmThetho 14 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo sesiNe womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1994
UmThetho 24 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo sesiThandathu womGaqo-siseko
weRiphabliki yomZantsi Afrika, 1994
UmThetho 29 ka-1994 UmThetho osisiHlomelo sesiHlanu womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1994
UmThetho 20 ka-1995 UmThetho osisiHlomelo womGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi
Afrika, 1995
UmThetho 44 ka-1995 UmThetho osisiHlomelo sesiBini womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1995
UmThetho 7 ka-1996 UmThetho osisiHlomelo womGaqo-siseko weRiphabliki yomZantsi Afrika,
1996
UmThetho 26 ka-1996 UmThetho osisiHlomelo sesiThathu womGaqo-siseko weRiphabliki
yomZantsi Afrika, 1996
ISALATHISO
(Qaphela: Inani elilandela igama lento equlethweyo lixela inombolo yecandelo)
Umhobe wesizwe, 4
UmPhicothi-zincwadi-Jikelele, 181,188
IBhili yamaLungelo -
Ukufikelela kwiinkundla, 34
Ukufumana ulwazi, 32
Ukusebenziseka kwayo, 8
Abantu ababanjiweyo, abavalelweyo nababekwa ityala, 35
Ukuhlangana, ukubonisa ukunganeliseki, ugadelo-bagwayimbi nokwenza uxhebhu lwezikhalazo,
17
Abantwana, 28
Ubumi, 20
Amaqela abantu ngokwezithethe, ngokwenkolo nangokolwimi, 31
Imfundo, 29
Ukusetyenziswa kwamalungelo, 38
Ubume bendawo/Indalo esingqongileyo, 24
Ukulingana, 9
Isidima sokuba ungumntu, 10
Inkululeko nokhuseleko lomntu, 12
Inkululeko yokuzibandakanya, 18
Inkululeko yokuvakalisa izimvo, 16
Inkululeko yokuhamba neyokuhlala, 21
Inkululeko kwezenkolo, inkolelo nezimvo, 15
Inkululeko yokurhweba, yempangelo, neyofundelo-msebenzi, 22
Ukhathalelo kwezempilo, ukutya, amanzi nokhuseleko entlalweni, 27
Izindlu, 26
Utoliko, ukucaciswa, 39
Ubudlelwane nabasebenzi, 23
Ulwimi nezithethe, 30
Ubomi, 11
Usikelo-mda lwamalungelo, 36
Amalungelo ezopolitiko, 19
Ubomi bangasese, 14
Ipropati (izinto zakho, umz izindlu, imfuyo, umhlaba, njl), 25
Isenzo solawulo esinobulungisa, 33
Ubukhoboka, imbopheleleko nokusebenza ngokunyanzelwa, 13
Iimo zonxunguphalo, 37
Usasazo, iGunya eliziMeleyo lokuLawula, 181, 192
Uhlahlo-lwabiwo-mali, 215
IBhanki eYongameleyo, 223-225
Urhulumente wentsebenziswano, 41
Ubumi, 3,
IKhabhinethi, 91-99, 101, 102
IKhomishini yokuLingana ngokwesiNi, 181, 187
IKhomishini yokuKhuthaza nokuKhusela amaLungelo amaQela abaNtu angokweziThethe,
ngokweNkolo nangokoLwimi, 181, 185, 186
Imithetho engqubanayo, 146-150
Iinkundla -
INkundla yezomGaqo-siseko, 167
IiNkundla eziPhezulu, 169
IiNkundla zooMantyi nezinye iinkundla, 170
Amagunya kwimicimbi yezomgaqo-siseko, 172
INkundla ePhakamileyo yeziBheno, 168
Ukhuselo, 200-204
IKhomishini yezoNyulo, 181, 190, 191
Imigaqo-nkqubo yonyulo lwababambi-zikhundla kwezomGaqo-siseko, iShedyuli 3, iSahlulo A
Igunya loLawulo oluPhezulu -
kumaphondo, 125
kwiRiphabhliki, 85
AmaBhunga oLawulo oluPhezulu, kumaPhondo, 132-141
Ezemali, zesiZwe, 213, 214, 216, 217
Ezemali, zamaPhondo nezeengingqi, 226-230
IKhomishini yezemali, 220-222
Iflegi, 5, iShedyuli 1
Ukunikwa imali kwamaqela ezopolitiko, 236
IKhomishini yamaLungelo abaNtu, 181,184
IGunya eliziMeleyo lokuLawula uSasazo, 192
EzobuNtlola, 209, 210
UmThetho wamaZwe ngamaZwe, 231-233
IGunya lezeeJaji, 165
Amagosa ezeeJaji, 174-177
IKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, 178
Inkqubo yezeeJaji, 166
IiLwimi, 6
Ukwenziwa kwemithetho, 73-82
IGunya loWiso-mthetho, 43, 44
Urhulumente weengingqi, 152, 163
OoMasipala, 151-164
INdibano yesiZwe -
Ukwenziwa kwayo nokunyulwa kwamalungu ayo, 46
IziGqibo, 53
Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kwayo iNdibano yesiZwe, 56
Amagunya, 55
Ukufikeleleka kuwonke-wonke, 59
IBhunga lesiZwe lamaPhondo -
Ulwabelo lwabathunywa, 61
Ukwenziwa kwalo, 60
Izigqibo, 65
Ubungqina okanye iinkcukacha eziphambi kwalo eli Bhunga lesiZwe, 69
Inxaxheba yamaqela ezopolitiko kumagqiza abathunywa amaphondo, IShedyuli 3, iSahlulo B
Inxaxheba yabameli borhulumente weengingqi, 67
Abathunywa abasisigxina, 62
Amagunya, 68
Ukufikeleleka kuwonke-wonke, 72
IPalamente, 42
Amapolisa, 205-208
IiNkulumbuso, 127-130
UMongameli, 83-89
Igunya lotshutshiso, 179
Amaphondo, 103
ImiGaqo-siseko yamaPhondo, 142-145
IziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo, 104-121
Izicelo zamalungu eziya kwiNkundla yezomGaqo-siseko, 122
Amalungelo abathunywa abasisigxina, 113
Ukufikeleleka kwezindlu zowiso-mthetho kuwonke-wonke, 118
ULawulo lwabaSebenzeli-rhulumente, 195
IKhomishini yeNkonzo yabaSebenzeli-rhulumente, 196
INkonzo yabaSebenzeli-rhulumente, 197
UmKhuseli kawonke-wonke, 181,182
IiNkonzo zoKhuseleko, 198, 199
Ukuzimela, 235
Ukongama komGaqo-siseko, 2
IiNkokheli zeMveli, 211, 212
UmGaqo-siseko
weRiphablikhi yomZantsi Afrika, 1996
Owavunywa ngomhla wesi-8 kuMeyi 1996, watshintshwa
ngowe-11 ku-Oktobha 1996 yiNdlu yoQulunqo lomGaqo-siseko
B34B - 96 ISBN 0 - 260 - 20716 - 7
Umthetho omNye wesiZwe esiNye
IsiQulatho
Ingabula-zigqawu 1
Isahluko 1 3
ImiMiselo esisiSeko
Isahluko 2 6
IBhili yamaLungelo
Isahluko 3 27
URhulumente weNtsebenziswano
Isahluko 4 29
IPalamente
Isahluko 5 56
UMongameli nesiGqeba sesiZwe esinoLawulo oluPhezulu
Isahluko 6 64
AmaPhondo
Isahluko 7 88
URhulumente weeNgingqi
Isahluko 8 97
IiNkundla noSetyenziso lobuLungisa
Isahluko 9 108
AmaZiko kaRhulumente aXhasa iDemokhrasi yeNkqubo yomGaqo-siseko
Isahluko 10 116
ULawulo lwabaSebenzi bakaRhulumente
Isahluko 11 122
IiNkonzo zoKhuseleko
Isahluko 12 130
IiNkokeli zeMveli
Isahluko 13 131
EzeMali
Isahluko 14 142
ImiMiselo ngokuBanzi
IShedyuli 1 147
IFlegi yesiZwe
IShedyuli 2 148
IziFungo zokuNgena esiKhundleni
kunye neziNgqiniso eziNyanisekileyo
IShedyuli 3 153
ImiGaqo-nkqubo yoNyulo
IShedyuli 4 157
IiNdawo zemiSebenzi eyenzeka phantsi koWiso-mthetho olufanayo lwesiZwe nolwamaPhondo
IShedyuli 5 160
IiNdawo zemiSebenzi eziphantsi
koWiso-mthetho lwamaPhondo kuphela
IShedyuli 6 162
AmaLungiselelo eNguqu
IShedyuli 7 200
ImiThetho eRhoxisiweyo
Isalathiso 201

Universal Declaration of Human Rights
Xhosa Version
Source: Diffusion Multilingue des Droits de l'Homme (DM in cooperation with UNESCO)
INKCAZO-JIKELELE NGEEMFANELO ZOLUNTU 
ISINGENISO
Njengoko iimfanelo zesidima soluntu semvelo kunye neemfanelo zoluntu-jikelele olungenakunikelwa olusisisekelo senkululeko, ubulungisa noxolo emhlabeni. 
Njengoko ukungananzi nokudelelwa kweemfanelo zoluntu ezingunobangela weziphumo zobukrwada ezithi zibangele ingcwangu kwisazela soluntu, kunye nesiqalo nokufika kwelizwe apho uluntu luza kuxhamla ukuthetha ngokukhululekileyo, inkolo nenkululeko engenaloyiko kunye neemfuno ezazisiweyo njengeminqweno yoluntu-jikelele. 
Kwananjalo kubalulekile ke ngoko, ukuba umntu anganyanzeliswa ukufumana uncedo, okwetyeli lokugqibela, ukuchasa ubundlobongela nengcindezelo, kuba iimfanelo zesidima sobuntu mazikhuselwe ngolawulo lomthetho. 
Njengokuba kubalulekile ukukhuthaza kokwandiswa kobuhlobo nemvisiswano phakathi kwezizwe. 
Njengoko uluntu Lwezizwe Ezimanyeneyo luthe lwaqinisekisa kukubaluleka kweemfanelo zesidima soluntu, oku kuxabiseka kwesidima nokuxabiseka koluntu nakwiimfanelo zamadoda namakhosikazi, bathe bazimisela ukukhuthaza inkqubela yezentlalo nomgangatho obhetele kwimpilo yoluntu ekhululekileyo. 
Njengoko amalungu obuRhulumente kunye nawezizwe ezimanyeneyo azimisele ukukhuthaza intlonipho yoluntu-jikelele nokuqatshelwa kweemfanelo zoluntu nokubaluleka kwenkululeko. 
Njengoko iimvisiswano zesidima soluntu nenkululeko yoluntu zibalulekile ukuze kuzuzwe esi sithembiso, 
NGOKU-KE NGENXA YOKO, 
Intlanganiso-jikelele 
Yazisa ngale nkcazo-jikelele engeemfanelo zoluntu ezikumgangatho oqhelekileyo wokuphumeza abantu bonke kunye nezizwe zonke, kude kube sekugqibeleni nokuba wonke ubani nakunye nemibutho yoluntu, ekufuneka igcine le nkcazelo, izame ukufundisa nokuqeqesha ukukhuthaza intlonipho yezomfanelo zoluntu nenkululeko, neendlela zenkqubela phambili, kwisizwe sonke nakumazwe angaphesheya ukuze kukhuseleke ummiselo-jikelele nokuqapheleka, uqwalaselo, phakathi koluntu lwamalungu oburhulumente ngokwawo, kunye nabantu bezizwe ezibaphetheyo. 
Inqaku loku-1
Bonke abantu bazalwa bekhululekile belingana ngesidima nangokweemfanelo. Bonke abantu banesiphiwo sesazela nesizathu sokwenza isenzo ongathanda ukuba senziwe kumzalwane wakho. 
Inqaku lesi-2
Wonke umntu unamalungelo kwiimfanelo nenkululeko eziqulathwe kule nkcazelo, ngaphandle kokwahlulwa ngobuhlanga, ibala, ubuni, ulwimi, inkolo, ezopolitiko nezinye izimvo, ezesizwe okanye ezentlalo, ezokuzalwa okanye namanye amawonga. 
Ngaphezu koko, akukho mahluko unokwenziwa usekelwe kwezopolitiko, ulawulo lwezobulungisa okanye amawonga ezizwe nezizwana okanye ummandla apho umntu akhoyo, nokuba uzimele, ukuthembeka, urhulumente ongazimelanga okanye nokuba zeziphi indlela zokunciphisa ulawulo lobukumkani. 
Inqaku lesi-3
Wonke umntu unelungelo lokuphila, inkululeko kunye nokhuseleko. 
Inqaku lesi-4
Akukho namnye oya kugcinwa ebukhobokeni nakukhuselo lomnye umntu, kanti urhwebo ngamakhoboka aluvumelekanga nangayiphina indlela. 
Inqaku lesi-5 
Akukho namnye oyakuphathwa gadalala, ngenkohlakalo, ngokungenabuntu okanye ngempatho eluhlazo okanye isohlwayo. 
Inqaku lesi-6
Wonke umntu unelungelo lokwamkelwa yonke indawo njengomntu phambi komthetho. 
Inqaku lesi-7
Bonke abantu bayalingana phambi komthetho kwaye benamalungelo ngaphandle kocalu-calulo ngokulinganayo kukhuseleko lomthetho. Bonke abantu banelungelo lokhuselo olulinganayo oluchasene naluphina ucalu-calulo olwaphula le nkcazelo, nangokuchasene neendlela zothelekiso kucalu-calulo. 
Inqaku lesi-8
Wonke umntu unelungelo loncedo lwesiphumo sobuchule benkundla yamatyala esizwe ngokomthetho owaphula iimfanelo ezibalulekileyo ezinikelwa ngumthetho wolawulo. 
Inqaku le-9
Akukho namnye oza kubanjwa ngendlela engaqondakaliyo, abe libanjwa okanye abe selubhacweni. 
Inqaku le-10 
Wonke umntu unelungelo elipheleleyo elilinganayo nelilungileyo nokuxoxwa kwetyala esidlangalaleni yinkundla ezimeleyo okanye inkundla zamatyala ezingakhethi cala ekumisweni kwamalungelo nemfanelo zoluntu kunye naluphi na ulwaphulo mthetho amangalelwe ngalo. 
Inqaku le-11
1. Wonke umntu omangalelwe kuba enetyala, unelungelo lokubonwa engenatyala ade abe ufunyenwe enetyala ngokwasemthethweni kwinkundla yamatyala apho ebe nesiqiniseko esifanelekileyo sokhuseleko. 
2. Akukho namnye oya kufunyanwa enesohlwayo setyala ngenxa yomthetho okanye ukushiya isenzo esingamisa isohlwayo setyala, ngaphantsi kwamatyala esizwe nawezizwe-jikelele, nangexesha lokwenzeka kwetyala. Nakuba kubekwe isigwebo esinzima kunesiya esasisetyenziswa ngexesha lokwenzeka kwetyala. 
Inqaku le-12
Akukho namnye oya kuphazanyiswa kubomi obubobakhe, kusapho lwakhe, kwikhaya lakhe okanye ngokwembalelwano, nokuba kukuhlaselwa okuhlisa isidima nodumo lomntu. Wonke umntu kufanelekile ukuba akhuselwe ngumthetho ekuphazanyisweni okanye kuhlaselo. 
Inqaku le-13
1. Wonke umntu unelungelo lokuhamba nokuhlala phakathi kwemida yasebuRhulumenteni. 
2. Wonke umntu unelungelo lokushiya nokuba leliphi ilizwe nelakhe ngokunjalo kwaye aphinde abuyele kwelakhe ilizwe. 
Inqaku le-14
1. Wonke umntu unelungelo lokucela aze axhamle indawo yokhuseleko elubhacweni kwamanye amazwe. 
2. Eli lungelo alinakukhuselwa wakumangalelwa ngenyaniso engenamvelaphi, ulwaphulo-mthetho olungenazipolitiki okanye kumthetho ochasene neenjongo zomthetho-siseko zeZizwe ezimanyeneyo. 
Inqaku-15
1. Wonke umntu unelungelo lobuhlanga. 
2. Akukho namnye oya kuhluthwa ubuhlanga bakhe okanye ahluthwe ilungelo lokutshintsha ubuzwe bakhe. 
Inqaku le-16
1. Amadoda namakhosikazi aselekhulile, ngaphandle kokuthintelwa ngenxa yobuhlanga, ubuzwe okanye inkolo, banelungelo lokutshata babe nosapho. Banamalungelo alinganayo emtshatweni naxa sewuqhawukile. 
2. Kuya kutshatwa ngokukhululekileyo nangokupheleleyo ngemvume yabo baza kuba ngumyeni nenkosikazi. 
3. Usapho lusisisekelo esibalulekileyo sendalo kuluntu kwaye lunelungelo lokhuseleko oluvela kuluntu nakuRhulumente. 
Inqaku le-17
1. Wonke umntu unelungelo lokuba nezinto ezizezakhe yedwa kunye nezo azidibanele nabanye. 
2. Akukho namnye oyakuhluthwa athathelwe izinto zakhe. 
Inqaku le-18
Wonke umntu unelungelo leengcinga ezikhululekileyo isazela nokholo, eli lungelo liquka inkululeko yokutshintsha ukholo lwakho okanye ukukholwa nenkululeko yoko unokukwenza wedwa okanye nobudlelwane nabanye nokuba kusesidlangalaleni okanye emfihlakalweni, ukucacisa inkolo yakho okanye ukukholelwa kwimfundiso, ukwenza unqulo nokugcina izithethe. 
Inqaku le-19 
Wonke umntu unelungelo lokucinga nokuthetha ngokukhululekileyo, eli lungelo liquka inkululeko yokuveza uluvo lwakhe ngaphandle kokuphazamiseka nokuzama ufumana ukuze udlulise ulwazi neengcinga nangaziphi na iintlobo zosasazo nokuba kukweyiphi na imida. 
Inqaku la-20
1. Wonke umntu unelungelo lenkululeko yeendibano zoxolo kunye neentlanganiso zoxolo. 
2. Akukho namnye oya kunyanzeliswa ukuba abe lilungu lentlangano. 
Inqaku la-21
1. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba kwezobuRhulumente belizwe lakhe ngqo okanye ngokusetyenziswa kwamalungu akhethiweyo. 
2. Wonke umntu unethuba elilinganayo lokusebenzela uRhulumente welizwe lakhe. 
3. Intando yoluntu iya kuba sisisekelo sempatho kaRhulumente; le ntando iyakubonakaliswa ngamaxesha athile nangobunyani belungelo lovoto eya kwenziwa ngokufihlakeleyo okanye ngendlela elinganayo yokuvota ngenkululeko. 
Inqaku la-22
Wonke umntu njengelungu lombutho woluntu, unelungelo lokhuseleko lombutho woluntu kwaye enelungelo lokuphumeza, ngeenzame zobuzwe nangemvisiswano zamazwe nangokuvumelana nemibutho namacebo obuRhulumente ngokwezoqoqosho, ezentlalo namalungelo amasiko neemfanelo zesidima nenkululeko engenkqubela-phambili yobuntu bakhe. 
Inqaku la-23
1. Wonke umntu unelungelo lokusebenza, ukuzikhethela umsebenzi ngokukhululekileyo, ubulungisa neemfuneko ezifanelekileyo zomsebenzi, kunye nokukhuseleka okuchasene nokungabinamsebenzi. 
2. Wonke umntu ngaphandle komkhethe, unelungelo lomvuzo olinganayo ngomsebenzi olinganayo. 
3. Wonke umntu osebenzayo unelungelo lobulungisa bokukhetha intlawulo ukuqinisekisa ukuba yena nosapho lwakhe baphila impilo enexabiso nesidima sobuntu, eya kuthi yongezwe kwakuba nemfuneko, ngezinye iindlela zokukhusela intlalo yoluntu. 
4. Wonke umntu unelungelo lokubumba okanye abe lilungu lweemanyano zorhwebo, ukukhusela iimfanelo zakhe. 
Inqaku la-24
Wonke umntu unelungelo lokuphumla nokuba nexesha lokuphola, kunye namaxesha avumelekileyo okusebenza namaxesha eholide ezuza umvuzo. 
Inqaku la-25
1. Wonke umntu unelungelo lentlalo esemgangathweni ngokuphila impilo efanelekileyo kunye nosapho lwakhe, kunye nokutya, impahla, indawo yokuhlala, unyango kunye neenkonzo ezibalulekileyo zentlalo, kwanelungelo lokhuseleko wakungasebenzi, wakugula, wakuba ngumlwelwe, ngumhlolokazi, ngumdli-mhlalaphansi okanye wakuswela impilo ngokungalawulekiyo. 
2. Ubunina nobuntwana bulungelwe yinkathalelo ebalulekileyo kunye noncedo olukhethekileyo. Bonke abantwana nakuba bengazalwa emtshatweni mabaxhamle ukhuseleko lwentlalo ngokulinganayo. 
Inqaku la-26
1. Wonke umntu unelungelo lemfundo. Kuza kuba nomfundaze kwabaqalayo nakwimigangatho ebalulekileyo. Imfundo yabaqalayo iya kunyanzeliswa. Imfundo ngezobugcisa kunye nokufundela umsebenzi kuya kwenziwa ukuba kufumaneke kanti imfundo ephakamileyo nayo iya kwenziwa ukuba ifumaneke ngokulinganayo kuluntu lonke njengesiseko sempumelelo. 
2. Imfundo iza kujoliswa ngqo kwinkqubela phambili epheleleyo yoluntu nokomelezwa kwentlonipho yamalungelo oluntu nokubaluleka kwenkululeko. Iza kuxhasa imvisiswano, ukunyamezelana nobuhlobo phakathi kwezizwe, ubuzwe, namaqela eenkolo eyakuthi iphuhlise umsebenzi wamazwe jikelele ukuze kugcinwe uxolo. 
3. Abazali banelungelo elibalulekileyo lokukhetha uhlobo lwemfundo eyakuthi ifundiswe abantwana babo. 
Inqaku la-27
1. Wonke umntu unelungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukhululekileyo kwinkqubela yelizwe lakhe, onwabele inkcubeko kunye nesabelo senkqubela phambili yenzululwazi kunye noncedo lwezo zinto. 
2. Wonke umntu unelungelo lokhuseleko, lwempatho kunye nezo zinto athi azithande ezithi zibe ziziphumo zezayo nayiphina inkqubela, ubuchule bokufunda nokubhala okanye ubugcisa bemveliso yombhali. 
Inqaku la-28
Wonke umntu unelungelo lentlalo yoluntu kunye neyezizwe-jikelele apho amalungelo nenkuleleko alenkcazo-jikelele athi amkeleke khona. 
Inqaku la-29
1. Wonke umntu kufuneka asebenzele uluntu aphila phakathi kwalo, apho inkululeko nenkqubela-phambili epheleleyo neyamkelekileyo yoluntu ithi ifumaneke khona. 
2. Ekusebenziseni amalungelo nenkululeko, wonke umntu uya kuba phantsi kwempembelelo ezimiselwe ngumthetho ngezizathu zokuqinisekisa ulwamkeleko ngentlonipho yamalungelo nenkululeko yabanye, ukuhlanganiswa kweemfuneko yokuziphatha kakuhle, esidlangaleni nentlalo-ntle ngokolawulo lwedemokrasi. 
3. La malungelo neenkululeko zoluntu mawangasetyenziswa ngendlela ephikisana neenjongo nemithetho yamazwe abumbeneyo. 
Inqaku la-30
Le nkcazo-jikelele mayingatolikwa ngenjongo yokuba imele ezobuRhulumente, iqela okanye umntu owenza isithembiso okanye osenzo sineenjongo ezingatshabalalisa nokuba ngowuphi na umqathango wamalungelo kunye neenkululeko zoluntu ekuthethwa ngazo apha. 
(c) Copyright 1998 
Office of the United Nations High Commissioner for Human Rights
Geneva, Switzerland
Indawo  yePANSALB  ekunyuselweni kwentetho 
yelwimi  ezininzi eMzantsi Afrika:

Uxwebhu lokuyila ingxoxo.

PANSALB

Pretoria, February 1999

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

Indawo  yePANSALB  ekunyuselweni kwentetho yelwimi  ezininzi eMzantsi Afrika : Uxwebhu lokuyila ingxoxo.

1	INTSHAYELELO 

Injongo yale ngxoxo kukucacisa  umqondo wePANSALB kwintetho yeelwimi ezininzi, inkqubela nemeko yelwimi lowiso mthetho  equlathwe kwimithetho yolawulo nakwamanye amaxwebhu omthetho.

Indawo yeBhodi kwintetho yelwimi ezininzi.

Injongo yeBhodi kukunyusela intetho yelwimi ezininzi emZantsi Afrika ngoku:

* Dala imeko ekuveliseni  nasekusebenziseni  ngokulinganayo zonke iilwimi  ezivumelekileyo .
* Khuthaza intlonipho kunye  nezinye iilwimi elizweni.
* Khuthaza indlela engcono yokusebenzisa ubutyebi beelwimi zelizwe.

Ukunceda  abantu baseMzantsi Afrika ekuzikhululeni kuzo zonke iindlela zocalucalulo zelwimi, ulawulo kunye nohlawulo; kunye nolwahlulo, kunye nokubanceda ukusebenzisa iilwimi ezikhethiweyo ngokufanelekileyo nokwenza igalelo kuphuhliso lwesizwe 

2	UMGAQO SIKHOKELO

Umgaqo sikhokhelo kunyuselo lwentetho  yelwimi ezininzi  eMzantsi Afrika  lufumaneka kwimithetho yolawulo yeRiphabliki yomZantsi Afrika  (Act  108 of 1996) Isiqendu   6(1) - (5) kunye nePANSALB Act (Act  59 of 1995).
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

Umgaqo-siseko uqulethe umqulu wamalungelo oluntu osisindululo esisiseko sengxoxo esekelwe kumbono wamalungelo omntu ngamnye, isiqendu kulwimi kufuneka siqondwe ekuziqheliseni kwelwimi njengelungelo. Ukongeza ukuxhaphaka kwamagama  anje ngo "isidima,"  "umsebenzi," "ukusetyenziswa," akhombisa ngokucacileyo  kumzekeliso wenguqulo yamagama entsusa yawo  ikumsebenzi welwimi zaseMzantsi Afrika .

Injongo yamalungelo  oluntu kukuqinisekisa  ukuba intlalo yaseMzantsi Afrika  iba yileyo esekelwe kwimbono  yokulingana  koluntu .  Yilonto, injongo yezakhiwo isekelwe kumgaqo-siseko, ukuze incedise ukusiwa kolawulo-melo kwintlalo yethu.

Umgaqo siseko walatha amaqumrhu amabini  anoxanduva  lokwenza oku, angala, uRhulumente kunye  nePANSALB.  Phantsi kwegatyana  kwigatyana leelwimi 6 (1-5) kuMgaqo-siseko ngokungathandabuzekiyo iveza oku.

"Iilwimi ezisemthethweni zeRiphabliki yoMzantsi Afrika siSepedi, Sesotho Setswana, IsiSwati, Tshivenda, Xitsonga, isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiXhosa nesiZulu.

2. Ukuqaphela imbali yokuhla kokusetyenziswa kunye nesidima selwimi ezinengcambu kweli lizwe labantu bethu, uburhulumente mabuthathe amanyathelo abonakalayo nakhuthazayo ukukhupha isidima nokuqhubela  phambili  ukusetyenziswa  kwezi  lwimi.

3.	(a)	Oorhulumente bakazwelonke nabamaphondo  bangasebenzisa   
naziphi iilwimi ukufezekisa iinjongo zokulawula, zithathele 

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ingqalelo, ukusetyenziswa ukufikeleleka, indleko, imeko zengingqi ukunakekela iimfuno neminqweno yoluntu  lulonke, okanye kwelo phondo ngalinye, kodwa urhulumente kazwelonke norhulumente wamaphondo ngamnye kunyanzelekile ubuncinane asebenzise zibembini iilwimi ezisemthethweni.

(b) Oomasipala mabakuthathele ingqalelo ukusetyenziswa  kwelwimi neminqweno yabahlali bendawo zabo.

4.	Urhulumente kazwelonke nowamaphondo, kufanele balawule, baqaphele 
 	ukusetyenziswa kwelwimi ngokosemthethweni.  Ngokungakhabananga 
nokusekwe kwigatya (2), zonke ilwimi kufuneka zilingane. 

5. 	I-Pan South African Language Board esekwe ngokomthetho kazwelonke
 	kufuneka:-

(a)  	Ikhuthaze kwaye yakhe imeko ezakudala, iqhubele phambili
ukusetyenziswa kwazo
i) zonke ilwimi ezisemthethweni
ii) ezamaKhoi, amaNama, kunye namaSan
iii) intetho yeZandla

(b)  	Ukukhuthaza nokubonisa intlonipho kuzo-
i) zonke iilwimi ezisetyenziswa kwindawo zasekuhlaleni kweli loMzantsi Afrika, eziquka, isiJamani, isiGrike, isiGujarati, isiHindi, isiPhuthukezi, isiTamil, isiTelegu, kunye nesiUrdu; ne

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ii) siArabhu, siHebhere, siSwahili, kunye nezinye iilwimi ezisetyenziswa kwezenkolo eMzantsi Afrika.

Kucacile koku kungentla ukuba kuluxanduva lukaRhulumente njengoko lubonakaliswa liGatya 6 (1-4), naxana uxanduva lwePANSLAB lubonakaliswa kwiGatya 6 (5).-

UXANDUVA LWE-PANSLAB

Indima engqalene ngqo nePANSALB kukwakha imeko eziqhubela phambili nezisebenzisa ngokulinganayo iilwimi ezisemthethweni. Oko kukuthi kufuneka isebenze ngendlela eqalisa, nekhuthaza kwaye ikhulise amaqumrhu kaRhulumente nasekuhlaleni ukwenza igalelo kuphuhliso lwazo zonke iilwimi ezisemthethweni.

I-PANSALB kufuneka ikhuthaze, idale imeko eyiyo kwintetho yelwimi ezininzi, kwaye ibandakanye kodwa ingaphelelanga kwilwimi ezisemthethweni. Ngoko ngaxalinye iPANSALB ifanele inike ingcebiso kuRhulumente kumgaqo-nkqubo nocwangciso ekuqhubeleni phambili isidima nokusetyenziswa kwelwimi ezisemthethweni, oku akufanelekanga ukuba kuyisithe eyona mbono iphambili yokukhokela  ukuseka imo elungileyo, ukukhuthazwa kwakunye nokuthethwa kwelwimi. Oku kubandakanya ukukhuthazwa kwezakhono zonxibelelano phakathi kwelwimi kwakunye nokuphuhliswa kweelwimi ezisemthethweni nazo ke nezinye iilwimi ezisetyenziswa eMzantsi Afrika.

Kuyinto ekuvunyelwana ngayo jikelele ukuba eyona ndlela iphambili yokuphuhliswa kolwimi kukuba lusetyenziswe. Ngokuqinisekileyo ezinye iilwimi zoMzantsi Afrika zisetyenziswe ngaphezulu kunezinye, kwaye ngelishwa ezinye azikhuthazwanga kwaye zisengozini yokuphelelwa. Ukuze iilwimi ziphumelele, 
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

kufuneka zisetyenziswe ngokubanzi kwimisebenzi, kuba ngenye indlela ziyaphela kwaye zingabikho. Kulapho kufuneka sivumele imisebenzi yesidima esiphezulu icuthelwe esiBhulwini naseSingesini kuphela, ekugqibeleni iilwimi zesizwe ziyaphela kwaye zingabikho.  Sikubonile oko kusenzeka kwiilwimi ezininzi zamaKhoyi namaSeni kwaye ukuphela kwazo yilahleko, hayi kumabandla azisebenzisayo kuphela, kodwa lishwangusha likazwelonke.  Sive okumbalwa ngeelwimi eziphelayo kweli lizwe naxa siziqhelile iingcinga ngobungozi bentlobo ezithile, bezityalo nezilwanyana eziya ekupheleni. Umsebenzi osezandleni kukukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni ngokunjalo nezinye iilwimi ezisetyenziswa eMzantsi Afrika, ngemeko, ngokubanzi kunye  nokwandisa udweliso lwezizathu.

Ukuyibeka ngokuthe gca,kufuneka sifumane iindlela zokukhulula umjelo wezonxibelelwano ngokugxininisa ukuba iilwimi zisetyenziswe kwimeko zikazwelonke ngomgangatho ophezulu womsebenzi ukuze kwande ukubona calanye kwaye zimanyelwe ukufezekise le misebenzi ngempumelelo. Ukuzisebenzisa njengelwimi ezingingqini kunye nakumgangatho osemandleni ngokwemfuneko zomsebenzi  zityhilwe ngokukawonkewonke. Uncedo lwabo ngokuzalana kwinkulelano yolwazi  kufuneka ifaniswe ngokutyhilekileyo. 

Kwelinye icala, ubaxo lokusebenzisa noxhomekeko esiNgesini njengemfuno zolwimi ngaxesha linye luvavanywe ngokutsha. Naxa imsebenzi yesiZulu  njengolwimi ezingange pesenti  ezingamashumi  asixhenxe abemi belizwe, isiNgesi sodwa sinokusetyenziswa kangangamashumi amabini eepesenti.  Unxibelelwano kurhulumente, umzekelo, esiNgesini ingafikelela yodwa  kwigcuntswana labantu  abangathanda ukuquka abakudidi oluphakathi  lwabafundileyo abahlala ezidolophini.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

I-Bhodi iyanakana ukuba kukwafuneka iphuhlise obona buchule ukveza nokwakhiwa intetho ekhoyo yamaAfrika. (Kuquka isiBhulu, isiKhoyi, isiSeni nolwimi lwentetho yezandla yaseMzantsi Afrika) kweli lizwe.  Kufuneka iqinisekise ukuba izinga  eliphezulu lwesiNgesi luthathiwe kunye nelwimi zikazwelonke enokuzinika. 

Ngokwenkulelane yeelwimi ukufikelela mbaxa kwimfuno emazilandelwe ngaxesha nye:
* kuzibopha kulwakhiwo okanye ukucacisa ezi lwimi, ku
* phicothe kwaye kwakhe iindlela apho abasebenzisi belwimi ezizalanayo basebenzisa ubuchule bentetho yelwimi ezininzi ukunxibelelana
* besakha iimeko zokwandisa ukusetyenziswa kwezi lwimi.

Ngamanye amazwi, iBhodi iza kwamkela ulwakhiwo lomsebenzi kanye kwiilwimi ezithile iphinde ifundise ulwakhiwo, olwakha ubuchule bokunxibelelana (okunje ngokutolika, ukuchaza, inkqubo yokufunda iilwimi njalo-njalo). Injongo yethu isoloko iyileyo yokwandisa intetho yelwimi zobuchule zonxibelelwano kunokwandisa uthintelo lwelwimi ebantwini.

Xa umgaqo-siseko utyumbe iilwimi ezilishumi elinanye emazisetyenziswe, kufuneka siqonde ukuba oku kuvela ngaphandle kwindlela zakudala ezatyumba iilwimi ezilishumi elinanye  zase-Afrika, kwaye banikwe ixesha elimbalwa lasemthethweni lokunakana. Isidima esisemthethweni selwimi ezilithoba sandiswa kumgangatho kazwelonke, sidityaniswa kwezi mbini iilwimi zangaphambili ezisemthethweni (isiBhulu nesiNgesi). Obu buchule bungatsala ukukhathazeka kwikamva elizayo kunye nengcaphukelo kwilwimi zamabandla atyumba ngokuqinisekileyo kwilwimi, abakholelwa ukuba lwahlukile kwezinye iilwimi ezinesidima nezisemthethweni. Indawo yeBhodi kukuba inakane kwaye 

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ixhase ukusetyenziswa nokwakhiwa kolwimi ngalunye eMzantsi Afrika, kuba ulwimi ngalunye kunye namabandla bubutyebi obubalulekileyo bukazwelonke emabunakanwe, buxhaswe.  Ngaxeshanye indima yeBhodi kukuqinisekisa ukuba  ekunyusweni kolwimi lweentetho ezininzi, inyusa izinga lokusebenzisana nokwenza lula unxibelelwano, ingakhuthazanga ukhuphiswano lwamalwimi, nokwahlula-hlula okanye ukohlula.

Ibhodi iza kuxela ukuba zingaphi iilwimi ezingenasidima sisemthethweni emazifumane ukunakanwa kunye nokunyuselwa.  Inxaxheba yethu kukucacisa ukwenziwa komsebenzi nexabiso lwalo ngalunye ulwimi kwimo enxibelelanayo nezinye. Ukugqalisa kwizintlu zokwakheka kolwimi okanye isidima "esisemthethweni" solwimi esiphikisana "nesingekho" mthethweni esinokuncedisa kubume, ukukhulisa intetho yelwimi ezininzi okanye ulawulo ngokomelo. I-Bhodi ikholelwa ekunyusweni kwelwimi zonke, ukusetyenziswa kwazo kunye nolwakhiwo, iya kuba nako ukuxhasa ulawulo ngokomelo kunye namalungelo olwimi lwebandla ngalinye.  I-Bhodi iqaphela ukuba kukho uxanduva olubekwa ngumgaqo-siseko kazwelonke nakumaphondo lokunyuswa kwesidima nokuqhubela phambili ukusetyenziswa kwelwimi ezisemthethweni ezazijongelwe phantsi ngaphambili. Ukuze oku kwenzeke kufuneka ukuba uRhulumente azise ngaphambili ubuchwepheshe obufunekayo.

Injongo ye-PANSLAB kukukhuthaza imeko apho amanqanaba kaRhulumente kwakunye nawasekuhlaleni anomdla ekuphuhlisweni kolwimi, ukusetyenziswa kweelwimi nokubona ngasolinye. Injongo enye kukuqinisekisa ukuba ubiqili kwakunye namalungelo alo ngalunye ulwimi asetyenziswa kangangoko kuwo wonke umgangatho wasekuhlaleni. Ukufezekisa oku, I-PANSALB ayiziboni isanyiselela eminye imibutho ejongene nelwimi kwaye ingazimiselanga ukuzinika uxanduva lokunikezela uqeqesho ngokuthathela kuyo amandla. Izibona 

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ikhankasela ukumiliselwa kwemeko apho kungabakho ukuthethwa kweelwimi ezininzi.

4. UKUZIQHELANISA NENKQUBO YEELWIMI 

Ulonyulo lwentetho  yelwimi ngaphezulu  kwelwimi eyodwa, kunye nendlela yesidima esilinganayo seelwimi ezilishumi elinanye,  sisa phambili inkcazelo zenkqubo yolwimi. U-Ruiz (1984 kunye  no1988) unika indlela yokulolonga  iilwimi ngendlela ezintathu ezahlukeneyo, ukuzichaza ilwimi njengengxaki, ulwimi  njengelungelo, kwakunye nolwimi njengobutyebi.  Iincutshe zolwakhiwo lwimi e-Afrika zikhangela futhi kulolongo lolwimi.  Ulolongo lolwimi njengelungelo  kunye nolwimi njengobutyebi  bukwinkcazelo elandelayo i-Francophone kunye ne Anglophone e-Afrika.  Ubukrelekrele obuxhaphakileyo kumsebenzi ka-Akinasso, uBmgbose, uChumbow, uElube, uDjite, uMateene, uPrah, kunye noTripathi  phakathi kwabanye, kukuba ubutyebi obunokunikwa ziilwimi zase-Afrika, kufuneka butyhilwe kwaye bukhuliswe khona ukuze abantu beli lizwe babenako ukuthatha imiyalelo kwimimiselo yabo. 

4.1 ULWIMI NJENGENGXAKI

Oku kuziqhelanisa kukho kuluntu apho indlela ekucingwa ngayo ngabantu abathile yahlukaniswayo kwaye okanye yamkelwayo.  Impendulo ngokwenyani kwilwimi zentetho ezininzi  kukunyusa inkqubo yelwimi entsusa yayo ikwintetho yolwimi eyodwa, i.e.  ukuphakanyiswa kwelwimi zodidi olulodwa. UmZantsi Afrika uvela nje kwixeshana elinobude  beyantlukwano  kunye  nenkqubo yelwimi ezintsusa esuka kumbono wokuba iilwimi  ngaphandle kwesiBhulu  nesiNgesi ziyingxaki.  Ngethuba labantu abakhethiweyo elitsha, ulwimi njengengxaki luqhubekile ukubakho.
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

4.2 ILWIMI NJENGELUNGELO

Le ngcamango ihambiselana noluntu olucinga kuphela ngokulingana.  Umgaqo-siseko wethu usinyanzela ukuba siphuhlise inkqubo yeelwimi kwakunye nocwangiso olukhokhelwa yilembono. Umba wolwimi njengelungelo ubalulekile kwaye yenye yezinto ezifanele ukuba zijongisiswe ngokubanzi ngenxa yembali nokovuyavuywa kwamalungelo abantu. Enye yendlela zokuqinisekisa ukuba amalungelo elwimi akhuselekile kukuba kujongwe ulwimi kuzo zozibini imbono zokuba ililungelo kwakunye nobutyebi.

4.3 ILWIMI NJENGOBUTYEBI

Le imbono ihambisana nendlela yokunxibelelana apho iilwimi zibonwa ngokuhlalisana okunxibeleleneyo. Ixabiso lolwimi kunye nendawo oluthethwa kuyo lobonwa luyinto enye. Ukubonwa kolwimi njengobutyebi buquka ulwimi njengelungelo. Umbono othi ulwimi bubutyebi beSizwe uhambisana ncakasana nokusetyenziswa kolwimi okanye ukuthethwa kolwimi.

5 INDLELA YOKUJONGA IZINTO/UMBONO

Asinamathidala ukutsho  ukuba imbono efanele ukuba ilandelwe NguMzantsi Afrika yileyo equka kokubini ukujongwa kolwimi njengelungelo kwakunye nobutyebi.

Umgaqo kwakunye nokucwangciswa kolwimi kufanele ukuba ulandele lombono-mbini wolwimi njengelungelo kwakunye nobutyebi.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

* Ivume ukuba kukho ulwazi nobuchule obukhona kuzo zonke iilwimi
* Isukele ekuvumeni ukuba imizamo iyakuthathwa yofikelela nokufunda nokukhulisa olu lwazi ukuze kuxhamle intlalo yoluntu.
* Kuvule kwaye kunabise amandla azo zonke imeko zokunxulumana kwe ngingqi.
* Kusebenzise yonke imizekelo yehlabathi yokunxibelelana ngaphaya kwemida
* Kukhulise unxibelelwano olunokucingelana nokufikeleleka ukuze kuphumeze injongo zelizwe zokunxibelelana nehlabathi.

5.1 Indlela esetyenziswayo kwintetho yeelwimi  ezininzi

I-PANSALB iyawuqonda umsebenzi wentetho yeelwimi ezininzi kulawulomelo olungenamkhethe. Akuvumelekanga eMzantsi Afrika ukusetyenziswa kwalo naluphi na ulwimi ngezizathu zobuhlobo ezolawulomelo kunye nezoqoqosho, i-PANSALB ilithatha ngokuba eli gama lithetha abantu abasebenzisa iilwimi ezahlukehlukeneyo, nezikwindawo ezahlukeneyo elizweni. Ngoko ke, yenza umsebenzi ovakalayo ekusetyenzisweni kolwimi olufanelekileyo xa kuthungelwana. Ngamanye amazwi, oku kuthetha ukuba urhulumente ufuna ukukhetha olona lwimi lufanelekileyo olusetyenziswayo kunxibelelwano, kuxhomekeka ukuba nguwuphi na umphulaphuli okhoyo.  Oku akuthethi ukuba urhulumente kufuneke asebenzise iilwimi ezilishumi elinanye ngalo lonke ixesha enxibelelana nabantu.

Ukucacisa oku ngokupheleleyo: ukuba Isebe lezeMpilo lifuna ukwenza impembelelo zeNgculaza, indlela esetyenziswayo yentetho yelwimi ezininzi ingakukhuphela ecaleni ukusetyenziswa kolwimi olunye ukugqithisa ulwazi elizweni liphela. Kufuneka ilusasaze olu lwazi kulwimi 
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ngalunye olusetyenziswayo, lokuqala ukunxibelelana kweli lizwe, kodwa ikwenze oko ngendlela ebonisa indlela efanelekileyo kwilizwe ngalinye. Oko kukuthi mhlawumbi isithili sase-Mier eMntla-Koloni sifanele ukuba sifumane ulwazi ngesi-Bhulu logama eso sase Willowvale kwiMpuma Koloni, sifanele sifumane ulwazi ngesiXhosa ukuze umntla KwaZulu-Natal ulufumane ngesi-Zulu.

Ngokwasekuhlaleni jikelele ukuba ukusetyenziswa kwentetho yelwimi ezininzi ibisengelana kuhlelo lokuphuhlisa ezoqoqosho, ngeyikhomba ukuba iilwimi ezisetyenziswa zeziphi, nini, nokuba yeyiphi esetyenziswayo ngexa ngalinye. Ingathelekisa ukuba loluphi ulwimi olusebenziseka ngobuchule kuziphi imeko. Ingabonisa ukuba luluphi na uphando ekufuneka lwenziwe ukuze kuphuculwe ukusetyenziswa kweelwimi ngobuchule, kwaye ingabonisa ukuba zeziphi ezinye ilwimi ezingavuna kulemeko.

Ukusetyenziswa kolwimi kuyatshintsa ngokwemfuno, nokuba zikwimbono okanye hayi. Iziphumo kukuba imeko ekukuyo yokusetyenziswa kolwimi ayinakusoloko ime kwindawo enye nokuba nasekubeni kungekho lucwangciso loku. Kodwa ke imisebenzi yocwangciso lwelwimi enxibelelanayo nophuhliso lwelizwe kunye noqoqosho zinako ukukhulisa ukusetyenziswa kweelwimi ngendlela ecacileyo kwaye ezingazuzayo kuyo.  Ukwenza oku kukhulisa ixabiso lokusetyenziswa kolwimi eyiyona nto ingaqinisekisisa ukuba amalungelo olwimi kwindawo zasekuhlaleni akhuseleke ngendlela enika ubunganga.

Enye yezinto ezibalulekileyo ekusetyenzisweni kwelwimi ezininzi kukuba ifuna ucwangciso olululo. Uloyiko lokuba oku kungakhokelela ekuphinda-phindweni 
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

kokusetyenziswa kwelwimi lusekelwe ekungaqondini kwalo mba. Zakuba zicacisiwe ezona njongo ziphambili, iinkqubo eziza kulandelwa kunye namaxesha acacisiweyo kule ndlela. Ukuphuculwa kwezo lwimi ezinqatyelwe ukuxhamla kwimeko zobunzululwazi kunye nobuchwephesha kwihlabathi kwakunye nakwezoqoqosho zengingqi nozwelonke zifaneleke ukuba zinikwe ilungelo eliphambili. Inkonzo yelwimi nokupapashwa kwamaxwebu kufuneka lulungiswe ngokutsha ukuze lube nako ukufikeleleka kuzo zonke ilwimi ezinxulumene nabo kujoliswe kubo. Ngamanye amazwi amaxwebhu kufanelwe abhalwe ngendlela ethe ngqo nefikelelekayo kwaye zitolikwe okanye amagqabantshintshi atolikiweyo abenokufumaneka xa efuneka nalapho abonakala efuneka khona.

6. Intetho yelwimi ezininzi

Amazwe angama-200 asebenzisa iilwimi eziqikelelwa kuma-6000.  Oku kubonakalisa ukuba ukuthethwa kwelwimi ezininzi kuyinto eyenzekayo kwilizwe lonke jikelele, nangona uDavid Crystal ebonakalisa ukuba: Ingcamango yokuba ukuthethwa kweelwimi ezininzi akuxhaphakanga, yimbono nje ekhuthazwa ziinkqubo zezirhulumente: ngaphantsi kwamashumi amabini anesihlanu ekhulwini, amazwe ehlabathi anika inqgalelo kwilwimi ezimbini kuphela,  kwaye mathandathu kuphela anika ingqalelo kwilwimi ezingaphezulu kwesithathu.  U-(Crystal 1987: 360) no Ingrid Gogolin ( 1993) bakhomba ukuthethwa kolwimi olunye jikelele njengembono ephambili kumazwe aseNtshona. Impumelelo kwezopolitiko, uqoqosho kunye nasemkhosini kwamazwe aseNtshona kukhokele ekunyanzeliseni kokuthethwa kolwimi olunye kulawo mazwe ebefudula ephantsi kwala. Ukuthethwa kwelwimi ezininzi okuluxanduva oluthwaliswe I-PANSLAB lunokuqondwa xa luthelekiswa nenzame zokukhuthazwa kokuthethwa kolwimi olunye kwakunye nemeko zokuthethwa kwelwimi okukhuthazwa yi-PANSLAB.
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

(ucalucalulo ngokolwimi). ( ku Skutuab-Kanpas 1988).

UmZantsi Afrika ukweyona mo ingaqhelekanga kuba unelwimi ezininzi ezisemthethweni kuzwelonke kunalo naliphi na elinye ilizwe. Umgaqo-siseko unyanzelisa urhulumente ukuba aphumeze lo mgangatho usemthethweni kwaye asebenzise iBhodi ukukhuthaza intlonipho yazo zonke ilwimi kunye nokuthethwa kwelwimi ezininzi nokuphuhliswa kweelwimi jikelele. Olu xanduva lubeka uMzantsi Afrika kwindawo ephambili kwihlabathi liphela ekuphuhlisweni kwenkqubo yeelwimi, oku kunika umdla wokuhlahla indlela kwihlabathi jikelele.

6.1 Intetho yelwimi ezininzi eMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika, njengamanye amazwe, uthetha ilwimi ezininzi, oko kuthetha ukuba iilwimi ezininzi ziyasetyenziswa kakhulu ngaphezulu kolwimi olunye, abantu abaninzi bayakwazi ukusebenzisa iilwimi zibe ninzi.  Iintsomi ezininzi kunye nokuqonda kakubi kwandele ngelwimi kunye nabantu abazisebenzisayo kweli lizwe, kwaye iyakuba yeminye yemisebenzi ye PANSLAB ukubuyisa ixabiso elililo, nokusetyenziswa kwelwimi ezininzi kwilizwe lethu. Abaninzi kwabo bathetha ilwimi ezininzi eziyinkulelane kweli lizwe, ekhaya nakwimimandla esondeleyo.

Ukusetyenziswa kolwimi kwi-Afrika iphela, kunezinto ezifanayo nezoMzantsi Afrika. (Abantu bakhuthazwa ukuba bafunde ezinye ilwimi xa bethetha ngokukhuthazwa zizizathu ezinxulumene nezorhwebo nemisebenzi yezoqoqosho). Ilwimi ezisetyenziswa kakhulu zidla ngokuba zibe zezonxibelelwano. Zininzi ilwimi zonxibelelwano kwelaseAfrika ezinjengesi Arabhu, isiSwahili, isiHausa , isiFulfulde, isiKanuri, isiKikongo, 

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ezizinqumla imida kwaye zisetyenziswa kurhwebo nobambiswano lwengingqi.

Ilwimi eziyinkulelane kweli kunye nezisemthethweni zisetyenziswa njengezonxibelelwano kuyo yonke ingingqi yamaZantsi eAfrika. Umzekelo: isiNdebele, sisetyenziswa kakhulu eZimbabwe nakumantla oMzantsi Afrika kwaye siyaviwa ngabathetha ezinye ilwimi zesiNguni (isiZulu sinakho ukusetyenziswa njengolwimi lonxibelelwano eMzantsi Afrika njengoko sisetyenziswa nga 70% oluntu nangona abazinzalelwane zolu lwimi bengama 22% kuphela). I-Sitswana silulwimi oluphambili kwelaseBotswana kwaye sithethwa kakhulu kumaPhondo amabini eMzantsi Afrika. Isi-Xitsonga sithethwa eMozambique kwakunye nase Mzantsi Afrika. Isi-Bhulu siyintetho yemihla ngemihla eNamibia kwakunye naseMntla Koloni, kwaye siyasebenza nakwamanye amaphondo eloMzantsi Afrika. Okusenyanisweni ulwimi ngalunye olusemthethweni eMzantsi Afrika luyathethwa okanye luviwe nakwezinye indawo kwingingqi yaseMazantsi eAfrika, yiyo lonto lungasebenza njengolwimi lonxibelelwano.

6.2 Ukuthethwa kolwimi olunye kusengelaphantsi

Kukho inani elivakalayo lwabantu olusebenzisa ezilwimi kuwo onke aMazantsi e-Afrika ngenjongo zorhwebo kuwo omabini amahlelo asekuhlaleni kunye nakwinginqgi kwezoqoqosho. Kwelinye icala abo bathatha inxaxheba kumanqanaba aphezulu ezoqoqosho lwelizwe badla ngokuthetha isiNgesi inxalenye ibesisiBhulu okanye bathethe isiFrench nesiPhuthukezi kwamanye amazwe aseAfrika.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

Ukwenziwa amathanga kwamazwe kweza nemeko ezahlukileyo zokugcina abo boyisiweyo becinezelwe. Enye yezixhobo kukuthethwa kolwimi. Abantu abanako ukuba bahlulelane ngolawulo xa bengena kufikelela kulwimi olusetyenziswa ngabo baselulawulweni. Kwelase Afrika ilwimi eziyinkulelane zikhe zamana ukusetyenziswa ukuvavanya ulawulo ngokwamathanga. Ngokuhambiselana nenkqubo yamathanga ingcamango zaseNtshona, ubunzululwazi kwakunye nobuchwephesha, ezonyango nezoqoqosho lwalamazwe luthatyathelwe phezulu. Ulwazi olunengcambu, ubunzululwazi, ezonyango, kunye noqoqosho lwasemakhaya luthe kule meko lwaphelelwa sisidima lwaza lwafihlakala. Zifihlekele kwilwimi zasemakhaya, ezazihlelelekile kwimisebenzi yezinga eliphezulu losomathanga nabahambisana nabo. Ngokukhwankqisayo abo bathetha iilwimi zamazwe ngamazwe, nangona bethetha ulwimi olunye, kodwa abo bathetha ilwimi ezininzi zase-Afrika abakhange banikwe ngqalelo ngezipho zabo zokuthetha nolwazi. Abantetho zamazwe ngamazwe eAfrika abazange babone sizathu sokuthetha ilwimi zasemakhaya.

6.3 Ixabiso lokuthetha ilwimi ezininzi

Umgaqo-siseko unikezela ithuba lokubanga ixabiso lokuthetha ilwimi ezininzi eMzantsi Afrika ngkwenza njalo siphinde fumanise ulwazi olufihlakeleyo. Le ndlela ingawunceda ngendlela ezininzi uMzantsi Afrika uwonke.

Iziphiwo zabo bantu banako ukufikelela kulwazi lomthonyama kwakunye nelwimi kuquka nentetho yezandla abo banakho ukuthetha ilwimi ezininzi ziyakuphinda zixabiseke.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

Imeko ephikisana noku naleyo ibe ixatyisiwe ngabantetho isisiNgesi, nangona bethetha ulwimi olunye okanye izakhono zabo ziphelela kubunzululwazi nobuchwephesha baseNtshona, lwakuziswa kwimo ekhangele zonke inkalo neyamkela lonke ulwazi nezakhono zokunxibelelana. Ingcingane yokuba abo bangachwebeleziyo kwisiNgesi abazinto iyakulahlwa kwesinomhlwa njengoko sihambela phambili ukuya kwintlalo esekelwe kumbono wentatho nxaxheba kawonke-wonke, apho iyantlukwano yamkelekileyo ukunxibelelana kwasekuhlaleni kwaye ulwazi olohlukeneyo lukhuthazwa.

Ukukhuthazwa kokuthethwa kwelwimi ezininzi kunikezela ithuba lokuthatha inxaxheba kwimibandela yelizwe-jikelele njengoko iziphumo zoku zingakhokelela ekufundweni kwelwimi zonxibelelwano ngenjongo zorhwebo kunye nonxibelelwano lwelizwe jikelele. Umzekelo, ifanale ukuba ikhokelele ekujongweni kwesiPhuthukezi, isiFrench, isiSwahili, isiArabhu, nesiHausa njengelwimi zorhwebo kunye nobambiswano kwi Afrika.

Uphando olwenziweyo kweli lizwe kwiminyaka yo-1930 no-1940 lubonakalisa ukuba abantu abathetha ilwimi ezimbini banokunyamezelana kwaye banokuzuza impumelelo ezifundweni. Olu phando luhleli lungaqatshelwanga kangangesiqingatha seminyaka elikhulu. Ngoku sele luxhaswa ziziphumo zophando olwenziwe kumazwe ase Mntla Amerika, eAustralia, eIndia kwakunye nase Scandinavia. Oko kukuthi kuzo zombini imbono zokuhlala okuhlangeneyo kunye nezemfundo ukukhuthazwa kokuthethwa kwelwimi ezininzi kunganemiphumela ebalulekileyo kuwo wonke uMzantsi Afrika.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi


6.4	Unxibelelwano phakathi kokuthetha ilwimi ezininzi nocwangciso lokuphuhliswa kwesizwe.

Ukuqulunqwa komgaqo nqkubo wolwimi wesizwe kunye nokumiliselwa kwawo kufanele ukuba kube yinxalenye yocwaningo lokuphuhliswa kwesizwe. Izifundiswa ( umzekelo uTripathi 1990, uAkinnaso 1991 kunye no Siatchitema 1992) abahlahlele inkqubo nokumiliselwa kwawo kweli lizwekazi bakhombisa ukungevani apho inkqubo yolwimi kwezemfundo azihlangani nezo zocwangciso lokuphuhliswa kwelizwe. Okudla ngokwenzeka kukuba ucwangciso lwelizwe lujongele phantsi ulwimi kwezemfundo njengoko kusenzeka kumazwe aseAfrika apho ukusetyenziswa kwelwimi zomthonyama kwezemfundo kusengelwa phantsi ukugxininisa imfuneko yokuba abafundi bagqwese kulwimi losomathanga ukuze ufumane isithuba kwezopolitiko noqoqosho lukazwelonke.

Izifundiswa ezithile kweli lizwekazi zibonakalise unxulumano phakathi kokusilela kweAfrika kwezophuhliso kunye nokusetyeziswa kwenkqubo zelwimi ezinemibono zase Ntshona nezithi zinganaki ukuthethwa kwelwimi ezininzi nokuyi ntlala isenzeka kwelizwekazi (umzekelo Djite 1993). Zikwabonakalisa ukunxibelelana phakathi kolwabiwo loncedo kwakunye nenkqubo ezigxininisa ukuthetha kolwimi olunye kwezemfundo. Amanye amazwe eAfrika angumzekelo kuthi ngenxa yembono nexabiso  elabekwa kwilwimi zaseAfrika, kodwa ezi nkqubo zanikezela kwiminqweno yokuthetha ulwimi olunye esekelezelwe kwinkqubo zase Ntshona zophuhliso kunye noncedo. Ukuba lamazwe ayekwazile ukuvuma kwaye asebenzise ixabiso elikumongo welwimi zaseAfrika, ukusebenza kwelwimi zawo ngekunomahluko.
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

7.	Ukwakha umkhanyi

Umthetho wePANSALB sisiboniso sokuba kukhona ukuzinikezela ekucaciseni nasekulandeleni inkqubo yelwimi kwakunye nokucwangcisa okuhlanganisa onke amacandelo asekuhlaleni okusenza sibe ngaphambili kwamanye amazwe. Sinamathuba ongezelelekileyo kuba thina sinako ukufunda kwindlela ezikhe zahanjwa kwezinye iindawo. Kukho indlela ezithile ezifuneka zilandelwe xa kucaciswa naxa kumiliselwa inkqubo nezicwangciso ezingasebenzayo.

7.1 Ukukhiwa komqaqo kunye nendlela zokucwangcisa.

Ezi zikhokhelo kufuneka zilandelwe ukuze kukwazeke ukumiliselwa kwenkqubo enakho ukusebenziseka:

* Kucaciswe umgaqo sikhokhelo wenkqubo yeelwimi njengoko kwenziwe kuMgaqo-Siseko.
* Kucatshulwe ukuze kuchazwe inkqubo yelwimi esekelwe kule migaqo sikhokhelo
* Kukhethwe umzekelo wocwangciso onganakho ukumilisela lemigaqo sikhokhelo
* Kuchazwe imida yoku
* Kuzotywe izicwangciso zokumilisela okuquka intethonxaxheba ngurhulumente kunye noluntu
* Ukuqinisekisa ukuba inkqubo yolwimi nezicwangciso zinxulumene nezicwangciso zokuphuhliswa kwelizwe
* Ukukhangela izikhubekiso kule ndlela nokulungisa oku
* Ukukhomba amaxesha ekufuneka efikelelekile
* Kwaziswe ngokwaneleyo urhulumente kunye noluntu
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

7.2 Ukuvumelwa ngoxanduva

Isebe le Arts, Culture, Science and Technology (DACST) sele liqalisile ngokukhombisa indlela yesicwangciso zikazwelonke senkqubo yelwimi. Ngelixa lenkqubo iqaliswa bekungekavunyelwana ngomGaqo-Siseko ka 1996 ngakumbi amagatya angezolwimi. Oku kubonisa ukuba ukwabelana ngoxanduva kwakungekacaci njengoko kunjalo ngoku. Kunyanzelekile ngoku ukuba zombini I-PANSLAB kunye ne DACST zixoxisane ngoku ukuze kuphetshwe ukuphinda-phinda kwemisebenzi nokwabelana ngoxanduva okungacingisiswanga.

I-DASCT sele iqalisile ngemisebenzi emibini eluxanduva lukarhulumente lokumilisela isidima esilinganayo nasekusetyenzisweni kwelwimi ezili-11 nezisemthethweni:

* Ukumiliselwa kwephulo lokwazisa, licetyelwa u 1998- 1999
* Ukundulula inkonzo yokutolika ngomnxeba mfonomfono eyakufikeleleka kubo bonke abantu abathetha ilwimi ezisemthethweni kwakunye nezinye ilwimi efanelwe ukunikwa indawo ephambili kunye nenkozo ezingxamisekileyo.

Zombini ezi zinako ukuncedisa urhulumente afezekise uxanduva lwakhe kwaye zifanele ukuba zisekelwe yi PANSALB.

Ngaxalinye urhulumente eseka indlela zokuqinisekisa ukulingana kwelwimi nokusetyenziswa kwazo, indima ye PANSLAB kukuqinisa nokuqalisa ukuseka amaqumrhu asekuhlaleni axhasa ukuphuhliswa kwezakhono zokuthethwa kwelwimi ezininzi ngalo ndlela kugxininiswa 
Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

ukusetyenziswa kwabantu abangathetha ezinye ilwimi ngaphandle kwesiNgesi. Umzekelo, i-PANSALB  izakukhuthaza ukuphuhliswa:

* Kwenkonzo zokutolika ezisekuhlaleni
* Amaxwebhu okufundisa noluncwadi olubhalwe ngelwimi zomthonyama, neziquka zonke ilwimi ezilithoba (9), intetho ngezandla, isiKhoe kunye nesi San.
* Ukusetyenziswa kwelwimi zonxibelelwano kwakunye nezorhwebo kunye nabamelwane bethu
* Unxibelelwano namazwe esimelene nawo ngemisebenzi yokuphuhliswa kwelwimi esahlulahlulelana ngazo ngaphaya kwemida.
* Inkqubo zokwakha izakhono phakathi kwabo bathetha/ basebenzisa ilwimi zomthonyama, ekuqeqesheni nasekuphuhlisweni kwazo
* Amacebo neendlela eziveza ulwazi lwelwimi zomthonyama eMazantsi eAfrika
* Amacebo neendlela zokwakha izakhono phakathi kwakuhlaleni ngokusetyenziswa kwelwimi zomthonyama ukuze zibe luncedo. 

Indawo ezisebenzisa ezi lwimi zasekuhlaleni kufanele ukuba zinikwe amandla kwaye kufuneka zilibone igalelo lolwimi lwazo kwinkalo zonke zokuhlala, ezemfundo, nezoqoqosho khona ukuze ukuthethwa kwelwimi ezininzi, kuthatha iingcambu ngamandla kweli lizwe.

8.	Ekugqibeleni

Isiphetho kukuba I-PANSLAB ifuna ukukhuthaza ukunikwa amandla kwindawo zasekuhlaleni khona ukuze kucace ixabiso lwezilwimi. Ukuthethwa kwelwimi ezininzi kungamila ingcambu xa zonke ilwimi zixatysiwe.

Indawo YE-PANSALB ekuthetheni iilwimi ezininzi

2
INkcazelo
yeKharityhulamu
yeSizwe eHlaziyiweyo
yamaBanga ukusuka ku-
R ukuya kwele-9
(ezikolo)
INkcazelo Jikelele
(ISEBE LEMFUNDO)
Ipapashwe liSebe leMfundo
Sol Plaatje House
123 Schoeman Street
Pretoria
Private Bag X 895
Pretoria
Inombolo yefoni: +27 (12) 312 5911
Ifeksi: +27 (12) 321 6770
Website: http://education.pwv.gov.za
Ilungelo lokushicilela (c) leleSebe leMfundo loMzantsi Afrika
Iikopi zolu papasho zingafumaneka kubongameli: Kunxibelelwano
lweSizwe nolwamaPhondo, iSebe leMfundo, ePitoli.
Inombolo yefoni: (012) 312 5410
ISBN 1-919917-70-5
Gazette no: 23406, Vol 443, May 2002
Olu xwebhu malufundwe njengenxalenye yeNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe yamaBanga R-9.
Le Nkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo iquka:
1. INkcazelo Jikelele
2. IiNkcazelo ngeeNkalo zeziFundo ezisibhozo
INQAKU ELIYA KUMFUNDI
ISebe lemFundo liyazindla ngokwazisa le Nkcazelo yekharityhulamu
yeSizwe eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9
(ezikolo) kwiilwimi ezili-11 zaseburhulumenteni zoMzantsi Afrika.
Inkqubo yenguqulelo intsonkothile kwaya icel'umngeni. Kumaxa
amaninzi isigama nokukhethwa kwamagama kufuneke ukuba
kuphuhliswe ngabantu ebebesebenza ngala maxwebhu. La maxwebhu
avavanywe ngaphandle zingcaphephe.
ISebe lemFundo liwabona la maxwebhu njengesiqalo senkqubo
yokukhulisa nokuphuhlisa iilwimi zethu. Siyabavumela sibakhuthaza
abantu kwimimmandla ukuba bawasebenzise la maxwebhu
njengesiqalo sokuqhubela phambili uphuhliso.

Intshayelelo 1
Isingeniso 2
Imvelaphi 4
UMgaqo-Siseko, ukuxabiseka, ukwakha isizwe ne-
Kharityhulamu 7
UHlobo oluLindelekileyo lomFundi 9
UHlobo oluLindelweyo lweTitshala 9
Isakhiwo seNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo
yeziKolo (AmaBanga R-9) 10
Imigaqo yeNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe 11
Amalungelo oluntu, nobulungisa bentlalo nobobume bemeko
yendawo 11
ImFundo esekeke kwiziPhumo 11
Umgangatho ophezulu wobuchule nolwazi lwabo bonke 13
Ingcaciso nengqiqo 13
Inkqubela-phambili nohlanganiso 14
Isakhiwo nesigama esisetyenziswe kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo 14
Yintoni isiPhumo sesiFundo? 15
Yintoni imiGangatho yokuHlola? 15
Ingaba umGangatho wokuHlola wahluke njani kwisiPhumo
sesiFundo? 16
IiNkqubo zeziFundo 16
INkqubo yesiFundo ngokwesiGaba 17
Izikhokelo zeeNkqubo zeziFundo 17
UlwAbiwo lweXesha 19
UHlolo 20
IsiQinisekiso seMfundo noQeqesho Jikelele 21
i
Iphepha INkcazelo Jikelele
Isiqulatho
Isiqulatho
IiNkalo zeziFundo: IiNkcazelo NeziPhumo 21
IiLwimi 21
INkcazelo 21
IziPhumo 22
IMathematika 23
INkcazelo 23
IziPhumo 24
INzululwazi NgezoBugqi 24
INkcazelo 24
IziPhumo 25
INzululwazi NgezeNtlalo 25
INkcazelo 25
IziPhumo 26
UbuGcisa neNkcubeko 27
INkcazelo 27
IziPhumo 28
IsiFundo NgezoBomi 28
INkcazelo 28
IziPhumo 29
INzululwazi NgezoQoqosho NoLawulo 29
INkcazelo 29
IziPhumo 30
ITeknoloji 30
INkcazelo 30
IziPhumo 31
ii
Iphepha INkcazelo Jikelele
Ukuphuhliswa kwekharityhulamu yesizwe ngumceli-mngeni ongundoqo walo
nasiphina isizwe. Kowona mgangatho waso obanzi, isixokelelwano sethu
semfundo, nekharityulamu yayo, zibonisa uluvo lwethu njengoluntu, nembono
yethu ngohlobo esisibona ngalo isimo esitsha soluntu njengoko kubonakala
kubantwana nakubafundi bethu. Ngokukhetha ekufuneka kukwikharityhulamu,
imbono imele okungundoqo nokuthathwa njengenyaniso koko kuqulathwe
'yimfundo elungileyo' kowona mgangatho unzulu.
Le kharityhulamu ibhalwe ngabantu baseMzantsi Afrika, ibhalelwe abantu
boMzantsi Afrika abayixabisileyo imigaqo nemiqathango yelizwe elilawulwa
yintando yesininzi. Iqulathe imbono yethu, yeetitshala nabafundi abanolwazi
kumacala amaninzi, ukuvakalelwa kwizimo zemeko yendawo, baze babe nakho
ukunika iimpendulo nokusebenza ngemiceli-mngeni esiya kuba sisajongene
nayo kule nkulungwane yama-21.
Kodwa kufuneka sibonakalise izinto njengoko zinjalo, ngokunokuphunyezwa
nangokungenakuphunyezwa yikharityhulamu. Ukungalingani nobuhlwempu
buseyingxaki kumava emfundo eentsapho ezininzi nabantwana bazo.
Ikharityhulamu itolikwa, yaye itolikelwa ukuze imiselwe njengomthetho
kwiimeko ezahlukileyo. Siya kuyiphucula size siyizalisekise kangangoko
sinakho. Kwakhona siya kwenza eyona migudu enzima ukuze sibe nakho
ukuphuhlisa injongo yayo, ngokubhekisele kuyo yonke imiba ebandakanya
ukufunda nokufundisa.
Oku kufuna ukuzinikezela nokuthatha inxaxheba kwabo bonke abo
basebenzela imfundo. Sifuna intsebenziswano epheleleyo kaRhulumente,
abazali, ootitshala, abafundi noluntu ngokubanzi. Ndinethemba lokuba le
Nkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziweyo iya kudibanisa iimbono eziya
kukhulisa loo ntsebenziswano.
UNJINGALWAZI UKADER ASMAL, MP
UMPHATHISWA WEZEMFUNDO
1
Iphepha INkcazelo Jikelele
Intshayelelo
Intshayelelo
Kwintlanganiso yayo eyodwa yomhla we-12 kuSeptemba 1997, iiNtloko
zeeKomiti zamaSebe eMfundo zenza izindululo zoYilo lweNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe lwamaBanga ukusuka kuR ukuya kwele-9, ukuba
zifumane iMvume yoMphathiswa. Zagqithiselwa zaze zavunywa liBhunga
labaPhathiswa beMfundo kwintlanganiso yalo yomhla wama-29 Septemba 1997
njengamaxwebhu amathathu ahlukeneyo eenkqubo zeBakala elisiSeko,
zeBakala eliPhakathi nezeBakala eliPhakamileyo.
Kwintlanganiso yalo kaJuni 2000, iBhunga labaPhathiswa beMfundo lavuma
ukuba iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe yamaBanga R-9 (ezikolo) kufuneka
ihlaziywe ngokwezindululo zeNgxelo yeKomiti yeziGxeko-Ncomo (31 kuMeyi
2000) ukufezekisa nokomeleza iKharityhulamu 2005.
IKomiti yeziGxeko-Ncomo yokufezekisa nokomeleza iKharityhulamu 2005
yazinziswa ukwenza lo msebenzi. Inkqubo yokuhlaziya yaqala ngoJanyuwari
ka2001 ngabaphuhlisi bekharityhulamu abali-150 abavela kuluntu lwemfundo.
Ngomhla wama-30 kuJulayi uyilo lweNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9 yanikezelwa kuwonkewonke
kangangenyanga ezintathu ukuba aphawule. NgoNovemba kwabanjwa
iingxoxo ngekharityhulamu nowonke-wonke. Emva kokufunyanwa nokuhlalutywa
kwamagqabantshintshi neengxoxo zikawonke-wonke amaqela
abasebenzi eKomiti yeziGxeko-ncomo aphinda ahlangana ngoDisemba 2001
ukuza kubandakanya iinguqulelo ezicetyisiweyo ukuphucula uyilo lwekharityhulamu.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo sisiphumo salo
nkqubo.
Olu xwebhu neeNkcazelo zeeNkalo zeziFundo ezisibhozo ezipapashwe
njengesongezo ziqulethe isiseko seNkcazelo yeKharityhulamu eHlaziyiweyo
yamaBanga ukusuka kuR ukuya kwele-9 (ezikolo). INkcazelo yeKharityhulamu
yeSizwe yamaBanga ukusuka kuR ukuya kwele-9 iza kuthatha indawo
yeKharityhulamu yeSizwe eyavunywa ngo1997 xa ithe yaziswa kwisixokelelwano.
Indlela eluqilima nokuthatha inxaxheba kuzalisekiso nenkqubo iza kuqulunqwa
nabasebenzisana kwezentlalo ukuqinisekisa ukwazisa ukuyimpumelelo
kweNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka
ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo).
2
Iphepha INkcazelo Jikelele
Isingeniso
Isingeniso
Umgaqo wokuhlola okhoyo wama-23 kaDisemba 1998 (Iphepha-ndaba
lombuso 19640), noMgaqo weMfundo woLwimi womhla we-14 kaJulayi 1997
(Iphepha-ndaba lombuso 17997) kufuneka ufundwe kunye neNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka ku-R ukuya
kwele-9 (ezikolo). UMgaqo wohlolo nawo kufuneka ufundwe kunye necandelo
elisemxholweni leNkcazelo yesiFundo ngasinye. Kude kube ngumnyaka
ka2008 umgaqo okhoyo onxulumene nesiqinisekiso useza kusetyenziswa. Emva
koko isiQinisekiso seMfundo noQeqesho Jikelele esilungelelaniswe neNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo siya kuqala ukusebenza. IsiQinisekiso
seMfundo noQeqesho Jikelele semfundo esisinyanzelo sisiqinisekiso esipheleleyo
sezikolo esisekeke ekubeni ziziphi iziphumo zesifundo eziphunyelelweyo
ngemigangatho yokuhlola yeBanga lesi-9.
THAMI MSELEKU
UMLAWULI JIKELELE
3
Iphepha INkcazelo Jikelele
4
Iphepha INkcazelo Jikelele
URhulumente woMzantsi Afrika wesizwe esilawulwa yintando yesininzi
wafumana isixokelelwano semfundo ecalulayo nengalinganiyo. Phantsi
korhulumente wocalu-calulo, uMzantsi Afrika wawunamasebe emfundo
alishumi elinethoba ahlukene ngokobuhlanga, ngokwemimandla nangeendlela
abaci-nga ngazo abantu. Esi sixokelelwano semfundo sasilungiselela abantwana
kwizikhundla ezahlukeneyo abamele ukuba bazithathe kubomi bentlalo,
boqoqosho nobopolitiko phantsi kocalu-calulo. Kwisebe ngalinye, ikharityhulamu
yayidlala indima enkulu ekomelezeni ukungalingani. Into ebebeyifundiswa
abantwana, indlela ebebeyifundiswa ngayo nokungafundiswa kwabo,
yayahluke ngokweendima ekulindeleke ukuba bazidlale kuluntu lwabo
ngokubanzi.
Ukuguqulwa kweKharityhulamu emva kombuso wocalu-calulo kuMzantsi
Afrika omtsha kuqale ngokukhawuleza emva konyulo luka-1994, wakuba
uMbutho weSizwe weMfundo noQeqesho uqalise inkqubo yohlaziyo lwesilabhasi
nengqiqo yezifundo. Injongo yale nkqubo yayikukumisa isiseko esinye
sombilini wesilabhasi yeSizwe. Ukongeza kwingqiqo nokudityaniswa kwesilabhasi
ekhoyo, abaqulunqi bekharityhulamu boMbutho weSizwe weMfundo
noQeqesho, badoncula neengcambu ubuhlanga nolwimi olungenamvakalelo
kwisilabhasi ekhoyo. Okokuqala izigqibo ngekharityhulamu zenziwa
ngokuthatha inxaxheba nokuba nabameli. Kodwa inkqubo yayingazange ibe
nanjongo yokokuba ikharityhulamu ibe yinkqubo yophuhliso.
Uxwebhu ngeSakhelo seKharityhulamu yeSizwe seMfundo yobomi bonke (ka
1996) lwaba yinkcazelo yekharityhulamu yokuqala engundoqo yesizwe
soMzantsi Afrika esilawulwa yintando yesininzi. Lwenziwa ngokwemigaqo
ethatyathwe kwi " White Paper" yeMfundo noQeqesho (1995) noMthetho wa-
58 weziQinisekiso zoMzantsi Afrika (1995) noMthetho woMgaqo weMfundo
yeSizwe (inombolo yama- 27 ka1996). Ngokwe "White Paper" kugxininiswa
isidingo seenguqulelo ezininzi kwimfundo noqeqesho eMzantsi Afrika
ukwenzela ukulungisa nokuguqula ukufundisa nokufunda eMzantsi Afrika.
Lugxininise kwakho kwisidingo sokuguqula inkqubo yeenjongo ezindala zibe
yimfundo esekeke kwiziphumo. Iphucula le mbono:
Umanyano lwesizwe esilawulwa yintando yesininzi oluyimpumelelo
nesizwe esikhuphisana ngokwamazwe ngamazwe esinabemi abafundileyo,
abayilayo, abahluzayo abaphila ubomi obunemfezeko nemveliso.
Imvelaphi
Imvelaphi
UMthetho woMgaqo weMfundo yeSizwe (wama- 27 ka 1996) unike uphuhliso
lwezi zixhobo zilandelayo zokuyila lwekharityhulamu ukuxhasa inkqubo
yemfundo esekeke kwiziphumo:
?Iziphumo ezingundoqo ezidibene ngokwezifundo (ezibizwe ekugqibeleni
njengeziphumo ezingundoqo neziphumo ezakhayo kwaye eziqale
ukucaciswa kuMthetho weBhunga leziQinisekiso zoMzantsi Afrika
ka1995.
?Iziphumo eziqondileyo.
?Uluhlu lweenkcazelo ngomakwenziwe.
?Imilinganiselo yokuhlola.
?Izikhomba-ndlela.
?Ixesha lokusebenza nexesha elisetyenziswa ngokuzikhethela.
?Uhlolo oluzingileyo, ukurekhodisha, nokunika ingxelo.
Izongeza zezixhobo zokuyila zekharityhulamu zenziwa kwiminyaka elandelelanayo
ukuquka:
?Iinxulumaniso-zigaba
?Iinxulumaniso-nkqubo
?Imigangatho yokulindela kokwenziwayo
?IiNkqubo zeziFundo
Ngo-Okthobha 1997, iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe yamaBanga ukusuka
ku-R ukuya kwele-9 yapapashwa kwiSazizo sikaRhulumente se-1445. UMgaqo
woHlolo kwiBakala leMfundo noQeqesho Jikelele lamaBanga ukusuka ku-R
ukuya kwele-9 nesiSeko sabaDala noQeqesho waqaliswa ngoDisemba ka-1998
(umMiselo 1964). IKharityhulamu 2005 yaqaliswa ezikolweni ngo1998, kwaze
ngo2000 ukuzalisekiswa kwayo kwacingisiswa kwakhona yiKomiti enyulwe
nguMphathiswa. Isishwankathelo sesiGxeko-Ncomo saba sisakhiwo noyilo
lwekharityhulamu, ukuphuhliswa, ukuqeqeshwa nokuqheliswa kootitshala,
izixhobo zokufunda, inkxaso yephondo yootitshala ezikolweni namaxesha ozalisekiso.
IKomiti yeziGxeko-Ncomo enyulwe nguMphathiswa yazisa ingxelo
yayo ngomhla wama-31 kuMeyi 2000.
IKomiti yeziGxeko-Ncomo yandulula ukuba ekomelezweni kwekharityhulamu
kufuneka kuncitshiswe iimpawu zayo zoyilo nokwenza lula ulwimi lwayo
ngokuvelisa iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe elungisiweyo. Indulule
kwakho ukuba iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo kufuneka
5
Iphepha INkcazelo Jikelele
6
Iphepha INkcazelo Jikelele
inciphise iimpawu zoyilo zekharityhulamu ukusuka kwisibhozo ukuya
kwisithathu: Iziphumo ezingundoqo nezakhayo, iziphumo zezifundo nemigangatho
yokuhlola. Kufuneka kwakho ilungelelanise ikharityhulamu nohlolo.
Ukongeza kwizindululo ukuzalisekiswa kwekharityhulamu kufuna
ukomelezwa ngokuthi kuphuculwe uqheliso noqeqesho lootitshala, izixhobo
zokufunda, inkxaso liphondo. Indulule kwakho ukunyenyiswa kwamaxesha
ozalisekiso.
NgoJuni 2000, iQumrhu labaPhathiswa beMfundo lazamkela izindululo zekharityhulamu
zeKomiti yeziGxeko-Ncomo. NgoJulayi 2000 iKhabinethi yagqiba
ukuba:
Ukuphuhliswa kweNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe, makwenziwe
ngolwimi olucacileyo nolulula ngokweemfuno zekharityhulamu kwimigangatho
nakwizigaba ezahlukeneyo, mayiqale ngokukhawuleza. Inkcazelo
leyo mayijonge inkxalabo yokusindwa kwekharityhulamu ize inike inkcazelo
ecacileyo yohlobo lomfundi ngokubhekiselele kulwazi, ubuchule,
ukuxabiseka nezimvo - oku kulindeleke ekupheleni kwebakala lweMfundo
noQeqesho Jikelele.
Uhlaziyo lweKharityhulamu 2005 lube luyilo lweNkcazelo yeKharityhulamu
yeSizwe eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo). Olu
yilo lweNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka
ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo) lunikwe uwonke-wonke ukuba aphawule
ngomhla wama-30 ngalo ka Julayi 2001. Luye lwahlaziywa ngezincomo zikawonke-
wonke ngo2001/2002. Le Nkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
eHlaziyiweyo ngoko ayiyokharityhulamu entsha koko yiKharityhulamu 2005
eyomeleziweyo nefezekisiweyo. Igcine imigaqo, iinjongo nethemba
lweKharityhulamu 2005 kwaye yomeleza ukuzibophelela kwimfundo esekeke
kwiziphumo.
Ngexesha inkqubo yokuhlaziywa kwale kharityhulamu isaqhubeka ukufundiswa
ezikolweni ukusuka kwibanga R ukuya kwele 9 kusaya kuqhutywa
ngomgaqo wangaphambili. Xa iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
eHlaziyiweyo yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo) ithe yaba
ngumgaqo, iya kuthatha indawo yekharityhulamu neenkcazelo zomgaqo zohlolo
ezisetyenziswayo. INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo
yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo) iya kwaziswa ngonyaka
ka2004 kwisiGaba esisiSeko.
Olu xwebhu lwazisa kwaye lunika imvelaphi ngeeNkcazelo yeeNkalo
zeziFundo ezenza isiseko seNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo
yamaBanga ukusuka ku-R ukuya kwele-9 (ezikolo) kwiBakala leMfundo
noQeqesho Jikelele.
UMgaqo-siSeko weRiphabliki yoMzantsi Afrika yonyaka ka1996 (uMthetho we-
108 ka-1996) unika isiseko sokuguqula nokuphuhlisa ikharityhulamu
kuMzantsi Afrika wanamhla. Intshayelelo yoMgaqo-Siseko ichaza ukuba iinjongo
zoMgaqo-siSeko kuku:
?phelisa iiyantlukwano zangaphambili kwaye kuzinziswe uluntu olusekwe
kukuxabiseka kwesizwe esilawulwa yintando yesininzi, kubulungusa
bentlalo namalungelo oluntu asisiseko.
?phucula umgangatho wobomi wabemi bonke nokukhulula amandla
aleleyo omntu ngamnye
?enza isiseko soluntu solawulomelo nesivulekiyo apho urhulumente
usekeke kwintando yabantu kwaye wonke ummi ukhuselwe ngokulinganayo
ngumthetho.
?akha uMzantsi Afrika olawulwa yintando yesininzi omanyeneyo okwaziyo
ukuthatha indawo elungileyo njengombuso ozimeleyo kumnombo
wezizwe.
Upapasho-nkqubo kukuxabiseka, kwimfundo nakwisizwe esilawulwa
yintando yesininzi (ISebe lezeMfundo, 2001) luchaza iziseko zokuxabiseka
ezilishumi zoMgaqo-Siseko ezizezi:
?idemokrasi
?ubulungisa bentlalo nokulingana
?ukungabi nabuhlanga nasini
7
Iphepha INkcazelo Jikelele
UmGaqo-siSeko, ukuxabiseka,
ukwakha isizwe neKharityhulamu
UmGaqo-siSeko, ukuxabiseka,
ukwakha isizwe
neKharityhulamu
?ubuntu
?uluntu oluvulekileyo
?imfanelo
?intlonipho
?ukulawula koMthetho
?uxolelaniso
Upapasho-nkqubo luchaza kwakho iindlela zokuqhelanisa ulutsha loMzantsi
Afrika kukuxabiseka koMgaqo-Siseko. Ezi ndlela zicacisiwe kwiNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo kwaye ziquka:
?ukukhulisa inkcubeko yonxibelelwano nokuthatha inxaxheba ezikolweni.
?ukuba ngumzekelo: ukuphucula ukuzibophelela nobuchule bootitshala.
?ukuqinisekisa ukuba wonke ummi eMzantsi Afrika uyakwazi ukufunda,
ukubhala, ukubala nokucinga.
?ukufakela inkcubeko yamalungelo oluntu eziklasini.
?ukwenza ubuGcisa neNkcubeko zibe yinxalenye yekharityhulamu.
?ukubuyisela ezeMbali kwikharityhulamu.
?ukwazisa imfundo yezokholo ezikolweni.
?ukubona ukuba ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi kweyenzeka.
?ukusebenzisa umdlalo ukubumba ubandakanyo loluntu nokukhulisa
ulwakhiwo lwesizwe.
?ukuqinisekisa ukufikelela okulinganayo kwimfundo.
?ukuphucula ukungabikho kobuhlanga ezikolweni.
?ukukhulula amandla aleleyo amantombazana namakhwenkwe.
?ukusebenza ngeHIV/AIDS nokukhulisa inkcubeko kwiimfanelo zesini
nezoluntu.
?ukwenza izikolo iindawo ezikhuselekileyo zokufunda nokufundisa
nokuqinisekisa ukulawulwa komthetho.
?ukuphucula imikhwa yokuziphatha nommandla.
?ukukhulisa ukuthand'uhlanga okutsha, okanye isiqiniselo sommi wonke.
UMgaqo-siSeko uvakalisa ukuxabiseka koluntu lwesizwe nokulindelwe
kwimisebenzi, kumalungelo neemfanelo zabemi kuMzantsi Afrika olawulwa
yintando yesininzi. UMthetho wamaLungelo ubeka ukuxabiseka okubalaseleyo
kukulingana, kwisidima somntu, kubomi, kwinkululeko, nakukhuseleko
lwabantu. Oku namanye amalungelo kwinkolo ekhululekileyo nenkolelo,
imbonakalo nomanyano zenzeka kunye namalungelo oqoqosho-ntlalo. Wonke
8
Iphepha INkcazelo Jikelele
9
Iphepha INkcazelo Jikelele
umntu unelungelo ekukhululweni kubuhlwempu, kukungabi namakhaya,
kwimpilo ebuthathaka nendlala.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo izama ukuvakalisa oku
kuxabiseka kulwazi nobuchule ebuphuhlisayo. Ikhuthaza bonke abafundi
kwingqiqo yokwazi iinkcubeko ezityebileyo ezahluka-hlukeneyo, iinkolelo
neengcamango zehlabathi apho umanyano loMzantsi Afrika lubonakalayo.
Umceli mngeni weNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo yindlela
enokuthi zingahlanganiswe ngayo iinjongo nokuxabiseka kobulungisa bentlalo,
ukulingana nesizwe esilawulwa yintando yesininzi ngokudibene ngokwekharityhulamu.
Ukuphuculwa kokuxabiseka akubalulekanga ekuziphuhliseni
kuphela, kubaluleke nakukuqinisekisa ukuba ubunguwe ngokobuzwe
boMzantsi Afrika, bakhelwe kukuxabiseka okwahlukileyo koko kwakuxhasa
imfundo yocalu-calulo. Uhlobo lomfundi olulindelweyo ngulowo oza
kuzaliswa kukuxabiseka nokukhathalela uluntu olusekeke kwintlonelo yesizwe
esilawulwa yintando yesininzi, ukulingana, isidima somntu, ubomi
nobulungisa bentlalo.
Ikharityhulamu ijolise ukwakha amandla aleleyo omfundi ngamnye
ngokupheleleyo. Izama ukuyila umfundi ofunda ubomi bakhe bonke, ozithembileyo,
ozimeleyo, okwaziyo ukufunda nokubhala, okwaziyo ukubala,
onobuchule obuninzi, onovelwano nohlonela ummandla nonobuchule bokuthabatha
inxaxheba kuluntu njengommi ohluzayo nokhutheleyo.
Ootitshala kuyo yonke imigangatho ngabanikeli abaphambili ekuguqulweni
UHlobo oluLindelekileyo
lomFundi
UHlobo oluLindelekileyo
lomFundi
UHlobo oluLindelweyo
lweTitshala
UHlobo oluLindelweyo
lweTitshala
kwemfundo eMzantsi Afrika. Ootitshala badlala indima ethile ebalulekileyo.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe inembono yotitshala onobuchule
boqeqesho, ezinikeleyo nenenkathalo kwaye eya kuphumelelisa iindima
ezahlukeneyo ezikwimiGangatho neziLinganiselo zootitshala zama-2000
(Government Gazette No 20844). Ezi zinto zizibona iititshala njengabalamli
bemfundo, abatoliki, abayili beenkqubo zezifundo, izixhobo zokufunda,
iinkokheli, abalawuli, oomanejali, abafundi, abaphandi nabafundi abafunda
ubomi bonke, amalungu oluntu, abemi, abacebisi, abahloli neencutshe zenkalo
yesifundo/yesigaba.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo iqulathe le Nkcazelo
Jikelele neNkcazelo yeeNkalo zeziFundo ezisibhozo.
Kukho iiNkalo zeziFundo ezisibhozo kwiNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe.
INkalo yesiFundo ngumamdla wolwazi, ubuchule, nokuxabiseka oneempawu
ezizodwa nonxulumano neminye imimandla yolwazi neeNkalo zeziFundo.
KwiNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo, iiNkalo zeziFundo zezi:
?IiLwimi
?IMathematika
?INzululwazi ngezoBugqi
?ITeknoloji
?INzululwazi ngezeNtlalo
?UbuGcisa neNkcubeko
?IsiFundo ngezoBomi
?INzululwazi ngezoQoqosho noLawulo
Unxulumano phakathi kwamalungelo oluntu, ummandla ophilileyo
nobulungisa bentlalo zithathelwe ingqalelo kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo
nganye.
10
Iphepha INkcazelo Jikelele
IsAkhiwo seNkcazelo yeKharit-
yhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo
yeziKolo (Amabanga R-9)
IsAkhiwo seNkcazelo yeKharityhulamu
yeSizwe eHlaziyiweyo
yeziKolo (Amabanga R-9)
IiNkcazelo zeeNkalo zeziFundo zinika izikhokelo zeemfuno nokulindela
kumaBanga ukusuka kuR ukuya kwele-9 ezikolo kwiBakala leMfundo
noQeqesho Jikelele.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe yezikolo (YamaBanga ukusuka ku-R
ukuya kwibanga le-9) yakhiwe ngokwembono nokuxabiseka koMgaqo -siSeko
neKharityhulamu 2005. Le migaqo iquka:
Ikharityhulamu ingadlala indima ephambili ekuyileni ingqiqo yolwalamano
phakathi kwamalungelo oluntu, ummandla ophilisayo, ubulungisa bentlalo
nokuqukana. Kwamanye amazwe oku kwenziwa ngokusebenzisa izifundo
ezahlukeneyo njengemfundo yolawulo lwesixeko namalungelo neemfanelo
zabemi baso. INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo izame
ukuqinisekisa ukuba zonke iiNkcazelo zeeNkalo zeziFundo zivakalisa imigaqo
nemiqathango yobulungisa bentlalo, ukuhlonipha ummandla namalungelo
oluntu ngokuchazwa nguMgaqo -siSeko. Ingakumbi, ikharityhulamu izama
ukuba novakalelo kwimibandela efana nobuhlwempu, ukungalingani,
ubuhlanga, isini, ubudala, ukukhubazeka, nemiceli mingeni efana
neHIV/AIDS.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo isebenzisa inkqubo
edibeneyo yokumisela ubuncinane beemfuno zabafundi bonke. Izidingo
zemfundo, zentlalo, zemvakalelo nezenkangeleko zabafundi ziya kuqatshelwa
kwisakhiwo seeNkqubo zeziFundo.
Imfundo esekeke kwiziphumo iyithatha inkqubo yokufunda njengebaluleke
njengomxholo. Inkqubo nomxholo wemfundo zigxininiswa ngokuchaza iziphumo
emaziphunyelelwe ekupheleni kwenkqubo. KwiNkcazelo yeKharityhulamu
11
Iphepha INkcazelo Jikelele
ImiGaqo yeNkcazelo yeKharityhulamu
yeSizwe
ImiGaqo yeNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe
ImFundo esekeke kwiziPhumo
ImFundo esekeke kwiziPhumo
Amalungelo oluntu, nobulungisa bentlalo nobobume bemeko bendawo
Amalungelo oluntu, nobulungisa bentlalo nobobume
bemeko yendawo
yeSizwe iziphumo zezifundo nemigangatho yokuhlola zakhiwe ngokwehla
kwiziphumo ezingundoqo nakwezakhayo.
Iziphumo ezingundoqo nezakhayo luluhlu lweziphumo ezivela kuMgaqosiSeko
kwaye ziqulathwe kuMthetho weziQinisekiso zoMzantsi Afrika (1995).
Zichaza uhlobo lommi ekufuneka isixokelelwano semfundo noqeqesho sijolise
ukumbumba.
Iziphumo ezingundoqo zilindela abafundi abaza kukwazi uku:
?chonga nokusombulula iingxaki nokwenza izigqibo besebenzisa ingcinga
enzulu neqiqayo.
?sebenza ngokufanelekileyo nabanye, njengamalungu eqela, imibutho
noluntu.
?zicwangcisa nokuzilawula becwangcisa kwaye belawula nemisebenzi
yabo ngokuthembekileyo nangokufanelekiyo.
?qokelela, ukuhlalutya, ukucwangcisa nokuvavanya ulwazi ngokunzulu.
?nxibelelana ngokufanelekileyo besebenzisa ubuchule bokubonwayo,
bemiqondiso no/okanye bolwimi kwimizekelo eyahlukeneyo.
?sebenzisa inzululwazi neteknoloji ngokufanelekileyo, bebonakalisa
ngokunzulu iimfanelo kummandla nempilo yabanye.
?bonisa ingqiqo yelizwe njengoluhlu lwezixokelelwano ezinxulumeneyo
ngokunakana ukuba iimeko zokusombulula iingxaki azenzeki
ngokwahlukeneyo.
Iziphumo ezakhayo zimisela abafundi abakwaziyo uku:
?hlaziya nokuphonononga iindlela ngeendlela ezahlukeneyo zokufunda
ezifanelekileyo.
?thatha inxaxheba njengabemmi abathembekileyo kubomi boluntu
lwasekhaya, lwesizwe nelizwe jikelele.
?ba novakalelo kwinkcubeko nobuhle ngokudibene ngokwemeko
ezahlukeneyo eziphathelele kwezentlalo.
?phonononga amathuba emfundo nawemisebenzi okanye oko bafuna ukukwenza.
?phuhlisa amathuba okuqala amashishini.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo izama ukuvakalisa
nokuphakamisa imbono yedemokrasi yoluntu nabemi ekufuneka baphume
12
Iphepha INkcazelo Jikelele
kwisixokelelwano sesikolo.
NgeeNkcazelo zeeNkalo zeziFundo, iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
eHlaziyiweyo ichonga iinjongo, ukulindela neziphumo emaziphunyezwe
ngokunxulumene neziphumo zezifundo nemigangatho yokuhlola. Iziphumo
zezifundo zeNkalo yesiFundo nganye ziya kunikwa ngokubanzi kule Nkcazelo.
Imigangatho yokuhlola ikwiNkcazelo yeeNkalo zeziFundo ezipapashwe
njengesongezo kule Nkcazelo ngokubanzi.
Iziphumo nemigangatho yokuhlola zigxixinisa ekuthatheni inxaxheba,
kwimfundo ejolise kumfundi nomsebenzi osekeke kwimfundo. Zishiya umhlaba
ofanelekileyo kootitshala wokuyila nokusungula izinto ezintsha nokutolika
oko kufuneka kufundisiwe.
Inguqulelo yemfundo esekeke kwiziphumo yoMzantsi Afrika, ijolise
ekuvuseleleni iingqondo zabantu abatsha, ukwenzela ukuba bakwazi
ukuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kubomi bentlalo noboqoqosho. Izama
ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayakwazi ukuphuhlisa nokuphumelela
kubuchule babo obukumgangatho ophezulu kwaye baxhotyiselwe imfundo
eqhubeka ubomi bonke.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo ijolise ekuphuhliseni
umgangatho ophezulu wolwazi nobuchule wabo bonke. Imilisela kwaye
iphakamisa ukulindela kakhulu kokunokuphunyezwa ngumfundi. Ubulungisa
bentlalo, bufuna kuphuhliswe ezo ndidi zoluntu zazingaphuhliswanga
ngaphambili ngokuphathelele kulwazi nobuchule. INkcazelo yeKharityhulamu
yeSizwe eHlaziyiweyo ijolise ekunikeni isiseko esinamandla esinokuvumela
uphuhliso olukumgangatho ophezulu wobuchule nolwazi lwabo bonke.
Ikwenza oko ngokuhlanganisa ubuncinane bolwazi nobuchule, nokuphunyelelwa
ngabafundi kwibanga ngalinye, nokumilisela imigangatho ephezulu
ephumelelekayo kuzo zonke iiNkalo zeziFundo.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe ijolise kwingcaciso nakukufikelela
kwisakhiwo sayo nakulwimi. Iimpawu ezimbini zoyilo - iziphumo zesiFundo
nemiGangatho yokuHlola- zichazela bonke abafundi injongo neziphumo
13
Iphepha INkcazelo Jikelele
Ingcaciso nengqiqo
Ingcaciso nengqiqo
Umgangatho ophezulu wobuchule nolwazi lwabo bonke
Umgangatho ophezulu wobuchule nolwazi lwabo bonke
ezifunekayo ukuqhubela kumgangatho wempumelelo nganye wesixokelelwano
ngokucacileyo. Ukongeza, iNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
eHlaziyiweyo iya kufumaneka kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni
nangeBreyile.
Umgaqo wohlanganiso wokufunda yinxalenye yemfundo esekeke kwiziphumo.
Uhlanganiso luqinisekisa ukuba abafundi banamava okuba iiNkalo
zeziFundo zinxibelelene kwaye zinxulumene. Luxhasa kwaye lwandisa
amathuba okufumana ubuchule, ulwazi nokuphuhlisa izimvo nokuxabiseka
okuqulethwe ngokudibene ngokwekharityhulamu.
Kubalulekile ukuba ikharityhulamu imilisele ukulindela okuqhubekayo
ngokuthe kratya, ngokunzulu nangokumbaxa kubafundi. Ingqiqo yenkqubela
phambili sisigama esisetyenziselwa ukuchaza le mpawu yekharityhulamu.
KwiNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo, imigangatho yokuhlola
kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo, inika ingqiqo yenkqubela phambili kwiNkalo
yesifundo nganye kwibanga ngebanga.
Ngaxeshanye abafundi akufuneki basebenze ngemigangatho yokuhlola
ngokwahlukeneyo. Unxibelelwaniso kufuneka lwenziwe kwiziphumo zezifundo
ngokwazo nangokudibeneyo ngokweziphumo zezifundo
nangokweeNkalo zeziFundo. Ukuphunyelelwa kolwalamano oluphezulu,
phakathi kohlanganiso nangokudibene ngokweenkalo zezifundo nengqiqo
yenkqubela phambili kwibanga ngebanga, kungundoqo kwikharityhulamu.
Ukuqhubeka kokuphuhliswa kweetitshala, amaqela alawula isikolo, abaxhasi
bamasebe, yinxalenye ebalulekileyo kule njongo.
14
Iphepha INkcazelo Jikelele
Inkqubela-phambili nohlanganiso
Inkqubela-phambili nohlanganiso
Isakhiwo nesigama esisetyenziswe
kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo
Isakhiwo nesigama esisetyenziswe
kwiNkcazelo yeNkalo
yesiFundo
IiNkcazelo zeeNkalo zeziFundo ziqulathe amacandelo amathathu:
Intshayelelo: Eli candelo lazisa ngeNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe
neNkalo yesiFundo ethile. Ngeenjongo zayo neempawu ezizodwa.
Icandelo kwiziphumo zezifundo nemigangatho yokuhlola: Ezi zivakalisa
iimfuno nokulindela kubafundi ngokwebanga kwisiGaba esisiSeko (Amabanga
ukusuka ku-R ukuya kwelesi-3), kwisiGaba esiPhakathi (Amabanga ukusuka
kwele-4 ukuya kwelesi-6) nakwisiGaba esiPhakamileyo (Amabanga ukusuka
kwelesi-7 ukuya kwele-9). IsiGaba esisiSeko sijolise kubuchule bokuqala,
kulwazi nokuxabiseka ukuqinisekisa ukuphuhlisa imfundo eqhubekayo.
Iziphumo zezifundo nemigangatho yokuhlola kufuneka zibonwe njegobuncinane
okanye ulwazi oluyimfuneko. Zibonisa into efunekayo kwinkqubela
phambili ngokwesixokelelwano kwaye zakhiwe ngokunxulumene neemfuno
zeBanga le-9.
Icandelo lohlolo: Eli candelo lichaza imigaqo nezikhokelo zohlolo kwaye linika
iingcebiso zokurekhodisha nokunika ingxelo kuhlolo.
Uluhlu lwezalathiso: Eli candelo lidla ngokuquka izifinyezo, igama elakhiwe
ngoonobumba bokuqala bamanye amagama noluhlu lwenkcazelo.
Isiphumo sesifundo sivela kwiziphumo ezingundoqo nakwezakhayo.
Yinkcazelo abafanele ukuyazi abafundi (ulwazi, ubuchule, iimbono nokuxabisa
izinto) nokuba bakwazi ukuyenza ekupheleni kwebakala leMfundo noQeqesho
Jikelele. Iqela leziphumo zezifundo kufuneka ziqinisekise uhlanganiso
nenkqubela-phambili ekuphuhliseni ingqiqo, ubuchule nokuxabiseka
ngemigangatho yokuhlola. Iziphumo zezifundo azimiseli mxholo okanye
iimethodi zokufundisa
Imigangatho yokuhlola ichaza umgangatho apho abafundi babonakalisa
impumelelo yabo yeziphumo zezifundo neendlela (ubunzulu nobubanzi)
zokubonisa impumelelo.
Imigangatho yokuhlola yeyebanga ngalinye kwaye ibonisa indlela ingqiqo
yenkqubela phambili eya kwenzeka ngayo kwiNkalo yesiFundo. Iqulathe
15
Iphepha INkcazelo Jikelele
Yintoni isiPhumo sesiFundo?
Yintoni isiPhumo sesiFundo?
Yintoni imiGangatho yokuHlola?
Yintoni imiGangatho yokuHlola?
ulwazi, ubuchule, nokuxabiseka obufunekayo ukuphumeza isiphumo sesifundo.
Ayimiseli methodi yakufundisa
Iziphumo zezifundo zichaza okufuneka kwaziwe ngabafundi nabanokuba
nakho ukukwenza. Umgangatho wokuhlola uchaza ubuncinane bomgangatho
nobunzulu nobubanzi obufuneka bufundiwe. Oku kuthetha ukuba iziphumo
zesifundo zisala zinjalo ukusuka kwibanga ukuya kwelinye ibanga, ekubeni
imigangatho yokuhlola iguquka ukusuka kwibanga ukuya kwibanga.
Imigangatho yokuhlola inegalelo kwisiqinisekiso. Kwimeko yebakala leMfundo
noQeqesho Jikelele, oku kuthetha iSatifikethi seMfundo noQeqesho Jikelele.
Izixhobo zokufundisa neenkqubo zokuphuhlisa, ziya kudlala indima
ebalulekileyo ekutolikeni nasekuvakaliseni iziphumo zesifundo nemigangatho
yokuhlola.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo yamabanga ukusuka ku-R
ukuya kwele-9 iya kuzalisekiswa ezikolweni ngeeNkqubo zeziFundo.
IiNkqubo zeziFundo yimisebenzi eyakhiwe yacwangciswa ngokulandelelana
ukuphucula ukuphumeleliswa kweziphumo zesifundo nemigangatho
yokuhlola yesigaba.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe imisa ingqiqo, ubuchule, nokuxabiseka
ngokwebanga ngebanga. IiNkqubo zeziFundo zona zichaza ububanzi bokufunda
nemisebenzi yohlolo yesigaba. IiNkqubo zeziFundo ziqulathe kwakho
uludwe lweenkqubo zomsebenzi ezinika ithuba nolandelelwano lwale
misebenzi kunyaka ngamnye nemizekelo yokuqulunqwa kwezifundo
ezenziwayo kwixesha elinikiweyo. Imigaqo nokuxabiseka kweNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe zixhasa iiNkqubo zeziFundo.
IiNkqubo zeziFundo kufuneka ziqinisekise ukuba zonke iziphumo zesifundo,
nemigangatho yokuhlola zilandelwa ngokufanelekileyo, kwaye inkalo nganye
yesifundo yabelwa ixesha layo elimisiweyo nogxininiso. IiNkqubo zeziFundo
16
Iphepha INkcazelo Jikelele
Ingaba umGangatho wokuHlola wahluke njani kwisiPhumo sesiFundo?
Ingaba umGangatho wokuHlola wahluke njani
kwisiPhumo sesiFundo?
IiNkqubo zeziFundo
IiNkqubo zeziFundo
ziya kusekeke kulwalamano oluphakathi kweziphumo zesifundo nemigangatho
yokuhlola ngaphandle kokunikezela ngesidima senkalo yesifundo.
KwisiGaba esisiSeko kukho iiNkqubo zeziFundo ezintathu ezizezi: iliTheresi,
ukukwazi ukusebenzisa amaNani nezakhono zoBomi.
KwisiGaba esiPhakathi iiLwimi, neMathematika zisale ziziNkqubo zeziFundo
ezizimeleyo. IiNkqubo zeziFundo kufuneka ziqinisekise ukuba zonke iziphumo
ezichazwe kwinkalo yesifundo nganye zenziwa ngokufanelekileyo
nangokupheleleyo. Isikolo singagqiba kuphela ngenani nesimo sezinye
iinkqubo zezifundo ngokusekeke kokubalulekileyo esikolweni, xa ngaba
okubalulekileyo kwisizwe nakwizidingo zokuphuhlisa abafundi kwisigaba
zithathelwe ingqalelo.
KwisiGaba esiPhakamileyo kukho iiNkqubo zeziFundo ezisibhozo ezisekwe
kwiiNkalo zeziFundo.
Yimfanelo yootishala ukuphuhlisa iiNkqubo zeziFundo. ISebe lezeMfundo liya
kunika imigaqo ezizikhokelo zokuphuhlisa iiNkqubo zeziFundo ezisekeke
kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo nganye ukwenzela ukuxhasa le nkqubo.
Amaphondo aya kuphuhlisa ezinye izikhokelo apho kuyimfuneko ukwenzela
ukuhlangabezana neyantlukwano.
Iinkqubo zokufunda zeetitshala ziya kwandisa ubuchule bootitshala, amaqela
alawula isikolo, nabaxhasi bamasebe baya kuphuhlisa, baya kuzalisekisa, baya
kulawula baze baxhase ukuphuhliswa kweeNkqubo zeziFundo.
Ukuqinisekisa ukuphumelela kwemigangatho yesizwe emiliselwe yiNkcazelo
yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo, umgaqo wezikhokelo weeNkqubo
zeziFundo ezisemxholweni nezifanelekileyo, ziya kuphuhliswa kwinqanaba
lesizwe kusetyenziswana namaphondo. Ezi zikhokelo ziya kugxininisa
kwimigaqo yohlanganiso yokufunda, nempumelelo yolwalamano oluluqilima
phakathi kohlanganiso ngokudibene ngokweenkalo zezifundo nengqiqo
yenkqubela phambili, ukusuka kwibanga ukuya kwibanga. UMthetho
woMgaqo weMfundo yeSizwe (1996, isiqendu sesi-3 umhlathi wesi-4)
17
Iphepha INkcazelo Jikelele
IiNkqubo zeziFundo ngokwesiGaba
IiNkqubo zeziFundo ngokwesiGaba
Izikhokelo zeeNkqubo zeziFundo
Izikhokelo zeeNkqubo zeziFundo
ugunyazisa uMphathiswa weMfundo ukumisela phakathi kwezinye izinto
ezifana nomgaqo wesikhokelo wesizwe ukuqulunqa ezi nkqubo zezifundo.
Umgaqo wezikhokelo uya kunika isikhokelo:
?Uhlanganiso kwinkalo zezifundo nangokweenkalo zezifundo
?Ukudityaniswa kwemigangatho yokuhlola
?Ulwalamano phakathi kweziphumo zesifundo
?Ukwabiwa kwexesha
?Uhlolo
?Izithintelo ekufundeni
?Ukuyila inkqubo yesifundo
?Umgaqo nowiso-mthetho
?Uqeqesho, ukuphuhlisa nokuhambisa
?Izixhobo zokufundisa nenkxaso
?Ukuqulunqa nokucwangcisa
Ezi zikhokelo ziya kwenziwa kwimeko yezakhelo zomgaqo okhoyo nesowisomthetho
ezifana namaphepha amathandathu azi "White Papers" kwimfundo,
kuMthetho woMgaqo weMfundo yeSizwe (1996) kuMthetho weziKolo
zoMzantsi Afrika (1996) noMthetho weNgqesho wootitshala (1998). Izikhokelo
zeNkqubo zeziFundo ziya kunika isakhelo esilungiselela umfundi othile
nezidingo kwimeko.
18
Iphepha INkcazelo Jikelele
NgokwesiQendu sesi-4 soMthetho weNgqesho weeTitshala, yowe-1998, iimini
zesikolo ezisesikweni zootitshala ziya kwisi-7. NgokoMthetho woMgaqo
weMfundo yeSizwe yowe-1996 ixesha lokufundisa elisesikweni ngeveki
eliziyure ezingama- 35 ziya kuma ngolu hlobo lulandelayo:
Ukwabiwa kwexesha lokufundisa okusesikweni kwisiGaba esisiSeko kwaziswe
njengeepesenti zamaxesha kuluhlu olulandelayo:
19
Iphepha INkcazelo Jikelele
UlwAbiwo lweXesha
UlwAbiwo lweXesha
IsiGaba IBanga Ixesha lokufundisa
(iiyure ngeveki)
EsiSiseko
EsiPhakathi
(ibanga7)
esiPhakamileyo
(ibanga 8 no 9)
R, 1 kunye
nelesi-2
lesi-3
lesi-4, 5 kunye
nelesi-6
lesi-7
lesi-8
kunye nele-9
22 iiyure
25 iiyure
26 iiyure
26 iiyure
27 iiyure
30 imizuzu
30 imizuzu
30 imizuzu
30 imizuzu
30 imizuzu
Inkqubo
yesifundo
Ixesha (%)
IliTheresi
Ukubala
ngamanani
Izakhono
zobomi
40%
35%
25%
Ukwabiwa kwamaxesha njengeepesenti (okunikwe kuluhlu olungentla)
eziGaba esiPhakathi nesiPhakamileyo nanga:
Isikhokelo sokuqulunqa sinikwe kwiziKhokelo zeeNkqubo zeziFundo
INkcazelo yeNkalo yesiFundo nganye iqulathe necandelo leenkcukacha
zohlolo. Kwisakhelo semfundo esekeke kwiziphumo iimethodi zokuhlola
ezahlukeneyo ezimelana neemeko ezahlukeneyo zisetyenzisiwe. Uhlolo
kufuneka lunike izalathiso zempumelelo yomfundi ngendlela efanelekileyo
nethembekileyo, kwaye luqinisekise ukuba abafundi bahlanganisa kwaye
basebenzisa ulwazi nobuchule. Uhlolo kufuneka kwakho luncede abafundi
benze izigwebo malunga nokwenza kwabo, bazibekele iinjongo zenkqubela
phambili baze baqhubele phambili ukufunda.
INkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo ilungelelanisa ikharityhula-
20
Iphepha INkcazelo Jikelele
Inkqubo
yesifundo
Ixesha (%)
IiLwimi
IMathematika
INzululwazi
ngezoBugqi
Inzululwazi
yezeNtlalo
ITeknoloji
EMS
IsiFundo
ngezoBomi
EzobuGcisa
neNkcubeko
25%
18%
13%
12%
8%
8%
8%
8%
UHlolo
UHlolo
mu nomgaqo wokuhlola oqulethwe kuMgaqo woHlolo (Government Gazette
19640 of 1998). Isikhokelo esifanayo sootitshala siqulethwe ekupheleni
kweNkcazelo yeNkalo yesiFundo nganye.
Konke ukufunda nokufundisa ukusuka ku-R ukuya kwibanga le-9 kunegalelo
kuhlobo lomfundi olindelwe yiNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe. Uhlolo
loku kufunda lwenzeka ngokusekeke kokuzingileyo kwiminyaka elishumi
yesikolo. Uhlolo nesiqinisekiso zale mfundo yongezelekayo yenzeka ekupheleni
kweBanga le-9 xa umfundi anelise iimfuno ezibaluliweyo aze awongwe
ngesiQinisekiso seMfundo noQeqesho Jikelele.
IsiQinisekiso seMfundo noQeqesho Jikelele semfundo esisinyazeliso, sisiqinisekiso
ngokupheleleyo sezikolo esisekeke ekubeni ziziphi iziphumo zesifundo
eziphunyelelweyo ngemigangatho yokuhlola yeBanga le-9.
Kude kube ngumnyaka wama-2008 umgaqo okhoyo onxulumene nesiqinisekiso
uza kusetyenziswa. Emva koko isiQinisekiso seMfundo noQeqesho Jikelele,
esilungelelanisiweyo neNkcazelo yeKharityhulamu yeSizwe eHlaziyiweyo, siya
kusetyenziswa.
INkcazelo yeeNkalo zesiFundo yeeLwimi ziquka:
21
Iphepha INkcazelo Jikelele
IiNkalo zeziFundo:
Iinkcazelo neziPhumo
IiNkalo zeziFundo:
Iinkcazelo neziPhumo
IsiQinisekiso seMfundo
noQeqesho Jikelele
IsiQinisekiso seMfundo
noQeqesho Jikelele
INkcazelo
INkcazelo
IiLwimi
?zonke iilwimi ezilishumi elinanye ezisemthethweni ziquka: isiPedi,
isiSuthu, isiTswana, isiSwati, Tshivenda, Xitsonga, isiBhulu, isiNgesi,
isiNdebele, isiXhosa nesiZulu.
?iilwimi ezivunyiweyo yiBhodi yeeLwimi Zonke zoMzantsi Afrika
(PANSALB) Nebhunga Elilawula iziQiniseko (SAFCERT) ezifana
neBreyile noLwimi Oluthethwa ngeMinwe loMzantsi Afrika.
Kwilizwe elineelwimi ezininzi njengoMzantsi Afrika, kubalulekile ukuba abafundi
bafikelele kumgangatho ophezulu wobuchule, ubuncinane kwiilwimi
ezimbini, nokuba babe bayakwazi ukunxibelelana ngezinye iilwimi.
INkcazelo yeNkalo yesiFundo yeeLwimi ilandela isongezo, okanye ulwandiso
olongeziweyo kusondelelwano lweelwimi ezininzi:
?Bonke abafundi bafunda ulwimi lwabo lwenkobe kunye, ubuncinane, nolwimi
olunye olongezelelweyo olusemthethweni.
?Abafundi baba nobuchule kulwimi lwabo olongezelelweyo, ngeli xesha
begcine kwaye bephuhlisa ulwimi lwabo lwenkobe.
INkcazelo yeNkalo yesiFundo yeeLwimi iqulathe zonke iilwimi ezisemthethweni
ezifana nezi:
?ulwimi lwenkobe
?ulwimi lokuqala olongezelelweyo
?ulwimi lwesibini olongezelelweyo
Ulwimi lwenkobe lwabafundi malusetyenziswe ngeenjongo zokufunda nokufundisa,
apho kunokwenzeka. Oku kubalulekile kwisiGaba esisiSeko, apho
abantwana bafunda khona ukufunda nokubhala. Ukuzimisela okunenyameko
kuyimfuneko xa abafundi besenza inguqulelo ukusuka kulwimi lwenkobe
ukuya kulwimi olongezelelweyo.
1. UkuMamela: Umfundi uyakwazi ukumamela ulwazi, kwaye emamelelele
ukuzonwabisa aze aphendule ngokufanelekileyo nangokunzulu kwiimeko
ngokubanzi.
2. UkuThetha: Umfundi uyakwazi ukunxibelelana ngempumelelo na-
22
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
ngokuzithemba, ngolwimi oluthethwayo kwiimeko ezibanzi.
3. UkuFunda nokuBukela: Umfundi uyakwazi ukufunda nokubukela
ulwazi kwaye afundele ukuzonwabisa aze aphendule kubuhle,
kwinkcubeko nakukuxabiseka okunovakalelo kwizicatshulwa.
4. UkuBhala: Umfundi uyakwazi ukubhala iindidi zezicatshulwa
ezahlukeneyo ezineengongoma ezinobunyaniso nezentelekelelo kwiinjongo
ezininzi ezibanzi.
5. UkuCinga nokuQiqa: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa ulwimi ekucingeni
nasekuqiqeni, ekwafikelela kulwazi, esetyisa kwaye elusebenzisa
ekufu-ndeni.
6. UkwAkhiwa nokuSetyenziswa koLwimi: Umfundi uyakwazi ukuqonda
kwaye akwazi ukusebenzisa izandi, isigama negrama yolwimi ukuyila
nokutolika izicatshulwa.
Nangona zinikezelwa njengeziphumo ezahlukeneyo, ukumamela nokuthetha,
ukufunda nokubukela, ukubhala, ukucinga nokuqiqa, nolwazi lwezandi,
amagama negrama, zimelwe ukuba zihlanganiswe xa kufundiswayo naxa
kuhlolwayo.
IMathematika ngumsebenzi wabantu, obandakanya ugqaliselo, ukubonisa
nokuphanda iipatheni nolwalamano lobuninzi bezenzeko zenkangeleko nezentlalo
naphakathi kwezinto zemathematika ngokwazo. Ngale nkqubo, iingcinga
neembono ezintsha zemathematika ziyenzeka.
IMathematika isebenzisa ulwimi lwayo olulodwa nolubandakanya imiqondiso
nobhalo lwamanani, ukuchaza ngonxulumano lwamanani, ukuzoba cacileyo
ngokwemigca neembombo/ijometri negrafu. Izimvo namabinza eMathematika
ayakhana, ngolo hlobo, akhe isakhiwo esinamatheleneyo.
IMathematika yimveliso yophando lweenkcubeko ezahlukeneyo; ngumsebenzi
oneenjongo kwimeko yentlalo, umbuso noqoqosho nezinyanzelo. Uncedo
lwayo aluzimelanga okanye luthath'icala kwinkcubeko.
23
Iphepha INkcazelo Jikelele
INkcazelo
INkcazelo
IMathematika
1. AmaNani, ukuSebenza noLwalamano: Umfundi uyakwazi ukunakana,
ukuchaza nokubonisa amanani nolwalamano lwawo, akwazi nokubala,
ukuqikelela, ukuphonononga, ukuvavanya ngobuchule nangokuzithemba
ekusombululeni iingxaki.
2. IPatheni, imiSebenzi ne-Aljibra: Umfundi uyakwazi ukunakana,
ukuchaza nokubonisa iipatheni nolwalamano, asombulule iingxaki
esebenzisa ulwimi lwe-aljibra nobuchule.
3. IsiThuba neSimo: Umfundi uyakwazi ukuchaza nokubonisa iimpawu
nonxibelelwano phakathi kokwakheka kuka 2-D nezinto ezinokwakheka
kuka 3-D ukufumana iindawo apho zikhoyo izinto ezininzi.
4. ImiLinganiselo: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa imilinganiselo,
izixhobo neefomula ezifanelekileyo kwiimeko ezininzi.
5. INdlela yokusebenza ngolwazi oluqokelelweyo: Umfundi uyakwazi
ukuqokelela, ashwankathele, abonise aze acalule ulwazi ngokunzulu,
ukwenzela ukwenza izigqibo nokwenza uqikelelo, nokutolika nokumisa
ithuba loguqu-guqulo.
Oku sikwazi namhlanje 'njengeNzululwazi', kuneengcambu zako ezisuka
kwinkcubeko yama-Afrika, yama-Arabhu, yama-Asiya, yamaMelika
namaYurophu. Ibunjwe ngophando lwengqiqo yolwazi ngezendalo
ngokuqwalasela, ngokubhala imithetho encwadini ngokulandelelanayo
nokuvavanya iingcinga, yaza yaphuhliswa yaba yinxalenye yelifa lenkcubeko
yazo zonke iintlanga. Ikholisa 'ukuphawulwa ngeenkcazelo ezithe ngqo, ezingafuna
uvavanyo okanye ubungqina (McGraw-Hill Consise Encyclopaedia of
Science and Technology, 2nd Edition, p.1647).
INkcazelo yeNkalo yesiFundo yeNzululwazi ngezoBugqi, icinga ngesimontlalo
sokufundisa nokufunda, esinakana ukuba abantu boMzantsi Afrika
banezimbo zokufunda ezahlukeneyo kwakunye neembono eziphenjelelwa
yinkcubeko. INkalo yesiFundo yeNzululwazi ngezoBugqi iqala kwisindululo
24
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo
INkcazelo
INzuluwazi ngezoBugqi
esisiseko sengxoxo, ekufuneka ngaso bonke abafundi bafikelele kwintsingiselo
yesifundo senzululwazi. Imfundo enentsingiselo kufuneka ibe yileyo ebeka
umntwana embindini. Mayikwazi ukunceda abafundi bafumane ulwazi,
ingasilulo olwenzululwazi nokuveliswa kwayo kuphela, koko nemiba
yommandla nelizwe-jikelele. INkalo yesiFundo yeNzululwazi ngezoBugqi
ijolise ekuboneleleni ngesiseko abangathi abafundi bakhe ubomi babo bonke
phezu kwaso.
INkalo yesiFundo yeNzululwazi ngezoBugqi ikhulisa ubuchule benzululwazi
bokufunda nokubhala. Ikwenza oku ngokugqalisela:
?ekukhuliseni nasekusebenziseni ubuchule beenkqubo zenzululwazi kwizakhelo
ezininzi.
?ekufumaneni nasekusetyenzisweni kolwazi lobunzululwazi nengqiqo.
?ekuxabiseni ubudlelwane noxanduva phakathi kwenzululwazi, uluntu
nommandla.
1. Uphando lobuNzululwazi: Abafundi basebenza ngokuzithemba ekufuneni
ulwazi ngezenzeko zendalo; baphanda ulwalamano nokusombulula
iingxaki kwiimeko zenzululwazi, kwezobuchwepheshe nakwezommandla.
2. Ukwakha uLwazi lobuNzululwazi: Abafundi bazi, batolike baze
basebenzise ulwazi lobunzululwazi, lobuchwepheshe nolommandla.
3. INzululwazi, Uluntu noMmandla: Abafundi bayakwazi ukubonakalisa
ingqiqo yolwalamano phakathi kwenzululwazi nobuchwepheshe, uluntu
nommandla.
INzululwazi ngezeNtlalo ibandakanya isifundo ngolwalamano phakathi kwabantu,
naphakathi kwabantu nommandla. Olu lolwamano lahluka ngokwamaxesha
neendawo. Luphenjelelwa zimeko zentlalo, zopolitiko, zoqoqosho
nezemimmandla nokuxabiseke ebantwini, izimvo neenkolelo zabo.
25
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo
INkcazelo
INzululwazi ngezeNtlalo
Isigama, ubuchule neenkqubo zezembali nejografi zimpawu ezingundoqo
kwiNkcazelo yeNkalo yesiFundo seNzululwazi Ngezentlalo. Imfundo ngommandla
nemfundo ngamalungelo abantu ziyimfuneko kwezembali nejografi.
INkcazelo ngeNkalo yesiFundo yeNzululwazi ngezeNtlalo inxulumene nento
efundwa ngabafundi nendlela abafunda ngayo, nendlela abalwakha ngayo
ulwazi. INkcazelo yeNkalo yesiFundo ikhuthaza abafundi ukuba babuze imibuzo,
bafumane iimpendulo zemibuzo ngoluntu nangommandla abahlala kuwo.
Le Nkcazelo yeNkalo yesiFundo incedisa ekuveliseni abemi abanolwazi, abacinga
ngokunzulu nabathembekileyo, abakwaziyo ukuthatha inxaxheba ngokwakhayo
kuluntu oluneenkcubeko ezininzi nolutshintsha-tshintshayo.
Ikwaxhobisa abafundi ukunceda ukukhulisa uluntu olunobulungisa nolulawulwa
yintando yesininzi.
EzeMbali
1. UPhando NgezeMbali: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa ubuchule
bokuphanda ngezinto ezenzeka kudala nezenzeka ngoku.
2. UlwAzi neNgqiqo NgezeMbali: Umfundi uyakwazi ukubonakalisa
ulwazi lwezembali nengqiqo.
3. IMbali ngeNkcazo: Umfundi uyakwazi ukuchaza iinkangeleko zezembali.
IJografi
1. UPhando ngeJografi: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa ubuchule
bokuphanda ngeemeko neenkqubo zejografi nezemimmandla.
2. UlwAzi NeNgqiqo NgeJografi: Umfundi uyakwazi ukubonakalisa ulwazi
nengqiqo kwijografi nakwimimmandla.
3. UPhando lwemiba ethile: Umfundi uyakwazi ukwenza, aze athathe
izigqibo ezinengqiqo.
26
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo yeNkalo yesiFundo kwezobuGcisa neNkcubeko iquka imisebenzi
emininzi yezobuGcisa eMzantsi Afrika neziqhelo zenkcubeko. Ubugcisa
nenkcubeko ziyinxalenye efunekayo ebomini, ziquka izimo zomoya, zezixhobo,
zovakalelo kwiinzame zabantu eluntwini. Inkcubeko izicacisa ngobugcisa
nangeendlela zokuphila, ngezixokelelwano zokuziphatha, zelifa, zolwazi
nezenkolelo. Iinkcubeko azimanga ndawonye - zineembali neemeko, kwaye
ziyatshintsha, ingakumbi xa zihlanganiswe nezinye iinkcubeko.
Ukusondela kwinkcubeko kule Nkcazelo yeNkalo yesiFundo ikhuthaza ukuba
abafundi ba:
?yeke ukuba ngabafumani nje belifa lenkcubeko abangenzi nto, koko babe
ngabathathi nxaxheba abakhutheleyo kuyo;
?hlaziye ubuchule bobugcisa, nakwiziganeko zokwenziwa nezenkcubeko
ngokuyila;
?chonge unxulumano phakathi kobugcisa nenkcubeko;
?qonde iimeko zejografi, ezoqoqosho nezentlalo, ekuthi kuzo kuvele
ezobuGcisa neNkcubeko;
?chonge indibano phakathi kwesiqhelo senkcubeko, amandla nokulawulo
lwenkcubeko;
?calule iimpembelelo zexesha kwinkcubeko nakubugcisa;
?qonde iindlela ezithi ezobugcisa zizivakalise, zizandise zize zicel'umngeni
kwinkcubeko ngeendlela ezizodwa.
Inkqubo kwezobugcisa kule Nkcazelo yeNkalo yesiFundo, kusuka kumava
abanzi, kubandakanya iindlela ezininzi zezimo zobugcisa kwiimeko
zenkcubeko ezahlukeneyo, ukuya kubunzulu obukhulayo bolwazi nobuchule
kwibanga lesi-8 nele-9. Kuthi kunakanwe imfezeko eyodwa kwiindlela zobugcisa
nokuxabiseka kwamava adibeneyo okufunda. INkcazelo yeNkalo
yesiFundo izama ukudala ulungelelwaniso phakathi kokukhula kolwazi jikelele
ngezobuGcisa neNkcubeko, nolwazi oluthile nobuchule kwisimo ngasinye kwezobugcisa.
27
Iphepha INkcazelo Jikelele
UbuGcisa neNkcubeko
INkcazelo
INkcazelo
1. UkuYila, ukuTolika nokwaZisa: Umfundi uyakwazi ukuyila, ukutolika
nokwazisa umsebenzi kwisimo ngasinye sobugcisa.
2. UkuHlaziya: Umfundi uyakwazi ukuhlaziya iinkqubo zobugcisa
nezenkcubeko ngokunzulu, iimeko zemveliso nezimbo zexesha eladlulayo
nelangoku.
3. UkuThabatha inXaxheba nenTsebenziswano: Umfundi uyakwazi
ukubonisa izakhono ezizezakhe nezihlangene nezabanye, ngokuthatha
inxaxheba eyedwa okanye bengamaqela kwimisebenzi yobuGcisa neNkcubeko.
4. UkuVakalisa nokuNxibelelana: Umfundi uyakwazi ukuhlalutya aze
esebenzise iindlela ezininzi zonxibelelwano nengcaciso kwezobuGcisa
neNkcubeko.
Ibinza 'isiFundo ngezoBomi' liphuhlisa eyona nto le Nkalo yesifundo ejolise
ukuyiphumeza. Ikhokela kwaye ilungiselela abafundi ubomi nokunokwenzeka.
IsiFundo ngezoBomi ixhobisela abafundi ubomi obunentsingiselo nobunempumelelo
kuluntu oluguqu-guqukayo.
INkcazelo yesiFundo ngezoBomi iphuhlisa izakhono, ulwazi, ukuxabiseka
nezimvo ezinika ithuba lokugunyazisa abafundi ekwenzeni izigqibo
ezinengqiqo, baze bathathe amanyathelo afanelekileyo ngokubhekisele:
?ekuphuculeni ezeMpilo
?ekuphuhliseni ezeNtlalo
?ekuziphuhliseni
?ekuphuhliseni inkqubela nentshukumo
?ekuziqhelaniseni nelizwe lentsebenzo
Ezi nkalo zogqaliselo zintlanu zeNkcazelo yeNkalo yesiFundo ngezoBomi, zizixakekisa
ngokujongana namalungelo oluntu nemimmandla njengoko
zichaziwe kuMgaqo-Siseko.
28
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo
INkcazelo
IsiFundo ngezoBomi
1. UkuPhucula ezeMpilo: Umfundi uyakwazi ukwenza izigqibo ezinengqiqo
malunga nempilo kubuqu bakhe, eyoluntu neyommandla.
2. UkuPhuhlisa ezeNtlalo: Umfundi uyakwazi ukubonakalisa ingqiqo
nokuzibophelela kumalungelo emithetho neemfanelo, aze abonise ingqiqo
yeenkcubeko neenkolo ezahlukeneyo.
3. UkuziPhuhlisa: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa izakhono zobomi
azifumeneyo, ukuphumeza nokwandisa anokukwenza ngokuphendula
ngokufanelekileyo kwimiceli mingeni kwilizwe aphila kulo.
4. UkuPhuhlisa iNkqubela neNtshukumo: Umfundi uyakwazi
ukubonakalisa ingqiqo, aze athathe inxaxheba kwimisebenzi ekhuthaza
ukukhulisa intshukumo nokuphuhlisa inkqubela.
5. UkuQhelanisa neliZwe lenTsebenzo: Umfundi uyakwazi ukwenza izigqibo
ezinengqiqo ngokuqhubela phambili ekufundeni nasekukhetheni
amathuba emisebenzi.
INkcazelo yeNkalo yesiFundo ngezoQoqosho noLawulo iquka ukufunda
bucala nokusetyenziswa kweentlobo zobutyebi ezahlukeneyo luluntu jikelele
okanye behlangene, ukwanelisa iimfuno nezidingo zabantu, kanti ngaxeshanye,
bahlaziye ngokunzulu ngempembelelo yokusetyenziswa kobutyebi
obukummandla nasebantwini.
INkcazelo yeNkalo yesiFundo yeNzululwazi yezoQoqosho noLawulo ijongene
ingakumbi ne:
?ndalo, neenkqubo nokuveliswa kwezinto noncedo lwazo;
?iindlela ezimisiweyo zoqoqosho loMzantsi Afrika noqoqosho loluntu
kumazwe ahlukeneyo;
?izakhono zokuzalisa imali, ukulawulwa nokucwangciswa kwayo,
kobumnini babucala, obukawonke-wonke okanye obuhlangeneyo;
?izakhono zoburhwebi nezolwazi ezifunekayo zokulawula ubomi babantu
nommandla.
29
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo
INkcazelo
INzululwazi ngezoQoqosho noLawulo
1. UlwAzi neNgqiqo yoMjikelo woQoqosho: Umfundi uyakwazi
ukubonakalisa ulwazi nengqiqo yendlela yomjikelo woqoqosho ukusombulula
iingxaki yezoqoqosho.
2. INgqiqo nokuGcina UkuKhula noPhuhliso: Umfundi uyakwazi
ukubonakalisa ingqiqo yokugcina ukukhula, ukwakha kwakhona nokuphuhlisa,
aze acacise ngokunzulu ngeekqubo ezinonxulumano.
3. ULawulo, abaThengi nolwAzi noBuchule beMali: Umfundi uyakwazi
ukubonakalisa ulwazi nokwazi ukusebenzisa izakhono ezininzi zokulawula,
umthengi nezakhono kwezemali.
4. UlwAzi neZakhono zeShishini: Umfundi uyakwazi ukubonakalisa
ulwazi, izakhono nezimvo kwezoshishino.
ITeknoloji ibisoloko ikho ezimbalini njengemisebenzi, apho abantu
bebsebenzisa ulwazi, izakhono, nobutyebi obukhoyo, ukuphuhlisa izisombululo
zokuhlangabezana neemfuno zabo zemihla ngemihla. Ezinye zezi zisombululo
zivela njengemveliso, ngeli lixa ezinye ziquka ukuhlanganiswa
kweemveliso ukuvelisa iindlela ezimisiweyo/izixokelelwano. Nanamhla abantu
basenazo iimfuno. Izisombululo zisaphuhliswa ngemisebenzi ehlanganisa
ulwazi, izakhono nobutyebi obufumanekayo. Nangona kunjalo, ulwazi,
izakhono, nobutyebi obusetyenziswayo namhlanje zahlukile, ngenxa yesantya
esiphezulu kuphuhliso lweteknoloji. Uluntu lwanamhlanje luntsonkothile
lwaye lwahlukene. Iimeko zoqoqosho nezemimmandla nezimvo ezininzi
nokuxabiseka, kumelwe ukuba ziqwalaselwe xa kuphuhliswa izisombululo
kwezeteknoloji. Kungenxa yezi zizathu ukuba iteknoloji ichazwe ngolu hlobo:
Ukusetyenziswa kolwazi, izakhono, nezixhobo ukuhlangabezana neemfuno
zabantu, ngokuphuhlisa izisombululo ezisebenzayo kwiingxaki, ngaxeshanye
kuqwalaselwa iimeko zentlalo nezommandla
30
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo
INkcazelo
INkcazelo
ITeknoloji
1. IiNkqubo NeZakhono kwiTeknoloji: Umfundi uyakwazi ukusebenzisa
iinkqubo nezakhono ngeenqobo ezisesikweni nangokuthembekileyo,
esebenzisa ulwazi nonxibelelwano lweteknoloji.
2. UlwAzi Nengqiqo KwiTeknoloji: Umfundi uyakwazi ukuqonda
nokusebe-nzisa ulwazi lweteknoloji ngokweenqobo ezisesikweni
nangokuthembekileyo.
3. ITeknoloji, uluNtu nezomMandla: Umfundi uyakwazi ukubonakalisa
ingqiqo kulwalamano phakathi kwenzululwazi, iteknoloji, uluntu
nemimmandla ngokuhamba kwexesha.
31
Iphepha INkcazelo Jikelele
IziPhumo
IziPhumo

ISIMEMO SOKUNGENA ENDIMENI UKUHLANGANISA ABEMI UKWAKHA INKQUBO YEMFUNDO NOQEQESHO EMZANTSI AFRIKA UKULUNGISELELA INKULUNGWANE YAMA-21
 
Intetho kaNjingalwazi Kader Asmal, iLingu lePalamente, uMphathiswa wezeMfundo, ngoLwesibini lwama-27 kuJulayi 1999.
 
UMYALEZO KAPRESIDANTI THABO MBEKI
 
"Imfundo noqeqesho kufuneka zimiselwe ukuba zizityhali ezinezigqibo kwimizamo yethu yokwakha isizwe esigqwesayo.
 
"Ngaloo ndlela uRhulumente uya kuqinisa ukujolisa kwakhe kwimfundo ukuze siphumelele ekuveliseni isizwe esifundileyo nesiqeqeshekileyo.
 
"Umsebenzi omninzi sewenziwe, kodwa siya kuqinisekisa ukuba imigaqonkqubo neenkqubo ezikhoyo ziqhutywa ngomoya wokungxamiseka nokuzinikela ekubeni ziphumelele..
 
"Ukufikelela kwezi ziphumo, kuya kufuneka nokuthi singene ngamandla kuqeqesho lokuhlaziya abasele besemsebenzini nabaza kuqalisa ukusebenza. Onke amanyathelo afunekayo kufuneka athatyathwe kwaye aya kuthatyathwa ukuqinisekisa ukuba abafundi bayafunda, abahlohli bayahlohla kwaye nabaphathi bayaphatha.
 
"Ngaphezu koko siya kuthatha namanyathelo okuhlanganisa abantu, kuquka abazali, ukuze siphumelele njengelizwe ukumelana nomngeni wokufundisa bonke abantu belizwe lethu."
 
 
Isicatshulwa sentetho yokuqala kaPresidanti Thabo Mbeki awasenza njengePresidanti ePalamente ngomhla wama-25 kuJuni 1999. UMongameli omtsha woMzantsi Afrika, waphinda wabophelela ukuzinikela kukaRhulumente ekwakheni uluntu olukhathalelayo okuya kuqinisekisa isidima sommi ngamnye.
 
TIRISANO (UKUSEBENZISANA): UKUSEBENZA KUNYE
UKWAKHA INKQUBO YEMFUNDO NOQEQESHO YOMZANTSI AFRIKA YENKULUNGWANE YAMA-21
 
INTSHAYELELO
 
Umoya wokungxamiseka uvakala kulo lonke "Ikhwelo lokuSebenza" elenziwa nguMphathiswa uKader Asmal.
 
Emva kokuqwalasela okunzulu kwemeko yemfundo noqeqesho, nokuthethathethana okungqongqo neenkokheli zenkqubo kuko konke ukuntsonkotha kwayo, uhlole imeko yobume waza wachonga imiba elithiba efuna ingqwalaselo ephambili.
 
Zintathu izihlobo ezibalaseleyo kule ngxelo:
 
* Ukuxabiseka okungamandla kwenkqubo yemfundo noqeqesho esebenza ngokugqibeleleyo kwimpilo nempumelelo yesizwe. 
 
* Intswelo engxamisekileyo yokulungisa intswelo yobulungisa nohlaselo lwesidima sobuntu nto ezo zililifa lethu lokungaboneleli ngezemfundo. 
 
* Ingqiniseko yokuba abemi boMzantsi Afrika bangahlanganisa oovimba abangekasetyenziswa bamancedo nokuzimisela ukwelula amathuba emfundo nokubuyisela imfundo kwiziko lobomi babahlali. 
 
Imiba elithoba ephambili yenkqubo "kwintetho yeKhwelo lokuSebenza"/yeSimemo sokuSebenza" iyakhetha xa ichazwa. Ayizami ukuchaphazela yonke imiba yenkqubo. Xeshikweni imema ingqwalaselo yemiba elithoba ngokubanzi ebaluleke kakhulu, uBuphathiswa beMfundo buzinikele kulwakhiwo ngokutsha lwemfundo nophuhliso kuzo zonke izigaba zenkqubo nakuwo onke amanqwanqwa, ukusuka kuphuhliso lwasekuqaleni kwabantwana ukuya kwizimfundo nophando lwangaphaya kwezidanga. UBuphathiswa buya kuqhubela phambili ukusebenza nawo onke amaqabane kwezemfundo ukomeleza imfundo yethu kwiziseko nokuncedisa ukuphakamisa undileko olusisigxina sokufunda ubomi bonke oluya kwenza ukuba isizwe sethu sibe nebhongo ngalo.
 
 
Trevor Coombe
UmLawuli-Jikelele oBambeleyo
ISebe lezeMfundo.
 
 
 
 
ISINGENISO
 
Namhlanje ndenza isaziso sokuqalisa iphulo lokuhlanganisa isizwe ngenjongo yemfundo noqeqesho.
 
Kwintlanganiso yokuqala yeKhabineti yorhulumente omtsha, uMongameli Thabo Mbeki wenza umbuzo: :Ingaba inkqubo yethu yemfundo isendleleni esingisa kwinkulungwane yama-21?"
 
Uluntu loMzantsi Afrika lunomdla kakhulu kwimpendulo.
 
Namhlanje emva kokubonisana nazo zonke iinkokheli kwinkqubo yezemfundo noqeqesho, ndingamnika impendulo kwanaso isizwe.
 
 
UKUGABULA IZIGCAWU
 
Kwiiveki ezintlanu ezidlulileyo, ndenze umsebenzi omangalisayo wobuthunywa wokubhaqa. Ndifunde intlaninge yamaxwebhu. Amagosa am andinike izaziso ezininzi. Kwiveki yeentlanganiso ebezingalindelekanga ngobunzulu nokukhululeka kwazo, ndidibene nabameli bazo zonke izigqeba ezibalulekileyo zesizwe zemfundo.
 
Zithethe egameni lemibutho esemthethweni kwezemfundo noqeqesho, ikhomishini ezisekwe ngumgaqosiseko wethu ngenjongo yokukhusela ulawulo ngentando yesininzi (idemokhrasi), imibutho emileyo yeenqununu zemfundo ephakamileyo neenqununu kuwo onke amanqwanqwa, imibutho yesizwe elawulayo, yonke imibutho yesizwe yeetitshala nemibutho yamagosa, nemibutho emele abafundi kuwo onke amanqwanqwa, iinkokheli kwimfundo yabadala, kuphuhliso lwemfundo yabantwana ekuqaleni, kwakunye nemfundo yeentswelo ezizodwa, imibutho yabasebenzi neyamashishini.
 
Sithethile, saphikisana, sade savumelana. Ekugqibeleni, ukugqibezela eli phulo lingaqhelekanga lokuphulaphula, izolo ndibonisene noogxa bam bezamaphondo kwiKhansile yaBaphathiswa bezeMfundo.
 
Ndifuna, ukuchonga imiba emithathu ecacileyo kumakhulukhulu emiba, izimvo kwakunye neembono ezithe zavuselelwa luphulo lokuphulaphula.
 
 
SINEENKOKHELI EZOMELELEYO NEZIZINIKELEYO ZENKULUNGWANE YAMA-21
 
Okokuqala, ubunkokheli benkqubo yethu yemfundo noqeqesho endimeni buquka iimbonakalo ezimangalisayo zobuthandazwe, iitalente, amava, kwakunye nokuzinikela. Iinkokheli endidibene nazo, kwakunye nemibutho namaziko eziwameleyo, zenze amagalelo obugorha angenakubaliswa kwinguquko yenkqubo yethu yemfundo noqeqesho. Ndibothulela umnqwazi. Zingumthombo ofunekayo welixa elilandelayo lenguquko yemfundo yethu. Ngaphezu koko, zifuna ukuqhubeka nayo.
 
 
SINEMIGAQONKQUBO NEMITHETHO EBALASELEYO YENKULUNGWANE 
YAMA-21
 
Okwesibini, ndixelelwe nguye wonke ubani ukuba siyile ingqokelelo yemigaqonkqubo nemithetho yemfundo noqeqesho elinganayo okungenani neyona mihle kunene ehlabathini.
 
Ngowe-1994, xa sifulathela okokugqibela ilifa lokucalula nelenkohlakalo yobandlululo, imfundo yathatyathwa njengeyona ndawo inoqhushumbo nokuphikisana kubomi besizwe. Ndiyazidla ngokuthi urhulumente wethu omtsha wolawulo ngentando yesininzi, emva kokubonisana okuqukayo nokwenyani, ubenakho ukwakha iimvumelwano yesizwe ezizungeze izimo eziphambili zomgaqo-nkqubo wemfundo yombutho wezihlwele wedemokhrasi, kwaye ngaxeshanye wahlela ngokutsha lonke ulwakhiwo lwemfundo kwezobulawuli nobonelelo.
 
Into ebalulekileyo ngokwakha imvumelwano ngenkqubo okanye umthetho kukuba yeyabantu ngokwabo kwaye bafuna ukuba isebenze. Ukufaka emsebenzini kuthatha ixesha elide, kodwa ndifumene ubungqina obanelisayo bokuba kuyenzeka kuwo onke amacandelo enkqubo, ukwenza umzekelo, kwimfundo noqeqesho lwesiseko lwabadala, kwimfundo yobuntwana yasekuqaleni, kwihlelo lezifundo esikolweni, imfundo noqeqesho elongezelelweyo, kucwangciso lwemfundo ephakamileyo, kuburhulumente ngokwentando yesininzi, kwakunye nobulawuli obusemgangathweni.
 
Kubekho inguquko ekhawulezileyo eMzantsi Afrika ecinga ngemfundo noqeqesho. Ukuvumelana esibanako kusekwe ngokucacileyo kuMgaqosiseko wethu wedemokhrasi, kusebenza ngqo neenyaniso zoMzantsi Afrika, kwaye kusenza sihambelane nezicela umngeni zehlabathi zenkulungwane entsha.
 
 
KWIMIBA EBALULEKILEYO ASIKAYILUNGELI INKULUNGWANE YAMA-21
 
Okwesithathu, ubunkokheli besizwe bezemfundo bavumelana ukuba inkqubo yethu yemfundo noqeqesho inobuthathaka obuninzi kwaye inomthwalo oyingozi ovela kwilixa elidlulileyo. Amacandelo amakhulu enkqubo yethu akasebenziseki ngokwenene. Akuyi kuba kukugqithisa ukuthi kukho ingxaki enkulu kumgangatho ngamnye wenkqubo.
 
Ndiya kuchonga eyona miba emibi nenengxaki kwinkqubo yethu yemfundo noqeqesho ukuxela ngokukodwa, ukungalingani okukhulu ekufikeleleni nakumancedo, ukudakumba okukhulu komoya kumagosa afundisayo ukusilela ukulawula, nokuphatha, nomgangatho ophantsi wokufunda kubukhulu benkqubo.
 
 
KUPHI APHO SISILELA KHONA
 
 
Ukungalingani okuninzi
 
Okokuqala, kukho ukungalingani okuninzi okufikelela kumathuba emfundo yomgangatho okholisayo. Ngokukodwa abantu abangamahlwempu kuzo zonke iindawo zabahlali, ndawo ezo uninzi lwazo zizezama-Afrika emaphandleni, bayaqhubeka ukungena kwizikolo ezidilikayo, kumaxa amaninzi kungekho manzi okanye uguculo lwelindle, umbane, okanye ifowuni, ithala leencwadi, indawo yokusebenzela okanye ilabhoratri. Ootitshala babo kunokwenzeka bangaze babone abalawuli babo kwiminyaka elandelayo. Abazali bazo bahlala bengakwazi ukufunda, bengamahlwempu kwaye bengenamandla. Abanako ukunikela ngenkxaso esebenzayo nenengqiqo kwiminqweno yabantwana babo yezemfundo.
 
Kubantwana abanjalo boMzantsi Afrika wedemokhrasi, izithembiso zeBhili yaMalungelo zihlala ziliphupha elikude. Ngaphandle kwesiseko esingqongqo sokufunda amathuba abo empumelelo kwezemfundo noqoqosho kwiminyaka yamva amfiliba. Ngaloo ndlela, ubuhlwempu buyazandisa.
 
 
Umoya ophantsi wokubanomdla kweetitshala
 
Okwesibini, ndixelelwe rhoqo ukuba umoya wokubanomdla weetitshala uphantsi kuzo zonke iindawo zabahlali. Ngumhlaba onzima nangakumbi lo, ngenxa yokuba izizathu neziganeko zingahlukana kumaziko ahlukeneyo.
 
Kucacile ukuba iititshala ezininzi zehliselwe umdla kukungaqiniseki nokudakumba lulungelelaniso nokuthunyelwa kwezinye iindawo. Ukusuka ngowe-1995 le nkqubo iphelekwe kukubonisana okutsalayo, uthethathethwano, intshukumo zasemthethweni nezabasebenzi, kwakunye neendaba zoondiva ezivuselela izimvo. Intswelo yobulungisa nobonelelo oluqhubekayo lweetitshala lufanelekile kwaye luyafuneka, kodwa iindleko zibe phezulu. Ootitshala banokulindela okwamkelekileyo bokuzinza nokuqiniseka ngomsebenzi, kodwa oko kuthathe ixesha elide.
 
Esinye isizathu esinokubakho kukuba sesichengeni solwaphulomthetho kwabafundi nootitshala kwizikolo ezininzi, iikholeji namanye amaziko emfundo, nesichenge sokonakalisa, ukuphathwa nokusetyenziswa kwemipu, intengiso yeziyobisi, udlwengulo, ukuxhaphaza ngokwesini nezinye iintlobo zokudlakazelisa ngokomzimba okanye kwanako ukubulala. Nokuba zenziwe ngaphakathi okanye ngaphandle kwamasango, izenzo ezinjalo zidala ukungakhuseleki noloyiko, kwaye zitshabalalisa isiseko sokufunda sabahlali.
 
Ukungalawuleki ngokuphathelele kwiinqununu, iititshala nabafundi nako kuchongiwe kaninzi njengomthombo wokuphelisa umdla phakathi kwabo abafuna ukusebenza nokuphumelela. Ndiye ndothuswa ngokukodwa kukuqaphela kaninzi ukuba izikolo ezininzi kakhulu azibinakho ukuqalisa ngethuba kwaye zivale phambi kwexesha, nokuthi abafundi abaninzi kakhulu abayi esikolweni ngokuzithandela kwabo, nokuthi ootitshala abaninzi bakholelwa ukuba amadinga abo aphela xa kubetha intsimbi yokuqala okanye eyesibini yosuku lwesikolo.
 
Abafundisi abaninzi kuyo yonke imigangatho bangaba nokuphelelwa ngumdla okusitheleyo nendlela engacacanga yokudakumba ukuba abaxhobanga ngokwaneleyo ngobungcali okanye baxhotyiswe ngokwaneleyo ngamancedo okumelana neentswelo ezintsha ezilindelweyo kubo, nokuba zezivela kwezokudibana kweentlanga okanye isilabhasi nendlela entsha yokufundisa.
 
 
Ukusilela kobulawuli nobuphathi
 
Imbonakalo yesithathu ekhathazayo endithe ndayiqapheliswa yingxaki enkulu yobunkokheli, yolawulo, yobuphathi nomsebenzi we-ofisi kumacandelo amaninzi enkqubo. Oku kuneembonakalo ezinizi. Eyona ingamandla, ngokomlinganiso kukusilela kwamasebe emfundo aliqela amaphondo ukumisela umgaqo weenkqubo zawo, ukwenza imisebenzi yawo ngendlela yezoshishino, nokunikela ngenkxaso yobungcali eyaneleyo kumaziko awo emfundo.
 
Phakathi kwamaziko ukusuka kwiiyunivesithi neetheknikhoni ukuya kwizikolo ezincinci emaphandleni, ukusilela okunjalo kuneziphumo ezimbi kakhulu. Oku, kuvula kakhulu indlela yobuqhetseba, ulwaphulo mthetho nokungalawuleki. Kusenga umoya womdla wamagosa anesazela. Ekugqibeleni, ukufundisa nokufunda okulungileyo kujongelwa phantsi, nto ezo zixhomekeke kuxolo, ucwangco, ukuzinza nokucela umngeni kobungcali.
 
Imeko iba mbi kakhulu ukuba amagosa alawulayo akalawuli ngokukuko, ukuba avumelana nabaphathi ngokuphikisana namanye amaqela okanye ukuba bavumela ukuba basetyenziswe ngokwamaqela. Kwiimeko ezinjalo, abanako ukufeza indima yabo efunekayo yobulawuli obulungileyo nobumeli bokwenene beminqweno yamaziko abalathelwe ukuwakhonza. Iziphumo zingadala iindleko ezinkulu, ngokukodwa kumaziko aphakamileyo emfundo.
 
 
Umgangatho ophantsi wokufunda
 
Xa sithathela ingqalelo iimeko ezichaziweyo apha ngentla, akumelanga kumangalisa ukuba iinkokheli zemfundo endibonisene nazo zivakalelwe ngokunzulu ngumgangatho ophantsi wokufunda kumacandelo amakhulu enkqubo yethu.
 
Iimviwo zeSenior Certificate ekupheleni kweSigaba se-12 zezokuqala zangaphandle zokuhlola intsebenzo kwinkqubo yethu yezikolo. Iziphumo ezingancumisiyo ingakumbi kumaphondo amathandathu zisothusile isizwe. Xa sithelekisa namanye amazwe anengeniso ephakathi, abafundi bethu basebenza kakubi ngokwemigangatho yamazwe yezibalo nenzululwazi. Abagqibileyo esikolweni bazingela umsebenzi okanye bangene kwimfundo ephakamileyo benomsantsa omkhulu wolwazi lwesiseko, ubuchule bokuzathuza, kwakunye neendlela zokufunda.
 
Kumazwe amaninzi, umgangatho ophantsi wokufunda uyamaniswa nobuhlwempu, amalungiselelo amabi okanye angekhoyo, ootitshala abangaqeqeshekanga ngokukuko, ukungabikho kwamancedo okufunda, kwakunye nokungabikho kwenjongo nokuziphatha kwizikolo ezininzi, okanye into ebizwa isiqhelo sokufunda, sokufundisa nesokukhonza.
 
Inani labantu abatsha abafunda izibalo nangawuphi na umgangatho wemvisiso nempumelelo wehlile xa ubufanele ukuba wande ngamandla. Ngenxa yeso sizathu, ukungabi nalo ulwazi lokufunda nokubhala kwizibalo luxhaphakile kuluntu lwethu, kwaye umthombo wokumema abatsha malunga nemfundo eqhubekayo nephakamileyo kubungcali bezolwazi lobuchwepheshe nolusekwe kwinzululwazi uyoma, meko leyo ineziphumo ezimbi malunga nengomso lesizwe kwinkulungwane yama-21.
 
 
IXESHA LOKUDLALA ALIKHO
 
Ndifikelela kwesiphi isigqibo ngolu lungelelaniso olungahlelwanga lwezinto ezikhoyo nezisilelayo kwinkqubo yethu yemfundo noqeqesho? Ngaphandle kwebali lethu lempumelelo siyasilela, ngokukodwa kuloo macandelo enkqubo agqagqeneyo akhonza abahlali abahluphekayo basezidolophini nabasemaphandleni. Iinkqubo zethu ezintsha zoburhulumente, ubulawuli nezemali azikakwazi ukukhupha abahlali kwimbandezelo neemeko ezingafaniyo zemfundo ezaziswa yinzala yobandlululo, nolawulo lwegcuntswana. Kwezinye iimeko neminye imimandla, imeko yehlile, nangakumbi.
 
Zonke izizwe zale mihla ezinezithethi ezingamandla zedemokhrasi noqoqosho oluphumeleleyo zityale imali kakhulu kwimfundo noqeqesho lwabantu bazo ngenjongo yokuqinisekisa ukufikeleleka kubo bonke abemi amathuba okufunda, nokunyusa ngokuqhubekayo impakamo nomgangatho wokufunda kubemi bazo. Ilizwe lethu lisajongwe yindlela ende, kwaye ixesha lokudlala alikho
 
 
UKUHLANGANISA ISIZWE NGENJONGO YEMFUNDO NOQEQESHO
 
 
Imfundo nomsebenzi wethu
 
UMgaqosiseko ubeka umsebenzi onyanzelisayo kurhulumente ukuba ahlonele, akhusele, akhuthaze kwaye anelise ilungelo lomntu ngamnye lemfundo yesiseko, kuquka imfundo yesiseko yabadala, nokwenza amanyathelo amkelekileyo okwenza ukuba imfundo eqhubela phambili ngokushiyanayo ifumaneke kwaye ifikeleleke (icandelo 29).
 
NgoJuni kulo nyaka abantu beli lizwe banikeze oorhulumente besizwe nabamaphondo imfanelo nomsebenzi wokukhawulezisa ukufumaneka kweenkonzo zesiseko eziya kuphucula umgangatho wabo wokuphila. Uluntu lucinga ukuba sinengxaki ezandleni zethu. Abantu bethu banamalungelo emfundo, malungelo lawo umbuso ungakwazi ukuwafeza. Babeke ithemba labo kwinkqubo yolawulo ngentando yesininzi, baze babuyisela urhulumente wabo esihlalweni ngomyalelo ongamandla. Emva kweminyaka emihlanu yolwakhiwo ngokutsha nophuhliso lwedemokhrasi, abantu balungelwe yinkonzo engcono yemfundo kwaye kufuneka bayifumane.
 
Asinakufeza umsebenzi wethu wolawulo ngentando yesininzi, kwaye nesizwe sethu asiyi kumelana neentswelo zenkulungwane yama-21, ngaphandle kokuba siphucule ngokukhawuleza ukufikelela kubo bonke abantu bethu kwimfundo yesiseko ephilileyo noqeqesho kumalungiselelo akholisayo, nokuqinisekisa inkqubo esebenza ngokugqibeleleyo yomgangatho omhle kuwo onke amanqwanqwa ukusuka kwimfundo yobuntwana yasekuqaleni ukuya kutsho eyunivesithi nangaphaya kwayo.
 
 
 
Umyalelo kaMongameli Mbeki
 
UMongameli ulindele ukuba imisebenzi efunekayo yenkqubo yemfundo iya kwenziwa ngokufanelekileyo nangokukhawuleza. Njengoko ephawule kwimpendulo yakhe kwingxoxompikiswano kwintetho yakhe yeMo yeSizwe ePalamente, "Ootitshala kufuneka bafundise. Abafundi kufuneka bafunde. Abaphathi kufuneka baphathe." Oko kukulindela okwamkelekileyo ngokwesiseko kwaye yonke enye impumelelo kwezemfundo ixhomeke kuko. Siyakujongana nako.
 
 
 
I-TIRISANO (UKUSEBENZISANA)
 
Ndifikelele kwisigqibo emva kokubonisana okunzulu nabameli babo bonke abanomdla ababalulekileyo kwezemfundo noqeqesho, namalungu esigqeba esilawulayo kwezeMfundo, ukuba iimeko zemfundo zabantu abaninzi kweli lizwe zidala unxunguphalo lwesizwe.
 
 
Unxunguphalo lwesizwe lufuna umsebenzi ongaphaya kowesiqhelo owenziwa ngurhulumente wesizwe namaphondo.
 
Ndazisa ukuhlanganisa isizwe ngenjongo yemfundo noqeqesho phantsi kwegwijo elithi "Tirisano" ukusebenza kunye. UMongameli Mbeki wabhengeza lo mxholo worhulumente wesibini wedemokhrasi, "Isizwe esisebenzayo ngenjongo yobomi obungcono babo bonke". Yinto efuneka siyenze kwezemfundo, sikunye.
 
Iinkcukacha ziya kusetyenzwa kwiiveki neenyanga ezizayo ngokubonisana nabo bonke abachaphazelekayo.
 
Indima ibanzi, norhulumente onamandla akanako ukuzama ukwenza yonke into ngoko nangoko. Siya kumisela izinto eziphambili sibeke imida.
 
Siya kusebenza namanye amasebe karhulumente kumaphulo adityanelweyo nawenzelwe imida ngenjongo yokuvuselela emaphandleni nasezidolophini, mvuselelo leyo ihlatyelwe ikhwelo nguMongameli Mbeki kwintetho yakhe, nto ezo zicwangciswayo ngoku.
 
Into endiyicelayo ngeli lixa kukuzinikela kwabemi nayo yonke imibutho yoluntu ukusebenza kunye noMphathiswa wezeMfundo nabasemagunyeni kwimfundo kumaphondo ukuhlasela ezona ngxaki zingxamisekileyo.
 
 
Ipalamente yeSizwe yeMfundo
 
Kanye ngonyaka siya kubiza iPalamente yeSizwe yeMfundo. Lena iya kuba sisigqeba esiya kuthabatha izigqibo zokwenene esakhiwe ngabo bonke abanomdla kwezemfundo. Umsebenzi waso iya kuba kukujonga imeko yemfundo noqeqesho, sikhangele inkqubela yomsebenzi wethu odityanelweyo ukuhlasela imiba ephambili yentswelo, ukwakha ubumbano phakathi kwabanomdla abaphambili kunikelo lwemfundo nakumasebe emfundo, kwaye sibonise indlela eya phambili.
 
 
IMIBA ELITHOBA EPHAMBILI
 
 
Umba woku-1 ophambili: Kufuneka senze ukuba iinkqubo zethu zamaphondo zisebenze ngokwenza ukuba urhulumente wobumbano usebenze.
 
Umsebenzi uwonke wobuphathi obuneziphumo wenkqubo yemfundo uxhomekeke kuMphathiswa wezeMfundo, kwaye ndizimisele ukuwufeza loo msebenzi. Ndiya kukwenza oko ngokomyalelo nomoya woMgaqosiseko ngokukodwa izibonelelo ezihambelana norhulumente wobumbano, isigqeba esilawulayo seRiphabhlikhi, kwakunye nesigqeba esilawulayo samaphondo.
 
Phantsi kwezicwangciso zethu zangoku, yonke imfundo engaphantsi komgangatho wemfundo ephakamileyo iphethwe ngoorhulumente bamaphondo, kwaye uMphathiswa wezeMfundo unamagunya ezopolitiko kuphela hayi amagunya okulawula. Ndizimisele ukusebenzisa amagunya am ezopolitiko njengoMphathiswa wezeMfundo ngamandla kangangoko kufuneka ukukhuthaza inkqubela yenkqubo yesizwe yemfundo noqeqesho.
 
Ukuphathwa kweenkqubo zemfundo ngumsebenzi ombaxa kakhulu karhulumente, kwaye namasebe ezemfundo ayaguquguquka kakhulu ngokwanda kwawo ekuphatheni imfundo ngokukuko. Ezona ngxaki zinkulu zamandla zesigqeba esilawulayo zikumaphondo athe athabatha amazwana awayefuduka ezilawula "namazwe azimeleyo". Amaphondo amathathu amakhulu ngawo aneengxaki ezinzima kakhulu. Kukwa ngawona maphondo angamahlwempu kakhulu, ukusilela okukhulu zizakhiwo zezikolo neenkonzo noqhagamshelwano oluphantsi kweziseko ezimileyo emaphandleni.
 
Umthetho wesizwe wezemfundo ubophelela oorhulumente bamaphondo phantsi kwemigaqo ethile, kwakubalulekile ngaloo ndlela, ukuqinisekisa ukuba iMithetho yesizwe, nemiyalelo nemigaqonkqubo ayibeki imithwalo engamkelekanga kulawulo lwamaphondo. Ngenye indlela, amasebe amaphondo kufuneka axhotyiswe ngoncedo lwamasebe esizwe, ukufezekisa imisebenzi yawo ngokusemthethweni. Imithetho yesizwe nezinye izixhobo ziya kukhangelwa kuthathelwa oku ingqalelo.
 
Kukho iingxaki ezibalaseleyo ngolwabiwo nokuphathwa kweengxowamali ezininzi zemfundo kumaphondo. UMphathiswa wezeMfundo unamandla athile kule miba ngokwenkqubo yengxowamali yeMedium Term Expenditure Framework, nangona oku kungangqalanga kakhulu. Ndizimisele ukuthatha umsebenzi noMphathiswa wezeMali, ngomsebenzi odityanelweyo ngeengxowamali zemfundo zamaphondo, kwakunye naMalungu esiGqeba esiLawulayo seMicimbi yaMaphondo yezoQoqosho neZemali.
 
Kubalulekile ukuphucula ulungelelaniso lwenkxasomali yamagosa nabangengawo amagosa. Umsebenzi omhle owenziweyo kukuphungula inkcitho nobuqhetseba nokuphucula kusebenza ngokukuko, nto leyo igxininisiweyo kwiinkqubo zamaphondo. Nangona kunjalo, kunyanzelekile ukuba oorhulumente bamaphondo bayabe ngokulingeneyo inkxasomali ngokuphathelele kwiintswelo zamagosa nabangengawo amagosa eenkqubo zemfundo zamaphondo, kwanokuthi ulwabiwo olunjalo aluphazamiswa kwisithuba sonyakamali.
 
ISebe leSizwe lezeMfundo, ngokusebenzisa ingxowamali yalo eqhelekileyo, limisele iminikelo karhulumente, kwakunye nenkxaso yangaphandle, linceda oogxa balo bamaphondo ngenkxaso ngqo yezolawulo nobungcali. Ndiya kuphicotha okwenzekayo ngoku phantsi kweenkqubo zokunceda ngezobuchwepheshe, ukuqinisekisa ukuba zitolwe ngokukuko nangokuneziphumo, nokuhlola ukuba zingandiswa kusini na.
 
UMphathiswa wezeMfundo unamagunya okuhlola intsebenzo yeziphathamandla zemfundo zephondo, phantsi koMthetho woMgaqonkqubo weSizwe wezeMfundo, 1996, 
..... ekufezeni iimfanelo zawo zomgaqosiseko nokusebenzisa umgaqonkqubo wesizwe. Kufuneka uMphathiswa enze ingxelo ePalamente ngolwaphulo lwezigqibo, kwakunye nomsebenzi wokulungisa ocwangciswe ngokudityaniswa ngamasebe emfundo, ezamaphondo nawesizwe. Amagunya asemthethweni okuhlola nokwenza ingxelo aya kusetyenziswa nanini na xa kufanelekile, ngokukodwa apho kubonakala kubekho ukusilela okukhulu kumaphondo ukufezekisa iimfanelo zawo.
 
Nangona kunjalo, ndiya kusebenzisa indlela ekhawulezileyo nengekho sikweni kangako yokuhlola nokucebisa, ngokucela onke amagosa aphezulu eSebe leMfundo nabacebisi bam ukuchitha ixesha labo elithile, ngokundwendwela amasebe namaziko amaphondo. Ukutyelela okunjalo, apho igosa ngalinye elinoxanduva kufuneka lenze ingxelo, luya kusebenza nanjengento yokuhlola ukuba umthetho okanye umgaqonkqubo wesizwe awusweli kuhlaziywa okanye ukuguqulwa kusini na.
 
Ngaphezu koko, ndiya kwenza ingxelo kuPresidanti njalo emva kweenyanga ezintathu ngenkqubela yezemfundo kumaphondo, ngokwehlelo lezibonakaliso eziya kuxoxwa kwiQumrhu laBaphathiswa beMfundo (iCouncil of Education Ministers) (CEM). Iingxelo ezinjalo ziya kuthunyelwa kwiiNdunankulu zaMaphondo kwakunye nabasebenzi beendaba.
 
 
Umba wesi-2 ophambili: Kufuneka soyise ukungakwazi ukubhala nokufunda kubantu abadala nabantwana kwisithuba seminyaka emihlanu.
 
Kufuneka kwinkulungwane yama-21 kungabikho mntu omdala ongummi woMzantsi Afrika ongakwazi ukufunda nokubhala, kodwa ke izigidi ziya kuba njalo ngaphandle kokuba sihlanganise umbutho wezentlalo ukuzisa ukufunda, ukubhala nokubala amanani kwabo bangenako. Kwilixa langoku izigidi zabemi boMzantsi Afrika abantu abadala nabancinci abakwazi ukufunda nokubhala nakweliphi na ulwimi, kanti nezinye izigidi ngaphezulu azikwazi ukusebenzisa ukufunda, ukubhala nokubala, oko kukuthi azinako ukusebenzisa ubungcali bazo bokufunda nokubhala ngendlela yenzuzo neyaluphi na uhlobo, kwaye azinako ukuguquguqula izimvo zamanani.
 
Kuluntu lwanamhla ukungakwazi ukufunda nokubhala kubekela bucala abantu kumathuba amaninzi okufunda noqhagamshelano, ubungcali obuphucukileyo bomsebenzi kwakunye neminye imisebenzi emininzi eqhelekileyo yobumi. Yinto ebekela bucala kwaye etheza amandla, kwaye yandisa ukuxhomekeka kwabanye abantu. Ngenxa yezi zizathu, abantu abaninzi abadala abangakwazi ukufunda, ukubhala nokubala baneentloni ngemeko yabo, kwaye bazama ukuyifihla.
 
Ulwazi lokufunda nokubhala akububo ubungcali obulula ukubugcina. Bungalahleka okanye bungabinazo iziphumo ngenxa yokungasetyenziswa. Uhlelo lwethu olutsha lwe-Adult Basic Education and Training (ABET) kukuthi Imfundo noQeqesho lweSiseko lwaBadala yiNkqubo engaphaya kolwazi lokufunda nokubhala. Ijolise ekufundeni okuneziphumo okuxhobisayo, kunokukhokelela kwinto enesiphelo. Iinkqubo zalo zokufunda zinika iziqinisekiso ezinolwamkelo lweNational Qualifications Framework olusiSiseko seSizwe seZiqinisekiso. Oku kunceda abafundi abadala ukuqhubela phambili ngemfundo esisekweni ngokuzifundisa ngokwakho okanye ngenye indlela. Isicwangciso seMulti-Year Implementation Plan okuSisicwangciso sokuSebenza iMinyaka eMininzi seABET siya kunceda phantse isigidi sabafundi abatsha ukufikelela ibanga elilingana nomgangatho we-9 ngowama 2003, kuxhomekeke ekufumanekeni kwengxowamali nokuqeqeshwa kwabahlohli. 
 
Kufuneka sixhase le nkqubo kangangoko sinako. Ngelishwa, ubunzima bengxowamali budale ukuba amasebe emfundo aliqela amaphondo aphungule okanye atshitshise iinkqubo zeABET xa bekufuneka zinabe. Lo mkhwa kufuneka ubekelwe bucala, kodwa kunokungenzeki ukuba urhulumente afumane ingxowamali eyongezelelweyo kwithuba elizayo ukuphungula ukungazi ukubhala nokufunda ngeenkqubo ezisesikweni ze-ABET eziqhutywa ngamasebe ezemfundo amaphondo.
 
Kufuneka enye indlela.
 
Okokuqala, bonke abaqeshi, kuquka nabaqeshi koorhulumente besizwe, abamaphondo nabengingqi, kwaye kufuneka bakhuthazwe ukuqhuba nokuxhasa iinkqubo ze-ABET ukulungiselela abasebenzi babo. Abaninzi sebesenza njalo, kwaye abanye ziinkokheli ekuboneleleni nge-ABET. Kodwa ithuba elibalulekileyo liyavuleka ngendlela yokungenisa irhafu yobungcali kwakunye nokusekwa kwe-Sector Education and Training Authorities phantsi kwegwiba lwe-National Skills Authority. Ndiya kuzihlanganisa noMphathiswa wezaBasebenzi ngenjongo yokuqinisekisa ukuba sibhekisa ulwandiso olukhulu kubonelelo lwe-ABET ngalo mgaqo. Abemi abangakwazi ukufunda nokubhala abangekho engqeshweni bangaba nako ukufikelela kwiinkqubo ze-ABET ngoncedo lweNational Skills Fund (iNgxowa yeSizwe yobuNgcali).
 
Okwesibini, kufuneka sikhuthaze umoya wobuntu wenkonzo yokuzinikela ngokuthanda, ngenjongo yokuxhasa oogxa bethu ngobuzwe abangakwazi ukufunda nokubhala. Ndigqithisa isimemo sikawonkewonke kwimibutho yonke yezenkolo, yezopolitiko, yezentlalo, yezemfundo kwakunye neyabahlali ukuba incede ukuyila inkqubo engamandla yenkonzo yokuzithandela egameni lokungazi ukufunda, ukubhala nokubala, nokwenza ukuba amalungiselelo afumaneke okusiqhuba. Abafundi, ngokukodwa abasesekondari ngokwesikolo, amaziko emfundo eqhubekayo noqeqesho nemfundo ephakamileyo, aya kuba nethuba eliqaqambileyo lokubonakalisa ukuzinikela kwawo ekukhonzeni abahlali ngokuba ngabahlohli bolwazi lokufunda nokubhala. I-Ofisi yam yoBuphathiswa iya kubonisana ngalo mba neKhomishini yeSizwe yoLutsha.
 
Nenkonzo yokuzinikela isafuna ingxowamali ukumelana neendleko zokuqhuba nezinye iindleko. Xa sijonga ubukhulu bentswelo, ingxowamali enjalo inokuthathelwa ingqalelo. Kwakamsinya yakuba inkqubo icwangcisiwe yabalelwa iindleko, ndiya kumemeza kumaziko anikela ngenkxaso-mali esizwe nesizwe ukuba ancede. I-National Development Agency ekuLiziko leSizwe lokuPhuhlisa kuya kufuneka libe nendima ecwangcisiweyo yokubonelela ngenkxaso kwii-NGO, iMibutho eNgekho Phantsi kukaRhulumente ethatha inxaxheba.
 
 
Umba wesi-3 ophambili: Kufuneka ukuba izikolo zibengamaziko obomi babahlali.
 
Ingxaki kwizikolo zeprayimari nesekondari kufuneka ilungiswe ngokuqinisekisa ukuba izikolo zibangamaziko obomi babahlali.
 
Izikolo ziya kuba ngamaziko obomi babahlali nenkcubeko ngokwenene ukuba amalungiselelo azo asetyenziselwa ukufunda kolutsha nabadala, iintlanganiso zabahlali, ezomculo nemidlalo, imidlalo nolonwabo. Isikolo esihleli nje yindawo esesichengeni, esimema ubugqekezi. Isikolo esisebenzayo yindawo eyakukhuselwa ngabahlali, ngenxa yokuba yeyabo. Kwisikolo sabahlali kukho indawo yemibutho yezenkolo, yezamashishini, yamaqela enkcubeko, amaqela ezemidlalo kwakunye nemibutho yabahlali, ngenjongo yokufeza iintswelo zayo nokuba negalelo kwinkqubo yesikolo yokufunda ngamaxesha esikolo nangengawo.
 
Iqumrhu elilawula isikolo, elikhokelwa ngabazali, lisebenza njengabameli egameni labazali abangabahlali, kwaye lisebenza njengekhonkco elibalulekileyo phakathi kwesikolo nabahlali. Kufuneka lungalityalwa ukuba olu luluvo olutsha kubahlali abaninzi elizweni. Kufuneka ukuba ngenxa yesi sizathu sizame ngamandla ukuqinisekisa ukuba amaqumrhu alawulayo, ngokukodwa kubahlali abahluphekayo, anikwa inkxaso ayifunayo ukuze omelele kwaye aqhubeke ukuphila. I-Ofisi yoBuphathiswa bezeMfundo inomdla wokuqinisekisa ukuba onke amaqumrhu alawulayo ezikolo zikawonkewonke abhalisa ukuba ngamalungu emibutho yamaqumrhu alawulayo, anokuba nako ukubamela xa kusetyenzwa nabasemagunyeni kwezemfundo, nokubonelela ngenkxaso yobuchwepheshe exabisekileyo kumalungu awo. Siya kuxhasa amaqumrhu alawulayo asekwe ngobunyaniso okanye imibutho yamaqumrhu amatsha alawulayo ukuba afikelele ingxowamali ukuxhasa iindleko zokuba ngumbutho nomsebenzi wokufikelela kuluntu.
 
Inqununu yesikolo, engummeli wesebe lezemfundo lephondo kwaye iyintloko yeqela eliphethe isikolo, inomsebenzi obalulekileyo wokuba yinkokheli ngezobungcali nobulawuli, kwaye inomsebenzi wokuhlola umgangatho wokufunda nokufundisa esikolweni. Kufuneka utitshala omkhulu adale intsebenziswano nequmrhu elilawulayo, ukuze bekunye bakhonze injongo nobuthunywa besikolo ekuhlaleni. Womabini la maqela aswela inkokhelo ekufezeni iindima zawo ngokwahlukeneyo. Ngako oko kubalulekile ukuba iqela lobunkokheli lesikolo, eliphethwe ngutitshala omkhulu, kwakunye nequmrhu elilawulayo kwisikolo sikawonkewonke ngasinye, linikwe ithuba lokuyila umoya wenjongo efanayo nokuxhasana.
 
Isikolo esisebenzayo sesabahlali ngokwenene ngokwaso, kwaye liziko elibalulekileyo labahlali ngokubanzi ngokuphathelele kwiintswelo zentlalo nezenkcubeko nezinto ezinomdla. Kodwa ke ukuze ezi zinto zenzeke, sifuna uxolo nozinzo ezikolweni nakwimekobume engqonge isikolo. Ngako oko kufuneka zenziwe zikhuseleke egameni labafundi, iititshala, amagosa noluntu. Kufuneka kubekho imithetho yokuthintela ukufikeleleka kuphela kwabo abanento yokwenza esemthethweni esikolweni. Kufuneka izikolo zidale uqhagamshelwano nezikhululo zamapolisa nokuzibhalisa kwi-Community Policing Forum (ISigqeba soBupolisa saBahlali).
 
Izikolo zikawonkewonke kufuneka zithathwe kwakhona kwabo abanobundlobongela ngokuthetha okanye ukwenza. Ukuziphatha kusebenza kuphela kwindawo enoxolo. Indlela yomthetho nocwangco ingazisa inzolo kodwa ayinakuzisa uxolo. Uxolo kufuneka ludaleke ngaphakathi: Kubantu abathambekele kubundlobongela, kufuneka kufundiswe indlela yokusombulula ingxabano ngoxolo, kwaye oko kwenziwe kubantu basesikolweni. Amaxabiso, ukuziphatha nokuhlonipha kufuneka ziphinde zimiselwe njengedwala lesiseko kubomi basesikolweni, kwaye ukuziphatha kakuhle kube sisiseko semigaqo yokuziphatha esikolweni. Ukohlwaya ngokubetha kuphikisana noMgaqosiseko kwakuyne noMthetho weZikolo woMzantsi Afrika. Kwixesha langaphambili kube negalelo kwisiqhelo sobudlobongela kuluntu lwethu. Abazali, iititshala nabafundi bafuna uncedo lokuba bavisise ukuba kutheni kuthintelwe, nokufuna ezinye indlela ezineziphumo ezinokuthathela isohlwayo sokubetha indawo.
 
Ukuziphatha kakuhle kwisikolo sabahlali kuya kufuna ukuba ukufundisa kuqalise ngosuku lokuqala lwesiqingatha sexesha lonyaka wesikolo. Kufuneka isikolo siqalise ngexesha kwaye sivale ngexesha, ukusuka ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu zonke iiveki zonyaka wesikolo
 
Ukuba izikolo zikawonkewonke zinokungahoyi umsebenzi wazo kubantwana abaneentswelo ezizodwa, kwakunye nabazali babo, kunokwenza ukuba kungahambelani noluvo oluthi "bahlali", kwanokulandula amalungelo esiseko. Izikolo zikawonkewonke kufuneka, ngokwencazelo, ziquke konke, zibe nobuntu kwaye zinyamezele abahlali. Umgaqonkqubo wemfundo yabafundi abaneentswelo ezizodwa okudala ulindiwe, we-Ofisi yoBuphathiswa, kungekudala uya kulungela ukupapashwa. Izikolo kuya kufuneka zincediswe ukudala imekobume evumela abazali abanabantwana abaphazamisekileyo ngokomzimba okanye ezinye iintswelo ezizodwa ukwenzela ukuba ukuphawuleka kwasekuqaleni kubeneziphumo zengcebiso nokuthunyelwa okufanelekileyo. Ukuhambelana kakhulu neminqweno yabantwana abanjalo, isikolo esiqhelekileyo sikawonkewonke ekuhlaleni kufuneka sibamkele kwaye sibabonelele.
 
Ukuhlanganisa inkxaso yoluvo lwesikolo sabahlali kuya kukhuthaza iphulo leSiqhelo sokuFuda, ukuFundisa nokuKhonza (Culture of Learning, Teaching and Service) [COLTS], zonke iinkqubo zesikolo zophuhliso, kwakunye nenkqubo entsha emiselwe ngu{residenti Mbeki ukwakha ubuqabane ngenjongo yokuphucula isikolo esisebenza ngobuthathaka kodwa izikolo ezidlamkileyo zoluntu.
 
 
 
Umba we-4 ophambili: kufuneka siphelise iimeko ezenyelisayo ngembonakalo kwizikolo zoMzantsi Afrika.
 
Nangona urhulumente enze igalelo eledlula ibhiliyoni enye yeerandi (R1 billion) kwiiNkqubo yeSizwe yokwakha iZikolo, kunokufuneka eso sixa siphindaphindwe kalishumi elinesibini ukumelana nokushiyekela emva okuphawuliweyo kubhaliso lweeNtswelo zeSikolo. Oku kuphezulu kakhulu kuhlahlolwabiwo-mali oluqhelekileyo lwamasebe emfundo amaphondo, masebe lawo kutsha nje afumene ukwehliswa okukhulu kwizixamali azabelweyo zokwakha nokukhonza izikolo.
 
Nangona kunjalo, izigidi zabantwana besikolo boMzantsi Afrika wedemokhrasi banyanzelwa zimeko ukusebenzisa amalungelo abo esiseko emfundo ngokuphathelele kwimeko ezimbi nezenyelisayo. Amawaka ezikolo anezakhiwo ezimbi, kwaye ezininzi ziyingozi kwaye azilungelanga ukuhlalwa ngabantu. Amakhulu ezikolo akanawo amanzi esizeni, akukho lugutyulo lwelindle kwaphela okanye izindlu zangasese zesiseko kwakunye nezinqongopheleyo. Limeko ezinjalo zigrogrisa impilo yabafundi neetitshala ngokunjalo, kwaye oku kuthintela imisebenzi yentlalo nokufundisa esikolweni, kunzima ukucinga oku ngokwaneliseka. Imeko ikhalela ukulungiswa.
 
Ndiya kusebenzisa oke amathuba ukugxininisa lo mba ophambili wokuchitha imali kawonkewonke ngokuvuselela izikolo eziyingozi nezidilikayo, nokubonelela ngeenkonzo zamanzi nogutyulo apho zingekhoyo. Kuya kufuneka ukuba kuhlelwe kwaye kujoliswe kwindawo nezikolo apho kukho eyona ntswelo inkulu, kusetyenzwa kunye namasebe emfundo amaphondo. Oku kunokuba liphulo elikhulu phantsi kweNkqubo entsha eDityanelweyo yophuhliso lwamaPhandle ebhengezwe nguPresidanti Mbeki, ngokusebenza kunye namanye amasebe karhulumente, iziphathamandla zamaphondo, imibutho exhaswa ngurhulumente neMibutho engeyiyo kaRhulumente. Ukusiza amanzi noguculo kwelindle ezikolweni kudala iphulo lomsebenzi omkhulu osekwe kubahlali. Umsebenzi wokucwangcisa sele uqaliwe lisebe lam.
 
 
 
Umba wesi-5 ophambili: Kufuneka siphuhlise umgangatho wobungcali wesigosa sethu sokufundisa
 
Bonke ubungqina endibunikiweyo bubonakalisa ukungonwabi ngokwenene kumagosa afundisayo kweli lizwe, kungakhathaliseki ngemigangatho ephezulu yeenkonzo zobungcali ebonelelwa ngotitshala ezikolweni kulo lonke ilizwe.
 
Ukubonelela izikolo ngootitshala phantsi kocalucalulo kubeneziphumo ezimbini ezinkulu eziphazamisa intlalo. Esinye kwakungumahluko omkhulu kulungelelaniso phakathi komfundi-notitshala okwakuqhubeka ngohlahlolwabiwo-mali olungalinganiyo olusekwe kubandlululo ngokwebala nobuhlanga. Yinto elilishwa elikhulu ukuba nootitshala bachaphezeleke kabuhlungu kwinkqubo yolungelelaniso, kuba ngokokuqala, kwabiwa ootitshala ngobulungisa ukuya kwizikolo ngokwentswelo yesilabhasi. Nangona kunjalo, kukho lonke iThemba lokukhuseleka komsebenzi kubo bonke ootitshala abaneziqinisekiso nababhalisiweyo abasengqeshweni ngoku, kwakunye nokuphindela kubonelelo lwesigosa oluzinikeleyo ezikolweni zethu.
 
Ukuphazamiseka okukhulu kwesibini kwakuyindlela yobuhlanga okuchazwa ngayo ukwakheka kweziqinisekiso, okunxulunyaniswe nenkcazo yobuhlanga kumathuba oqeqesho, nto leyo ibiqinisekisa ukuba ootitshala baMaafrika, bequkwa bonke baneziqinisekiso ezinganeno kunezabanye ootitshala. Aba titshala abaneziqinisekiso ezinganeno bebekwafundisa, ikakhulu, kwizikolo ezinamalungiselelo aphantsi, amancedo okufunda anqongopheleyo, ukuba bucala kakhulu kumaziko asezidolophini, kwakunye nenkxaso yeenkonzo zobungcali ephokelayo okanye engekhoyo.
 
Uphuhliso lobungcali bootitshala, ngokudibeneyo neenkonzo ezineziphumo zenkxaso yobungcali, ubonelelo olusebenzayo kwizixhobo ezixhasa ukufunda, iphulo lokuhlanganisa ukwenza isikolo iziko lobomi labahlali, kwakunye nokuphelisa okuqhubekayo kwiimeko zokuhlala okungalungelanga abantu ezikolweni, kuya kwenza imvakalelo enkulu kumoya wokuba nomdla kootitshala kwakunye nomgangatho wenkonzo abayenzayo.
 
I-ofisi yoMphathiswa wezeMfundo iya kunikela indawo ephambili uphuhliso nokusebenzisa isicwangciso sexesha elide sophuhliso lootitshala, ngezifundo ezandulela umsebenzi nezihlaziya abasebenzayo, ukuxhasa imfundo esekwe kwiziphumo kwakunye nemigangatho ephucukileyo yokufundisa. UMongameli Mbeki ubeke oku phambili kuluhlu lokuzinikela kukarhulumente kwimfundo. Kufuneka kunikwe inqwalasela eyodwa kubungqina obunyanzelayo bokuba ilizwe linokusilela okukhulu kwizibalo, inzululwazi nolwimi ngokubhekiselele kootitshala, kwanakuzo iintswelo zolwazi olutsha noqhagamshelwano lwezobuchwepheshe.
 
Ndiyakumisela indlela yeWonga leTitshala yeSizwe, ngenjongo yokuphawula ootitshala abazibalulileyo kuwo onke amanqwanqwa enkqubo, emva kokubonisana neKhansile yoMzansi Afrika yaBafundisi, imibutho yesizwe yootitshala, kwakunye namasebe emfundo amaphondo.
 
Ndiya kunika ingqwalasela ekulungiseni iphepha logayo-zimvo ngemigangatho yobungcali kwezemfundo, njengenxalenye yenkqubo egunyazisa iKhansile yoMzantsi Afrika yaBafundisi ukuba ngumbutho osemthethweni wobungcali ngokupheleleyo onefuthe lokwenene kumgangatho wokubonelela ngenkonzo.
 
Onke la manyathelo aya kunceda ukubuyisela isidima setitshala kuluntu lwaseMzantsi Afrika. Iminyaka yocalucalulo, ucinezelo, umzabalazo, kwakunye nokudlulela kwintando yesininzi zibe negalelo, kootitshala kuzo zonke iindawo zokuhlala. Lixesha ngoku lokuqinisekisa kwakhona isidima sobizo lobutitshala, ngenxa yokuba ootitshala kweyona meko yabo intle bangabancedi ababalulekileyo kwinguquko nokukhula kwizikolo zethu nendawo zethu zokuhlala.
 
 
 
Umba wesi-6 ophambili: Kufuneka siqinisekise impumelelo yokufunda okusebenzayo ngokusebenzisa imfundo esekwe kwiziphumo.
 
Urhulumente noMphathiswa wezeMfundo banika inkxaso epheleleyo kwihlelo lokufundisa elitsha elisekwe kwisiseko esimileyo soluvo lwemfundo esekwe kwiziphumo. Uhlelo lokufundisa lama 2005 lumele elona themba lethu lokuguqula ilifa eliphindisa umva lexesha lengcinezelo lezimvo zokufunda neendlela zokufundisa eziphelelwe lixesha.
 
Kubalulekile ukuqaphela umonakalo owenziwa kumashumi eminyaka edlulileyo ngenxa yendlela yemfundo eyayinyanzelisa inganiki ithuba lophuhliso lwamandla adingekayo okanye amandla okucinga okuzimeleyo nophando. Imfundo esekwe kwiziphumo yindlela equka amandla abafundi okucinga ngokwabo, ukufunda kwimekobume, nokwamkela isikhokelo sobulumko sootitshala abaxabise ukusungula nokuzikhuthaza ukufunda.
 
Nangona kuya kunikelwa ngenkxaso engenasithintelo kule nkqubo, i-Ofisi yoMphathiswa weMfundo iya kulandula imizamo enomdla ogqithisileyo evela nakweliphi na icala yokuguqula iOBE ukuba ngumyalelo omtsha onamagunya afana nawezibhalo. Akuyi kubakho indlela esisimanga yokufunda nokufundisa ethatyathwa kuyeyona ikhululekileyo nesungulayo.
 
Ndiyalela ukuba iSebe lezeMfundo lenze uhlaziyo ngokukhawuleza lokusetyenziswa kwemfundo esekwe kwiziphumo, ngenjongo yokufakela amabanga amatsha.
 
Ndikwamisele njengesibonakaliso sokusebenza sokuba bonke abantwana baya kufikelela ulwazi lokufunda ukubhala nokubala xa befikelela kunyaka we-9 okanye ekupheleni kweBanga lesi-3. ISebe lezeMfundo liya kuthatha ingcebiso ngokuseka okufanelekileyo kwimigangatho nendlela yokusebenzisa. Kubalulekile ukuseka intsika eyomeleleyo yohlelo olutsha lwesiseko. ISebe lilungisa imviwo ezifanelekileyo zokuhlola ukufunda okufikelelweyo kumabanga esi-6 ne-9.
 
Kwamkelekile ngokupheleleyo ukuba impumelelo yokusebenza kwendlela entsha kuxhomekeke ngokugqibeleleyo kumgangatho ootitshala abazimisele ngawo ukulungiselela ngemvisiso nomgangatho ofanelekileyo wokufunda nezixhobo ezifumanekayo ezikolweni.
 
Kwaba lilishwa elikhulu ukuthi ukumiselwa kweHlelo lokufunda lwama-2005 (ngowe-1998) kudibane nengxaki yolawulo lohlahlomali lwamaphondo, neziphumo zokuba amalungiselelo amasebe amaninzi emfundo kumaphondo ayekelelwe kakhulu, okanye aphazanyiswe. Ngowe-1998 nowe-1999, izixhobo ezintsha zokuxhasa uhlelo lokufundisa lufike ezikolweni mva enyakeni nakubeni bekukho imiyalelo kuPresidanti Mandela.
 
Ukucacisa, uku-odola, ukuthumela impahla nokugcina izixhobo zokuxhasa ukufunda yimeko ebalulekileyo kwingxaki ekhoyo kwezemfundo ezikolweni, ngxaki leyo kufuneka kuzuzwe izisombululo ngokungxamisekileyo. Uhlaziyo lwendlela yoshishino lwayo yonke inkqubo kuwo wolithoba amaphondo lusondele esiphelweni. Ndiyalele ukuba iziphumo zaziswe uMphathiswa wezeMali nam, ukuze kucingwe ngolandelo oluneziphumo ngokukhawuleza okukhulu. Ibhakane yokuba zonke izikolo kufuneka zizuze izixhobo zazo phambi kosuku lokuqala lwesikolo yinto engathethisiyo. Siya kufumana indlela yokuqinisekisa ukuba amasebe emfundo amaphondo anikwe amagunya okuqhubela phambili.
 
Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba isixamali esikhulu esidingwayo sezixhobo zokuxhasa ukufunda kunyaka ngamnye, zisetyenziswa ngubulumko kwaye zimele ixabiso elifanelekileyo lweemeko zethu njengelizwe elinengeniso ephakathi kwaye nabaninzi ngabemi abahluphekayo. Ngako oko ndiyalele ukuba kuqhutywe uphando lweendleko zokuvelisa izixhobo zokuxhasa ukufunda, emva kokubonisana nabapapashi nababoneleli.
 
Ukugcina iincwadi esikolweni ngumba obalulekileyo wokuzigcina ziphantsi iindleko nokugcina ukufunda kuphezulu. Bonke abazali, iinqununu nemibutho elawulayo kufuneka iqapheliswe ngomsebenzi ukuqinisekisa ukuba lo mba wokuziphatha unyanzeliswa ngamandla nezohlwayo ezifanelekileyo. Ndikhuthaza iCongress of South African Students ngokuqalisa umsebenzi we-Operation Mayibuye, ezimisele ukusebenzisa ukuthethelela nokucenga umngangatho wesikolo nabahlali ukufikelela injongo efanayo yeencwadi zesikolo nezinye iimpahla zesikolo ekunokwenzeka zisuswe kwesinye isikolo. Eli phulo lifanelwe yinkxaso ngokupheleleyo.
 
 
Umba wesi-7 ophambili: Kufuneka siyile inkqubo ephilileyo yokuqhubela phambili imfundo noqeqesho ukuxhobisa ulutsha nabadala ukumelana neentswelo zentlalo noqoqosho kwinkulungwane yama-21
 
Imfundo eqhubela phambili noqoqosho (iFET), njengoko igama lichaza, licandelo elingaphaya kwelinyanzelisayo elandulela imfundo ephakamileyo. Liquka imfundo kwisekondari ephezulu esikolweni, iikholeji zeteknikali, iikholeji zoluntu neekholeji zolutsha, noqeqesho kulo mgangatho ngabaqeshi kwicandelo lezorhwebo nemveliso. Ababoneleli babucala basebenza kakhulu kule ndima, kwaye baya kuba phantsi kolawulo loMthetho weMfundo noQeqesho oluQhubekayo, wowe 1998.
 
Njengebrorho phakathi kwemfundo ngokubanzi nemfundo ephakamileyo okanye ingqesho, eli licandelo elibalulekileyo kulutsha nabadala abanemfundo ephelela esithubeni. Umgaqonkqubo umiselwe kwaye nomthetho wenziwe. Ngoku kufuneka siqhube nokuyisebenzisa, ngokusebenza kunye neSebe lezaBasebenzi negunya leziQinisekiso loMzantsi Afrika, ngenxa yokuba ukusekwa kweCandelo laMagunya eMfundo noQeqesho livula amathuba ancumisayo amaziko emfundo noqeqesho.
 
Kukho intswelo engxamisekileyo yokuhlaziya inkqubo zonke zeMfundo noQeqesho oluQhubekayo (iFET) ngokulungiselela iintswelo zabahlali zentlalo noqoqosho kwinkulungwane yama-21. Iinkqubo zolwimi, izibalo nenzululwazi kwakunye nobuchwepheshe bolwazi noqhagamshelano yimiba ephambili yohlaziyo.
 
Kuyafuneka ukuba icandelo le-FET lifikeleleke kangangoko kubafundi babantu abadala abebengenako ukuqhubeka ngemfundo yabo ngenxa yobuhlwempu okanye ukuswela amathuba. Eli candelo kufuneka lizenzele iinjongo zokuba zinkokheli ezixelengayo ekuhloleni nokwamkela imfundo yangaphambili, ethe yazuzwa ngokungekho sikweni okanye ngamava, ukuze abantu abadala abanako nabanamava babenako ukwamkelwa kwiinkqubo abanokuzuza kuzo.
 
Umsebenzi wokuthathela indawo zonke iimviwo zeSenior Certificate ngesiQinisekiso seMfundo noQeqesho uya kuqhutywelwa phambili ngokukhawuleza okukhulu. Okwangoku, kufuneka isixokelelwano sokukhusela utshonile senziwe ukuqinisekisa ukhuseleko lweemviwo ezikhoyo zeSenior Certificate, kwaye iphephe neyona ntshukumo incinci yolwaphulomthetho nangubani na. IKhansile yoMzantsi Afrika yeziQinisekiso (South African Certification Council) (SAFCERT) ilawula ukuqinisekisa iziphumo ngokuzimeleyo phambi kokuba zaziswe kuluntu ngabasemagunyeni kwiimviwo zophando. Ndiya kufaka umthetho obeka imibandela emthethweni ePalamente kulo nyaka ukucacisa imisebenzi ebalulekileyo yalo mbutho osemthethweni nokuqinisekisa ukuba kwilixa elizayo akukho kuthandabuza ngemisebenzi yawo.
 
 
Umba wesi-8 ophambili: Kufuneka sisebenzise inkqubo eyamkelekileyo yemfundo ephakamileyo nengenalo ichaphaza eyamkela izicel'umngeni kwezengqondo nobungcali boMzantsi Afrika kwinkulungwane yama-21
 
Ilizwe lixhomekeke kwinkqubo yemfundo ephakamileyo ukuze limelane namandla oluntu neentswelo zawo zomgangatho ophezulu kwanokuba yi-injini yokusungula ulwazi olutsha nokuyila, nokuxoxisana. Xa sithatha ubukhulu beminye imibandela ephambili, akucaci ukuba amancedo ongezelelweyo abonakalayo aya kufumaneka ngenxa yemfundo ephakamileyo, esele izuza iipeseni ezili-14 zengxowamali yemfundo, isabelo esihambelana nezizwe kwinkcitho kulo mba.
 
Nangona kunjalo, kubalulekile ukuba imigangatho yenkxasomali igcinwe kweli candelo, xeshikweni amaziko efumanisa ukusebenza kakuhle nokumelana nentsebenziso yengqondo, isiseko esimileyo nemithombo yezemali.
 
Iiyunivesithi, iiteknikhoni neekholeji zethu ngokufanayo nezikolo kufuneka zibe ngamaziko aphilileyo abahlali nobomi benkcubeko.
 
Kufuneka abonelele ngemekobume engenangozi nekhuselekileyo ehambelana nokukhuthaza ubuthunywa bokufundisa nokufunda, uncedo lokufunda nophando kwakunye nenkonzo yabahlali. Ubundlobongela balo naluphi na uhlobo ngokukodwa ubundlobongela obubhekise kumanina abuyi kunyamezelwa. Iindawo zokuhlala eyunivesithi naseteknikhoni kufuneka ziphinde zifune ukungabikho kwengozi kwiindawo zokufunda nezokuhlala, ngokukodwa ezamanina.
 
Ndivuye kakhulu ukwenza ingxelo yokuba ubunkokheli babafundi kwimfundo ephakamileyo, kummandla obanzi wezopolitiko, buzinikele kuxolo nozinzo kweli candelo.
 
Ndilindele ukuba abaphathi bemfundo ephakamileyo baqhube amaziko abo ngendlela ehloniphekileyo nequkayo, nto ethetha ukungena kukubonisana ngokuthembana neSRC nemibutho yamagosa. Kuxhomekeke ekubeni benza njalo, ndilindele ukuba imibutho yabafundi namagosa isebenzisa onke amancedo akhoyo kwingingqi, kwiindawo zawo zokuhlala phambi kokucinga ngokubhenela kuMphathiswa.
 
Ngokufanayo, ndiya kulindela ukuba iikhansile zamaziko ziphendule ngemisebenzi yazo esemthethweni nobulondolozi bazo. Ndiwuthatha ngokubaluleka okukhulu ukuba noxanduva lokutyumba amalungu athile kwikhansile nganye yeziko. Ndiya kuhlaziya ukhetho nokusebenza kwabantu abakhethwe njalo ngokoBuphathiswa, kwaye kubo ndilindele ingxelo ngegalelo labo kuburhulumente obuhle kula maziko.
 
Imo nobukhulu benkqubo yemfundo ephakamileyo abunako ukuyekelwa kwithamsanqa ukuba sifuna ukufikelela kwimbono eyamkelekileyo, inkqubo yemfundo ephakamileyo engenachaphaza, ehambelana neentswelo zabafundi bayo yonke iminyaka yobudala kwakunye nezicel'umngeni zengqondo zenkulungwane yama-21.
 
Ukwakheka kwamaziko emfundo ephakamileyo kuya kuhlaziywa njengento engxamisekileyo ngokusebenzisana neKhansile yeMfundo ePhakamileyo. Esi sakhiwo sidalwe ikakhulu yimo yomhlaba nopolitiko lwengcinga yocalucalulo lwabacwangcisi. Njengoko ixwebhu lethu lomgaqonkqubo licacisa kubalulekile ukuba ubuthunywa nokubekeka kwamaziko emfundo ephakamileyo kuhlolwe kwakhona ngokubhekiselele kwisicwangciso semo yecandelo, kunye neentswelo zemfundo zabahlali bengingqi kwakunye nesizwe siphela kwinkulungwane yama-21.
 
Lo msebenzi ombaxa kwaye onzima kunokwenzeka uzale ukudibana phakathi kwamanye amaziko, kwakunye nezigqibo zokuguqula ubuthunywa bamanye. Yinto eyaziwayo ukuba amaziko afumanisa kunzima ukufikelela kwizigqibo ezinjalo ngokwawo. Andiyi kuthandabuza ukuthatha amanyathelo afunekayo ngokukhawuleza, ukuba uphando lwenziwe ngenzondelelo nokubonisana kwenziwa ngokupheleleyo nangokunyanisekileyo.
 
Ndizinikezele kwinkqubo elumkileyo nophuhliso olupheleleyo lwemfundo ephakamileyo kawonkewonke. Andiyi kuba yinxalenye yomonakalo wangabom wale nkqubo, okanye kwiminqweno yoluntu, eziswa bububele obungafunekiyo bokutolika imithetho yokubhalisa amaziko abucala emfundo ephakamileyo. Ukungenelela kwamaziko anjalo, kwingingqi nakwisizwe ngokubanzi, kuyinxalenye yokusombuluka kwesakhiwo semfundo ephakamileyo yoMzantsi Afrika, njengoko kwenzekile kwamanye amazwe. Oku kufuneka kuziswe phantsi komthetho ongqingqwa kodwa oqwalaselweyo, ohambelana noMgaqosiseko. Ndiya kwenza uhlaziyo olungxamisekileyo lwemigaqo neenkqubo zokubhalisa ngokoMthetho weMfundo ePhakamileyo, wowe 1997. Ndiya kufuna nengcebiso yezizwe ngokuphatha imo yemfundo ephakamileyo bucala, ngokweshishini "nokungabikho kwemida", nokuzalana kwayo nesicwangciso sophuhliso samandla oluntu.
 
Ukubhalisa kumaziko oluntu emfundo ephakamileyo kwehlile kwiminyaka embalwa edlulileyo. Kufuneka izizathu zaziwe ngcono. Ukuqhuba ixhesha elide bamaziko ngokuzimeleyo kwakunye nenkqubo iyonke kufuna ukuba ukukhula kukhuthazwe ngendlela ecwangcisiweyo nethembekileyo. Njengenxalenye yenkqubo eqhubekayo yokucwangcisa, ndiya kucela zonke iiyunivesithi neeteknikhoni ukuba zindazise ngamanani ezizimisele ukuwamkela ngowama-2000 neendlela zazo zokugaya ukuze zifikelele amanani anqwenelwayo. Ezi kufuneka ziquke ukuzinikela ekugayeni abafundi abadala ngeminyaka, kwakunye nokusebenzisa iinkqubo zokwamkela ukufunda kwangaphambili.
 
Xeshikweni ukwakheka kwabafundi kumaziko emfundo ephakamileyo kuguquke kakhulu kwiminyaka embalwa edlulileyo ngenjongo yokubonisa inyaniso zokwakheka ngokobuzwe koluntu ngokubanzi, akungeke kutshiwo into efanayo ngokwakheka kwamagosa ahlohlayo kwimfundo ephakamileyo, esahleli imhlophe kwaye ingamadoda ubukhulu. Ndiya kunika ingqwalaselo engamandla ekukhuthazeni ubulungisa obukhulu kumagosa kwinkqubo ngokuphanda ngemeko zamagosa zengqesho nemiba ehambelana noko. Amaziko kufuneka acelwe umngeni wokubeka izimiselo zokuqhubela phambili ukufikelela ubumeli obukhulu bamanina nabamnyama kwisigosa, njengenxalenye yezicwangciso zamaziko zawo.
 
Inkqubo yemfundo ephakamileyo iya kubizwa ukuba ibe nendima ephakathi ekwakheni amandla oluntu ngenjongo yenkqubo yonke yemfundo, ngokukodwa amancedo ayo kufuneka ahlanganiswe ukuxhasa umgangatho wemfundo yetitshala ngaphambi kwenkonzo nangokuhlaziya ngexa lokusebenza kwakunye nolawulo lwamandla oluntu kwezemfundo. Amacandelo nezikolo zethu zemfundo zinethuba elimangalisayo lokucebisa ngemigaqonkqubo yemfundo nokusebenza kuyo yonke inkqubo yemfundo ngophando, ukucinga nokusungula.
 
Ndizinikele ekwakheni inkqubo yemfundo ephakemeyo esabela kudidi oluphezulu. Sinomsebenzi omninzi ofanele ukwenziwa. Ndiya kucela iiyunivesithi, iiteknikhon neekholeji ukundibonelela ngobungqina bokubonisa ukuba ngokwenene zisendleleni esinga kwinkulungwane yama-21.
 
 
Umba wesi-9 ophambili: Kufuneka sisebenze ngokungxamisekileyo nangenjongo nonxunguphalo lukaGAWULAYO/HIV phakathi nangenkqubo yemfundo noqeqesho.
 
Lo mba ophambili ngothungatha yonke imiba ephambili, ngenxa yokuba xa singaphumeleli, sijongana nengomso eligcwele ukungcungcutheka nelahleko, neziphumo ezingenambaliso ngokubhekiselele kubahlali kwakunye namaziko emfundo asebenzela bona.
 
I-Ofisi yoBuphathiswa bezeMfundo iya kusebenza kunye neOfisi yoBuphathiswa bezeMpilo ukuqinisekisa ukuba inkqubo yesizwe yezemfundo yenza elayo igalelo ukutshabalalisa lo bhubhani, nokuqinisekisa ukuba amalungelo abo bonke abantu abasulelwe yintsholongwane kaGAWULAYO/HIV bakhuseleke ngokugqibeleleyo.


YINTONI I-AFRICAN NATIONAL CONGRESS?


* I-ANC ngumbutho wesizwe olwela inkululeko. Lo mbutho wasekwa ngo 1912 ukuze umanye abantu abaNtsundu kwaye uphembelele nomzabalazo wenguqu engundoqo yezopolitiko, ezentlalo kunye nezoqoqosho. 
* Kwiminyaka engamashumi alithoba i-ANC ikhokele umzabalazo wokulwa ubuhlanga nengcinezelo, iququzelele intshukumo yenginginya yabantu, yagaya uluntu lwehlabathi, yaze yathabatha umzabalazo wezigalo wokulwa ucalu-calulo (apartheid). 
* I-ANC yankqenkqeza phambili ngokuphumelela idabi lentatho nxaxheba kawonkewonke (ledemokhrasi) kunyulo lwango 1994, apho yanikwa amandla aqinileyo okungenela uthetha-thethwano loMgaqo-siseko omtsha we ntatho nxaxheba kawonkewonke (wedemokhrasi) waseMzantsi Afrika. UMgaqo-siseko omtsha wavunywa ngo 1996. 
* I-ANC yaphinda yonyulwa ngo 1999 ukuba ikhokhele urhulumente welizwe noorhulumente bamaphondo ngamandla athe xhaxhe. 
* Imigaqo ye-ANC iqulungqwa ngamalungu ayo kwaye iinkokeli zayo zisabela iimfuno zamalungu. 
* Ubulungu be-ANC buvuleleke kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika abangaphezulu kweminyaka eli 18 ubudala, abamkela imimiselo, imigaqo kunye neenkqubo zayo, akukhathaliseki nokuba ngabaluphina uhlanga, banguwuphina umbala nemvelaphi. 
ZIYINTONI IINJONGO ZE-ANC?
* Injongo ye-ANC engundoqo kukuseka nokuphuhlisa ilizwe elimanyeneyo, lingenabuhlanga, elingakhethiyo phakathi kwendoda nenkosikazi kwakunye nentatho nxaxheba kawonkewonke ekuphuculeni ubomi boluntu jikelele. 
* Oku kuthetha ukukhulula abantu abaNtsundu ngokubanzi ngokukodwa kunye nabantu abamnyama kwidyokhwe yobukhoboka bezopolitiko nobezoqoqosho. Oku kuthetha ukuphakamisa umgangatho wentlalo yabo bonke abantu baseMzantsi Afrika, ngakumbi abangamahlwempu. 
* Umzabalazo wokufezekisa ezi njongo ubizwa ngokuba yiNtshukumo yeLizwe yeDemokhrasi (National Democratic Revolution). 
YINTONI EKHOKELA UMGAQO WE-ANC?
UMqulu weNkululeko (Freedom Charter), owavunywa yiNkongolo yaBantu (Congress of the People) ngo 1955, usisiseko se-ANC.
I-Freedom Charter ibhengeza ukuba:
* Abantu bayakulawula 
* Bonke abantu elizweni bayakubanamalungelo alinganayo 
* Abantu bayakwabelana ngobutyebi belizwe 
* Umhlaba kuyakwabelwana ngawo ngabo bawusebenzayo 
* Bonke abantu bayakulingana phambi komthetho 
* Bonke abantu bayakuxhamla amalungelo oluntu alinganayo 
* Kuyakubakho umsebenzi kunye nokhuseleko 
* Amasango emfundo nenkcubeko ayakuvuleleka 
* Kuyakubakho izindlu, ukhuseleko nokonwaba 
* Kuyakubakho uxolo nobudlelwane 
Ngo 1994, i-ANC yavuma iNkqubo yoKwakha Ngokutsha noPhuhliso Lwelizwe, okanye i-Reconstruction and Development Programme (RDP), njengesicwangciso esisisiseko somgaqo okhokela i-ANC kwinguqu yoMzantsi Afrika. Iinkqubo eziphambili ze-RDP zezi:
* ukufezekisa iimfuno zoluntu ezisisiseko 
* ukuphuhlisa uluntu 
* ukwakha ezoqoqosho 
* ukumilisela intathonxaxheba ka-wonkewonke eburhulumenteni nasentlalweni 
ZITHETHA NTONI IIMPAWU ZE-ANC?
* Iflegi ye-ANC yenziwe ngemiqukumbelo edwelileyo elinganayo emnyama, eluhlaza nenombala wegolide. Ubumnyama buluphawu lwabantu baseMzantsi Afrika abathi balwela inkululeko kwizizukulwana ngezizukulwana. Umbala oluhlaza umele umhlaba, owagcina abantu iinkulungwane ngeenkulungwane, nalapho abantu basuswa khona ngoorhulumente bamakolonali (Colonialist) nabo-bandlululo. Umbala wegolide umele izimbiwa kunye nobutyebi obubobantu bonke baseMzantsi Afrika, kodwa obebukade buyinzuzo exhamlwa ligcuntswana lobuhlanga.
  
* Umgximfizo (logo) unomkhonto kunye nekhaka, zona ezimele iimfazwe zangaphambili ezazisiwa ulawulo lwamakolonali, umzabalazo wezigalo wephiko elalisakuba lelezigalo le-ANC, u Mkhonto we Sizwe, kunye nomzabalazo oqhubekayo we-ANC wokulwa izibonelelo zobuhlanga kunye nengcinezelo yobuhlanga. Ivili lisukela emva kwephulo leNkongolo yaBantu (Congress of the People), eyavuma i-Freedom Charter, kwaye liphawula ukumanyana kwabo bonke abantu baseMzantsi Afrika kumzabalazo wenkululeko. Olu luphawu lwesithethe esomeleleyo se-ANC sokungakhethi ngokobuhlanga. Inqindi elibambe umkhonto limele amandla abantu abamanyeneyo kumzabalazo wenkululeko.
  
* Isikhahlelo se-ANC esithi "Amandla ngawethu" okanye "Matla ke arona" sithetha 'amandla ebantwini' nto leyo ebonisa imfuno engundoqo ye-Freedom Charter ethi abantu bayakulawula. Le yimbonakaliso ye-ANC yokuzimisela nokuzinikela ekwakheni nasekumiliseleni nzulu intatho nxaxheba kawonkewonke yoluntu ngokubanzi nangokuphangaleleyo kunye nokubandakanyeka okunentshukumo kwabantu kumzabalazo wokuphucula intlalo yabo. 
LUYINTONI UXANDUVA LWELUNGU LE-ANC?
Izinto ezixabisekileyo kunye nemimiselo yelungu le-ANC ibandakanya:
* Ukuzithoba kunye nokuzinikela kokungazicingeli wena wedwa kumzabalazo wentlalo engenabuhlanga, engakhethiyo phakathi kwendoda nenkosikazi kunye ntatho nxaxheba kawonkewonke. 
* Ukuthabatha ingqalelo iimfuno kunye neminqweno yabantu, echaziweyo kwimimiselo ye Batho Pele - abantu kuqala. 
* Ukuzimisela ekuhlonipheni imigaqo yalo mbutho kunye nezigqibo zentlanganisela (Alliance). 
Amalungu e-ANC alindeleke ukuba:
* Abandakanyeke kwisebe le-ANC, ahlawule imirhumo yobulungu kwaye ancedise ekwakheni i-ANC. 
* Athabathe inxaxheba kwiingxoxo, ekuqulungqweni nasekumiselweni komgaqo kunye neenkqubo ze-ANC 
* amkele kwaye akhusele izigqibo zamacandelo alo mbutho 
* akhe ubumbano lwe-ANC kunye nentshukumo yentatho nxaxheba kawonkewonke kwaye anqande ubuqhetseba, ukukhetha ngokuzalana kunye nobuhlakani. 
* alwe ubuhlanga, ubuntshovu-ntshovu bokubeka phambili imvelaphi, ubuntshovu-ntshovu bokubeka phambili ukuba yindoda okanye ukubayinkosikazi, ukunganyamezelani ngokwenkolo yecawe nangokwezopolitiko okanye naluphina uhlobo localu-calulo. 
* athi gqolo ukuzazisa ngezinto eziqhubekayo kwezopolitiko neminye imiba, azakhe ngokwakhe njengenxenye yenkqubo yemfundo engagugelwayo. 
* athi rhoqo ukusondela nokuzibandakanya nabantu kwaye adlale indima enentshukumo kwimibandela yabahlali. 
* abengumzekelo ekuziphatheni kwintlalo yemihla ngemihla, kwaye angasebenzisi izikhundla zawo ukuze abenguhlohlesakhe okanye azityebise yena ngokwakhe okanye azifumanele inzuzo. 
NGAWAPHI AMACANDELO E-ANC?
* Isebe (branch) licandelo elisisiseko le-ANC, apho amalungu athabatha inxaxheba khona kwimisebenzi ye-ANC kunye neengxoxo zezopolitiko. Isebe 'liliso nentsika' ('vanguard') yabahlali, imele iimfuno zabahlali, ivakalisa iminqweno yabo kwaye iqoqonga abahlali ukuze basebenzisane ekuphuhliseni indawo yabo. Isebe ngalinye lonyula i-Komiti yeSigqeba yesebe (Branch Executive Committee) kwiNtlanganiso yoNyaka yamalungu esebe(Annual General Meeting).
  
* IKomiti yeSigqeba yeNgingqi okanye i-Regional Executive Committee (REC) yonyulwa kwiNkomfa yeNgingqi (Regional Conference) qho kwisithuba seminyaka emibini ngabamelii bamasebe kwingingqi.
  
* IKomiti yeSigqeba sePhondo okanye i-Provincial Executive Committee) (PEC) yonyulwa kwiNkomfa yePhondo (Provincial Conference) qho kwisithuba seminyaka emithathu ngabameli bamasebe kwiphondo.
  
* IKomiti yeSigqeba kaZwelonke okanye i-National Executive Committee (NEC), lelona candelo liphezulu le-ANC phakathi kweeNkomfa kwaye inoxandava lokukhokela umbutho. Yonyulwa qho kwiminyaka emihlanu kwinkonfa yeLizwe (National Conference). i NEC yonyula i National Working Committee kwalapha kuyo ukuze yenze umsebenzi wombutho kwimihla ngemihla.
  
* INkomfa yeLizwe (National Conference), Ieqhubeka qho kwiminyaka emihlanu lelona candelo likhulu lokwenza izigqibo kwi-ANC. Abameli bamasebe babandakanya I 90 pesenti nangaphezulu yabathunywa abane gunya lokonyula iinkokheli (abavotayo) kwi Nkomfa kaZwelonke. Phakathi kweeNfomfa zikaZwelonke kubanjwe i- National General Council ukuze ivavanye inkqubo yombutho.
  
* Umbutho wamakhosikazi, i-ANC Women's League isebenza njengecandelo elithe qeke ngaphakathi kumbutho we-ANC. Iinjongo zayo kukukhusela nokuqhubela phambili amalungelo amakhosikazi ukuze kunqandwe zonke iintlobo zengcinezelo kwaye kuqinisekiswe ukuba amakhosikazi adlala indima epheleleyo kubomi bombutho. I-Women's League ivulelekile kuwo wonke amakhosikazi angamalungu e-ANC.
  
* Umbutho wolutsha, i-ANC Youth League nayo isebenza njengecandelo elithe qeke, kwaye iinjongo zayo kukudibanisa nokukhokela ulutsha ekumelaneni nasekusombululeni iingxaki ezijongene nolutsha, nasekuqinisekiseni ukuba ulutsha lwenza igalelo eligcweleyo nelityebileyo kumsebenzi we-ANC. Ubulungu be-Youth League buvulelekile kubo bonke abantu abaphakathi kweminyaka eli 14 nama 35. 
YINTONI I-TRIPARTITE ALLIANCE (uNxantathu Wembumba)?
I-ANC ikwi-mbimba (alayensi) ne-South African Communist Party (SACP) kunye ne-Congress of South African Trade Unions (COSATU). Ugxa ngamnye we-mbumba ungumbutho ozimeleyo onomgaqo-siseko wawo, amalungu awo kunye neenkqubo zawo. Le Mbumba okanye i-Alayensi isekelwe ekuzimiseleni okufanayo kwiinjongo zeNtshukumo yeLizwe yeDemokhrasi (National Democratic Revolution) kunye nemfuneko yokuhlanganisa inginginya yoluntu lwaseMzantsi Afrika ngokubanzi ekuxhaseni ezi njongo.
IINDAWO OFUMANA KUZO I-ANC
Amasebe e-ANC afumaneka kuzo zonke izixeko, iidolophu neelali eMzantsi Afrika. I-ANC ine-ofisi enkulu kaZwelonke, ii-ofisi ezilithoba zamaphondo kunye nee-ofisi ezingamashumi amahlanu ananye (51) zeengingqi.
 

Ubalo lwabantu ezikolweni zethu
 
Ngelixa lika Septemba/Oktobha, abantwana kuwo wonke uMzantsi Afrika bayakube bethatha inxaxheba kwiphulo elinika umdla ekuthiwa lubalo lwabantu ezikolweni. 
 
Inkqubo yobalo lwabantu ezikolweni iqhutywa yi-Statistics South Africa iziko lethu lezobalo elisemthethweni kunye neSebe leMfundo. Luya kuquka ititshala kunye nabafundi besebenzisana bebonke kumagumbi abo okufundela. Abantwana phantsi kokukhokelwa ngotitshala bakuqokelela ulwazi ngokunxulumene nabo, isikolo sabo kunye nemo zasemakhayeni abo. Ulwazi oluqokelelweyo luyakuba yinxalenye ebalulekileyo yolwazi oluselugcinweni lukazwelonke kunye nogcino lwazi lwehlabathi kunye nolwazi olukwanje oluqokelelwa kumazwe anjenge-United Kingdom ne-Australia nawo axakeke ngephulo elifana neli.
 
Olulwazi luyakusetyenziswa ukuvelisa izixhobo zokufundisa ukunceda abafundi njengomntwana wakho ukuba aqonde ubalo loqikelelo nendlela olunokusetyenziswa ngayo. Ubalo ezikolweni luya kunceda abantwana ukuba bakuqonde ukubaluleka kobalo lwabemi lukazwelonke oluya kwenzeka ngo-Oktobha. Olwalo nyaka ubalo lwabemi lubizwa ngokuba luBalo bemi luka-2001(Census 2001).
 
Yintoni ubalo lwabemi? 
 
Emzantsi Afrika ubalo lwabemi lwenziwa qho emva kweminyaka emihlanu. Ngelixa lobalo lwabemi, wonke umntu elizweni uyabalwa, kwaye ulwazi lokuba abantu bahlala njani, phi luyaqokelelwa. Olu lwazi ( olubizwa ngokuba yi-data ngamchule obalo lothelekelelo ) lusetyenziswa ngamasebe karhulumente, amaqumrhu olawulo asekuhlaleni kunye babaqulunqi ukthatha izigqibo ngokuba kuphi apho ubiqili bokwenza izinto bufuneka kakhulu khona.
 
Oku kuthetha ukuba ulwazi oluqokelelweyo kubalo lwabemi lusetyenziswa ukuthatgha izigqibo zokuba izikolo kunye nendawo zempilo zingakhiwa phi na, ziziphi na iindawo ezifuna izithuthi uphuculo lothutho lukawonke-wonke kunye nokuthi kuphi apho amanzi ompompi nombane kufuneka enikezelwe. Ulwazi oluqokelelwe kubalo lwabemi lukwasetyenziswa ukuthatha izigqibo zokujolisa ubuqili bokusebenza ukuphuhlisa amaphandle, ukuphuculwa kwendawo zasezidolophini kunye nokuthomalalisa intlupheko.
 
Kutheni kufuneka uthathe inxaxheba kuBalo bemi luka-2001 (Census 2001)? 
 
*         Ingxowamali yosekuhlaleni kwakho. Ngokuthatha inxaxheba kubalo lwabemi, unceda indawo yakho yasekuhlaleni ukuba ifumane ulwabiwo lwemali elufunayo ukuze kusekwe iinkonzo nophuhliso oludingekayo.
*         Ulawulo lweentlekele. Ulwazi lobalo lwabemi luya kunceda abaniki bonkonzo zempilo ukuba benze uthelekelelo lokusasazeka kwezifo ezinjenge-cholera. Xa kunokuthi kubekho izikhukhula, ulwazi oluphuma kubalo lwabemi lwakucebisa abahlanguli nabenkonzo ezingxamisekileyo ukwazi apho uncedo lufuneka khona ngokukhawulezileyo kunye nokuba bangaphi abantu abafuna uncedo.
*         Iinkonzo eziphucukileyo. Ulwazi lobalo lwabemi lunceda abaqulunqi ukwazi ukuba kuphi apho izikolo ezitsha, amaziko empilo kunye nenkozo zasekuhlaleni zifuneka khona.
*         Lwenza urhulumente akusebenzele. Ubalo lwabemi luka-2001 yindlela elungileyo yokuxelela inkokheli zethu ukuba singobani na kwaye sinqwenela nto zini na. Ulwazi olusuka kubalo lwabemi lusetyenziswa ukuncedisa ukuthatha izigqibo zokuba ingxowa mali karhulumente isetyenziswe njani na.
*         Ukunceda usapho lwakho. Amanani obalo lwabemi akunceda urhulumente ukuyila kunye nokufezekisa iinkqubo kunye nenkonzo kwikamva elikufutshane. Ulwazi olusuka kubalo lwabemi lwaseka isiseko sokuyila kwixa elizayo. Uyilo olungcono kwixesha elide elizayo luya kunceda wena kunye nabantwana bakho.
 
Linini uBalo lweBemi luka-2001?
 
Abantu abaqesheiweyo ngokhethekileyo nabaqeqeshwe ukuqokelela ulwazi ababizwa ngokuba ngababali bakutyelela ikhaya lakho phakathi komhla we-10 kuye kwi-31 ka-Oktobha ka-2001. 
 
Ukufumana ulwazi olungaphaya ngoBalo eSikolweni tsalela umnxeba kule nombolo ifelele ingu 0800 201 402 okanye ubhalele kuledilesi Private Bag X44, Pretoria, 001 okanye sindwendwele kule-website u-www.censusatschool.org.za okanye isithumelele kule e-mail ethi censusatschool@statssa.pwv.gov.za 

Intshayelelo

Iyintoni kanye-kanye le Domain name? 

Njengeenombolo zemfono-mfono, idomain yindlela eyohlukileyo ekhombisa indawo(i-site) ethile ekuxhumaneni ngeekhompyutha kwilizwe jikelele( World Wide Web). Nayiphi na ikhompyutha exhumene nomhlaba ngokubanzi (internet)inamanani ohlukileyo edilesi ye -"Internet protocol"ezi fana nezi zilandelayo: 131. 215. 3. 29. La manani akakhuthazi kumsebenzi kwaye akachazi ukuba idilesi leyo inantoni na. Igama le- "Domain" aligqibi ngokukhumbuleka lula nje kuphela, likwaxelela lowo oyisebenzisayo ukuba 'site'inantoni . Umzekelo, kulula ukukhumbula idilesi ethi "old -books .co.za" kunaleyo ebhalwe ngoluhlobo: 121 .207.7.23. Ukuba ungumqokeleli weencwadi ezindala , unakho ukufumana i"site' enolo lwazi ulufunayo lweencwadi. 
Igama ledomain lisebenziseka njengamanani emfono-mfono. Inxalenye yegama lokuqala ibonisa indawo leyo (site), kuze kuthi eyesibini ibonise indawo yonke apho i site ikho, eyesithathu ibonisa ikhowudi yelizwe apho indawo (site) ibhaliswe khona.Umzekelo, i absa.co.za ikuxelela uluhlu lwendawo (web site) yebhanki yakwa Absa, ndawo leyo ibhaliswe kwi- "commercial domain"engu (co) eMzantsi Afrika(za). Phantse kwi- internet yonke, kunama domain name servers. Amagama afumaneka kwi khompyutha athabatha igama le domain , afune idilesi ye protocol, efanelekileyo kwandule ke ayibuyise kwi khompyutha yakho ukuze ube nako ukuqhangamshelana nendawo leyo(site) ofuna ukuyivula. 

Kungani ukuba kube yimfuneko ukubhalisa i Domain Name?

Minyaka le , iinkampani zisebenzisa imali etshisiweyo zakha amagama nemifanekiso eyayanyaniswa nalamagama. Ngumbono omhle ukubhalisa eli gama ukuze ukhusele amagama agciniweyo , nokunika abathengi be internet igama le domain abalaziyo. 
Oku kubonakala kakhulu apho iinkampani zisebenzisa igama( brand) elinenkcazelo eyohlukileyo. Eli ligama elinamandla , uninzi lwabantu luxhumana ngalo ngokugcinwa kolwazi kwikhompyutha (Data Base Systems) , oku akuthinteli bani oneminqwno yokubhalisa ngaphansi kwelo gama. Oku kunokuba ngaphezu koko apho igama lenkampani linezinye iinkcazelo okanye iingcamango ezohlukileyo ezinokuthi zisetyenziswe ngalo. Oko kunokwenzeka xa kudandalalisiwe ngaphandle kwamathandabuzo ukuba inkampani ethile ye Information Technology ithembisa ukumnika isixa esithile semali lowo mntu ngegama lakhe ledomain . Apho kukho amagama okanye ii-trade marks ezibhaliswe ngokukuko, inkampani inakho ukuthabatha amanyathelo omthetho ukuze afumane loo magama nakubanina obhalise ngaloo magama ngokungekho emthethweni njenge domain, oku kunothetha ukuchitheka kwexesha nokuquqa enkundleni zamatyala. Xa uqhathanisa oku neendleko zokubhalisa igama le domain eseMzantsi Afrika(co.za domain) , kunokutya amakhulu amabini eerandi kuquka netex( VAT) yonyaka wokuqala. 

Ndingayibhalisa njani i Domain Name yam?

Nangona nabani, nanayiphina inkampani inokubhalisa ngqo kubajongeleli be domain ethile, kulicebiso elibhetele ukufumana ulwazi kulowo okuzisela ezoqhangamshelelwano nee khompyutha( Internet Service Provider) . 
Ukubhalisa igama ledomain linyathelo lokuqala lokuzizimanyanisa nenye yeendawo ezikhula ngesantya esiphakeme kwezorhwebo. I domain ebhalisiwe nje kuphela , ayithethi nto ngaphandle kwe dilesi. Xa abasenzisi be internet betyelela idomain yakho , ze baphandlwe ngumbhalo othi "ISAKHIWA"( under construction), mancinci gqitha amathuba okuba banokuphinda babe nomdla wokuyikroba kwakhona. Ii ISP ziingcungela ezi nokukuxhobisa kumahla ndinyuka okubhalisa , ziphinde zikucebise ekwenzeni iweb site esemgangathweni, enomtsalane ne kwanempumelelo. 

Ndinako ukuzikhethela iDomain Name yam?
Yintoni ekweli gama? Eliyinyaniso lelithi kukho iinkozo ze-alphabethi(a-z), amanani(0-9. ) kunye ne hyfeni( hyphen) ezinokusetyenziswa , kuqikelelwe zingevi emashumini amathathtu (30) egameni ledomain .Ngokwemimiselo kufuneka iinkozo ezo zingevi ku 256 kodwa ngenxa yezizathu ezithile u 30 ngumqathango okungalindelekanga ukuba utsitywe. 
ngona kunjalo, kubalulekile ukukhumbula ukuba i Domain Name inokusetyenziswa njengenxalenye ye URL ukuze ukwazi ukwamkeleka kwi web page okanye kwi e-mail . Nakuba iDomain Name inokhethelwa inkampani ekho kwi web okanye ulonwabo , imiqathango nemithetho emayilandelwe iyefana. 
Masithabathe nanku umzekelo: Ndingene kwishishini losapho "iMichael Salibas and Sons"elaqala ukusebenza eminyakeni engemininzi egqithileyo kwaye linabathengi abatsha nabadala. Xa ndinokubhalisa kwi Domain Name , ndinokubhalisa njengo MICHAELSALISABAND SONS.CO.ZA okanye MSS.CO.ZA 
Masithabathe nanku umzekelo: Ndingene kwishishini losapho "iMichael Salibas and Sons"elaqala ukusebenza eminyakeni engemininzi egqithileyo kwaye linabathengi abatsha nabadala. Xa ndinokubhalisa kwi Domain Name , ndinokubhalisa njengo MICHAELSALISABAND SONS.CO.ZA okanye MSS.CO.ZA 
Ibheji yamakariti eshishini nawe dilesi inombhalo othi 'MSS"o nesitayile esihle esibhalwe ngo bhlu ongagqamanga, ze kube nomgca obomvu onqumla ngezantsi. Unokubuza ukuba kungani , kungokuba KUNOMTSALANE kwaye abantu BAZOYIKHUMBULA lula. Imithetho efanayo iyalandelwa nakwi Domain Name. Kulula kwaye kunomtsalane ukukhumbula u www.mss.co.za xa uqhathanisa no www MICHAELSALIBASAND SONS.CO.ZA. 
Kanene ! iDomain Name engu MSS.CO.ZA sele ibhalisiwe kwaye ngeyakwa "Medical System Support (Pty) Ltd", into ethetha ukuba kofuneka ndicinge enye iDomain Nam 
Ndingafumana njani ukuba iDomain Name seyikhona?

Njengokuba iDomain Name sele ikhethiwe, kulicebiso ukuba uhlole ukuba ikho ukuze ibhaliswe ngokusebenzisa i WHOIS SERVERkwi web page eyaziwa ngele CO.ZA( http://co.za)wakugqiba ubhale gama le domain leyo oyihlolayo ngokucindezela u ENTER. Ukuba igama ledomain likho, 


The CO.ZA simple whois server
Your query has generated the following reply:- 

Search on tomjones (.co.za)
Match: Zero
    Nothing matched - this should mean that
         the name is safe to use...
		


gakwelinye icala , xa iDimain isetyenziswa ngomnye iveza iziphumo ezohlukile. I WHO IS SERVER iyom gqithisela iinkcukacha zokuqhangamshelana ne Domain ethile . Ezi ziphumo zeze Domain yakwa 'jones.co.za" 


The CO.ZA simple whois server
Your query has generated the following reply:- 

Search on jones (.co.za)
Match: One

		Domain: jones.co.za


		


Ndingayifumana phi ifom yokufaka isicelo? 

< lingatshintshwanga. ukuligcina kubhetele nangona kabutsha ungaliqamba lefayili Igama uSAVE. cindezela wakugiba , khona igcinwa ifayile "Windows")apho ku ukungena bangakwazi kwabo isikhombisi okanye i'folder"( ukhethe AS, SAVE no kunye FILE othi umbhalo lendlela:cindezela ngokulandele kwenziwa drive Hard kwi ifom Ukugcina drive. ligcinwe kufananele ke kungako likho ehlala akuyo Le co.za. htttp: i page web co.za kwa inokufumaneka isicelo yokufaka Ifom isicelo. lelokushicilela elilandelayo inyathelo lisetyenziswe, liyafumanekakhon'ukuze ukuba lahlolisiswa selikhethiwe leDomain igama yokuba>

Loluphi ulwazi endiyoludinga ukuze ndigcwalise ifom? 

Iinkcukacha zokuqhangamshelana no Mnikazi weDomain , ukuqhangamshelana nabaBhalisi kunye nokuqhangamshelana negama leDomain ngobuncutshe kuyafuneka. Iinkcukacha zokunxibelelana ziquka oku: idilesi yaseposini, inomabolo zemfono -mfono kunye nedilesi ymbane ( e-mail address). Idilesi yombane ( e-mail) yo mbutho okanye yenkqu ( individual) eqinisekisa ubhaliso iyafuneka kwanayo. 
Zimbini indlela onokubhalisa ngazo igama ledomain . Igama le Domain linokwamkelwa ne ISP okanye iNkampani eyaMkelayo , okanye Igama elitsha le Domain Name elinokongezwa kwelo selikho kakade. 
Xa igama le Domain lizosetyenziswa ngokungxamisekileyo, , kuyacetyiswa ukuthetha nomnye wakwa ISP okanye Inkampani eyamkelayo mayelana nokwamkela igama leDomain. Ukuba iISP okanye Inkampani eYamkelayo ifuna ukuba umfaki sicelo agqithisele ifom yokubhalisa, umfaki sicelo makafumane iinkcukacha zegama leseva ( Name Server Details ) kwi ISP ukuqinisekisa ukuba igama le domain licwangciswe kwii Nameservers ezazi nikezelwe yi ISP.Xa igama ledomain lizogcinwa ngasese ngenjongo zokulisebenzisa emva kwexeshana, igama eliqinisekisiwe (CNAME)inganikwa igama elitsha . Makuqatshelwe ukuba amagama akaphindwa ngaphantsi kwe Domain. Igama eliqinisekisiwe makube ligama elinokutshintshwa. Akukho mfuneko yokubhidanisa igama le Domain ne Virtual Web Space. Umzekelo: I geocities.com/"ligama ledomain ngelixa I geocities.com/ mike iligama le Virtual Web Space. 

IGAZETHI YOBURHULUMENTE
IGazethi yomGaqo No. 6290

-

Vol. 399
ePitoli, 8 Septemba 1998
No. 19231

-

ISIBHENGEZO SIKARHULUMENTE
IGUNYA LEMIGANGATHO-MFUNDO YOMZANTSI AFRIKA

IGUNYA LEMIGANGATHO-MFUNDO YOMZANTSI AFRIKA
No. R 1127

8 Septemba 1998
 IMIGAQO PHANTSI KOMTHETHO WEGUNYA LEMIGANGATHO-MFUNDO YOMZANTSI AFRIKA KA-1995
(UMTHETHO NO. 58 KA-1995)
IGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika lithe phantsi kwecandelo 14 loMthetho weGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika (uMthetho Nombolo 58 ka-1995), livunyelwe nguMphathiswa wezeMfundo evumelana noMphathiswa wezemiSebenzi, lenza lemiGaqo ikule Shedyuli.

ISHEDYULI
ISAHLUKO 1 : IZIBONELELO JIKELELE
1. Inkcazo 
ISAHLUKO 2: AMAZIKO AQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
2. Ukuvunywa 
3. Iinqobo zovavanyo zokuvuywa kwamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
4. ISatifikethi sokuvunywa 
5. Ukwandiswa kokuvunywa 
6. Ukurhoxiswa kokuvunywa 
7. Ubulungu bamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
8. Ukushiywa kwezikhundla ngamalungu amaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
9. ImiSebenzi yamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
ISAHLUKO 3 : IMIGAQO YENKQUBO KUNYE NOKUHLAWULELWA KWEENTSHUKUMO ZAMAZIKO AQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
10. Ukuhlawulelwa kweentshukumo zamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
11. Imigaqo yenkqubo 
ISAHLUKO 4: ABABONELELI NGEMFUNDO NOQEQESHO
12. Ukuvunywa kwababoneleli 
13. Iinqobo zovavanyo zokuvunywa kwababoneleli 
14. ISatifikethi sokuvunywa njengomboneleli 
15. Ukwandiswa kokuvunywa kwababoneleli 
16. Isibonelelo ngokuvunywa kwababoneleli 
17. Ukurhoxiswa kokuvunywa kwababoneleli 
ISAHLUKO 5: AMAZIKO ONGAMELEYO
18. Ukwalathelwa kwamaziko ongameleyo 
19. Iincwadi zokwalathelwa njengamaziko ongameleyo 
20. Imisebenzi yamaziko ongamelayo 
21. Ukupheliswa kokwalathelwa kwamaziko ongameleyo 
ISAHLUKO 6: AMAZIKO OBUNGCALI-MFUNDO NAMAZIKO OVAVANYO
22. Ukubandakanywa kwamaziko obungcali-mfundo kunye namaziko ovavanyo ekuqingqeni imigangatho, ukuqinisekisa ngexabiso kunye nokongamela 
ISAHLUKO 7 : AMALUNGISELELO EZINTO YINTO
23. Inkqubo yokubhena 
24. Intloko emfutshane 
ISIHLOMELO
ImiGaqo yeNkqubo yamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho

ISAHLUKO 1
IZIBONELELO JIKELELE
Inkacazo
1. Kule migaqo naliphina igama or isaci esinikwe intsingiselo ethile kulo Mthetho siya kuba nalo ntsingiselo, ngaphandle kokuba loo ndawo likuyo ayivumi:- 
"ukuvunywa" kuthetha ukunikwa isatifikethi, sexesha elithile komntu, iziko okanye umbutho, iziko okanye umntu unakho ukwenza umsebenzi othile onexabiso elikumgangatho wenkqubo yokuqinisekisa ngexabiso elibekwe liGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika ngokoMthetho.
"Umthetho" uthetha uMthetho weGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika ka-1995 (Umthetho Nombolo 58 ka-1995);
"umphononongi" uthetha umntu obhaliswe liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elichaphazelekayo ngokweenqobo zovavanyo ezisekelwe eso sizathu liZiko eliDala imiGangatho ukulinganisa oko kuzuzwe luPhahla lwemiGangatho yesiZwe okanye oko kuzuzwe yimigangatho-mfundo, kwaye ke "umphononongi wabavoti woluntu" unentsingiselo efanele oko,
"ubhaliso oluxhomekekileyo" luthetha ubhaliso lweziko labucala lemfundo ephakamileyo njengoko kuchaziweyo kuMthetho weMfundo ePhakamileyo ka-1997 (Nombolo 101 ka-1997);
"ubulungu" buthetha ukuba lilungu elisemthethweni lweziko okanye umbutho ekuthethwe ngawo kule migaqo;
"Iziko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho" lithetha iziko elivunywe ngokwecandelo 5(1) (a) (ii) loMthetho, elinoxanduva lokongamela nokuphicotha oko kuzuziweyo ngokwemigangatho yemfundo yesizwe, likwanikiwe imisebenzi ethile enento yokwenza nokongamela nokuphicotha imigangatho yemfundo yesizwe ngokwecandelo 5(1) (b) (i) loMthetho;
"ummandla" uthetha umda wokufunda osetyenziswa luPhahla lwemiGangatho-Mfundo yesiZwe njengendawo yoququzelelo;
"ukongama" kuthetha inkqubo eqinisekisa ukuba uphononongo lweziphumo ezichazwe kwimigangatho yemfundo yoPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe iyanelisa, isemthethweni kwaye ithembekile;
"iziko elongamileyo" lithetha iziko elimiselwe ngokukodwa liGunya ukuba longame;
"IZiko lemiGangatho yesiZwe" lithetha iziko elibhaliswe ngokwecandelo 5(1) (a) (ii) loMthetho, elinoxanduva lokuseka imigangatho yemfundo noqeqesho, nelinikwe imisebenzi eyodwa emalunga nokubhaliswa kwemigangatho yemfundo ngokwecandelo 5(1) (b) (i) loMthetho;
"iziphumo" zithetha imveliso eyinqontsonqa elindelweyo ekupheleni kwenkqubo yemfundo ngokweemeko ngeemeko;
"injongo ephambili" ithetha injongo okanye umsebenzi kwicandelo elithile elithi iqela okanye iziko elithile liziphose kuwo iinzame zalo;
"iziko lobungcali" lithetha iziko elisemthethweni elibhaliswe ngolohlobo ngokomthetho osebenza kuloo maziko, okanye iziko elingunonibe/elizithandelayo elenza imisebenzi echazwe kumthetho wamaziko anjalo kodwa elingabhaliswanga ngolo hlobo;
"umboneleli" uthetha iziko elihambisa iinkqubo zokufunda eziphela ziyimigangatho yemfundo lwemiGangatho yesiZwe, likwaphonononga imigangatho yemfundo;
"ukuqinisekisa ngexabiso" kuthetha ukuba inkqubo yokuqinisekisa ukuba iqondo lwengqibelelo echaziweyo liyazuzeka;
"inkqubo yokulawula ixabiso" ithetha ukuhlanganiswa kwenkqubo ezisetyenziswa ekuqinisekiseni ukuba iqondo lwengqibelelo echaziweyo liyazuzeka;
"imigangatho ebhalisiweyo" ithetha imigangatho yemfundo ebhaliswe kuPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe;
"icandelo" lithetha isabelo esichaziweyo semisebenzi yezentlalo, ezoqoqosho, okanye ezemfundo, misebenzi leyo esetyenziselwa ukumisela iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"iZiko eliDala imiGangatho" lithetha iziko elibhaliswe ngokwecandelo 5 (1) (a) (ii) loMthetho, elinoxanduva lokuseka imigangatho yemfundo noqeqesho, elinikwe imisebenzi emalunga nokusekwa kwemigangatho okanye imigangatho-mfundo ngokwecandelo 5 (1) (b) (i) loMthetho.

ISAHLUKO 2
AMAZIKO AQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
Ukuvunywa
2. (1) AmaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho aya kuvunywa kwicandelo ngalinye liGunya ngenjongo yokongamela nokuphicotha oko kuzuziweyo ngokwemigangatho okanye imigangatho-mfundo, eliya kumiselwa enento yokwenza nokongamelo nokuphicotha imigangatho yemfundo ngokwecandelo 5(1) (b) (i) loMthetho. 
(2) Kwicandelo elingenalo iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elivunyiweyo okanye apho iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho lingawenzi umsebenzi walo, nalapho iGunya libona kufanelekile, iGunya liya kuyithathela kuyo imisebenzi kunye noxanduva oluye lunikwe iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo.
(3) Iqela okanye iqela lemibutho elifuna ukuvunywa njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kusekwa kwelinye lalamacandelo alandelayo:
a. Icandelo lezentlalo; 
b. Icandelo lezoqoqosho, okanye 
c. Icandelo lenkqubo yemfundo noqeqesho.
Iinqobo zovavanyo lokuvunywa kwamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho
3. (1) Umbutho okanye iqela lemibutho elimele icandelo ekuthethwa ngalo kumgaqo 2(3) elizifezekisayo iinqobo zovavanyo zokuvunywa njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ezichazwe kumgaqwana (2) lingenza isicelo kwiGunya lokuba libhaliswe njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 
(2) Lo mbutho uya kubonakalisa ezi zinto zilandelayo:-
a. kukho imfuneko yokuseka iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho kwelo candelo ufuna ukusebenza kulo; 
b. unenjongo ephambili ngemisebenzi yawo yokuqinisekisa ngexabiso, esekelwe kubudlelwane bawo nelo candelo kunye nemishini echaziweyo yelo candelo; 
c. awuyiphindi imisebenzi okanye inxalenye yemisebzi yeZiko eselikhona eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ngaphandle kokuba iGunya likubona oko kuphindwa kuyimfuneko; 
d. unamandla wokwenza imisebenzi onikwe yona liGunya; 
e. unobuqili obaneleyo bokuba ungaphila ngalo lonke ixesha lokubhaliswa kwawo; 
f. unenkqubo yolawulo yexabiso ebandakanya oku kulandelayo nangona ungaphelelanga kuko; 
i. iinkqubo zolawulo ezichaza ixabiso iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo 
ii. noQeqesho elifuna ukulizuza; 
iii. uqwalasela iindlela eziqinisekisa ukuba iinkqubo zexabiso lezolawulo   
g. umsebenzi nokuqinisekisa ngexabiso langaphandle uzimele kwaye wahlukile kulowo wokubonelela ngemfundo noqeqesho; 
h. malunga nomsebenzi nokuqinisekisa ngexabiso, umelwe kwisigaba sokuthatha izigqibo, oko kumelwa kuya kuqinisekisa ukwenzeka kwezinto elubala nokuba nokuphendula ngezinto; kwaye ke 
i. imisebenzi wawo uya kuqhebela phambili iinjongo zoPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe.
(3) Umbutho ofuna ukuvunywa njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho uya kubhala phantsi aze avume oku kulandelayo-
a. ilungelo leGunya lokuvavanywa nangaliphina ixesha lize liqwalasele iinkqubo neepolisi zawo zolawulo; 
b. ilungelo leGunya lokubonelela ngesikhokelo kwimiba ephathelele kwiintshukumo zeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; kunye 
c. nelungelo lamalungu eZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho okuya ngqo kwiGunya ngemicimbi echaphezela ukusebenza kakuhle kweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho: Phantsi kwento ethi amanyathelo afanelekileyo okusombulula imicimbi enjalo athatyathiwe kwisigaba seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 
Isatifikethi sokuvunywa
4. (1) IZiko ngalinye eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kuthi ekuvunyweni kwalo linikwe isatifikethi sokuvunywa liGunya. 
(2) Isatifikethi sokuvunywa siya kubonakalisa imigangatho leyo yemfundo livunyelwe yona iziko: Phantsi kwento ethi imigangatho leyo yemfundo iya kugxila kwinjongo ephambili yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, ngaphandle kokuba kuthe kwanikezelwa ulwandiso lokuvunywa ngokomgaqo 5.
(3) IZiko ngalinye eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kuthi kwinyanga yonyaka wesithathu livunyiwe, lichaze izizathu zokuba kutheni kufuneka oko kuvunywa kuhlale kuhleli, lize lichaze neziphumo ezizuzwe liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho kwiminyaka emibini egqithileyo.
Ukwandiswa kokuvunywa
5. (1) IZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elinqwenela ukwandiselwa ukuvunywa kwalo ukuba kubandakanye imigangatho yemfundo engekho kwinjongo yalo ephambili ngokokubona kweGunya, liya kungenisa isicelo sokwenjenjalo kwiGunya, libonakalisa ukuba linakho ukufezekisa iinqobo zovavanyo zoko kuvunywa ngokomgaqo 3 (1) no (2). 
(2) Ekunikezelweni kolo lwandiso isatifikethi sokuvunywa siya kusayinwa kananjalo.
Ukurhoxiswa kokuvunywa
6. Ukuvunywa kweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho kungarhoxiswa ukuba, ngokubona kweGunya, liyasilela elo ziko ukwenzeni imisebenzi yalo ngokufanelekileyo. 
Ubulungu bamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho
7. Amalungu eZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho aya kuba ngaloo malungu ombutho okanye iqela lemibutho elivunyiweyo njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho athe amiselwa kwelo ziko nguloo mbutho okanye iqela lemibutho ezifezekisayo iimfuno zomgaqo 3 (2). 
Ukushiywa kwezikhundla ngamalungu amaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho
8. Usihlalo okanye naliphina elinye ilungu leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ekuthethwa ngalo kumgaqo 7 liya kusishiya isikhundla salo ukuba: 
a. ilifa okanye izinto umntu anazo zithinjiwe okanye ungene kwizibhambathiso ezithile kunye nabo abatyalayo; 
b. ubanjiwe njengongekho zingqondweni phantsi kwawo nawuphina umthetho; 
c. uye akabikho kwiintlanganiso zeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho kwintlanganiso ezintathu ezilandelelanayo engenamvume yokungabikho evela kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
d. usishiyile isikhundla sakhe ngokuthi abhale incwadi yokubeka phantsi eya kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
e. uthe ngexesha abambe isikhundla wafunyaniswa enetyala waza wagwetywa engakhethiswa ukuba makahlawule; okanye 
f. ukuba ngokoluvo lweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya silela ekwenzeni imisebenzi yalo. 
Imisebenzi yamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho 
9. (1) Iziko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kwenza le misebenzi ilandelayo 
a. liya kuvuma ababoneleli abasemthethweni ngenxa yemigangatho ethile yemfundo ebhaliswe kuPhahla lwemiGangatho yesiZwe; 
b. liya kongamela ubonelelo olwenziwa ungababoneleli 
c. liya kukhuthaza ixabiso kubaboneleli abasemthethweni; 
d. liya kuxabisa ukwenziwa kokongamelo phakathi kwababoneleli abasemthethweni; 
e. liya kubhalisa abaphononongi bendawo ukulungiselela imigangatho yemfundo ebhalisiweyo ngokweenqobo zovavanyo ezisekelwe esi sizathu; 
f. liya kuthatha inxaxheba ekunikweni kwabafundi bendawo izatifikethi; 
g. liya kusebenzisana kunye neziko okanye amaziko achaphazelekayo amiselwe ukongamela onke amaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, kubandakanywa kodwa kungaphelelwanga kulongamelo lokuqinisekisa ngexabiso lemigangatho yemfundo ethile elivunyelwe yona iZiko okanye amaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
h. liya kubabaza imigangatho yemfundo emitsha kumaZiko emiGangatho yesiZwe ukuba iqwalaselwe, okanye ibabaze ukuguqulwa kwemigangatho yemfundo kumaZiko emiGangatho yesiZwe; 
i. liya kugcina i-database eyamkelekileyo kwiGunya; 
j. liya kungenisa iingxelo kwiGunya ngokweemfuno zeGunya; 
k. liya kwenza neminye imisebenzi eliya kuthi liyinikwe liGunya amaxesha ngamaxesha. 
(2) Ekwenzeni imisebenzi yalo iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho-
a. liya kugcina imigaqo 2 ukuya ku-12 yemiGaqo yamaZiko emiGangatho yesiZwe (R 452 yomhla wama-28 Matshi 1998, iGazethi yobuRhulumente Nombolo 18787); 
b. lingayinikela kumboneleli osemthethweni okanye kwelinye iziko imisebenzi ethile ekhethekileyo ekuthethwa ngayo kumgaqwana (1), oku kungenziwa ngemvume yeGunya, kodwa alinakho ukukunikela komnye umntu ukuphendula kwalo kwiGunya; kwaye ke 
c. ukuba lisekwe phantsi komnye uMthetho wePalamente ukuba liphathe inkqubo enye ecwangcisiweyo yababoneleli abaneemigangatho-mfundo eyahluka-hlukeneyo, liya kuwunikezela kubaboneleli balo umsebenzi wokubhalisa abaphononongi abasemthethweni ekuthethwa ngabo kumgaqwana (1) (e); oku kuya kwenzeka ukuba inkqubo yabo yokulawula ixabiso ibandakanya ukonganyelwa kwalo msebenzi kwaye iGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika lixelelwe.

ISAHLUKO 3
IMIGAQO YENKQUNO KUNYE NOKUHLAWULELWA KWENTSHUKUMO ZAMAZIKO AQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
Ukuhlawulelwa kweentshukumo zamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho
10. (1) IZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elifuna ukufikelela ezigqibeni kunye neGunya malunga neemali ekufuneka zibizwe okanye zirhoxiswe phantsi kwamandla anikezelwe liGunya kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, liya kuveza isicwangciso soshishino, esibonakalisa iinjongo ekufuneka zizuziwe kwelo xesha liqwalaselwayo, eliba yiminyaka emithathu ubukhulu becala, esiya kubandakanya uhlalo-lwabiwo mali. 
(2) Isicwangciso soshishino ekuthethwa ngaso kumgaqwana (1) siya kubonakalisa ezo mali ukucetywa ukubizwa zona okanye eziza kurhoxiswa kunye nefuthe eliya kwenziwa zezinguqulelo ekuzuzweni kweenjongo zoPhalhla lwemiGangatho-mfuundo yesiZwe, kukho into ethetha ngokufikelela ukuqhubela phambili kuyo kwimfundo, uqeqesho kunye neendlela zengqesho.
Imigaqo yenkqubo
11. IZiko ngalinye eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kuthi ekusebenzeni kwalo lilawulwe yimigaqo yenkqubo yalo eya kuthi ibambelele kwiziKhokelo eziqulathwe kwisiHlomelo sale miGaqo. 

ISAHLUKO 4
ABABONELELI NGEMFUNDO NOQEQESHO
Ukuvunywa kwababoneleli
12. IZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho linako lithi xa lisenza isicelo livume iziko elizifezekisayo iinqobo zovavanyo ekuthethwa ngazo kumgaqo 13. 
Iinqobo zovavanyo zokuvunywa kwababoneleli
13. Iziko lingavunywa liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho njengomboneleli, onjongo iphambili ifanayo nomboneleli: Phantsi kwento ethi iziko elifuna ukuvunywa - 
a. lingumboneleli obhalisiweyo ngokomthetho ngelo xesha lenza isicelo sokuvunywa; 
b. linenkqubo yolawulo lwexabiso ebandakanya oku kulandelayo kodwa ingaphelanga kuko - 
i. iipolisi/iinkqubo zolawulo lwexabiso ezichaza oko umboneleli afuna ukukufumana; 
ii. inkqubo zolawulo lwexabiso ezenza umboneleli asebenzise iipolisi zolawulo lwexabiso ezichaziweyo; okanye 
iii. iinkqubo zoqwalaselo eziqinisekisa ukuba iipolisi zolawulo lwexabiso ziya setyenziswa kwaye zisebenza kakuhle;
c. linakho ukuphuhlisa, libonelele kwaye livavanye iinkqubo zokufunda eziphelela kwimigangatho yemfundo ethile; 
d. linezi zinto zilandelayo:- 
i. izimali, izinto eziphathekayo kunye nesakhono kwezolawulo; 
ii. iipolisi neendlela zokusebenza ukutyumba abaqeshwa, ukuphicotha izakhono zabo kunye nokuba phuhlisa; 
iii. iipolisi neendlela zokusebenza ukulungiselela ukuqala kwabafundi; kunye neenkqubo zokukhokela nokunceda. 
iv. Iipolisi neendlela zokusebenza zokulawula amalungu angekho kule ndawo kusetyenzwa kuyo okanye akuyo; 
v. Iipolisi neendlela zokusebenza zokulawula uphonongo; 
vi. Iinkqubo eziyimfuneko zokwenza ingxelo; 
vii. Ukukwazi ukuzuza iziphumo ezifunekayo, kusetyenziswa izinto ezikhoyo neenkqubo ezibonwe liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ukuba ziyimfuneko ekuphuhliseni, ukunikezela kunye nokuphonongoa iinkqubo zemfundo eziphelela kwimigangatho yemfundo ebhalisiweyo ekuthethwa ngayo kumhlathi (c); kwaye ke 
e. alikhange livunywe okanye lenze sicelo sokuvunywa kwelinye iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ekuthethwa ngalo kumgaqo 2. 
ISatifikethi sokuvunywa njengomboneleli
14. (1) Umboneleli ngamnye obhalisiweyo, uya kuthi ekuvunyweni kwakhe anikwe isatifikethi sokuvunywa liZiko elifanelekileyo eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, eso satifikethi siya kusayinwa liGunya size ke sithi:- 
a. ungamboneleli usemthethweni weZiko elifanelekileyo eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
b. imigangatho okanye imigangatho-mfundo ivunywe ngenxa yalo iziko. 
(2) Umboneleli ngamnye ovunyiweyo uya kuthi kwinyanga yokuqala yonyaka wesihlanu evunyiwe nakunyaka wesihlanu ngamnye emva koko, angenise ingxelo kwiZiko elifanelekileyo eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo achaze izizathu ezixelayo ukuba kutheni kufuneka kugciniwe nje ukuvunywa kwakhe, aze achaze neziphumo azizuzileyo kwiminyaka emine egqithileyo.
Ukwandiswa kokuvunywa kwababoneleli
15. (1) Umboneleli ovunyiweyo onqwenela ukuba ukuvunywa kwakhe makwandiswe kubandakanye imigangatho yemfundo engaqwalaselwanga liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, athe ngayo wavunywa ukuba abe phantsi kwenjongo yayo ephambili, uya kungenisa isicelo soko kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho avunywe lilo, abonise ukuba unakho ukuhlangabezana neenqobo zovavanyo zoko kwandiswa kobhaliso. 
(2) IZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho umboneleli lowo abhaliswe kulo, liya kuthi ngemvumelwano neGunya, liququzelela oko kwandiswa kokuvunywa njengoko kuyimfuneko ngendlela edlula kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elinenjongo ephambili yemigangatho yemfundo esenzelwe yona isicelo: Phantsi kwento ethi 
a. iinqobo zovavanyo zoko kuvunywa kuchazwe kumgaqo 13 (1) ziya hlangatyezwa; 
b. abaphononongi ababhaliswe kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, avunywe lilo umboneleli, lilo eliya kwenza uphononongo lwemigangatho yemfundo ebhalisiweyo ekucelwa ngenxa yayo ukwandiswa kokuvunywa; okanye 
c. abaphonongi abaya kwenza uphononongo ngabo ababhaliswe kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho lenjongo ephambili yemigangatho yemfundo esenziwe ngenxa yayo isicelo.
(3) IGunya liya kuthi, ngokuthethana neZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, njengeyona nto iphambili ekujongwe kuyo kumgaqwana (2), liqinisekise okokuba iinqobo zokuvunywa ekujongwe kuzo kumgaqo 13, zemigangatho okanye imigangatho-mfundo ziyafezekiswa.
(4) Iziko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ekuthe kwavunywa kuye umboneleli okokuba landiswe ithuba lokuvunywa liya kuhlala liliZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho njengenjongo ephambili yaloo mboneleleli emva kokwandiswa kwexesha lokuvunywa.
(5) Emva kokuba landisiwe ithuba, isiqinisekiso sokuvunywa siya kuqiniselwa njengoko kujongwe kumgaqo 14 (1) (b).
Ukuvunywa okwethutyana kwababoneleli
16. (1) Okokuba iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ekwenziwe kulo isicelo sokuvunywa, linoluvo lokokuba umboneleli obhalisiweyo okanye umboneleli ofuna ubhaliso phantsi kwemiqathango akazifezekisi zonke iinqobo zokuvunywa, lingathi ke iZiko elo liQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho linike loo mboneleli ukuvunywa okwethutyana phantsi kwexesha ekuvunyelwene kulo, lingedluli kwiminyaka emibini, eliya kuthi ngelo thuba liqhube ngenkqubo yophuhliso evunywe liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho equlunqelwe ukuba ibe nakho ukukhawulelana neenqobo ezifunekayo zokuvunywa: Phantsi kwento ethi, ngokoluvo lweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, izinto eziluncedo kumfundi ziyakhuselwa ngethuba lokusebenza kwenkqubo yophuhliso. 
(2) Umboneleli ngamnye uya kuthi, ngoko kuvunywa okwethutyana, anikwe isiqinisekiso sokuvunywa okwethutyana liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elichaphazelekayo, siqinisekiso eso esiya kuqiniselwa liGunya, nesiya kuthi sixele-
a. okokuba ngumboneleli obalulekileyo ovunywe liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
b. imigangatho okanye imigangatho-mfundo ekuthe ngayo kwavunywa okwethutyana, kunye 
c. nemihla ekuya kuqaliswa ngayo oko kuvunywa okwethutyana nekuya kuphela ngayo.
Ukurhoxiswa kokuvunywa okwethutyana
17. (1) Ukuvunywa komboneleli kungarhoxiswa ukuba, ngokoluvo lweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho avunywe lilo, naqiniselwe liGunya, uyasilela ukuyenza ngokunempumelelo imisebenzi yakhe. 
(2) Umboneleli angacela ukuba ukuvunywa kwakhe okujoliswe kwimigangatho okanye imigangatho-mfundo exeliweyo kurhoxiswe.

ISAHLUKO 5 
AMAZIKO ONGAMELEYO
Ukwalathelwa kwamaziko ongameleyo
18. Ukuba iGunya libona kuyimfuneko, liya kwalathela iziko elongameleyo: Phantsi kwento ethi- 
a. liyazifezekisa iinqobo ezongezelelweyo zeZiko eliDala imiGangatho ekucetyiswe zona kwiZiko lemiGangatho yesiZwe 24 (1) ngokwemiGaqo yeZiko lemiGangatho yesiZwe, 1998 (R. 452 wowama - 28 Matshi 1998, iGazethi yobuRhulumente No. 18787), kwaye zamkelwe liGunya; 
b. linokuyiqhuba imisebenzi yokongamela ngendlela eqinisekisa okokuba ukuvavanywa kweziphumo ezichazwe kwimigangatho okanye kwimigangatho-mfundo kuyasebenza kwaye kuthembekile; kwaye kufanelekile, 
c. limelwe liqela lesizwe elinomdla kumgangatho wothatyatho-zigqibo, melo olo lubonisa umdla wabo bazuza uncedo kwaye benomdla ngqo kwimisebenzi yeziko elongameleyo.
Iincwadi zokwalathelwa njengamaziko ongameleyo
19. (1) IGunya lingalathela iziko elongameleyo okanye amaziko ongameleyo, elo thuba / loo mathuba naloo migangatho okanye imigangatho-mfundo elibona kuyimfuneko ukuqinisekisa ukuqaliswa komsebenzi wokongamela. 
(2) IGunya liya kukhuphela iziko ngalinye elongameleyo nelalathelweyo incwadi yokwalathelwa echaza umhla kwanethuba lokwalathelwa kwanemigangatho okanye imigangatho-mfundo ekufuneka liyongamele.
Imisebenzi yamaziko ongameleyo
20. Amaziko ongameleyo aya kuthi- 
a. afumanise okokuba ingaba izigqibo zophononongo mayela nemigangatho okanye imigangatho-mfundo ethile, ezenziweyo liZiko elinye okanye nangaphezulu eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho zifanelekile, ziyasebenza kwaye zithembekile kusinina ngokokweziphumo ezichazwe kuloo migangatho okanye imigangatho-mfundo, 
b. acebise iGunya mayela-
i. nokuphuculwa okufunekayo ekusebenzeni kweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho; 
ii. neenguqulelo kwimigangatho okanye imigangatho-mfundo emayiqwalaselwe ngamaZiko emiGangatho yesiZwe; kunye 
iii. naloo miba ingeminye nanjengoko inokwalathelwa liGunya kumaxesha ngamaxesha; kwaye
c. enze loo misebenzi ingeminye yokongamela nanjengoko inokuqingqwa liGunya kumaxesha ngamaxesha. 
Ukupheliswa kokwalathelwa kwamaziko ongameleyo
21. (1) Ukwalathelwa kweziko elongameleyo kuya kunqunyanyiswa ngexesha nangomhla obekwe kwincwadi yokwalathelwa, ngaphandle kokuba kuxelwe ngenye indlela ngokubhaliweyo liGunya. 
(2) Ukwalathelwa kweziko elongameleyo kunganqunyanyiswa ukuba ngokoluvo lweZiko eliDala imiGangatho okanye iZiko lemiGangatho yesiZwe elichaphazelekayo, eliqiniselwe liGunya, liyasilela ekwenzeni imisebenzi yalo ngokunempumelelo.

ISAHLUKO 6
AMAZIKO OBUNGCALI-MFUNDO NAMAZIKO OVAVANYO
Ukubandakanywa kwamaziko obungcali-mfundo kunye namaZiko ovavanyo ekuqingqeni imigangatho, ukuqinisekisa ngexabiso kunye nokongamela.
22. Amaziko obungcali-mfundo kunye namaziko ovavanyo angenza isicelo - 
a. sokwaziwa njengalo okanye esobulungu beZiko eliDala imiGangatho njengoko kujongwe kumgaqo 20 okanye 22 (1) wemiGaqo yamaZiko emiGangatho yesiZwe, 1998 (R.452) wowama - 28 Matshi 1998, iGazethi yobuRhulumente No. 18787); 
b. sokuvunywa njengeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho nanjengoko kujongwe kumgaqo 2; kwaye 
c. sokwalathelwa njengeziko elongameleyo nanjengoko kujongwe kumgaqo 18.

ISAHLUKO 7
AMALUNGISELELO EZINTO YINTO
Inkqubo yokubhena
23. (1) Iqumrhu elinqwenela ukubhena kwisigqibo seziko ekujongwe kuso kwimigaqo 2 nowe -12 liya kwenza isibheno esibhaliweyo soko kwiGunya kwakunye nezizathu zokubhena ngethuba leenyanga ezintathu zekhalenda emva kokuba senziwe eso sigqibo. 
(2) Ukuba iGunya liyasixhasa isibheno kwisigqibo seziko njengoko kujongwe kwimigaqo 2 no - 12, elo ziko liya kuthi - 
a. lisilungise isigqibo ngokufaneleyo; 
b. lisibhale eso silungiso kuwo onke amaxwebhu achaphazelekayo apho isigqibo sokuqala sasibhalwe khona; 
c. lenze izilungiso ezifunekayo kuwo onke amaxwebhu achaphazelekayo; lize likhuphe lawo ahlaziyiweyo awo onke amaxwebhu achaphazelekayo.
Iintloko emfutshane
24. Le miGaqo iya kubizwa ngokuba yimiGaqo yamaZiko aQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 

ISIHLOMELO 
IZIKHOKELO ZEMIGAQO YAMAZIKO AQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
IINKCAZELO-MAGAMA
1. Kwezi ziKhokelo, ngaphandle kokuba ingxam ithetha nto yimbi- 
"uSihlalo" uthetha uSihlalo weZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"iKomiti" ithetha nayiphina ikomiti yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"iKomiti eLawulayo" ithetha ikomiti esekwe ukuba yenze imisebenzi ethile etyunjiweyo egameni leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"ilungu" lithetha ilungu leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"isiGqibo" sithetha isigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho;
"uNobhala" uthetha ilungu leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho elalathelwe loo njongo.
AMALUNGU EZIKO ELIQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO 
2. NQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kuthi ngeenjongo zomsebenzi wokuqinisekisa, libe noSihlalo, uSekela-Sihlalo, uNobhala kunye namanye amalungu alathelwe liGunya, phantsi kwemfuneko yokuba kuya kunyulwa uSihlalo kuqala ngamalungu eZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho phakathi kwamalungu alo okanye kwamanye amajelo. 
AMAGOSA
3. Usihlalo weZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho uya kuchophela iintlanganiso zeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Ukuba uSihlalo akakho kuyo nayiphina intlanganiso, uSekela-Sihlalo uya kuyichophela. Ukuba abakho bobabini, amalungu akhoyo anganyula phakathi kwawo usihlalo oya kubamba kwintlanganiso leyo. 
IINTLANGANISO ZEZIKO ELIQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
4. IZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kudibanela kwezo ndawo nangaloo maxesha njengoko kuya kugqitywa ngesiGqibo kumaxesha ngamaxesha.
  
5. Iintlanganiso ezizodwa zingabizwa ngokokubona kukaSihlalo, okanye ngesicelo esivakalayo samalungu angekho ngaphantsi kwesinye kwisithathu apho intlanganiso leyo iya kubanjwa ngexesha nakwindawo eqingqwe nguNobhala, ngokukhawuleza emva kokuba sifunyenwe eso sicelo.
  
6. USihlalo emva kokudlan'indlebe neKomiti eLawulayo uya kuba nelungelo lokuyihlehlisa nayiphina intlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ukuba umcimbi okwiajenda ubonakala ngathi awufuni ukuba kubizwe loo ntlanganiso, phantsi kwelungiselelo elithi amalungu aya kwaziswa ngoko kuhlehliswa ithuba elingangeveki ubuncinane phambi komhla eliya kudibana ngawo iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, naphantsi kwelinye ilungiselelo lokuba iintlanganiso azingerhoxiswa okanye zihlehliswe phantsi kweemeko ezivakalayo okanye izizathu ezingekho phantsi kolawulo lweZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ngaphandle kokuba isibini kwisithathu samalungu siyakuvumela oku.
  
7. Nawuphina umntu obukho bakhe bufunekayo ngeenjongo zentlanganiso angamenywa liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ukuba aye nakuyiphina intlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho.
  
8. Onke amaxwebhu athunyelwe amalungu aya kubhalwa ngendlela efanelekileyo achaze uhlobo nokubaluleka koko eqinisekisile okokuba loo maxwebhu aphathwa ngokokwaloo ndlela abhalwe ngayo ngaphezulu. 
ISAZISO SEENTLANGANISO
9. Isaziso sayo nayiphina intlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho esiya kuqulatha iajenda yemicimbi eya kuqwalaselwa apho, siya kuthunyelwa nguNobhala kwilungu ngalinye nakwabo bantu bangabanye ekufuneka bezile, kwiintsuku ezili-14 ubuncinane phambi komhla omiselweyo wentlanganiso kwidilesi ebhalisiweyo nekuNobhala: Phantsi kwento ethi kwimeko yentlanganiso eyodwa eso saziso sifutshane sibhaliweyo nanjengoko kunokugqitywa nguSihlalo, kodwa kungabikho nganeno kweentsuku ezintathu zomsebenzi, singakhutshwa.
  
10. Ukungafunyanwa kwaso nasiphina isaziso, esiye sathunyelwa kwidilesi ebhalisiweyo yalo naliphina ilungu, akuyi kuchaphazela okanye kuphuthise inkqubo yayo nayiphina intlanganiso. 
IREJISTA YABAKHOYO
11. Wonke umntu olilungu elikhoyo entlanganisweni yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liya kusayina irejista yabakhoyo eya kufumaneka ukuze ifeze loo njongo. 
IKHORAM
12. Isiqingatha samalungu, ngaphandle koSihlalo, siya kwenza ikhoram kuzo zonke iintlanganiso zesiqhelo zeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Kwiintlanganiso ezizodwa isinye kwisithathu samalungu eZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, ngaphandle koSihlalo, siya kwenza ikhoram.
  
13. Xa inani lamalungu akhoyo ngelo xesha naloo ndawo imiselwe intlanganiso linganeli okokuba lingenza ikhoram, intlanganiso iya kuqhuba, phantsi kwelungiselelo elithi naziphina izigqibo ekufikelelwa kuzo ziya kujikeleziswa kwiZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ukuze zibuye zixoxwe kuvakaliswe izimvo phambi kokuba zamkelwe. 
IINGXELO KUMAPHEPHA-NDABA
14. Apho kubonakale kuyimfuneko okokuba kukhutshwe iingxelo kumaphepha-ndaba mayela nemiba echaphazela iintshukumo neentlanganiso zeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, ziya kukhutshwa nguSihlalo weZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ngokuvumelana noSihlalo weGunya. 
IMIZUZU
15. Imizuzu yentlanganiso nganye iya kuqulunqwa ize ithunyelwe ukuze izokuqinisekiswa kwintlanganiso elandelayo. Unobhala uya kuyithumela imizuzu kumalungu ngaxeshanye nesaziso esibiza intlanganiso elandelayo.
  
16. Imizuzu ayiyi kubonisa amazwi ngqo enkqubo yeentlanganiso, koko iya kuba yingxelo eshwankathelweyo yenkqubo. Izigqibo kwanamanyathelo afunekayo, phantsi kwelungiselelo elithi naliphina ilungu liya kuba nelungelo lokucela okokuba uluvo lwalo oluthile luvele kwimizuzu leyo. 
IINGXOXO ZEZIKO ELIQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO KUNYE NOKUVOTA
17. Xa kuqhutywa nayiphina intlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho imigaqo eqhelekileyo xa kuxoxwa iya kusebenza.
  
18. Ukuthatyathwa kwezigqibo kuya kwenziwa ngemvumelwano yomntu wonke phantsi kwento ethi apho kungekho kuvumelana phakathi komntu wonke kuyiwe evotini. Xa kubonakala okokuba makuvotwe, kuya kuphakanyiswa izandla ngaphandle kokuba naliphina ilungu lingacela ibhalothi, ekuya kuthi ke kwenziwe inkqubo efihlakeleyo yebhalothi.
  
19. USihlalo, xa echophele akayi kuba nevoti yengxoxo, koko ivoti eyahlulayo.
  
20. Xa kungekho Sihlalo uSihlalo obambeleyo (nokuba nguSekela-Sihlalo okanye omnye) akayi kuba nevoti eyahlulayo, koko ivoti yengxoxo.
  
21. Kuyimfanelo yelungu leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ukuba libhengeze ukubandakanyeka kwalo ngezemali kumcimbi oxoxwayo liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho nokuba lizikhwebule xa kuthatyathwa isigqibo ngaloo mcimbi liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho.
  
22. Nakubeni kubonelelwe ngenye indlela kule migaqo, isigqibo samalungu amaninzi akhoyo entlanganisweni yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho siya kuba sisigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Iimbono zabambalwa zingabhalwa phantsi ngesicelo saloo malungu.
  
23. Nakubeni ekho amalungiselelo ayo nayiphina le migaqo, ukuba kuvuka nawuphina umcimbi phakathi kwintlanganiso yesiqhelo ofuna isigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho nothi ngokoluvo lukaSihlalo ungabinakubanjwa kude kube yintlanganiso yesiqhelo elandelayo yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, uSihlalo angagunyazisa okokuba uNobhala alungise aze athumele ngeposi yerejista okanye ikhuriya kwilungu ngalinye isaziso esichaza loo mbandela kuthethwa ngawo aze ke acele ukuba kuvotwe ngeposi ukuze ke kufikelelwe esigqibeni ngawo. Isaziso siya kucacisa ithuba oluya kwenziwa ngalo olo voto ngeposi, elingayi kuba ngaphantsi kweentsuku ezili-10 ukususela kumhla esithunyelwe ngawo isaziso. Isigqibo sabaninzi beZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho siya kuthathwa njengokuba sisigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Isiphumo sebhalothi nganye siya kwaziswa kwintlanganiso elandelayo yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 
UKUSEKWA KWEKOMITI ELAWULAYO
24. IKomiti eLawulayo iya kuba namalungu apheleleyo kwaye iya kunyulwa ngawo. Iya kuba noSihlalo namanye amalungu njengoko eqingqwe aze anyulwa liZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 
Phantsi kwento ethi-
a. loo Komiti iLawulayo iya kuthi, kulawula imiyalelo yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, iyiqhube imicimbi yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho phakathi kweentlanganiso: Phantsi kwento ethi zonke izigqibo ezingaphathelele kwimicimbi eyinqobo ziya kuba lilungelo leZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. 
b. USihlalo, okanye xa uSihlalo engekho, uSihlalo obambeleyo onyulwe ngamalungu uya kuzichophela zonke iintlanganiso zeKomiti, eLawulayo; 
c. USihlalo, okanye xa uSihlalo engekho, uSihlalo obambeleyo onyulwe ngamalungu uya kuzichophela zonke intlanganiso zeKomiti eLawulayo; 
d. Ikhoram yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho iya kubandakanya uSihlalo kunye nesiqingatha samalungu aloo komiti.
UMSEBENZI KANOBHALA
25. Umsebenzi wobunobhala ophathelele ekuyenzeni imisebenzi yalo iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, uya kwenziwa, phantsi kwemiyalelo kaSihlalo weZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho, nguNobhala.
  
26. Umsebenzi kanobhala kukuncedisa iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho - 
a. ngokubonelela ngomsebenzi nobunobhala; 
b. ngokucebisa kwimicimbi yezolawulo; 
c. ngenkonzo esebenzayo yezolawulo; 
d. ngokuncedisa kulawulo lwemisebenzi engamalinge; kunye 
e. nokwenza eminye imisebenzi enjalo nanjengoko iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho linokuthi kumaxesha ngamaxesha lifune njalo.
UKULUNGISWA KWEMIGAQO
27. Le migaqo ingongezwa okanye ilungiswe kuyo nayiphina intlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho ngokuvumelana neGunya, ngesininzi samalungu akhoyo, phantsi kwento ethi eso silungiso siba ngumcimbi othile kwiajenda, ongxam yaso yathi yathunyelwa kumalungu kunye neajenda nokokuba angabikho ngaphantsi kwesiqingatha amalungu akhoyo entlanganisweni. 
UKUQWALASELWA NGOKUTSHA KWEZIGQIBO ZEZIKO ELIQINISEKISA NGEXABISO LEMFUNDO NOQEQESHO
27. Isigqibo ngasinye esithatyathwe entlanganisweni yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho siya kunikwa inombolo eyodwa yesigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho kwaye sithatyathwa njengesigqibo seZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Ilungu elifuna ukuba isigqibo siqwalaselwe ngokutsha kufuneka lithumele isaziso esibhaliweyo sokwenza oko sibeke nezizathu ezizeleyo zaloo mnqweno woqwalaselo ngokutsha kuNobhala ngeentsuku ezi-14 ubuncinance phambi kwentlanganiso yeZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho. Ukuba iZiko eliQinisekisa ngeXabiso leMfundo noQeqesho liyasilungisa isigqibo, eso silungiso siya kubhalwa kwimizuzu yentlanganiso, izilungiso eziyimfuneko kumaxwebhu ziya kwenziwa ukuze kukhutshwe amaxwebhu ahlaziyiweyo. 



INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO
UNXUNGUPHALO
ISEBE LEMFUNDO
IMIGAQO YABAFUNDISI
ISALATHISO
UMYALEZO OVELA KUMPHATHISWA WEZEMFUNDO
1. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO (HIV) KUNYE 
NOGAWULAYO (AIDS): IINYANISO EZIKWIINTUPHA 
ZAKHO 
2. IMIYALEZO ESIBHOZO ENGUNDOQO MALUNGA 
NOKUTHINTELA INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO 
3. IMIBUZO ABAFUNDISI ABAYIBUZAYO 
MALUNGA NEMFUNDO YEZOKWABELANA NGESONDO 
4. UKUTHINTELA UKUSASAZEKA KWESIFO EZIKOLWENI 
5. UKWAKHA OKUSINGQONGILEYO KUNYE NESIKO 
ELINCEDAYO LOKUNGACALU-CALULI 
6. UBHENGEZO LWENTSEBENZISWANO KUGAWULAYO 
Mongameli Thabo Mbeki 
7. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO: 
IINOMBOLO EZIBALULEKILEYO 
UMYALEZO OVELA KUMPHATHISWA WEZEMFUNDO
Bahlobo kunye naBalingane abathandekayo
Olu lunxunguphalo
Kukho ubungqina obulungileyo bokuba ngaphezulu kwezigidi ezi-3 zabantu eMzantsi Afrika baNENTSHOLONGWANE kaGAWULAYO ngoku. Isifo sichaphazela amadoda kunye namabhinqa ayo yonke iminyaka, imisebenzi kunye neentlanga ezihlala kuwo onke amaphondo.
Ukuba izinga langoku lokwesulela alehli linciphe, ngomnyaka ka-2010 omnye kubantu abane elizweni uya kuba neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Kwiminyaka elishumi isifo siya kube sidale iinkedama ezizikota ezintathu kwisigidi sabantwana baseMzantsi Afrika.
Kutheni le nto isenzeka nje?
Le ncwadana iyacacisa ukuba kuthenina. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO isasazeka ukusuka emntwini isiya emntwini ngeendlela ezininzi, kodwa ke eyona ndlela iqhelekileyo ingokwabelana ngesondo, xa elinye iqabane losulelekile. Isifo sisasazeka ngokukhawuleza kuba abantu abaninzi baseMzantsi Afrika, ingakumbi amadoda, awakunakekeli ukuziphatha kwawo ngezokwabelana ngesondo.
Abantu abaninzi abosulelekileyo abazazi ukuba bathwele INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kuba kaloku ihlala emzimbeni ixesha elide phambi kokuba imenze agule umntu. Loo nto ke yenza ukuba abantu abosulelekileyo bosulele abanye abantu bengaqondi ukuba benza ntoni na.
Okwangoku akukho yeza linokusithintela ukuba singosuleleki, kwaye alukho unyango lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO, esi sifo esibulalayo. Amanye amachiza aba ngathi anako ukwenza umzimba ukuba uzikhusele kwisifo, kodwa ke amaxabiso awo axhome kakhulu. Awakafumaneki kubantu abaninzi elizweni lethu. Oku kuthetha ukuba izinga lokusweleka ngenxa yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO lisanyuka ngokukhawuleza phakathi kwamadoda namabhinqa ayo yonke iminyaka, ingakumbi kwabo bantu basabelana ngesondo.
Iimpembelelo zeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO
Abaninzi kuthi bayayoyika le nto iqhubekayo. Amalungu osapho, izihlobo, abahlobo kunye nabalingane basemsebenzini bayagula baze basweleke, kumaxa amaninzi xa besebancinane. Abayeni, amakhosikazi kunye neemveku zilahlwa phantsi. Abantu abathandi ukuthetha ngonobangela wokusweleka. Kubonakala ngathi kungummangaliso kwaye kulihlazo.
Ingcinga yokuba omnye kubemi baseMzantsi Afrika abane uye agule sisifo esibulalayo iyoyikeka kakhulu kuthi ukuba siyiqonde. Asikwazi ukucinga ukuba yintoni engenziwa leli liza linyukayo kwiintsapho zethu, izikolo zethu kunye nezinye iindawo zokusebenza, kunye nakuluntu lwethu. Njengoko ilizwe lethu lisokola ukudala imisebenzi kwaye liphelise ubuhlwempu, ubhubhane utshabalalisa awona malungu aveza imveliso kuluntu lwethu.
INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO ezikolweni
Izikolo ezininzi sele zikuva ukuchatshazelwa ngulo bhubhane, njengokuba abafundisi-ntsapho, abafundi, kunye namalungu eentsapho zawo esehliwa kukugula. Phambi kokuba ubhubhane abekwe phantsi kolawulo, iziphumo ezinjalo ziya kuba nzima kakhulu kwaye zinabe kakhulu. Phantse wonke umfundisi ekugqibeleni uya kube efundisa abafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Kumagumbi ahlala abefundisi-ntsapho amaninzi, umfundisi-ntsapho omnye okanye ngaphezulu uya kuba osulelekile. Abanye abasebenzi basesikolweni abayi kukhululwa.
Ukugula kuphazamisa ukufunda kunye nokufundisa. Ngoko ke abafundisi-ntsapho kufuneka bathathe umthwalo ongaphaya xa ootitshala abagulayo bengekho. Abafundi abagulayo bayasala emva kwizifundo zabo. Xa amalungu osapho egula okanye asweleke, abafundisi-ntsapho kunye nabafundi bathwala umthwalo. Xa abafundisi-ntsapho kunye nabafundi besweleka, izikolo zifumana uphazamiseko, ukulahlekelwa kunye nosizi. Izikolo ezininzi ziya kwenzakaliswa ziimpembelelo zesifo kwisitafu, kubafundi kunye neentsapho zabo.
Yintoni engenziwa ngabemi baseMzantsi Afrika?
* Ingxaki ibonakala isoyisa, kodwa ke singathatha inyathelo lokuqala. Ukusebenza kunye kunokwenza ukuba sixhathise kulo bhubhane kwaye sisebenze ngeziphumo zakhe. Amanye amazwe e-Afrika, apho ubhubhane waqala wahlasela khona, asebenzise amandla awo onke amacandelo oluntu ukulwa ubhubhane kunye nokuwuthintela ukuba ungatshabalalisi amazwe awo. 
* Nazi ezinye zezifundo ekufuneka sizifunde kumava abo: 
* Ngaphandle kokuba sithatha imiqathango yokhuseleko efunekayo nawuphi na omnye apha kuthi unokufumana INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Ukuqonda INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye nokulumka nokuba nengqondo malunga nokuziphatha kwethu ekwabelaneni ngesondo kungasithintela ukuba sosuleleke, kunye nokosulela abanye. 
* Kumele simphathe lo bhubhane njengonxunguphalo lukazwelonke kwaye sifake onke amalungu oluntu kumzabalazo ochasene nawo. 
* Kufuneka sithethe ngokuvulelekileyo ngeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO, sihlasele ukungahoyi kunye nokuqala sigwebe kunye neengcinga ezingalunganga malunga nesifo. 
* Kumele ukuba abantu abosulelekileyo kunye nabagulayo sibenze bahlale ngesidima kwaye bancede kuluntu lwabo kangangoko banokuba nako. 
* Kumele sifumane iindlela zokunakekela abagulayo nabangakwazi ukuzenzela nto eluntwini, ingakumbi ukuba iyunithi yosapho iye yanomthwalo ongaphaya kwamandla ayo okanye iye yaphela. 
Abafundisi banako kwaye kufuneka bancede ukulawula isifo kwaye basebenze ngeziphumo zaso
* Abafundisi mababonise umzekelo wokuziphatha ngokwabelana ngesondo okufanelekileyo Ngokwenza njalo, bayakukhusela iintsapho zabo, abalingane, abafundi kunye neziqu zabo. 
* Kuba kaloku abafundisi bafundiswe ngokugqibeleleyo, banokuzibamba iinyani malunga neNTSHOLONGWANE KAGAWULAUO/GAWULAYO kwaye bancede ekusasazeni ulwazi olulungileyo malunga nesifo kunye neziphumo zaso. 
* Phantse wonke umntu omtsha uhamba isikolo, ngoko ke abafundisi banethuba elihle lokuxoxa ngesi sifo, kwaye bancede abasebancinane ukuba bazikhusele ekosulelweni, ekuguleni kunye nokusweleka. 
* Abafundisi basoloko bedibana rhoqo nabazali, kwaye ngoko ke banokuwusasaza umyalezo malunga neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO nzulu eluntwini. 
* Abafundisi banokunceda ukudala isimo esingqongileyo somsebenzi apho abantu banokuthetha ngokuvulelekileyo ngokuba NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwabo ngaphandle koloyiko lokujongelwa phantsi okanye ukucalucalulwa. 
* Abafundisi banokufumana iindlela ezinesiphiwo sokuyila ukuxhasa abalingane babo abagulayo kunye nabafundi basenze isikolo ukuba sibe liziko lethemba nonakekelo kuluntu. 
Abafundisi abangamadoda banemfanelo ekhethekileyo
* Makubekho isiphelo kwisenzo sabafundisi-ntsapho sokufuna ukwabelana ngesondo namantombazana esikolo okanye abafundisi-ntsapho abangamabhinqa. Kubonisa ukungahloniphi okungacingeliyo amalungelo kunye nesidima samabhinqa kunye namantombazana amancinane. 
* Ukwabelana ngesondo nabafundi kungcatsha intembeko yoluntu. Kwaye kuchasene nomthetho. Lityala elifuna uqeqesho. 
* Kalusizi, kula maxesha, kusasaza iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO /GAWULAYO kwaye kuzise imbandezelo kunye nosizi kwaba bantu bancinane baxabisekileyo kunye neentsapho zabo. 
Isiphetho
* Le ncwadana iya kunceda ukuxhobisa wena ukuba udlale indima yakho kumzabalazo ochasene neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye igcine ikamva eliqaqambileyo lesizukulwana sangoku kunye nesexesha elizayo. Nceda uyifunde kwaye uthethe ngayo ekhaya, nabalingane bakho esikolweni, kwimibutho yakho elawulayo, kunye nabafundi bakho, kwiindawo zakho zokukhonza, kwimibutho yakho yezemidlalo, kunye nokuba kuphi na apho udibana nabantu khona. Ukuba ngaba ufuna ukutshintsha ukuziphatha kwakho ngezokwabelana ngesondo, nceda yiba nesibindi kunye nomoya omhle wokwenza oko. 
* Ubomi bakho busengozini. Ngokunjalo nobomi bamalungu osapho lwakho, abalingane bakho kunye nabafundi bakho. Ngenxa yabo kunye nangenxa yesizwe, nceda uyifunde le ncwadana kwaye kubekho into oyenzayo ngayo. 
Ngeyona minqweno yam imihle.
Owakho wenene
Njingalwazi Kader Asmal, MP
UMphathiswa wezeMfundo
1. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO KUNYE NOGAWULAYO: IINYANISO EZIKWIINTUPHA ZAKHO
Yintoni INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO yintsholongwane encinane okanye into ephilayo, ebizwa ngokuba yivirusi, abathi abantu bosulelwe yiyo. Ayinakubonwa ngeliso lenyama, kodwa inokubonwa kuphela phantsi kwe-mikroskopu. 
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO iphila kwaye iphindaphindeke kuphela kwiincindi zomzimba ezifana nobudoda (amadlozi), iincindi zelungu langaphantsi lobufazi, ubisi lwebele, igazi kunye namathe. Sinokosuleleka kuphela ngokudibana neencindi zomzimba ezosulelekileyo. 
* Ukuba nako kwendalo komzimba bokulwa izifo kuthiwa sisinqandi zifo. Lukhuselo lomzimba kwizifo. 
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ihlasela isinqandi zifo kwaye yehlise ukuxhathisa komzimba kuzo zonke iintlobo zezigulo, kuqukwa umkhuhlane, urhudo, inyumoniya, isifo sephepha kunye nemihlaza ethile. 
* Yiyo le nto kusithiwa INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO (HIV) yi-Human Immunodeficiency Virus. 
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ekugqibeleni yenza umzimba ube buthathaka kwaye ungakwazi ukuzilwa izigulo ngoko ke ibange ukufa. 
* Okuqhelekileyo kukuba abantu basweleke phakathi kweminyaka emihlanu kunye nelishumi emva kokosuleleka, kodwa abanye abantu abosulelweyo yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO baphila nangaphezulu. 
Yintoni uGAWULAYO?
* UGAWULAYO linqanam lokugqibela lokosulelwa yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, yi le nto ebangela ukuba umntu asweleke. 
* Abantu abanoGAWULAYO kumaxa amaninzi banezigulo ezininzi ezahlukeneyo ngexesha elinye. Oku kusetyenziswa ekugxininiseni kokuba abantu abanoGAWULAYO baneempawu kunye nemiqondiso emininzi, kuba baphathwa zizigulo ezininzi ngexesha elinye. UGAWULAYO ayisosifo sinye. 
* UGAWULAYO (AIDS) umele Acquired Immune Deficiency Syndrome. 
Isasazeka njani INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO sisifo esosulelayo, kodwa ke kukho iimeko ezithile kuphela apho abantu abanentsholongwane banokuyidlulisela kwabanye abantu. 
* Ukwabelana ngesondo yeyona ndlela iqhelekileyo abantu abosuleleka ngayo, kuba kaloku intsholongwane ihlala kwisidoda kunye nakwiincindi zangaphantsi zebhinqa. 
* Abantwana abazelwe ngoomama abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO nabo banokosuleleka nje phambi okanye ngexesha ebeleka , okanye ngexesha lokuncancisa. 
* Igazi elosulelekileyo lingayisasaza intsholongwane, umzekelo ukuba lichaphazela kwisikhumba esiqhekekileyo, okanye abahlobo okanye amalungu osapho asebenzisa kunye iincakuba, iireyiza kunye nebrashi zokuhlamba amazinyo. 
* Abaxhomekeki kwiziyobisi abasebenzisa kunye iinaliti omnye unokosulela omnye. 
* Nangona igazi elisetyenziswa kuthiwo gazi luyinyangelwa le ntsholongwane, ngamanye amaxesha iimpazamo ziye zenzeke kwaye ngokungaxhaphakanga nje uthiwo gazi lunokulubanga usulelo. 
Yintoni ENGAYI sasaziyo intsholongwane?
* Awunokosulelwa YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngokusebenzisa kunye indlu, idesika, isitulo, i-ofisi, imoto, itekisi, ilokhari, imfonomfono, ikomotyi, ifolokhwe, imagi, indlu yangasese, itawuli, iishithi okanye iimpahla nomntu owosulelekileyo. 
* Awunokosulelwa YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngokusebenzisa kunye ukutya, ibhafu, ichibi lokudada, okanye ngokuxhawulana nomntu owosulelekileyo. 
* Ukuba ngaba uyamgona okanye uyamphuza umntu ONENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO emilebeni awungeke wosuleleke. 
* Awunokosulelwa YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngokulunywa yingcongconi, incukuthu, ikhalane okanye intakumba ebilume umntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Awunokosulelwa yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngexesha lazo naziphina izenzo eziqhelekileyo ezenzeka kokungqonge imfundo. 
Yintoni iimpawu zeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO
* Abantu abaninzi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ababinazo iimpawu ixesha elide. Bajongeka kwaye baziva befana nje nam nawe. 
* Abantu abaninzi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO baziva bephilile kwaye bahlala bezenzela imveliso iintsapho zabo kunye neendawo abasebenza kuzo phakathi kweminyaka emihlanu kunye nesibhozo emva kokuba bosulelwe yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Kodwa abanye abantu baqala ukuzibonisa msinyane iimpawu nje emva kokosuleleka. 
* Xa abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO beqalisa ukubonakalisa iimpawu, oko kuthetha ukuba isifo sele siqhubela phambili saba nguGAWULAYO. 
Ngoko ke basweleka kwintoni abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO?
* Abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO kumaxa amaninzi basweleka ngenxa yezifo ezinjengeSIFO SEPHEPHA (TB) okanye inyumoniya, abathi bangakhuseleki kuyo ngenxa yentsholongwane emizimbeni yabo. 
* Abantu abangenayo iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO nabo bayazifumana ezi zifo, kodwa ke ngenxa yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO inani lezehlo zesifo sephepha kunye nenyumoniya linyuke kakhulu. 
* Kwezi ntsuku, ngenxa yosulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, isifo sephepha kunye nenyumoniya kubanga ukufa okuninzi phakathi kwabantu abancinane. 
* Iikota ezintathu zabantu abanesifo sephepha ngoku bakwanayo neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Abantu banokusweleka kwakhona ngenxa yorhudo olungamandla okanye ngenxa yeentlobo ezithile zemihlaza, ingakumbi imihlaza yegazi ebizwa ngokuba zii-lymphomas kunye nomhlaza wesikhumba obizwa ngokuba yi-Kaposi's Sarcoma. 
* Ezinye izigulo, ingakumbi inyumoniya ebukhali, inokukhawuleza kwaye ngamaxesha abantu banokusweleka ngaphambi kokuba usulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO lungqinisiswe. 
Singazi njani ukuba umntu uneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* Eyona ndlela iqinisekileyo yokwazi ukuba umntu uneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kungovavanyo lwegazi. Ukuba ngaba uvavanyo luyabonisa ukuba sinentsholongwane, sibizwa ngokuba sineNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO "HIV positive". 
* Kodwa ke, kangangeeveki ezininzi okanye iinyanga emva kokuba umntu osulelwe, umzimba awubonakalisi zimpawu zokosuleleka. Oku ke kubizwa ngokuba yi "window period". Ukuba ngaba sithatha uvavanyo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO nge-window period, iziphumo ziya kuthi awunayo, nokuba sosulelekile. Iziphathamandla zempilo azilukhuthazi uvavanyo lwesiqhelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kuba isiphumo esithi ayikho asisoloko sithetha ukungabikho kosulelo. 
* Sinokuqiniseka kuphela ngobunjani bethu kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ukuba siye senza uvavanyo kwiinyanga ezintandathu emva kwesehlo sokugqibela emva kokuba semngciphekweni wentsholongwane, umzekelo ngenxa yokwabelana ngesondo okungakhuselekanga. 
* Abantu abaninzi abasabelanayo ngesondo abazazi nokuba bosulelwe yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO okanye abosulelwanga. Masiziphathe ngokungathi singosulelwa, okanye sosulele abanye, kwaye sizikhusele kwaye sikhusele nabanye ekonzakaleni. 
Yintoni uvavanyo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* Intwana encinci yegazi iyathathwa engalweni yakho ngenaliti okanye isirinji, okanye ngokuhlaba umnwe wakho kwaye ufake igazi kwiphepha lokufunxa. Isampuli yegazi iye ivavanywe ngenzululwazi. 
* Uvavanyo alubonisi ubuqu bentsholongwane, kodwa ke ibonisa ubukho besilwa buhlungu esisegazini "antibodies". Isilwa buhlungu sibonisa ukuba umzimba unento oyenzayo kubukho beNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kwaye uzama ukukhusela umzimba kuyo. Ezi zilwa buhlungu zivela kuphela egazini phakathi kweenyanga ezintathu kunye nezintandathu emva kokosuleleka. 
* Phambi kokuba wenze uvavanyo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kumele ukuba uthethe nomcebisi malunga novavanyo kwaye nokuba uya kwenzani na xa usiva iziphumo. 
* Iziphumo zovavanyo ngokuqhelekileyo zithatha iiveki ezimbini, kodwa ke ngamanye amaxesha ziye zibekhona msinyane, nangolo suku lunye. Iziphumo zibucala (ziyimfihlo). Awunasinyanzeliso somthetho sokuba uxelele nabani na ukuba unayo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO okanye awunayo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Kodwa ke, ilungile kwaye iyafuneka into yokwabelana ngalo olu lwazi kunye nabanina okhe wabelana ngesondo naye. Kwaye kokulunge kakhulu okokuxelela ilungu losapho elikufutshane okanye umhlobo oya kukuxhasa. 
Ingaba umntu angaludlulisa usulelo xa engaguli?
* Ewe, umntu angaludlulisa usulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwabanye abantu nangeliphi na ixesha emva kokuba ethe wosuleleka. Oku kuyenzeka phambi kokuba abantu baqonde ukuba banosulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye phambi kokuba uvavanyo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO lubonise ukuba "banayo". 
Ingaba ayikuko okulungileyo, ngaxesha nye, ukuba kude nomntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* Hayi. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ayinakusasazeka ngokudibana nje okungenalunonophelo. Ngoko ke akukho sizathu sokuba umntu oyike ukosulelwa zizenzo zokusebenzisana eziqhelekileyo zantsuku zonke kunye nomntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Amadoda amaninzi ezemidlalo adumileyo kunye namabhinqa, abadlali bemifanekiso bhanyabhanya, abaphathi, izifundiswa, kunye nabapolitiki basebenze ngokunembuyekezo ixesha elide xa babeneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO de babe bayagula. Abemi abaninzi abangadumanga nabo benze ngokunjalo. 
* Kukukhohlakala kwaye akufuneki ukongeza ekungcungcuthekeni kwabantu. Kunzima ngokwaneleyo ukujongana nokufa okungaphambi kwexesha ungakhange ubalekwe lusapho lwakho, abalingane kunye nabahlobo. 
* Ukuba ngaba siya balahla abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO , banokunyanzeleka ukuba bayifihle okanye benze ngathi abanayo. Ngokwenza oko babeka abanye abantu engozini. Abantu abosulelekileyo mabakhuthazwe ukuba bathathe izilumkiso ezifanelekileyo ekudluliseni usulelo, izinto ezifana nokufaka ikhondom xa besabelana ngesondo okanye ukungabancancisi abantwana babo. 
* Nabani na wethu unokuyifumana intsholongwane, ingakumbi ukuba sisabelana ngesondo kwaye senza ngokungazinakekeli. Masingabaphathi abanye abantu ngendlela esingenakufuna ukuba siphathwe ngayo thina. 
Ingaba lukhona unyango lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO okanye UGAWULAYO?
* Alukho unyango lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO okanye UGAWULAYO. 
* Abaphandi bezonyango kumazwe amaninzi, kuqukwa noMzantsi Afrika, basebenza ngokukhawuleza ukuphuhlisa amayeza okuthintela usulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Kodwa nokuba iyeza sele liphuhlisiwe, kuya kuthatha iminyaka emininzi phambi kokuba livavanywe ngokucokisekileyo, livunywe ziziphathamandla ezifanelekileyo, kwaye lenziwe ukuba lifumaneke kuluntu oluninzi. 
* Amayeza alulibazisayo uhlaselo lwezifo ezinxulumene noGAWULAYO anokunikwa abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kodwa ke awanyangi. Ngelishwa ixabiso lawo lixhome kakhulu. Iinkampani zamachiza ziphuhlisa enye indlela engabizi kakhulu, kodwa ke awakafumaneki jikelele. 
* Xa iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO isenza buthathaka izinqandi zifo zethu, imizimba yethu ayikwazi ukumelana nesifo sephepha kunye nenyumoniya. Isifo sephepha sinokunyangeka ngaphandle kokuba isigulane sisebenzisa amachiza afanelekileyo exesha elifanelekileyo. Abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO banokusebenzisa unyango ukuthintela inyumoniya. Ngendlela ezinjalo, abantu abane NTSHOLONGWANE KAGAWULAYO banokuncedwa ukuba baphile ubomi obude kunye nobupheleleyo. 
INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye NOGAWULAYO zinokuthintelwa
* Uthintelo kuphela kwendlela eqinisekileyo yokoyisa INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye NOGAWULAYO. 
* Sinokukuphepha ukosuleleka kunye nokosulela abanye abantu ngokuqinisekisa ukuba senza ngocoselelo, uvelwano kunye nemfanelo ngamaxesha onke, ingakumbi ukuziphatha kwethu kwezokwabelana ngesondo. 
* Intlekele elizweni lethu kukuba abantu abaninzi bayasweleka ngenxa yesi sifo esinokukhuseleka ngokupheleleyo. 
Kutheni singeva nje ngabantu abasweleka ngenxa yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO kummandla wethu?
* Ngenxa yempazamo phakathi kokosuleleka kunye nokufa, eminye imimandla yelizwe kukhona iqalalayo ngoku ukuvela namanani amakhulu okusweleka kwabantu abadala ngenxa yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Sinokungazi ukuba yintoni eqhubekayo kokungqonge thina. 
* Kuba kaloku abantu abosulelwe yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO basweleka ngenxa yezifo eziqhelekileyo, ezifana nesifo sephepha okanye inyumoniya, abantu abanakuqiniseka nokuba isifo esibulalayo besinxulumene na noGAWULAYO. Kumaxesha amaninzi amalungu osapho awanako ukwazi okanye awanako ukukulungela ukuthetha inyaniso. 
* Kukho ubumfihlo obuninzi obujikeleze iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/ GAWULAYO. Abanye abantu baneentloni okanye bayoyika ukuba neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Bona neentsapho zabo abanakuthetha ngayo. 
* Ngenxa yokunganaki kunye noloyiko, abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO bajongene nocalucalulo kwimimandla yabo, kwaye abanye bayabulawa. Izenzo ezinjalo ziye zaboyikisa abantu kwaye zabathintela ekuvezeni ulwosulelo lwabo lwe iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Abanye abantu basaphika ukuba kukho isifo esinjalo. Abanye babanga ukuba liyelenqe elichasene nabantu abamnyama. Okuyinyani, iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO ngubhubhane kazwelonke ochaphazela abantu beentlanga zonke. 
Sazi njani ukuba ubhubhane weNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO akabaxwa?
* Uphando lubonise ukuba imeko ezithile zokuhlala zenza ukuba kubonakale ukuba amazinga aphakamileyo osulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/UGAWULAYO aya kwenzeka. Ezi ziquka ubuhlwempu, ukungondleki, ucoceko olungagqibelelanga kunye nolwazi ngempilo, kuqukwa nempatho enobundlobongela nephatha gadalala kumabhinqa kunye namantombazana, ukuba ngaphantsi kwamabhinqa, intswelangqesho ephakamileyo kulutsha, abasebenzi abasebenza kude namakhaya, kunye noqhekeko kubomi bosapho, Ukuba nabanye abantu bokwabelana ngesondo ngaphandle kwalowo utshate naye ingakumbi amadoda, ukwabelana ngesondo phakathi kwabantu abatsha, kunye nezinga eliphakamileyo lolosulelo ngokwabelana ngesondo (STIs). Zonke ezi meko zikhona eMzantsi Afrika 
* Iminyaka emininzi iSebe lezeMpilo belisoloko lisamkela uvavanyo lwegazi lwabantu abangaziwayo olwenziwe kumakhosikazi akhulelweyo kwilizwe lonke. Ngo 1998 ezi mvavanyo zabonisa ukuba iipesenti ezingama-21 zolutsha olukhulelweyo, iipesenti ezingama-26 zamabhinqa akhulelweyo aphakathi kweminyaka engama-20 ukuya kutsho kuma-24, kunye neepesenti ezingama-27 zamabhinqa aphakathi kweminyaka engama-25 ukuya kuma-29 aneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Ngenxa yokuba iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO isasazeka kakhulu ngokwabelana ngesondo, kufaneleke ngamandla ukuba amaqabane angamadoda abelana ngesondo nala mabhinqa nawo aneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Uphando olwamkelweyo kwiinkampani ezinkulu zaseMzantsi Afrika lubonisa amazinga aphakamileyo osulelo phakathi kwabasebenzi bazo, kuwo onke amanqanaba. 
* Ngokuhlola idata ekhoyo, Inkqubo kaGAWULAYO yeZizwe eziManyeneyo (United Nations) (UN AIDS) iqikelela ukuba omnye kubantu abadala abasibhozo eMzantsi Afrika ngoku uneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Uphando lubonise ukuba ngoku kukho ingxaki ngeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO kuwo wonke ummandla elizweni. 
* Nokuba kungaphandle kophando, abaninzi kuthi bayazi ukuba esi sifo sithatha ubomi obuninzi, abancinci nabadala. Abaninzi kuthi balahlekelwe ngamalungu osapho kunye nabamelwane. Abaninzi kuthi banakekela izihlobo ezigulayo. Abaninzi kuthi bayazi ukuba sineNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO thina ziqu. 
Ukuhlala ngethemba
* Abantu abaninzi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO baphilile kwaye bayakuqhuba beziva bephilile iminyaka emva kokuba bosulelekile. 
* Ngeli xesha, abantu abadala kunye nabantwana abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO banokuphila ubomi obububo kunye nobunemveliso ezikolweni, emsebenzini kunye nasekhaya. 
* Abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO bafuna inkxaso kunye namacebo. Abantu iziphumo zabo zovavanyo ezithi baneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO mabanikwe amacebo ukuze bajonge phambili iminyaka emininzi yobomi obuqhelekieyo. 
* Uluntu olusingqongileyo ingakumbi kummandla wesikolo ingaba ngumthombo wothando, unakekelo kunye nenkxaso. 
* Umceli mngeni wethu njengabafundisi, ikhona okanye ingekho iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kukwenza ukuba isikolo sibenako ukufezekisa oku kunokwenzeka. 
2. IMIYALEZO ESIBHOZO ENGUNDOQO MALUNGA NOKUTHINTELA INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO
Abafundisi banethuba elilelabo bodwa lokutshintsha indlela yalo bhubhane
* Ngenxa yokuba wonke umntwana elizweni esiya esikolweni, abafundisi banethuba elilelabo bodwa lokufaka ifuthe kwiingcinga zabantwana malunga nokwabelana ngesondo kunye nobudlelwane nokuba kuphambi kokuba ezi zinto ziqale. 
* Ngokwenza oko abafundisi banokudlala indima ephakathi ekutshintsheni indlela yalo bhubhane weNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Kukhutshwa ngaphandle okumbalwa, abantwana abaqala izifundo zabo zesikolo abanalo usulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Ngexesha besishiya isikolo, abantwana abaninzi babe sebeyifumene le ntsholongwane. Abaninzi bayakwesulelwa emva kokushiya isikolo, ngaphandle kokuba baye bancediswa ukuba bathathe ukuziphatha okukhuselekileyo kwezokwabelana ngesondo. 
Ubunkokheli buqala ekhaya
* Abafundisi balindeleke ukuba ibe ngabantu ekujongwe kubo kunye neenkokheli eluntwini. Ngokuthatha izenzo ezikhuselekileyo kunye nezinemfanelo thina ngokwethu, sinokuzikhusela iziqu zethu kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO sincede nabanye abangabalekileyo ukuba nabo benze njalo. 
* Nantsi imiyalezo engundoqo esibhozo emalunga nokukhusela iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO 
1. Yiba nokwabelana ngesondo okukhuselekileyo 
* Usulelo oluninzi lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO lwenzeka ngexesha lokwabelana ngesondo. Ukuthintela iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO masithathe izenzo zokwabelana ngesondo ezikhuselekileyo. Ayikho enye indlela! 
* Eyona ndlela ikhuselekileyo yesenzo sokwabela na ngesondo kukukuzila ukulalana de utshate, kwaye emva koko ke uhlale unyanisekile kwiqabane lakho. 
* Ukuba uyalalana cingela ukuba wena kunye neqabane lakho ninokuba nithwele usulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Sebenzisa ikhondom yamadoda okanye yamabhinqa. 
* Yiba neqabane lokwabelana ngesondo elinye, kwaye wenze ulwabelwano ngesondo olukhuselekileyo ngexesha ngalinye. 
* Xa ilixesha lofumana abantwana, omabini amaqabane mawenze uvavanyo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye bafumane iziphumo phambi kokuba bayeke ukusebenzisa iikhondom kwaye bazame ukukhawula. 
2. Thanda kwaye uthembele 
* Indoda okanye ibhinqa elikuthanda ngenene lilo elithatha imiqathango yokuthintela ukuqinisekisa ukuba awuyifumani iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kulo ngokufaka ikhondom. 
* Ngokuba neqabane olithembayo ngoku akwanelanga ukukukhusela kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Wena, okanye iqabane lakho ninokuba nosulelekile kubudlelwane bangaphambili, nokuba baphela kwexesha eladlulayo. 
2. Ukuthi "Ewe, ukuthi "Hayi" 
* Indoda mayicele imvume yebhinqa phambi kokuba yabelane ngesondo nalo. 
* Nayiphi na indoda enyanzelisa ibhinqa ukuba yabelane ngesondo nayo naxa sele lithe "Hayi" ngumdlwenguli. 
* Udlwengulo lulwaphulo-mthetho olungamandla. Ixhoba malithathwe ngoko nangoko lisiwe kugqirha wesithili, okanye kwindawo yonyango liyokwenziwa uvavanyo, licetyeswe kunye nocwangciso lonxunguphalo. Udlwengulo maluxelwe emapoliseni, kwaye ixhoba liya kucelwa ukuba lenze ingxelo ebhalwe phantsi. Amapolisa mawanike inkxaso kwixhoba elo, kwaye aphande naliphi na ityala elixeliweyo. 
2. Ukuphepha ukuphathwa gadalala kwabantwana: baleka kwaye uxele 
* Abafundisi-ntsapho banemfanelo ekhethekileyo yokuhlonipha kwaye bakhusele abantwana abakunakekelo lwabo. Ukuphathwa gadalala kwabantwana ngumfundisi-ntsapho kubi kakhulu, kuba kungcatsha intembeko enikwe umfundisi-ntsapho ngabazali bomntwana. 
* Ayisiyiyo inyani into yokuba ukuba indoda ikhe yalala nomntu ongekaze abelane ngesondo, ingakumbi intombazana encinane, uyakunyangeka KWINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Alukho unyango lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Endaweni yoko, ukwabelana ngesondo nentombazana okanye inkwenkwe kuyakubangela umntwana ubuhlungu obungenakukhankanywa kunye nenkxwaleko, kwaye unokubosulela ngeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye ashunqule ubomi babo. 
* Abantwana bafundiswa ukuba babahloniphe abantu abadala, kodwa loo nto ayithethi ukuba mabenze nantoni na abantu abadala ababaxelela ukuba bayenze, ingakumbi ukuba ayilunganga kwaye imenza umntwana azive engonwabanga. 
* Wonke umntwana uyaqonda ukuba kukhona iintlobo zokuphathaphatha umzimba ezintle, njengokuphulula kukamama okanye ukugona, okanye ukubambana ngezandla kunye nomhlobo. Zikhona ezinye iintlobo zokuphathaphatha umzimba ezibenza ukuba bazive bengonwabanga. 
* Umntwana angaze ahlale kwisimo apho aya kuziva engonwabanga. Mabafundiswe ukukhwazela uncedo, babaleke bemke kwaye bacele umntu omdala abamthembayo ukuba abancede. 
* Abantwana mabafundiswe ukuba bangaze baye endlini yomntu wasemzini, okanye bahambe ezitalatweni okanye emathafeni kunye nomntu wasemzini, okanye bakhwele emotweni yomntu wasemzini. 
* Mabangenzi nayiphi na into kwezi zinto nomntu obenza bazive bengakhululekanga okanye oziphatha ngendlela engaqondakaliyo, nokuba umntu sisihlobo okanye bamazi kakuhle. 
2. Awunakuba namaqabane angamadoda okanye amaqabane angamantombazana amaninzi ukuze ufumane INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO 
* Abantu ababelana ngesondo nabantu abaninzi ngabona banokufumana INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kodwa INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ayichaphazeli kuphela abantu abanamaqabane amaninzi. 
* Ukuba kuphela iqabane elinye lalosulelekile laza langayisebenzisi ikhondom, sinokosuleleka. 
* Abantu abaninzi bayifumana intsholongwane emva kokwabelana ngesondo kanye nje nomntu owosulelekileyo yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kwaye ongayisebenzisa ikhondom. 
* Abantu abanyanisekile kumakhosikazi okanye kubayeni babo banokuyifumana intsholongwane ukuba amaqabane abo awanyanisekanga kubo. 
* Nyaka ngamnye, abantwana abaninzi kunye namabhiqa bosulelwa yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO xa bedlwenguliwe. 
* Abanye abantwana bayifumana kubazali babo iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Abanye bababantwana baphile ngokwaneleyo ukuba bade baye nasesikolweni. 
* Abantu bayosuleleka kwakhona ngokudibana negazi elosulelekileyo 
2. Ukusebenzisa ikhondom kuya kukhusela kwakhona kwizifo ezosulelana ngokulalana (Sexually Transmitted Diseases) ( STDs), ukungachumi kunye nokukhulelwa okungafunekiyo 
* Izifo ezosulela ngokulalana (STDs) zibanga isilonda encanceni okanye kumphambili womntu obhinqileyo, okanye ububomvu okanye ubuhlungu xa uchama. Isifo esosulela ngokulalana esinganyangwanga sandisa amathuba akho okufumana iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Musa ukwabelana ngesondo ukuba une-STD. Fumana unyango! 
* Iikhondom zikhusela wena kwizifo ezosulela ngokulalana ngokunjalo nakwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Izifo ezosulela ngokulalana zezona zingunobangela oqhelekileyo owenza ukungachumi. 
* Ngokusebenzisa ikhondom unokuyiphepha iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye nezinye I-STDs, kwaye unokwenza isigqibo sokuba ufuna ukukhawula umntwana. 
2. Iikhondom zinokuba lulonwabo 
* Abantu abaninzi bathi ukusebenzisa ikhondom kufana nokutya ilekese isongelwe ngephepha. Ingaba ezi "ngcali" ziyazi nyani ukuba zisetyenziswa njani? 
* Ukufaka ikhondom ingaba sesona sigaba sinika umdla sokudlala kulwabelwano ngesondo. 
* Ukusebenzisa ikhondom bubuchule obufana nabo nabuphi na obunye. Okukhona uyenza rhoqo, kokukhona ufumana bhetele. 
* Okona kwabelana ngesondo kugqwesileyo kuxa ikukungazihluphi ngokufumana isifo esiyingozi. 
2. Iziyobisi kunye notywala 
* Ukusetyenziswa kweziyobisi kunye notywala nako kuyoyanyaniswa nezehlo ezininzi zeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Abantu abanxilileyo basoloko belibala ngokusebenzisa ikhondom. Amadoda asoloko elinda amathuba kumabhinqa anxilileyo ukuze abelane ngesondo nawo, ngaphandle kokusebenzisa ikhondom. Into enjalo ingenzeka nakwiziyobisi. 
* Ezinye zeziyobisi ezirhurhayo ezifana ne-heroin zifakwa ngenaliti. Abantu abaninzi bayifumene iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngokusebenzisa kunye iinaliti kunye neesirinji. 
* Ungaze usebenzise nomnye umntu isirinji okanye inaliti. 
3. IMIBUZO ABAFUNDISI ABAYIBUZAYO MALUNGA NEMFUNDO 
YEZOKWABELANA NGESONDO
Ukuthetha ngokwabelana ngesondo? Kuchasene nesiko lethu!
* Sonke siyabelana ngesondo, kodwa abaninzi bethu bafundiswa ukuba bacinge ukuba kuchasene namasiko nezithethe, kungcolile, kwenza iintloni, ngaphandle kokuba kwenziwa kumanyano lomtshato. 
* Asiqhelanga ukuthetha nje ngokuphandle malunga nokwabelana ngesondo okanye sithethe ngamagama afana nencanca okanye ikuku okanye ukulalana. 
* Asiqhelanga ukuthetha nabantwana malunga nemicimbi yokwabelana ngesondo. 
* Le miba yesiko lethu, esenze ukuba sibe neentloni ngokuthetha ngokwabelana ngesondo, yaphuhliswa ngamaxesha awohlukileyo. Ngoku sinomceli mngeni omtsha ngokupheleleyo weNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Sisifo esitsha esasingeko xa izithethe zethu ezidala zazidalwa. 
* Ukufika kweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kuthetha ukuba kufuneka senze utshintsho kwisiko lethu kuba ukuba asilwenzi olu tshintsho inani elikhulu labantu bethu abancinane liza kusweleka kwaye nathi sinokukwenza oko ngokunjalo. 
* Ukutshintsha imithetho malunga nokuxoxa ngezokwabelana ngesondo akuthethi ukuba isiko lethu liyasongelwa. Kukhona okungaphaya esikweni lethu kune khowudi kunye nezenzo ezinxulumene nokwabelana ngesondo. 
* Okuyinyani, isiko litshintsha maxa onke. Yindlela eliphila ngayo elo. Cinga nje ukuba zingaphi izithethe esele zitshintshile kumaxesha obomi bethu kunye nelabazali bethu kunye nakumaxesha okuphila oomawokhulu. 
* Ukuba ngaba asiyi lawuli INTSHOLONGWANE KAGAWULA/ GAWULAYO, iya kulutshabalalisa uluntu lwethu kwaye amasiko ethu aya kuba yimbali. 
* Kumele siyitshintshe imbono yethu yesiko ngokwabelana ngesondo kunye nokuthetha ngokwabelana ngesondo, kuba ubomi babalingane kunye namaqabane ethu, abantwana bethu, nabo bakunakekelo lwethu baxhomekeke kuyo. 
* Ibonisa ukukhula into yokuthetha ngokwabelana ngesondo ngendlela ethe ngqo kwaye efanelekileyo. Abantu abancinane bayakukuthakazelela ukuzikhathaza kwethu ngengxaki zabo. 
Andiyi kukukhuthaza ukungabikho sikweni!
* Abazali banemfanelo yokuqala yokufundisa abantwana ukuba yintoni elungileyo kwaye iyintoni engalunganga, yintoni evumelekileyo kwaye iyinton engavumelekanga. 
* Njengabafundisi, sinemfanelo elungileyo enamandla yokunceda ukukhusela impilo kunye nobomi babantwana esibafundisayo, kwaye sinike elona cebo linokubakhona lifanelekileyo kubazali kunye nabantwana ngokufanayo. 
* Ezinye iinkolo zethu zokholo malunga nokuziphatha kakuhle ngokwabelana ngesondo zenza ukuba kube nzima ukuba sixoxe ngezokwabelana ngesondo nabantwana, kodwa ngeke sibaveze abantu abancinane abakunakekelo lwethu kwiimeko ezisongela ubomi xa sinalo ulwazi olunokuba sindisa. 
* Ayiyonyani into yokuba ukufundisa abantu abancinane ngokwabelana ngesondo kunye nezokwabelana ngesondo kubenza ukuba babhideke okanye bachasane namasiko kunye nezithethe. Kuluntu lwethu, kunye nakwamanye amazwe amaninzi, abantu abancinane baqala ukwabelana ngesondo kwangoko nokuba siyathanda okanye asithandi. Imfundo ngezokwabelana ngesondo, enika ulwazi kwaye efundisa intlonipho kubo kunye nakwabanye abantu, iyakubenza ukuba benze izigqibo ezilumkileyo zokuba mhlawumbi okanye ungabelana njani ngesondo, kwaye uhlale ukhuselekile. 
* Intsongelo yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ayithethi ukuba masiyilahle ikhowudi yethu eungileyo. Ikhowudi ecacileyo kunye neqinileyo zange ibe yimfuneko kakhulu. Kodwa mayiquke isinyanzelo sokwenza ukuzinqanda ngokwakho kulwabelwano ngesondo kunye nentlonipho yamalungelo abanye, ingakumbi amaqabane ethu esabelana ngesondo nawo. Kumele iquke isinyanzelo sokufundisa abantu abancinane ukubaluleka kokwenza okufanayo. 
* Indawo yokuqala elungileyo kukwazi ukuba ezokwabelana ngesondo zandisa ubomi ukuba bulawulwa ngendlela eyiyo. Ubudlelwane bokwabelana ngesondo obulungileyo abukho malunga namandla. Abukho malunga nokubanga amalungelo. Bungoku zonwabisa okufana macala kunye nentlonipho. 
Ukufundisa kwilizwe apho amalungelo oluntu akhuselweyo
* eMzantsi Afrika amalungelo oluntu akhuselwe kwaye aqinisekiswe nguMgaqosiseko 
* Amalungelo oluntu ngawabantu bonke, abafundi ngokunjalo nabafundisi. 
* Amalungelo eza neemfanelo. Ukuze sonke siwonwabele amalungelo oluntu masenze iimfanelo zethu. 
* Umgaqosiseko uqinisekisa ilungelo lenkululeko yokufikelela kulwazi kunye nenkululeko yokuqonda, ukucinga, ukukholwa kunye noluvo. UMgaqosiseko unika ukhuseleko olukhethekileyo kumalungelo abantwana. Ubeka umsebenzi kuwo wonke umntu wokusoloko usebenza ngokukona kulungele umntwana. 
* Abantwana banelungelo lolwazi olumalunga nempilo yokwabelana ngesondo kunye nokhuselo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Sinokubatyhafisa abafundi ukuba babelane ngesondo, kodwa abafundi mabanikwe ulwazi oluchanekileyo ngokwabelana ngesondo okukhuselekileyo nanjengoko beza kwenza ezabo izigqibo. 
* Eli lilungelo labo lomgaqosiseko kunye nemfanelo yethu yomgaqosiseko njengabafundisi. 
Ingaba akumelanga ukuba sivele sibaxelele nje abantu abatsha ukuba bangabelani ngesondo?
* Yinto elungileyo ukuthetha nabafana kunye namabhinqa amatsha malunga nokungabelani ngesondo. Kufuneka kwakhona sikhumbule ukuba abaninzi kubo bayakungakuhoyi oku kwaye bangakwazi ukulandela eli cebiso. 
* Kulula ukulibala ukuba amaqabane angamadoda kunye nabhinqileyo ayebaluleke kanjani kuthi xa sasisebatsha. Obu budlelwane busabalulekile kubantu abatsha nangoku. Bangumthombo wophuhliso kunye nokukhula, nokuba babandakanya ukhetho olunzima. 
* Uphando lubonisa ukuba, ukuba sinika abantu abatsha ulwazi olululo malunga nokwabelana ngesondo, malunga neengozi ezinxulunyaniswa nezenzo zokwabelana ngesondo, nokuba bangazikhusela njani na iziqu zabo, ngoko ke oko kuthanda ukubonisa ukuba banokuzenzela izigqibo ukulibazisa ukuqala kwezenzo zokwabelana ngesondo. Ukuba banolwazi, kwaye bayixoxile le mibuzo ngokuphandle kwaye ngaphandle kokoyika, bafanelekile ukuba bazawukwenza ukwabelana ngesondo okukhuselekileyo xa beqala ubudlelwano bokwabelana ngesondo. 
* Nanini na xa sicinga ngombuzo wobuchule bobomi kunye nemfundo yezokwabelana ngesondo masicinge ukuba amashumi amakhulu abantu bethu abatsha sele eziqalile izenzo zezokwabelana ngesondo kwaye sele bosulelwe YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngenxa yokungahoyi. Abantu abatsha abaninzi bakholelwa ekubeni bakhuselekile kuba besebancinane. Banokucinga ukuba bubudoda obokudela ukuthatha ingozi. Ukudela ingozi ngeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ayibobudoda okanye ukuba semcimbini , bubudenge, kwaye kuquka ingozi eyodluleleyo kwabanye. 
* Abanye abafana abatsha abaziyo okanye abakrokrayo ukuba bosulelekile, benze isigqibo esikhohlakeleyo sokosulela abanye, ngokuthimba okanye ukudlwengula beliqela. 
* Masijongane nento eyenzekayo kuluntu lwethu. Ukuxelela nje abantu abatsha ukuba mabangabelani ngesondo akuyiyo impendulo, okubhetele ke yinxenye yempendulo. Ubhubhane WENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO uyasibonisa ukuba sisebenza ngentlekele elungileyo kubudlelwano babantu elizweni lethu. Kufuneka sifundise abantwana bethu kunye nabantu abatsha ukuba bazihloniphe, bahloniphe abalingane babo, sibonise ukuqonda okukhethekileyo kumalungelo amantombazana kunye namabhinqa, simanyane sonke kwimbumba yamanyama ukusindisa thina kunye nabanye. Oko kumele ukuba kube sisiseko sokuziphatha kakuhle. 
* Ingxoxo phakathi kwabantu abatsho ngokwabo, eziqhutywa ngumntu omtsha onolwazi, mhlawumbi umntu ophila neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, yindlela esebenzayo yemfundo ngesi sifo. Imibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente (NGO) eyenza olu hlobo lomsebenzi mayamkelwe ezikolweni zethu kwaye ikhuthazwe ukuba incede. 
Ingaba abantwana abakho bancinane kakhulu kolu hlobo lolwazi?
* Ukusukela ekuqaleni kwabo isikolo, abafundi kufuneke bafumane ulwazi malunga NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO ebekwe kubo ngendlela efanele iminyaka yabo, kwimeko yemfundo ngobuchule bobomi. 
* Iinkqubo zokufunda ziye kwaye ziphuhlisiwe kwimfundo yobuchule bobomi yayo yonke iminyaka, kwaye noqeqesho lunikiwe ukwenza ukuba abafundisi bakwazi ukwenza oku. 
* Siye silibale ukuba abantwana abaninzi baye baqonde ngokwabelana ngesondo kwaye bafune ukwazi ngalo kwiminyaka esephantsi kakhulu. Yinyaniso enzima eyokuba abantwana abanizni sele besabelana ngesondo xa beneminyaka eli-12. 
* Abantwana abaninzi baye baqonde ngeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO xa besebancinane kakhulu, ngenxa yokuba besazi abantu, kuqukwa abazali kunye nezalamane, abagulayo okanye abaswelekileyo. Amaphephandaba noomabonakude bagcwele amabali angalo bhubhane. Abantwana basasaza ulwazi phakathi kwabo malunga nobhubhane. Nokuba aluchanekanga okanye lunyanisile. Into ebhetele kukuba abafundisi bakulungele ukuqala ukunika ulwazi olululo malunga nokwabelana ngesondo kunye nezokwabelana ngesondo kunye NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO phambi kokuba abantwana bafunde ulwazi olungasilulo ngezi zinto kubahlobo babo. 
4. UKUTHINTELA UKUSASAZEKA KWESIFO EZIKOLWENI
Ukuba ngaba izikolo zethu zinesitafu kunye nabafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ingaba isininzi sethu asiyi kuyifumana?
* Ngenxa yokuba INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO isosuleleka ikakhulu ngenxa yokwabelana ngesondo kunye nokudibana negazi, isininzi sethu asikho ngozini yokuyifumana INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngendlela yethu yokufundiswa eqhelekileyo okanye imisebenzi yokufunda. 
* Akukho zehlo zosasazo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO zaziwayo ezikolweni okanye kumaziko ngexesha lemisebenzi yemfundo. 
Kodwa kuyakuthini ukuba kukho iingozi kunye nokwenzakala kwimilo?
* Ikhona ingozi yokwesuleleka YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngokudibana negazi elosulelekileyo. 
* Ingozi ayinamsebenzi ukuba uncedo lokuqala olusisiseko lwenziwe. 
* Umthetho ongundoqo apha kukusebenzisa izilumkiso zokuthintela zajikelele. 
Yeyiphi imiqathango yothintelo jikelele?
* Imiqathango yothintelo jikelele ibizwa ngale ndlela kuba isebenza kumntu wonke kunye nakuyo yonke incindi yomzimba. 
* Imiqathango yothintelo jikelele iyimfuneko kuba kummandla ongqonge imfundo akululanga ukwazi ukuba ngubani na oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Ngenxa yexesha elide phakathi kosulelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye nokuqala kokugula, uninzi lwabantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO esikolweni abayi kukwazi ukuba bosulelekile. 
* Ngenxa ye-"window period" ngexesha apho iimpawu zosulelo zingabonakaliyo kuvavanyo, nakuba uvavanyo oluthi awunayo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO lungathethi ukuba umntu akanayo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ayiyiyo kuphela ingozi. Ezinye izifo ezinokuba khona eziqhelekileyo eMzantsi Afrika, ingakumbi i-hepatitis B, inokufumaneka kwiincindi zomzimba owosulelekileyo. 
* Ukuba sisebenzisa izilumkiso zokuthintela ezifanayo kuso nasiphi na isimo apho kukho khona igazi, siya kukhuselaka KWINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye nezinye izifo ezithwalwa ligazi. 
Yintoni efunwa sisikolo ngasinye ngoncedo lokuqala?
* Iikiti ezimbini zoncedo lokuqala ezihlala zigcwele (jonga ibhokisi) 
* Ibhotile yejiki esetyenziswa endlini. 
* Isixa seengxowa zokuthenga zeplastiki ezikhangelwe imingxunya. 
* Umgqomo wokukha amanzi. 
* Ukuba ngaba isikolo sakho asinawo amanzi abalekayo, umgqomo weelitha ezingama-25 zamanzi acocekileyo mazigcinwe maxa onke ukuba asetyenziselwe unxunguphalo. 
OKUQULATHWE ZIIKITHI ZONCEDO LOKUQALA
* Iiperi ezine zeeglavu ezifana nerabha ( ezimbini eziphakathi, ezimbini ezinkulu) 
* Iiperi ezine zeeglavu zerabha ezisetyenziswa ekhaya (ezimbini eziphakathi, ezimbini ezinkulu). 
* Amalaphu okogquma izilonda, imisiko okanye imigruzuko (umzekelo, ilinti okanye igozi), iiplasta ezineplastiki ngaphezulu, isibulali zintsholongwane ( umzekelo ijiki esetyenziswa ekhaya), isikere, i-cotton wool, iteyipu yokugcina ukubotshwa, ii-tissue. 
* Isikhuseli esifakwa emlonyeni, ukwenzela ukuphefumlela umntu avuke ekufeni isiqaqa. 
Singaziphatha kanjani iingozi kunye nomenzakalo esikolweni?
1. Akukho mntu kufuneka adibane ngqo negazi okanye iincindi zomzimba zomnye umntu 
* Yonke ikiti yoncedo lokuqala mayiqulathe iiglavu zerhabha kwaye ezi kumele ukuba zinxitywe maxa onke xa unceda umntu owophayo ngenxa yokwenzakala okanye owopha impumlo. 
* Nabanina ococa igazi phantsi okanye kumgangatho okanye emalaphini naye makanxibe iiglavu. 
* Izilumkiso zothintelo mazithathwe kwezinye iincindi zomzimba, kuqukwa nomgabho, ilindle, ububomvu kunye nomchamo, nangona kungacaci ukuba umntu angafumana INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwezi zinto. 
* Ukuba ngaba akukho ziglavu zikhoyo, iingowa zeplastiki zokuthenga zingafakwa ezandleni, nje ukuba azinayo imingxunya kwaye unakekelo luthathiwe lokuba ungafumani gazi okanye amanzi okucoca angaphakathi. 
* Bonke abafundi mabafundiswe ukuba bangaphathi igazi kunye nezilonda kodwa mabacele uncedo kwilungu lesitafu ukuba kukho ukwenzakala okonye ukopha kwempumlo. 
1. Kunqande ukopha ngokukhawuleza kangangoko unako 
* Ukuba ngaba umlingane okanye umfundi uyopha, isenzo sokuqala mayibe kukuzama ukunqanda ukopha ngokufaka unxinzelelo ngqo kwindawo leyo ngelaphu okanye itawuli ekufutshane. 
* Ngaphandle kokuba umntu owenzakeleyo akakho zingqondweni okanye wonzakela kakhulu, mabancediswe ukuzenza ezi zinto ngokwabo. 
* Ukuba ngaba umntu wopha impumlo kufuneka aboniswe ukuba lwenziwa njani na uxinzelelo kungqameko lwempumlo yakhe ngokwakhe. 
1. Ukucoca izilonda 
* Kwakuba ukopha kunqamkile, abantu abonzakeleyo mabancediswe ukuhlamba imigruzuko okanye izilonda zabo emanzini acocekileyo anesinqanda kubola, ukuba sikhona . Ukuba ngaba asikho, sebenzisa ijiki yokucoca endlini exutywe namanzi (inxenye yejiki e-1 iinxenye zamanzi ezili-9). 
* Izilonda mazogqunywe ngelaphu lokubopha elineplastiki okanye iplasta. 
* Abafundi kunye nabafundisi mabafunde ukugcina zonke izilonda, izilonda ezincinane, imigruzuko okanye amanxeba (apho isikhumba sisikekileyo) zogqunyiwe maxa onke. 
1. Ukulawula ukungakhuseleki ngengozi egazini lomnye umntu, okanye ukungakhuseleki ngexesha lokwenzakala 
* Isikhumba esithe sangakhuseleki egazini masicocwe ngocoselelo. 
* Ukucoca makwenziwe ngamanzi abalekayo. Ukuba awafumaneki, amanzi acocekileyo asemgqomeni makagalelwe phezu kwendawo leyo icocwayo. 
* Ukuba isinqandikubola sikhona, indawo leyo mayicocwe ngesinqandi kubola. Ukuba ngaba asikho, sebenzisa ijiki yokucoca endlini exutywe namanzi (inxenye e-1 yejiki, iinxenye ezili-9 zamanzi). 
* Ukuba ngaba igazi lichaphazele ebusweni, ingakumbi emehlweni okanye kwiinwebu zempumlo kunye nomlono, ezi mazigalelwe amanzi abalekayo imizuzu emithathu. 
1. Ukucoca imiphezulu kunye nezinto ezingcolisekileyo 
* Imiphezulu okanye imigangatho engcolisekileyo mayicocwe ngejiki kunye namanzi (inxenye e-1 yejiki, iinxenye ezili-9 zamanzi). 
* Iibhandeji namalaphu aye anegazi mawavalelwe eplastikini kwaye atshiswe (atshiswe abe luthuthu). 
* Naziphina izixhobo ezingcolisekileyo kumele ukuba zihlanjwe, zifakwe emanzini anejiki iyure kwaye zonekwe. 
* Qiniseka ukuba izindlu zokuhlambela kunye nezindlu zangasese zicocekile, azinantsholongwane kwaye azinamachaphaza egazi. 
1. Ukulahlwa kwee-sanitary towels kunye nee-tampons 
* Isikolo ngasinye masiqinisekise ukuba kukho ulungiselelo lokulahlwa kwe-sanitary towels kunye nee-tampons. Sonke isitafu esibhinqileyo kunye nabafundi mabazi ngolu lungiselelo ukwenzela ukuba angabikho omnye umntu onokufikelela kwezi zinto. 
Kwenzeka ntoni ngezinye izehlo ezimandla, ezifana nodlwengulo okanye ukuhlatywa xa kukho ingozi eyaziwayo yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO
* Ingozi yokusasazeka kweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO iphezulu kakhulu kwizehlo zodlwengulo, okanye ukuhlatywa ngenaliti okanye incakuba, ingakumbi ukuba kubandakanyeka ngaphezulu komntu omnye. 
* Ibhinqa elidlwenguliweyo malinikwe inkxaso ngoko nangoko kunye nentuthuzelo kwinkxwaleko yalo. Malicelwe ukuba lingahlambi okanye litshintshe impahla yalo ( kuba ubungqina bodlwengulo kufuneka ukuba bugcinelwe unyango kunye nophando lwamapolisa). Malithathwe ngoko nangoko lisiwe kugqirha wesithili okanye kwindawo yonyango ukuba liye kuxilongwa kwaye linikwe nocwangciso lonxunguphalo, kunye nakwisikhululo samapolisa ukwenzela ukuba lenze ingxelo kwaye lifake isimangalo. Malenzelwe ulungiselelo lokuba lifumane ucetyiso olufanelekileyo kunye noncedo. 
* Ngokuhlatywa okanye ukungakhuseleki kwesikhumba esisikekileyo kwigazi elosulelwe yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, nika uncedo lokuqala ngoko nangoko. Ukuhlatywa oko makuxelwe emapoliseni. 
* Kuzo zonke ezi meko abantu mabasiwe kumaziko onyango afanelekileyo ukuba bacetyiswe ngengozi yokosulelwa yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, kwaye abazali okanye abagcini babo makuqhagamshelwane nabo ngokukhawuleza. 
* Unyango lwechiza luyafumaneka kwicandelo labucala elinokunciphisa ingozi yokuba umntu ongenayo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO alufumane usulelo ukuba udlwengulwe okanye uhlatyiwe. Ukusebenza ngamandla kwechiza kwezi meko akukavunywa. Alifumaneki kwizibhedlela zikawonke-wonke. Nabanina osengozini ebalulekileyo yokosulelwa yiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye enemali yawo lamachiza angakhetha ukuwasebenzisa. Izigqibo malunga nokusetyenziswa kwala machiza mazithathwe ngokukhawuleza kuba kuthathwa ngokuba asebenza ngamandla akuthathwa nje emva kokungakhuseleki. 
Singakuthintela njani ukusasazeka kweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngexesha lomdlalo?
* Ingozi enokubakhona kuphela yosasazeko lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ingexesha le midlalo edibanisayo apho iingozi zinokwenzeka. Nangona nalapha ingozi incinane kakhulu ukuba le mithetho ilandelayo iyasetyenziswa. 
* Iikiti zoncedo lokuqala ezineeglavu zerabha mazibekhona ngexesha layo nayiphi na indibano yomdlalo okanye umdlalo. 
* Akukho mntu makadlale umdlalo enezilonda ezingogqunywanga okanye ukwenzakala okusenyameni. 
* Ukuba ngaba umgruzuko okanye ukwenzakala kuyenzeka ngexesha kudlalwa umdlali owenzakeleyo makakhutshwe ebaleni, anikwe uncedo lokuqala kwaye avunyelwe ukuba abuye nomenzakalo ococekileyo kwaye ogqunyiweyo. 
* Iimpahla ezinamachokoza egazi kumele zitshintshwe. 
* Abafundisi kunye nabafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO bayacetyiswa ukuba bayixoxe nogqirha nayiphi na ingozi enokuba khona empilweni yabo kunye nokusasazeka ngexesha lomdlalo. 
Ubudlelwane bokwabelana ngesondo ezikolweni
* Ezikolweni ezinehostele iyenzeka into yokuba abanye abafundi babenobudlelwane bokwabelana ngesondo eziyadini, nokuba kusemthethweni okanye akukho mthethweni. 
* Icebo kunye nokucetyiswa, kuqukwa neengxoxo zamaqela antanganye, abaluleke ngokungathethekiyo kwesi simo. 
* Iikhondom mazifumaneke ngokukhululekileyo kubafundi ababelana ngesondo. Abafundi mabacetyiswe ukuba kutheni kwaye bangazisebenzisa njani kwaye bazilahle. 
Ubudlelwane bokwabelana ngesondo phakathi kwabafundisi kunye nabafundi abukho mthethweni
* Abafundisi mabangabi nobudlelwane bokwabelana ngesondo nabafundi. Kuchasene nomthetho, nokuba umfundi unika imvume. Izenzo ezinjalo zophula ikhowudi yokuziphatha yabafundisi, abakwisimo sokuthembeka. 
* Isenzo soqeqesho esingqongqo siyakuthathwa kuye nawuphi na umfundisi owabelana ngesondo nomfundi. 
* Ukwabelana ngesondo okufunwa ngumfundisi ngaphandle kwesivumelwano ludlwengulo, olululwaphulo-mthetho olunzima, kwaye umfundisi uya kugwetywa. Ukuba ngaba umfundisi wabelane ngesondo nentombazana okanye inkwenkwe engaphantsi kweminyaka eli-16, uyakugwetyelwa udlwengulo lomntu ongaphantsi kweminyaka kwaye unokujongana nesohlwayo sokugwetywa ubomi. 
* Ukuba ngaba kukho umlingane omaziyo onobudlelwane bokwabelana ngesondo nomfundi kumele ubaxele kwinqununu okanye iziphathamandla eziphezulu zemfundo, kwaye ukuba inkwenkwe okanye intombazana ingaphantsi kweminyaka eli-16, emapoliseni, Ukuba awukwenzi oku ungagwetywa njengomncedisi ekwaphuleni umthetho kudlwengulo. 
Kwenzeka ntoni ngezinye izifo? Angeke sizifumane kubantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO?
* Kuba izinqanda zifo zabo zonakele, abantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ngabona basengozini enkulu yokufumana izigulo zakho ngaphezu kokuba wena ufumane ezabo. 
* Okukhutshelwa ngaphandle SISIFO SEPHEPHA. Nabanina onokuba neSIFO SEPHEPHA makacetyiswe afumane uncedo lonyango ngoko nangoko kwaye abuyele esikolweni okanye kwiziko kuphela emva kokucetyiswa ngugqirha wakhe. 
Ingaba zikhona ezinye iimeko xa abantu abaneNTSHULUNGWANE KAGAWULAYO bakhutshwayo esikolweni?
* Ukuba ngaba umntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO uvela ukopha okungalawulekilyo okanye unesilonda esingaphathekiyo kunokuba yimfuneko ukuba akhutshwe de zibe ezingxaki zibekwa phantsi kolawulo. 
* Ukuba ngaba umntu ubonisa ukuziphatha okundlongondlongo kwasemzimbeni kunye nokokwabelana ngesondo, kuya kuba yimfuneko ukuthatha isenzo esifanelekileyo ngokungqinelana necebo lezempilo, ikhowudi yokuziphatha esebenzayo yabafundi, ukuhlonipha amalungelo abo bonke abo babandakanyekayo, kunye nomthetho. 
5. UKWAKHA OKUSINGQONGILEYO KUNYE NESIKO ELINCEDAYO 
LOKUNGACALU-CALULI
INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO 
iyakusichaphazela sonke
* Nokuba siyakuphepha ukufumana INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, ngabambalwa kakhulu kuthi engayi kubachaphazela. 
* Abaninzi bethu bayakulahlekelwa ngamalungu osapho kunye nezihlobo ngenxa yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Siya kuba nemingcwabo ethe kratya ekuya kufuneka siye kuyo kwaye sifune ukuba abalingane bethu baqonde ukuba sibekwe phantsi komsebenzi owongezelelekileyo onzima okanye singabikho ngenxa yokubhujelwa. 
* Abo kuthi abayifumeneyo INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO bayakufumanisa ukuba ekugqibeleni siya gula kwaye sifune ixesha elininzi lekhefu lokugula. Abalingane bethu abaphilileyo kuya kufuneka ukuba bayiqonde le nto kwaye baqhube imisebenzi yethu yokufundisa. 
* Ngokongezekayo siya kufumanisa ukuba sinabafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO emagumbini ethu okufundisela kwaye baya kufuna uncedo olukhethekileyo xa bethe bagula. Ukuhamba kwabo isikolo kuya kuchaphazeleka, kwaye baya kulahlekelwa kukuzikisa ingqondo kwaye basale emva emsebenzini wabo. Ucingelo olukhethekileyo mabalunikwe, kuqukwa nethuba lokwenza umsebenzi wesikolo ekhaya. Nanini na xa kukho imfuneko, utyelelo lwasekhaya kufuneka lulungiselelwe. 
Ukuphila NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO
* Abafundisi kunye nabafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kumele ukuba baphile ubomi obugcweleyo kangangoko banako 
* Mabangalalelwa ithuba lokufumana imfundo okanye ukusebenza njengabafundisi xa besakwazi ukukwenza oko. 
* Nanjengoko usulelo lwabo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO lungavezi ingozi engamandl\a kwabanye ezikolweni kunye nakumaziko ukuba nje izilumkiso zothintelo ezifunekayo ziyalandelwa, asikho isizathu sokubalela abafundisi kunye nabafundi abosulelekileyo ilungelo elifanayo nelabanye. 
Ukusebenza ngokuqal'ugwebe
* Nayiphi na imiqathango ethathiwe ngokuphathelene nomfundisi okanye umfundi oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO mayifaneleke kwaye ibe nobulungisa ngokwembonakalo yenyaniso yokunyanga, iimeko zesikolo okanye iziko, kwaye ngokusemdleni womntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye nezo zabanye. 
* Abafundisi kumele ukuba bayiphaphele into yokubakho kocalucalulo ezikolweni, bathathe isenzo esikhawulezayo sokuthomalalisa, nasiphi na isenzo esinokwenzeka kwaye basebenze ngokufanelekileyo ngabaphembeleli bodushe 
* Ukuqal'ugwebe kuphumelela kuloyiko kunye nokungahoyi. Eyona ndlela isebenzayo yokudambisa izoyikiso ezinjalo kukwabelana ngolwazi oluqulathwe kule ncwadana kunye nabafundi ukwenzela ukuba baziqonde iinyani zonyango malunga NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO nokuba isasazeka njani na kwaye bazi ukuba bangazikhusela njani na. 
Ukwala ukufunda nomntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/ GAWULAYO, okanye ukwala ukufundisa okanye ukufundiswa ngumntu onjalo
* Abafundi okanye abafundisi abalayo ukufunda, ukufundisa okanye ukufundiswa ngumntu oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO kumele ukuba banikwe amacebiso. 
* Isimo kumele ukuba sisonjululwe yinqununu, abafundisi, kwaye ukuba kukho imfuneko, umbutho olawula isikolo, okanye ibhunga leziko ngokungqinelana neNkqubo kaZwelonke kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/ GAWULAYO yesiPhathiswa sezeMfundo. 
Iinkedama
* Abafundi abaninzi baya kuba ziinkedama okanye balahlekelwe ngamalungu akufutshane osapho kwaye bayakufuna uncedo oluchukumisayo kunye nenkokhelo kubafundisi. 
* Abafundi abaziinkedama banokujongana nobunzima kwezezimali, kwaye babenengxaki ngemali yesikolo, iyunifom kunye neencwadi. 
* Ezinye iinkedama okuyinyani zinokushiywa ukuba zijonge abantakwazo abancinane. Kufuneka basebenze njengeentloko zamakhaya, nangona bebancinane kwaye benokufuna uncedo. 
* Nabo ngokunokwabo baba nokuba bosulelekile, okanye banakekela abanye abosulelekileyo kunye nabagulayo. 
* Abafundisi kumele ukuba bayiqonde into yokuba abafundi abazinkedama ngenxa kaGAWULAYO banokujongana nokuqal'ugwebe kunye nokungahoywa ngabantu abamele ukubagcina. 
* Izikolo kuya kufuneka ukuba ziphuhlise iinkqubo zokukhokela izenzo zabafundisi abakrokrela ukungahoywa okunjalo, nanjengoko besenza xa ezinye iindlela zophatho gadalala zikrokreleka. 
Ukuvavanyelwa INTSHOLONGWANE kaGAWULAYO ezikolweni kunye nokuveza ubume beNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO
* Umthetho awubavumeli abafundi kunye nabafundisi ( okanye nawuphi na umqeshwa) ukuba banyanzelwe benze iimvavanyo zeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Ngokwenene ukuziveza ngokuzithandela komfundi okanye umfundisi ngobume beNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kumela ukuba kwamkelwe. 
* Abafundisi abanikwe ulwazi olunjalo mabalungele ukuluphatha njengemfihlo kwaye baqiniseke ukuba akukho lucalucalulo lungafanelekanga lulandelayo. 
* Ulwazi ngobume beNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO yomfundi bunokuxelwa kuphela ngumfundisi komnye umntu ngemvume ebhalwe phantsi yomfundi ( ukuba ungaphezulu kweminyaka eli-14) okanye abazali bakhe. 
Inkqubo yesikolo kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO
* Izikolo okanye amaziko kumele aphuhlise inkqubo yawo kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO, ukwenzela ukunika ukusebenza kule migaqo kazwelonke. Inkqubo enjalo kumele ukuba ivumelane noMgaqosiseko kunye nomthetho. Inkqubo yesikolo mayingaphikisani nenkqubo kazwelonke, okanye imigaqo ekule ncwadana. 
* Isikolo sinemfanelo yokuba liziko lolwazi kunye nenkxaso kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO eluntwini olulusebenzelayo. Abadlali bendima engundoqo kummandla obanzi, umzekelo iinkokheli zemveli kunye nezenkolo, abasebenzi bempilo basekuhlaleni okanye amaxhwele/magqirha, bamele ukuba babizwe bathabathe inxaxheba ekuphuhlisweni kwenkqubo yesikolo. 
* Ukuba ngaba izibonelelo zikhona, isikolo sinokufuna ukuseka iKomiti yokuCebisa ngeMpilo (Health Advisory Committee). Le iya kuba yikomiti yombutho olawulayo. Ubulungu bayo kumele buquke isitafu, abazali, abafundi, neengcaphephe zempilo. Umntu onolwazi ngempilo nguye ekumele akhokele ikomiti. Ikomiti kumele icebise umbutho ophetheyo ngokumiswa kwale migaqo. Kumele ukuba incede ukuphuhlisa inkqubo yeNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO yesikolo kwaye ihlole ukusetyenziswa kwayo, ingakumbi uthintelo lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. 
* Inkqubo yesikolo mayiphinde ijongwe lwakuba ulwazi lwenzululwazi olutsha lufumaneka, kuqukwa ingcebiso ezivela kuzwelonke, impilo yephondo okanye iziphathamandla zemfundo. 
Ukunciphisa ingozi yokusasazela izigulo kubantu abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO
* Izigulo ezingabalulekanga kumntu ophilileyo zingabanobunzima kwabanye abantu kwaye zisongele ubomi ukuba zifunyenwe ngumntu onoGAWULAYO. 
* Abafundi kunye nabafundisi abanezifo ezosulelayo eziquka imasisi, uqilikwane, injinana, irhashalala enkulu kunye nonkonkonko mabadibane nogqirha kwaye bahlale bangezi esikolweni de babe babhetele. 
* Izikolo kumele zixelele abazali ngale nkqubo kwaye bafake isincomo esingamandla sokuba bonke abantwana bagonywe ngokupheleleyo. 
Ukuxhasa abafundi abagulayo
* Abafundi kunye nabafundi abadadlana kulindeleke ukuba beze emagumbini okufundela ngokungqinelana neemfuneko ezisemthethweni ukuba basenako ukusebenza ngamandla kwaye bangabonakalisi kudlulisa ingozi kwabanye esikolweni okanye kwiziko. 
* Isikolo ngasinye esinezibonelelo ezoneleyo kumele ukuba sibe nendawo apho abafundi kunye nabafundisi abangaziva mnandi banokulala khona ngexesha lasemini amathutyana amancinane. Oku kuya kwenza ukuba abafundi abagulayo bakwazi ukuhlala esikolweni ixesha elide. 
* Ukuba okanye xa bathe bagula okanye babanga ingozi ebonakalayo yokugula kwabanye kumele bavunyelwe bafunde behlala emakhaya kwaye umsebenzi wezezifundo mawenziwe ukuba ukufumanekele oku. Apho kukho khona imfuneko, abazali mabavunyelwe ukuba babafundise ekhaya. 
* Abanye abafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO banokuba nengxaki yokuziphatha okanye babe nomonakalo wemithambo yoluvo. Abafundi abanjalo kumele ukuba bahlolwe kwaye, apho kunokwenzeka kwaye kukho imfuneko, babekwe kwiindawo zokuhlala ezikhethekileyo zabafundi abaneemfuno ezikhethekileyo zemfundo. 
* Ezinye izinto ezenziwayo ngaphandle kokufunda zinokuba nzima kubafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO. Abafundisi kufuneka ukuba babe nobuthathaka kule nto kwaye babayekise abafundi abanjalo ekuthatheni inxaxheba xa kukho imfuneko. 
* Amayeza asoloko efuna ukuthathwa ngexesha elibekiweyo ukuze asebenze kakuhle. Abafundisi kumele bayiqonde lento kwaye babavumele abafundi ukuba baphume kumagumbi okufundela baye kusela amayeza xa kukho imfuneko. 
* Izikolo kufuneka zibancede abafundi abaneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ekwenzeni iqela lenkxaso okanye badibane nelinye kuluntu. 
UKUXHASA ABALINGANE ABAGULAYO
* Abafundisi kunye nesinye isitafu esiye savela izigulo ezinxulumene NOGAWULAYO zifuna uqondo kubalingane baso. 
* Ngokuya kusiya phambili baya kufuna iintsuku zokuba bangabikho emsebenzini okanye badinwe ngexa lasemini bafune ukulala phantsi kangangexesha elithile. 
* Ngala maxesha, amanye amalungu esitafu kuya kufuneka ukuba enze imisebenzi yabo, kwaye oku kuya kungqubana nowabo umsebenzi kunye nokonwaba kwabo. 
* Izinga likabhubhane weNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO likhulu kakhulu elizweni kangangokuba, side sibe senza ukwabelana ngesondo okukhuselekileyo, ezi zinto ziyakwenza inxenye yenyaniso entsha eya kwenza ukuba siphile nayo. 
* Abafundisi bahlala besiva ukuba sele benomthwalo ongaphezulu kwamagxa abo kwaye bafumanise kunzima ukuba bangawenza njani omnye umsebenzi ongaphaya. Izimvo ezinjalo ziyaqondeka. Olu nxunguphalo lwenza amabango angaqhelekanga kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika. Mhlawumbi kufuneka sikhumbule ukuba abalingane bethu abaphilileyo banokusisebenzela usuku olunye, ngaphandle kokuba siyazikhusela iziqu zethu kusulelo. 
" Esona sahlulo sibaluleke kakhulu emsebenzini wethu kukufundisa abantu ukwamkela, ukuthanda kunye nokuxhasa abo baneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO, ukwenzela ukuba singazifihli okanye sithule. Okukhona sizifihla, kokukhona sisiva uxinzelelo, kokukhona sigula kakhulu kwaye sisweleke ngokukhawuleza." Valencia Mofokeng, umama ongumhlolokazi oneNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kwaye oyinkokheli yeqela lenkxaso yoMbutho olwa noGawulayo e-Orange Farm kubantu abaphila neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO, kwi-Reconstcuct, 7 Novemba 1999.
6. ISIBENGEZO SENTSEBENZISWANO NGOKUCHASENE 
NOGAWULAYO NGU 
MONGAMELI THABO MBEKI
ISIBHENGEZO
"INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO iphakathi kwethu. Iyinyani. Iyasasazeka. Sinokuphumelela kuphela kuyo iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAULAYO ukuba sibambana ngezandla sisindise isizwe sethu.
"Ixesha elide besiwavalile amehlo njengesizwe. Iminyaka emininzi, siyivumele intsholongwane ukuba isasazeke, kwaye ngezinga elizweni lethu elilelinye elinesantya elizweni. Ngosuku ngalunye abanye abantu abali-1 500 eMzantsi Afrika bayosuleleka. Ukuza kuthi ga ngoku, bangaphezulu kwezigidi ezi-3 abantu abosulelekileyo.
Ingozi iyinyaniso
"Abanye abaninzi ngaphezulu bajongene nengozi yokosulelwa YINTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO. Kuba ithwalwa kwaye ithungeliswa ngabanye abantu abaphilayo, inathi kwiindawo zethu zokusebenza, kumagumbi ethu okufundela kunye neeholo zethu zokufundela. Ilapho kwiindibano zethu zecawe kunye nezinye iindibano zezenkolo. INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO ihamba nathi. Ihamba nathi nokuba sihamba phi na. Ilapho xa sidlala imidlalo. Ilapho xa sicula sidanisa.
"Abaninzi bethu bebekhathazekile ziinkedama ezishiywe zingenabani wokuzinakekela. Simvile UGAWULAYO kwiincwina zobomi obungcunguthekayo. Siye sayithwala ngeebhokisi ezincinci kunye nezinkulu siyisa emangcwabeni amaninzi. Ngamanye amaxesha, besingazi ukuba singcwaba abantu abasweleke ngenxa kaGAWULAYO. Ngamanye amaxesha besisazi, kodwa sakhetha ukuhlala sithule.
"Kwaye xa ixesha lifika lokuba ngamnye kuthi enze isigqibo sobuqu semiqathango yokhuselo, siye sibe ngamaxhoba entandabuzo kunye nokuthemba okungekhoyo. Sithemba ukuba INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO yingxaki yomnye umntu.
Ukutshintsha indlela yobomi bethu
"INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO ayiyongxaki yomnye umntu. Yingxaki yam. Ngokuyivumela ukuba isasazeke, sijonene nengozi yokuba uninzi lolutsha ngeke lufikelele kubuntu obudala. Imfundo yabo iya kuba yinkcitho. Uqoqosho luya kuncipha. Kuya kubakho inani elikhulu labantu abagulayo elo abo baphilileyo bangayi kubanako ukuligcina. Amaphupha ethu njengabantu aya kutshabalala.
"INTSHOLONGWANE KAGAWULAYO ikakhulu isasazeka ngokwabelana ngesondo. Unelungelo lokubuphila ubomi bakho ngendlela ofuna ngayo. Kodwa ndiya babongoza abantu abatsha, abamele ingomso lelizwe lethu ukuba bakuzile ukwabelana ngesondo kangangoko banako. Ukuba ugqiba ekubeni uzbandakanye nokwabelana ngesondo,sebenzisa ikhondom. Kwangandlela nye ndiyawabongoza amadoda kunye namabhinqa ukuba athembeke omnye komnye, okanye ukuba akunjalo sebenzisa ikhondom.
Ukusebenzisana
"Amandla okoyisa ukusasazeka kweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye noGAWULAYO alele kukusebenzisana kwethu: njengolutsha, njengamabhinqa kunye namadoda, njengabantu bamashishini, njengabasebenzi, njengabantu abakholwayo, njengabazali kunye nabafundisi-ntsapho, njengabalimi kunye nabasebenzi basefama, njengabantu abangasebenziyo kunye nabasebenzayo, njengabatyebileyo kunye nabahluphekayo - okuyinyani, sonke.
"Namhlanje, sidibanisa izandla kwintsebenziswano elwa NENTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO, sisonke sithembisa ukuwusasaza umyalezo!
"Mini nganye, busuku ngabunye - nokuba siphi na - siya kwenza ukuba iintsapho zethu, abahlobo kunye noontanga bethu bazi ukuba bona ngokunokwabo banokusisindisa isizwe, ngokutshintsha indlela esiphila ngayo - nokuba sithanda kanjanina. Siya kusebenzisa lonke ithuba ngokuvulekileyo lokuxoxa ngomba weNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO. NjengamaQabane alwa UGAWULAYO, kunye sithembisa ukukhathala!
"Siya kusebenza kunye ukunakekela abo baphila neNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO/GAWULAYO kunye nabo bantwana benziwe iinkedama ngenxa kaGAWULAYO. Mabangafumani lucalucalulo lwalo naluphi na uhlobo. Banokuphila ubomi obunemveliso iminyaka emininzi. Ngabantu abaphilayo njengam kunye nawe.
"Xa siselula isandla, sakha ubuntu bethu, kwaye xa sikhumbuza iziqu zethu ngoko, njengabo, omnye kuthi unokosuleleka.
"NjengamaQabane alwa uGAWULAYO , sonke sithembisa ukugalela izibonelelo zethu kunye nokubophelela amandla ethu engqondo.
" Alukabikho unyango lweNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye noGAWULAYO. Ayikho into engathintela usulelo ngaphandle kokuziphatha kwethu. Siya kusebenza sonke ukuxhasa amaziko onyango ukukhangela uthintelo kunye nonyango. Siya kuhlanganisa zonke izibonelelo ezinokubakhona ekusasazeni umyalezo wokuthintela, ukunika inkxaso kwabo bosulelekileyo kunye nabo bachaphazelekayo, ukwenza ukuba iNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye noGAWULAYO zingabekwa amabala kwaye siqhube nokukhangela kwethu isisombululo sonyango.
"Ngoko ke namhlanje sidibanisa izandla kwintsebenziswano, sisazi ngokumhlophe ukuba umanyano lwethu ngamandla ethu. Isenzo esilula kodwa esifuna ukwenziwa esisithathayo namhlanje sisiqinisekiso sangomso sesizwe sethu.
"Ngoko ke, siyathembisa ukuba nokuba sidibana phi kwaye sifunda,sisebenza kwaye sicula, sidlala kwaye sikuvuyele ukuba nomnye, siyakuzikhusela iziqu zethu kunye namaqabane ethu kwiNTSHOLONGWANE KAGAWULAYO kunye NOGAWULAYO. Kunye , njengamaqabane alwa iNTSHLONGWANE KAGAWULAYO kunye NOGAWULAYO, sinako kwaye siza kuphumelela.
"Awukho omnye umzuzu kodwa ngulo, yenza isenzo. Ndiyanibulela ngokumamela kwenu kwaye ndiyanibongoza ukuba NENZE NGOKU!"
Intetho eyenzelwe isizwe ngowayesakuba nguSekela Mongameli Thabo Mbeki ngoko, 9 Okthobha1998, egameni lowayesakuba nguMongameli Nelson Mandela.
O R A H E A L T H Y N A T I O N
February 2002
Ukwenziwa lula
komgaqonkqubo wesiseko
wezococeko ekhayeni
Ukwenziwa lula
komgaqonkqubo wesiseko
wezococeko ekhayeni
Luyintoni ucoceko kwaye kutheni lungumba obalulekileyo?
Njengangoku kukho abemi boMzantsi Afrika abazizigidi ezili-18 (kumakhaya azizigidi ezi-3) abangafikeleliyo kucoceko lwesiseko. Iikliniki
eziqikelelwa kwi-15% nezikolo ezili-11,7% azinawo amalungiselelo ezococeko. Ezinye izikolo ezininzi zisebenzisa izindlu zangasese
zomngxuma ezingekho emgangathweni, ezimdaka nezingakhuselekanga. Zizonke ezi zinto zingadala intlekele kwezempilo. Ngako oko
urhulumente uya kuxhasa abahlali namakhaya ukuphelisa nya ukusilela kwezococeko ngonyaka wama 2010.
Ziyintoni 'ezococeko'?
Ezococeko zixela ukuqokelela nokulahla ngendlela enolwazi lwezempilo ukungcola kuquka nelindle, amanzi angcolileyo asekhaya kunye
nenkunkuma. Ukuba oku akwenziwa, iindawo esihlala kuzo ziyangcola nabantu bagule. Apha eMzantsi Afrika kunyaka ngamnye sesinesigidi
esi-1,5 sohlaselo lorhudo (isisu esihambisayo) kubantwana beminyaka enganeno kwemi-5, kwakunye noqhambuko lwekholera (urhudo
olubulalayo). Oku kufuneka kukhatshwe ziindlela ezintle zokuziphatha zolwazi ngezempilo.
Kutheni sinengxaki?
Ingxaki yezococeko yaseMzantsi Afrika inezizathu ezimbini eziphambili:
 Ulwazi olunqongopheleyo lwezempilo (abantu abaninzi abaqapheli ukuba kufuneka bahlambe izandla emva kokuya ngasese okanye
ukutshintsha izishuba zeentsana, kwaye abaninzi bacinga ukuba kulungile ukusebenzisa ithafa njengendawo yangasese),
 Ukungabikho kwezakhiwo zesiseko (ukungabikho kwezindlu zangasese kwakunye namanzi okuhlamba izandla).
Yintoni isisombululo?
Ukubonelela ngezindlu zangasese eziphucukileyo yinxalenye yempendulo. Ngaxeshanye kufuneka ulwazi lwabahlali lwemiba yezempilo
luphuculwe, kuphuculwe ulwazi ngococeko nokuthatha inxaxheba kwabahlali kwiinkqubo zococeko.
Yintoni umgangatho ophantsi wesiseko wezococeko owamkelekileyo?
 Ulwazi olufanelekileyo lwezempilo olufana nokugcina izindlu zangasese zicocekile nokuhlamba izandla emva kokuphatha ukungcola
okanye ukuya kwindlu yangasese.
 Inkqubo yokulahlwa kwelindle, amanzi amdaka nenkunkuma kufuneka kube yinkqubo efikelelekayo ngokwamandla, elondolozeka
lula, ekhuselekileyo neyamkelekileyo ngokwendalo
 Ikhaya ngalinye libenendlu yangasese efanelekileyo.
Yintoni eya kuphunyezwa ngumgaqonkqubo wesiseko wezococeko
ekhayeni?
Ngokomgaqosiseko uRhulumente unoxanduva lokuqinisekisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika bayafikelela kucoceko olwaneleyo.
Ngako oko injongo yomgaqonkquba iya kuba kukubonelela amakhaya, izikolo neekliniki ngococeko olwaneleyo, ukuphucula ukuqokelelwa
nokulahlwa kokungcola, nokufundisa uluntu ngolwazi lwezempilo.
URhulumente uceba ukulungiselela ukunikelwa okuphucukileyo kweenkonzo ngokusebenzisana nabahlali nokusebenzisa iinkonzo zococeko
(ezifikelelekayo, nezenziwa ngabahlali). Iindawo eziphambili ziya kuquka iilali, imizi ekufuphi nedolophu neendawo ezimiwe
ngokungacwangciswanga apho iintswelo ziinkulu kakhulu.
Ucoceko lubalulekile kwimpilo entle yesizwe. Ukuphumeza ucoceko olulungileyo, kufuneka kube ngumba oyinxalenye yophuhliso lulonke.
Ngako oko ucoceko yenye kuphela yeenkqubo ezininzi zophuhliso ezikhuthazwa ngurhulumente. Nempumelelo ixhomekeke kwinkxaso
yabahlali. Amandla okwenza ucoceko kufuneka amiselwe ngokukhawulezileyo kubahlali ukuze abemi baxhotyiswe ukuba negalelo
kwinkqubo yococeko yesizwe.
Iinkqubo zococeko ziya kwenza ngcono iingxaki zentlalo nezengqondo ezihambelana nococeko olunqongopheleyo. Ukungabikho
kwamalungiselelo ezindlu zangasese, ezibekeke kude nekhaya, amalungiselelo anqongopheleyo omzi, ukulahlwa kokungcola okusilelayo
kwakunye nezinye iinkqubo zococeko ezisilelayo zidala ukulahlekelwa kukuzimela nesidima, ukuba sesichengeni nokwanda kweengozi
zokukhuseleka kobuwena.
Kutheni lubalulekile nje ucoceko?
Ucoceko lubalulekile kwimpilo entle yesizwe. Iingxaki zempilo ezihambelana nococeko olusilelayo ziquka urhudo, isisu segazi, ifiva
yamathumbu (icesina), ikholera (urhudo olubulalayo), icesina yokulunywa ziingcongconi, ibhilhaziya (isichenene segazi), uhlaselo
lweentshulube, usulelo lwamehlo, izifo zesikhumba nokwanda kokuselelwa kubantu abanesifo sikaGawulayo (iHIV). Iinkqubo zococeko
ezintle zikhokelela ekwandiseni ixesha lobomi.
Ucoceko lubaluleke kakhulu nasekudaleni ubutyebi. Iinzuzo zoqoqosho xa ucoceko luphucukile ziquka ukwanda kwexesha lokuphila
ebantwini, ukulondoloza kwiindleko zempilo, ukuphakama kwemveliso yabasebenzi, ukuphucuka kokungenwa kwesikolo, ukuphucuka
kokhenketho neendleko eziphantsi zokucoca amanzi. (Source: White Paper on Basic Household Sanitation)
Ngubani onoxanduva lococeko olungcono?
Ukuphuculwa kococeko ngumsebenzi wabo bonke abantu. Abanenxaxheba baquka abahlali namakhaya (kuluhlu lokuqala); iikontraki ezisekwe ekuhlaleni;
urhulumente wengingqi, owephondo nowesizwe; icandelo labucala kwakunye nemibutho ezimeleyo (iiNGO).
Imisebenzi ngokomgaqosiseko:
 Oomasipala kufuneka babonelele ngokufikeleleka kweenkonzo zesiseko, eziquka ezococeko
 Urhulumente wesizwe nowephondo kufuneka axhase oomasipala ngemithetho neminye imiqathango
Iindima nemisebenzi
Amakhaya nabahlali
Ucoceko oluhle luqala ekhayeni. Amakhaya nabahlali banoxanduva lokuqala ngqa ngokuphathelele kwimpilo yabo, imekobume ecocekileyo nezococeko
eziphuculiweyo. Iindlela ezingalunganga zolwazi lwezempilo zingaphazamisa impilo yamakhaya neyabahlali kwakunye neyesizwe. Kungathatyathwa
iindlela ezilandelayo ukuphucula ulwazi ngezempilo:
 Ukuhlamba izandla emva kokusebenzisa indlu yangasese, ngaphambi kokuphatha ukutya nasemva kokutshintsha izishuba zeentsana.
 Ukusasaza umyalezo wolwazi oluhle lwezempilo nokubaluleka kwezococeko.
 Ukwazisa urhulumente wengingqi ngeziphoso kwinkqubo yezococeko kwakunye neengozi zezococeko kwimekobume.
 Ukuqinisekisa ukuba amalungeselelo ezococeko acocekile ngamaxesha onke kwaye asebenza kakuhle.
Abahlali nemibutho esekwe ekuhlaleni kufuneka ilumkise urhulumente wengingqi ngeentswelo eziphathelele kwezococeko. Kukwafuneka bancedise
urhulumente wengingqi ukucwangcisa, ukuphumeza nokuhlola amaphulo ezococeko
Izindlu zangasese zamakhaya luxanduva lwamakhaya. Kufuneka urhulumente wengingqi axhase abahlali ukufikelela imekobume ecocekileyo nenempilo
ngokwenza oku:
 Amaphulo asekwe ekuhlaleni apho abakhi bengingqi befumana ukuqeqeshwa ukwakha amalungiselelo ezindlu zangasese ezikhuselekileyo nezinempilo.
Aba bakhi bengingqi baya kunceda amakhaya ukwakha amalungiselelo awo ezindlu zangasese. Oku kudala imisebenzi.
 Ukubonelela ngolwazi lokunceda amakhaya nabakhi ukwakha izindlu zangasese ezikhuselekileyo, ezomeleleyo nezinomtsalane.
 Ukubonelela ngenkxaso yezixhobo ezidingekayo ukuqinisekisa ukuba amalungiselelo ezindlu zangasese anempilo, akhuselekile kwaye ayafikeleleka.
Kumanqanaba ahlukeneyo karhulumente
Urhulumente wengingqi (wasekhaya) ucwangciso ulwenza ngokusebenzisa isiCwangciso esiDityanelweyo soPhuhliso (IDP) kwaye iziCwangciso
zoPhuhliso lweeNkonzo zaManzi ziyinxalenye yaso. Ukuze kuphunyezwe iinkqubo zokuphucula ezococeko, kufuneka urhulumente wengingqi enze
uhlahlolwabiwo lwemali kwaye axhase loo njongo ngemali. Inkxaso yemali ivela kwimithombo eyahlukeneyo, equka ingqokelelo yengeniso kwakunye
norhulumente wephondo nowesizwe. Ekuphumezeni inkqubo yezococeko kufuneka urhulumente wengingqi aqinisekise ukuba imekobume ikhuselekile.
Kukwafuneka ukuba urhulumente wengingqi acwangcise kwaye enze uhlahlolwabiwo-mali lokuqhuba nokulondoloza iinkqubo zococeko ezisebenzisa
amanzi. Ukwanoxanduva lokuncedisa amakhaya ukuphucula amalungiselelo awo ezococeko. Imisebenzi ingqalileyo iquka:
 Ukuphawula iintswelo zamalungiselelo ezindlu zangasese, nangokusebenzisa amaphulo akhethekileyo ukuncedisa amakhaya ukuphucula amalungiselelo
awo ezindlu zangasese.
 Ukuqaphelisa abahlali ngokubaluleka kwezococeko ngokwemigaqo yezempilo.
 Ukumisela, ngokusebenzisana nabahlali, iinkqubo zokukhuthaza ezempilo nolwazi ngezempilo.
 Ukuhlola impilo yabahlali.
 Ukuncedisa amakhaya ukuphucula, ukusebenzisa nokulondoloza amalungiselelo awo ezococeko.
Urhulumente wephondo
Urhulumente wephondo kufuneka abonelele urhulumente wengingqi ngemali, ngamandla abasebenzi nangenkxaso yobuchwepheshe. Kukwafuneka
aqinisekise ukulandelwa komgaqonkqubo wesizwe, ayile imithetho exhobisayo, alungiselele ucwangciso lwenqila kwaye ahlole inkqubela.
Urhulumente wesizwe
Urhulumente wesizwe kufuneka amisele imithetho nemigangatho; akhokele, alungiselele kwaye ahlole iinkqubo zesizwe; abonelele ngenkxaso kwamanye
amanqanaba karhulumente; alawule ukubonelelwa kweenkonzo kwaye angenelele apho kukho ukusilela.
Amasebe aphambili karhulumente
Isebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi (iDWAF) lingumlondolozi wamanzi esizwe kwaye lisebe eliphambili kwicandelo lezococeko. Ngokubambisana
nabanye abanendima kumgangatho wesizwe isebe leDWAF kufuneka liphuhlise imigangatho yezococeko, lixhase amaphondo noomasipala ekuphuhliseni
iinkonzo zococeko, lihlole iziphumo, lixhobise, libonelele ngenkxaso yemali, lenze amaphulo okuvavanya iindlela zococeko ezineendleko eziphantsi kwaye
liqinisekise ukuba ucoceko luqhutywa ngendlela elungeleleneyo. ISebe lixhasa urhulumente wengingqi ekuphuhliseni iziCwangciso zoPhuhliso lweeNkonzo
zaManzi, eziyinxalenye yeziCwangciso eziDityanelweyo.
ISebe loRhulumente wePhondo noweNgingqi liya kuthatha uxanduva oluphambili ukukhuthaza iziCwangciso eziDityanelweyo zoPhuhliso loomasipala,
ngokuqinisekisa ukuba oorhulumente bamaphondo nabeengingqi banamandla alingeneyo, ngokubonelela ngeZabelo ezinobuLungisa nezakhiwo
zikamasipala, kwakunye nokuhlola.
ISebe lezeMpilo liya kulungelelanisa iinkcukacha ngempilo yoluntu, lidale ubango lococeko ngokwenza iinkqubo zokuqaphelisa ngolwazi lwezempilo,
lihlele imiqathango yezempilo malunga nococeko, lixhase oomasipala, libonelele ngezixhobo zokuqeqesha kwaye lifundise abahlali ngolwazi lwezempilo.
Uvimba weSizwe uxhasa urhulumente wengingqi ngokucwangcisa nokulawula ingxowamali yawo.
ULwakhiwo lweZindlu luhlela imigangatho yophuhliso lwezindlu (umgangatho ophantsi wezococeko yi-VIP kwikhaya ngalinye ngaphandle xa imeko
yomhlaba ifunisa kwenziwe ngenye indlela). Lukwalungelelanisa inkxasomali yokwakhiwa kwezindlu elawulwa ngamasebe olwakhiwo lwezindlu kumaphondo.
Isebe leSizwe lezeMfundo linoxanduva lokuphuhlisa uhlelo lokufunda nemigangatho, liqinisekise ngenkxasomali, lixhobise ngolwazi namandla okusebenza.
Amasebe amaphondo anoxanduva lokuphucula izakhiwo zesikolo kuquka nococeko nokuphumeza iNkqubo yokuKhuthaza ezeMpilo eziKolweni ngenjongo
yokudala izikolo ezikhuselekileyo nezinempilo.
ISebe lezemiSebenzi yoLuntu lisebenza njengomthunywa wokufezekisa egameni lorhulumente wesizwe nowamaphondo xa kusakhiwa izikolo neekliniki.
Eli sebe linoxanduva lokuqinisekisa ukuba kufakwa amalungiselelo aneleyo awezococeko kwizakhiwo zikarhulumente nezoluntu. Eli sebe likwanoxanduva
lokuphumeza inkqubo yemisebenzi yoluntu esekwe ekuhlaleni.
ISebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho linoxanduva lokukhusela okusingqongileyo (imekobume) kwaye liya kumisela imigangatho ephathelele
kwifuthe leenkqubo zococeko kwimekobume, kwakunye nokuhlola ifuthe nokuhambelana neenkqubo zokulawula imekobume.
Abanye abanenxaxheba
Icandelo labucala
URhulumente eyedwa akanakho ukujongana nokusilela okukhoyo kwezococeko. Icandelo labucala, ngokukodwa elezoshishino, lingavelisa
lifakele iinkqubo zococeko, lingadibana noomasipala ukubonelela iinkonzo libonelele nangemali.
IMibutho engekho ngaPhantsi kukaRhulumente(iiNGO) Le mibuthoinganceda ngamaphulo okuqaphelisa ngolwazi lwezempilo,
ngokulungiselela ukuthatha inxaxheba kwabahlali, ngokuphuhlisa amaqela okwakha asekwe ekuhlaleni kwakunye nokuphumeza nokuhlola
amaphulo.
Konke oku kuya kulungelelaniswa kanjani?
 Kwinqanaba lwengingqi uMasipala weSithili okanye oweSixeko okanye uMasipala weNgingqi uya kuba noxanduva oluphambili
lokulungelelanisa ngokusebenzisa isiCwangciso esiDityanelweyo soPhuhliso (IDP) kwakunye nesiCwangciso soPhuhliso lweeNkonzo
zaManzi (WSDP).
 Kwinqanaba lwephondo urhulumente wephondo uya kulungelelanisa ngokusebenzisa iziGqeba zePhondo zokuLungelelanisa
ezoCoceko.
 Kwinqanaba lwesizwe ulungelelaniso luya kufikelelwa ngokusebenzisa iGqiza lokuSebenza lweSizwe kwezoCoceko (NSTT) eliya
kuphinda limiselwe njengekomitana yeGqiza lokuSebenza lweZakhiwo zikaMasipala (MITT). ISebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi
(iDWAF) lingumlungelelanisi kwinqanaba lwesizwe kwaye liya kudala iCandelo elitsha lezoCoceko.
Ngawaphi amaxesha okuphumeza?
IPhepha lokuVavanya iziMvo ngezoCoceko lweSiseko eKhayeni lamkelwe yikhabhinethi ngoSeptemba 2001. Kwangalo elo xesha
kwamkelwe noHlelo lwesiCwangciso seSizwe sezoCoceko. Njengangoku uHlelo kuqhagamshelwana ngalo namaqela anomdla aquka
oomasipala bezithili neengingqi, iiNGO, izithunywa zokuphumeza, urhulumente wephondo kwakunye nawo nawaphina amalungu oluntu
anomdla nachaphazelekayo. Olu xwebhu luyafumaneka kwi-inthanethi kule dilesi . Izicwangciso zephondo nengingqi ziya kuphuhliswa
phambi koJulayi 2002. UHlelo lukhuthaza ukuba kusetyenziswe indlela yokuphuhlisa abahlali, endaweni yokusebenzisa indlela yeekontraki.
Oku kuya kudala imisebenzi eyongezelelweyo, kuqeqeshwe nabahlali kubungcali kwezococeko nolawulo lwephulo.
Zeziphi iintlobo zezindlu zangasese ezifumanekayo?
Xa abahlali bekhetha izindlu zangasese okanye iinkqubo zococeko, kufuneka bacinge ngokufikeleleka ngokwemali, ukusebenziseka
nokulondolozeka lula, ukhuseleko lwemekobume, ulwazi lweekontraki zabahlali ukuphumeza ezo nkqubo kwanokuthi ezo nkqubo ziya
kuyiphucula kangakanani impilo. Enye nenye inkqubo edwelisiweyo isebenza kuphela xa abayisebenzisayo befundiswe ngokuyisebenzisa
ngokukuko. Kungenjalo izindlu zangasese ziyonakala, zinuke kakubi, zibenomtsalane kwizinambuzane kwaye kuzalele iintsholongwane.
Ezintathu zokugqibela kuluhlu okunokukhethwa kulo akukhuthazwa ukuba zisetyenziswe ekhayeni. Iindleko ezibonisiweyo yintelekelelo
kwaye ziya kwehluka ngokweemeko zendawo.
Indlu yangaSese yoMngxuma engaPhuculwanga (ayihambisani nolwazi ngezempilo kwaye ayikhuthazwa): Kukho isakhiwo phezu
komngxuma.
Indlu yangasese yomngxuma ephuculiweyo efaka umoya (VIP): Kukho isakhiwo phezu komngxuma, kungena umoya ngombhobho
onesithintelo seempukane. Umngxuma unokwakhelwa udonga ngaphakathi okanye ungakhelwa dongwa xa imeko yomhlaba ivuma.
Iindleko zokwakha ziqala kuma-R600 kunye nama-R60 ngonyaka ukukhupha ukungcola ukuba kukhutshwa kanye kwisithuba seminyaka
emihlanu.
Indlu yangasese ephindaphindwe imingxuma ephuculiweyo efaka umoya (VIDP): Isakhiwo esinye phezu kwemingxuma emibini
eyameneyo engekho nzulu. Kusetyenziswa umngxuma omnye ngexesha kukho umbhobho ofaka umoya onesithintelo seempukane.
Ngokwesiqhelo imingxuma yokhelwe iindonga ngaphakathi kwaye udonga oluphakathi luvingciwe. Iindleko zokwakha ziqala kuma-R2
500 kwakunye nama-R35 ngonyaka ukumelana nokusebenzisa nokulondoloza.
Ukuvundisa izindlu zangasese kuquka ukuphambukisa umchamo neenkqubo zokubolisa: Kukho isakhiwo esinye phezu kwesiqulatho
esivingciweyo esifikelelekayo ukususa ukungcola okuvundileyo. Umchamo unokuphambukiswa kwaye umbhobho ofaka umoya uncedisa
ukomisa ukungcola, ngokukodwa ngokuphathelele kwiinkqubo zokubolisa. Iindleko ziqala kuma-R3 000 ngokuphathelele kwiinkqubo
zoshishino kuze kubengama-R35 okusebenzisa nokulondoloza.
Indlu yangasese yokugalela ugutyule ngamanzi okanye indlu yangasese yamanzi(aqua-privy): Indlu yangasese enamanzi
evingcelweyo. Ukungcola kukhukuliswa ngombhobho omfutshani okanye kugutyulelwe kwindawo yokuqokelela ukungcola kuze kungene
kwindawo elungiselele ukulahla. Indlu yangasese egutyulwa ngamanzi yamkelekile kumazwe ngamazwe apho abasebenzisi bechopha
aze amanzi asetyenziselwe ukuhlamba iimpundu. Ayisebenzi xa abantu befaka izinto ezingavumelekanga kwindlu yangasese, okanye
xa ingekho nkonzo efikelelekayo yokulahla. Iindleko zokwakha ziqala kuma-R2 000 kanti ezokulahla li-R150 ngonyaka.
Itanki yokubolisa nokufunxa: Indlu yangasese yasendlini enogutyulo lokugungxuza olupheleleyo oludityaniswa ngemibhobho nesetyisi
esingangeni manzi (igumbi lokuzinzisa) apho ubumanzi buvunyelwa ukufunxwa ngumhlaba. Iindleko zokwakha ziqala kuma-R7 000
kwakunye nama-R200 ngonyaka axhomekeke kumatyeli okuchitha.
Izindlu zangasese ezigungxuzwayo ezineetanki zokulondoloza: Ukungcola kugutyulelwa etankeni apho kungenako ukuphala ukuya
kwimekobume engqongileyo kwaye kufuneka ithululwe. Iindleko zixhomekeke kubukhulu betanki kwanokuthi ithululwa kangaphi.
Ugutyulo oluncinci oluzinzisa izinto ezingqindilili ngokukhethekileyo: Indlu yangasese egungxuzwayo yasendlini echithela kwitanki
yokubolisa apho izinto ezingqindilili zifumana ukuzinza. Amanzi aphuma ngomjelo omncinci ukuya kumjelo wokuqokelela ngokuhlangeneyo
okanye umjelo okhoyo wamanzi amdaka. Iindleko zixhomekeke kubukhulu betanki kwanokuthi ithululwa kangaphi.
Umjelo wamanzi amdaka atyhalwa ngamanzi ngokupheleleyo: Indlu yangasese egungxuzwayo yasendlini edityaniswe nomjelo
wamanzi amdaka ukuya kumatshini wokulungisa amanzi amdaka. Iindleko zokufakela ngama-R6 000 kanti iindleko zokusebenzisa ngama-
R400 ngonyaka.
Umjelo wamanzi amdaka ongekho nzulu: indlu yangasese yasendlini igutyulwa ngamanzi anganeno kwawesiqhelo kwaye ahamba
ngemibhobho emincinci engekho nzulu apho kukho amagunjana okuhlola kwalapho. Ngokwamazwe ngamazwe le ndlela ilondoloza
amanzi angama-50% kodwa isahlolwa apha eMzantsi Afrika.
Izindlu zangasese zamachiza: Ngamagunjana azimeleyo asebenzisa amachiza ukuze ilindle lingabinangozi kwaye linganukisi. Zibiza
imali eninzi kwaye zisetyenziswa okwethutyana. Iziphathamandla ezininzi zizama ukuphelisa ukusetyenziswa kwazo.
Indlu yangasese esebenzisa inkonkxa/iemele (ayihambelani nococeko lwezempilo kwaye ayikhuthazwa): Isakhiwo sangaphezulu
esinesihlalo phezu kwenkonkxa/iemele. Inkonkxa isuswa ngamaxesha amiselweyo kwaye iziqulatho zayo zilahlwe. Isetyenziswa ngokubanzi
kodwa idala ingozi yezempilo kubaqokeleli. Iziphathamandla ezininzi zizama ukuyeka ukuzisebenzisa. Ziindleko ezininzi ukuyisebenzisa
nokuyilondoloza.
Izindlu zangasese zomdibaniso (akukhuthazwa ukuba zisetyenziswe ngamakhaya ): Uthotho lwezindlu zangasese zingasekwa
kwinkqubo yamanzi okanye eyomileyo. Ezi zifuna ukucocwa nokulondolozwa rhoqo.
Ngubani ohlawulayo?
Mithathu imithombo engamandla yokuxhasa ngemali ukuphuculwa kwezococeko: isibonelelo seSabelo esinobuLungisa, amancedo
okwakha neengeniso zoomasipala ngokwabo. Inxalenye yesibonelelo sokwakhiwa kwezindlu naso singasetyenziselwa ezococeko.
ISabelo esinobuLungisa
Esi sibonelelo esivela kurhulumente wesizwe sisiya kurhulumente wengingqi sihlawulela iindleko zokusebenza ukunikela ngeenkonzo
zesiseko ngaphandle kwentlawulo kwabo bahlupheka kakhulu.
Amancedo
UNcedo loVimba weZakhiwo zikaMasipala luya kuhlawulela iindawo zokuhlala. Njengangoku isebe iDWAF linikela ngesibonelelo
sezococeko saxeshanye esingama R300 ngenjongo yophuhliso lwabahlali ama-R900 alungiselelwe isakhiwo sesiseko sendlu yangasese
(oku kwakwandulelwa ngama-R600 ophuhliso lwabahlali nama-R600 ezakhiwo). Ukuba izindlu zangasese zakhiwe ziikontraki, le mali
ayiquki irhafu yentengiso (iVAT) okanye iindleko zolawulo. ISebe iDWAF selabe i-R100 million ukulungiselela inkqubo yokuphucula
ezococeko kwiindawo zasemaphandleni kunyakamali werhafu wama-2001/2002.
Iingeniso zooMasipala ngokwabo
Ngokubonelela ngeenkonzo zococeko urhulumente ujongene nokuzuza imali yeendleko. Oomasipala benza imimiselo yabo yeerhafu
emva kokubonelela abahlupheka kakhulu ngeenkonzo zesiseko ezingafuni ntlawulo.
INkqubo eQukayo yezaKhiwo zikaMasipala (iCMIP)
Le nkqubo yeCMIP ihlawulela ezococeko kwiziza, neendawo ezinkulu kwakunye nonxulumano lwezakhiwo kwimimandla yasezidolophini
neyasemaphandleni.
Izibonelelo zokwakha
Njengangoku ikhaya ngalinye lingafumana isibonelelo saxeshanye sama-R16 000 kwiindawo zokuhlala ezihleliweyo mali leyo iya
kusetyenziswa ukuzuza umhlaba, ukwakha izindlu nokubonelela ngezakhiwo ezifana nezindlu zangasese. Nabantu abanelungelo
elingagunyaziswanga lwendawo abahlala kuyo bangasifumana isibonelelo. Uncedo lokuphucula amakhaya asemaphandleni luyacetywa
njengangoku.
Ngubani oya kulungelelanisa iimali ezahlukahlukeneyo?
IsiCwangciso esiDityanelweyo soPhuhliso (IDP) njengoncedo lwethutyana ukuhlanganisa iimali nokuqinisekisa ukuba akukho kunyathelana
ngokuphindaphinda.
1. Ukuphuculwa kwezococeko kufuneka kusekwe kwizinto ezifunwa ngabahlali kwaye kunxulumane
nokuqapheliswa ngolwazi olungcono lwezempilo.
2. Kufuneka abahlali bathathe inxaxheba ngokupheleleyo kumaphulo. Isebe iDWAF liyalungelelanisa
nje kuphela. Abemi banamalungelo kwakunye nayo imisebenzi yokuncedisa ukuphumeza
isicwangciso sezococeko.
3. Ezococeko kufuneka zibonelelwe ngokuhambelana nofumaniso lwamanzi nezinye iinkonzo
zikamasipala.
4. Ezococeko azijongananga nezindlu zangasese kuphela; kufuneka zikhatshwe ngemfundiso
yezemekobume kunye nezempilo.
5. Ukufikelela kwisiseko sezococeko lilungelo loluntu.
6. Urhulumente wengingqi unoxanduva ngokomgaqosiseko wokubonelela ngeenkonzo zococeko.
7. Iimali ezinqongopheleyo zoluntu kufuneka zihlelwe ngokushiyana ngokubaluleka ukuze zincede
abo basengozini kakhulu.
8. Iimali ezinqongopheleyo kwisizwe kufuneka zabiwe ngobulungisa kulo lonke ilizwe.
9. Amanzi anexabiso kwezoqoqosho kwaye kufuneka akhuselwe ngezococeko.
10. Abangcolisa amanzi kufuneka bahlawule ukuze kucocwe amanzi abawangcolisileyo.
11. Kufuneka ezococeko zikwazi ukuqhubeka ngokwezemali.
12. Kufuneka ezemekobume (ezisingqongileyo) zikhuseleke xa iinkqubo zococeko zimiselwa
kwaye ziqhuba.
ImiGaqo yomGaqonkqubo weSiseko
wezoCoceko
ImiGaqo yePhepha lokuVavanya
iZimvo
Kutheni sinengxaki?
Ingxaki yezococeko yaseMzantsi Afrika inezizathu ezimbini eziphambili:
Ulwazi olunqongopheleyo lwezempilo
(abantu abaninzi abaqapheli ukuba
kufuneka bahlambe izandla emva
kokuya ngasese okanye ukutshintsha
izishuba zeentsana, kwaye abaninzi
bacinga ukuba kulungile ukusebenzisa
ithafa njengendawo yangasese),
Ukungabikho kwezakhiwo
zesiseko (ukungabikho
kwezindlu zangasese
kwakunye namanzi
okuhlamba izandla).
Ukubonelela ngezindlu zangasese eziphuculiweyo yinxalenye yempendulo.
Ngaxeshanye kufuneka ulwazi lwabahlali lwemiba yezempilo luphuculwe,
kuphuculwe ulwazi ngococeko nokuthatha inxaxheba kwabahlali kwiinkqubo
zococeko.
Yintoni isisombululo?
 Kufuneka ezococeko zisabele kwiintswelo zabahlali kwaye
zinxulumane noqapheliso lolwazi oluphuculiweyo lwezempilo.
Ukuze abantu bazuze amancedo kuphuculo lococeko, kufuneka
bonke abantu bavisise unxulumano phakathi kwempilo yabo,
ulwazi oluhle lwezempilo namalungiselelo ezindlu zangasese.
 Kufuneka abahlali bathathe inxaxheba ngokupheleleyo kula
maphulo. ISebe le-DWAF lingumlungelelanisi nje kuphela. Abemi
banamalungelo kodwa banayo nemisebenzi yokuthathela
impilo yabo ingqalelo.
 Kufuneka ucoceko lubonelelwe ngokuhambelana
nokubonelelwa ngamanzi kwakunye nezinye iinkonzo
zikamasipala.
 Ucoceko alujongananga nezindlu zangasese kuphela; kufuneka
lukhatshwe yimfundiso yezokusingqongileyo (imekobume)
nolwazi ngezempilo.
 Ukufikelela kucoceko lwesiseko lilungelo loluntu.
 Urhulumente wengingqi unoxanduva ngokomgaqosiseko
lokubonelela ngeenkonzo zococeko ezifikelelekayo.
 Ngangokunqongophala kweemali zoluntu kufuneka zihlelwe
ngokushiyana ngokubaluleka ukuze kuncedwe abasengozini
ngokugqithisileyo.
 Iimali zesizwe ezinqongopheleyo kufuneka zabiwe
ngobulungisa kwilizwe lonke.
 Amanzi anexabiso kwezoqoqosho kwaye kufuneka akhuselwe
ngezococeko.
 Kufuneka abangcolisi bahlawule ukuze kucocwe amanzi
abawangcolisileyo kwakunye nemekobume.
 Kufuneka ezococeko zibenako ukuqhubeka ngokwezemali.
 Kufuneka ezemekobume zikhuselwe xa kusekwa kwaye
kuqhutywa iinkqubo zococeko.
Ngokomgaqosiseko uRhulumente unoxanduva lokuqinisekisa ukuba bonke abemi
boMzantsi Afrika bayafikelela kucoceko olwaneleyo. Ngako oko injongo yomgaqonkquba
iya kuba kukubonelela amakhaya, izikolo neekliniki ngococeko olwaneleyo, ukuphucula
ukuqokelelwa nokulahlwa kokungcola, nokufundisa uluntu ngolwazi lwezempilo.
URhulumente uceba ukulungiselela ukunikelwa okuphucukileyo kweenkonzo
ngokusebenzisana nabahlali nokusebenzisa iinkonzo zococeko (ezifikelelekayo,
nezenziwa ngabahlali). Iindawo eziphambili ziya kuquka iilali, imizi ekufuphi nedolophu
neendawo ezimiwe ngokungacwangciswanga apho iintswelo ziinkulu kakhulu.
Ucoceko lubalulekile kwimpilo entle yesizwe. Ukuphumeza ucoceko olulungileyo,
kufuneka kubeyinxalenye yophuhliso lulonke. Ngako oko ucoceko yenye kuphela
yeenkqubo ezininzi zophuhliso ezikhuthazwa ngurhulumente. Nempumelelo ixhomekeke
kwinkxaso yabahlali. Amandla okwenza ucoceko kufuneka amiliselwe
ngokukhawulezileyo kubahlali ukuze abemi baxhotyiswe ukuba negalelo kwinkqubo
yococeko yesizwe.
Iinkqubo zococeko ziya kwenza ngcono iingxaki zentlalo nezengqondo ezihambelana
nococeko olunqongopheleyo. Izindlu zangasese ezibekeke kude nekhaya,
amalungiselelo anqongopheleyo omzi, ukulahlwa kokungcola okusilelayo kwakunye
nezinye iinkqubo zococeko ezisilelayo zidala ukulahlekelwa kukuzimela nesidima,
ukuba sesichengeni nokwanda kweengozi zokukhuseleka kobuwena.
Yintoni umgangatho ophantsi wesiseko
wezococeko owamkelekileyo?
 Ulwazi olufanelekileyo lwezempilo olufana nokugcina izindlu zangasese
zicocekile nokuhlamba izandla emva kokuphatha ukungcola okanye
ukuya kwindlu yangasese
 Inkqubo yokulahlwa kwelindle, amanzi amdaka nenkunkuma kufuneka
kube yinkqubo efikelelekayo ngokwamandla, elondolozeka lula,
ekhuselekileyo neyamkelekileyo ngokwendalo
 Ikhaya ngalinye libenendlu yangasese efanelekileyo.
Yintoni eya kuphunyezwa
ngumgaqonkqubo wesiseko wezococeko
ekhayeni?
Kutheni lubalulekile nje ucoceko?
Ucoceko lubalulekile kwimpilo entle yesizwe. Iingxaki zempilo ezihambelana nococeko olusilelayo
ziquka urhudo, isisu segazi, ifiva yamathumbu (icesina), ikholera (urhudo olubulalayo), icesina
yokulunywa ziingcongconi, ibhilhaziya (isichenene segazi), uhlaselo lweentshulube, usulelo
lwamehlo, izifo zesikhumba nokwanda kokuselelwa kubantu abanesifo sikaGawulayo (iHIV).
Ezococeko ezintle zikhokelela ekukhuleni kwamathuba okuphila
Ucoceko lubaluleke kakhulu nasekudaleni ubutyebi. Iinzuzo zoqoqosho xa ucoceko luphucukile
ziquka ukwanda kwexesha lokuphila ebantwini, ukulondoloza kwiindleko zempilo, ukuphakama
kwemveliso yabasebenzi, ukuphucuka kokungenwa kwesikolo, ukuphucuka kokhenketho
neendleko eziphantsi zokucoca amanzi.
Inkqubo yokuphumeza umgaqonkqubo
(iPhepha lokuVavanya iZimvo ngoCoceko
lweSiseko eKhayeni)
1. 2.
3. 4.
5. 6. 7.
Dala
intswelo
8. 9. Bonelela
ngenkxaso
efanelekileyo
ukuqinisekisa
intsebenzo
eqhubekayo
10.
Ukuphawula
iingxaki zococeko
zengingqi
Cwangcisa
ukujongana nezi
ngxaki phantsi kwe-
IDP/WSDP
Inkqubo yorhulumente
wengingqi yokuphumeza
ezococeko
Ukuhlela ezi ngxaki
ngokushiyana
ngokubaluleka
kwazo
Lungelelani
sa uhlahlolwabiwomali
Qiniseka
ngamandla
abasebenzi
aboneleyo, okanye
wenze
izicwangciso
zethutyana
Phumeza
isicwangcis
o ngokuqala
ngezi
zinto...
Hlola wenze
ingxelo
Ukuphuculwa kococeko ngumsebenzi wabo bonke abantu. Abanenxaxheba
baquka abahlali namakhaya (kuluhlu lokuqala); iikontraki ezisekwe ekuhlaleni;
urhulumente wengingqi, owephondo nowesizwe; icandelo labucala kwakunye
nemibutho ezimeleyo (iiNGO).
Ngubani onoxanduva lococeko olungcono?
Imisebenzi ngokomgaqosiseko:
Amakhaya nabahlali
 Oomasipala kufuneka babonelele ngokufikeleleka kweenkonzo
zesiseko, eziquka ezococeko
 Urhulumente wesizwe nowephondo kufuneka axhase oomasipala
ngemithetho neminye imiqathango
Ucoceko oluhle luqala ekhayeni. Amakhaya nabahlali banoxanduva lokuqala
ngqa ngokuphathelele kwimpilo yabo, imekobume ecocekileyo nezococeko
eziphuculiweyo. Iindlela ezingalunganga zolwazi lwezempilo zingaphazamisa
impilo yamakhaya neyabahlali kwakunye neyesizwe. Kungathatyathwa iindlela
ezilula ezilandelayo ukuphucula ulwazi ngezempilo ezifana nezi - Ukuhlamba
izandla emva kokusebenzisa indlu yangasese, ngaphambi kokuphatha ukutya
nasemva kokutshintsha izishuba zeentsana. Ukusasaza umyalezo wolwazi oluhle
lwezempilo nokubaluleka kwezococeko. Ukwazisa urhulumente wengingqi
ngeziphoso kwinkqubo yezococeko kwakunye neengozi zezococeko kwimekobume.
Ukuqinisekisa ukuba amalungeselelo ezococeko acocekile ngamaxesha onke
kwaye asebenza kakuhle.
Izindlu zangasese zamakhaya luxanduva lwamakhaya. Kufuneka urhulumente
wengingqi axhase abahlali ukufikelela imekobume ecocekileyo nenempilo ngokwenza
oku:
 Amaphulo asekwe ekuhlaleni apho abakhi bengingqi befumana ukuqeqeshwa
ukwakha amalungiselelo ezindlu zangasese ezikhuselekileyo nezinempilo.
Aba bakhi bengingqi baya kunceda amakhaya ukwakha amalungiselelo awo
ezindlu zangasese. Oku kudala imisebenzi.
 Ukubonelela ngolwazi lokunceda amakhaya nabakhi ukwakha izindlu
zangasese ezikhuselekileyo, ezomeleleyo nezinomtsalane.
 Ukubonelela ngenkxaso yezixhobo ezidingekayo ukuqinisekisa ukuba
amalungiselelo ezindlu zangasese anempilo, akhuselekile kwaye ayafikeleleka.
Kukwafuneka ukuba amakhaya alumkise urhulumente wengingqi ngeentswelo
eziphathelele kwezococeko. Kukwafuneka abahlali nemibutho esekwe ekuhlaleni
bancedise urhulumente wengingqi ukucwangcisa, ukuphumeza nokuhlola amaphulo
ezococeko. Amalungu asekuhlaleni kufuneka axelele urhulumente wengingqi
naziphi na iziphoso kwinkqubo yezococeko neengozi zococeko kwimekobume.
Amakhaya kufuneka aqinisekise ukuba ngamaxa onke amalungiselelo awo
ezococeko asebenza kakuhle kwaye acocekile.
Iindima nemisebenzi
Kumanqanaba ahlukeneyo karhulumente
Urhulumente wephondo
Urhulumente wephondo kufuneka abonelele urhulumente wengingqi
ngemali, ngamandla abasebenzi nangenkxaso yobuchwepheshe.
Kukwafuneka aqinisekise ukulandelwa komgaqonkqubo wesizwe,
ayile imithetho exhobisayo, alungiselele ucwangciso lwenqila kwaye
ahlole inkqubela.
Urhulumente wesizwe
Urhulumente wesizwe kufuneka amisele imithetho nemigangatho;
akhokele, alungiselele kwaye ahlole iinkqubo zesizwe; abonelele
ngenkxaso kwamanye amanqanaba karhulumente; alawule
ukubonelelwa kweenkonzo kwaye angenelele apho kukho ukusilela.
Urhulumente wengingqi (wasekhaya)
Kufuneka urhulumente wezengingqi ancedise amakhaya ukuphucula amalungiselelo
awo ezococeko. Kufuneka basebenze nabahlali kwakunye namakhaya ukukhuthaza
ezococeko ngokuphathelele kwimpilo, kwakunye nobuhle nokuthandeka kwendlu
yangasese ekhuselekileyo nenomtsalane. Kukwaluxanduva lwakhe ukuncedisa
amakhaya ukuzenzela ezococeko ngokwawo. Njengenxalenye yale nkqubo kufuneka
aqaphelise abahlali namakhaya ngokubaluleka kwezococeko nonxulumano lwako
nezempilo. Ngokusebenzisana nabahlali, kufuneka urhulumente wengingqi amisele
iinkqubo zokukhuthaza ezempilo nezolwazi ngezempilo, aphawule iintswelo
zamalungiselelo ezindlu zangasese, ahlele ezi ntswelo ngokushiyana kwazo
ngokubaluleka kuze kuthi ngamaphulo akhethekileyo, ancede amakhaya ukwakha
amalungiselelo awo ezindlu zangasese. Ucwangciso lukarhulumente wengingqi
luphunyezwa ngokusebenzisa iziCwangciso eziDityanelweyo zoPhuhliso (IDP) -
eziyinxalenye yeziCwangciso zoPhuhliso lweeNkonzo zaManzi (WSDP) (Amanzi
nezoCoceko). Ukuze kuphunyezwe iinkqubo zokuphucula ezococeko, kufuneka
urhulumente wengingqi enze uhlahlo-lwabiwomali aze abonelele ngengxowamali.
Ingxowamali ivela kwimithombo ehlukahlukeneyo, equka ukuqokelela ingeniso
nemali evela kurhulumente wephondo nowesizwe. Ekuphumezeni inkqubo
yezococeko, kufuneka urhulumente wengingqi aqiniseke ukuba imekobume
ikhuselekile. Izicwangciso ezizimeleyo zenkqubo ziya kuphuhliswa ukulungiselela
iphulo ngalinye, ngokubonisana nekomiti esebenzayo yephulo lezococeko, ekhethwe
ngabahlali kwakubo abahlali. Izicwangciso zenkqubo yokusebenza ziya kuchaza
iindlela eziya kulandelwa kwakunye negalelo labahlali elifunekayo, kuthathelwa
ingqalelo iintswelo zabahlali abakhethekileyo. Urhulumente wengingqi uya kuncedisa
ngokubonelela ngezakhono zolawulo ukuqinisekisa ukuphumelela kwephulo.
Imiyalezo yokukhuthaza ngezempilo nolwazi ngezempilo kufuneka yomelezwe
kwaye ezempilo zihlolwe ngokuqhubekayo.
Kumasebe aphambili karhulumente
Isebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi (iDWAF)
lingumlondolozi wamanzi esizwe kwaye lisebe eliphambili
kwicandelo lezococeko. Ngokubambisana nabanye
abanendima kumgangatho wesizwe isebe leDWAF kufuneka
liphuhlise imigangatho yezococeko, lixhase amaphondo
noomasipala ekuphuhliseni iinkonzo zococeko, lihlole iziphumo,
lixhobise, libonelele ngenkxaso yemali, lenze amaphulo
okuvavanya iindlela zococeko ezineendleko eziphantsi kwaye
liqinisekise ukuba ucoceko luqhutywa ngendlela
elungeleleneyo. ISebe libonelela ngenkxaso kurhulumente
wengingqi ekuphuhliseni iziCwangciso zoPhuhliso lweeNkonzo
zaManzi (iiWSDP) - eziyinxalenye yeziCwangciso
eziDityanelweyo zoPhuhliso (iiIDP).
ISebe loRhulumente wePhondo noweNgingqi liya kuthatha
uxanduva oluphambili ukukhuthaza iziCwangciso
eziDityanelweyo zoPhuhliso loomasipala, ngokuqinisekisa
ukuba oorhulumente bamaphondo nabeengingqi banamandla
alingeneyo, ngokulungelelanisa izibonelelo ngokweZabelo
ezinobuLungisa nezakhiwo zikamasipala, kwakunye nokuhlola.
ISebe lezeMpilo liya kulungelelanisa iinkcukacha ngempilo
yoluntu, lidale ubango lococeko ngokwenza iinkqubo
zokuqaphelisa ngolwazi lwezempilo, lihlele imiqathango
yezempilo malunga nococeko, lixhase oomasipala, libonelele
ngezixhobo zokuqeqesha kwaye lifundise abahlali ngolwazi
lwezempilo.
Uvimba weSizwe uya kuxhasa oorhulumente bengingqi
ekwenzeni izicwangciso nokulawula iingxowamali.
ULwakhiwo lweZindlu luhlela imigangatho yophuhliso
lwezindlu (umgangatho ophantsi wezococeko yi-VIP kwikhaya
ngalinye ngaphandle xa imeko yomhlaba ifunisa kwenziwe
ngenye indlela). Lukwalungelelanisa inkxasomali yokwakhiwa
kwezindlu elawulwa ngamasebe olwakhiwo lwezindlu
kumaphondo.
Abanye abanenxaxheba
ISebe leSizwe lezeMfundo linoxanduva lokuphuhlisa uhlelo
lokufunda nemigangatho, liqinisekise ngenkxasomali, lixhobise
ngolwazi namandla okusebenza. Amasebe amaphondo
anoxanduva lokuphucula izakhiwo zesikolo kuquka nococeko
nokuphumeza iNkqubo yokuKhuthaza ezeMpilo eziKolweni
ngenjongo yokudala izikolo ezikhuselekileyo nezinempilo.
ISebe lezemiSebenzi yoLuntu lisebenza njengomthunywa
wokufezekisa egameni lorhulumente wesizwe nowamaphondo
xa kusakhiwa izikolo neekliniki. Eli sebe linoxanduva
lokuqinisekisa ukuba kufakwa amalungiselelo aneleyo
awezococeko kwizakhiwo zikarhulumente nezoluntu. Eli sebe
likwanoxanduva lokuphumeza inkqubo yemisebenzi yoluntu
esekwe ekuhlaleni.
ISebe lemiCimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho
linoxanduva lokukhusela okusingqongileyo (imekobume) kwaye
liya kumisela imigangatho ephathelele kwifuthe leenkqubo
zococeko kwimekobume, kwakunye nokuhlola ifuthe
nokuhambelana neenkqubo zokulawula imekobume.
Icandelo labucala
URhulumente eyedwa akanakho ukujongana nokusilela okukhoyo
kwezococeko. Icandelo labucala, ngokukodwa elezoshishino,
lingavelisa lifakele iinkqubo zococeko, lingadibana noomasipala
ukubonelela iinkonzo libonelele nangemali. IMibutho engekho
ngaPhantsi kukaRhulumente(iiNGO) Le mibuthoinganceda
ngamaphulo okuqaphelisa ngolwazi lwezempilo, ngokulungiselela
ukuthatha inxaxheba kwabahlali, ngokuphuhlisa amaqela okwakha
asekwe ekuhlaleni kwakunye nokuphumeza nokuhlola amaphulo.
 Kwinqanaba lengingqi uMasipala weSithili okanye oweSixeko okanye uMasipala weNgingqi
uya kuba noxanduva oluphambili lokulungelelanisa ngokusebenzisa isiCwangciso esiDityanelweyo
soPhuhliso (IDP) kwakunye nesiCwangciso soPhuhliso lweeNkonzo zaManzi (WSDP).
 Kwinqanaba lephondo urhulumente wephondo uya kulungelelanisa ngokusebenzisa iziGqeba
zePhondo zokuLungelelanisa ezoCoceko.
 Kwinqanaba lesizwe ulungelelaniso luya kufikelelwa ngokusebenzisa iGqiza lokuSebenza leSizwe
kwezoCoceko (NSTT) eliya kuphinda limiselwe njengekomitana yeGqiza lokuSebenza leZakhiwo
zikaMasipala (MITT). ISebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi (iDWAF) lisebenza njengesebe
elikhokelayo.

Ulawulo lolwazi
ISebe lezoQhagamshelwano
IMIBUZO EBUZWA RHOQO: ULAWULO LOLWAZI
 
Yintoni uLawulo loLwazi?
ULawulo loLwazi yindlela yoqeqesho exubileyo evumela ukuba imibutho iphucule indlela edala, eyamkela, emisa ngayo emthethweni, ephangalalisa, egcina kwaye esebenzisa ngayo ulwazi ukuze iphumelele kwiinjongo zayo ngokukhawuleza kunye nangokusebenza okungaphaya
Loluphi uncedo olungundoqo loLawulo loLwazi?
Ukuphumeza komButho iinjongo zawo ngokukhawuleza kunye nangokusebenzayo, kuphucula
* Ukuveliswa, 
* Ukusebenza, 
* Ukungenisa izinto ezintsha, 
* Ukhuphiswano. 
Uncedo lwabantu abanomdla kwinto eyenziwayo luquka:
* Ishishini elinyusa ungeniselo; 
* Urhulumente onyusa ukwenziwa komsebenzi; 
* Inzululwazi yenyusa ukungenisa izinto ezintsha; 
* Abasebenzi abanolwazi benyusa ukukhula ngokobuqu kunye nenkuthazo. 
Ngokwenza oko kusenyusa uqoqosho, kusehlisa ubuhlwempu kwaye kusenyusa
ingqesho.
Ingaba uLawulo loLwazi yinto enokulungiswa ngokukhawuleza?
ULawulo loLwazi iya kuba yinto eqhubekayo kwaye asiyiyo into enokulungiswa
ngokukhawuleza. Kwilizwe lonke. Amanyathelo okuqala ayamkelwa kwaye
akusekho kukhetha. ULawulo loLwazi yindlela yekamva.
Lunxulumana njani uLawulo loLwazi kwiXesha loLwazi?
Ikompyutha yobuqu, i-Internet kunye nokuqhubela phambili okukhawulezayo
kwetheknoloji ngoku okwenzekayo kwilizwe lonke ingakumbi eMelika,
kukhokelele kwinto ekuthiwa rhoqo xa ibizwa liXesha loLwazi Information
Age) kodwa ngokunyukayo ebonwa ngathi linyathelo lotshintsho elibhekisele
kwiXesha loLwazi. Njengoko uluntu lusuka kwiXesha lamaShishini
(Industrial Age) lisiya kuloo nto kuthiwa liXesha loLwazi, kumgangatho
we-macro, uLawulo loLwazi luphuhle lwaya kuma kumgangatho we-macro
ukwenzela ukuphatha utshintsho.
Ingaba uLawulo loLwazi lutsha?
Imithetho-siseko yoLawulo loLwazi ayikho ntsha, njengoko kubonisiwe
lulwazi oluphuhliswe kwangoko ngumntu (ukusetyenziswa komlilo, isinyithi
kunye nobhedu, umzekelo) ludluliswa ukusuka kwesinye isizukulwana lusiya
kwesinye isizukulwana kwaye luyanaba. Indlela emisiweyo yokuphathwa
kolwazi njengesibonelelo ngummandla omtsha kwaye osaphuhlayo, nangona,
njengeziphumo zotshintsho lwarhoqo kulwazi kunye nakwiitheknoloji
zoqhagamshelwano ngokunjalo nokuxatyiswa okukhulayo kwexabiso lolwazi
njengesibonelelo sobuchule esincedayo.
 
Yontoni uLwazi
ULWAZI sisibonelelo okungenani esixabiseke njengesibonelelo semveli
umhlaba, umsebenzi okanye inkunzi. Ukulawula imfuno, ukunika kunye
nokuhamba kolwazi iya isiba yeyona nto yobuchule ilungileyo yemibutho,
kwaye inokuphunyezwa ngokusebenzayo usebenzisa uLawulo loLwazi.
Ingaba uLawulo loLwazi lohlukile kwi-Information Technology?
Nangona i-information technology (IT) ingumncedi woLawulo loLwazi, i-IT
yindlela yokufundisa enye phezu kwezingama-60 equkwe luLawulo loLwazi,
kuqukwa neZibonelelo zabaSebenzi, uLwazi ngomntu njengesidalwa kunye
neNzululwazi ngengqondo. ULawulo loLwazi lumalunga nabantu kunye
nenkcubeko njengoko lumalunga ne-IT.
Ingaba uLawulo loLwazi yitheknoloji okanye kukusetyenziswa?
ULawulo loLwazi ayiyotheknoloji nje okanye kukusetyenziswa nje, kodwa
yinkqubo kunye neseti yeetheknoloji zonke ezixhasa ubuchule bokwabelana
ngenkumbulo yeziko ukuvumela ukungena kwezinto ezintsha.
ULawulo loLwazi lunxulumana kanjani nabantu?
Abaphakthi kwi-KM (Knolwledge Management) ngabaSebenzi boLwazi,
abaphetheyo abasebenza kumbutho kwaye abaziswa ngolwazi kwaye eyiyimfanelo
yabo ukunceda abaxhasi bombutho.
* i-KM imalunga nabantu becinga ngokuba bangazilawula kanjani na bona, njengoko kuchasene nenkqubo yolawulo yoozilwakhe. 
* Ukutshintsha indlela izinto ezazisenziwa ngayo ngaphambili, kufuna utshintsho engqondweni okanye inkcubeko yokusebenza kuleyo esekelwe ekuthembeleni kunye nasekuthembeni. 
* Ukwabelana ngolwazi kuyakwenza ukuba isitafu kumbutho sisebenzise ulwazi olukhoyo kunokusebenzisa oludala, kusandiswa ulwazi. 
* Oku kuyakwenyusa ukusetyenziswa okwaneleyo kwexesha, njengokuvelisa, kunye nokungeniswa kwezinto ezintsha, ezikukuveliswa kolwazi olutsha. 
Ingaba uLawulo loLwazi lunxulumana kanjani nobuchule bombutho?
Enye imbonakalo ephakathi ye-KM kukubaluleka kokudibanisa
ngokusondeleleneyo kobuchule boLawulo loLwazi kunye nobuchule beshishini
lombutho obuvumela ukuba umbutho uphuhlise ukhuphiswano olunokubakhona
kwaye oku kuphume.
 
Yintoni umahluko phakathi kwe-data, ulwazi kunye nolwazi (knowledge)
 
I-data ibonisa okuqwalaselweyo okanye iinyani ezingekho mxholweni,
ezingenayo intsingiselo ngqo. Iziphumo zolwazi zokubekwa kumxholo
onentsingiselo, kaninzi ngokohlobo lomyalezo. ULwazi yinto
esinokuyikholelwa kwaye siyixabise ngokusekwe kulwazi olunentsingiselo
oluqokelelweyo lwaza lwanyuswa (imiyalezo) ngamava, uqhagamshelwano okanye uphazamiso. ULwazi lunokubonwa njengento yokugcinwa kwaye okanye
yokwenziwa ngobuchule kunye nanjengenkqubo yokwazi kunye nokwenza ngaxesha nye - oko kukuthi, faka ubuchule.
Yintoni uBango loLwazi?
UBango loLwazi yiseti yemithetho ekukholelwa ukuba iyinyani okungenani
kumntu omnye, ngokohlobo lomyalezo onolwazi olwaneleyo olwenzelwe omnye
umntu ukuba aluqonde kwaye asebenze ngalo. Enye indlela esetyenziswayo
kumele ukuba isetyenziswe ukwenza ukuba ibango lolwazi lube semthethweni
phambi kokuba lwamkelwe njengolwazi.
Ingaba ubulunga bolwazi bungalinganiswa?
Ewe, ngokuba nako kwabo ukunceda umbutho okanye umntu oyedwa ukuba
aphumeze iinjongo zakhe ngokusebenzayo.
Ingaba ikhona i-portal yoLawulo loLwazi okanye i-website?
I-portal yoLawulo loLwazi isekiwe ukuze inike umjelo woqhagamshelwano
wentsebenziswano. Oku kuyakusebenza njengesibonelelo soLawulo loLwazi,
inikwe ulwazi malunga noLawulo loLwazi kwaye isebenze njengomjelo kuwe
ukuba ufake isandla kwingxoxo yoLawulo loLwazi eMzantsi Afrika.
I-Internet URL: http://www.km-debate.co.za
 
------------2000-10-30
1[1] EKnowledgeCenter, Arizona, U.S.A., c 2000, (for many of the definitions given here)
1[2] College of Business Administration, Northeastern University, Boston, MA; Sloan Management Review; Managing Codified Knowledge; Michael H. Zack; c. September, 1998.
INDLELA EDLALWA NGAYO I-LOTTO 

Ukuze udlale kanye umdlalo we Lotto, khetha amanani amathandathu phakathi ko 1-49. Oku kuyakuxabisa R2.50 (sekudityaniswe ne VAT) oko ke kukunika ithuba lokuwina izigidi zeerandi. 

Ziphawule iinombolo zakho ezintandathu ngomgca owehlayo, kuyo nayiphi na ibhodana, kwezintandathu ezikule khuphoni yokungenela, yaye ubhale mnyama, okanye usebenzise ipensile. Unakho ukudlala kathandathu, kwi khuphoni enye, oko kukunike amathuba okuwina amathandathu.

Ibhodi nganye egcwaliswe yagqitywa yi R2.50. I-khuphoni lakho lokungenela, nemali, zinikezele kwindawo ezithengisa i-National Lottery. Igosa olinikileyo liya kuzibhalisa ezonombolo zakho ozikhethileyo kwi-computer ye-National Lottery, ze likunike itikiti elishicilelwe iinombolo zakho ozikhethileyo. Leyo yirisiti yakho. Qiniseka ukuba iinombolo nomhla wokutsala zibhalwe kakuhle, wandule ukusayina ngasemva, wakugqiba uligcine eli tikiti kwindawo ekhuselekileyo. Ukuze ukwazi ukwenza ibango lakho lebhaso kufuneka unalo eli tikiti. 

   Ukuba kukho impazamo othe 
   wayenza xa ubhala kule 
   bhodana, faka uphawu kula 
   bhokisana esezantsi ebhalwe 
   CANCEL, ubuye uqale phantsi 
   kwakhona kwenye ibhodana.
   Ukuba usafuna ukufaka kwa 
   ezinombolo zinye, ulungiselela 
   amatyeli alishumi ezayo 
   okutsalwa kweenombolo 
   eziwinayo,phawula enye ibhokisi 
   ebhalwe "Number of Draws" 
   ngakutolo olukhombileyo. 

 
   Ukubona ukuba iinombolo zakho 
   ozikhethileyo zeziwinayo, bukela 
   inkqubo ye-Lotto draw ngqo kwi 
   SABC 2 ngo 8:30 ngokuhlwa 
   ngomhla oboniswe kwitikiti lakho. 

   IZIPHUMO ZE-LOTTO 
   ZIYAKUBHENGEZWA KWI TV, 
   RADIO 
   NAKUMAPHEPHANDABA. 

INDLELA YOKUBANGA IBHASO LAKHO
Iinombolo eziwinayo ezithe zatsalwa kwi TV, kunye nexabiso lebhaso kuluhlu ngalunye, zipapashwa emva kwe-draw. Khangela iinombolo zakho ubone ukuba zingaphi na ezihambelanayo. Ukuba uwine ibhaso elifikelela kwi R500, uyakuhlawulwa ngoko nangoko nakweliphina isetyana le-National Lottery. Amanye amaziko alolunye uhlobo, nabizwa ngokuba zii-"Authorised Prize Payment Centres" angahlawula amabhaso amakhudlwana ukuya kutsho kwi R50 000. 

   Esi sisishwankathelo nje 
   esingephi sokubonisa indlela 
   ekudlalwa ngayo, nekuwinwa 
   ngayo i-Lotto. Imithetho 
   epheleleyo ngalo mdlalo 
   ifumaneka nakwiliphi na isetyana 
   lakwa-National Lottery, okanye 
   siya kunithumelela iikopi 
   ezizezenu. Xa ufuna iinkcukacha 
   ezizezinye, kwa nazo zonke 
   iziphumo ze-Lotto, tsalela 
   umnxeba kwinombolo 
   engahlawulelwayo ye-Player 
   Thusong, u-0800 40 30 40, 
   okanye ubhalele kwi-National 
   Lottery. 

KUFUNEKA UBENEMINYAKA EYI 18 OKANYE NANGAPHEZULU 
   UKUZE UBENAKO UKUDLALA I-
   LOTTO OKANYE UKUBANGA 
   IBHASO 
   National Lottery
   Private Bag X72
   Auckland Park 2006 
   Iinkcukacha nge Lottery 
   0800 40 30 40 

   Umdlalo wakho wokuqala ngqa we National 
   Lottery ugalelekile kanye ngoku, ubizwa ngokuba 
   yi Lotto ngumdlalo ochulumancisayo wamanani 
   apho iinombolo zakho zethamsanqa 
   zingakuwinisa izigidi zeerandi veki zonke.
   Khangela uphawu lwe National Lottery kwivenkile 
   ekufuphi nawe udlale i Lotto namhlanje.

   Umashini we-Lotto Draw wohlobo olulodwa, 
   uneebhola eziyi 49 ezibhalwe iinombolo. Lo 
   matshini uzikhethela nokuba kukanjani na iibhola 
   ezintandathu, kwezi zingama 49, ezo ke ibe 
   zeziwinayo, nokuba zilandelelana ngaluphi na 
   uhlobo, kwakunye nenye ibhola eyi Bonus 
   Number. Le ke ibhola ingakuwinisa amanye 
   amabhaso. Ukuba ngaba ezi nombolo zintandathu 
   oziphawuleyo kwibhodi nokuba yeyiphi na, zithi 
   zihambelane nezo zikwiibhola, ungawina ibhaso 
   kolunye lwezintlu ezisixhenxe, ngale ndlela 
   ilandelayo: 

   Ubungakanani bamabhaso buyahluka veki zonke, 
   kuxhomekeka kwinani labawinayo kuluhlu 
   ngalunye. Amaxabiso amabhaso kuluhlu ngalunye    ayabhengezwa emva kwe-draw nganye.
   Ubukhulu becala, idla ngokuba litikiti elinye 
   kwangamashumi amahlanu, eliwina ibhaso 
   elisusela kwiirandi ezimbalwa, ukuya kutsho 
   kwizigidi. 
LRAD

DEPARTMENT: AGRICULTURE
REPUBLIC OF SOUTH AFRICA
INKQUBO YOLWABIWO LWEMIHLABA
NGENJONGO YOPHUHLISO LWEZOLIMO 

Isikhokelo 
Le ncwadana inika iimpendulo kwimibuzo ebuzwa mihla le ngokunxulumene nale nkqubo yolwabiwo mihlaba ngenjongo zophuhliso kwezolimo. Ikwalulutho ekuncedisaneni nabafuni-mhlaba nabathengisi-mhlaba ukuqondisisa ubucukubhede neemfuno ezimandla ekufuneka ziqatshelwe ukuze bakwazi ukuzuza kule nkqubo. 
Le ncwadana ayenzelwanga kubeka caleni umgaqo olandelwayo wale nkqubo, koko isisixhobo sokunika ingcaciso ngendlela elula kuba umgaqo ubhalwe ngamagama nolwimi abangekhe bonke abantu bakwazi ukulucalula. Ikwanika iimpendulo ezikhawulezileyo kubantu abanemibuzo eqotho ngale nkqubo. 
1. Iyintoni le nkqubo yolu lwabiwo lwemihlaba? 
Le nkqubo yolwabiwo-mihlaba ngenjongo zophuhliso lwezolimo yenzelwe ukunceda abo babetyele emnyameni kubutyebi beli lizwe abasuka kwezi zintlu: AbaMnyama, abeBala namaNdiya ukuze bakwazi ukuthenga umhlaba okanye izixhobo zokusebenza umhlaba. 
2. Ibanceda njani abantu le nkqubo? 
Njengoko sisazi okokuba abantu abaninzi abanayo imali yokuthenga umhlaba wezolimo, le nkqubo yothi ihlangabezane nabo ngokunikezela ubonelelo ngemali isomeleza oko banako ukuze bakwazi ukuthenga umhlaba. Le mali yesibonelelo yonikezelwa kujongwa imiba ethile. 
3. Siyintoni sona esi sibonelelo semali? 
Le yimali esisipho esivela ku Rhulumente esenzelwe ukunceda abantu abanomdla kulimo bathenge umhlaba. 
4. Umntu ufumana kangakanani? 
Kusetyenziswa indlela ethile yokubala ubungakanani besi sibonelelo, kujongwe umyinge awothi ubani eze nawo ukuthenga lo mhlaba (onokuba yimali) okanye izixhobo zokusebenza (onokungabi yomali) okanye indibanisela yezi zimbini. 
Ngoko ke isibonelelo sobalwa ngokomlinganiselo womyinge ofaka isicelo eza nawo. (Qaphela iTable yoku 1). 
5. Uthetha ukuthini `umyinge ekufuneka umntu abe nawo'? 
Lo myinge yimali ekufuneka ubani abe nayo ukubonakalisa ukuqiniseka kwakhe, myinge lowo owothi udibane nesibonelelo ukwenza iqhezu elithile lemali epheleleyo yomhlaba othengwayo. Isibonelelo esi sifaka isandla kwinto ubani asele enayo. 
6. Ngaba lo myinge uyimali yodwa? 
Zixananazile iindlela zokwenza lo myinge: 
(a) Imali 
Umfaki-sicelo angeza nomyinge wama-R5 000 oyakumenza afumane isibonelelo sama-R20 000, lize iqondo eliphezulu libe ngumyinge wama-R400 000 nesibonelelo sama-R100 000. 
(b) Umyinge ongeyomali 
Zininzi indlela zokukhupha lo myinge: 
Izinto ezizezakho ngokuse mthethweni, izixhobo zokusebenza, oomatshini, nemfuyo. Kothi kubalwe ixabiso lazo lize lenze lo myinge. 
(c) Umyinge wamandla 
Naliphi na inani labasebenzi lolinganiselwa kumyinge wama R5 000. 
7. Mpahla zini ezingasetyenziswa ukwenza kwalo myinge? 
Zonke izixhobo/iimpahla ubani anazo ezisetyenziswa kwezolimo nezingathi zibeluncedo kumhlaba owo uthengwayo. 
8. Ziziphi ezingenakho ukusetyenziswa? 
(a) Umhlaba owawufunyenwe ngesinye sezibonelelo zika Rhulumente, ngenkqubo yobuyiselo lwemihlaba, ngesibonelelo sokubuyiselwa/sokuzinziswa kobunini-mhlaba, umhlaba osisipho njalo-njalo. 
9. Kwenzeka ntoni ukuba ezinye zezi mpahla andikagqibi ukuzihlawula? 
Umba wempahla esephantsi kwetyala awuyikuyichaphazela inkqubo yokubalwa kwempahla ezo njengomyinge womfaki-sicelo. 
10. Lithini inani elisezantsi neliphezulu lesi sibonelelo kwaye usithini umyinge emandize nawo? 
Umyinge wama-R5 000 oziindidi esele zixeliwe womnika ubani isibonelelo sama-R20 000 njengamanani asezantsi, uze umyinge ophezulu wama-R400 000 umnike ubani isibonelelo sama-R100 000, lawo ingamanani aphezulu kule nkqubo. Kusengasetyenziswa namanye amanani aphakaathi kwelona lisezantsi nelona liphezulu, kuxhomekeka kumyyinge ubani anawo. (Oko ungakufumana kumtyhutyhumezo womyinge nesibonelelo owunikiweyo). 
11. Yenzeka njani into yokuba oyena unomyinge osezantsi afumane isibonelelo esikhulu kunalowo unomyinge ophezulu? 
Le Nkqubo yenzelwe ukunceda abasweleyo. Isibonelelo esi senziwe ngendlela yokuba oyena unomyinge omncinane abonelelwe kakhulu, aze noko lowo unomyinge omkhulu abonelelwe kancinane. 
12. Ndingasisebenzisa njani esi sibonelelo? 
(a) Kuthengo lomhlaba. 
(b) Ukwenza nokufakela izinto ezithile kumhlaba lowo, ukuthenga iimpahla ezithile, nokuthenga izinto zokusebenza zexeshana kwezolimo. 
13. Ngawaphi amasebe kaRhulumente asingethe le Nkqubo yonikezelo lwemihlaba? 
Isebe leZolimo nesebe le Zemihlaba abambisene uku khokhela lo msebenzi ade awugqibe, noxa eli sebe le Zemihlaba linoxanduva lokukhupha imali yezibonelelo. 
14. Ngubani onokufaka isicelo? 
Kufuneka: 
 Ube ngowezazintlu zityele emnyameni (abaMnyama, abeBala, namaNdiya). 
 Ube neminyaka eli-18 nangaphezulu. 
 Ube umhlaba lowo uzakuwusebenzisela ezolimo. 
 Ube uzakubakho kulimo ngokupheleleyo (ngaphandle kokuba wenza ukwicandelo loofakemlonyei). 
 Ungabi ngumsebenzi kaRhulumente. 
 Uqiniseke ngokuba uzakuqeqeshwa emva kokunikwa umhlaba. 
 Ube nawo umyinge wokuvulela isibonelelo. 
 Nibe liqumrhu elisemthethweni ukuba nifaka isicelo nibaninzi. 
 Nibe ne-akhawunti yebhanki. 
15. Angenza ntoni ubani ngale mihlaba? 
Le Nkqubo yenziwe ngendlela yokuba abafaki-zicelo bakwazi ukwenza imveliso kumaqondo ahlukeneyo: 
(a) Oofakemlonyeni 
Abafaki-zicelo banokufumana umhlaba besenzela ukuvelisela ukufaka emlonyeni/ukutya. 
(b) OoMasibambisane 
Apha amalungu okhupha umyinge ze kufumaneke isibonelelo, baze babe nominganiselo othile wobunini apha kwiprojeki leyo. Lo mlinganiselo wolingana nomyinge lowo awukhuphileyo kunye nesibonelelo. Aba boba ngoo Masibambisane kubunini bale projeki baze babe ngabasebenzi kwalapho. 
(c) Abavelisela ukuthengisa 
Abanye bongena kule Nkqubo benenjongo eziphakamileyo kunezi zingentla. Ngabantu abo aba nesakhono namava kwezolimo, kwakunye nokuvuleleka ekufumaneni iimali kwiibhanki, abaneempahla ezizezabo, nemali yokuthenga imihlaba enokubabangela ukuba bavelise kakhulu. 
(d) Imveliso yolimo kumaphandle 
Baninzi abantu abanemvume yokusebenzisa imihlaba emaphandleni koko bengenazo iintsiba zokuwusebenza loo mhlaba. Abo bantu bayakuxhaswa yile Nkqubo ukuze bamisele izinto eziziziseko zokuxhasa imveliso kwimihlaba yabo. Bangenza imveliso, oofakemlonyeni-eyona isezantsi okanye imveliso yokuthengisa. 
16. Ndingathenga wuphi umhlaba phantsi kwale nkqubo? 
Nawuphina umhlaba olapha eMzantsi Afrika unakho ukunikezelwa nokuba ubunini bawo buthini, ngaphandle kwemihlaba, yamaphandle ephantsi kwabahlali. 
17. Ndiyakwazi ukufumana umhlaba ndibe ndinendawo endiphangela kuyo? 
Le Nkqubo iyagxininisa ukuba abantu basebenze umhlaba ngokupheleleyo, ngaphandle ke koo-fakemlonyeni apho ke bangathi bafune olunye uncedo olunjengempangelo.
18. Kuzakwenzeka ntoni kum ndakuba ndifumene umhlaba kwaye uRhulumente angandinceda ngantoni? 
Isebe lezoLimo linenkqubo yokuncedisana namafama emva kokufumana umhlaba, ngokuthi linike iinkonzo ezifana noqeqesho nokukhathalelwa kwamafama ngamagosa kwizithili zonke, benika ezi nkonzo kumafama akhasayo nasele ekhulile. 
19. Yiyiphi inkcaza ebhaliweyo eyofuneka kum? 
 Inkcaza ngosetyenziso lomhlaba/Iplani yomhlaba lowo. 
 Isiboniso sothengiso-mhlaba nexabiso, ukuba umhlaba lowo uqeshiwe ngenjongo zokuthengwa. 
 Amagama awo onke amalungu ukuba isicelo eso sesabantu abaninzi. 
 Isiqinisekiso sokuba umhlaba lowo awunambambano kwaye ubhaliswe ngegama lomthengisi lowo, kwaye nexabiso lawo alikho ngaphezu kwexabiso elivunyiweyo ngabathengisi- mhlaba. 
 Isiqinisekiso sokubakho kwemali yokuhlawula engaphandle komyinge nesibonelelo (oku koba ziimali-mboleko okanye ezinye iimali angaba ubani unazo). 
 Inkcaza yexabiso lomhlaba nendlela eliqulunqwe ngayo. 
20. Ndingancedakala phi ukuqulunqa ezi nkcaza? 
Ubani angazilungisela ezi nkcaza okanye acele uchwepheshe wokumnceda. Akanyanzelekanga ukuba afune uchwepheshe xa ekwazi. Namagosa olimo ezithili angaba luncedo. 
Kukho uluhlu loochwepheshe kwiiofisi zezemihlaba nezolimo apho ubani ofuna oochwepheshe angancedakala khona. Baya kuthi bamlungiselele yonke into ayidingayo ubani ngoncedo lwesibonelelo sala malungiselelo. 


ITABLE YOKU 1. Ubungakanani besibonelelo ngokomyinge 
Umyinge
10 000 
20 000 
30 000 
40 000 
50 000 
60 000 
70 000 
80 000 
90 000 
100 000 
 
 
25 798
33 278
38 622
42 926
46 592
49 819
52 721
55 371
57 819
60 100
1000
 
26717
33880
39090
43317
46932
50122
52996
55624
58054
60320
2000 
 
27585
34463
39548
43702
47268
50422
53269
55875
58287
60539
3000 
 
28408
35031
39998
44081
47600
50720
53540
56125
58519
60756
4000 
 
29192
35583
40439
44455
47928
51014
53808
56372
58750
60972
5000 
20000
29941
36120
40871
44823
48252
51305
54074
56618
58978
61187
6000 
21385
30659
36644
41296
45187
48572
51594
54337
56861
59206
61400
7000 
22631
31350
37156
41714
45545
48889
51879
54599
57103
59431
61612
8000 
23768
32015
37655
42125
45899
49202
52162
54858
57343
59656
61823
9000 
24819
32657
38144
42528
46248
49512
52443
55116
57582
59879
62033
  
Umyinge
110000 
120000 
130000 
140000 
150000 
160000 
170000 
180000 
190000 
200000 

-
62241
64262
66180
68006
69751
71424
73032
74582
76077
77524
1000 
62448
64458
66366
68184
69921
71588
73190
74733
76224
77666
2000 
62654
64654
66552
68361
70091
71751
73347
74885
76371
77808
3000 
62859
64848
66736
68537
70260
71913
73503
75036
76516
77949
4000 
63063
65041
66920
68713
70428
72075
73659
75186
76662
78090
5000 
63266
65233
67103
68888
70596
72236
73814
75336
76807
78230
6000 
63467
65424
67285
69062
70763
72396
73968
75485
76951
78370
7000 
63668
65614
67467
69235
70929
72556
74123
75634
77095
78510
8000 
63867
65804
67647
69408
71095
72715
74276
75782
77239
78649
9000 
64065
65992
67827
69580
71260
72874
74429
75930
77382
78788
  
Umyinge
210000 
220000 
230000 
240000 
250000 
260000 
270000 
280000 
290000 
300000 
-
78926
80286
81608
82893
84145
85366
86558
87722
88860
89973
1000
79064
80420
81738
83020
84269
85487
86675
87837
88972
90083
2000 
79201
80553
81867
83146
84392
85607
86793
87951
89084
90193
3000 
79338
80686
81997
83272
84515
85727
86910
88066
89196
90302
4000 
79475
80819
82126
83398
84637
85846
87027
88180
89308
90412
5000 
79611
80951
82255
83523
84760
85966
87143
88294
89419
90521
6000 
79747
81083
82383
83648
84882
86085
87259
88408
89531
90630
7000
79882
81215
82511
83773
85003
86203
87375
88521
89642
90738
8000 
80017
81346
82639
83898
85125
86322
87491
88634
89752
90847
9000
80152
81477
82766
84022
85246
86440
87607
88747
89863
90955
                        
Umyinge
310000 
320000 
330,000 
340,000 
350000 
360000 
370000 
380000 
390000 
400000 
-
91063
92131
93178
94206
95214
96204
97177
98134
99074
100000
1000 
91171
92237
93282
94307
95314
96302
97274
98228
99168
 
2000
91278
92342
93385
94409
95413
96400
97370
98323
99261
 
3000
91386
92447
93489
94510
95513
96498
97466
98418
99354
 
4000
91493
92553
93592
94611
95612
96595
97562
98512
99446
 
5000
91600
92657
93694
94712
95711
96693
97657
98606
99539
 
6000
91707
92762
93797
94813
95810
96790
97753
98700
99632
 
7000
91813
92866
93899
94913
95909
96887
97848
98794
99724
 
8000
91919
92971
94002
95014
96008
96984
97944
98888
99816
 
9000
92025
93075
94104
95114
96106
97081
98039
98981
99908
 
Isixa sesibonelelo ngokomyinge             
 
20000 
30,000 
40,000 
50,000 
60000 
70000 
80,000 
90,000 
100000 
-
5000
15080
33005
60596
99548
151463
217,873
300245
400000
1000 
5710
16489
35301
63953
104130
157427
225368
309415
 
2000
6481
17977
37695
67425
108844
163538
233024
318761
 
3000
7315
19549
40189
71014
113690
169796
240843
328283
 
4000
8214
21204
42784
74722
118671
176204
248825
337983
 
5000
9180
22945
45484
78550
123788
182763
256974
347863
 
6000
10214
24774
48289
82499
129042
189474
265289
357923
 
7000
11320
26693
51201
86572
134435
196339
273772
368166
 
8000
12498
28703
54222
90770
139969
203360
282425
378592
 
9000
13751
30807
57353
95095
145644
210537
291249
389203
 
Kuba le Nkqubo izakuthatha iminyaka engama-15 ukuya kuma-20, izibonelelo zibalwe ngokwexabiso le Randi 
21. Ithini indlela yokungena kule Nkqubo? 
Tsalela u-(012) 319 7020 okanye udibane neSebe Lezemihlaba okanye iSebe lezolimo kwiphondo lakho kula angezantsi. . 
Amasebe ezolimo nezemihlaba kumaphondo 
Iphondo 
Isebe 
Ongadibana naye 
Imfono-mfono 
Gauteng
Ezolimo
V. Titi
011-355 1317
 
Ezemihlaba
M. Ndlela
012-310 6500
Mpumalanga
Ezolimo
R. Matare
013-755 4721
 
Ezemihlaba
A.van der Merwe
013-755 3499
Free State
Ezolimo
M.B. Motsie
051-8611258
 
Ezemihlaba
W. Barnes
051-400 4200
KwaZulu-Natal
Ezolimo
W. Urquhart
033-343 1397
 
Ezemihlaba
M. Shabane
033-355 4300
North West
Ezolimo
Mr Seobi
018-389 5723
 
Ezemihlaba
P. Mongae
018-384 2437
Northern Cape
Ezolimo
F. du Toit
053-838 9111
 
Ezemihlaba
O. Mvula
053-831 4090
Northern Province
Ezolimo
J. Thupane
015-295 7090
 
Ezemihlaba
E. Letsoalo
015-297 3539
Western Cape
Ezolimo
I. Olckers
021-808 5103
 
Ezemihlaba
S. Middleton
021-426 2947
Eastern Cape
Ezolimo
Mr Pityi
040-609 3532
 
Ezemihlaba
M. Kenyon
043-743 4689
2001
Compiled by Directorate Farmer Settlement and Development
Printed and published by Department of Agriculture, Directorate Communication
and obtainable from Resource Centre, Private Bag X144, Pretoria, 0001South Africa 

ISISHWANKATHELO ESINGUNDOQO
Imbali yeenkonzo zosasazo zaseMzantsi Afrika ibonisa iintanda neeyantlukwano
kwintlalo ndawonye nokwabiwa kwamandla. Umceli-ngeni wenguqu yedimokhrasi
uchaphazela zonke iinkalo zentlalo, kubandakanywa amaziko kunye neenkqubo
zeenkonzo zosasazo.
Urhulumente uzimisele ekusekeni iqumrhu lokuphakamisa ukufikelela kwiinkonzo
zosasazo ngamaqela adlelwa indlala kunye nokuphakamisa ukubandakanyeka
kwamacanzelo amaninzi awohlukeneyo kwiinkonzo zosasazo. Oku kulandela isigqibo
seKhabhinethi esisekelwe kwiziphakamiso ze-Comtask zango 1996. Oku
kuhambisana nomGaqo-siseko, uMqulu waMalungelo kunye neNkqubo yokwakha
ngokutsha noPhuhliso, kwaye ikwaphenjelelwa sisiCwangciso seLizwe sokuthabatha
aManyathelo okuPhakamisa nokuKhusela aMalungelo oLuntu (National Action Plan
for the Promotion and Protection of Human Rights), sona esigxininisa inkululeko
yokuvakalisa izimvo kunye nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno
ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo, kunye nemfuneko yeendlela zokuqinisekisa
ukuba oku kuyafezekiswa. Oku kulandela iinzame ezaphanzayo zobume bentlalo
zokuseka elo qumrhu kwiminyaka yokuqaka koma 1990.
Impembelelo ye-Media Development and Diversity Agency (MDDA) ezimeleyo,
eyakhelwe ngokuhlukileyo kwaye eyonga iindleko ilele kwimfuneko yequmrhu
leengcaphephe zeenkonzo zosasazo kunye nabanye abantu abaziwayo eluntwini,
eyakuvelisa ubungcaphephe kuphuhliso nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno
ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo kwaye iqinisekise ukufezekiseka kwazo,
ngokwenkxaso-mali, ngokuphembelela nangophando. Eli qumrhu liyakusebenza
ngokweyona mimiselo ilungileyo yolawulo lwemibutho kwaye libe nemiyalelo
yokuthunywa kunye nezinto eziyimfuneko. Liyakusebenza ngokuthe qelele
kurhulumente, kushishino losasazo nakwabanye abaxhasi.
Njengoko ihlabathi lisingisa ngokukhawuleza kwintlalo yenkcazelo ngolwazi
ngeekhompyutha neminxeba, kubaluleke ngokukodwa ukuba bonke abemi bakwazi
ukufikelela kwinkcazelo nezimvo eziphangalele ngamandla ukuze bathabathe
inxaxheba ngokufezekisayo kwihlabathi eliya libumbana ngamandla kumanqanaba
eendawo, awelizwe nawehlabathi liphela. Urhulumente wenze ukufikelela
kwinkcazelo kwabangundoqo kwinkqubo yakhe yokwakha ngokutsha nophuhliso.
I-MDDA, njengenkqubo ye-Multi-Purpose Community Centres, linyathelo elisisiqalo
elisisiseko elisinge kule njongo. Iyakunceda ekuguquleni ubume bonxibelelwano
ngendlela eyakha ubuxhakaxhaka nephembelela ukuvela kweenkonzo zosasazo
ezibonisa amava neenjongo zabo badlelwa indlala. Ngamanye amazwi, nangona nje i-
MDDA ingasayi kusiza inguqu epheleleyo yeenkonzo zosasazo yona ngokunokwayo,
iyakudlala indima esiseseko yokuphembelela ekuguquleni ubume beenkonzo zosasazo
ngendlela eyakufanelana neenguqu ezibanzi ngowemisebenzi yenkxaso-mali,
yokuphembelela, yephulo kunye neyophando.
Ukuchaza uphuhliso kunye nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno
ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo:
Uphuhliso lweenkonzo zosasazo (media development) kubandakanya ukuphakamisa
ubume obuvumelayo ukuze kuncede ekulungiseni ukukhethwa kunye nokudlelwa
indlala kwamaqela neemfuno ekufikeleleni kwiinkonzo zosasazo - njengabanikazi,
oomenejala kunye nabavelisi beenkonzo zosasazo. Ukubandakanyeka kwamacandelo
neemfuno ezahlukeneyo (media diversity) kuthetha ukuqinisekisa ukuba zonke
iimfuno namacandelo anako ukufikelela kwimithombo eyahlukeneyo yezimvo
nenkcazelo ebonisa ngokupheleleyo intlalo yethu. Ukufezekisa kobandakanyeko
lwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kukwaphenjelelwa bubukho nokufumaneka
kwezinto neendlela zokusasaza kuluhlu olwahlukeneyo lweenkonzo zosasazo
ezincinane nezinkulu.
Iinkonzo zosasazo eMzantsi Afrika:
Nangona kukuninzi esele kwenziwe ekusombululeni iingxaki zophuhliso
nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo
ukusukela oko kwavela idimokhrasi, kucacile ukuba oku akwanelanga. Ukushinyana
kobuxhakaxhaka beenkonzo zosasazo ngokumntu ngamnye kusesezantsi. Ubunikazi
beenkonzo zosasazo busaqundene kwaye abufezekisi iimfuno zawo onke amaqela
nezimvo. Ukumelwa kwabo bonke abantu akukoneli kumanqanaba oomanejala,
okuhlela kunye nakwisitafu ngokubanzi.
Amava oMzantsi Afrika abonisile ukuba amafuthe emarike, amathuba eelayinsensi
kunye neenguqu kubunikazi, zona ngokwazo, azinako ukufezekisa le nguqu
ngokupheleleyo. Iqumrhu elifana ne-MDDA liyafuneka.
Ukuthabatha amava:
Amava ehlabathi abonisa ukuba izikim zenkxaso zokuphakamisa uphuhliso kunye
nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kumaziko osasazo
azintshanga. Bezisetyenziswa eYuropha ukusukela kwiminyaka yoma 1950
ngokwesiseko sokuba amafuthe emarike ewodwa angeke afezekise uukbandakanyeka
okwaneleyo kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo. Enyanisweni, ubungqina
bobokuba imarike yona ngokwayo idla ngokukekelela kuqundano olwandileyo, nto
leyo engaminxa okanye ithentele inkululeko yokuvakalisa izimvo kunye
neyantlukwano yezimvo.
Iinzame zokuqala zokuseka indlela yenkxaso yokuzithandela, i-Independent Diversity
Trust, zaphanza ekugqibeleni ngenxa yokungabikho kwenkxaso-mali. Oku kuxhase
uluvo lokuba, ziziqalo ezisekelwe kubudlelwane bentsebinziswano yorhulumente
namaziko osasazo, kwaye ezisekwe ngokwegunya lomthetho kuphela eziyakuba
negalelo elizinzisekayo.
Uphawu nobume be-MDDA kunye nobudlelwane bayo namanye amaqumrhu:
I-MDDA iyakuba liqumrhu elizimeleyo elisekwe ngokomthetho nelisebenza
ngokomgaqo nezikhokhelo zikarhulumente. Nangona kunjalo, iyakuba nobudlelwane
obuthe qelele kurhulumente, icandelo elizimeleyo kunye nabaphina abaxhasi.
Umsebenzi wayo enikwe amagunya okuwenza, iyakuba kukuphakamisa
ukubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kunye nophuhliso
kwiinkonzo zokushicilela, ukusasaza kunye "neenkonzo ezintsha zosasazo".
I-MDDA iyakuba neBhodi etyunjwe yiPalamente kwinkqubo yesidlangalala, kwaye
etyunjwe nguMongameli. Ibhodi iyakutyumba iGosa leSigqeba eliyiNtloko (CEO). ICEO
ngokusebenzisana neBhodi, iyakutyumba isitafu esimbalwa esinezakhono
eziphakamileyo kwaye esinezinto ezaneleyo ezidingekayo.
Iyakuzama intsebenziswano namaqumrhu asebenza ngonxibelelwano, iilayisensi,
ifilimu yebhanyabhanya nevidiyo, ukuze ifezekise uqokelelwano kwaye ishenxise
uphinda-phindo. Ndawonye nendima yayo engundoqo yokuxhasa iinkonzo zosasazo,
iyakuyalela uphando kwaye yenze iziphakamiso kurhulumente, ishishini leenkonzo
zosasazo kunye namanye amaqumrhu afanelekileyo.
I-MDDA iyakunxulumana nawo onke amaqumrhu aneminqweno nqo nangokungekho
nqo kuphuhliso nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo
kwiinkonzo zosasazo, phakathi kwazo, I-Independent Communications Authority of
South Africa (Icasa). I-MDDA iyakubamba i-Annual Review Forum, apho loo
maqumrhu ayakuphonononga ingxelo yonyaka ye-MDDA.
Abazuzi kunye nohlobo lwenkxaso:
Abona bantu bayakuzuza kakhulu kwinkxazo nqo nengekho nqo, iyakuba ngabahlali
kunye nezinye iinkonzo zosasazo ezingenzi-nzala, ndawonye neenkonzo zosasazo
ezincinane zorhwebo, ezibandakanya unomathotholo, ithelevishini, ezoshicilelo kunye
neenkonzo zosasazo ezintsha. Kuyakubakho ugxininiso olulodwa kwiiprowujekthi
ezizisa abahlali kunye namacandelo adlelwa indlala kuhlelo lwenkcazelo
nonxibelelwano - ngakumbi amakhosikazi, abantu basezilalini, abakhubazekileyo,
abantu abangakwaziyo ukubhala nokufunda, abasebenzi kunye nabantu
abangamahlwempu.
Inkxaso iyakuba yeyohlobo lwenkxaso-mali okanye ingabiyoyenkxaso-mali kwaye
iyakubandakanya uncediso lwesabhsidi nqo okanye ngokungekho nqo; inkxaso-mali
yongxamiseko; uphuhliso lokukwazi; ukukhuthaza inkxaso-mali yothabatho-xanduva
lwentlalo kumacandelo enkonzo yosasazo, yoshicilelo kunye nentsha; uqeqesho;
ukuvavanywa nokuhlolwa kweprowujekthi; kunye nophando kwiinkonzo zosasazo.
Kwakhona iyakwenza iziphakamiso zokuxhasa iinkonzo zosasazo ezifuna imalimboleko
ngokusekelwe kwimigaqo yayo yokuvavanya.
Ngaphezu koku, i-MDDA iyakusebenzela ekubeni kuvele iziphathi ezifanayo zelizwe
nezamaphondo, kunye/okanye ukusetyenziswa kwemimiselo efanayo yeziphathi,
kushishino loshicilelo, ukuze kuqinisekiswe ukufikelela okunolingano kwiinkonzo
zopapasho ezincinane kunye nakubahlali abanganikwa iinkonzo ngokwaneleyo.
Ummiselo okhokela i-MDDA ekwenzeni izigqibo zenkxaso-mali kunye
neziphakamiso zemali-mboleko iyakuba ligalelo elenziwa ziiprowujekthi kuphuhliso
kunye nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kwiinkonzo
zosasazo. Iyakuzama ukuphakamisa ukuzinziseka kunye nokunika inkxaso-mali
kwiiprojekthi ezilawulwa ngokufanelekileyo. Eminye imiba eyakuqwalaselwa
ibandakanya ukumelwa kwabantu bonke kunye nezicwangciso zokuthabatha
inxaxheba nezolingano.
Ibhajethi ye-MDDA:
I-MDDA idinga imali eyaneleyo ukuze ifezekise unxibelelwano lweenkonzo zosasazo
zabahlali, uqeqesho, iindleko zokuqhubela phambili kunye nezeenkqubo, ndawonye
nophando lokuvavanya ukufaneleka kweeprowujekthi zeenkonzo zosasazo ezincinane
zorhwebo. Iyakuyalela uphando ngophuhliso nokubandakanyeka kwamacandelo
neemfuno ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo, ndawonye novavanyo lwarhoqo
lokukhangela ukwenziwa komsebenzi ziiprowujekthi ezixhaswe ngemali. Iimfuno
zayo zeenkqubo, kubandakanywa uvavanyo lokwenziwa komsebenzi ziiprowujekthi,
kufanele zingagqithi kwi 12% yeendleko ezipheleleyo.
Izinto eziyimfuneko ukuze koyiswe izithintelo ezikhoyo kuphuhliso
nokubandakanyeka kwamacandelo neemfuno ezahlukeneyo kwiinkonzo zosasazo
zifikelela kwi R500miliyoni kwisithuba seminyaka emihlanu. Kuqikelelwa ukuba i-
MDDA iyakufezekisa iipesenti ezingama 60 ezi mfuno, nto leyo efikelela kwi
R300miliyoni kwisithuba seminyaka emihlanu, okanye i-avereji ye R60miliyoni
ngonyaka.
Oku kuyakwenziwa yi R20m ngonyaka eyakuphuma kurhulumente, kushishino
lweenkonzo zosasazo, kunye nakubaxhasi. Makuqatshelwe ukuba igalelo lorhumente
liyakubandakanya inkxaso yophuhliso lobuxhakaxhaka boonomathotholo babahlali
esele inikwa kakade ngokweSebe loNxibelelwano (Department of Communications),
okungokunje ekwinqanaba le R7million ngonyaka.

INDLELA YOKUZIPHATHA YAMALUNGU E-SANDF AKWIYUNIFOMU
Ndiyazibophelela ekusebenzeleni kunye nasekukhuseleni ilizwe lam kunye nabantu balo ngokungqinelanayo noMthetho siseko kunye nomthetho kwaye oko ndikwenza ngentlonipho, isidima, unikezelo kunye nesithozela.
Ndikwinkonzo ye-SANDF ngokuzinikezela kunye nangeqhayiya njengommi kunye nanjengevoluntiya.
Ndiya yihlonipha inkqubo yentando yesininzi yezopolitiko kunye nolawulo lwabemi be-SANDF.
Andiyikuqhubela okanye ndenzakalise iminqweno yeqela lezopolitiko okanye yamaziko.
Ndiya kwamkela ukuthatha uxanduva ngezenzo zam.
Ndiya kuyihlonela yonke imiyalelo esemthethweni kwaye ndihloniphe bonke abangaphezulu kunam ngokomsebenzi.
Ndiya kwala ukuthobela umyalelo ongekho semthethweni ngokucacileyo.
Ndiya kuwenza umsebenzi wam ngokuzinikezela kwaye ndincedise abahlobo bam abasemkhosini, nokokuba ngaba kubeka ubomi bam esichengeni okanye engozini.
Ndiya kubaphatha bonke abantu ngesihle kwaye ndihloniphe amalungelo kunye nesidima sabo ngalo lonke ixesha, ngokungakhethi ubuhlanga ubuzwe, isini, ukholo, inkcubeko, ulwimi okanye isini.
Ndiya kuhlonipha kwaye ndixhase abangaphantsi kum ngokomsebenzi kwaye ndibaphathe ngesihle.
Andiyi kusebenzisa ilungelo lam, isikhundla okanye iimali zikawonke wonke ngendlela engeyiyo ukuze ndizifumanele inzuzo, ezopolitiko ezenza ndenze oko okanye naso nasiphi na isizathu.
Ndiya kuwusa ngaphambili kwabaphetheyo umsebenzi wezenzo zobubi, urhwaphilizo kunye nempatho embi.
Ndiya kuzamela ukwenza izenzo ze-SANDF zibe zezilungileyo gokuthi ndenze izinto zibe phantsi kolawulo,ndigcine izinto ngendlela ndivelise ubuchule kunye nolwazi, kwaye ndenze imisebenzi yam ngokuthi ndisebenze kanzima.
IMIGAQO YEMFAZWE
Kumaxesha okulwa omkhosi ndiya kuqhuba ngokwemigaqo yomthetho yoluntu njengokuba ifumaneka kwi-Geneva Conventions:
Ndiya kulwa kuphela utshaba ekuliwa nalo kwaye ndisebenzise kuphela iinjongo zomkhosi.
Ndiya kusebenzisa iindlela zokuhlasela ukuphumelelisa iinjongo zomkhosi ndingonakalisanga ubomi kunye nepropathi yabemi.
Andiyi kuhlasela okanye ndenzakalise utshaba oluxhomayo. Ndiya kuthatha izixhobo zabo kwaye ndibathathe njengamabanjwa emfazwe.
Andiyi kuwabulala, ndiwangcungcuthekise okanye ndiwaphathe kakubi amalungu emfazwe.
Andiyi kutshintsha indawo yogcino lwezixhobo ngenjongo yangabom ukwandisa inkxwaleko.
Ndiya kuqokelela kwaye ndikhathalele abenzakeleyo, abaphukelwe yinqanawa kunye nabagulayo, nokokuba ngumhlobo okanye utshaba.
Ndiya kubaphatha ngobuntu bonke abemi.
Andiyi kunyamezela okanye ndibandakanyeke kudlwengulo okanye ekuthathweni kwezinto zentshaba.
Ndiya kuhlonipha zonke izinto zenkcubeko kunye nendawo zesidima.
Ndiya kubahlonipha bonke abantu kunye nezinto eziphathelele noMnqamlezo Obomvu (Red Cross), I-Red Crescent kunye nayiphi na imiboniso yoluntu.
Ndiya qonda okokuba ukungathobeli le migaqo kukona. Oko kuthi kwehlise isidima sabantu bomkhosi benkonzo zikawonke wonke kunye nelizwe labo, kwaye kubenze bohlwaywe njengaboni bemfazwe. Ndiya kuthi ke ndixele kubaphathi nayiphi na impatho embi yemigaqo.
Overview
Umhla wopapasho: Februwari 2000
Ixhaswwe ngezimali lumanyano lwaseYurophu oluphantsi kwenkquo yaseYurophu eyenzelwe ulwakhiwo ngokutsha nophuhliso.
ISIQULATHO
1. Yintoni uphahla lwemigangatho yemfundo jikelele (NQF)? 
2. Kutheni uMzantsi Afrika ukhethe uphahla lwemigangatho yemfundo jikelele? 
3. Isekwe njani i-NQF? Imbali emfutshane 
4. Ziyintoni iinjongo ze-NQF? 
5. Buyintoni ubudlelwane phakathi kwe-NQF nemfundo esekelwe kwiziphumo? 
6. Yintoni iziphumo ezingundoqo? 
7. Injani inkangeleko yalemigangatho yemfundo ye-NQF? 
8. Ikhangeleka njani i-NQF yethu? 
9. Yintoni igunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika (SAQA)? 
10. Ngawaphi amacandelo eSAQA kwaye iyintoni injongo yawo? 
11. Liya kugcinwa njani ixabiso nomgangatho xa kuvavanywa? 
12. I-SAQA ikuqinisekisa njani ukwamkeleka kweenkqubo zayo kumaqela athabatha inxaxheba? 
13. I-SAQA iqinisekisa njani ukuba ixabiso libonakale kwinkalo zonke ze-NQF? 
14. Ingaba i-SAQA ikuvuma njani ukwamkelwa kwemfundo efunyenwe ngaPhambili (RPL)? 
15. Yintoni enye eyenziwa yiOfisi yeSAQA? 
16. Amaxwebhu omthetho kwakunye neminye imipapasho ye-SAQA 
17. Uluhlu lweenkcazelo nezifinyezo-magama angoonobumba 
18. Uluhlu lwababhali kunye namaqaku 
Injongo ye-SAQA
Kukuqinisekisa uphuhliso nokusetyenziswa kophahla lwemigangatho yemfundo jikelele elithi libenegalelo kuphuhliso olupheleleyo kumfundi ngamnye nakuphuhliso lwezentlalo noqoqosho lwesizwe siphela.

1. Luyintoni uphahla lwemigangatho yemfundo jikelele (NQF)?
Yinkqubo esisiseko i.e. isika imida - imigaqo nezikhokelo ezinika imibono, ezinze kuphando nobume bemibutho - ukwenzela ukwakhiwa, kule meko, inkqubo yemigangatho yemfundo. Uphuhliso oluphangaleleyo kwanokusetyenziswa kwayo yenziwa phakathi kule mida. Yinkqubo yesizwe kuba inguvimba wesizwe emele ilinge lesizwe lokudibanisa imfundo noqeqesho libe phantsi kophahla olunye lwemigangatho yemfundo eyamkelekileyo. Luphahla lwemigangatho yemfundo i.e. kukhankanywa okuzuzwe ngumfundi.
Ngokufutshane, i-NQF luluhlu lwemigaqo nezikhokelo ekuthi iziphumo zokuzuzwe ngumfundi zithi zibhalwe ukuze zibe nokwaziwa jikelele kumanqanaba obuchule kwakunye nolwazi olufumanekileyo, ngako oko sibe nenkqubo ehlanganisiweyo ekhuthaza imfundo yexesha elide.

2. Kutheni uMzantsi Afrika ukhethe uphahla lwemigangatho yemfundo jikelele?
Ngonyaka ka-1994 uluntu lwehlabathi liphela lakubona ukuzalwa kwentando yesininzi kwaye lwamkela uMzantsi Afrika omtsha njengelona lungu litsha kubuhlanti behlabathi liphela. Ekulamkeleni elo wonga, eli lizwe layithabatha imingeni enxulumene naloo ndawo.
Ukwenyuka kwezinga labasebenzi abanezakhono luneziphumo ezithe chatha singabalula ngokubanzi ukukhuliswa kwesiphiwo esisebenzayo nesinobunkcuba-buchopho sesizwe. 
Amazwe amaninzi kwihlabathi liphela afuna iindlela ezingcono zokufundisa abantu bazo nokulungisa iinkqubo zawo zemfundo noqeqesho ukuze nawo abe nendawo phakathi kwezoqoqosho ezinokhuphiswano kwihlabathi liphela. Ngaphezu koku, ihlabathi yindawo esoloko itshintsha-tshintsha, ngokwezopolitiko, ngokwezokuma kwelizwe nangokwezobuchwephesha. Ngokwenene, utshintsho olukuqhubela phambili ngokukhawuleza kwezobuchwephesha zalenkulungwane yamashumi amabini ziye zabeka imfundo phantsi koxinzelelo olukhulu njengoko zizama ukuziqhelanisa kwaye zifake ezinguqulelo ngeenzame zokukhupha abantu abanobuchule kwakunye negalelo, basebenze ngokugqibeleloyo kwaye bakwazi ukuziqhelanisa neemeko ngeemeko. Impumelelo, okanye ukuphila, kwihlabathi elinjalo kugunyazisa okokuba uMzantsi Afrika ube nenkqubo yemfundo noqeqesho jikelele olubonelela imfundo enexabiso, elizakuba yimpendulo kwimpembelelo ezisoloko ziguqu-guquka ngenxa yemeko ezisingqongileyo kwaye ikhuthaze uphuhliso lwesizwe elizibophelele ekufundeni ubomi baso bonke.
Xa abafundi besazi okokuba kukho iindledlana ezicacileyo zokufunda, ezenza ukuba kufikelelwe, kuqhutywe kuze kuhanjelwe phambili kwiindlela zemfundo noqeqesho, banokuthi babe nomdla omkhulu wokuphucula izakhono zabo nolwazi, nanjengoko olo phuculo luya kwandisa amathuba abo engqesho. Ukunyuswa kwenani labasebenzi abanobuchule kunentsingiselo oko kukuthi ukukhuliswa kwesiphiwo esisebenzayo nesinobunkcuba-buchopho sesizwe, ukuze ke ngako oko kwandiswe amathuba ethu okuphumelela phakathi koluntu lwehlabathi.
UMhlekazi uChristopher Ball (1996) xa echaza uhlobo lomfundi ofanelwe ukuba amelane nenkulungwane yama-21, wathetha "ngeengcali ezinokuguqu-guquka zezinto-yinto". Lo kaBall wayenoluvo lokuba abantu abanjalo bayafuneka ukuze bayiqonde kwaye bafikelele kwinjongo yokufunda ubomi babo buphela, ngokuthi ukuphila kwabantu ubomi obude, kuza kwenza ukuba kubekho ubomi obunempumelelo kwinkulungwane elandelayo. Ezi "ngcali zinokuguqu-guquka zizinto-yinto" zixhotyiswe ngolwazi oluyimfuneko, ubuchule nezinto zexabiso ukuze zimelane ngokulula neenguqulelo ezininzi kwimingxilo ngemingxilo ukuze zenze ngokuziphuhlisa ngokwazo, zingenza igalelo elivakalayo kubomi beli lizwe nakwahlabathi liphela. Ukushenxa kwindlela yokucinga ibifudula iyimfundo ukuze ube nokufumana ingqesho - kuphuhliswa isakhono sokwenza umsebenzi othile - kuyiwe kwimfundo ukuze ube nokuqesheka - kuphuhliswe isakhono sobugcisa sokuziqhelanisa nezakhono ezifumaneka kwiimeko zemisebenzi emitsha. Inkqubo entsha yemfundo noqeqesho kufuneka ibe nakho ukuxhasa ingcamango yeqela labasebenzi abakwaziyo ukuziqhelanisa neemeko ezithile.

3. Isekwe njani iNQF? Imbali emfutshane
Intsusa-mabandla ye-NQF yintshukumo yabasebenzi phaya ebutsheni boo-1970. Ukususela ebutsheni boo-1970, iimfuno zemibutho emnyama yabasebenzi zokuba bafumane imivuzo abanokuphila yiyo, zakhatywa zikhatyiwe ngabaqeshi, ngezizathu zokuba abaqeshwa abanazakhono ukuze ke ngoko iimfuno zabo zingabi nasihlahla. Oku kwabangela ukuba abasebenzi abamnyama balubone uqeqesho njengendlela yokufikelela kwiimfuno zabo zemivuzo engcono. Umzabalazo wokubacenga kwade yayiminyaka yoo-1980 kwaze kwathi ngo-1989 iManyano yabasebenzi besiNyithi boMzantsi Afrika (NUMSA) , yaseka iqela lophando elibandakanya abasebenzi namagosa emanyano, ukuba baqulunqe iingcebiso ezingoqeqesho. Ngethemba lokuba uphuhliso lobugcisa luya kukhokelela kwimivuzo engcono, kwaqulunqwa icebo elihlangeneyo, elisekelwe kwindlela emisiweyo yokuphuculwa kobugcisa, nethe yadityaniswa nendlela ehleliweyo yokunyuka ngokunyuka.
Eli cebo laye layigxininisa imfuneko yokokuba kungabikho imfundo esisiseko kuphela, ekungathi ingekho abasebenzi bangabi nakho ukufikelela kwinkqubo ecetywayo, koko kujongwe ukuba ibe nakho ukuguqulwa nokuba iqwalaselwe ngokwesizwe ukuze uqeqesho labasebenzi lungaxhomekeki kwiinceba neemfefe zomqeshi omnye. Eli cebo laye lamkelwa ngokusesikweni yiManyano yabaSebenzi (COSATU) ngoJulayi 1991.
Phakathi kwiminyaka yoo-1970 kwabakho imfuno yenguqu kwezemfundo, eyathi yakhokelwa licandelo lezemfundo elingelolikarhulumente. Uqhanqalazo lwabonakala ngokumandla ngovukelo-mbuso olwenziwa ngabafundi eSoweto ngonyaka we-1976, nolwathi lwalandelwa luvukelo lwabafundi belizwe lonke. Kwiminyaka yoo-1980 inkqubo yemfundo yachaswa kwilizwe liphela oku kwabangela ukuba kusekwe Inkqubo eLilinge lokuPhuhlisa iMfundo, laphuhlisa amacebo enkqubo yohlengahlengiso lwemfundo emiselweyo. Xa kujongwa iingxoxo namaqela ngamaqela anomdla kumanyano lwentando yesininzi, iingxelo ze-NEPI kunye nophahla, ezapapashwa ngonyaka ka-1992, zazijolise kwimigqalisela engenabuhlanga, ukungajongi sini, intando yesininzi nokulungiswa kweemeko ezazingahambi kakuhle kunye nemfuneko yenkqubo ecalanye yezemfundo noqeqesho, engenabuhlanga. I-Cosatu yayibandakanyeka ngokupheleleyo nenkqubo ye-NEPI - imanyano eyathi yaqhuba ngethuba elakhokelela kunyulo lwentando yesininzi ngonyaka ka-1994.
Ngaphandle kwentshukumo yabasebenzi eyayiphinda-phinda, abafundi bagunyazisa ukuba kubekho inguqu, urhulumente owayesezintanjeni waye wakubona ukungafaneleki kwakhe, ukuba anyamezele azikhabe ezo mfuno.
Isibhengezo esenziwa nguMongameli u-de Klerk ngonyaka ka-1990 senjongo karhulumente yokudiliza inkqubo yocalulo, oko kwaye kwanikwa amandla okuqhubela phambili, kwaze kwangumqondiso wenguqu kwiimfuno zabasebenzi nabafundi. I-sebe lokuSetyenziswa kwaMandla oLuntu, ngokusebenza neBhodi yesiZwe yezoQeqesho (NTB) yathi yaqalisa amalinge amaninzi ukusukela ngeminyaka yoo-1980, apho kwakugxininiswa ekuhlengahlengisweni kwenkqubo eveza iziphumo ibeyinkqubo yoqeqesho ngokweziqingatha ezisekelwe kwiziphumo neqhutywa ziibhodi zoqeqesho kwezoshishino. Kambe iimanyano zayibona ukuba le nkqubo ineziphene, njengokuba yayi ngabandakanyi abasebenzi, kodwa ngenxa yokuba iingcebiso namacebo avela kumalinge ayejoliswe ngokubanzi kulenkqubo yeziphumo kodwa ingabandakanywa imfundo esisiseko, eyayibonwa njengokuqaliswa koqeqesho lwezakhono. Emva kobudlelwane obude obuhlabanayo, iSebe lokuSetyenziswa kwaMandla oLuntu kunye neemanyano zabasebenzi zaye zadibana kwakhona ngonyaka ka-1992 ngenzame zokuyihlaziya le nkqubo.
ISebe lemfundo lathi kwangaxeshanye lasungula inkqubo yalo yokuxoxwa kwenkqubo, iyinto eyazala ubuchule bokuhlaziywa kwezemfundo (ERS). Amaqela amanyeneyo ngokwentando yesinini kwicala lezemfundo aye amenywa ukuba athabathe inxaxheba kule nkqubo, kodwa asala eso simemo ngesizathu sokuba elo linge alinasihlahla kwaye lingaphehlelelwanga ngokusesikweni. Ngaphezulu, i-ERS yaye yaxhasa imingxilo emithathu - eyezifundiswa, eyobizo lomsebenzi kunye nenxulumene nobizo lomsebenzi - amaqela amanyeneyo ngokwentando yesininzi ayifumana ingaginyisi mathe lenkqubo. Icandelo labaqeshi kwezemfundo lathi kambe, lathabatha inxaxheba kule nkqubo, laze laphembelela inkqubo enophahla engaqukunjelwanga kakuhle efana naleyo yathatyathwa lilizwe laseSkotilani nelase New Zealand.
Ngonyaka ka-1992 intlanganiso yeSebe lokuSetyenziswa kwaMandla oLuntu kunye nembumba yabasebenzi yaphuma kwinto yokuba kusekwe iQela lomSebenzi elimele abantu ngabantu, elathi laseka amaqela asibhozo asebenzayo ajongene nokuphuhlisa indlela yobuchule yesizwe yezoqeqesho. La maqela asebenzayo aye anabameli abavela kwiimanyano zabasebenzi, abaqeshi, uRhulumente, ababoneleli bemfundo noqeqesho, iSebe leMfundo le-ANC kunye namaqela axhasa intando yesininzi. Iqela elisebenzayo elingunombolo-2 laye lafikelela kwisivumelwano malunga nophahla olutsha oluhlanganisa konke. Ngonyaka ka-1994 kwapapashwa amaxwebhu amathathu awaseka umthetho weSAQA (RSA,1995): inkqubo ye-ANC yoPhahla lweMfundo noQeqesho (1994); uXwebhu lweeNgxoxo neLinge lobuChule noQeqesho Jikelele (1994); kwakunye nesiCwangciso seCEPD sokuphumeza iMfundo noQeqesho (1994); AmaXwebhu eeNgxoxo ngeMfundo noQeqesho (1995); kunye nangoLwakhiwo ngokutsha noPhuhliso (1994) aye alandela , omabini lamaqela ayigxininisa imfuneko yophuhliso nokuphunyezwa kwe-NQF.
IQela eliSebenzayo labaPhathiswa laye lasekwa okokuba liqulunqe umthetho osayilwayo owathi wamkelwa wangumthetho li-Gunya lemiGangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika phantsi komthetho ongu (No. 58 wonyaka ka-1995) ngomhla wesi-4 ku-Oktobha ka- 1995. Unyulo lokuqala lamalungu aphetheyo lwenziwa ngoMeyi ngonyaka ka-1996 yaza intlanganiso yokuqala yamalungu aphetheyo ngaphantsi koSihlalo uMnu S B A Isaacs, yabanjwa ngoAgasti ngonyaka ka-1996.

4. Yintoni iinjongo zeNQF? 
Iinjongo zeNQF njengoko zandlelwe kumthetho weSAQA zezi zilandelayo:
* Ukudala uphahla oludibeneyo ngeenjongo zokufikelela kwezemfundo. 
* Ukuphembelelela ukuba kufikelelwe, kushukunywe kuqhutyelwe phambili kwimfundo, uqeqesho kunye namakhono ezemisebenzi. 
* Ukukhulisa uhlobo oluphambili lwemfundo noqeqesho; 
* Ukukhawulezisa ukulungiswa kocalulo olunesheyi lwangaphambili kwimfundo, uqeqesho kunye namathuba engqesho; 
* Ukwenza igalelo kwinkqubela - phambili yomfundi ngamnye kunye nophuhliso lwezentlalo noqeqesho lwesizwe ngokubanzi. 

5. Buyintoni ubudlelwane phakathi kwe-NQF nemfundo esekelwe kwiziphumo?
Imigangatho yemfundo ebhalisiweyo kwi-NQF ichazwa ngokweziphumo zemfundo ekufuneka ziboniswe ngumfundi kwinkqubo yemfundo noqeqesho ecwangciswe ngokunxulumene neziphumo zemfundo.
Enye yezinto ezaye zigxekwa kwinkqubo yamandulo yemfundo eMzantsi Afrika kukuba amaziko athile ayexhamla kunamanye ngenxa yenkqubo yokungalingani kokwabiwa koovimba kula maziko emfundo, okwakusekelwe kubuhlanga. Ukongeza, ngenxa yolucalulo ngokwezimali yanda into yokuba umgangatho wobonelelo kula maziko ube ngaphezulu kunamanye amaziko. Ngenxa yoko, abafundi abavela kula maziko baye banikwa impatho engcono ukuba bafikelele kumathuba emfundo athe xhaxhe nakwiimalike zengqesho. Ngamanye amazwi, kwimeko apho umgangatho wemfundo ekufikelelwe kuwo ubaluleke ngaphezulu kunoko kwaziwayo ngabo bafundi bagqiba ezo zifundo nento abanokuyenza. Ukongeza kwezi ngxaki zokufikelela kule mfundo, kwakukho ingxaki yokusiwa ngapha nangapha kweemeko ezithile apho amaziko avela engabhungisanga azikhethele ukwamkela okanye angamkeli imigangatho yemfundo efumaneka kwamanye amaziko; abaqeshi babefuna abanezidanga abaphuma kumaziko athile bangabahoyi abanezidanga abavela kwamanye amaziko. Igalelo lale nkqubo kwezoqoqosho nezentlalo liyabonakala.Kungoko ke kukho ukunyamezeleka ngokwezembali nasekucalu-calulweni koluntu, ukuba kugxininiswe koko kwaziwa ngumfundi noko anokukwenza kunokuba kujongwe apho umfundi wayefunda khona. Kuyimfuneko ukuba ilungiswe indlela yokusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwemigangatho yemfundo nto leyo ebikade iyinxalenye yembali yethu.
Enye into enyanzelisayo ekubeni i-NQF yethu siyisekele kwiziphumo iye yavela kwiinkqubo neengxoxo zehlabathi. Inkcazelo kaRonald Barnett ngengqibelelo kwimfundo ephakamileyo ingumfuziselo weentlobo zenguqu ezenzekayo kwiinkqubo zemfundo noqeqesho kwihlabathi liphela.
"Isigama esitsha kwimfundo ephakamileyo luphawu lokuba uluntu lwale mihla luzame ukufikelela kwezinye izichazi-magama ngolwazi nokuqiqa. Iingcinga ezingesakhono, ubizo, ukutshintsheka, ingqibelelo, iziphumo ukwazi ukufunda ngokusebenzisa amava kunye namalinge, xa ezi zinto zidityanisiwe ukze zibonise okokuba izicazi-magama zolwazi zesithethe zibonakala zingafanelanga ukumelana neengxaki zeenkqubo ezinabileyo kuluntu lwanamhlanje olujongene nazo. 
Nangona ezo zichazi-magama zesithethe zazigxininisa kulwimi, ngakumbi ekubhaleni, inkqubo ephandle yoqhagamshelwano, neenkqubo eziqingqiweyo nezijongene noluleko,isigama esitsha sikhuthaza ukuba imfundo ephakamileyo ilivumele igama elithi ulwazi liqulathe ulwazi ngesenzo, iziphumo ezithile zenkqubo yokufunda, kunye neendidi ngeendidi zobuchule." (Barnett, 1994:71).
Ukuba uMzantsi Afrika uza kuthabatha indawo yawo phakathi kwamazwe ehlabathi, kufuneka usithabathe esi sigama sitsha athetha ngaso uBarnett: ingqibelelo kunye neziphumo. Amazwe ase-Yurophu, umbindi we-Pasific, I-Australia nomNtla-Melika aye aluthabatha okanye athabatha iindlela zawo zabhekisa ngakwicala lophahla lwemigangatho yemfundo jikelele, emva kokuqinisekisa ukuyixhasa ngezimali. Umzantsi Afrika awunako ukungazinanzi ezi meko zophuhliso. IGunya lemiGangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika nokugxininisa kwayo kuluvo lwengqibelelo esebenzayo- ingaba nakho ukusebenzisa kwingxam ephathelelene noko kwiziphumo zokufunda ezithe zazuzeka ngokufumana imfundo-selisenza igalelo kwezi ngxoxo nezinto eziqhubekayo.
Okunxulumene nokokuba ulwazi lufuna ukunikwa inkcazelo ngokutsha kukuba kuqwalaselwe okokuba iindawo zemfundo zininzi kwaye zahlukene. Izichazi-magama zesithethe zolwazi ziye zawahlela amaziko amiselweyo emfundo njengendawo ephambili yemfundo. Olu luvo luye lwaxhaswa yinto yokuba kwiimeko ezininzi, iziko liye likhuphe isiqinisekiso-mfundo phambi kokuba kuthatyathwe naziphina izifundo zokwenziwayo ngumfundi. Ngamanye amazwi, emva kokuba sikhutshiswe isiqinisekiso-mfundo, ukufunda kugqitywe - kwaye ngaphandle kokuba umfundi uyabhalisa abhalisele ezinye izifundo ezitsha ezimiselweyo, ukufunda uya kuba ukugqibile ubom bakhe bonke. Oku kuthambekela kwicala elinye lemfundo-nesiphelo kuyahlabana nokwenzekayo kwaye kungako oko uXwebhu lweNgxoxo olungeMfundo noQeqesho ( 1995:15) lukuphawula njengemfuno yemfundo noqeqesho lokufumana ezoqoqosho kwanoluntu olunempumelelo:
"Izinto zoqoqosho zale mihla kwanoluntu ezinempumelelo zifuna ukuba kuguzulwe izintlu ngokulandelelana zabasemagunyeni ezifane nje zenziwa, neziyimilinganiso, kubune ngokwezentlalo, ekumisweni ngendlela nolawulo lomsebenzi nangendlela imfundo emiswe yaze yaqiniselwa ngayo. Zifuna ukuba kubekho abemi abanesiseko esomeleleyo semfundo ngokubanzi, umnqweno namandla okufnda, ukuqiqhelanisa nokongezelela ulwazi olutsha, izakhoono ubuchwepheshe ukuthi ube ukulowaa ngaphandle kwengxaki, ukuthabatha uxanduva ngomsebenzi nendlela umntu asebenza ngayo, ukubeka nokufikelela kwimigangatho ephezulu, nokusebenza ngokuphathisana."
Ukuba ubani uyayivuma ukuba imfundo le ayingomgca wempuku nokokuba ukufunda kuyaqhuba phambi nasemva kokuba kukhutshwe isiqiniselo-mfundo kwiindawo ngeendawo zemfundo, ukuze ke kube nokudityaniswa kuze kuyondelelaniswe kwalapha kwinkqubo ukuze ukufikeleleka kuyo kube yinto ebonakalayo neyinyani, kuyimfuneko ukuba zaziwe kakuhle iziphumo zengqibelelo emfundweni.
Okokugqibela uMthetho weGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika (No.58 wowe-1995) uchaza okokuba omnye wemisebenzi yeGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika kukuqinisekisa okokuba imigangatho-mfundo nemigagatho ezibhaliswe kwiNQF zinokuthelekiswa nezo zamazwe ngamazwe ehlabathi. Nanjengoko inkqubo yehlabathi iyileyo ikekelele ekuchazeni iziqinisekiso-mfundo ngokokweziphumo zemfundo ezizuziweyo, ukudityaniswa kwemigangatho-mfundo yeloMzantsi Afrika kunye naleyo yamaziko angabalingane bawo oMzantsi Afrika, kuthi kube nokwenzeka ukuba imigangatho-mfundo yethu ichazwa ngokokweziphumo zemfundo.
INQF nokuzinikela kwayo kwimfundo noqeqesho ezisekelwe kwiziphumo yindlela uMzantsi Afrika oyikhethileyo ukuze kubekho inguqu ecwangcisiweyo kuhlobo lwemfundo noqeqesho. Le nguqulelo icwangcisiweyo kujongwe ukuba iyiguqule indlela inkqubo yemfundo noqeqesho ezisebenza ngayo njengenkqubo, indlela ecwangciswe ngayo kunye nembono ebagcine kule nkqubo abo bathabatha inxaxheba njengoko besenza iindima zabo ezithile kwanemisebenzi kwakuloo nkqubo.

6. Ziyintoni iziPhumo ezinguNdoqo?
Iziphumo ezinguNdoqo kwimiNgxilo eXubeneyo yeMfundo noQeqesho, ezaziwa ngokuba ziziPhumo ezinguNdoqo, yindlela eyongezelelweyo yokufumana uyondelelwano kolu phahla. Ezi ziPhumo zinguNdoqo zichaza iimpawu ethi i-NQF izibalule xa kuphuhliswa abafundi kwinkqubo yemfundo noqeqesho, nokokuba loo mngxilo uthile okanye ingxam yokufundwayo i.e. ezo ziphumo ekuthatyathwa ngokuba zingundoqo ukuze ukufunda kube kokwexesha elide. Ezi ziphumo kujongwe okokuba zincedise kwaye zibe sisikhokelo ekucingeni kwabaqulunqi-nkqubo, abasungula imigaqo yemfundo, abancedisa kwimfundo nabafundi ngokwabo.
Kunyanzelekile okokuba abo bamisela imigangatho bazifake iziPhumo ezinguNdoqo ezithile kuloo migangatho bacebisa yona, kwaye abacebi bemigangatho-mfundo kufuneka baqinisekise okokuba zonke iziPhumo ezinguNdoqo ziye zaphononongwa kakuhle kulomgangatho uchaphazelekayo njengawo lowo mgangatho kujongwe kuwo.
IziPhumo ezinguNdoqo ezisetyenziswa yi-SAQA zezi zilandelayo:
* Ukwalatha nokusombulula iingxaki ekuthi iimpendulo zazo zibonise okokuba izigqiboezizizo zenziwe apho kuthe kwacingisiswa phantsi kweliso elibanzi nangendlela yokuyila; 
* Ukusebenza ngokunemfezeko nabanye njengelungu leqela, umbutho, uluntu; 
* Ukulungelelanisa nokuziphatha kunye nokujonga izinto ozenzayo kakuhle nangokunemfezeko; 
* Ukuqokelela, ukuhlela, ukulungelelanisa, nokuphonononga ngeliso elibanzi ulwazi; 
* Ukuqhangamshelana ngokukuko kusetyenziswa izakhono zezinto eziboniswayo, izibalo kunye okanye ilwimi xa kuqhutywa izifundo ezenziwa ngomlomo okanye okubhaliweyo; 
* Ukusebenzisa ezenzululwazi nobugcisa ngokunemfezeko nangeliso elibanzi, kubonakaliswe ukuthwala uxanduva kwizinto ezisingqongileyo nempilo yabanye; 
* Ukubonisa ingqiqo kwihlabathi njengenkqubo ezinxulumeneyo ngokuyithathela ingqalelo into yokuba izinto ezifuna ukusonjululwa azihambi nje zodwa; 
Ukuze kube nokwenziwa igalelo kwinkqubela-phambili yomfundi ngamnye kunye nophuhliso lwezentlalo nezoqoqosho loluntu ngokubanzi, kufuneka ukuba ibe yinjongo yayo nayiphina inkqubo yezemfundo okokuba imenze umntu akwazi ukubaluleka:
* Ukubonakalisa nokuphononga iindlela ngeendlela zobuchule ukuze kube nokufundwa ngokunemfezeko ngakumbi; 
* Ukuthabatha inxaxheba njengabemi abanoxanduva kubomi babantu baloo ndawo, abesizwe kunye nabehlabathi; 
* Ukuvakalelwa ngokwezithethe nangokothando lwezinto ezintle kwizinto yinto zasentlalweni; 
* Ukuphonononga amathuba ezemfundo kwanomakhondo, kwaye 
* Ukuphuhlisa amathuba ezorhwebo noshishino. 

7. Injani imigangatho yemfundo ye-NQF?
Imigaqo ye-NSB ichaza ukuba umgangatho wemfundo uyakuthi:
* Ubonise ukudibana kweziphumo zemfundo ngendlela ecwangcisiweyo okunenjongo ecacisiweyo nejonge ukubonelela abafundi abafanelekileyo ngengqibelelo enokusebenziseka kwanesiseko semfundo ethe xhaxhe; 
* Wongeze ixabiso elifaneekileyo kumfundi ngokubonelela ngomngangatho, ukwaziwa, ukwandisa ukuthengiseka kwanokuqesheka; 
* Ubonelele ngenzuzo kuluntu nakuqoqosho; 
* Uhambelane neenjongo ze-NQF; 
* Uqulathe iziphumo ezithe ngqo nezingundoqo kwimingxilo exubeneyo ekhuthaza ukufunda kwexesha elide; 
* Apho usebenza khona, ube nokuthelekiswa namazwe ngamazwe ehlabathi; 
* Ubandakanye iindlela zovavanyo ezixubeneyo ukuqinisekisa ukuba injongo yemfundo kuyafikelelwa kuyo. Uvavanyo kufuneka lubandakanye iindlela ezimiswe kakuhle nezishwankathelweyo zovavanyo ezinjengezikhundla, ukulinganisa uvavanyo kwiindawo zomsebenzi kwakunye neemviwo ezithethwayo nezibhalwayo. 
* Ubonise imigaqo elawula ukunikezelwa kwesiqinisekiso semfundo okokuba umgangatho wemfundo kunokufikelelwa kuwo ngokupheleleyo okanye ngokuyingxenye ngokuthi kuthathelwe ingqalelo imfundo eyayifunyenwe kwangaphambili, nto ke leyo ibandakanya kodwa ingaphelelanga kwiziphumo zemfundo efunyenwe ngemfundo emiselweyo, engamiselwanga nemfundo-gabalala kwakunye namava omsebenzi. 
Kukho ulungiselelo kule migaqo ngokubhaliswa kwemigangatho yemfundo equlunqwe kwimigangatho yobumbano. Umgangatho wobumbano uthetha iingxelo zeziphumo zemfundo ezibhalisiweyo noqeqesho olunqwenelwayo kwakunye neenkqubo zazo zokuvavanya ezinxulumeneyo kwakunye nezolawulo kwanolunye ulwazi nanjengoko kucacisiwe kwimigaqo. Zombini ezi ndlela zokuma kwemigangatho yemfundo kambe zifuna kucaciswe iziphumo zokufunda, le indlela yamva nje ifuna kucaciswe izigaba zokugqibela zemfundo kwakunye neenkqubo zovavanyo ezinxulumeneyo.
Inkulu ingxoxo malunga nokwenza okanye umnqweno wokufikelela kwisivumelwano malunga neziphumo zokufunda kumgangatho wesizwe okanye ngaphezu koko, malunga nokuchaza ezi ziphumo zokufunda ngokokwemigangatho yengqibelelo enokusebenziseka. I-SAQA iye yayibeka imfuno yokuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zesizwe zamaqela achaphazelekayo, oku ikwenze kuphela kulo migangatho yemfundo kwanamabanga aza kubhaliswa kwi-NQF ukuze ibe nokwamkeleka kumgangatho wesizwe ekufuneka yamkelwe ngamaqela esizwe athabatha inxaxheba. Ngaphezulu koko abaqulunqi bemigangatho yemfundo nemigangatho bangakhetha ukuba ngqongqo okanye baphulele xa bequlunqa imigangatho yemfundo namabanga, bavulelele ukuba kukhethwe okanye kungakhethwa. Amandla eenkqubo ze-NQF asekubeni abameli bawo onke amaqela angundoqo athabatha inxaxheba kwimingxilo yezemfundo, ingabiloqaqobana nje, ikwangawo aya kuthi athabathe ezo zigqibo. Ngaphezulu koku, inkqubo yoqwalaselo ngokutsha, yonke imigangatho yemfundo namabanga kufuneka iqwalaselwe ngokutsha ngokuthe gqolo ukuqinisekisa okokuba iinkqubo neemfuno ekuvunyelwene ngazo zibe nokusebenza, zibe zeziphatheleleneyo kwaye ibe zezinqwenelekayo. Ukuba kukho isivumelwano sokuba kufuneka inguqulelo, lininzi ithuba lokuba ezo nguqulelo zenziwe.
Kuthi ke kuvele eyona ngxuba-kaxaka ngale ngcamango yeziphumo zokufunda kwanemigangatho yengqibelelo. Abanye abantu beza nengxaki yokuba iziphumo zokufunda zemigangatho yengqibelelo umz. imigangatho esaqulunqwayo yemigangatho yemfundo yobuNjineli. Kambe, kwimeko yeminye imigangatho yemfundo, oku kunzima nangaphezulu kuba iziphumo zokufunda azicacanga kakhulu okanye azithanga ngqo. Naliphina ilinge elizama ukuba kubekho imvumelwano yesizwe liya kubangela ukuba kubekho ukuziyilela nokuba into ibe nentsusa xa enyanisweni ikukuba nokuziyilela i-SAQA inoluvo lokuba ukuchazwa komgangatho wemfundo we-NQF uphendula le ngxaki i.e. umgangatho wemfundo uyakubonisa ukudibana ngendlela ecwangcisiweyo kweziphumo zemfundo okunenjongo ecacisiweyo nejonge ukubonelela abafundi abafanelekileyo ngengqibelelo enokusebenziseka kwanesiseko semfundo ethe xhaxhe.
Xa kuchazwa injongo yomgangatho wemfundo ababeki-migangatho kufuneka banike ingqwalaselo ngenjongo yomgangatho wemfundo ukuba ithini na, nokokuba yenza galelo lini kwinkqubela-phambili yomfundi kwanemfundo yakhe ethe xhaxhe.
Ngaphezulu koku, ingcamango yengqibelelo enokusebenziseka ithetha ukwandiswa kweengcamango zabanenkolo yokwenzeka kwezinto ngokulawulwa ziingcinga novakalelo, ngolwazi ezidla ngokunxulumaniswa neziphumo kwakunye nemizekelo yengqibelelo. Ingqibelelo enokusebenziseka ithetha ingqibelelo esisiseko, ingqibelelo yokwenziwayo nengqibelelo ejoliswe kumenzi zonke ezi zinto ziyimfuneko ekufezekiseni ngendlela eyiyo nevakalayo komsebenzi kuyo nayiphina imeko ekhoyo ehlabathini. Ingqibelelo esisiseko ichazwa njengendlela yokuqonda oko kwenziwayo nonobangela woko. Ingqibelelo yokwenziwayo ichazwa njengokuba nakho ukwenza into ethile. Ingqibelelo ejoliswe kumenzi ichazwa njengendlela yokuba nakho ukunxulumanisa okanye ukudibanisa okwenziwayo nokuqonda oko kwenziwayo ukuze kube nokufundwa kwizinto ezenziwayo kuze kumelwane neenguqulelo kwaneemeko ebezingalindelekanga.
Kungoko ke umngeni kubabeki-migangatho ungowokuba kujongwe kulungelelaniswe iimfuno zoluntu kunye neemfuno zomntu ngamnye, ukuphuhliswa kweziphumo zemfundo ezingqalileyo kangangokude zibonise injongo yomgangatho wemfundo ukuze zibe banzi ngokwaneleyo zide zivumele ukungabikho ngqongqo xa kuqhutywa, kukhethwa okuqulathiweyo, indlela yovavanyo, ulungelelwaniso phakathi kwemfuno yengqibelelo yokwenziwayo kwakunye nemfuno yengqibelelo esisiseko nejoliswe kumenzi, ukwamkelwa kokuqulunqwa kwemigangatho yemfundo, mhlawumbi ngokuthi ngezifundo ezikhethiweyo ngumfundi, okukhuthaza ukuziyilela, ukuba nentsusa kwento kunye nokulinga ingakhange ibe ibekwe emngciphekweni eyona njongo iphambili yomgangatho wemfundo. 
Imigangatho yemfundo namabakala abhaliswa kwimigangatho ethile yophahla kwaye anexabiso. Abafundi ngethuba befunda bangaqokelela amanqaku ngalo lonke elo xesha bejolise ekubeni bafumane umgangatho-mfundo othile.

8. Ikhangeleka njani i-NQF yethu?
I-SAQA isebenzisa uphahla olumigangatho isibhozo apho umgangatho woku-1 nowesi-8 ngokulandelelana kwayo ithatyathwa njengevulelekileyo. Umgangatho woku-1 ubonelela imigangatho yeziqiniselo yemfundo noqeqesho yabadala esisiseko (ABET) kwakunye neSatifikethi semfundo noqeqesho ngokubanzi.
Umgangatho
Ibhendi
Uhlobo Lomgangatho wemfundo
8 
7
6
5
Imfundo
ephakamileyo
noqeqesho
* Izidanga kwezophando kwimfundo engaphaya kweyobugqirha. 
* Izidanga zobugqirha 
* Izidanga zengcali 
* IziQiniselo zobungcali 
* Izidanga zesibini 
* Izidanga zokuqala jikelele 
* Iidiploma eziphezulu 
* Iidiploma jikelele 
* Izatifikethi jikelele 
ISatifikethi semfundo noqeqesho oluthe xhaxhe (FETC)
4 
3
2
 Imfundo
noqeqesho
oluthe
xhaxhe
Izatifikethi jikelele
ISatifikethi semfundo noqeqesho ngoku Banzi (GETC)
1 
 
Imfundo
noqeqesho
ngoku
Banzi 
Isigaba se-9 | ABET Umgangatho 4
_____________________________________________________ 
Izatifikethi jikelele

9. Yintoni igunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika (SAQA)?
Igunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika liziko elinamalungu angama-29 anyulwe nguMphathiswa weMfundo neMisebenzi. Amalungu atyunjwa ngamaqela esizwe athabatha inxaxheba athe aphawulwa kwimfundo noqeqesho. Imisebenzi yeli Gunya yile mibini:
* Ukuba neliso kwinkqubela-phambili ye-NQF, ngokuqulunqa nokupapasha iinkqubo kunye nendlela zokubhaliswa kwamaziko ajongene nokusekwa kwamaakala emfundo kunye nemfundo noqeqesho kwanoku vunywa kwamaziko anoxanduva lokuba liliso abe nokuphicotha oko kufikelelwe kuko ngokokwemigangatho kwanamabakala emfundo;
  
* Ukuba neliso ekusebenzeni kweNQF ngokuqinisekisa ngobhaliso, ukuvunywa nokwabiwa kwemisebenzi kumaziko ekubhekiselwe kuwo ngasentla apha, kwakunye nobhaliso lwamabakala nemigangatho yemfundo kuphahla jikelele. Kufuneka lithabathe amanyathelo okuqinisekisa okokuba amalungiselelo okuvunywa ayalandelwa kwaye apho kufanelekileyo, amabakala nemigangatho yemfundo ebhalisiweyo iyathelekiswa namazwe ngamazwe ehlabathi.
  
* I-SAQA kufuneka imcebise uMphathiswa weMfundo neMisebenzi. Igunya kufuneka lenze imisebenzi yalo emva kokudlan'indlebe kwaye nangokusebenzisana nawo onke amaziko ajongene nemfundo, uqeqesho nokuqiniselwa kwemigangatho eya kuchatshazelwa yi-NQF. Kufuneka kananjalo iwalandele amalungelo namagunya amaziko ngokokomGaqo-siseko nemithetho yasePalamente. I-Ofisi ye-SAQA inoxanduva lokuzisebenzisa iinkqubo nezigqibo zegunya. 
Ngonyaka ka-1998 I-SAQA yapapasha imigaqo yamaziko emigangatho jikelele (NSB) apho kwenziwa ilungiselelo lokubhaliswa kwamaziko emigangatho jikelele kunye namaziko enza amabakala. La maziko aya kujongana nokuseka kwanokucebisa ngemigangatho yemfundo kwanemigangatho yokubhalisa kwi-NQF. Imigaqo yeziko eliqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho (ETQA) nayo yapapashwa ngonyaka ka-1998 yaze yabonelela ngokuvunywa kwamaziko aqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho. La maziko aya kujongana nokuvunywa kwababoneleli bemigangatho yemfundo namabakala emfundo noqeqesho abhaliswe kwi-NQF, ukujonga ubonelelo, ukuphonononga, uvavanyo nokwenza lula ulongamelo kubaboneleli nobhaliso lwabavavanyi.

10. Ngawaphi amacandelo e-SAQA kwaye iyintoni injongo yawo?
Inkqubo ze-NQF zokumiselwa kwemigangatho nokuqinisekisa ngexabiso zineziseko ezimbini:
* Ulwazi ngokuphathelele kweli hlabathi sikulo, lwenziwa kukwabelana phakathi kwamaqela ngamaqela eluntwini ukususela kwiinkcuba-buchopho nabaphandi ukuya kushishino, ukusuka kubasebenzi ukuya kwiingcali, ukusuka kurhulumente ukuya kwimibutho yoluntu, ukusuka kubafundi ukuya kooprofesa i.e. ulwazi aluxhomekekanga kuphela kumaqela 'eengcali' ajonge calanye.
  
* Inkqubo yemfundo jikelele kufuneka ilingane nemfuno yemfundo enexabiso kubo bonke abemi kunye nemfuno yokungabi ngqongqo ekuboneleleni ngeemeko ezininzi abajongene nazo abafundi kwakunye neendlela ezininzi ezizezinye ezenza imfundo kwanemigangatho yemfundo ibe yenxulumeneyo i.e. kubekho ukulingana phakathi kweemfuno zoluntu neemfuno zomntu. 
Inkqubo yokuqala yenziwe kukubakho kwamacandelo e-SAQA. I-SAQA ngokwayo inabameli abavela kumaqela achaphazelekayo emfundo noqeqesho eMzantsi Afrika. Ubulungu kwii-NSB bubonisa intsebenziswano eza nolwazi - iiNSB zenziwe ngabameli abangabathunywa abavela kumaziko amathandathu amaqela athabatha inxaxheba nanomdla kulo mingxilo jikelele: amasebe karhulumente, ushishino olucetyiweyo, umsebenzi ocetyiweyo, ababoneleli ngemfundo noqeqesho, amaqela anomdla omkhulu nemibutho yoluntu okanye eyabafundi. Phaya phambili bambalwa kwaba babelani abaye bahlala phantsi kunye baze baxoxa ngeemfuno zemfundo noqeqesho zeli lizwe. Ngaphezulu, amalungu ee-SGB atyunjwa evela kumaqela anomdla nangundoqo ekuthabatheni inxaxheba kwimfundo noqeqesho, kwakhona kujongwe nokokuba ulwazi oluphatheleleyo luthi lufumaneke ngokuqhuba iingxoxo kwiqonga elibanzi.
Ukuzibophelela kwe-NQF kwimfundo noqeqesho esekelwe kwiziphumo njengendlela yokuza nenguqu emiswe ngendlela kuhlobo lwenkqubo yemfundo noqeqesho eMzantsi Afrika, oku kuzama ukujongana nenkqubo yesibini. Ngokuyichaza imigangatho namabakala emfundo jikelele ngokweziphumo zemfundo ngendlela yokuthabatha inxaxheba, i-NQF ibeka iimfuno zesizwe ngokumayela nexabiso, phambi kwabemi belizwe. Isizwe asinakho ukuba siyinyamezele kwakhona imeko apho iintlobo zengqibelelo ekhoyo phakathi kwabo bakumgangatho wemfundo ofanayo wahluke kakhulu kangangokude abaqeshi babafundi abagqibeleleyo bangaqiniseki ngezo ngqibelelo; isizwe asinakho ukulunyamezela ucalulo phakathi kwabafundi ngenxa yokucinga ukuba iingqibelelo zabo zithini na. Ngokufutshane, iziphumo zemfundo, amabkala kwanemigangatho yemfundo, kufuneka icace ukuze kungabikho mathandabuzo mayela nokulindelweyo kubafundi abagqibeleleyo ngokwasezifundweni.
Ngokusekwa kwamaziko aqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho (ETQA), i-SAQA iye yayiqwalasela into yokuba ukuphunyezwa kwamabakala kwanemigangatho yemfundo, luxanduva lwababoneleli abaziingcali nabafundi kwakunye namanye amaqela aphambili athabatha inxaxheba kulo mngxilo. Imigangatho yemfundo kwanamabakala ahlukeneyo aya kuza neemfuno ezahlukeneyo kuphuhliso lwemigaqo yemfundo nokuphunyezwa kovavanyo nokufundisa. Kukho imigangatho eyahlukeneyo eya kuza neemfuno ezahlukeneyo kuphuhliso kwenkqubo yemfundo nokuphunyezwa kovavanyo nokufundisa. Okujongwe yi-SAQA ayikoku qinisekisa okokuba bonke ababoneleli balandela inkqubo yesizwe yokuphunyezwa koko kukuqinisekisa okokuba abafundi banikwe umgangatho wemfundo okanye umgangatho we-NQF obhalisiweyo bakwazi ukubonisa iziphumo zemfundo yomgangatho wemfundo okanye zamabakala kwaneemfuno ezichaziweyo. Ngoko ke i-SAQA ayiyi kubhalisa iinkqubo zemfundo kwi-NQF; kambe ii-ETQA ziya kuphonononga iinkqubo zemfundo zababoneleli ngababoneleli ngaphantsi kwenkqubo yokuvunywa, ukuze baqinisekiswe abafundi kunye nezinye inkqubo zabafundi okokuba nawuphina umfundi othathwa ngokuba uphumelele emva kokuthabatha inxaxheba kwinkqubo yemfundo, uye wabonisa iziphumo zemfundo ezifunekayo kuloo mgangatho wemfundo okanye ibakala. Elona ziko lililo lokuqinisekisa okokuba oku kuya kuba njalo, liziko elenziwe ngabameli bamaqela athabatha inxaxheba, elibonakalayo kwicala lomgangatho wemfundo okanye ibankala i.e i-ETQA ijongene naloo mba njengowona ufuna ingqwalasela ephambili. Ngeso sizathu, esimayela nemisebenzi yayo eqinisekisa ngexabiso, i-ETQA kufuneka imelwe ngamaqela esizwe athabatha inxaxheba kumgangatho wokuthabatha izigqibo, umelo olo oluya kuqinisekisa okokuba bakho abantu abanoxanduva loko kwaye ke izinto ziselubala.
ISAQA 'inengalo' ezimbini, oko kukuthi ukumiselwa kwemigangatho kunye nokuqinisekiswa kwexabiso. Icandelwana phantsi kwengalo yokumiselwa kwemigangatho ngamaziko emigangatho jikelele (i-NSB) namaziko adala imigangatho (i-SGB), lo gama amacandelwana phantsi kokuqinisekiswa kwexabiso akumaziko aqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho (i-ETQA). I-SAQA isenokuzikhethela ukwalathela amaziko awongamelelyo ukuba ibona oku kuyimfuneko. Imisebenzi ye-SAQA ibekiwe kumthetho we-SAQA kwaye sele ikhankanyiwe apha ngasentla. Imisebenzi yee-NSB nee-SGB ibekiwe kwimigaqo phantsi komthetho wegunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika (Umthetho No. 58 wonyaka ka-1995): ii-NSB, incwadi yemithetho kaRhulumente No. 18787 (28 Matshi 1998) lo gama iinkqubo zokuvunywa zibekiwe kwimigaqo ephantsi komthetho wegunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika (uMthetho No. 58 wowe-1995) ii-ETQA, incwadi yemithetho kaRhulumente No. 19231 (8 September 1998).
Kwi-NQF yonke imfundo iqulunqwe kakuhle yaze yayimingxilo emibini. I-SAQA iseke ii-NSB ezilishumi elinesibini, iyileyo ikwicala elilungelelanisayo. Le mingxilo ilungelelanisayo imi ngoluhlobo:
* NSB 01 ULimo nolondolozo lwendalo 
* NSB 02 Amasiko nenkcubeko 
* NSB 03 Izifundo zoshishino, ezorhwebo nezolawulo 
* NSB 04 Izifundo zoqhagamshelwano nezeelwimi. 
* NSB 05 Imfundo, uqeqesho nophuhliso 
* NSB 06 Ezowenziwa kwezinto, ezobunjineli nezobugcisa 
* NSB 07 Izifundo zoluntu nezentlalo 
* NSB 08 Ezomthetho, ezenzululwazi yezasemkhosini nezokhuseleko 
* NSB 09 Ezenzululwazi yezempilo kunye neenkonzo zentlalo 
* NSB 10 Ezenzululwazi, izibalo, ezebuchwephesha nenzululwazi yendalo. 
* NSB 11 Iinkonzo 
* NSB 12 Ucwangciso lwezinto nolwakhiwo 
Ii-NSB ezili-12, iyileyo ijongene nemingxilo yemfundo yolungelelaniso ezili-12.
ukumiselwa
kwemigangatho
nokuqinisekiswa
kwexabiso

Imisebenzi yee-NSB iqulathe oku kulandelayo:
* Ukuchaza nokucebisa kwi-SAQA ngemida yalo mngxilo ekwalapha phakathi kuyo, uphahla lwemida engaphantsi kwaleyo; 
* Ukuphawula nokuseka ii-SGB engaphantsi kophahla kwaleyo mida, nokuqinisekisa okokuba umsebenzi wee-SGB ukhawulelana neemfuno ze-SAQA; 
* Ukucebisa ngobhaliso lwemigangatho yemfundo namabakala 
* Ukuba neliso ekubekweni ngendlela noqwalaselo ngokutsha kwemigangatho yemfundo namabakala; 
* Uqhagamshelwano nee-ETQA; 
* Ukuchazwa kweemfuno neendlela zokongamela amabakala nemigangatho yemfundo. 
Ii-NSB azenzi mabakala okanye migangatho yemfundo kodwa zililiso kuyo le misebenzi phaya kumgangatho ongaphantsi.
Imisebenzi yee-SGB ibandakanya oku kulandelayo:
* Ukwenza amabakala kunye nemigangatho yemfundo ngokungqamene neemfuno zegunya kwimingxilo engaphantsi kwemigangatho; 
* Ukumiswa ngendlela nokuqwalaselwa ngokutsha kwemigangatho; 
* Ukucebisa ngamabakala nemigangatho yemfundo kwii-NSB; 
* Ukucebisa ngeendlela zobhaliso lwabavavanyi nabongameli okanye amaziko ongameleyo. 
I-ETQA ingasekwa njengecandelo lezentlalo, kwicandelo lezoqoqosho okanye kwicandelo lenkqubo engaphantsi koqoqosho lwemfundo. Umthetho wokuphindwa kabini umncinane kwaye uyakusebenza xa kusekwa ii-ETQA i.e. i-ETQA iyakuvunywa ngokwenjongo yayo ephambili, esekelwe kunxulumano lwayo necandelo elo, ukuze imisebenzi yayo ingaphinda-phindi imisebenzi ye-ETQA ekhoyo. Imisebenzi ye-ETQA ibandakanya oku kulandelayo:
* Ukuvunywa kwababoneleli; 
* Ukukhuthazwa kwexabiso phakathi kwababoneleli abakhoyo; 
* Ukubekwa esweni kobonelelo 
* Uphononongo lovavanyo nokuqhubela phambili ulongamelo phakathi kwababoneleli abakhoyo; 
* Ukubhaliswa kwabavavanyi; 
* Ukunikwa kwabafundi iziqiniselo 
* Intsebenziswano namaziko ongameleyo; 
* Ukucebisa ngamabakala amitsha okanye imigangatho yemfundo kwii-NSB okanye ulungiso lwamabakala akhoyo kunye nemigangatho yemfundo; 
* Ukugcinwa kwesiseko solwazi; 
* Ukufakwa kweengxelo kwi-SAQA. 
Ii-ETQA azibeki migangatho, ziqinisekisa ukuqhutywa kohlobo olululo kwakunye nokuvavanywa kwamabakala abhalisiweyo kwanemigangatho yemfundo. Ngaphezulu i- ETQA ayinakuba ngumboneleli; umsebenzi wayo ophambili kukuqinisekisa ngohlobo nexabiso lobonelelo kunye nokuphononongwa kwababoneleli eye yabavuma.
Xa bejongwe ukuvunywa yi-ETQA, ababoneleli kufuneka bazalisekise ezi zinto zilandelayo:
* Babe babhalise njengababoneleli ngokomthetho osebenzayo; 
* Babe nenkqubo yolawulo yexabiso; 
* Babe nakho ukuphuhlisa, basebenzise baze baphonononge iinkqubo zemfundo eziya kuphelela kwimigangatho yemfundo namabakala acacisiweyo yi-NQF; 
* Babe namajelo ayimfuneko ezemali, ezolawulo nezinto ezifunekayo; 
* Babe neenkqubo zokunyula abasebenzi, ukuvavanywa nophuhliso; xa kuqalisa abafundi, isikhokelo neenkqubo ezixhasayo; ezolawulo lwamacandelo angekho kuloo ndawo kusetyenzelwa kuyo; abaphathi bovavanyo; 
* Babe neenkqubo eziyimfuneko zokunika ingxelo; 
* Babe nako ukufikelela kwiziphumo ezinqwenelwayo ngokusetyenziswa kwamajelo neenkqubo ezikhoyo. 
I-SAQA iyithathela ingqalelo imfuno yokubafaka ababoneleli kwinkqubo engazifezekisiyo iindlela zokwamkelwa. Kwiimeko ezinjalo i-SAQA ivumela ukuba kubekho ukwamkelwa kwexeshana ekuthi ke ngelo xesha umboneleli angene kwinkqubo yophuhliso equlunqelwe ukuba abe nakho ukuzifezekisa iindlela zokwamkelwa. Ngaphezulu koko ukwamkelwa okwexeshana kuya kuthi kwamkeleke ukuba izinto eziluncedo kumfundi ziya kukhuselwa ngethuba lolo phuhliso.

11. Liya kugcinwa njani ixabiso nomgangatho xa kuvavanywa:
I-SAQA le ibicacisa xa iphawula iindlela zovavanyo ezinokusetyenziswa ukuqinisekisa okokuba kunikwa ingqwalaselo ekukhangeleni iindlela ezizezinye kunezo zesithethe zoviwo olunye nje qwaba. Ngokwenene uqwalaselo ngokutsha lweziphumo ezingundoqo lubonisa ngokucacileyo ukungafaneleki kweendlela zovavanyo lwezo zakhono zininzi zinjalo. Iindlela zovavanyo ezizezinye zenza ukuba kubekho imfuno engamandla kuloo nkqubo ukuqinisekisa okokuba kukho ukutolikwa ngendlela eyiyo nethe gqolo komgangatho ofunekayo phakathi kwabaphononongi kumaziko ngamaziko abonelelayo nabhaliswe kwii-ETQA ezahlukeneyo i.e. ukuthintela kokushenxa kwimigangatho. Ukuba kusetyenziswa imigangatho eyahlukeneyo kuyo le nkqubo iyonke, ubunto kwanesihomo sale nkqubo ziphela zisesichengeni. Ukuqinisekisa okokuba oku akwenzeki, i-SAQA ineendlela ezithile ezibekileyo.
Yonke imigangatho yemfundo okanye amabakala ukuze abhaliswe kwi- NQF kufuneka:
* ucacise iindlela zovavanyo zeziphumo zemfundo; 
* uchaze iindlela zobhaliso lwabavavanyi nezo ziphumo ukuze 
* uchaze iindlela ezizezinye zokongamela kubandakanywa ingcebiso yeziko elongameleyo okanye amaziko ongameleyo ezo ziphumo. 
Ngoko ke, ababoneleli bemigangatho yemfundo namabakala banendima ebalulekileyo ekufuneka beyidlalile ekubekeni ngokucacileyo nangokungenamathandabuzo kwindlela zovavanyo ezinxulumene nezo zikhankanyiweyo.
Ngaphezulu koko, phakathi kwemisebenzi ye-ETQA kukho le ilandelayo:
* ukuphonononga uvavanyo nokwenza kubelula ukongamelo phakathi kwababoneleli abakhoyo; 
* ukubhalisa abavavanyi abakhoyo ngokweenkqubo ezisekelwe le njongo; 
* ukusebenzisana nelo ziko lingqameneyo okanye amaziko alathelwe ukongamela kwii-ETQA ziphela. 
Kule nkqubo yoqinisekiso ngexabiso, kugxininiswa kakhulu kwindlela yokongamela ukuze kuqinisekiswe ngokusetyenziswa kwemigangatho enokulinganiswa kubaboneleli bebonke.
Okokugqibela i-SAQA inelungelo lokwenyula iziko lokongamela, ukuba ibona kufanelekile ukuqinisekisa okokuba uvavanyo lweziphumo ezichazwe kwimigangatho yemfundo nemigangatho ye-NQF ilungile, iyasebenza kwaye ithembekile kwii-ETQA ezahlukeneyo okanye ababoneleli.

12. ISAQA ikuqinisekisa njani ukwamkeleka kweenkqubo zayo kumaqela athabatha inxaxheba?
Umthetho we-SAQA uyibeka ngokucacileyo into yokuba i-NQF kufuneka imiselwe emva kokudlan'indlebe nakwintsebenziswano naloo maziko ajongene nemfundo noqeqesho kunye nokuqiniselwa kwemigangatho echatshazelwa yi-NQF. 
Isizathu sokuba umthetho we-SAQA uyibeke ngokucacileyo imfuno yokuba I-SAQA iwenze umsebenzi wayo ngomoya wokudlan'iindlebe nentsebenziswano oko kubonisa ukuzibophelela koRhulumente omtsha wentando yesininzi ngendlela zokumela abantu nokuthabatha inxaxheba kwawo onke amaqela achaphazelekayo kumaziko oluntu. Oku kugxininiso ekubeni kungashiywa mntu ngaphandle, knembali yokungafakwa kwamacandelo amakhulu oluntu kwiinkqubo zokuthatyathwa kwezigqibo kwimfundo noqeqesho. Umz, izakhono emaziphuhliswe kunye nesiqulatho senkqubo yemfundo yaphaya mandulo, zazijongwa ngabo babesakwazi njengengcali kuloo mngxilo kwaye idla ngokuba ziinkcuba-buchopho ezi kumaziko amisiweyo emfundo i.e. 'ababoneleli' bemfundo apho kungekho qhagamshelwano 'nabasebenzisi' baloo migangatho yemfundo i.e ushishino, iimanyano zabasebenzi, abafundi. Oku kwakhokelela kugxeko olumana luvela lokokuba luncinane unxulumano phakathi kokufundiswayo kumaziko amiselweyo emfundo kwakunye noko kufunekayo kwihlabathi lomsebenzi okanye nakwimfundo ethe xhaxhe. Ngaphezulu koko, kwaye incinane intsebenziswano okanye uthethwano phakathi kwabaphathiswa bangaphambili bemfundo nokusetyenziswa kwamandla oluntu: phakathi kwezoshishino kwanababoneleli bemfundo. Oku kuthetha okokuba kwakungekho ndlela yokuyilungelelanisa imfundo phakathi kwababoneleli abahlukeneyo okanye izifundo-imigangatho yemfundo yahlala ingokwamacandelo, isekelwe kubume belizwe okanye isekelwe kumaziko apho luncinane okanye lungekhoyo unxibelelwano olumiselweyo phakathi kwemingxilo ngemingxilo eyahlukeneyo. 
Nentsebenziswano ekuthatheni izigqibo kuMzantsi Afrika omtsha, esona sizathu sivakalayo somelo xa kuthatyathwa izigqibo mayela nokuba mayibe zeziphina iziphumo zemfundo kumgangatho-mfundo othile, kumba wochaphazeleko. Ukuze uMzantsi Afrika ube nokuphendula kwiinguqulelo kwimeko-bume, kuyimfuneko okokuba onke amazwi achaphazelekayo aviwe, urhulumente, iinkcuba-buchopho, icala lezamashishini, iimalike zabasebenzi, ababoneleli ngemfundo noqeqesho ukubala nje ezimbalwa. Indlela ebandakanya konke kumiselo migangatho nokwenziwa kwemigangatho-mfundo kuya kwenza ukuba iindlela ezintsha zithathelwe ingqalelo ngokukhawuleza, ukuze ke ngoko kuqinisekiswe okokuba uMzantsi Afrika ukwinqanaba eliphambili kuphuhliso lwamazwe ngamazwe ehlabathi.
Umthetho we SAQA ngumzekelo womthetho oligunya -awubeki mgqalisela osuka 'phezulu' koko ugunyazisa uphuhliso lweNQF njengento emisiweyo yezentlalo entsingiselo yayo ithe kwaye iya kuqhuba ukuba kuthethwane ngayo ngabantu kwaye kusenzelwa bona. 
Nangona kukho isiqhelo sothethwano nentsebenziswano ekuthatheni izigqibo kuMzantsi Afrika omtsha, esona sizathu sivakalayo sabantu abamele imibutho xa kuthatyathwa izigqibo mayela naziphina iziphumo zemfundo kumgangatho wemfundo othile, oku ngumba obalulekileyo. Ukuze uMzantsi Afrika ube nokuphendula kwiinguqulelo zentlalo kuyimfuneko okokuba onke amazwi achaphazelekayo aviwe, kuRhulumente, iinkcuba-buchopho, icala lezamashishini, imalike zabasenzi, ababoneleli ngemfundo noqeqesho, ukubala nje ezimbalwa. Indlela ebandakanya konke okophathelene nokumiselwa kwamabakala nokwenziwa kwemigangatho yemfundo oku kuya kwenza ukuba iindlela ezintsha zithathelwe ingqalelo ngokukhawuleza, ukuze ke ngoko kuqinisekiswe okokuba uMzantsi Afrika ukwinqanaba eliphambili kuphuhliso lwamazwe ngamazwe ehlabathi. 
I-SAQA izimisele kwinkqubo yokudlan'iindlebe nawo wonke ubani kuphuhliso nokusetyenziswa kwenkqubo. Imigangathoyemfundo namabakala kufuneka zidlule kwinkqubo encinane yokudlan'iindlebe namaqela athabatha inxaxheba kumngxilo lowo kwakunye nenkqubo yokudlan'iindlebe ngokubanzi apho uwonke wonke ngokubanzi abonelelwa ngethuba lokuqwalasela kwakhona nokwenza amagqabaza ngemigangatho ecetywayo. Ngaphezulu koku yonke imigangatho yemfundo namabakala ithunyelwa kwiqela lo mba othile elinemibutho emele abalimeleyo, amaqela enziwe amakheswa eluntwini ngokuba enze amagqabaza phambili kobhaliso, ngenzame zokuqinisekisa okokuba amabakala nemigangatho yemfundo ecetywayo ayicaluli ngokungenasheyi mayela nawo nawaphina amacandelo oluntu. 
Umthetho we-SAQA ngumzekelo womthetho oligunya awubeki mgqalisela osuka 'phezulu' koko ugunyazisa uphuhliso lwe-NQF njengento emisiweyo yezentlalo entsingiselo yayo ithe kwaye iya kuqhuba ukuba kuthethwane ngayo ngabantu kwaye kusenzelwa bona.
Xa ziqhuba imisebenzi yazo yokuqinisekisa ngexabiso, ii-ETQA kufuneka zibe nokumelwa ngamaqela athabatha inxaxheba jikelele. Eyona njongo iphambili yoku kumelwa kukuqinisekisa okokuba kukho ukuthabatha uxanduva nokwazi ukuphendula kukawonke- wonke kwanokwenza izinto elubala. Ukongeza, onke amaxwebhu enkqubo ka-SAQA aqulunqwa phantsi kwenkqubo yokudlan'iindlebe evulelekileyo kunye namaqela athabatha inxaxheba kwaye lo gama esaqulunqwa athi apapashwe kwincwadi yemithetho kaRhulumente ukuze uwonke wonke ahlomle. Bonke abatyunjiweyo kumacandelo ka-SAQA, kungabandakanywa amalungu egunya, bapapashwa kwincwadi yemithetho kaRhulumente phambi kolonyulo ukuze uwonke-wonke abe nokuhlomla. Ukongeza, onke amaxwebhu afuna ukuba uwonke-wonke ahlomle kuzo zonke iincwadi zika-SAQA ezikwi ncwadi yomthetho kaRhulumente ziyaposwa kwi-website (http://www.saqa.org.za). Ngale ndlela i-SAQA iqinisekisa ukuba iselubala ngokwasentlalweni nokubandakanyeka kumsebenzi wayo.
Inkqubo yemfundo noqeqesho esekelwe kwinkqubo yokuthabatha inxaxheba nothethwano ukuze kube nokukhawulelana nazo zonke iimfuno zamaqela athabatha inxaxheba ithe chatha ngokuba semthethweni nokuba yamkeleke eluntwini esebenza kulo ukuba bekungakhona enye indlela. Ngaphezulu koku, i-SAQA, liziko elisisikhokelo kwinkqubo yoMzantsi Afrika, 'ngumveleli' ongenacala i.e. ayilosebe likaRhulumente okanye ingalo kaRhulumente, ayilolinge leshishini okanye lomsebenzi kwaye ingayamenanga nalo naliphina icandelo elibonelela ngemfundo. Ngesi sizathu, i-SAQA izimele nje yodwa kwiinkqubo zala macandelo kwaye ke ngenxa yoko isigcinile isithembiso sayo ekuphembeleni uthethwano phakathi kwamaqela athabatha inxaxheba emfundo noqeqesho athi ngamanye amaxesha abe nezinto anomdla kuzo ezihlabanayo.
Umthetho we-SAQA ngumzekelo womthetho oligunya- awubeki mgqalisela osuka 'phezulu' koko ugunyazisa uphuhliso lwe-NQF njengento emisiweyo yezentlalo kuthethwane ngayo ngabantu kwaye kusenzelwa bona. Yindibanisela yamava, ukucinga nokuqhele ukwenziwa ngabaseMzantsi Afrika kwiindawo ngeendawo abavela kuzo zonke inkalo zentlalo noqoqosho ezimele izimvo ezahlukeneyo. Okungundoqo nokubalulekileyo kokuyilwayo kukuthabatha inxaxheba ngokwentando yesininzi, ukuhlaba amadlala ngokwasengqondweni nokufumaneka kwamajelo-iingcamango ezingundoqo kuphuhliso lwe-SAQA nokusebenza kwe-NQF.

13. ISAQA iqinisekisa njani ukuba ixabiso libonakale kwinkalo zonke ze-NQF?
Iinjongo ze-NQF ziyayixhasa ingcamango yexabiso kule nkqubo intsha. Ingakumbi i-NQF iyawuxhasa ngokupheleleyo umjikelo wexabiso ohlangeneyo obandakanya ukumiselwa kwemigangatho nokuqinisekiswa kwexabiso. Onke amabakala nemigangatho yemfundo phambi kokubhaliswa kwi-NQF iyalinganiselwa kwiinjongo ze- NQF, ukuqinisekisa okokuba ikhawulelana nophahla lwemigangatho yemfundo ehlangeneyo exhasa imfundo ethe xhaxhe. Kwangale ndlela inye, isiseko sengqinisekiso yesizwe nesamazwe ngamazwe sale migangatho sikwindlela esibonisa ngayo ezindlela zinye kwaneenjongo. 
Ngokuzidibanisa kunye ezindlela kwinkqubo yokwakha ezentlalo, imigangatho evela ngeenkqubo zokuthabatha inxaxheba nezokumelwa kwamalungu ee-NSB nee-SGB ukuze zibhaliswe kuphahla, iya kuthi iqinisekiswe indlela eziqhuba ngayo kubo bonke abasebenzi benkqubo yemfundo ngenkqubo ye-ETQA. Le nkqubo ithi kwayona, ibonise iindlela zokuthabatha inxaxheba ezimeleyo. Kusekuqinisekiseni ngohlobo lwemigangatho nokufezekisiweyo ekuthi uhlobo lomjikelo wophahla ube uyavalwa. Kusekuvalweni komjikelo apho inkqubo ithi ivumele ukuphuculwa okuthe gqolo ekumisweni kwamabakala kwanemigangatho yemfundo nasekuqhutyweni kovavanyo lwe migangatho yemfundo kwanamabakala. Ngamanye amazwi inkqubo ye-NQF yinkqubo yokuqinisekisa nokuthi gqolo ukubaqinisekise ngokutsha abafundi nabanye abasebenzisi benkqubo yemfundo noqeqesho ethi inike iimbuyekezo, iziqinisekiso okanye izatifikethi ngethuba lokufunda ukuba babambelele kumgangatho obhalisiweyo kuphahla, kunye nazo zonke iindlela zokubonelela ngokuqhutywa kwemfundo ngemigangatho ngeenjongo zokuvunywa. Indlela uhlobo lomjikelo olubandakanya ngayo luqinisekisa okokuba uxanduva lokumisela imigangatho nokuqhuba imfundo noqeqesho ezinexabiso oko kuxhomekeke kwimfundo noqeqesho lwamaqela athabatha inxaxheba nakhoyo kwiinkqubo ze-SAQA. 

14. Ingaba i-SAQA ikuvuma njani ukwamkelwa kwemfundo efunyenwe ngaPhambili (R P L)?
Phakathi kweenjongo ze-NQF kuyimfuno okokuba kufikelelwe kuze kuqhutywelwe phambili kwimfundo, uqeqesho neendlela zamakhondo kwakunye nemfuno yokukhawulezisa ukulungiswa kweenkqubo zangaphambili ezinesheyi nocalulo kwimfundo, uqeqesho kwakunye namathuba engqesho. Kucelwa umngeni kwi-SAQA ukuba ifumane indlela apho ezi njongo zimbini zinokukhawulelwa khona ukuze kufunyanwe indlela yokubona okokuba kuye kwaqhutywa ngemfundo ngenye indlela engafaniyo naleyo yesithethe, nebifudula ikuphela kweendlela zemfundo ezamkelweyo ngokusesikweni. I-SAQA iye yayibeka kumngxilo we R P L njengendlela yokunika intsingiselo ebonakalayo kwezi njongo.
I-SAQA iye yayikhankanya i-RPL kwimigaqo ye-NSB kwaye ithe yabhekisela kuyo kwimigaqo ye-ETQA. Kwimigaqo ye-NSB, iimpawu zokubhaliswa komgangatho wemfundo zibekiwe. Enye yezimfuneko kukuba okucetywayo kufuneka kubonise imigaqo elawula isiqinisekiso sayo, nokokuba umgangatho wemfundo ungafunyanwa ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye ngokuthi kuthathelwe ingqalelo imfundo eyayifunyenwe kwangaphambili. Kucaciswa ingongoma yokuba ingqikelelo ye-RPL iyazibandakanya kodwa ingaphelelanga kuzo iziphumo zemfundo ezifumaneka ngemfundo emiselweyo nengamiselwanga kwakunye namava omsebenzi.
Kwimigaqo ye-ETQA enye yeempawu zokuvunywa njenge-ETQA kukuba imisebenzi ye-ETQA kufuneka iqhubele phambili iinjongo ze-NQF ngamxhel'omnye nezi njongo, iinkqubo neendlela ze-RPL zikwaluxanduva lwe-ETQA kwaye ke ziya kuqwalaselwa kwinkqubo yokuvunywa.

15. Yintoni enye eyenziwa yi-Ofisi ye-SAQA?
I -SAQA inoxanduva lokuphuhlisa nokulondoloza isiseko solwazi lweziphumo zabafundi (NLRD). Indlela yokuqala ye-NLRD yasungulwa ngowe-1999. Yasekwa ngokupheleleyo yaze yapapashwa, i-NLRD iya kuthi ibe nakho ukunika iinkcukacha malunga:
* ne-SAQA kwakunye namacandelwana ayo (ii-NSB, ii-SGB nee-ETQA); 
* Imigangatho yemfundo namabakala abhalisiweyo kwi-NQF; 
* Ii-ETQA ezivunyiweyo nababoneleli bazo; 
* Abavavanyi ababhalisiweyo; 
* Amaziko ongameleyo; 
* Izinto afikelele kuzo nazifumeneyo umfundi ngamnye. 
Siya kuthi senze indlela ye-NQF ngokumana sihamba sizijonga, sithwale uxanduva kwaye singabi navalo; simane sizijonga ngokuthi sizimilisele iingqondo zethu; sithwale uxanduva ngokuzichaza iinkqubo kwanezigqibo; singabi naluvalo ngokunika isikhokelo.
S B A Isaacs
I-NLRD iya kuba nakho ukubonelela abenzi benkqubo ngeenkcukacha ezizeleyo ukuze kube nokuthathwa izigqibo emva kokuvelela kakuhle zonke iinkalo. I-SAQA inoxanduva lokuphonononga imigangatho yemfundo, ngakumbi yabangazalelwanga kweli lizwe abanqwenela ukufunda kumaziko emfundo eli laseMzantsi Afrika okanye abanqwenela ukungena kwicandelo labasebenzi kweloMzantsi Afrika.
I-SAQA ineziko elinguvimba eligcina amaphetshana eencwadi ze-SAQA kwanamaxwebhu anxulumene ne-SAQA kwakunye nezinye izinto abanokuthi abasebenzi be-SAQA bazifune xa besenza umsebenzi wabo.
Icandelo lezoqhagamshelwano nelikanobhala abonelela i-SAQA ngenkonzo yobunobhala kwigunya kwakunye neekomitana zalo ezifunekayo ekuqhubeni imisebenzi yayo umz. ikomiti elawulayo, ikomiti yezemali.

16. Amaxwebhu omthetho kwakunye neminye imipapasho ye-SAQA
* Umthetho we-SAQA (No 58 wonyaka ka-1995) 
* Imigaqo ye-NSB (Incwadi yemithetho kaRhulumente No. 18787; 28 Matshi 1998) 
* Imigaqo ye-ETQA (Incwadi yemithetho kaRhulumente No 19231; 8 September 1998) 
* Incwadana yesikhokelo ye-NSB 
* Iindlela zokwenziwa noku phononongwa kwimigangatho yemfundo namabakala kwi-NQF 
* Iindlela nezikhokelo ze-ETQA 
* Iindlela nezikhokelo zababoneleli 
* Izikhokelo zovavanyo zecandelo elibhalisiweyo lamabakala nemigangatho yemfundo ye-NQF. 
I-SAQA ipapasha rhoqo incwadana esihloko sithi 'SAQA Upbeat'. Le ncwadana iphepha- linye inika iinkcukacha eziphakwa zishushu malunga nenkqubela eyenziweyo ephathelele kuphuhliso nokuphunyezwa kwe-NQF.
I-SAQA ikhupha rhoqo inqaku ekuthi kujongwe ukuba yazisa abafundi mayela nezigqibo kwanenkqubela-phambili phakathi kwe-SAQA, yaye ikwaqaqambisa iingxoxo ezinxulumeneyo. Ikwabonelela nangethuba lokuyijonga ngeliso elibanzi i-NQF kwanemiba ephathelene nayo. Inqaku elingu-No. 1 (Meyi 1997) linomdla kakhulu nanjengoko kwenziwe ingxelo kuyo ngezigqibo ezibalulekileyo ze-SAQA mayela nokusekwa kwe-NQF.
Imithetho eNxulumeneyo
* Umthetho wenkqubo yemfundo jikelele 
* Umthetho wemfundo ephakamileyo 
* Umthetho wophuhliso lwezakhono 
* Umthetho wokubhaliswa kophuhliso lwezakhono 
* Umthetho wezikolo zoMzantsi Afrika 

17. Uluhlu lwenkcazelo (ngokokwemigaqo ye-NSB neye-ETQA)
Ukwamkeleka 
kuthetha ukuqiniselwa, okudla ngokuba kokwethuba elithile, komntu okanye iziko elinamandla okwenza umsebenzi othile kwinkqubo yokuqinisekiswa kwexabiso emiswe ligunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika ngokwemigaqo yomthetho (we-SAQA).
Isakhono 
kuthethwa ukuba nakho ukwenza kuloo mngxilo unxulumene neziphumo zemfundo ezifunekayo ukuze kube nokufumaneka umgangatho wemfundo.
Umphononongi 
kuthethwa umntu obhalisiweyo liziko eliqinisekisa ngexabiso ngokungqamene nendlela ezisekelwe le njongo liziko elenza imigangatho, ukulinganisela imfezeko kumabakala nemigangatho yemfundo ecacisiweyo kuphahla lwemigangatho yemfundo jikelele.
Iziphumo ezingundoqo 
kuthethwa ezo ziphumo eziphathelele kwiziphumo ezinika ulwazi ngako konke ukufundisa nokufunda.
Iziko eliqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho (ETQA) 
lithetha iziko elivunyiweyo ngokwecandelo 5(1) (a) (ii) lomthetho we-SAQA. Eli ziko lijongene nokuba liliso kwanoku phonononga okufezekisiweyo ngokwamabakala nemigangatho yemfundo jikelele nekunikwe lona imisebenzi ethile ephathelele ekubekeni iliso noku phonongwa kwamabakala nemigangatho yemfundo jikelele ngokokwecandelo 5(1) (b) (i) lomthetho we-SAQA.
Isigaba sokugqibela semfundo 
sithetha iziphumo emakufikelelwe kuzo ngumfundi ogqibeleleyo apho aya kuthi ayishiye inkqubo ese kuloo mgangatho wemfundo.
Iindlela zovavanyo ezihlangeneyo 
zibhekisa kolohlobo lovavanyo oluvumela umfundi abonise isakhono nokusebenzisa iindlela eziqulunqiweyo nezidityanisiweyo zovavanyo.
Iziko elongameleyo 
lithetha iziko elinyulwe ligunya ngenjongo yokongamela.
Iziko lemigangatho jikelele 
libhekisa kwiziko elibhalisiweyo ngokwecandelo 5(1)(a)(ii) lomthetho we-SAQA. Eli ziko lijongene nokusekwa kwamabakala okanye imigangatho yemfundo noqeqesho, kunikwe lona imisebenzi ethile ephathelene nobhaliso lwamabakala nemigangatho yemfundo noqeqesho ngokokwecandelo 5 (1) (b) (i) lomthetho (we-SAQA).
Iziphumo 
zithetha iziqhamo zenkqubo yemfundo.
Injongo ephambili 
ithetha loo nto yenziwayo okanye injongo kwalapha kwicandelo apho iziko lithi ligxininise khona kwinzame zalo.
Iziko elenza imigangatho (SGB)
libhekisa kwiziko elibhalisiweyo ngokwecandelo 5(1) (a) (i) lomthetho (we-SAQA). Eli ziko lijongene nokusekwa kwamabakala okanye imigangatho yemfundo noqeqesho nekuphathiswe lona imisebenzi ethile ephathelele ekusekweni kwamabakala nemigangatho yemfundo jikelele ngokwecandelo 5(1) (b) (i) lomthetho (we-SAQA).
Amaziko amabakala 
athetha iingxelo ezibhalisiweyo zeziphumo zemfundo noqeqesho ezinqwenelwayo kwakunye neendlela zokuvavanywa ezinxulumene nezolawulo kwakunye neenkcukacha ezizezinye nanjengoko zicacisiwe kule migaqo.
Izifinyezo-magama angoonobumba
NQF:
Uphahla lwemigangatho yemfundo jikelele
SAQA:
Igunya lemigangatho yemfundo yaseMzantsi Afrika
ETQA:
Iziko eliqinisekisa ngexabiso lemfundo noqeqesho
NLRD:
Isiseko esigcina ulwazi ngeengxelo zabafundi jikelele
NSB:
Amaziko emigangatho yesizwe
SGB:
Amaziko enza imigangatho

18. Uluhlu lwamagama kunye namanqaku 
Imbali ye-NQF isekelwe kwiingxelo zabantu ngemvelaphi ye-NQF ezinikwe kubasebenzi be-SAQA ngomhla wama-29 ku-Meyi woyaka ka-1998 ngu Adrienne Bird, umlawuli oyintloko, kwicandelo lemiba yengqesho kunye neenkonzo zabasebenzi kwisebe labasebenzi, nakwintetho eyayenziwe ngu Mnu. S M Pityana, umlawuli-jikelele kwisebe labasebenzi, 'kwinkomfa eyayingo phahla lwemigangatho yemfundo jikelele" ngomhla wama-22 ukuya kuma ngomhla wama-24 ku-April ngonyaka ka-1996 kwi-Technikoni yaseMzantsi Afrika, eRhawutini.
* Ball, Sir Christopher (1996): Life-long learning for the 21st Century, keynote address at the 21st Improving University Teaching Conference, the Nottingham Trent University, Nottingham Trent University, Nottingham, UK 
* Barnett, Ronald (1994): The Limits of Competence: Knowledge, Higher Education and Society. London: Society for Research into Higher Education. 
* RSA (1995): South African Qualifications Authority Act (Act No. 58 of 1995), Government Gazette No. 1521 (4 October) 
* RSA (1998): Regulations under the South African Qualifications Authority Act (Act No. 58 of 1995): ETQAs, Government Gazette No. 19231 (8 September) 
* SAQA (1996): SAQA Bulletin 1 South African Qualifications Authority 
* (1994): A Policy Framework for Education and Training, African National Congress 
* (1994): Implementation Plan for Education and Training, CEPD 
* (1995): Ways of Seeing the National Qualifications Framework, Human Sciences Research Council 
* (1995): White Paper on Education and Training, Notice 196 of 1995 (15 March), Department of Education 
* (1998): The Star newspaper (24 July), quoting Mamphela Ramphele 
* Internal working documents compiled by SAQA staff: Mr M Cosser, Ms G Elliott, Mr Gunthorpe, Ms S Mokhobo-Nomvete and Mr J Samuels. 
Kufuneka sibe nenguqu emiswe ngendlela, ingabiyo nguqu nje kuphela kumgaqo wemfundo okanye kwezokufundisa, kufuneka sibe nendlela nemibono emitsha yokuqhubela phambili inkqubo yethu, ingabiyo ndlela nje entsha yokumiswa komgaqo wemfundo nokusetyenziswa kwayo egumbini lokufundisa; kufuneka sizamkele iimpazamo kwizinto esizamkelayo malunga nemfundo ekhoyo eluntwini siyiqonde into yokuba kukho "iinyaniso" ezintsha.
UGqirha M Nkomo,
USihlalo we-SAQA  


IGazethi kaRhulumente
Vol. 393
ePitoli  28 Matshi 1998
No. 18787

-

IGazethi yemiGaqo No. 6140

-

ISAZISO SIKARHULUMENTE
IGUNYA LEMIGANGATHO-MFUNDO YOMZANTSI AFRIKA
NO. R 452
28 Matshi 1998

-

IMIGAQO PHANTSI KOMTHETHO WEMIGANGATHO-MFUNDO YOMZANTSI KA-1995
(UMTHETHO NOMBOLO 58 KA-1995)
IGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika lithe lenza lemigaqo ekwiShedyuli, phantsi kwecandelo 14 loMthetho weGunya lemiGangatho-mfundo yoMzantsi Afrika (uMthetho 58 ka-1995), ngemvume yoMphathiswa wezeMfundo ehlangene noMphathiswa wezemiSebenzi.

ISHEDYULI
ISAHLUKO 1: IZIBONELELO JIKELELE
1. Inkcazo 
ISAHLUKO 2: UPHAHLA LWEMIGANGATHO-MFUNDO YESIZWE
2. Ukumiselwa 
3. Ubume boPhahla wemiGangatho-mfundo yesiZwe 
4. Izinto ezichaza izigaba 
5. Ukufakelwa kwamanqanaba kwimigangatho yemfundo 
6. Ukubhaliswa kwemigangatho yemfundo kuPhahla lwemiGangatho-mfundo yesiZwe 
7. Iimfuno zokubhaliswa kwemigangatho yembumba nemigangatho 
8. Iimfuno zokubhaliswa kwemigangatho-mfundo 
9. Iimfuno ezongezelelweyo zokubhaliswa kwemigangatho-mfundo kwizigaba soku-1 ukuya kwesesi-4 nesesi-5 ukuya kwesesi-8 
10. Inkqubo yobhaliso lwemigangatho yemfundo 
11. Ukubhaliswa kwethutyana kwemigangatho-mfundo 
ISAHLUKO SESI-3: AMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE
12. Ukusekwa 
13. Ukubhaliswa kwamaZiko emiGangatho yesiZwe 
14. Ukuchithwa kobhaliso lwamaZiko emiGangatho yesiZwe 
15. Ubulungu bamaZiko emiGangatho yesiZwe 
16. Ukutyunjelwa kwamalungu kumaZiko emiGangatho yesiZwe 
17. Reference Grouping????? 
18. Ukushiya kwamalungu izikhundla nokuzaliswa kwezithuba kwimaZiko emiGangatho yesiZwe 
19. Imisebenzi yamaZiko emiGangatho yesiZwe 
ISAHLUKO SESI-4: AMAZIKO ADALA IMIGANGATHO
20. Ukwamkelwa nokusekwa kwamaZiko aDala imiGangatho 
21. Ukuchithwa kobhaliso okanye ukudilizwa kwamaZiko aDala imiGangatho 
22. Ubulungu bamaZiko aDala imiGangatho 
23. Ukutyunjwa kwamalungu amaZiko aDala imiGangatho 
24. Imisebenzi yamaZiko aDala imiGangatho 
ISAHLUKO 5 : IMIGAQO-NKQUBO KUNYE NEZINTO EZENZIWAYO ZEZIMALI ZAMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE KUNYE NAMAZIKO ADALA IMIGANGATHO
25. Imigaqo yenkqubo 
26. Ukuhlawulela ukusebenza kwamaZiko emiGangatho kunye namaZiko aDala imiGangatho. 
ISAHLUKO 6: INTLOKO EMFUTSHANE
27. Intloko emfutshane 
ISIHLOMELO
* IMIGAQO YENKQUBO YAMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE 

CHAPTER 1
GENERAL PROVISIONS
Definitions
(THE XHOSA TRANSLATION OF THIS SECTION WILL BE AVIALABLE SOON)
Definitions 
1. In these regulations any word or expression to which a meaning has been assigned in the Act shall have such meaning and, unless the context otherwise indicates - 
"Act" means the South African Qualifications Authority Act, No 58 of 1995;
"applied competence" means the ability to put into practice in the relevant context the learning outcomes acquired in obtaining a qualification;
"assessor" means the person who is registered by the relevant Education and Training Quality Assurance body in accordance with criteria established for this purpose by a Standards Generating Body, to measure the achievement of specified National Qualifications Framework standards and qualifications; and "constituent assessor" has a corresponding meaning;
"chairperson" means the chairperson of the Authority;
"committee" means any committee of the Authority contemplated in section 7(1) of the Act;
"core learning" means that compulsory learning required in situations contextually relevant to the particular qualification, and "core" has a corresponding meaning;
"credit" means that value assigned by the Authority to ten (10) notional hours of learning;
"Critical Interest Group" means a national organisation whose presence is essential to the success of the activities of the National Standards Body under consideration;
"critical outcomes" means those generic outcomes which inform all teaching and learning, and "critical cross-field education and training outcomes" has a corresponding meaning;
"Education and Training Quality Assurance body" means a body accredited in terms of section 5(1)(a)(ii) of the Act, responsible for monitoring and auditing achievements in terms of national standards and qualifications, and to which specific functions relating to the monitoring and auditing of national standards and qualifications have been assigned in terms of section 5(1)(b)(i) of the Act;
"elective learning" means a selection of additional credits at the level of the National Qualifications Framework specified, from which a choice may be made to ensure that the purpose of the qualification is achieved, and "elective" has a corresponding meaning;
"Executive Committee" means a committee established in terms of section 7(1) of the Act to carry out certain designated functions on behalf of the Authority;
"executive officer" means the person appointed in terms of section 4(8) of the Act;
"exit level outcomes" means the outcomes to be achieved by a qualifying learner at the point at which he or she leaves the programme leading to a qualification;
"field" means a particular area of learning used as an organising mechanism for the National Qualifications Framework;
"fundamental learning" means that learning which forms the grounding or basis needed to undertake the education, training or further learning required in the obtaining of a qualification and "fundamental" has a corresponding meaning;
"integrated assessment" means that form of assessment which permits the learner to demonstrate applied competence and which uses a range of formative and summative assessment methods;
"level descriptor" means that statement describing a particular level of the eight levels of the National Qualifications Framework;
"member" means a member of the Authority appointed by the Minister in terms of section 4 of the Act;
"moderation" means the process which ensures that assessment of the outcomes described in National Qualifications Framework standards and qualifications is fair, reliable and valid;
"moderating body" means a body specifically appointed by the Authority for the purpose of moderation;
"National Standards Body" means a body registered in terms of section 5(1)(a)(ii) of the Act, responsible for establishing education and training standards or qualifications, and to which specific functions relating to the registration of national standards and qualifications have been assigned in terms of section 5(1)(b)(i) of the Act;
"notional hours of learning" means the learning time that it is conceived it would take an average learner to meet the outcomes defined, and includes concepts such as contact time, time spent in structured learning in the workplace and individual learning;
"outcomes" means the contextually demonstrated end-products of the learning process;
"qualifying learner" means a learner who has obtained a qualification;
"recognition of prior learning" means the comparison of the previous learning and experience of a learner howsoever obtained against the learning outcomes required for a specified qualification, and the acceptance for purposes of qualification of that which meets the requirements;
"resolution" means a decision of the Authority;
"specific outcomes" means contextually demonstrated knowledge, skills and values which support one or more critical outcomes;
"specialised learning" means that specialised theoretical knowledge which underpins application in the area of specialisation and "specialisation" has a corresponding meaning;
"Standards Generating Body" means a body registered in terms of section 5(1)(a)(ii) of the Act, responsible for establishing education and training standards or qualifications, and to which specific functions relating to the establishing of national standards and qualifications have been assigned in terms of section 5(1)(b)(i) of the Act; and
"unit standard" means registered statements of desired education and training outcomes and their associated assessment criteria together with administrative and other information as specified in these regulations.

CHAPTER 2
THE NATIONAL QUALIFICATIONS FRAMEWORK
Establishment 
2. A National Qualifications Framework is hereby established to provide for the registration of national standards and qualifications. 
Structure of the National Qualifications Framework 
3. (1)The National Qualifications Framework shall consist of eight-levels, which shall be entitled Levels 1 to 8, and each level shall be described by a unique level descriptor. 
(2) Level 1 of the National Qualifications Framework shall be open-ended and shall accommodate three sub-levels for Adult Basic Education and Training for which certificates of achievement may be awarded, and level 8 shall be open-ended.
(3) The eight levels of the National Qualifications Framework shall be grouped into three bands which shall be defined as follows: 
a. Level 1 and below: General Education and Training band 
b. Levels 2 to 4: Further Education and Training band 
c. Levels 5 to 8: Higher Education and Training band 
(4) The National Qualifications Framework shall be divided into twelve organising fields, which shall be: 
d. Field 01: Agriculture and Nature Conservation 
e. Field 02 :Culture and Arts 
f. Field 03 :Business, Commerce and Management Studies 
g. Field 04: Communication Studies and Language 
h. Field 05: Education, Training and Development 
i. Field 06: Manufacturing, Engineering and Technology 
j. Field 07: Human and Social Studies 
k. Field 08: Law, Military Science and Security 
l. Field 09: Health Sciences and Social Services 
m. Field 10: Physical, Mathematical, Computer and Life Sciences 
n. Field 11: Services 
o. Field 12: Physical Planning and Construction 
(5) The Authority shall allocate a unique field description to each organising field and shall divide each organising field into sub-fields to each of which the Authority shall allocate a unique sub-field description.
Level descriptors 
4. (1) Each National Standards Body contemplated in regulation 12, shall engage with the Standards Generating Bodies contemplated in regulation 20, in the field for which the National Standards Body was established, to produce the guidelines for level descriptors contemplated in regulation 3(1) with exemplars, which will explain their process of assigning levels to standards, other components of qualifications and qualifications. 
(2) The Authority shall prescribe level descriptors in consultation with the National Standards Bodies in order to ensure coherence across fields and to facilitate the assessment of the international comparability of standards and qualifications.
Assignment of levels to standards and qualifications 
5. (1) The assignment of levels to standards, other components of qualifications and qualifications shall occur as follows: 
a. Each National Standards Body contemplated in regulation 12 together with each Standards Generating body contemplated in regulation 20 shall reach agreement on the level of each unit standard and standard submitted, on a scale of eight levels as envisaged in regulation 3, taking into account the way in which both the breadth and the depth of knowledge, skills and values in a specific sub-field have been advanced by learning, and the way in which one or more of the critical outcomes is seen to be a distinctive although contextual part of the prescribed outcome of the unit standard concerned. 
b. The proposers of unit standards-based qualifications shall construct, through appropriate rules of combination of selected unit standards registered at different levels, qualifications which have exit level outcomes that are a function both of the particular component standards used, and of a process of integrating the overall outcome, again considered as reflecting the extent (on a scale of 1 to 8 as contemplated in regulation 3) to which knowledge, skills and values in a sub-field have been acquired and the critical outcomes incorporated, into the assessable performance. 
c. The proposers of qualifications not based on unit standards shall construct combinations of learning outcomes which have exit level outcomes that are a function of the most advanced outcomes included and of a process of integrating the overall outcome, considered as reflecting the extent (on a scale of 1 to 8 as contemplated in regulation 3), to which knowledge, skills and values in a sub-field have been acquired and the critical sub-field outcomes incorporated into the assessable performance as a whole. 
Registration of standards and qualifications on the National Qualifications Framework 
6. Each standard and qualification which meets the requirements in regulations 7 and 8 shall be registered on the National Qualifications Framework by the Authority and each shall be identified by a unique description. 
Requirements for the registration of unit standards and standards . 
7. (1) A unit standard shall be formulated so as to be used as an assessor document, a learner's guide and an educator's guide for the preparation of learning material and shall consist of - 
a. a unit standard title; 
b. a logo indicating approval by the Authority; 
c. a unit standard number; 
d. a unit standard level on the National Qualifications Framework; 
e. the credit attached to the unit standard; 
f. the field and sub-field of the unit standard; 
g. the issue date; 
h. the review date; 
i. the purpose of the unit standard; 
j. the learning assumed to be in place before this unit standard is commenced; 
k. the specific outcomes to be assessed; 
l. the assessment criteria, including essential embedded knowledge; 
m. the accreditation process (including moderation) for the unit standard; 
n. the range statements as a general guide for the scope, context, and level being used for this unit standard; and 
o. a "notes" category which must include the critical outcomes contemplated in regulation 7(4) supported by the unit standard; should include references to essential embedded knowledge if not addressed under assessment criteria and may include other supplementary information on the unit standard. 
(2) Critical outcomes contemplated in regulation 7(4) shall be embedded within a standard as specified in regulations 7(1): Provided that where such standard forms part of a qualification, those critical outcomes not included in the standard shall be embedded in the qualification.
(3) Critical outcomes include but are not limited to- 
p. identifying and solving problems in which responses display that responsible decisions using critical and creative thinking have been made. 
q. working effectively with others as a member of a team, group, organisation, community. 
r. organising and managing oneself and one's activities responsibly and effectively. 
s. collecting, analysing, organising and critically evaluating information. 
t. communicating effectively using visual, mathematical and/or language skills in the modes of oral and/or written persuasion. 
u. using science and technology effectively and critically, showing responsibility towards the environment and health of others. 
v. demonstrating an understanding of the world as a set of related systems by recognising that problem-solving contexts do not exist in isolation. 
w. contributing to the full personal development of each learner and the social and economic development of the society at large, by making it the underlying intention of any programme of learning to make an individual aware of the importance of: 
i. reflecting on and exploring a variety of strategies to learn more effectively; 
ii. participating as responsible citizens in the life of local, national and global communities; 
iii. being culturally and aesthetically sensitive across a range of social contexts; 
iv. exploring education and career opportunities; and 
v. developing entrepreneurial opportunities. 
Requirements for the registration of qualifications 
8. (1) A qualification shall- 
a. represent a planned combination of learning outcomes which has a defined purpose or purposes, and which is intended to provide qualifying learners with applied competence and a basis for further learning; 
b. add value to the qualifying learner in terms of enrichment of the person through the: provision of status, recognition, credentials and licensing; enhancement of marketability and employability; and opening-up of access routes to additional education and training; 
c. provide benefits to society and the economy through enhancing citizenship, increasing social and economic productivity, providing specifically skilled/professional people and transforming and redressing legacies of inequity; 
d. comply with the objectives of the National Qualifications Framework contained in section 2 of the Act; 
e. have both specific and critical cross-field outcomes which promote life-long learning; 
f. where applicable, be internationally comparable; 
g. incorporate integrated assessment appropriately to ensure that the purpose of the qualification is achieved, and such assessment shall use a range of formative and summative assessment methods such as portfolios, simulations, work-place assessments, written and oral examinations; and 
h. indicate in the rules governing the award of the qualification that the qualification may be achieved in whole or in part through the recognition of prior learning, which concept includes but is not limited to learning outcomes achieved through formal, informal and non-formal learning and work experience. 
(2) A total of 120 (one hundred and twenty) or more credits shall be required for registration of a qualification at levels 1 to 8, with a minimum of 72 (seventy-two) credits being obtained at or above the level at which the qualification is registered, and the number and levels of credits constituting the balance (of forty-eight) shall be specified: Provided that a qualification consisting of less than 120 credits may be considered if it meets the requirements in regulation 8(1) and complies with the objectives of the National Qualifications Framework contained in section 2 of the Act.
(3) IGunya liya kubhalisa umgangatho-mfundo ngokodidi nesigaba esiya kuthi simiselwe ngokwenani nezigaba zeekhredithi ezifunekayo ngokwezi nqobo zovavanyo zilandelayo:
a. IGunya liya kuwubhalisa umgangatho-mfundo njengeSatifikethi sesizwe kwizigaba 1 ukuya ku-8 apho uneekhredithi ezingama-120 (ikhulu elinamashumi amabini) okanye ikhredithi ezingaphezulu ezineekhredithi ezingama-72 (amashumi asixhenxe anesibini) kwisigaba obhaliswe kuso umgangatho-mfundo okanye kwesingaphezulu: Phantsi lwento ethi apho iGunya lithe lawujonga umgangatho-mfundo laza lafumanisa ukuba umgangatho-mfundo oneekhredithi ezingaphantsi kwezo zifunekayo uthe wazifezekisa imfuno zomgaqo 8 (1), imfuno yangaphambili iyayekwa uze umgangatho-mfundo ubhaliswe njengeSatifikethi sesiZwe. 
b. IGunya liya kuwubhalisa umgangatho-mfundo njengeDiploma yesiZwe apho uneekhredithi ezingama-240 (amakhulu amabini anamashumi amane) ubuncinane, kuzo ezingama-72 (amashumi asixhenxe anesibini) ziya kuba kwisigaba 5 okanye ngaphezulu. 
c. IGunya liya kuwubhalisa umgangatho-mfundo njengesiDanga sokuQala sesiZwe apho unobuncinane bama-360 eekhredithi (amakhulu amathathu anamashumi amathandathu), ekuthi kuzo ezingama-72 (amashumi asixhenxe anesibini) zibe kwisigaba 6 okanye ngaphezulu. 
(4) IGunya liya kubhalisa imigangatho-mfundo yonke (engenziwanga ivela kwimigangatho yeyunithi) ezifezekisayo iimfuno ezixelwe kumgaqo 11 (1) c) kusongezwa kwiimfuno zemigaqo 8(1), 8(2), 8(3) kunye nomgaqo.
(5) IGunya liya kuthi xa libhalisa liwuchaze umgangatho-mfundo ngokodidi, isigaba, inani leekhredithi kunye nesihloko esichaza injongo yawo ephambili.
Iimfuno ezongezelelweyo zokubhalisa imigangatho-mfundo kwizigaba 1 ukuya kwi-4 kunye nesigaba 5 ukuya kwi-8.
9. (1) Ukulungiselela ukubhalisa kwisigaba 1 ukuya kwi-4 ezi mfuno zongezelelweyo ziya kusebenza: 
a. kufunwa ama-72 (amashumi asixhenxe anesibini) ekhredithi ubuncinane ezikwisigaba esinikezelwe kuso isatifikethi okanye esingaphezulu, eziya kwenziwa kukufunda okungundoqo, kwaye iikhredithi ezingama-20 (amashumi amabini) ziya kuvela kwiziFundo zoNxibelelwano neeLwimi, ngaphezu koko ke iikhredithi ezi-16 (ishumi elinesithandathu) ziya kuvela kummandlana weMathematiki kubandakanya ukubala kwizatifikethi ezikwisigaba 1. 
b. Ubuncinane iikhredithi ezingama-36 (amashumi amathathu anesithandathu) kwizigaba 4 no-52 (amashumi amahlanu anesibini) kwisigaba 2 ukuya ku-4 eziya kuthi zahlulwe zibe zezi nguNdoqo neziKhethisayo kwaye ke umgangatho-mfundo ngamnye uya kuchaza ukwabiwa kweekhredithi ezifunekayo kwezindidi: Phantsi kwento ethi uluhlu luya kuba banzi ngokwaneleyo ukulungiselela abafundi ukuba balandele imfundo abayithandayo. 
c. Ngomnyaka ka-2002, i-16 (ishumi elinesithandathu) ubuncinane beekhredithi zezatifikethi kwisigaba 2 ukuya ku-4 ziya kuvela kwimimandlana egxininisa kwiMathematiki. 
(2) Ukongeza, ukubhalisa kwizigaba 5 ukuya ku-8 inani leekhredithi ezifunekayo zezifundo ezisisiSeko, ezinguNdoqo neziKhethisayo kufuneka zixelwe, eli nani leekhredithi liya kufanelekela umgangatho-mfundo lowo ucela ukubhaliswa: Phantsi kwento ethi iGunya lingafuna ukuba izizathu kunye nokuhanjiswa kweekhredithi kunikwe.
Inkqubo yokubhaliswa kwemigangatho yemfundo
10. (1) Umgangatho weyunithi okanye umgangatho wemfundo ozifezekisayo iimfuno zobhaliso ungangeniswa ukuba ubhaliswe kwiGunya ngamaziko adala umgangatho weyunithi, okanye umgangatho wemfundo, ungeniswe ngamaZiko emiGangatho yesiZwe ekuthethwa ngayo kumgaqo 12. 
(2) IGunya lingabhalisa umgangatho weyunithi okanye umgangatho wemfundo ozifezekisayo iinjongo zobhaliso kwiminyaka emithathu, olo bhaliso luya kumana luhlaziywa.
(3) Umgangatho weyunithi okanye umgangatho wemfundo obhaliswe kuPhahla lwemiGangatho yesiZwe uya kuba yinto yomntu wonke.
Ukubhaliswa kwethutyana kwemigangatho-mfundo
11. (1) IGunya linako, ukususela ngomhla woku-1 Julayi 1998 ukuya kumhla wama-30 Juni 2003, ukunika ubhaliso lwethutyana kumgangatho okhoyo owawuthe wavunywa liziko olamkelekileyo kwiGunya: Phantsi kwento ethi:- 
a. umgangatho ngamnye ungeniswe phambi komhla woku-1 Julayi 1998, kwiGunya ngemo evunyiweyo yi-SAQA, ukuba ubhaliswe; 
b. umgangatho onjalo, obhaliswe njalo ungeniswe phakathi komhla woku-1 Julayi 1998 kunye nomhla wama-30 Juni 2000 ngemo ekuthethwa ngayo kumgaqo 11 (1) c), ungeniswa kwiZiko lemiGangatho yesiZwe ukuba usetyenzwe; 
c. umgangatho onjalo unezi zinto zilandelayo: 
i. uxwebhu lwenjongo yomgangatho-mfundo; 
ii. izizindlo zokufunda esele zikho phambi kokuba iqale inkqubo ekhokelela kumgangatho-mfundo; 
iii. isigaba sokugqibela semfundo njengoko kuthethwa ngaso kumgaqo 5 (1) (b) kunye no-(c) kunye neenqobo zovavanyo; 
iv. Iikhredithi ezifunekayo zizonke; 
v. Ubuncinane beekhredithi ezifunekayo kwizigaba ezithile okanye ezona khredithi zininzi ukuba zithe zibugqitha ubuncinane obuxelwe kumgaqo 8 okanye 9; 
vi. Iindlela zovavanyo ezixubeneyo ezifakwe kakuhle ukuqinisekisa ukuba injongo yomgangtho-mfundo iyafumaneka; 
vii. Ukucacisa malunga neemigangatho-mfundo esondeleleneyo (ulungiselelo jikelele okanye oluthe ngqo); 
viii. Iinqobo zovavanyo zokubhalisa abaphononongi; 
ix. Iindlela zolongamelo kubandakanywa nengcebiso malunga neziko okanye amaziko ongameleyo; 
x. Lo mgangatho uhambiselana neemfuno ezixelwe kwimgaqo 8 no-9; 
xi. Akukho mgangatho-mfundo uya kuthi ubhaliswe okwethutyana emva komhla wama-30 Juni 2003, kwaye ke ukubhaliswa kwemigangatho-mfundo ngokwalo mgaqo kuya kuphelelwa ngalo mhla. 

ISAHLUKO 3
AMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE
Ukusekwa
12. (1) IZiko lemiGangatho yesiZwe liya kuba yinxalenye yeGunya, liphethwe liGunya lineZiko elinye lemiGangatho yesiZwe elisekwe kummandla ngamnye ngokwecandelo lesi-5 loMthetho, kwaye ke libhaliswe liGunya. 
(2) Kummandla apho kungekho Ziko lemiGangatho yesiZwe lisekiweyo okanye libhalisiweyo, okanye iZiko lemiGangatho yesiZwe eliyekiweyo ukubhaliswa okanye iGunya libona kuyimfuneko ukuba libe khona, iGunya liya kuyithabathela kulo imisebenzi noxanduva ebekunokuthi yabelwe elo Ziko lemiGangatho yesiZwe.
(3) IZiko lemiGangatho yesiZwe liya kusekwa kummandla ngamnye ekuthethwa ngawo kumgaqo 3 (4).
Ukubhaliswa kwamaZiko emiGangatho yesiZwe
13. (1) Iziko ngalinye lemiGangatho yesiZwe, liya kuthi emva kokuba lisekiwe kwaza konyulwa amalungu alo, linikwe isatifikethi sobhaliso liGunya, eso satifikethi siya kuba semthethweni iminyaka emithathu ukususela kumhla elasekwa ngawo iZiko lemiGangatho yesiZwe. 
(2) IZiko lemiGangatho yesiZwe ngalinye liya kuthi kwinyanga yokuqala yonyaka wesithathu lasekwayo lenze isicelo sobhaliso lichaza izizathu zokuba kutheni ubhaliso lwalo kufuneka kwamkeliwe kwakhona, lize lixele izinto elithe lona lazizuza kwiminyaka emibini egqithileyo.
Uchitho lobhaliso lwamaZiko emiGangatho yesiZwe
14. Lingachithwa ubhaliso lweZiko lemiGangatho yesiZwe ukuba iGunya, ngokoluvo lwalo, iziko elo aliwenzi ngokwanelisayo umsesiZwe elimele ummandla, oku kuya kwenzeka emva kothetha-thethwano kunye nentsebenziswano namaziko achaphazelekayo, kwaye kuqwalaselwe amagunya ePalamente nawamaphondo, imfuno yokumelwa nokulingana, imbuyekezo nesakhono esifunekayo ngokomsebenzi wamaZiko aDala imiGangatho. 
(2) Amagama abo bantu batyunjelwe ukuba babe ngamalungu amamZiko aDala imiGangatho kunye namaqela abo emfundo noqeqesho achaphazelekayo angundoqo aya kupapashwa kwiGazethi yobuRhulumente kuze kucelwe uluntu luphose ilizwi malunga nokwamkeleka kwabo batyunjiweyo nokuba amaqela emfundo noqeqesho achaphazelekayo angundoqo avela kwiinkalo zonke kusinina.
(3) Xa bevunywa abo batyunjiweyo, umntu ngamnye kubo ophumeleleyo uya kunikwa isatifikethi esimiselweyo liZiko lemiGangatho yesiZwe.
(4) Amaqela afuna ukumelwa kumaZiko aDala imiGangatho aya kukhokelwa zezi zinto zilandelayo kwizicelo zawo zokumelwa:
a. IZiko ngalinye eliDala imiGangatho liya kwenziwa ngabachaphazelekayo abangundoqo kwimfundo noqeqesho kummandlana lowo, bevela kumaqela achaphazelekayo nakwiingcali ezithe zaphawulwa ngokweemfuno zeGunya. 
b. Elona nani liphezulu labameli abenza iZiko eliDala imiGangatho liya kuchazwa ngothetha-thethwano neZiko lemiGangatho yesiZwe, kodwa ke alisayi kugqitha kumashumi amabini anesihlanu (25) ngaphandle kokuba iGunya libona ngenye indlela. 
c. USihlalo okanye ilungu elityunjiweyo leGunya liya kuba lilungu leZiko eliDala imiGangatho. 
(5) Umbutho okanye iqela lemibutho enqwenela ukwamkelwa njengeZiko eliDala imiGangatho liya kuqinisekisa ukuba kwisicelo salo sokwamkelwa liseke iqela elizimeleyo eliya kuthi lisebenze njengeZiko eliDala imiGangatho elinamalungu aya kufezekisa iinjongo zomgaqo 22 (4) kunye no- 23. Eso sicelo sokwamkelwa njengeZiko eliDala imiGangatho siya kuphicothwa luluntu njengoko kuchaziwe kumgaqo 22 (2).
Ukutyunjwa kwamalungu amaZiko aDala imiGangatho
23. (1) Amaqela aceba ukutyumbela abantu kumaZiko emiGangatho yesiZwe kufuneka ayise iso indaba yolingano nembuyekezo, ngoko ke kufuneka atyumbe abantu abalolu hlobo: 
a. abantu abaza kuyiqwalasela imiba yemveliso, iimfuno zoluntu, abanobulungisa nokuthelekiswa kwemigangatho yemfundo noqeqesho kweyehlabathi; 
b. abantu abahlonitshiweyo nabathandwayo ngabo bantu babameleyo izinto ekufuneka benazo zibandakanya ezi zilandelayo kodwa aziphelelanga kuzo; ukuhlonitshwa, ukuba nezakhono eziyimfuneko kunye namava kuloo mmandla uthile, bayazazi iinkqubo neendlela -ndlela zombutho obatyumbileyo, kwaye banenkxaso yombutho lowo; 
c. abantu abakwaziyo ukuzimela nokuzithethelela iimfuno nomdla wazo zonke izigaba ezikummandla olawulwa liZiko lemiGangatho yesiZwe; 
d. abantu abakwaziyo ukugweba ngokufanelekileyo kwisigaba esiphezulu; 
e. abantu abazinikeleyo kunxibelelwano olundlela-mbini, phakathi kweZiko eliDala imiGangatho, iZiko lemiGangatho yesiZwe kunye noluntu. 
Imisebenzi yamaZiko aDala imiGangatho
24. (1) IZiko eliDala imiGangatho:- 
a. liya kudala imigangatho yemfundo ngokweemfuno zeGunya ekuphawuleni imimandlana kunye nezigaba; 
b. liya kuqwalasela lize lihlaziye imigangatho; 
c. liya kubabaza imigangatho yemfundo kumaZiko emiGangatho yesiZwe; 
d. liya kubabaza iinqobo zokuvavanya ubhaliso lwabaphononongi kunye nabongameli okanye amaziko ongameleyo: 
e. liya kwenza eminye imisebenzi enokuthi kumaxesha ngamaxesha liyinikwe liZiko lalo lemiGangatho yesiZwe. 
(2) iZiko eliDala imiGangatho liya kwenza oku kulandelayo:
a. liya kuthobela izigqibo zeGunya malunga nokuphuhlisa nokwenza uPhahla lwemiGangatho yesiZwe; 
b. liya kuthetha-thethana neengcali kummandla ochaziweyo malunga nokuchaneka kunye nokwamkeleka kwiziphumo zezinto ezenziwayo, zize iingcali ziziphicothe iziphumo ezo; 
c. liya kuzipapasha iziphumo zezo zinto lizenzileyo kwiGazethi yobuRhulumente ukuze loo maqela anomdla aphose ilizwi; 
d. liya kuqiniseka ukuba iziphumo zezo zinto lizenzileyo ziyapicothwa liQela eliCebisayo ekuthethwa ngalo kumgaqo 17, phambi kokuba zingeniswe kwiGunya. 

ISAHLUKO 5
IMIGAQO-NKQUBO KUNYE NEZINTO EZENZIWAYO ZEZIMALI ZAMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE KUNYE NAMAZIKO ADALA IMIGANGATHO
Imigaqo yenkqubo
25. Izinto ezenziwayo kunye nokusebenza kweZiko lemiGangatho yesiZwe kuya kulawulwa yimiGaqo yeNkqubo ekwisiHlomelo sale miGaqo. 
Ukuhlawulela ukusebenza kwamaZiko emiGangatho kunye namaZiko aDala imiGangatho.
26. (1) IZiko ngalinye lemiGangatho yesiZwe liya kuthi lakuselwa, livelise isicwangciso soshishino rhoqo ngonyaka wezimali zeGunya. Esi sicwangciso siya kuthi sibonise iinjongo ekufuneka ziphunyeziwe ngelo xesha sicwangciselwe sona, eliba yiminyaka emithathu amaxesha amaninzi, sibandakanya nohlahlo-lwabiwo-mali. 
(2) Uhlahlo-lwabiwo mali luya kwenziwa ngendlela evunywe liGunya kwaye ke liya kungeniswa kwiGunya ukuba lilugunyazise.
(3) Amalungu amaZiko emiGangatho yesiZwe afumana intlawulo ngemisebenzi yawo emalunga nokusebenza kwamaZiko emiGangatho yesiZwe, ngokwemigaqo ebhekisele kwiNkonzo kaRhulumente njengoko iguqulwe liGunya. Loo ntlawulo ke iya kubandakanya kodwa ingapheleli kwezi zinto: intlawulo eyenziwa ngokuya ezintlanganisweni, ukutya nendawo yokulala kunye nokukhwela, nezinye intwana-ntwana.
(4) Amalungu eekomiti zamaZiko emiGangatho yesiZwe angengomalungu amaZiko emiGangatho yesiZwe: Phantsi kwento ethi ubulungu bezo komiti zinjalo buvunywe liGunya kuqala.
(5) IGunya liya kukuhlawulela ukusebenza okuvunyiweyo kwamaZiko aDala imiGangatho xa ngaba kukho imfuneko yokwenjenjalo, oku ke kuya kuxhomekeka kubukho bemali nenkqubo yentlawulo eyenziwe kunye nelo Ziko liDala imiGangatho lichaphazelekayo.

ISAHLUKO 6
INTLOKO EMFUTSHANE
Intloko emfutshane
27. Le migaqo iya kubizwa ngokuba yimiGaqo yamaZiko emiGangatho yesiZwe ka-1998. 

ISIHLOMELO
IMIGAQO YENKQUBO YAMAZIKO EMIGANGATHO YESIZWE
INKCAZO
1. Kule miGaqo, ngaphandle kokuba indawo leyo ibonisa ngolunye uhlobo:- 
"Usihlalo" uthetha uSihlalo weZiko lemiGangatho yesiZwe;
"Ikomiti" ithetha ikomiti yeZiko lemiGangatho yesiZwe;
"Ikomiti eLawulayo" ithetha ikomiti esekelwe ukwenza imisebenzi ethile emiselweyo, iyenza egameni leZiko lemiGangatho yesiZwe.
"Ilungu" lithetha ilungu leZiko lemiGangatho yesiZwe;
"NSB" umele iZiko lemiGangatho yesiZwe'
"Isigqibo" sithetha isigqibo esithathwe liZiko lemiGangatho yesiZwe;
"Unobhala" uthetha ilungu leZiko lemiGangatho yesiZwe elityunjelwe ukwenza lo msebenzi wokubhala;
AMALUNGU E-NSB
2. I-NSB, phantsi kwezibonelelo zoMthetho, iya kuba noSihlalo, uSekela-sihlalo, uNobhala kunye namanye amalungu anyulwe yi-SAQA ngokwemiGaqo yamaZiko emiGangatho yesiZwe (imiGaqo), phantsi kweemfuno zokuba uSihlalo uya kuthi kuqala onyulwe ngamalungu e-NSB, emonyula kumalungu ayo okanye kwezinye iindawo. 
AMAGOSA ACHOPHELA IINTLANGANISO
3. USihlalo we-NSB okanye wekomiti uya kuchophela iintlanganiso ze-NSB okanye ezeKomiti. Ukuba uSihlalo akakho entlanganisweni uSekela-sihlalo iya kuba nguye ochophela loo ntlanganiso. Xa bengekho bobabini, amalungu akhoyo angonyula phakathi kwawo usihlalo wokuchophela loo ntlanganiso. 
IINTLANGANISO ZE-NSB
4. I-NSB iya kudibana kwezo ndawo nalo maxesha ekuya kuthi kwenziwe izigqibo ngawo kumaxesha ngamaxesha.
  
5. Iintlanganiso ezizodwa zingabizwa ngokubona kukaSihlalo okanye ngesicelo ekunikwe izizathu ngaso ngamalungu angekho ngaphantsi kwisinye esithathwini. Loo ntlanganiso iya kubanjwa kwindawo nangexesha abona uNobhala lifanelekile, msinyane emva kokufumana isicelo.
  
6. USihlalo, emva kokuba edlene indlebe neKomiti eLawulayo uya kuba nelungelo lokuyibekela elinye ixesha intlanganiso yeNSB ukuba umcimbi okwi-ajenda ubonakala ingathi awufuni ntlanganiso, kodwa ke amalungu kufuneka axelelwe ngoko kubekelwa elinye ixesha kwentlanganiso ubuncinane kwiveki phambi kolo suku iza kuhlala ngalo intlanganiso, kuze kutshiwo nokuthi iintlanganiso akufuneki zirhoxiswe okanye zibekelwe elinye ixesha okanye ngenxa yeemeko ezingaphaya kwamandla e-NSB, ngaphandle kokuba isibini-esithathwini samalungu siyayivuma lento.
  
7. Nawuphina umntu ekufuneka ekho entlanganisweni ethile angamenyelwa kuloo ntlanganiso yi-NSB ukuba ayizimase.
  
8. Onke amaxwebhu anikwe amalungu aya kulebhelishwa ngendlela efanelekele iwonga kunye noko kuqulathwe kuwo, kuko ke noluvo oluthi amalungu aya kuqinisekisa ukuba loo maxwebhu aya kusetyenzwa ngokokubhalishwa kwawo. 
ISAZISO NGEENTLANGANISO
9. Isibhengezo sayo nayiphina intlanganiso ye-NSB eya kuba nemizuzu kunye nemicimbi eza kuqwalasela, siya kuvela kuNobhala kwiintsuku ezili-14 phambi komhla wentlanganiso, sisiya kwilungu ngalinye nakwabanye abantu ekufuneka bezile entlanganisweni: Phantsi kwento ethi kwimeko yeentlanganiso ezizodwa, isibhengezo sexesha elifutshane kuya kugqitywa ngaso nguSihlalo, kodwa iintsuku zingabi ngaphantsi kweentsuku ezintathu zeveki.
  
10. Ukungafunyanwa kwesibhengexo, ebesithunyelwe kwidilesi ebhalisiweyo yelungu akusayi kuyichaphazela okanye kuyenze ingabinto yanto intlanganiso. 
INCWADI YOKUBA KHONA ENTLANGANISWENI
11. Onke amalungu akhoyo entlanganisweni aya kusayina kwincwadi yokuba khona entlanganisweni eya kuba khona ngenxa yeso sizathu. 
IKHORAM
12. Isiqingatha samulungu, engabandakanywa, uSihlalo, aya kwenza ikhoram kuzo zonke iintlanganiso zesiqhelo ze-NSB. Kwiintlanganiso ezizodwa, isinye kwisithathu samalungu e-NSB, kungabandakanywa noSihlalo, siya kwenza ikhoram.
  
13. Xa inani lamalungu akhoyo kwindawo nexesha lokubamba intlanganiso engayenzi ikhoram, intlanganiso iya kuqhubeka, kodwa izigqib ekufikelelwa kuzo ziya kumalungu e-NSB ukuba ziphinde zixoxwe phambi kokuba ziphunyezwe. 
ISITETIMENTI ESIYA KOONONDABA
14. Apho kuyimfuneko ukwenza ilizwi koonondaba malunga nemiba ethile echaphazela umsebenzi neentlanganiso ze-NSB, liya kwenziwa nguSihlalo we-NSB evumelana noSihlalo weGunya. 
IMIZUZU
15. Imizuzu yentlanganiso nganye iya kubhalwa, ingeniswe ukwenzela ukuba ivunywe kwintlanganiso elandelayo. UNobhala uya kuwanika amalungu imizuzu ngexesha elinye nesaziso sentlanganiso elandelayo.
  
16. Imizuzu ayisayi kuveza izinto ebezithethwa ngabantu ngabantu kodwa iya kuba sisishwankathelo esibhaliweyo sezinto eziqhubekileyo, izigqibo kunye nezinto ekufuneka zenziwe, kukho nesibonelelo sokuba naliphina ilungu linelungelo lokucela ukuba elalo uluvo lubhalwe kwimizuzu. 
IINGXOXO ZE-NSB KUNYE NOVOTO
17. Xa kubanjwe intlanganiso ye-NSB imigaqo yesiqhelo yeengxoxo iya kusebenza.
  
18. Izigqibo ziya kuthathwa ngokwemvumelwano, kodwa apho kungafikelelwayo kwisivumelwano makuvotwe. Apho kubonakala kuyimfuneko ukuvota kuya kwenziwa ngokuthi kuphakanyiswe izandla ngaphandle kokuba ibhalothi iye yacelwa lilo naliphina ilungu.
  
19. Xa uSihlalo echophele intlanganiso akayi kuba nevoti yengxoxo kodwa uya kuba nevoti eyahlulayo.
  
20. Xa engekho uSihlalo, uSihlalo obambeleyo (nokuba nguSekela-sihlalo okanye omnye umntu) akayi kuba nevoti eyahlulayo, kodwa uya kuba nevoti yengxoxo.
  
21. Ixhomekeke kwilungu le-NSB ukuba lixele ukuba linenzuzo eliyijongileyo i oxoxwayo yi-NSB kumcimbi oxoxwayo yi-NSB ukwenzela ukuba lizisuse xa kusenziwa isigqibo yi-NSB.
  
22. Izigqibo zesininzi samalungu akhoyo entlanganisweni ye-NSB ngaphandle koko kubonelelwe kule migaqo, siya kuba sisigqibo se-NSB. Izimvo zegcuntswana zingabhalwa phantsi ngokwesicelo saloo malungu.
  
23. Kungekho kuchasa izibonelelo zale migaqo, ukuba kukho umcimbi othe wavuka phakathi kweentlanganiso zesiqhelo, ofuna isigqibo se-NSB, ongafanelanga kulinda intlanganiso yesiqhelo elandelayo ye-NSB ngokwembono kaSihlalo, uSihlalo angagunyazisa uNobhala ukuba abhalele onke amalungu isaziso, ewachazela ngalo mcimbi, ecela kananjalo ivoti eza kuthunyelwa ngeposi, ekuya kuthi ngayo kwenziwe izigqibo. Isaziso eso siya kuchaza ixesha enokungeniswa ngalo ivoti, xesha elo lingasayi kuba ngaphantsi kweentsuku ezilishumi (10) ukususela ngomhla wokuhanjiswa kwesaziso. Isigqibo sesininzi se-NSB siya kuthathwa njengesigqibo se-NSB. Isiphumo sevoti siya kwaziswa kwintlanganiso elandelayo ye-NBS. 
UKUSEKWA KWEEKOMITI
24. I-NSB ingaseka iikomiti, kubandakanywa neKomiti eLawulayo ngokwemiGaqo ye-NSB. 
IKOMITI ELAWULAYO
25. IKomiti eLawulayo esekwe ngokwemiGaqo iya kwenziwa ngamalungu e-NSB ize imiselwe ngawo. Iya kuba noSihlalo kunye namanye amalungu aya kuthi onyulwe yi-NSB: Phantsi kwento ethi: 
25.1 IKomiti eLawulayo iya kuthi phantsi kwesikhokelo se-NSB yenze imicimbi ye-NSB xa kungekho zintlanganiso, kananjalo zonke izigqibo ezimayela nemicimbi engenkqubo ziya kuthathwa yi-NSB;
25.2 USihlalo okanye xa engekho, uSekela-sihlalo okanye naye xa engekho lowo ulibambela likaSihlalo owonyulwe ngamalungu uya kuthi achophele zonke iintlanganiso zekomiti elawulayo;
25.3 USihlalo uya kunika ingxelo ngomsebenzi weKomiti eLawulayo kuzo zonke iintlanganiso zesiqhelo ze-NSB, kwaye ke 
25.4 Ikhoram yeKomiti eLawulayo iya kwenziwa nguSihlalo kunye nesiqingatha samalungu eKomiti eLawulayo. 
EZINYE IIKOMITI
26. Ikomiti iya kuba nenani lamalungu e-NSB okanye labantu abangengomalungu e-NSB okanye lamalungu e-NSB kunye nabanye abantu, njengoko i-NSB iya kuthi imisele. Ikomiti iya kumiselwa elo xesha liya kuthi lichongwe yi-NSB. 
26.1 I-NSB iya konyula naliphina ilungu laloo komiti ukuba libe nguSihlalo wayo.
26.2 Ikomiti ingaseka iqela okanye amaqela asebenzayo phantsi kwesikhokelo sayo ukuba enze imisebenzi njengoko i-NSB ingathi imisele okanye aphande ngemicimbi eyinxalenye yemisebenzi namandla ekomiti. Oku kunokwenziwa ngemvume ye-NSB.
26.3Nayiphina ikomiti, ngaphandle kweKomiti eLawulayo, inakho ukufakela ilungu okanye amalungu abe yinxalenye yekomiti leyo, efakelwa isizathu esithile okanye efakwa ngexesha elithile. Oku kunokwenziwa ngemvume yeKomiti eLawulayo.
26.4 I-NSB inakho, phantsi kweemeko ezibonayo, ukunikezela amandla ayo okanye amandla enawo ngokwemiGaqo, kuyo nayiphina ikomiti, malunga nomcimbi othile okanye neemeko ngokubanzi.
26.5 I-NSB inako ukurhoxisa, yolule okanye ijike umsebenzi omiselweyo wekomiti ethile, kodwa ke nasiphina isindululo sokwenza oku kufuneka siqale sisiwe kuloo komiti ichaphazelekayo ukuba isiqwalasele ize iphose izwi.
26.6 Ilungu lekomiti elithe alaya entlanganisweni amatyeli amathathu ngaphandle kokwenza isingxengxezo liya kuyeka ukuba lilungu laloo komiti.
26.7 Ilungu lingayeka ukuba lilungu lekomiti ngokuthi libhale incwadi yokuyeka.
26.8 Ukuba kuye kwakho isithuba kwikomiti ethile, uSihlalo waloo komiti uya kubhalela I-NSB, eyixelela ngale nto kwintlanganiso yokuqala elandelayo ye-NSB, yona ke i-NSB iya kuthembisa ukusivala eso sithuba.
UKWENZA INGXELO KWEEKOMITI
27. Sihlalo wekomiti nganye uya kungenisa ingxelo ngemisebenzi yekomiti kwintlanganiso nganye yesiqhelo ye-NSB. 
IINTLANGANISO ZEEKOMITI
28. Izibonelelo zomhlathi 7 ukuya ku- 20 ziya kusebenza kuyo nayiphina ikomiti ye-NSB, kufuneka zifundwe kunye neenguqulelo ezifunwa yimeko leyo: Phantsi kwento ethi ngenxa yeenjongo zeli gatya, xa kuthethwa nge- "NSB", "uSihlalo", "uNobhala", kuya kuthathwa ukuba kuthethwa ngeKomiti, "uSihlalo weKomiti" okanye "uNobhala weKomiti" ngokulandelelana kwazo. 
AMALUNGU ONGEZELELWEYO
29. Amalungu ongezelelweyo onyulelwe ukuba abe ngamalungu ekomiti ngokwemiGaqo aya kuba negunya lobulungu kuyo nayiphina intlanganiso, kunye nelungelo lokuvota. 
INDIMA KANOBHALA
30. Umsebenzi wobu nobhala okhoyo kumsebenzi we-NSB uya kwenziwa nguNobhala, ngesikhokelo sikaSihlalo we-NSB.
  
31. Indima kaNobhala kukunceda i-NSB kwezi zinto zilandelayo: 
31.1 ukunikezela inkonzo yokubhala
31.2 ukucebisa ngemicimbi yezolawulo
31.3 ukunika inkonzo yezolawulo eyiyo
31.4 ukuncedisa kulawulo lweeprojekthi
31.5 ukwenza neminye imisebenzi eya kuthi i-NSB imyalele ukuba ayenze kumaxesha ngamaxesha.
UKUGUQULWA KWEMIGAQO
32. Le migaqo kungathi kongezwe kuyo okanye iguqulwe kuyo nayiphina intlanganso ye-NSB ngokuvumelana neGunya, ngokwesininzi samalungu akhoyo: Phantsi kwento ethi olo guqulo luya kuba ngumcimbi ozimeleyo kwi-ajenda, kwaye kufuneka kube kanti ubuhanjiswe kumalungu ne-ajenda, kwaye ke kufuneka amalungu akhoyo entlanganisweni abe maninzi kunesiqingatha sawo ewonke. 
UKUQWALASELWA KWEZIGQIBO ZE-NSB
33. Isigqibo ngasinye esithathwe entlanganisweni ye-NSB siya kunikwa inombolo yesiGqibo se-NSB eyodwa kwaye ke siya kubonwa njengesigqibo se-NSB. Ilungu elifuna ukuba isigqibo esithile siqwalaselwe kufuneka libhalele uNobhala kwiintsuku ezili-14 phambi kwentlanganiso ye-NSB, lichaze izizathu ezizeleyo ezibangele ukuba licele ukuphinda kujongwe eso sigqibo. Ukuba ke i-NSB ithe yasiguqula isigqibo, olo guqulo kufuneka lubhalwe kwimizuzu yentlanganiso, kuze kwenziwe uguqulo olufanelekileyo kwamanye amaxwebhu kunye namanye amaxwebhu athunyelwa kwezinye iindawo. 
 
 
 

Xhosa
Umbono
Ukwenza izigqibo ezikhuthazwa lulwazi ngezelizwe, ukucwangcisa nokufezekisa
iimfuno zabantu, ngenjongo yokuphucula ixabiso lokuphila kwabo bonke abantu
eMzantsi Afrika.
Igwijo
Ukuxhobisa ukwenziwa kwezigqibo eMzantsi Afrika ngolwazi lwezelizwe.
Iinjongo
Iinjongo zethu kukubonelela ngemida ukulungiselela izithuba zemihlaba
eziluqilima ezibonakala ngezi zinto zilandelayo:
??Ukufumaneka kweenkcukacha ezifanelekileyo nezithembekileyo zezithuba
zemihlaba ukulungiselela ukucwangcisa, ukubonelela ngeenkonzo nokwaba
ngeyona ndlela iyiyo amancedo akhoyo;
??Kunye nokwabelana, ukusebenzisa nokuphinda kwakhona kusetyenziswe ulwazi
olufanelekileyo lwezithuba zemihlaba, iindlela zokusebenzisa kwakunye
nokufunda ngokulungiselela, ngaphandle kokuphindaphinda okungafunekiyo
nokuneendleko;
Ngokwenza oku kulandelayo:
??Ukukhuthaza ukukhathalela uqwalaselo lolwazi ngezithuba zemihlaba
njengengokuyimfuneko efanelwe lulawulo olululo;
??Ukuqokelela nokupapasha iinkcukacha zovimba ngezithuba zemihlaba;
??Ukubeka emgangathweni ngenjongo yokukhuthaza ukwabelana ngolwazi
ngezithuba zemihlaba nokusebenzelana kweenkqubo zolwazi necandelo lezithuba
zemihlaba;
??Ukuphuhlisa nokulondoloza iinkqubo ezisebenziseka lula eziya kulungiselela
ukufumanisa nokukhupha iingqokelela zoovimba bezithuba zemihlaba;
??Ukufezekisa inkqubo eqinisekisa ubukho bolwazi olululo nolugcinwe ngononelelo
lwezithuba zemihlaba olufunekayo kulawulo olululo nolusulungekileyo;
??Kwanoqulunqo lwezilungiselelo zamaziko, ezicacisa gca uxanduva olufunekayo
ukugcina nokusasaza ulwazi olubalulekileyo.

1
Kanti yintoni iSAHRC?
Ikomishoni ejongene namaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika (SAHRC)
ibandakanya izinto ezimbini, iKomishoni neCandelo looNobhala.
ikomishoni
Usihlalo wayo nguMfundisi uGqr Barney Pityana ize usekela-sihlalo ibe
nguNkszn Shirley Mabusela. IKomishoni inabakomishinara abafikelela kwishumi
elinanye, kubandakanywa usihlalo nosekela-sihlalo.
Icandelo looNobhala
ICandelo looNobhala longanyelwe ligosa eliyintloko yolawulo.
Linamasebe amane:
???eleMfundo, uQeqesho neNgcaciso
???eleeNkonzo zezoMthetho
???eloPhando nokuqulunqwa kwamaXwebhu
???eleMali noLawulo
I-SAHRC ineekomiti namalungu azo ingabakomishinara, amalungu estafu
namalungu avela ngaphandle, ethi isebenze kule mimandla ilandelayo:
???INkqubo noCwangciso;
???uRhulumente noQhagamshelwano nePalamente;
???IMicimbi yezoMthetho noMgaqo-siseko;
???UQhagamshelwano neMibutho eNgekho Phantsi kukaRhulumente (NGO)
kwaneMiswe ngokoMthetho (Statutory Bodies);
???UQhagamshelwano naMazwe ngaMazwe;
???UkuKhubazeka; kunye
???NaBantwana.
Ngaphezu koko, umkomishinara ngamnye unoxanduva olulodwa lokujongana
nephondo elinye okanye ngaphezulu. Bathi bandwendwele amaphondo
ngenjongo yokwakha ubudlelwane neziseko zoluntu ezikhoyo, bahlahlele iindlela
zokusebenza ekubonakala zilandelwa baze baphendule izikhalazo.
Yenza msebenzi mni iSAHRC?
I-SAHRC yasekwa ngokoMgaqo-siseko ukuze:
???iphuhlise umoya wokuhlonitshwa kwamalungelo oluntu eMzantsi Afrika;
???ifundise abemi baseMzantsi Afrika ngamalungelo oluntu;
???iphande ngezenzo zokusingelwa phantsi kwamalungelo oluntu ize ifumane
neendlela zokulungisa ezo zenzo (kubandakanywa ukuzisa amatyala
phambi kweenkundla, ukuba kukho imfuneko yoko);
2
???iqhube uphando ngamalungelo oluntu eMzantsi Afrika nakumazwe
ngamazwe;
???icebise urhulumente malunga namalungelo oluntu ize iqaphele indlela
urhulumente akhuthaza aze akhusele ngayo amalungelo oluntu;
???ukuphonononga imithetho ebhalwe kuwo onke amanqanaba karhulumente
(elendawo, elephondo nelikazwelonke) ukuqinisekisa ukuba loo mithetho
ihlonipha amalungelo oluntu;
???nokuphonononga into eyenziwa ngurhulumente ukuqinisekisa ukuba
abantu bayakwazi ukufikelela kumalungelo asekuhlaleni nawoqoqosho
(okusingqongileyo, ulwakhiwo lwezindlu, uncedo lwezempilo, ukutya,
amanzi, izibonelelo zikarhulumente nemfundo).
Ukubika izenzo zokusingelwa phantsi kwamalungelo oluntu
Isenzo sosingelo-phantsi lwamalungelo oluntu kuxa kuthe nawaphi na
amalungelo aqulathwe kuMqulu wamaLungelo oLuntu lasetyenziswa ngendlela
engatshongo khona okanye latyeshelwa. Kodwa ke, iSAHRC ayishukuxi zonke
izenzo zosingelo-phantsi. Ezinye izenzo zosingelo-phantsi zibhekiswa kweminye
imibutho neziseko zoluntu ezimiselwe ngenjongo yokushukuxa izenzo ezithile
zosingelo-phantsi. Ezo ziseko zibandakanya:
IKomishoni eququzelela ukuLingana ngokweSini
(The Commission for Gender Equality) - echophela izenzo zokucalucalulwa
ngokwesini; Tel: 011-403 7182
UMkhuseli woLuntu (The Public Protector) - izikhalazo ezijoliswe kumagosa
karhulumente; Tel: 012-322 2915/6
IKomishoni yokuXolelanisa nokuLamla (The Commission for Conciliation,
Mediation and Arbitration) - kwiimeko apho izenzo zinxamnye nomthetho
wezabasebenzi; Tel: 011-377 6894
ICandelo labaLawuli elizimeleyo leziKhalazo (The Independent Complaints
Directorate) - Izikhalazo ezijoliswe emapoliseni; Tel: 012-428 5700
Ukuba imeko yakho yenye yezi, kungcono ukuba uqhagamshelane ngqo nale
mibutho. Iingcebiso noncedo malunga nemeko yakho zingafumaneka kwiiBhodi
zoNcedo loMthetho (ezifumaneka kwiiNkundla zooMantyi), okanye kwiiKliniki
zoNcedo loMthetho (kwiidyunivesiti ezininzi). Ngaphezu koko, kukho iMibutho
eNgekho Phantsi kukaRhulumente emininzi (efana naMagqwetha aMele
amaLungelo oLuntu, iZiko loNcedo ngezoMthetho neBlack Sash) enganakho
ukukunceda.
3
Indlela yokubika izenzo zokusingelwa phantsi kwamalungelo oluntu
kwiSAHRC
Ukuba imeko yakho yeyosingelo-phantsi lwelinye lamalungelo akuMqulu
wamaLungelo oLuntu, yaye ingelulo uhlobo lwetyala elishukuxwa nguwo
nawuphi na omnye umbutho, ungazisa ngaso eso senzo kwiSAHRC ngokuthi;
Utsalele umnxeba kwiofisi yeSAHRC. iLungu lestafu liya kuthatha ingxelo, liya
kukuthumela ifomu yezikhalazo okanye lenze idinga lokuba uze eofisini buqu.
OKANYE
Uthumele ngefeksi okanye incwadana ebhalwe ngolwimi olukhethwe nguwe
kwiCandelo leeNkonzo zezoMthetho leSAHRC
OKANYE
Ufumane ifomu yezikhalazo kwiSAHRC, uyigcwalise uze uyibuyisele kwiSAHRC.
iidilesi zeSAHRC
Johannesburg - Private Bag 2700, Houghton 2041
Tel: 011 - 484 8300 Fax: 011 - 484 1360
Eastern Cape - P O Box 1854, Port Elizabeth 6001
Tel: 041 - 582 4094/2611 Fax: 041 - 582 2204
KwaZulu Natal - P O Box 1456, Durban 4000
Tel/Fax: 031- 304 7323/4/5
Northern Province - P O Box 55796, Pietersburg 0700
Tel: 015 - 291 3500/3504 Fax: 015 - 291 3505
Western Cape - P O Box 3563, Cape Town 8001
Tel: 021 - 426 2277 Fax: 021 - 426 2875
UMqulu wamalungelo oluntu
Ukwakha umoya okhuthaza amalungelo oluntu, kubalulekile ukuba ummi
ngamnye awazi amalungelo akhe aluqonde noxanduva lwakhe. I-SAHRC
ikhusela ize ikhuthaze amalungelo oluntu abo bonke abantu baseMzantsi Afrika.
4
Esi silandelayo sisishwankathelo soMqulu wamaLungelo oLuntu. Xa ufuna
umqulu opheleleyo, nceda ufunde iSahluko 2 soMgaqo-siseko.
Ukulingana: Akuvumelekanga ukuba umntu acalu-calulwe.
Isidima sobuntu: Isidima sakho kufuneka sihlonitshwe kwaye sikhuselwe.
Ubomi: Unelungelo lobomi.
Inkululeko kunye nokhuseleko lomntu: Akunakubanjwa un gakhange uvele
enkundleni kuqala. Ubundlobongela basekhayeni abuvumelekanga.
Ubukhoboka, ukusetyenziswa ngenkani: Ubukhoboka kunye
nokusetyenziswa ngenkani akuvemelekanga.
Iimfihlo zakho: Akuvumelekanga ukuba usetshwe okanye kusetshwe izinto
zakho.
Inkululeko yokholo, inkolo nezimvo: Ungakholelwa nakuyiphi na inkolo
oyikhethayo. Ungacinga nayiphi na ingcinga oyifunayo.
Ukuthetha ngokukhululeka: Nabani angathetha nantoni na afuna ukuyithetha,
oku kuquka nabeendaba.
Umanyano, uqhankqalazo, ukubonisa, nokuphakamisa izikhalazo:
Ningamanyana, niqhankqalaze, kodwa oko nikwenze ngenzolo.
Ukumanyana ngokukhululekileyo: Ungamanyana nabani na ofuna
ukuzibandakanya naye.
Amalungelo ezopolitiko: Ungalixhasa naliphi na iqela lezopolitiko elikhethwe
nguwe. Ukuba ungummi, kwaye iminyaka yakho ili-18 ubudala nangaphezulu,
ungavota.
Ubumi: Ubumi bakho abunakuthatyathwa kuwe.
Ukuhlala noku hamba-hamba khululekileyo: Ungahamba uhlale naphi na
emZantsi Afrika.
Inkululeko yokurhweba, nokusebenza: Ungawenza nawuphi na umsebenzi
okhethwe nguwe.
5
Ubudlelwane babasebenzi: Ungazimanya nalo naliphi na iqela emsebenzini,
kwaye ningaqhankqalaza.
Imvelo ekungqongileyo: Unelungelo lokuhlala kwindawo ecocekileyo.
Umhlaba nezakhiwo: Umhlaba nezakhiwo zakho angekhe zihluthwe kuwe
ngaphandle kwemigaqo esemthethweni.
Izindlu: uRhulumente kufaneleke aqinisekise ukuba abantu bafumana izindlu
ezifanelekileyo.
Ezempilo, ukutya, amanzi, nokhuseleko: uRhulumente kufaneleke
aqinisekise ukuba abantu bafumana ukutya, amanzi nokhuseleko.
Abantwana: Abantwana abangaphantsi kweminyaka eli-18 banamalungelo
awodwa, umzekelo: imithetho elwa nokuphathwa gadalala okanye kakubi
kwabantwana.
Imfundo: Unelungelo lemfundo esisisekelo, kunye nemfundo yabadala
ngolwimi lwakho (ukuba kungenzeka).
Ulwimi nenkcubeko: Abahlali bendawo bangonwabela inkcubeko yabo,
balandele inkolo yabo, basebenzise ulwimi lwabo.
Amasiko, iinkolo, neelwimi zamaqela athile: Amaqela athile angonwabela
amasiko awo; athobele iinkolo zawo, athethe neelwimi zawo.
Imvume yokufumana ulwazi: Unelungelo lokufumana naluphi na ulwazi
uRhulumente analo.
Iincwadi neenkcukacha zobuRhulumente: Izenzo zobuRhulumente makube
zezifanelekileyo.
Iinkundla zomthetho: Unganengxaki ngokwasemthethweni ngokugqitywe
yinkundla okanye liqumrhu elifanayo nenkundla yomthetho.
Ukubanjwa, amabanjwa kunye nabatyholwa: La malungelo akhusela abantu
ababanjiweyo, amabanjwa nabatyholiweyo.
QAPHELA: Onke la malungelo anganyenyiswa xa kunokuba yinto
elungileyo ukwenza oko. Xa ufuna iinkcukacha ezithe vetshe, khangela
kwiSahluko 2 soMgaqo-siseko.
6

fIBHODI YEELWIMI ZONKE ZASEMZANTSI AFRIKA
Iminqophiso
Injongo yeBhodi Ibhodi Yeelwimi Zonke Zasemzantsi Afrika kukuphucula ukusetyenziswa kwentlaninge yeelwimi eMzantsi Afrika ngolu hlobo: 
* ngokudala iimeko zokuphuhliswa nokusetyenziswa kwazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni ngokulinganayo ; 
* ngokunyanzelisa ukuhlonitshwa nokukhuthazwa kokusetyenziswa kwezinye iilwimi kweli lizwe; kunye 
* nokukhuthaza ukusetyenziswa okubalaseleyo kwemithombo yobutyebi bolwimi; 
ukuze kwenziwe ukuba abemi baseMzantsi Afrika bakwazi ukuzikhulula kuzo zonke iintlobo zocalu-calulo ngokolwimi, ukonganyelwa nokwahlulwa-hlulwa ukuze ngolo hlobo bakwazi ukukhetha iilwimi ezifanele ubuqu bobomi babo ukuze kwenziwe nophuhliso lwesizwe.
IBHODI YEELWIMI ZONKE ZASEMZANTSI AFRIKA
Umbono
Ukunika ulwamkelo, ukuphunyezwa nokuqhutyelwa phambili kokusetyenziswa kwentlaninge yeelwimi kwiRiphabliki yaseMzantsi Afrika ngokuphuhliswa kweelwimi ebezingabekwa ndawo kwixesha langaphambili. 

[[ALL OTHER PARTS ARE MISSING!!!]]
ISAHLUKO M
ULUHLU LWEMIGAQO YOKUZIPHATHA KWINKONZO YOBURHULUMENTE
M1. INKCAZELO
Kwesi Sahluko naliphi na igama okanye isaci esinikwe intsingiselo ethile kulo Mthetho, siya kwaziwa ngokwaloo ntsingiselo. Kwakhona isaci esithi "lo Mthetho" sithetha uMthetho weNkonzo yobuRhulumente wowe-1994 nayo yonke imimiselo ethe yakhutshwa phantsi kwawo.
M2. INJONGO
M2.1 Khona ukuze iziphakamiso ezikumgaqo-siseko zibe nokusebenza
ngendlela eyiyo ngokubhekiselele kwiNkonzo yobuRhulumente, bonke abasebenzi balindeleke ukuba bahloniphe imiqathango equlathwe kuLuhlu lwemiGaqo yokuziPhatha ekwesi Sahluko.
M2.2 Ukululanyelwa koLuhlu lwendlela yokuziPhatha kungajongwa njengento eqinisa indlela yokuziphatha kwabasebenzi abakwinkonzo yoburhulumente, nto leyo inokuthi incede kanobom ekuthembakaleni kweNkonzo yobuRhulumente.
M3. INTSHAYELELO
M3.1 Ikho imfuneko yokwenziwa kwezikhokelo kubasebenzi ezibhekiselele kubudlelwane babo nesigqeba sowiso-mithetho, umbuso nesigqeba sabalawuli abaphezulu kuburhulumente, abanye abasebenzi noluntu jikelele, kwanokubonisa umoya ekufanele ukuba abasebenzi bawenze ngawo umsebenzi wabo, ekufuneka kwenzekile ukunqanda ungquzulwano ngokwemidla yabantu nokulindelekileyo kubo ngokubhekiselele ekuziphatheni kwabo buqu esidlangalaleni nakubomi babo bangasese.
M3.2 Nangona uLuhlu lwemiGaqo yokuziPhatha lwalwenziwe ngohlobo lokuba
lunabe kangangoko, kodwa alubanga nakubonelela ngazinkcukacha zingako ngokusingisele kumgangatho wokuziphatha. Phantsi kwecandelo 7(3)(b) lalo Mthetho, phakathi kwezinto ezijongene nazo iiNtloko zamaSebe, kukwakho nembopheleleko yolawulo olululo kwanempatho efanelekileyo kumasebe azo, kwaye kwakhona zinembopheleko yokugcina intobelo nokumisela imbeko kubasebenzi. Ngoko ke ezi Ntloko zamaSebe zinokuthi, emveni kokuba kudliwene iindlebe ngomba othile kwi-Ofisi efanelekileyo yeNkonzo yoLuntu yequmrhu lothethathethwano, zingahlehlanga nje kulo, zibe nokulongeza uLuhlu lwemiGaqo yokuziPhatha ekubonelelwa ngalo kwesi Sahluko ngeenjongo zokuphucula iimeko zalo. Kwakhona, iiNtloko zamaSebe kufuneka ziqinisekisile ukuba abasebenzi abaphantsi kwazo bayayazi le miqathango nokuba bayayamkela kwaye beya kuyilulamela.
M3.3 Ukungalulanyelwa kwawo nawuphi na umqathango kuLuhlu lwemiGaqo yokuziPhatha kuya kuthi kujongwane nako njengoko kuchaziwe kwiCandelo 20(t) loMthetho weNkonzo yobuRhulumente wowe-1994. Nangona kunjalo, eyona njongo iphambili yolu Luhlu lwemiGaqo yokuziPhatha yeyokuba iya kusebenza ngempumelelo, oko kukuthi, ukubethelela indlela yokuziphatha engumzekelo kubo bonke abasebenzeni.
M4. ULUHLU LWEMIGAQO YOKUZIPHATHA
M4.1 UBUDLELWANE NEBHUNGA LOWISO-MITHETHO NESIGQEBA SOLAWULO
Umsebenzi ngamnye -
M4.1.1 uya kunyaniseka kwiRiphabliki yoMzantsi-Afrika aze alulamele
uMgaqo-siseko, alawulwe nguwo xa esenza imisebenzi yakhe
yemihla ngemihla;
M4.1.2 uya kuthi abeke iimfuno zoluntu phambili xa esemsebenzini;
M4.1.3 uya kusebenza ngokuthembekileyo elandela iinkqubo zorhulumente
olawulayo ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe njengoko kuchatshazelwe kuyo yonke imithetho nakweminye imiyalelo;
M4.1.4 uya kuziqhelanisa nayo yonke imithetho kwaye ayilulamele ndawonye nemiyalelo ephathelele kukuziphatha kwakhe nomsebenzi wakhe; yaye
M4.1.5 uya kusebenzisana namaziko kaRhulumente asekwe phantsi komthetho
noMgaqo-siseko ekuphuhliseni iimfuno zoluntu jikelele.
M4.2 UBUDLELWANE NOLUNTU
Umsebenzi ngamnye -
M4.2.1 uya kukhuthaza umanyano nentlalo-ntle kwisizwe soMzantsi-Afrika
siphela ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe;
M4.2.2 uya kukhonza isizwe ngendlela engakhethi cala khona ukuze kube
nokudaleka intembelo kwiNkonzo yobuRhulumente;
M4.2.3 uya kululama, abe luncedo aze afikeleleke ngokufanelekileyo ekusebenzeni kwakhe noluntu, ngawo onke amaxesha, abathathe abantu ngokubanzi njengabantu abaselungelweni lokufumana inkonzo ekumgangatho ophezulu;
M4.2.4 uya kuzikhathalela iimeko neenkxalabo zoluntu jikelele emsebenzini
wakhe nasekuthatheni izigqibo ezibachaphazelayo;
M4.2.5 uya kuzinikezela ekuphuhlisweni nasekuphuculweni kwabemi boMzantsi-Afrika ngenkonzo esexesheni.
M4.2.6 akayi kucalucalula uluntu ngokobuhlanga, ubuni, imvelaphi ngokwemiba yezentlalo, ibala, isini, ubudala. ukukhubazeka, unqulo, iqela lezombuso, isazela, inkolo, inkcubeko okanye ulwimi;
M4.2.7 akayi kusebenzisa kakubi isikhundla sakhe kwiNkonzo yobuRhulumente ngokuthi aqhubele phambili okanye adodobalise umdla weqela elithile lezombuso okanye umdla weqela elithile labantu;
M4.2.8 uya kuhlonipha akhusele isidima somntu wonke okanye amalungelo omntu wonke njengoko kuchatshazelwe kuMgaqo-siseko;
M4.2.9 uya kulivuma ilungelo lommi ngamnye lokufumana inkcazelo, ngaphandle kwenkcazelo ekungafanelanga yaziwe ngokusemthethweni;
M4.3 UBUDLELWANE PHAKATHI KWABASEBENZI
Umsebenzi ngamnye -
M4.3.1 uya kusebenzisana ngokupheleleyo nabanye abasebenzi ngeenjongo zokuqhubela phambili iimfuno zoluntu;
M4.3.2 uya kuthobela yonke imiyalelo yomntu onelungelo ngokusemthethweni lokukhupha imiyalelo elolo hlobo, kodwa kuthi kanti loo miyalelo ayingqubani noMgaqo-siseko okanye nemithetho eyiyeminye;
M4.3.3 akayi kuxhiba kulungiselela izizalwane nabahlobo kwizinto eziphathelele kumsebenzi kwaye engayi kusebenzisa kakubi igunya lakhe okanye abe neempembelelo kwabanye abasebenzi ezinokubangela abo basebenzi ukuba benze ngokokuthanda kwaloo msebenzi unempembelelo, okanye kungenjalo yena aphenjelelwe ngomnye umsebenzi emsebenzini wakhe;
M4.3.4 uya kusebenzisa amajelo afanelekileyo ukuvakalisa izikhalazo zakhe okanye ukuthumela uxwebhu lwakhe oluqulethe nawuphi na umba;
M4.3.5 uya kuzinikezela kuphuhliso oluphezulu, ukhuthazo nokusetyenziswa kwabasebenzi kwanokuphakanyiswa komsebenzi nobudlelwane obububo phakathi kwabantu;
M4.3.6 uya kusebenza ngokungenamkhethe, ngokufanelekileyo nangobulungisa nabanye abasebenzi engajonge buhlanga, buni, buzwe okanye mvelaphi ngokwemiba yasentlalweni, bala, sini, budala, bulwelwe, nqulo, qela lambuso, sazela, nkolo, nkcubeko okanye lwimi;
M4.3.7 akayi kwenza misebenzi yeqela lombuso azayamanisa nalo xa esemsebenzini.
M.4.4 UKWENZIWA KWEMISEBENZI
Umsebenzi ngamnye -
M4.4.1 uya kuzama ukusebenzela ukufezekiswa kweenjongo zeziko asebenza kulo ngendlela engenandleko ngokweemfuno zoluntu;
M4.4.2 uya kucinga ngokuphangaleleyo asebenze ngokwengqiqo yakhe, afune iindlela ezintsha zokusombulula iingxaki aze aqinise ukusebenza ngenyameko nobuchule kwiimeko zomthetho;
M4.4.3 uya kufika ngethuba emsebenzini wakhe;
M4.4.4 uya kuwenza umsebenzi wakhe ngendlela efanelekileyo nenobuchule;
M4.4.5 akayi kungena kwimicimbi okanye izenzo ezingqubanayo okanye eziya kuthi zichaphazele ukusebenza kwakhe;
M4.4.6 uya kuziguzula kwizenzo okanye kwinkqubo yothatho-zigqibo enokuba nesiphumo esiyinzuzo kuye kwaye oku kufuneka kuphume emlonyeni womsebenzi buqu;
M4.4.7 uya kwamkela imbopheleleko yokuzenza afumaneke kuqeqesho
olulungiselelwe uhlaziyo lwabasebenzi nokuziphuhlisa kwisikhundla akuso;
M4.4.8 uya kuthembeka abe noxanduva lokuphendula konke okumalunga naye ekusebenzeni kwakhe ngemali yoRhulumente aze kwakhona asebenzise impahla yenkonzo yobuRhulumente nemithombo eyiyeminye ngokufanelekileyo, ngobuchule, mpahla leyo aya kuyisebenzisa kuphela ngokusemthethweni;
M4.4.9 uya kukhuthaza ulawulo olululo, olufanelekileyo, olusebenzayo, olwenzela izinto ekuhleni nolunoxanduva lokuphendula nayiphi na into emalunga nalo;
M4.4.10 ngethuba asemsebenzini ngalo uya kunikezela ngengxelo kwabase-magunyeni ngokusemthethweni ngozenzo eziphathelele kubumenemene, urhwaphilizo, ukukhetha izizalwane kulwabiwo loncedo oluthile, ulawulo olungekho sikweni, nasiphi na isenzo esingafanelekanga okanye esingahambelaniyo neemfuno zoluntu;
M4.4.11 uya kunika icebiso elithembekileyo nelingenamkhethe elisekelwe kulwazi lwakhe ngomba othile kwabangasentla kunaye xa kuthe kwacelwa uncedo olulolo hlobo kuye;
M4.4.12 uya kuhlonipha ubumfihlo bayo yonke into enxulumeme nomsebenzi wakhe, amaxwebhu neengxoxo ezithathwa njengeziyimfihlo okanye ihlebo.
M4.5 INDLELA YOKUZIPHATHA KOMNTU NEEMFUNO EZINGQAMENE NAWE BUQU
Umsebenzi ngamnye -
M4.5.1 xa esemsebenzini, uya kunxiba abuye aziphathe ngendlela encomekayo
nephakamisa iNkonzo yobuRhulumente;
M4.5.2 uya kuziphatha ngendlela efanelekileyo ngokubhekiselele kwiziselo ezinxilisayo okanye kwezinye izinto eziye ziphazamise isimo sengqondo;
M4.5.3 akayi kusebenzisa isikhundla sakhe ngeenjongo zokufumana izipho zabucala okanye asisebenzise ngendlela enokumzuzisa ekwenzeni kwakhe umsebenzi wakhe, okanye amkele izipho okanye inzuzo yalo naluphi na uhlobo xa athe wakunikwa oku, kuba kuya kukhangeleka njengesenzo sokunyoba.
M4.5.4 akayi kuthi pahaha inkcazelo ngezinto ezinxulumene nomsebenzi wakhe ngeenjongo zokuzuza yena buqu ngayo, okanye ngeenjongo zokuzuzisa
abanye abantu;
M4.5.5 akayi kwamkela msebenzi uhlawulayo ngaphandle komsebenzi aqeshelwe
ukwenza wona okanye asebenzise izinto ze-ofisi yakhe kumsebenzi ololo
hlobo ngaphandle kwemvume.

Okungaphakathi Ikhasi
??Kuvela kuMhleli
??Iileta eziya kuMhleli 3
??Iinkonzo Zomthunywa 3
??I-CBWP ixhobisa iKwaMadlala Community 4
??Ukudiliza iindonga zobuhlwempu 5
??Uluntu lwakwaNongoma 6
??IOfisi yaseMmabatho 6
??Abanekhontrakta abatsha bayaxhotyiswa 7
??I-DPW ifak' isandla kwinkqubo yobulungisa 8
??Iyasebenza I CBPWP e-Limpopo 9
??Ii-Windows 2000 17
??Ukuxhotyiswa Kwemidaka Kwezoqoqosho 18
??Imibuzo Yakho, Iimpendulo Zethu 18
??Iqalisile I-Millenium health club 20
??Indibano ye-SMS 21
??Bebedibeni abaphathi be-East coast 22
??Uhlengahlengiso kubaphathi 22
??Inkqubo yokusebenza kwabaphathi 23
??Ukuphathwa kakubi ngokwesondo 24
??Imibala ye-Antarctica 25
??Idiski nekwayara 26
??Amacebiso Empilo 27
IMPCC IZA NEENKONZO ZIKARHULUMENTE KUFUTSHANE NOLUNTU
Njengenxalenye ye-MPCC urhulumente uza namacebo, ii-MPCC ezimbini I-Marelane Kopman eMpuma
Koloni neMbazwana KwaZulu Natala ziqaliswe ngokusemthethweni nguMphathiswa Wezemisebenzi
yasebuRhulumenteni uNkszn Stella Sigcau. Apho eMbazwana umphathiswa uSigcau ebephelekwa
nguMphathiswa wezeKhaya uGqr Mangosuthu Buthelezi. Amaziko Oluntu Emisebenzi Ngemisebenzi
(MPCC) njengokona kubalulekileyo ekufezeni inkqubela, uthethathethwano namaziko enkcazelo kuba
kulapho iinkonzo zikarhulumente zifunyanwa khona
ISebe lezemiSebenzi yasebyRhulumenteni, ngale Nkqubo enento yokwenza Noluntu (CBPWP) lilo
elikhupha imali yokwakhiwa kwee-MPCC kweli. La Maziko Oluntu Emisebenzi Ngemisebenzi ayingxam
ekuziseni kukaRhulumente iinkonzo kuluntu. La maZiko aza kusetyenziswa njengendawo enye apho
iinkonzo zikamasipala, ezephondo nezikarhulumente welizwe ziya kufumaneka lula khona. Ngokomzekelo,
iSebe lezeKhaya liza kukwazi ukukhupha izazisi kula mazko endaweni yokuba abantu bahambe imigama
ukuze bafumane iinkonzo ezinje. Kuyakhwinisa
kwimimandla yasezilalini apho kufuneka kuhanjwe imigama emide kusiyiwa ezidolophini ukuze
kufunyanwe iinkonzo nenkcazelo ezibalulekileyo.
IMbazwana MPCC liziko lokuqala le-MPCC elivulwe KwaZulu Natal likhathalela malunga neelali ezine.
Phambi kokusekwa kweMPCC abahlali bebehamba ama-80 eekhilometha besiya eHluhluwe beyokufuna
izatifikethi zokuzalwa kwanezazisi. ISebe lezeKhaya, elezeNtlalo-ntle, elezeMisebenzi kwaneNkqubo
yoThethathwano neNkcazelo sele zisebenza kweli ziko liseMbazwana. Ethetha noluntu uMphathiswa
uSigcau uthe I-MPCC iza kunceda ukuba kubekho iinkonzo ezisondezwe kuluntu ukanti iza kubazisela
nenkcazelo ebanzi kwiikhompyutha.
UMphathiswa uSigcau uthe ekwakhwiweni kwe-MPCC kudalwe amathuba amaninzi emisebenzi ukwenzela
abantu abakwe zo ndawo. Malunga nama-R273 000 yabekwa ecaleni ukwenzela imivuzo oko kube lulutho
kuluntu lwalapho. Abantu abali-193 baqeshwa ekwakhiweni kwesi sakhiwo. Ukwaxelele uluntu ukuba
iSebe lezemiSebenzi yasebuRhulumenteni lijolise ekuqinisekiseni ukuba inkcazelo ngorhulumtne
ifumaneka lula. Uthe eli ziko liza kuba ngumthombo wolwazi kuluntu obelungakwazi ukufumana inkcazelo
ngorhulumente.
ECofimvaba iSebe lezeNtlalo-ntle , elezeKhaya neNkqubo kaRhulumente yezoThethwano neNkcazelo sele
zisebenza. Ezi nkonzo ziziswe yiCofimvba MPCC kwaye zihambisana nesimemo soMongameli uThabo
Mbeki ukuba kukhawuleziswe ukubhaliswa kwabazelweyo nokukhutswa kweZazisi ukuze imiba yemali
ekhutshwayo yentlalo-ntle yabantwana isebenze nokuze abaninzi abafuna inkamnkam bayicele
kuRhulumente. Okwangoku iSebe lezeKhaya kubhalwa ngesandla ukubhaliswa kwezatifikethi ezingama-70
zabazelweyo kwanokubaliswa kwezeicelo zezazise ezingama-50 ngemini.
Ukuzalwa kwe-MPCC kuqaliswe kuma-20 eminyaka edlulileyo kumazwe aseScandinavia. Kwaqonda
ukuba I-MPCC yindlela yokunxibelelana nabantu abakwimimandla ekunzima ukufika kuyo nabangakwazi
ukufikelela kwiinkcazelo neenkonzo zikarhulumente. Imeko yaseScandinavia ingamatwatotse yemeko
yezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika. Kwithuba elidlulileyo bekunzima
ukufumana inkcazelo neenkonzo kurhulumente kuba ubudimazeka usuka kwenye idolophu uye kwenye
ufike kwiiofisi apho uphume ungene kwenye. Oku kubangele ukuphelelwa lithemba kwindlela urhulumente
asebenza nanceda ngayo.Utsho uSalome Baloyi
Caption
Ukuxhotyiswa kakuhle abantu abali-193 baqeshwa xa kwakusakhiwa iMbazwana
MPCC.
Caption
UMphathiswa uStella Sigcau encokola noMphathiswa wezeKhaya uGqr Mangosuthu
Buthelezi. Aba baPhathiswa babini baye bancuma xa uluntu lubapha igusha,
iibhanana nezihombo nekuyinto esisithethe samaZulu.
IILETA EZIYA KUMHLELI
Mazibhalwe zibe mfutshane, zihlab' emhloleni, zikhuthaze zingahlaseli
ILETA EWINILEYO
Makungasetyenziswa iimpahla zikaRhulumente kwizinto zobuqu UMelathisi weeNonzo zoMthetho mvanje
ufumene uthotho lwezicelo ezivela kubasebenzi befuna ukuba amaxwebhu anjengeID nezatifikethi zobuqu
zibe nokugximfizwa ngestampu sikaMphathi.
Ngokuqhelekileyo, oku sukube kufunelwa izinto eziyelele kwezobuqu. Ngoku
kufikelelwe kwisigqibo sokuba ezo nkonzo zipheliswe ngaphandle kokuba kukwimeko ezikhethekileyo
emaziqwalaselwe nguMphathiswa weeNkonzo zoMthetho uBuks Annandale okanye iGosa eliPhezulu
kwezoMthetho uBernice Afrika. Xa iimeko zibangele ukuba umqeshwa angafumani mvume uya kucelwa
ukuba loo maxwebhu awase ePosini okanye kwiSikhululo samaPolisa ukuze sigximfizwengesitampu
salapho okanye kukho umsebenzi owenzayo. Omabini la
maziko aqesha abantu abasebenzela uluntu.
NDLELA-NTLE GASA
Ndifuna ukubbulela eli Sebe ngeminyaka yam emnandi ndikulo.
Ndiqale ukusebenza kwiiOfisi eziseBhayi ndaza ndasebenza nasePolokwane
kwiphondo laseLimpoo ndaza mvanje ngakwiOfisi yeNqila ePitoli. Ndinikwe
ithuba lokusebenza nabantu abazimiseleyo ukunceda nabathumakalayo.
Ndithanda ukubabulela endisebenze nabo (baninzi), kwanabelathisi abaye
bathemba iziphiwo zam njengoMphathi.
Eli Sebe ndilinqwenelela iinguqu ezinempumelelo
Bridget Gasa
U-HANS POOT UKHUMBULA ABASEBENZI
Ndithanda ukubulela bonke abasebenzi beli Sebe ngokusebenzisana kwabo
nokwenza izinto ngokuchubekileyo nangokuzimisela.
Ibe lilungelo novuyo kum ukusebenza nabo bonke abaziinzululwazi ngokwakha,
iinjineli, abaziiquantity surveyors, iingcali nabanye abasebenzi
Hans Poot kwiOfisi eNkulu, ePitoli
BHALA UZE UWINE!!
Bhalela apha: Worx News, Private Bag X65, Pretoria, 0001. E-mail:
HYPERLINK "mailto:sgumbi@pwdmail.pwv.gov.za" sgumbi@pwdmail.pwv.gov.za or
Fax: 012 323 2856. Bhala uquke negama lakho igama leDirectorate, iindlela
onokufunyanwa ngayo, nkqu nokuba akufuni ipapashwe. Umhleli unelungelo
lokuhlela iileta. Umbhali weyona leta imnandi uya kufumana isipa esinegama
lelo Sebe.
IINKONZO ZOMTHUNYWA
Iinkonzo zomnthunywa zezinye eziye zingahoywa kanti ziinkonzo ezibalulekileyo kweli Sebe. Iinkozo
zomthunywa zingaphantsi kwe-Support Services Directorate, kodwa ke babelwa kwii-Directorates neeChief
directore ezahlukeneyo kweli Sebe.
Bakhupha amaxwebu emiba yangaphakathi neyangaphandle, ukugcina irejista yamaxwebhu nokuqokelela
nokufumana amaxwebhu kwanokufotostatha. KwiOfisi eNkulu sinabasebenzi abangabathunywa
wabasebenza nzima ukuqiniseka ukuba zonke iileta zifika ngexdsha apho ziya khona.
Ivela kuLeon Weshuizen
Caption: Wonke umsebenzi ubalulekile. Abathunywa bethu bazimisele ukuza nokusifaneleyo
kwangethuba.
MASISEBENZE NDAWONYE
Isithandi bulumko sase-Spain uJose Ortegga Gasset, odume ngokubhala imicamango enefuthe wakhe wathi:
Izizwe ziyilwa zize zigcinwe ziphile kuba zinombono ngengomso.
KwiSebe lethu ukuba nombono ocel' umngeni wokuphucula iindlela zokuzisa iinkonzo zijongwengeliso
elibukhali kwinkqubo yeenguqu kweli Sebe.
Njengabasebenzi abanenkqubela kufuneka sibe neqhayiya kuba sisebenzanjengeSebe elinesibindi
sokuzikhathalela nokujolisa kwinkqubo yeenguqu ngoku. Eli sebe likwayiqaphela imiba nezinto
ezikhathaza abasebenzi xa lisenza izigqibo kwinkqubo yeenguqu.
Kolu shicilelo lwe-WorxNews, ikhasi le-12 nele-13 linikelwe kwimiba yabasebenzi, neye yaphakanyiswa
kwikhadi lokutshiwo ngabasebenzi. Noko ke le mpamasho akufanele ibe kuphela kwendlela apho
abasebenzi banokuxoxa imiba yeenguqu. Iingxoxo ngeenguqu kufuneka zishikixwe kumagumbi eendibano,
ezipasejini, enkantini nakwiimbutho.
Ndiqinisekile niyaqonda ukuthi I-WorxNews yahlukile kwamanye amashicilelo. Kuba kuyinxalenye
yokuphucula le mpapasho nako kusekelwe kwizinto enizithethayo sinomhlathi omtsha ojoliswe
ekuqinisekiseni ukuba konke okwenziwa kumaSebe kuyachazwa.
Ibali lethu elikwikhava limalunga nendimba yeli Sebe ekusekweni kwamaziko e-MPCC kulo lonke eli. Oku
kubalulekile ekusondezeni iinkonzo zikarhulumente kuluntu. Kwikhasi le-14 sinichazela ngekhasi le-HR
(isebe labaphathi) neliza kubakho rhoqo kwi-WorxNews. Kwikhasi lokugqibela ebelibizwa ngokuthi -
Worxie lithathelwe indawo ngamabali anomdla angezinto ezenzeka ngaphaya kweli Sebe. Simema onke
amalungu eli Sebe abhale amanqaku acacisa ngokwenzeka kumaSebe.
I-WorxNew inokuphucuka xa msebenzi ngamnye enendima ayidlalayo.
Masisebenzisane ekuqinisekeni ukua eli sebe lifana nekhaya.
nguSIPHO GUMBI uMHLELI
I-WORX NEWS magazini esemthethweni yeSebe lezeMisebenzi kaARhulumente. I-WorxNews inengxoxo,
neengxubushu nenkcazelo malunga neli Sebe, ijoliswe ekuchazeni amaphulo eli Sebe. bonke abasebenzi
bayamenywa ukuba bathumele amanqaku anomdla kweli Sebe kwanabo basebenza nalo. Iimbono
ezichazwe kweiworxNews azichazi iimbono zeeKomiti ezisebenza noMhleli kweli sebe.
UMHLELI: Sipho Gumbi (012) 337 2065 sgumbi@pwdmail.pwv.gov.za
Ipapashwe: Department of Public Works Communications Chief Directorate;
Design & layout: The Drawing Board Advertising & Design;
Printed by: Creda Communications for the Government Printing Works
ICBPWB IXHOBISA ULUNTU LWAKWAMADLALA
ISebe lezemisebenzi kaRhulumente ngamaziko anjenge- Community Based Public Works Programme
(CBPWP) lenze lukhulu ekushenxiseni ubuhlwempu kuluntu olulala kuNxweme oluseMazantsi
KwaMadlala nelikhe lahlaselwa kanobombubundlobongela bezopolitiki. UMphathiswe wezeMisebenzi
kaRhulumente uNkszn Stella Sigcau ukhuphe unikezele ngephulo elibize i-R3,8 yezigidi kuluntu
nelingaphantsi kweUgu District Municipality. Ukwabiwa ngokulinganayo kobutyebi bukaRhulumente
kuqinisekisa ukufumaneka kwezinto ekunzima
ukuzifumana kwimimandla yasemaphandleni, uMphathiswa usigcau uqinisekise oko xa ebethetha
namawaka abantu baKwaMadlala.
Eli Sebe lakhe amagumbi amane okufunda kwaneholo yoLuntu eSozabe High School. KwaMashaba
School, eli Sebe lakhe amagumbi amane labiya lakha neethoyilethi. EMagogo Junior Primary School,
kwakhiwe amagumbi okufunda amathathu kwaneeofisi. Kuzo zonke ezi zikolo amagumbi aye alungiswa.
Iphulo eSozabe High School libe negalelo elihle kuluntu kuba akuncedana nje ekuphunguleni inani
labafundi kumagumbi okufunda kodwa landise namanani
abapasileyo asuka kuma-21 ekhulwini aya kuma-51 ngo-2001. Ukwakhiwa obekuqhutywaapho kuthothise
amanani okungaphangeli apho nge-2,5 ekhulwini.
UMphathiswa uSigcau ukhuthaze abaKwaMadlala ukuba basebenze ndawonye ekuphuculeni indawo
oluhlala kuyo kunokuba 'lufudukele' ezidolophini. INkqubo eSekelwe kwiMisebenzi yoLuntu ijoliswe koku
ekuncedeni abahluphekayo apho imisebenzi ibikade ingabhaqeki.
USodolophu we-Ugu Distric Municipality, uCllr Mntomuhle Khawula ulincomile iSebe leMisebenzi
kaRhulumente ngokuzibandakanya kulo mandla. "Isebe lemisebenzi kaRhulumente kudala likunye nathi.
Kuyavuyisa ukwazi ukuba kukho amaSebe kaRhulumente aphulaphulayo. Sithi enkosi Mphathiswa Sigcau
ngokusebenzela ubomi obungcono kuthi sonke," utshilo uSodolophu uKhawula.
kutsho uSalome Baloi
Caption : Umphathiswa Stella Sigcau ekunye nenkokheli zasekuhlaleni kumvulo we Malelane Kopmane
Multi Purpose Community Centre
UKUSHENXISA IINDONGA ZOBUHLWEMPU
Kwintetho yakhe yokuvula ekuvulweni kwepalamente ngomhla we-15 kuFebruwari 2002 uMphathiswa
uStella Sigcau uchaze indima edlalwa liSebe lakhe ekushenxixeni ubuhlwempu nokudala imisebenzi.
UMphathiswa uSigcau uvakalise ukua eli Sebe selichithe i-R1 yezigidi zizigidi ukususela ngoaprili 1998
ukusa kuDisemba 2001 ukuzisa ama- 2 219 kokuphucula iinkonzo ezibalulekileyo kuluntu. Oku kudale
imisebenzi kuma-98 419 abantu abahlala ezilalini nama-6 300 aloo misebenzi akapheli msinya.
Iinkqubo zeMisebenzi kaRhulumente enento yokwenza noLuntu iqhubeka inceda ngqo abantu abahlala
ezilalini. Abasetyhini abangama-47,8 ekhulwini bayazuza kuyo. Ukuphuculwa kwezobugcisa kuyinxalenye
ebalulekileyo yokulwa nabasweleyo. Kungenxa yoku elithe eli sebe laqeqesha abantu abangama-2 800
abaqeshwe kumaphulo ale Nkqubo kunyaka-mali odlulileyo
Eli Sebe libandakanyekile kwaye lisisixhobo kwinkqubela, ekuphuculeni nasekwakheni Amaziko
Emisebenzi Ngemisebenzi Yoluntu (MPCC). Ngenx ayoku urhulumente sechithe ama-R22,4 ezigidi
kunyaka mali u-2000/2001. Malunga ne-14 lala maziko sele lisebenza. Enye i-R10,4 yezigidi sele
ilungiselelwe ukwakhiwa nokuphuculwa kwe-16 lamaZiko KwaZulu-Natal, kwiPhondo lasemaNtla
nelaseMpuma Koloni ebudeni bonyaka-mali we-2002/2003. La maphondo kuza kuqalwa ngawo ngenxa
yobuhlwempu nokungabikho kwenkqubela kuwo.
Malunga nokulungiswa kwezakhiwo zikarhulumente, uMphathiswa uSigcau uvakalise ukuba eli Sebe sele
lize neNkqubo yoKulungisa nokuLondoloza neza kuba sezandleni zeenkampani ezingezizo
ezikarhulumente, zilunise zilondoloze amaziko nezakhiwo ezithile zisayine isivumelwano seminyaka
emihlanu. UMphathiswa uSigcau utghe ngenxa yesi siqalo, isebe lifuna ukuqinisekisa ukuba amaziko
kaRhulumente aze neenkonzo ezibalulekileyo kuluntu.
Eli Sebeliqhubeka lisiba liqabane kokubini kwisebe nakuluntu eliseenza nalo,
ekwakheni nasekukhathaleleni uluntu.
ivela kuMusa Langa
Caption : Umphathiswa uSigcau ephendula ebekubuzwa ngabeendaba.
UMPHATHISWA USIGCAU EPHENDULA KWIMEKO YOLUNTU
LWAKWANONGOMA
Olona celo-mngeni ekufuneka isizwe sijamelane nalo sele lungenile kwaye lusonela ukutshabalalisa ilizwe
lethu elithandekayo. Ukutyakatya yi-HIV/AIDS kusongela esikuzuzayo kwinkululeko yethu. Ubunye
ekwenzeni inguqu yindlela eya phambili ukuba siza kuphumelela njengeSizwe.
Amaziko akhathalela abane-HIV/AIDS kwaNongoma akokunye okubalulekileyo ekulweni obuhlwempu
ne-HIV/AIDS. Amaphulo axabisa malunga ne-R10 yezigidi aye asetyenziswa kumaphondo amane njenge-
KwaZulu-Natal, iMpumalanga, iFreyistata neLimpopo. La maphulo aza kufumana inkxaso-mali kwi-
Community Based Public Works Programme (CBPWP). Amaziko elikhathalela abane-HIV/AIDS
kwaNongoma leliye lala maziko aza kwakhiwa KwaZulu Natal njengenxalenye yokunyanga yokulwa ne-
HIV/AIDS. Iinjongo zala maziko kukucacisela okuqaphelisisa uluntu luqeqeshwe age-HIV/AIDS,
lululekwe, luyokuvavanywa ngokuzithandela I-HIV/AIDS lunyangwe luluntu okanye ekhaya. Eli ziko liza
kubiza i-R477 540. Kuqikelelwa ukuba abantu abangama-60 baza kuqeshwa ekwakhiweni kwalo. Eli ziko
liza kuba neeofisi ezimbini, amagumbi onxibelelwano amabini, igumbi lokugcinaizinto, iindawo zokulala
ezimbini, ikhitshi neethoyileth. Eli phulo lisekwe kunye neSebe lezeMpilo, elezeNtlalo kwanoMasipala.
UMphathiswa wezeNtlalo-ntle KwaZulu Natal uPrince Gideon Zulu ebekho apho, umbulele uMphathiswa
Sigcawu ngemizamo yakhe ekuphuculeni ubomi babantu basezilalni
ivela kuBheki Manzini
Caption: Inkcazelo ngesikwenzayo (Vision Statement)
Caption: Esikwenzayo (Vision)
IOFISI YASEMMABATHO IZIBALULA NGOKUZISA IINKONZO
EZISULUNGEKILEYO
Yakhiwe kubhazabhaza weevenkile eMegacity eMafikeng, le Ofisi yeNqila eMmabatho yenye yeeofisi
zenqila encinane kweli Sebe. Abasebenza kuyo bamalunga nama-50.
Ivulwe ngoAgasti 2000 le Ofisi yeNqila eMmabatho ibijoliswe ekuziseni iinkonzo zeli Sebe kufutshane
nabantu abakwiPhondo elikumaNtla Ntshona. Le ofisi ikhonza amaSebe amahlanu, kuquka iSebe
leeNkonzo zoluleko, elezokhuselo, eleMicimbi yeKhaya, eloBulungisa kwaneeNkonzo zamaPolisa
aseMzantsi Afrika.
IPhethwe nguGolda Gaobepe le Ofisi yenza imisebenzi enjengokuhoywa kwezakhiwo zikaRhulumente,
abaPhathi, ukuQeshisa, ukuHlola kwaneNkqubo yokuPhucula abaneeKhontrakta abafikayo. Ubudlelwane
nala maSebe buye baqhuba kakuhle ebudeni beminyaka. Uthe isizathu sokuhamba kakuhle kwezinto kube
kukumiswa kweClient Liaison Programme, apho bonke abaphathi badibane nababaxumayo nyanga nganye
ukuxoxa amaphulo, iimfuno zababaxumayo, okaufeziweyo kwaneengxaki ezivelayo. "Le nkquo iphumelele
kuba ngoku abasixumayo bayazi ukuba mabaye phi xa beneengxaki," utsho uPilane.
Ucelo-mngeni olujamelene nale Ofisi kukuphucula ubudlelwane nooMasipala kwiphondo elikumaNtla
Ntshona nemeko apho ikhwithisa ukuze kup[huculwe ukusiwa kweenkonzo kuloo mmandla
ekusebenzisaneni nabo bonke abaseburhulumenteni.
IOfisi eseMmabathi ibenzela okuhle bonke abasixumayo. Ngokomzekelo, ngaphezu kwama-R25 ezigidi
ebejoliswe kumaphulo aphambili kwelo Phondo kunyaka-mali odlulileyo. Ngaphezu kwesiqingatha saloo
mali sichithwe kumaphulo anjengokulungisa intolongo eseMafikeng, intolongo ese-Klerksdorp nentolongo
eseOdi. Malunga nama-R3,6 ezigidi asetyenziswe ekuphuculeni nasekulungisweni kweenkundla
zikamantyi kwiSebe lezoBulungisa. ivela kuKgomotso Tlhomelang
BAXHOTYISIWE ABASANDUL' UKUBA NEEKHONTRAKTA
I-Emerging Contractor Development Programme (ECDP) ixhobise abasandul' ukuba neekhontrakta ukuba
bangene kwishishini lokwakha. Noko ke, inkoliso yabo banezikhontrakta baphaya ezantsi kweli shishini
kwaye balwa nzima ukuze baqhubeke besebenza ngenxa yokungabi namali nalwazi
Ekusabeleni kule meko eli Sebe lihlangene ne-Independent Development Corporation (IDC) neKhula
Enterprise ukuxhasa aba baneekhontrakta. "I-IDC neKhula Enterprise iqinisekise ngeendlela
ezisetyenziswayo, kodwa ke iinzulu azifunyanwa ngabo basandu' ukuba neekhontrakta ngenxa yezizathu
ezininzi. Ezi ziquka ukungabi nalwazi nokusilela kweekhontrakta nabazixumayo
ukunika abaxhasa ngemali inkcazelo efunekayo ukuze isicelo silungiswe kwangexesha," utshilo
uMphahlele. ivela kuKgomotso Tlhomelang
ABASANDUL' UKUBA NEEKHONTRAKTA BABHALISIWE
Abasandul' ukuba neekhontrakta babhalise kwiSebe lezeMisebenzi kaRhulumente besebenzisa I-Emerging
Contractor Development Programme baye baxhotyiswa ngabo bonke ubuchule obufunekayo ukuze
amaphulo abo aphumelele.
"Ngale nkqubo, ndinikwe ubuchule ukuze ndiwabhale kakuhle amaxwebhu etender ndiliqhube
ngokunenzuzo ishishini. Obu bubuchule ebendingenabo," utshilo uDavid Medi owonwabileyo weDMD
Construction emva kokunikwa isatifikeki sokupasa inkqubo I-Contractor Entrpreneur Training (CET) kunye
nabanye abangam-26 abasandul' ukuba nekhontrakta.
Inkqubo I-CET iqaliswe ngo-1997 liSebe leMisebenzi kaRhulumente, iNtsika Enterprise, i-International
Labour Organisation (ILO) neBlack Contractors Council (BCC) ukunika abaneekhontrakta amandla okuba
nenkqubela nokubanqwanqwada kubucule bamashishini abo.Ethetha kwisibhadlabhada setheko lothweso
zidanga ebesiququzelelwe yiOfisi eseJohannesburg yeli Sebe, uMphathi we-ECDP uWilliam Moeketsi uthe
abasandul' ukuba neekhontrakta bebengaphumeli kumashishini abo ngenxa yokungbi nabuchule
kwezoshishino
nokuswela imali. Uthe iinkqubo ze-CET zibanike ithuba lokukwazi ukuthumela iitender.
Iinkqubo ze-CET zigubungele imimandla ebalulekileyo kwezoshishino njengezentengiso, ukubiza
amaxabiso, ukubiza ixabiso leekhontrakta, abaphathi belo phulo, kwanokwakha amaziko okubanceda.
Itheko elifanayo lothweso zidanga libekho kwiOfisi zeNqila yeli Sebe e-Nelspruit apho uMphathi weOfisi
yeNqila uReuel Maselesele enike iizatifikethi abo basandul' ukuba neekhontrakta abali-19. Ethetha
nabanezidanga abanochulumanco. uMaselesele uthe inkqubo yokuqeqesha ibiyinxalenye yeli Sebe
ekuqinisekiseni ukuba abantu ababengafumani mathuba ngaphambi bayaxhotyiswa ngobuchule ukuze babe
nenxaxheba kumathuba akhutswa yiGovernment Procurement Processes kwishishini loKwakha,
ngokwenjenje befak' isandla kwinkqubelo yezentlalo noqoqosho kweli.
Phakathi kwabatheswe izidanga abavuyayo bekunguElizabeth Ngwenyama othe kutshanje wafumana
isivumelwano esixabisa i-R1,7 yezigidi yokulunisa indawo ahlala kuyo amapolisa e-Groblersdal. Uncome
eli Sebe eqaphela ukuqonda kuMphathiswa uNkszn stella Sigcau athe ube negalelo elibanzi ekuxhobiseni
abasetyhini ngokufaka isantya nokuphucula inkxaxheba ye-PDI kwezokwakha.
Ukholelwa kwelokuba ukuqhubeka kolu qeqesho luvela kweli Sebe kuya kubangela abasandul' ukuba
neekhontrakta kwanaye babe namandla okukwazi ukwamkela ngokuphumelelayo nangokuzimeleyo
izivumelwano noRhulumente. "Ngale nkxaso, andithandabuzi ukuba siya kukwazi ukuza neenkonzo ezintle
neziphumelelayo," utshilo uNgwenyama
UMaselesele ucel-umngeni abasandul' ukuba neenkhontrakta ukuba bacingisise ngeetender ezivela
kuRhulmente kodwa kwanezezinye iinkampani bangazigatyi. "Ndiza kuvuya xa ndibona nina nonke
nikhuphisana ngokulinganayo nabaneekhontrakta ezisele zizinzile ekuzameni ukufumana umsebenzi enoba
kukwiinkampani ezizimeleyho okanye kurhulumene. Thina sifuna niphumelele
kumashishini enu," utshilo uMaselesele
Malunga ne-144 lamadoda nama-60 abasetyhini abaneekhontrakta kwiPhondo laseMpumalanga sele
libhalisile kwiOfisi yaseNelspruit ye-ECDP ukususela ngoJanuwari 2001 njengenxalenye yama-2747
ekhontrakta ezinokufunyanwa kwiikhompyutha kweli. kuTlhomelang noSipho Gumbi
Captions Ekunconyweni eli sebe selibeke ecalweni i-SR142 yezigidi zokwakha amaphulo abasetyhini
Captions ULydia Ntuli weLidingintombi -Construction efumana isatifikethi kuReuel Maselesele
Captions Abanezidanga abazithembileyo
IDPW IFAK' ISANDLA EKUPHUCULWENI KWENKQUBO YOBULUNGISA.
Ekuqaleni konyaka uMongameli uThabo Mbeki uvakalise ukuba zonke iinyanga zonyaka u-2002 ziza
kunikw aumxholo ukuze kubalaseliswe okufezwe nguRhulumente.
Omnye wemimamandla apho urhulumente enze inkqubela encomekayo ibe kumalungelo oluntu. Ukusuka
kumthetho wamalungelo oluntu ukusa ekusebenzeni kwenkqubo yomthetho urhulumente uneminyaka nje
engekafiki e-10, sele akhe inkcubeko nokusetyenziswa kwamalungelo oluntu okungenakutshintshwa lula
eMzantsi Afrika.
Iinkundlla zomthetho zingumfuziselo obonakalayo wamalungelo omntu nobulungisa. Ukususela ngo-1994,
kwenziwe iinzame zokuza nenkqubo yobulungisa kufutshane noluntu ingakumbi abo bebekade
behlelelekile.
ISebe lemiSebenzi kaRhulunte lidlale indima ebonakalyo malunga noku, lincede iSebe lezoBulungisa
njengomxumi walo, ekwakheni nasekulawuleni amaziko abalulekileyo egameni leSebe lezoBulungisa.
Kunyaka-mali we-2002/2003, isebe lezeMisebenzi kaRhulumente libeke ecaleni i-R275 yezigidi ukwenzela
amaphulo abalulekileyo abandakanya iSebe lezoBulungisa.
Oku kuquke i-R204 yezigidi ekwakhiweni nasekulungisweni kweendawo ezibalulekileyo ezisetyenziswa
nezifunwa liSebelezobulungisa. Malunga ne-R71 yezigidi ibekwe ecaleni ekulondolozeni ezi zakhiwo.
Imisebenzi ebalulekileyo kuquka nokulondoloza ibe ngama-462 amaphulo kweli apho ama-280 awo sele
esakhiwa, amahlanu akwisigaba samatender kuze ama-31 abe kwisigaba sokucetywa. Amaphulo
abalulekileyo awakhiwayo aquka isakhwo seenkundla zikamantyi ezintsha eAtteridgeville kufutshane
nasePitoli, kwanenkundla zikamantyi ezisandul' ukugqityuwa eKhayelitsha nase-Kuils River kufutshane
naseKapa.
Kwelinye icala, i-194 lamaphulo liyakhiwa njengenxalenye yenkqubo yokulondoloza.
Kuvela kuLucky Mochalibane
IYASEBENZA I-CBPWP ELIMPOPO
I-Community Based Public Works Programme (CBPWP) kwiPhondo laseLimpopo ibe yeyokuqala
ukusabela isimemo sikaMongameli sokuba uTsogao--itirele aye wasenza ekuthetheni nesizwe ngomhla we-
8 kuFebruwari 2002. Umphathiswe wezeMisebenzi kaRhulumente, I-MEC yezempilo nezeNtlalo-ntle,
imisebenzi yoLuntu, iOfisi yeNkulumbuso, I-Caprocorn Distric Municipality, iLepelle Nkumpi
Municipality kwane-Traditional Authorities zithelele ekubhiyozeleni lo
moya weLetsema eMamabolo Village ePolokwane.
Ngale mini uMphathiswa uSigcau ubuyele eMamabolo, echukunyiswe yimeko yabantwana abagula
ngengqondo abali-100 xa ebekutyelelo lweMbizo nyakenye apho. Aba bantwana ngabesikolo iTsoga-oiterele
sabagula ngengqondo. Esi ibe sisiqalo soLuntu lwaseMamabolo ethe qelele ngama-65 eekilometha
kumazantsi Mpuma ePolokwane.
Ngenxa yomgaqo 'wokufak' isandla ekudilizeni iindonga zobuhlwempu ukuze kwakhiwe ubomi obungcono
kubo bonke, iSebe lemiSebenzi kaRhulumente kweli Phondo, lisebenza ne-Community Based Public
Programme (CBPWP) likhuphe i-R6 016 877 ekwakhiweni kwamaziko ale njongo.
Kungokunje esi sikolo sinabantwana abali-100, iititshala ezintathu ezisisigxina kwanabancedisayo.
Bafundiswa ukubala, iindlela zokuphila nobuchule. "Xa unokujonga apho sisuka khona nabani na unokuthi
olu luloyiso oluyimbali," uphefumle watsho uNombulelo Mkhumane, oyi-CFO yeSebe lemiSebenzi
kaRhulumente eLimpopo.
Ukuba nesibindi kwabasetyhini baseMamabolo sele kubonisa oko isizwe esinako xa ukuvula iphulo labo
iTsoga-o-eitirele (Sukuma Wenze) kuye kwawongwa ngokua uMphathiswa avakalise indawo yesibini yesi
sikolo. Ibakala lesibini liza kuba namagumbi okufund anawokulala ekubeni esi sikolo siye sisiba sikhulu
ukwenzela amagumbi okulala abantwana nabasebenza khona. Ukongezelela koku uMphathiswa ukhuphe i-
100 loomatrasi, ama-20 ezihlalo, iitafile ezi-5, iikhaphethi neekhetheni ukwenzela ubomi obungcono kwaba
bantwana ivela kuKgotso Tau
IINGUQU KULE MIHLA
Isiganeko sembali soku-1
UMphathiswa uStella Sigcau utshintsha iSebe lemiSebenzi kaRhulumente kunye neenguqu kwiinkonzo
zoluntu. UMphathiswa uSigcawu uyixhasa kakuhle le nkqubo kwaye useza kuqhubeka ekufakeni igxalaba
ekuphuculeni ukuziswa kweenkonzo. Uza kumana ephokozela abasebenza naye kwiKhabinet malunga
nokuqhubekayo
Isiganeko sembali sesi-2
Ukulungiswa komthetho osaqulunqwayo we-SPMA, uxhaswe yimeko yoshishini uthiwe
thaca kwikhabhinethi kwiveki yokugqibela ngoAprili 2002. Okwangoku I-Top Management Committee
ixoxa nonoNdyebo ukuqiniseka ukuba yonke imiba igutyungelwe ngokuvmelana nomthetho.
caption 1 Abasebenzi kuthi babaluleke kakhulu
Ukutshintsha iSebe lemiSebenzi kaRhulumente ukuba libe lisebe
elisebenza kakuhle nangokuphumelelayo
Caption 2: Elidaala iSebe leMisebenzi phambi kuka 2002
Caption 3: Elitsha iSebe leMisebenzi emva kuka 2002
UKUVULWA KWEENDLELA ZONXIBELELWANO KWIINZAMO ZENGUQU
Ezalisekisa ukuzimisela ekugcineni bonke abasebenzi besazi ngeenguqu njengoko ziye zisenzeka, Icommunications
Chief Directorate ekhokelwa ngu-Lucky Mochalibane sithetha nje ityelela iiOfisi zeeNqila
ukuze kuzanywe ukuba kubekho ukuhamba ngokutyibilikayo kweendlela zonxibelelwano kweli Sebe.
Oku kukulandelwa kotyelelo lokuqala apho uMochalibane ephelekwa yi-Director-General uTami sokutu
besiya kwezi nqila apho benza isicelo sokuphucula ezonxibelelwano.
Imizamo eqhubekayo iyenziwa ukuqinisekisa ukua BONKE abasebenzi kweli Sebe bayafikelela kwiindlela
zonxibelelwano ezintlu-mbini, ukungena, ukuxhobisa, ukunceda nokukhuthaza.
De kube ngoku, abaphathi, abongameli nabasebenzi kuquka abacoci nabasebenzi ezitiyeni baye bachazelwa
kwiiOfisi zeeNqila njengeyasePitoli, eMtata, e-Bloemfontein, eKhimbali naseMmabatho. Ezinye iinqila
ziza kutyelelwa kunekudala.
Kwiingxoxo eziye zaqhutywa kukho amacebiso abalulekileyo aye enziwa kuquka:
??Ukuchazwa ngabaNxibelelanisi beNkcazelo kwiiNqila
??Ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni ukwenzela unxibelelwano
??Ukwandiswa kwezonxibelelwano ngeeelektroniki ukuze abasebenzi abaninzi bazazi
??Ukusetyenziswa kweNdibano zabaPhathi kwiiNqila, njengomthetho wenkcazelo kubasebenzi.
??Ukuqhubeka kusetyenziswa iibhokisi zamacebiso kwanokusabela msinya kwabaphathi kwimiba
ekhathaza abasebenzi
Okungasentla akuyondinisa. Kwiinqila ezininzi iinguqu ziye zathakazelwa ngendlela encumisayo
ekukhonzeni abaxuma eli Sebe kwingomso.
Ukungabikho kwenkcazelo nokuqonda kuye kwachazwa njengonobangela wokoyika kwabanye abasebenzi.
Abasebenzi basabona ukuba kusekho imibuzo engekaphendulwa. Bakwacele ukuba I-Transformation
Champions kuyo yonke imijelo yomsebenzi, baye kwiinqila ukuze bachazele abasebenzi ngeekqubela zabo.
Abasebenzi bakhewthe ukuba kuthethwe nabo ngqo apho banokuphakamis aimibuzo baze baphendulwe
ngqo ngabaphathi. Amaxesha angelantsi kwanokuza kwabo phambi kwabasebenzi kuye kwanconyelwa
ukuze kuthethwe ngemiba ebalulekiyo nabasebenzi. Ewe, abanye abasebenzi bakude neeOfisi zeNqila
nesaziso kuselithuba kwanokulandwa kwabasebenzi kwiindawo ezikude ukuze inkqubo yonxibelelwano
ibandakanye BONKE abasebenzi xa kunokwenzeka
Okuza kushikixwa yindlela abaphathi abasabela ngayo kunxibelelwano nenkcazelo. Phakathi kwezinye
izinto abaphathi kuthiwa baxakekile ukuba bangakho kuthethathethwano ngeenguqu
Ekuqukumbeleni oku kugagana nabasebenzi noMphathi oyintloko: Unxibelelwano luza kuza nengxelo
ngawo onke amacebiso, uncomelo nenxalabo iya kuthiwa thaca kwindibano nabaphathi ukuze kufikwe
kwisigqibo emasithatyathwe.
Okwangoku, uqingqo-mali lwezoNxibelelwano luza kuphinda lutyelelwe ukuze kwenziwe amalungiselelo
okuphucula iindlela zonxibelelwano.
ILETA EVELA KWIDIRECTOR-GENERAL
Kule nyanga siyakuvuyela ukubika ukuba okwembali okubalulekleyo kufikelelwe
kwindlela yethu yokwenza iinguqu kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente
Okokuqala, umthetho-siseko oqulunqwayo ochaza ezomthetho kwanemigaqo emisiweyo yokulawula
okucingwayo I-Agency elawulala izakhiwwo zikaRhulumente, uye wakhutshwa ukuze uluntu lugqabaze
ngawo ngoFebruwary nangoMatshi 2002. Sithanda ukubulela onke amalungu oluntu ngako konke
abakuchazayo nokualulekileyo nokuza kusetyenziswa kokuqulunqwayo kwithuba elizayo de umthethosiseko
onguwo upase ePalamente. Kwakhona, nokuthethwe yiKhabhinete
malunga nalo mthetho siseko oqulunqwayo kuye kwasikhulula.
Okwesibini imeko yeshishini ekuxhaseni ukusekwa kwe-SPMA kuye kwathakazelelwa, ukubhala
amaxwebhu kube ngumzekelo ophilayo apho ukusebenza kwenguqu kweli Sebe sekuqalile.
Njengoko sichazile nyakenye kutyelelo lwam kwezi nqila kuquka neofisi elikomkhul, inkqubo yethu
yenguqu sisiqalo sokushishina, ngokuphambili kukwenzaiSebe emiSebenzi kaRhulumente libe lelokuqala
elinokukhethwa ngamasebe asixumayo nabangamagcisa abantu abazimiseleyo. Ngokulula nje, sizama
ukwakha umbutho, owenza izinto ngokutyibilikayo nezikumgangatho
othandekayo, nokuya kubangela ukusiwa kweenkonzo kuluntu kuthandeke.
Phakathi kwethu samkela abonxibelelwano beenguqu kwiNqila eziye zazama ukubeka endaweni yako
ukuziswa ngokutyibilikayo kwenkcazelo kubasebenzi. Bona, njengoko kucace kwindima nemisebenzi yabo,
bakholo ukunikhonza kakuhle nanini na nangolwimi olukhethwe ngabo. Ukusebenza kwabo kuya
kuphucula nenkqubo yenguqu ngoku. Sijolise ekubabangeleni babe kokona kubalulekileyo ekubangeleni
inkcazelo ifike kakuhle nonxibelelwano luphumelele. Uninzi lwenu sele ngolu luvile ngokuyeka
kwabaphathi ababini abaphambili u-Dennis Mokotedi (DDG: Asset Management) noMotshoanetsi Lefoka
(umphathi oyintloko: Abalawula iinguqu kwanenkokeli yamaphulo eenguqu) Bobabini bayekile kulo
mbutho. Ukuyekaa kwabo kube yilahleko ebuhlungu kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente xa sinokujonga
ukuzimisela nobukrelekrele babo ingakumbi kula maxesha enguqu.
Kuba sisanda kulahlekelwa ngabo siyakhunjuzwa kwakhona ukuba de sifikelele kwinguqu ngokupheleleyo
nangokufanelekayo sisengozini yokulahlekelwa kwakhona ngabantu abantu ababalulekileyo nabaneziphiwo.
Oku kube yingxaki yehu ukususela ngo-1994 xa sangena kwinguqu yezepolitiki kweli. Inkqubo yethu
yenguqu ngoku kukwakha umbutho esiza kuba neqhayiya lokunxibelelana nawo kokubini njengabaxumi
nanjengabasebenzi .Kwakhona, ndiyayibulela inkxaso yenu eniqhubeka niyibonisa ngakwiinguqu.
IMIBONISO YONXIBELELWANO
Inguqu kwiSebe lemiSebenzi kaRhulumente kweli iyinkqubela. Kodwa , njengoko
le nkqubo iye iqhubeka, abasebenzsi kufuneka baxelelwe ngokwenzekayo, ngokugqityiweyo nalapho iya
khona inguqu.
Nakuba zonke izakhiwo, iinkqubo nokufezwayo kungekagqitywa, kubalulekile ukuba sazi ngokwenzekayo.
Isekela lomlawuli wezonxibelelwano ngaphakathi ezisandul' ukubekwa zinendima emaziyidlale ukuxelela
ngabasebenzi, kodwa nazo zifuna ukuncediswa, ukuxhaswa nokuchazelwa.
Malunga noku kuzimisela I-Communication Chief Directorate sele ityelele iinqila ngoAprili nangoMay
2002. Siza kudibana noyi-Regional Management, iiRTI nabasebenzi.
Ebudeni bolu tyelele iindma zee-RTI ziza kuchazwa. Iofisi eyiNtloko kwanokuxhaswa ngabaphathi benqila
I-RTI kuza kuchazwa.
Imeko ekhoyo ngoku kwezonxibelelwano kwanendima yayo kwinguqu iza kuchazwa. Loo miba
ephakanyiswe ngabasebenzi iza kusatyelwa. Kuba kusekho imiba emininzi engekagqitywa, intsabelo kuya
iza kuchazwa kungekudala.
Ukuze ufumane inkcazelo qhagamshelana ne-Transformation Co-ordinator okanye oyi-sekela lomlawuli
wezonxibelelwano ngaphakathi, usipho Gumbi apha 012 337 2065
ISISHWANKATHELO I-AGENCY ELAWULA IZAKHIWO ZIKARHULUMENTE
Okuqulunqiweyo kwe- i-agency elawula izakhiwo zikarhulumente (State Property Management Agency
Bill) kuye kwathiwa thaca kwi-Portfolio Committee of Public Works ngoMatshi 12 kwaza ethubeni
kwathiwa thaca kwikhabinet ngoMatshi 20 2002. Kuye kwapapashwa ukuze kufunyanwe okuthethwa
luluhtu.
Lo Mthetho, uxhaswa yi-Business Case, uye wathakazelwa kodwa kucelwe kucaciswe imiba ethile
kwanecandelo elinekibuzo liye lwaphicothwa. I-TMC ikulungisile oku phambi kokuba lo mthetho waphinda
wasiwa kwiKhabhinethi ngoaprili 2002. Xa iKhabhinet iwuvumile lo mthetho, umthetho omisiweyo uya
kuziswa kuzo zonke iifisi zeenqila ukuze abasebenzi bawazi. Okuchaziweyo
malunga nale -Business Case eyamkelweyo kuya kuxoxwa nabasebenzi.
Kuvandakanye olufutshane lwalo Mthetho uqulunqwayo luthi:
Isahluko 1 nesesi-2 sichaza iinkcazelo kwaneagency. Iinjongo zale nkampani kukuza nendawo yokuhlala
kwabayixumayo kwanokulawula ezo ndawo kakuhle nangokunenquzo ukuze kuqinisekwe ngokusebenza
kwazo, nemali eyizisa kurhulumente. I-SPMA iza kube iphethwe ngokupheleleyo ngurhulumente.
Onesabelo kuyo iya kuba nguMphathiswa onomthwalo kwimiSebenzi kaRhulumente. Umphathiswa uya
kuba ngoyena onesabelo ngawo onke amaxesha nezabelo ziya kunikwa amanye amasebe kaRhulumente xa
iPalamente ikuncomele. Loo agency iya
kusebenza ngokuvumelana nomthetho wenkampani.
Isahluko 3 Sixoxa ngeManagement Agcency. Abaphathi baya baza kunkhethwa nguMphathiswa.
Ngokuvumelana nokulawula kakuhle uninzi lwabo bakwisigqeba sabaphathi siza kuquka abangabaphathi
abangalawuli. Abaphathi abalawulayo baza kuba ngabasebenzi baloo nkampani. USihlalo uza kukhethwa
kwabo bangabaphathi abangalawuli
Isahluko 4 sandlala imithetho yokuphathwa ngokwemali kwe-Agency. Kuqala izakufumana imali evela
epalamente. Uza kuzuza kwiimali ezifunyanwa kubaxumi ngeenkonzo ezinikelwa ngamaxabiso
akwezentengiso. Isenokufumana ezinye iimali kwaneminikelo.
Iza kuchaza ubume bemali yayo ngokuvumelana ne-PFMA
Isahluko sesi-5 sihlolisisa ixesha eza kusebenza ngalo. Eli liya kuchazwa nguMphathiswa. siphanda
izivumelwano ezenziwe nabaxumi, uMokucetywa kwanendlela iAssets Management esebenza ngayo.
KwiSahluko se-6 sisebenzisana namalungiselelo e-SPMA kwimithetho ethile. Umba wokusetyenziswa
kwemali ekhutshiweyo, ukutshintshwa kwanokusebenza kwabaphathi kuxutyushiwe kwesi sahluko.
DIBANA NEZINYE IIWORKSTREAM CHAMPIONS
IABAPHATHI BEENGUQU Lydia Bici
SPMA OKUYILWAYO Gugu Mazibuko
ABAPHATHI BEZABELO Vuyo Memani
EZONXIBELELWANO Lucky Mochalibane
ABAPHATHI BEZINTO EZINGABEKA
INKAMPANI ENGOZINI Jeff Moji
Kushicilelo oluzayo siza kunichazela ngezinye iiworkstream champions
UKUTSHINTSHA INKCUBEKO KWELI SEBE
ISebe lemiSebenzi kaRhulumente lisendleleni yalo lokuzitshintsha libe lishishini elitsha neliza kuba
lilikhokelayo kudidi lwamazwe ngamazwe ekulungiseleleni indawo nasekuphatheni izakhiwo
zikarhulumente ngokwendlela abaxumi abacinga ngayo
Inkalo ephambili kutshintsho kukuqonda imeko yalo mbutho ngoku
kwanokuqaphelisisa inkcubeko esele ikho kulo mbutho. Okukwabalulekile
kukuqonda inkcubeko ethandwayo ngabasebenzi, ngaloo ndlela kube nokusekwa
okuya kususa lo mbutho kwinkcubeko ekhoyo ukusa kwinkcubeko ethandwa
ngumbutho
Kuye kwaligwa okusebenzayo ekufikeleleni kwinkcubeko elawula kweli Sebe .
??Imibuzo iyiliwe ukuvavanya iindlela ezisibhozo zenkcubeko
??Ubunkokeli
??Ukuthemba abasebenzi nentsebenziswano
??Ukusebenza nokuceba
??Unxibelelwano
??Ukulungela inguqu
??Imivuzo nenkuthazo
??Ikhwalithi
Okunye okwahlukileyo kongeziwe kubunjani bendima, indawo nohlobo, nokuye
kongeze iimbono ekuhloleni inkcazelo. Le mibuzo ikhutshwe iphuma kwiOfisi
eyiNtloko neyeNqila yee-Transformation Co-oridnators (RTI) ngeenjongzo
zokufumana intsabelo entle kubo bonke abasebenzi. Phofu ke, nakuba intsabelo
ibintle kummandla wase-Gauteng, inxalenye yezi nqila ithumele insabelo
embalwa nefike kade. Ngokompuumo, intsabelo engathandeki nefike mva evela
kwiinqila ezininzi inokunciphisa okunokufunyanwa ukuze kuqondwe I-NDPW.
Okufunyenweyo kuye kwahlolwa ngokwendlela okungayo nokuza kuba yiyo
ukuze
kusekwe umsantsha phakathi kweenkcubeko ezikhoyo nezithandwayo ze-DPW.
Izigqibo zinokubonwa kolu hlahlelo:
??Ngaphezu kwama-80 ekhulwini abaye basabela bathe I-NDPW kufuneka yenze inguqu
ezicacayo
??Ngaphezu kwama-80 ekhulwini abasebenze afuna kwenziwe umseenzi omhle kwi-NDPW
??Ngaphezu kwama-80 ekhulwini abo bonke abaye basabela bavakalelwa kukuba
umsebenzi omhle awukaphunyezwa kwaye kufuneka kubekho iindlela ezininzi
abavuzwa ngazo abantu
??Ngaphezu kwama-72 ekhulwini bavakalelwa kukuba kufuneka kubekho abaninzi
ababandakanayeka ekwenzeni izigqibo.
??Uninzi lwe-RTC, kuquka abakwigrade 7-12 bafuna ukuba nezwi ekwenzeni
izigqibo.
??Ama-86 ekhulwini abaphathi abaphezulu babona ukuba inguqu ayiphathwa kakuhle
kulo Mbutho
??Ama-75 ekhulwini kulo mbutho babona ukuba kukho ukungathembeki
??Bonke abasabele kwi-TTT babona ukuba I-NDPW inokuzibeka esichengeni ukuze
iphumelele
??Bonke abasabele kwi-TTT babona ukuba akukho lunxibelelwano luhle phakathi
kwabaphathi nabasebenzi.
??Ama-75 ekhulwini abasabele kwi-RTC babona ukuba bafuna inkxaso nokhuthazo
Kusekwelwe kokufunyenweyo, uninzi lokunconyelweyo okuphambili kuye kwasekwa. Oku
kuza kujongwa njenge-TTT kwaneenzame zokuya phambili
UKUYILA INGOMSO
Ukuguqulwa kweSebe leMisebenzi kaRhulumente kuphuma phambili ehlabathini
ekulungiseleleni ukwamkelekwa kwabaphathi bezakhiwo ngkwendlela abaxumi
abacinga ngayo kwanendlela ecingisisiweyo kwingomso.
Malunga noku iSebelabele I-Transformation Task Team ukuba ihlole ivandlakanye
iinkalo ezahlukeneyo nokwenziwayo kule nkqubo yenguqu. Zahlukaniswe ngokwamaqela.
Indima nemisebenzi eyenziwa ngaba basebenzi imi
ngolu hlobo:
IMEKO YESHISHINI
Obalasele ekuphuculweni kwemeko yeshishini nelifanela indlela etshintshe ngayo I-DPW
nguZingi Ntsaluba
Le ndlela yokusebenza ifika kwaye ihambisana nobunjani beshishini kwingomso
kwaye ivavanye iindlela ezahlukeneyo. Iphucula ezemali nezinye iindlela
ukuze ifaneleke iinguqu ezicetywayo ngendlela eli Sebe litsha lifanele
lisebenze ngayo kwingomso.
OYISPMA DESIGN
Obalasele ekuyileni ishishini le-SPMA nguGugu Mazibuko ongumzekelo.
Eli tshantliziyo liyila ubunjani, indima, okuphambili okwenziwayo
kwanomzekelo we-SPMA
OYIDPW DESIGN OMTSHA
Obalasele ekuyileni ishishini leli Sebe elitsha ngu-Bongani More
Lo msebenzi uza kuyila indima entsha, iizinto ezibalulekileyo kwanobunjani
balo mbutho weli Sebe litsha, emva kokuba kusekwe I-SPMA. Oku kuza kuquka
iinkqubo ezikhoyo ezilawulwa leli Sebe nezingayi kusebenza kwi-SPMA.
UMTHETHO OMTSHA
Obalasele ekuyilweni komthetho omtsha oya ePalamente eneenjongo zokuguqulwa
kweli Sebe nguBernice Africa
Uye wagocwagocwa malunga nomthetho okhoyo oza kusetyenziswa. Ukwaseka
umthetho omtsha ukubanela eli sebe litshintshe libe ngumbutho omtsha.
ABAPHATHI BEENGUQU
Otshatshele ekuziseni iinguqu ngu-Lydia Bici
Uzimisele ekuqondeni iinkalo nezimo zengqondo zabasebenzi nasekuyileni
inkqubo ekubancedeni basebenzisane nabakuxhalabeleyo neziphakamiso zabo
ABAPHATHI BEZABELO
Otshatshele ekuhoyeni ulawulo kwabo banezabelo ngu-Vuyo Memani
Umsebenzi wakhe kukuba nonxibelelwano namasebe abaxumi kwanabanye
abanezabelo ngaphandle ukubagcina besazi ngokuqhubekayo kwanendlela abaza
kuzuz angayo. Banengxubusho nee-Director Generals kwaye banegalelo ekuyilweni
nakwimeko yeshishini
ABAPHATHI BEMIBUTHO ELWELA AMALUNGELO ABASEBENZI
Otshatshele kunxibelelwano nasekusebenzisaneni nemibutho elwela amalungelo
abasebenzi nguLanga Dhlomo
Uye waqalisa iingxoxo kunye nemibutho elwela amalungelo abasebenzi useza
kuqhubeka ethethathethana nayo ngokuvumelana nesindululo esithathwekwi-PSCBC.
Imibutho elwela amalungelo abasebenzi iye yafuna ingcaciso ecacileyo kwimeko
yeshishini. Oku kuza kunikelw aingqalelo kungekudala
ABAPHATHI BEEZINTO EZINGABEKA INKAMPANI ENGOZINI
Otshatshele ekulawuleni nasekuqondeni okungase kubangele ukuba sesichengeni
kwethu ngu-Jeff Moji
Ujolise ekunikeleni ingqalelo ebukhali kwinkqubo iyonke ekuqondeni okungase
kungabi kuhle kwanendlela yokukuthintela okanye ukuthothisa okunokwenzeka
kule nkqubo. Uyila iplani yokulawula okungase lo mbutho kuwubeke engozini.
EZONXIBELELWANO
Obalasele kwezonxibelelwano nosingethe okuqhubeka ngaphakathi nangaphandle
ngu-Lucky Mochalibane
Ulalwula imiyalelo neenkcukacha eziya kubasebenzi nabaneabelo kwanokubagcina
besazi maluna neenkcazelo eqhubekayo ekwabanika ithubalokufak' isandla
nokugqabaza ngenkqu bela. Ii-Regional Transformation co-oridinators ziye
zakhethwa kwinqila nganye ukuze zincedise ekuhambiseni iinkcazelo nokufumana
okuthethwa ngabasebenzi.
I-Communication Chief Directorate iza kuqhubeka iseka iingqungquthela
ukuqinisekqa ukuba bonke abasebezi bayaqukwa kwinkqubela.
Inkcazelo eqhubekayo ngeenguqu iza kupapashwa nyanga nganye kwi-WORXNEWS. Iza kuba
ngesiNgesi ke noko, umbhalo uya kfumaneka kwiwebsite yeSebe ngazo zonke iilwimi
ezisemthethweni ukususela ngoMay 20 2002.
ABAPHATHI BENKAMPANI
Otshatshele kunxibelelwano nasekulalwuleni ihuman resources kwi-SPMA ne-DPW
entsha ekhoyo ngoku neyengomso ngu-Langa Dhlomo
Uza kube eshikixa imiba yezomthetho neyabasebenzi beli Sebe. Uza kube egaya
abasebenzi, eceba okuyingenelo kuthi. Uza kube echaza ngohlobo losebenzi,
eyila ukugaya nenkqubela yabasebenzi kwiizakhiwo ezitsha.
SIQATSHELWE ISIQALO SOKUXHOBISA ABAMNYAMA
NGEZOQOQOSHO
ISebe lemiSebenzi kaRhulumente ngeReparis and Maintenance Programme (RAMP) lize ne
mbasa (uhlaziyo lokuphatha kakuhle) (PMR) ngokuqalisa ukuxhobisa abamnyama
ngezoqoqoqsho.
I-RAMP sisiqalo senkqubela esiqaliswe leli Sebe ukuze iintolongo zilungiswe
zibe ziindawo zokusebenza. Eli phulo liqaliswe ngo-1999 neezivumelwano ezibiza i-R1,4
yeezigidi zizigidi inikwe ii-SME.
ISebe leeNkonzo zoLuleko luzuze kakhulu kule nkqubo, kukho i-179 yeentolongo
eseziqalisiwe. Impumelelo yale nkqubo iphumele kwelokuba yolulelwe
nakwamanye amasebe karhulumente asibhozo.
Ukususela ekuqalweni kwayo I-AMP ibe negalelo ekubandakanyekeni korhulumente
ekuxhoiseni abamnyama ngezoqoqosho. Ukuza kutsho namhla malunga nama-71
ekhulwini ezivumelwano sele zinikwe I-Affarmative Business Enterprise (ABE)
I-PMR iqonda kwaye imothulela umnqwazi urhulumente, amaqumrhu nee-NGO
ngokuxhobisa abamnyama ngezoqoqosho nasekuphuculeni ezentlalo
Ivela kuKgomotso Tlhomelang
Caption
UD-G Tami Sokutu unikweimbasa I-PMR ngpyi-CEO ye-PMR magazine uBarbara Wood
UKUSETYENZISWA KWEEWINDOWS 2000
Ukusetyenziswa kwee-Windows 2000 kuqalisile emva kokufunyanwa kweelayisensi
zobuxhakaxhaka beekhompyutha. Isigqibo sokusebenzisa ii-Windows 2000 sibangelwe
zizizathu ezilandelayo. Kuphelelwe lixesha ukusebenzisaii-Banyan
Vines kweli Sebe. Ukusebenzisa iiBanyan akusasincedi Iiservers ziye azabi nasithuba
sokuqokelela iinkcukacha nto leyo ebangele inkqubo ebisetyenziswa imana ukuphuncuka
ngamathub' athile. I-server indala kwaye ibimana ukungasebenzi
I-Beyond Mail ibingasebenzi kakuhle iphelelwe lixesha
I-servers zewindows 2000 ziqaliswe ngoAprii 2002 kwaye kulindelwe ukuba zigqityezelwe
ngoOkthoba 2002. Injongo ephambili yeli phulo kukuba msebenzi
ngamnye akwazi ukusebenzisa iikhompyutha ii-windows 2000
Iinkcukacha ebezikwiBanyana ziza kukhutshwelwa kwiserver yeeWindows 2000.
Iposi ekwi-Beyond Mail iza kufakwa kwi-PC yakho. Ezi khompyutha zintsha
ezineposi ziza kusetyenziswa kubuxhakaxhaka beekhompyutha ze-Windows 2000
nakwi-MS Outlook. Incwadana yokuzisebenzisa iza kufumaneka xa ezi khompyutha
zifakiwe kwiofisi okuyo. Uza kunikwa ne-e-mail address yakho nobunjani bayo
buya kufana naleyo ubunayo.
Inguqu, indlela nje ehamba ngayo ibangela ukuxhalaba nokudideka. Xa ufuna
inkcazelo ethe vetshe qhagamshelana ne-IT Unit.
KUKHETHWE IMAGIC TRAVEL AGENCY
Kuba isivumelwano naba-Rennies Travel siphelile ngoMatshi 2002 eli Sebe
likhethe iagency entsha yezohambo.
Abakwa-Magic Travel
Kuye kwatyikitywa isivumelwano nabo leli sebe ukwenzela iminyaka emibini,
ukuze kusingathwe ezohambo, kuquka ukubhukisha indawo yokulala
neenqwelo-moya. Ngokungafani nabaRennies ebebelapha ngaphakathi, abakwa-Magic
Travel banokufunyanwa apha: No 467 Church st. Arcadia:
Xa ubhukisha qhagamshelana no:
Aysha Jogee
Ifowuni: (012) 341 4207 okanye
Ifeksi: (012) 341 3444
umfanekiso:
Ekhohlo: USeth Mthombeni, uAysha Jogee noRika Sprang
SINIPHOKOZELA NGEMIBUZO NEEMPENDULO KUSHICILELO
LWETHU LOKUQALA
Enkosi ngabo bonke abasebenzi abavakalise izimbo nemibuzo yabo ngenkqubo
yeNguqu besebenzisa ibhokisi lokufaka ugxeko-ncomo lwabasebenzi kwanamakhadi eposi
ebefumaneka kwiOfisi yeNqila nganye nakwiOfisi eyiNtloko.
Enikuthethileyo kuza kunceda abaphathi beli Sebe baqonde izimvo zenu nemibuzo.
Qhubekani ninxibelelana nathi
Unxibelelwano lolokuqiniseka ukuba senza ngokwezithembiso zethu zonxibelelwano
ukuqiniseka ukua uthethathethwano luyaqhubeka nkalo zonke. Xa
nithule luza luba calanye.
Kolu shicilelo uMphathiswa Jikelele uTami Sokutu encediswa yiTransformation
Task Team uniphokozela ngemiba enibona kubalulekile ukuyiveza. Ngelishwa
asinakuphendula yonke imibuzo kodwa kushicilelo olulandelayo siqa kuqhubeka
ukunixelela ngemiba ebalulekileyo kuni.
1. NitheAbasebenzi kwi-DPW badimazekile kuba kwenziwe izithembiso ethubeni
elidluleyo
kodwa kunani khona ukuba zihoywe. Oku kusinceda ngantoni?
Sithi - iTop Management Committee (TMC), I-Transformation Task Team (TTT),
aBaphathi beeNqila nee-Regional Transformation Co-ordinators (RTIs) ziza
kuqhubeka zichazela bonke abasebenzi ngenkqubela eseyenziwe.
2. Nithe -Abanye abasebenzi bacinga ukuba inguqu ekhoo iziindleko kwaye ayifuneki.
Sithi-- Imeko yeshishini le-SPMA kuza kwabelwana ngayo nabasebenzi.
Kungekudala niza kuziqonda iinzuzo ze-SPMA. Eli Sebe alinakwenza ngakumbi
kodwa ukwenza inguqu ukuba liza kuqhubeka ke phofu liliSebe elisebenzayo.
3 Nithe -Abanye abasebenzi bayakhalaza ngokuphelelwa kwenguqu, bathi iSebe kudala
lisenza iinguqu ukususela ngo-1996 kanti iziphumo azibonwa
Sithi -- I-SPMA ifunde lukhulu kwinkqubo yeenguqu kwaye iphethwe ngeliso
elibukhali ukuqiniseka ukuba iphumelela nabo bonke abasebenzi
4. Nithe-Inkoliso yabantu ayibathembi abaphathi babo. Ngenxa yoku, eli Sebe kufuneka
lingabasebenzisi aBaphathi beeNqila njengabakuphela kwemithombo yenkcazelo xa
kuziwa kwinkqubo yeenguqu.
Sithi.- Eli Sebe linobuxhakaxhaka bezakhiwo ukuqiniseka ukuba inkcazelo
ayipheleli emoyeni ifika kumntu wonke. I-Communication chief Directorate
incediswa I-RTC's iza kuphatha ukuthululwa kwenkcazelo iye kubasebenzi
bebonke.
5 Nithe-Kukho imfuneko yokuseka I-Change Management Team kuba imiba yabantu
iqalisa ukuvela kwaye ayisingathwa kakuhle?
Sithi-. I-Change Management Team iphethwe ngu-Lydia Bici. Iza kunceda bonke
abasebenzi.
6. Nithe.-Inkqubo yenguqu ngathi ityekele ekudilizeni nasekuphunguleni abasebenzi,
norhulumente ukhe wathi isebe lemisebenzi yoluntu linenyambalala yabasebenzi
Sithi.- Akunjalo. Inguqu ekweli Sebe ayixhaphazeli nje imisebenzi. Yindlela
eli sebe elisebenza ngayo ukusa iinkonzo ezibalulekileyo kokubini
ngaphakathi nangaphandle. Indlela imisebenzi nokuchazwa kayo okuya
kuchaphazeleka ngayo, asikenzi zigqibo okwangoku malunga nemiba yokungena
kwabanye kweminye imisebenzi kuba indlela eli shishini eliqhuba ngayo
isaxhikixwa kwaye iyilwa. Zisuka ke izigqibo zithatyathwa abasebenzi baza
kuchazelwa
7. Nithe.-Kufuneka kubekho omnye umjikelo weenngqungquthela ukuze kuthethwe
ngeenjongo ze-SPMA.
Sithi:- Sele kusenzeka oku ngothethathethwano olukwimijelo eyahlukeneyo
kuquka I-WorxNews, amaxhwebhu neentetho.
8. Nithe- Umthamo wonxielelwano lwethu kufuneka uvakale nangezinye iilwimi
ezisemthethweni.
Sithi.- Oku kuza kwenziwa. Zonke iimbalelwano noshicilelo kwithuba elizayo
ziza kuba ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni
9. Nithe-Baza kuqeqeshwa na abasebenzi abangena kwi-SPMA? Ngokuqinisekileyo
kuza kubakho abanye abanobuchule obumangalisayo kunabanye abasebenzi nezifunwa
yi-SPMA.
Sithi.- I-Human resource iza kukhupha iindlela zoqeqesho. Xa zivunyiwe, ziza
kunikwa bonke abasebenzi
10 Nithe-ISebe lithumela imiyalezo exakayo ngoxa lithetha ngabasebenzi bebalulekile.
alibaniki abasebenzi iibhasari ukuze baqhubeke nemisebenzi yabo beziphucula bona
nesebe abakulo.
Sithi:- Akunjalo kuba isebe lineebhasari ezivulelwe bonke abasebenzi. Xa
ufuna inkcazelo engakumbi qhagamshelana ne-Human Resource Office okanye
iOfiyi eyiNtloko
11. Nithe.-Loluphi ukhetho oluza kwenziwa kubasebenzi abangena kwi-SPMA. Ngaba
imibandela e-ethe-ethe njengobuzwe, isini, ukulingana, ubugcisa nokufaneleka zizo eziza
kunikwa ingqalelo?
Sithi.- Eli Sebe liza kuhambisana nomthetho onjenge-Equity Act, I-Skills
Development Act, njl.
ISITHEMBISO SETHU NGEZONXIBELELWANO
"Iinkokeli, abaphathi kwaneqela elisebenza kwiinguqu zizimisele ukunceda wonke
umsebenzi okweli Sebe aqonde ukuba ziyintoni iinjongo nosukelo lweli Sebe. Sizimisele
ukuqiniseka ukuba bonke abasebenzi badlala indima ebalulekileyo ekuhlangabezaneni
nocelo-mgeni lweli Sebe. Kungenxa yoku lento wonke msebenzi exelelwa, ebandakanyekile
ngokucetywa nenkqubela yeli Sebe. Sichazile ukuba oku kuthetha ntoni kubasebenzi,
abasixumayo noluntu ngokubanzi" - Tami Sokutu, Director General, Isebe Lemisebenzi
kaRhulumente
IQALISILE IMILLENIUM HEALTH CLUB
Bonke abaxhalabele impilo kufuneka batye kwiHealth and Diet Management Club
(HDMC) esandul' ukusekwa. I-HDMC ekwabizwa ngokuthi yi-Millenium Helath Club
inethemba lokunceda abasebenzi banciphe babe sempilweni.
Umququzeleli uNkszn Elma Schhepers uthi amalungu ale klabhu aza kuba
nenxaxheba ekubalekeni, kwimithambo nezemidlalo ngamaxesha elantshi. Kuza
kubakho iintetho ngexesha lelantshi apho amalungu aya kuncedwa aphelise loo
manqatha asemzimbeni aze abe nokwabelana ngamacebiso abalulekileyo endlela
yokuncipha nokuphila ubomi obunempilo. Ukuze iziphumo ziqondwe, kukho
izixhobo zokuqonda ubunzima bakho eziza kukhutshwa.
Le klabhu iye yadibana ngoJanuwari 2002 kodwa ngenxa yokuxakeka kwamanyhe
amaluntu (elungiselela ukuphela konyaka mali) bekunzima ukudibana. Kodwa ke
le klabhu ilindele ukuqalisa ekwenzayo kungekudala -u Kgomotso Tlhomelang
INGQUNGQUTHELA YE-SMS IHLASELA UCELO-MNGENI
LWEENGUQU
nguLucky Mochalibane
NgoMatshi 14 nowe-15 2002 amalungu alishumi elinamnye abaphathi abaphuma
kumaSebe ezeMisebenzi kaRhulumente kuquka ne-Human Resoures Chiefs Director,
uLanga Dhlomo bebeye kwiNdibano Yaminyaka le Yeenkonzo Zabaphathi
ebeseInternational Convention Centre eThekwini.
Le ndibano ibiququzelelwe yiDepartment of Public service and Administration
(DPSA) njengenxalenye yemizamo eqhubekayo karhulumente ekutshintsheni
iinkonzo zoluntu nokuba kusekwe okubalulekileyo ekuphatheni, kuquka
nabaphathi abaphezulu.
Iqaliswe ngoJanuwari 2001 I-Senior Management Services (SMS) ekutsaleni, ekugcineni
nasekuyileni abaphathi abafanelekayo kwiinkonzo zoluntu. I-SMS
ibona ubunkokeli ukuqala okutsha nokuyila okungaqhekelangakuzizixhoba
ezibalulekileyo ekukhawuleziseni ukusebenza kwale nguqu
Okunye okubalulekileyo kusukelo lwe-SMS kukuquka ukuphucuka kokuziswa
kweenkonzo nokuphucula bunjani bale nkqubela.
Iinguqu ezikhoyo kweli Sebe leMisebenzi kaRhulumente zinokubonwa kubunjani
nje beenkonzo kuluntu ingakumbi ukuphuculwa kobunkokeli, ukusetyenziswa
kweenkqubo kwanokuziswa kweenkonzo okungenazindleko
Ethetha okuyelele kwimeko yeMisebenzi kaRhulumente oyi-Chief Executive
kwi-South African Airways uAndre Viljoen uthethe nabathuwa abangama-250
ngemeko yeenguqu eziza nengeniso kwicandelo leeNqwelo-moya, ukusuka
kwishishini elingezi nenzuzo ukusa kwishishini elizisa imali entle neza
kubonakala kunyaka-mali ozayo.
U-Arvind Kumar omele elinye iPhondo laseIndiya elibizwa ngokuthi yi-Andhra
Pradesh, uthethe ngorhulumente wakhe osebenzise ii-elektroniki (oko kukuthi
i-e-government) njengendlela yokuphucula ukuziswa kweenkonzo. Ukubhaliswa
kwezatifikethi zokuzalwa nezokufa, iirhafu, iititle deeds kwanokulawulwa
kwemida zezinye izinto ezimbalwa zeenkonzo ezenziwa ngoku nge-elektroniki.
Amazwi akhe avakaliswe ngazwi-nye ngu-Joan McCalla omele iOntario eliphondo
laseKhanada
"Urhulumene waseMzantsi Afrika utyale imali ebalelwakwi-R6 yezigidi zezigidi
kwezobugcisa bonxibelelwano enethemba lokuba oku kuya kudala ukusebenza
ngokutyibilikayo odwa abaphathi bacothozisile ekuphumezeni iinzuzo
ezibangelwa bobu bugcisa," ukhwine watsho uMphathiswa uFraser Moleketi
Ekupheleni kwale nngqungquthela, abathunywa bakhwele ebhasini bakhenketha
kwiilokishi ezikumantla aseThekwini, kuquka I-Phoenix neNanda ukuze babone
iindawo zembali. Phakathi kwazo baye kumzi wokushicilela apho u-Mahatma
Gandhi washicilela okokuqala I-The Indian Opinion, baye kumanxiwa esikolo
asakha bazabaya naseOhlange High School apho uMandela obeFudula
enguMongameli wavota khona ngonyulo lwango-1994.
IngcwabalikaGqr John Langalibalele Dube ongomnye wabasunguli be-African
National congress likufutshane naseOhlange High School.
Caption: Abanye babaphathi abaphezulu beSebe leMisebennzi ababekho kwinkomfa
BADIBENE ABAPHATHI BONXWEME LWASEMPUMA
Umphathi weNqila weOfisi yoNxweme lwaseMpuma kweli sebe u-Wellington Ngcobo uye
waququzela ingqungquthela entsuku mbini apho kuye kwaxoxwa ngemiba edla umzi. Le
ngqungquthela ibingomhla we-17 nowe-18 kuMatshi 2002 e-Margate Hotel kuNxweme
olukuMazantsi aseThekwini. Injongo ephambili yeli qela ibe kukunika ngaphezu
kweenqununu ezingama-40 ithuba lokuziphonononga kuba lisebenza kude nabanye kwaye
kunzima ukubonana. Ebudeni bokwakhana, kuye kwathethwa ngemiba eza kulandelwa emva
kokua eli qela lishikixe imiba enomdla. Kanti, abaphathi beeNqila banikwe ithubalokuthetha
ngabakufezileyo nokucel' umngeni kunyaka-mali odlulileyo. bakwacelwe ukuba batsho
abazimisele ukukwenza kunyaka-mali ozayo.
ABAPHATHI BENKAMPANI
Iinguqu kwiHR sele ziqhubeka
I-Human Resources Chief Directorate ibe nendibano ebalulekileyo ngomhla wama-26 ukusa
kowama-28 kuFebruwari e-Klein Kariba, e-Warmbaths ePitoli. Bonke abaphathi kwi-HR
kokubini abakwiofisi eyintloko neenqila bebekho kule ndibano
Okubalulekileyo kule ndibano yokuceba naku:
??Ukuhlaziya ubume beli Sebe apho I-HR isebenza khona
nokuhlengahlengisa umbono weli Sebe.
??Ukuhlaziya iimfuno ezikhoyo nezangomso kweli Sebe litsha kwane-State
Property Management Agency (SPMA) ukuze icace ingxam yokusebenza
kwe-HR.
??Ukuyila iplani epheleleyo xa kusebenza okucetyiweyo
Isiphumo solu hlaziyo sibonise ukuba kukho imfuneko yokuba I-HR Chief
Directorate ibe nee-Directorates ezine: iHuman Resources Administration,
I-Human Resources Development, I-Human Resources Planning n-
Recruiting ne -Human Resources ne Labour Relations. Isakhiwo esifana
neso simela iofisi eyintloko sikwafunyanwa kwinkqila nganye kungako
kuyilwe izikhundla ezisixhenxe ze-HR.
Ebudeni bendibano kushikixwe ubume bokwakha eza zakhiwo baza
banconyelwa. buye bacokiswa nayi-HR Restructuring Committee. Emva
kokuchaza ubume, kunikelwa ingqalelo kokufunekayo kwisikhundla
ngasinye, kubekho ama-32 ezikhundla ekusafuneka zizaliswe. Kubekho
amanye ama-24 emisebenzi eye yadweliswa.
Okwangoku kukho abasebenzi abali-11 abachaphazelekayo abaye
bafakwa kweli sebe. Abali-9 baqeshwe kwakwi-HR ukanti zisekho
nezinye ekusafuneka zizaliswe. Oku kuthetha ukuba kukho mathuba
emisebenzi achaphazelekayo kunenani labasebenzi.
Siyakuvuyela ukunichazela ukuba inkqubo yokuhlaziya I-Human
Resource Management isaqhubeka njengoko bekucetyiwe. Le nkcazelo
sabelane ngayo ne-Labour Organisations kwaye bayayixhasa le nkqubo
eseyilandelwe ukuza kuthi ga ngoku. Sikwacebe ukuchazela bonke
abasebenzi ngeenkqubo esele zenziwe kwanemiba ebaxhalabisayo -
nguLungile Fakazi
INDLELA ABAQHUBA NGAYO ABAPHATHI
Kwinyanga kaMatshi yinyanga apho bonke abasebenzi kweli Sebe abaye
bagocagocwe baze banconywe ngendlela abaphangela ngayo. Oku
kulandelwa yindlela abaqhuba ngayo kwikota, baze abasebenzi banikwe
inkcaza ngenkqubela yabo nalapho emabaphucule khona xa kufuneka.
Ngokwale ndlela abaqhuba ngayo abaPhathi xa umsebenzi engenzi
obekulindelwe kuye, kucetywa indlela anokwenzangayo inkqubela. Oku
kubekelwe ixesha kwaye kufuneka kuchaze ingxaki anayo ekwenzeni
inkqubela kwanenyathelo eliza kuthatyathwa kokubini ngumsebenzi
nomphathi wakhe nenguqu elindelweyo .
Xa umsebenzi enze ngaphaya kwendlela ebilindelwe kufuneka anikwe IMerit
Awards. abaphathi kufuneka balumke ekugocagoceni abasebenzi
ingakumbi xa umqeshi efanele afumane okuthile. Kuya kufunwa
kumphathi ngamnye ukuba
abonise okufezwe ngumsebenzi njengoko kuchazwe kwiplani yesishini
(Senior Managers) okwanye kwiplani yokusebenza (Level 1 - 12)
Olu goca goco lunokusetyenziswa ekuqondeni ukuqinisekiswa,
ukwandiswa kwethuba lokuvavanywa kwakhe, ukuqeqeshwa komsebenzi
kwanenkqubela efunekayo, ukungena kumathuba enkqubela emsebenzini
kwanokuyekiswa ukusebenza kuxhomekekeka kwindela aqhuba ngayo
nokungafaneleki kwakhe. Kwithub aelizayo olu gocagoco luya kua
negalelo nakuchatha womvuzo
Abaphathi kufuneka baziqhelanise nenkqubo elungiselelweyo. Imibuzo
inokusiwa kwiHuman Resources Unit kwiinqila nakwi-Directorate HRD
kwiOfisi eyiNltko. Unokuqhagamshelana noMarobe okanye uwilem apha
(012) 337 2674. Kuza ubakho olunye uqeqesho nothethathethwano
kokubini kwindela abaqhuba ngayo abaphathi nomsebenzi.
nguKedireng Oagile
Eli khasi le-HR liza kuhla likho kwiWorxNews. I-HR Chief Directorate
iza kukhupha amanqaku nyanga nganye. Aza kuba negalelo
kokungphakathi ukuze abasebenzi bahlale besazi ngokuqhubeka kwi-
HR.
UKUXHATSHAZWA NGOKWESONDO KUVUMELEKILE
KWELI SEBE
Ukuxhatshazwa ngezesondo kululwaphulo-mthetho Olixhoba lokuxhatshazwa
unelungelo lokumangalela loo mntu umxhaphazayo, inkqubio yeli Sebe
ayiphazamisi elo lungelo. Nguwe onelungelo lokuphelisa isenzo
sokuxhatshazwa ngezesondo kweli Sebe.
Ngokwenkqubo yeli Sebe, ukuxhatshazwa ngezesondo kuchazwa
njengokungafuaneki, okungamkeleki ukuziphatha kungathandeki
ngokomzimba nangokwamazwi kubangela ukungonwabi, iziphumo ezibi
kwisidima sexhoba kwanokuphazamiseka emsebenzini.
Inkqubo yeli Sebe malunganokuxhatshazwa ngezesondo ichaza ukuba
kwamekeleki kuye namphi na umsebenzi ukuba aziphathe enoba uyindoda
okanye ngowasetyhini ngendlela ecel' umngeni ezesondo
Wonke osebenza kweli Sebe unelungelo lokusebenza kwimeko
engenalucalucalulo nokuziphatha okubonisa indelelo kuquka nokuxhatshazwa
ngokwesondo. Nabani na obandakanyeke kwizenzo ezinjalo uza kululekwa,
alunyukiswe aze agxothwe.
Ezenkcubeko ezahlukeneyo zikubangela kube nzima gomsebenzi ukuqonda
okuthethwa kukuziphatha okwamekelekileyo komnye nomnye. Ngokwe-
National gender Policy, xa onegunya exhaphaza abangaphantsi kwakhe
ngokuphazamisa iimeko zomsebenzi kwabanye oku kukuxhaphaza
ngokwesondo. Ngokomzekelo, ukwalela umsebenzi nakuphi okumfaneleyo
kuba bengamncedi." Kwakhona xa iziqhulo ngezendibano zesondo,
ukuthuka, ukuthetha unendelelo nokuphathaphatha, oku kukuxhaphaza
ngkwesondo
Olu hlobo lokuziphatha lunokwenzeka kubantu ngabanye besini esinye
okanye esahlukileyo. Kubalulekile ukukhumbula ukuba enoba ngumphathi,
okanye osebenza naye esenza kunokuchazwa kweli Sebe njengokuxhaphaza
ngokwesondo, oko sokuze kwamkeleke
Njengomsebenzi, khumbula ukuba xa uthile ekuxhaphaza akuyompazamo
yakho. Ekuphela kwendlela yokukunqanda kukukubika oko.
Kuzobe u-Mishka Amod UAlidia Seabi usebenza kwi Sebe.
Unokuqhagamshelana naye apha Tel (012) 337 2893
E-Mail HYPERLINK "mailto:aseabi@pwv.gov.za
MAYITSHINTSHWE IMIBALA YE-ANTARCTIC BASE
Kuba kusanda ukuthandwa kwe-Antarcita ekuMazantsi eAfrika kwenziwe
isicelo epalamente ukuba imibala yayo ibe nokutshitshwa ifane neflegi
yedemokhrasi yaseMzantsi Afrika
Iimeko ezingathandeki eziseAntarctica zibangele kube nokwenzeka
ukuseenzisa nayiphi na ipeyinti kokwakhiwe age-fiberglas. Imibala
yangaphambili iye yaphelelwa kwasetyenziswa eminye ekwazi ukumelana
nemozulu yalapho
Imibala esetyenzisiweyo yokumelana nolwandle iye yalingwa yaza yanikwa
iso elibukhali unyaka wonke. Ukuba loo peyinti ayivavanywa bekuza kuba
ziindleko ukubuya loo peyinti isetyenziswe ukuze imelane neemeko zemozulu
qapho
kuphelekwa sisibakala sokuba iye yakhuhlwa kwaza kwasetyenziswa oplunye
uhlobo lwepeyinti. Xa kuqondwe ipeyinti enokumelana nezo meko ukuzama
ukuyithenga kuza kulingwa. Khumbulani ukuba loo ndawo ithandwa kakhulu
ngeenyanga zehlobo ukusukela ngoDisemba ukuya kuFebruwari nyaka
ngamnye, isicelo asinakufakwa ngoku njengoko bekukade kusenziwa
kwiRiphabliki. Oku kufuna iisizini ezimbini ukuze kufezwe
Ebudeni beesizini zango-2001/2002 e-Antarctica kuba kujoliswe ukutshintsha
imibala kufuneka kwenziwe ngendlela engenabunzima naxa iimeko zemozulu
zivuma.
Abapeyintayo abathathu baye balinga beqale ukusebenza kwimozulu
ekwiqondo elingaphantsi ko-0 degrees. Umzantsi uye wayilwa ngendlela
yokuba kuye kwakho okungenisa umoya ukuze ikhephu lingahlali kwi-
SANAE 111 base. Umzantsi ubuphakame nge5 mitha nezinto ezisetyenziswa
ekunyukeni ziye zasetyenziswa. Kuba ibase ingqukuva, ezi scaffoldingi
azikwazanga ukunyuswa ukuze zifike phezulu neleri iye yalungiswa ukuze
ibe phezu kweescaffolds xa kupeyintwa. Le yindlela ebiyingozi kuba Iscaffolding
zimiswe phezu kwamatye kuze phantsi kwebase ikhephu libe
malunga ne-300 mitha kodwa noko akufezwanga kakuhle
Ukupeyintwa kwale Base kuqale kusasa de kwasebusuku apho bekubanda
kunzima ukuqhubeka kupeyintwa. Iimozulu kusasa bezikwiqondo le 3C ne-
15C ngorhatya kanti nomoya ububudla. kubalisa uGary Hardenberg
ISEBE LEZEMISEBENZI KARHULUMENTE
URHWAPHILIZO LUBANGELA IINKONZO ZINGEZI
Nceda eli sebe liphelise ubuqhophololo, urhwaphilizo kwanokunye
okungathandeki. Fowunela kulo fowuni 0800 20 11 04
Ukuze ubike nabuphi ubuqhophololo, urhwaphilizo nokunye okungathandeki
unokuhlala ungaziwa, okuyimfihlo kuya kugcinwa kunjalo
AMANANI OQINGQO-MALI OLWABIWEYO
I-Petrol/ifilimi 2824
I-tollgates 1766
Ukupaka/ukuhlawulwa 1662
Imali eyabelwa ngemini 1501
Izidlo/nendawo yokulala 1501
Isithuthi sobugu 1520
I-ifowuni 1535
Inkcitho kokungalindelwe 1662
I-sel fowuni 2896
Ibhaliso 1658
Ukuzuza inkcukacha ezingaphezulu qhagamshelana no Nksz. Senekel kule
nombolo (012) 337 2612
IDISKI -UMDLALO OMNANDI
onke umntu uazi ukuba iyathandwa le yindlela yokuphila. Ibizwa ngamagama
amaninzi, isoka okanye idiski. Nokuba uyibiza njani, ngumdlalo omnandi
wesoka. ISebe lethu lenzaigalelo ekuqondweni kwalo mdlalo. Ngo-1997 iqela
lesoka lasekwa kwakweli Sebe liye landa kwaye abadlala nalo bayaloyika.
Iqela lethu elifaka ijezi embala uqanda nomnyama liye litywatyusha. Omnye
uphantse wacela ukuba iSebe Lamanzi nelamaHlathi likhe liyokunyangwa
emva kokuba latywatyushwa ngamanqaku ali-12 kwelinye. Kwane-Armascor
iye yatyatyushwa kabuhlungu emva kokuba yabethwa ngamanqaku asi-8
kweli-1. Indlela abadlali bethu abaqhube ngayo ibonisa isizathu sokuba babe
phezulu kwilog yeBatho - Pele Soccer League. Nakuba eli qela linabadlali
abatshatsheleyo, abasebenzi abanomdla kucelwa aqhagamshelane
negosaloqhagamshelwano lweli qela uMoloko Mabena. bonke abasebenzi
bakuthazwa ukuba balixhase eli qela nanini na lidlala. ifowuni 0123105973
E-mail HYPERLINK "mailto:mabena@pwdmmail.pwv.gov.za "
ngu Musa Langa
IKWAYARA YETHU ISEMAGQABINI
Bacula oku kweengelosi. Bakubangela uthi wakubamamela uzive ngathi
ukweinye ilizwe. Bacula ngendlela ekubangela ufune ukuba phakathi kwabo.
Le yindlela esinokuyichaza ngayo ikwayara yeli Sebe. Le kwayara iye
yanenyhweba yokubakho kwizihlandlo ezininzi zeli Sebe kuquka nokuba kwi-
Interdepartmental choir Festival, kumhla we-National Heritage, kumhla we-
Intenational Aids Day kwanezinye iziganeko kweli. Le kwayara isungulwe
ngoSeptemba 1997 yaza ngokusemthethweni yamiswa ngoAgasti 1999
ibhexeshwa ngu-Jacob Maswangayi. Iqale nje inamalungu asixhenxe
kwiminyaka edlulileyo, ngoku iye ineqhayiya ngokuba namalungu angama-
30. Ezinye zeziganeko ezikhumbulekayo kule kwayara kukuqhuba kakuhle
kwayo kwiminyhadala ephakathi kweekwayara zamasebe karhulumente. Le
kwayara izibalule yabangela neli Sebe laneqhayiya. Le kwayara iprekthiza
kabini ngeveki ama-45 emizuzu, nglweSibini nangolweSine. Namphi na
umsebenzi onomdla wokujoyina unokuqhagamshelana noJacob Maswanganyi
apha (012) 310 5127 okanye uKedi Sekwele apha 012 310 5914. Le kwayara
iza kuculakwiInterdepartment Choir Festivala ngoSeptemba 2001
nguMusa Langa
UMSEBENZI OPHILILEYO UNEMVELISO ENTLE
Kwiimeko nje eziqhelekileyo ngaba ungumsebenzi onemveliso ozimisele
ukwenza okungaphaya kwakhe okanye ngaba uziva udiniwe, ulibala
ucinezelekile? Ukuba uyadinwa unokuqaphela iimpawu zokudinwa.
Ngokweengcali zobuchopho nendlela
osebenza ngayo umzimba isithathu kwabasetyhini abaphangelayo kwanesinye
kumadoda isoloko iziva idiniwe.
Uphando ludiza ukuthi ukudinwa sisifo esiyingozi. Kukubangela
ungabonwabeli ubomi, kuphazamisa indlela owenza ngayo, kuphazamisa
ezothando, kuphazamisa ofuna ukukwenza kuphazamisa neminqweno yakho.
Izizathu ezibangela ukudinwa
kukucinezeleka, ixhala, uloyiko nesifo esithile sengqondo sokuziva
unesiphoso
Imibutho kokuini ekarhulumente neyeenkampni ezizimelyo iqhubeka ifundisa
abantu ngendlela yokuzikhathalela ngokwemvakalelo nangokwasemzimbeni.
Abaphathi abangakukhathalele oku basoloko bejamelene nabantu abaninzi
abangekho emsebenzini, ukungenzi imisebenzi kakuhle nto leyo ebangela
ukungavani kumbutho. Kokubini abaphathi nabasebenzi kufuneka babaxhase
abasebenzi ababandakanyeke kwezinye izinto ezingaphaya kweli Sebe.
Ngokomzekelo, amaqela esoka, ikwayara, iiklabhu zempilo njl.
Imiqondiso yokudinwa kunzima ukuyiqonda kuba yimiqondiso enento
yokwenza nokuthile. Abantu bayadinwa kodwa akukho mqondiso wesifo.
Ngokomzekelo, umsebenzi esiza kumpati wakhe ekhalazela ukudinwa okanye
ukucinezeleka
engqondweni, umpahthi unokungasiyosi isicelo kuba kuyinto engokwemvelo.
Phofu ke konke oku kunokubangela abasebenzi abangenamveliso. Kukho
iindlela ezahlukeneyo zokulwa nokudinwa kanti da siqonda isimo sesi sifo
umbutho
unokuzuza kakhulu kubasebenzi bawo. Okulandelayo ngamacebiso
anokusetyenziswa ukuthintela nokoyisa ukudinwa:
??Phelisa icaffeine, iziselo ezibandayo ezicarbonated, utywala nokutshaya
??Lala ngokwaneleyo
??Yenza imithambo qho
??Yitya ukutya okunempilo
??Pheza ukutya ukutya okungenazondlo, iswekile nokuswiti
??Qonda okubangela ucinezeleko uze uzame ukukushenxisa
??Phumla, phumla, phumla
??Qonda enob kukho okungavani nawe okanye ukutya ongavani nako
??Yiya kugqirha xa ukudinwa kuqhubeka
Kwi-WorxNew sinenkolo yokuba impilo yomsebenzi inento yokwenza nendlela
asebenza ngayo. Kungako sishicilele amanqaku anento yokwenzanokuphucula impilo
yomsebenzi. Sinethemba lokuba ubunjani bempilo yakho buza kuhucuka ube
negalelo elihle kwindlela onemveliso ngayo
Xa ufuna ukubhala amanqaku empilo, wathumele nge-e-mail apha ku-Salome Baloyi
E-mail: sbaloi@pwdmail.pwv.gov.za

Umgada
isifo esingumbulali
Jenny Turton

* Ukusasazeka kwesi sifo 
* Iimpawu zaso 
* Uthintelo 
* Unyango 

Umgada
Yintoni umgada?
* Umgada sisifo esosulela abantu, sivela kwizilwanyana 
* Sibangelwa yintsholongwane ethi ichaphazele ingqondo, ikwabangela nokufa 
* Le ntsholongwane ifumaneka ematheni , kwaye isasazeka ngokuthi isilwanyana esinayo silume umntu okanye esinye isilwanyana 
 
 
Umgada sisifo esinobungozi kakhulu. Gonya imfuyo yakho ukuze ukhuseleke!
 
* Izinja 
* Ezinye izilwanyana ziquka iikati, amaqaqa, oodyakalashe nezinye izilwanyana zasendle 
* Zonke ezi zilwanyana zingentla zezona zixhaphakileyo ekusasazweni kwesi sifo kwezinye izilwanyana nasebantwini 

Iimpawu zesi sifo kwizilwanyana
* Ukutshintsha kwesimo kuyenzeka kuzo zonke izilwanyana. Ezasemakhaya zibandlongo-ndlongo, zibe ngathi ziphambene, kanti ezasendle sisuka zibe mbuna 
* Ziye zingakwazi kwenza nto, zize zife 
Iindawo ofumaneka kuzo umgada nezilwanyana ezithi ziwusasaze kwingingqi nganye

Izinja (dogs): ubundlongo-ndlongo, umkhulungwane, ukuqubula, ukuvuza izinkcwe, ukuleqa iimpukane ezingekhoyo, ukuqwalasela ndawonye, ukuzula-zula, ukuyekelela umlomo, ukungakwazi ukuginya, ukutya umhlaba neentsasa, ukomiwa, ukugabha, ukungakwazi ukuhamba
Iikati (cats): ubundlongo-ndlongo, ukuqubula
Iinkomo (cows): ukukhonya, ukuvuza izinkcwe, ukomiwa, ubundlongo-ndlongo, ukungakwazi ukuhamba
Amahashe (horses): ukugxadazela, ukungakwazi ukuginya nokuhamba, ubundlongo-ndlongo, ukuluma

Iidonki (donkeys): ukuluma nokuba ndlongo-ndlongo
Iibhokwe neegusha (goats & sheep): ukukhala, ukutyhafa kwemilenze, ukunzinyelwa kukuhamba, ubundlongo-ndlongo, ukuba nomdla ogqithisileyo ekukhwelaneni, ukukhaba-khaba
Izilwanyana zasendle (wild animals): ukukhangeleka mbuna, ukungena ezindlwini nasezigadini, ukubonakala kwezilwanyana zasebusuku emini, ukuqubula
Iihagu (pigs): ubundlongo-ndlongo nokuluma

Bosuleleka njani abantu?
* Xa umntu ethe walunywa sisilwanyana esinesi sifo uyosuleleka, kuba kaloku intsholongwane yaso isasazeka ngamathe 
* Kulula nokosuleleka ngokungena kwamathe emanxebani, emlonyeni okanye emehlweni 
* Izilwanyana ezinomgada ziye zibonakale ngathi kukho into exabileyo emqaleni kuzo, kuba ziye zivuze izinkcwe ezininzi. Abantu mabakulumkele ukufaka izandla zabo emilonyeni yezi zilwanyana kuba umntu angasuka alunywe okanye amanxeba asezandleni zakhe angenwe ngaloo mathe anentsholongwane 
* Ukuxhelwa kwemfuyo ebulawe ngumgada kungayingozi, njengoko intsholongwane isenokungena emanxebeni, okanye abaxheli batshizwe bubuchopho okanye amathe emehlweni okanye emlonyeni, ngexesha beyiqangqulula 
Iimpawu zomntu onomgada
* Iimpawu zokuqala iba kukuqaqanjelwa yintloko, ukungonwabi, ifiva, ukugabha nokoyika amanzi. Ekugqibeleni umntu uphelelwa ngamandla, angabikho zingqondweni aze abhubhe 
* Idla ngukuthatha iiveki ezi-2 ukuya kwezili-10 phambi kokubonakala kweempawu zesi sifo, kumntu okanye isilwanyana esilunywe sisilwanyana esinaso 
* Xa sezibonakele iimpawu zaso, akusekho nyango lungancedayo, kusuka kulandele ukufa 
Uthintelo
* Kubaluleke kakhulu ukugonywa kwezinja neekati, ukunciphisa ukosuleleka kwabantu nezinye izilwanyana 
* Izilwanyana ezisezincini mazigonywe kabini kunyaka wokuqala, zizi ziphindwe qho emva kweminyaka emi-3, okanye qho xa bebona kufanelekile abezonyango lwemfuyo. Isitofu somgada sikhuselekile, ngoko asiyi kuyigulisa imfuyo yakho 
*  Khawuleza wazise ugqirha wemfuyo okufutshane, nje ukuba ubone izilwanyana ezinemikhwa engaqhelekanga okanye ukrokrele umgada 
*  Musa ukusondela okanye uphathe izilwanyana ezingaqhelekanga, ezasendle ezibonakala zimbuna zingakubaleki, ezigulayo zibe zingabotshelelwanga okanye izilwanyana ezibonakalisa ubundlongo-ndlongo 

Unyango
* Ukuba umntu ukhawuezelwe ngonyango nje emva kokuba elunyiwe, akayi kubulawa ngumgada 
* Xa umntu elunyiwe, makakhawuleze ahlambe inxeba elo ngesepha okanye isibulali ntsholongwane, akugqiba akhuwelezele kwagqirha okanye ekliniki. 

* Ugqirha okanye unesi uya kumnika uluhlu lwezitofu, ezinokunqanda ukwanda kwesifo emzimbeni. Kubalulekile ukuba umguli lowo abuyele qho ekliniki okanye kwagqirha de azifumane zonke izitofu ezo, kungenjalo usenokufa xa eyeka esithubeni 
* Okwangoku ezi zitofu zihlatywa ngolu hlobo: esokuqala ngala mhla umntu walunywa zize ezinye zilandele kwisithuba seentsuku ezi-3, 7,14 nezingama-28 emva koko 
* Ngolwasuku umntu alunywe ngalo, uye afumane nesinye isitofu esenza ahlale ekhuselekile kwesi sifo 

* Kubalulekile ukwazisa ugqirha wemfuyo okanye amapolisa xa umntu ethe walunywa yinja okanye esinye isilwanyana. Bona bayakwenza uphando ngeso silwanyana, ukuze xa bathe bafumanisa ukuba sinomgada, basibulale 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana nabezonyango lwemfuyo, ugqirha okanye unesi okanye
Animal Health for Developing Farmers
ARC-Onderstepoort Veterinary Institute
Private Bag X05, Onderstepoort 0110 
Tel (012)529 9158 
Map by G Bishop
Diagrams on pp. 5-8 by C D Seegers

2000
Umthetho Omiselweyo Wezikolo zaseMzantsi Afrika wonyaka wama-1996 ufuna ukuba bonke abantwana abaneminyaka esi-7 ukuya kweli-15 ubudala bahambe isikolo. Bonke abazali nabameli babazali kufuneka baqiniseke 
ukuba bonke abafundi abakweli banga lobudala 
babhaliselweukuba sesikolweni. Njengomzali, 
ubudlelwane bakho nesikolo buqala mhla 
wenza isigqibo sokubhalisa umntwana 
wakho esikolweni esithile. Obu 
budlelwane buchazwa 
njengothungelwano 
lwamanqaku nemithwalo 
ephathelele 
kwisikolo eso. 

 
A. UKUNGENISWA KOMNTWANA WAKHO ESIKOLWENI
B. IMALI YESIKOLO
C. UKULAWULA
D. ULWIMI LOKUFUNDA NELOKUFUNDISA
UNALE MITHWALO ILANDLAYO NJENGOMZALI

NGOLWAZI OLUNGAPHAYA KOLU
HOME PAGE 
 

Angabhaliselwa ukuba abe sesikolweni xa engakanani ngobudala umntwana wam? 
Umntwana wakho ungambhalisa ukuba aqale kwibanga (grade) 1 xa eneminyaka esixhenxe ubudala okanye xa eza kuyidibanisa iminyaka esixhenxe kunyaka wakhe wokuqala wokuhamba isikolo. 
Ndimbhalisa nini kwaye phi umntwana wam?
Kufuneka umbhalise umntwana wakho esikolweni esikufutshane nekhaya lakho okanye nendawo osebenza kuyo phakathi kwenyanga kaAgasti nekaNovemba kunyaka ongaphambi kowokuqalisa komntwana wakho esikolweni. 

Ndingambhalisa umntwana wam nokuba kukwesiphi isikolo nokuba asikho kufutshane kwikhaya lam okanye endaweni endisebenza kuyo? 
Ewe, ungambhalisa umntwana wakho nakwesiphi isikolo sikawonke-wonke. Kodwa naxa kunjalo, inkoliso yezikolo iqala inike izithuba kubantwana babazali abahlala okanye abasebenza kufutshane nesikolo. 
Yintoni ekufuneka ukuba ndiqale ndiyazi phambi kokubhalisa umntwana wam? 
Utitshala oyintloko yesikolo makakunike imithetho yenkqubo yesikolo malunga nokwamkelwa kwabantwana aze akuchazele yona. Kufuneka kwakhona ubuze ukuba kweso sikolo kufundiswa ngoluphi/ngeziphi iilwimi wandule ukwenza isigqibo sokuba ingaba oko kumlungele na umntwana wakho. 

Isikolo sikawonke-wonke asifanelanga kunika vavanyo lokwamkelwa esikolweni. Uvavanyo lungasetyenziswa kuphela ngenjongo yokwenza isigqibo ngezintlu zezifundo okanye izintlu zeenkqubo afanele ukuzenza umntwana wakho esikolweni. 
Ngawaphi amaxwebhu afunekayo xa kufakwa isicelo sesithuba? 
 Isiqiniseko sokuzalwa; kunye 
 Ikhadi yezitofu zokhuseleko lwabantwana ekuguleni; kunye 
 Nekhadi yokuthumela umntwana kwenye indawo okanye ingxelo yokugqibela yesikolo kubafundi abebesesikolweni kwithuba elidlulileyo 
(Qaphela ukuba iziqiniseko zokuphehlelelwa azisayi kwamkelwa njengesiqinisekiso somhla wokuzalwa.) 

Ngawaphi amanye amaxwebhu afunekayo xa ndingengommi waseMzantsi Afrika? 
 Yimvume yokufunda; kunye 
 Nemvume yokuba ngumhlali wethutyana okanye esisigxina enikwe liSebe Lemibandela Yoluntu; okanye, 
 Ubungqina bokuba usifakile isicelo semvume yokuhlala eMzantsi Afrika. 
Ndiza kwazi njani xa amkelwe umntwana wam esikolweni?
Isebe Lezemfundo lephondo kufuneka likwazise ngesiphumo sesicelo sakho lithumele ngoTitshala Oyintloko yesikolo. 
Ndingenza ntoni xa umntwana wam kwaliwe ukungeniswa kwakhe esikolweni esithile? 
Ungacela inkcazelo ebhaliweyo kwisebe lephondo, uthumele ngoTitshala Oyintloko yesikolo. Ukuba azikwanelisi izizathu ozinikiweyo ungafaka isikhalazo esibhaliweyo kuMphathiswa (MEC) Wezemfundo wephondo. 

 
Ndinyanzelekile ukuba ndihlawule imali yesikolo?
Isikolo sisenokukuxelela ukuba kufuneka uhlawule imali yesikolo. Naxa kunjalo, ukuba akunandlela yakuhlawula isixa esifunekayo okanye xa unokukwazi ukuhlawula imali engaphantsi kwefunekayo, ungabhalela iqela elilawula isikolo (school governing body - SGB) ileta ucele ukungahlawuliswa imali yesikolo. Iqela elilawula isikolo liya kukwazisa ngesigqibo salo. Ikopi yemiqathango ephathelele kwiintlawulo zesikolo iyafumaneka esikolweni. Kanti isikolo kufuneka sikuncedise xa ufuna uncedo ngesicelo sakho sokungahlawuliswa. 
Ndisifaka njani isingxengxezo malunga nesigqibo se-SGB? 
Ungafaka isingxengxezo Kwintloko YeSebe lephondo. Uya kukuchazela izizathu xa kungavunywanga ukuba ungahlawuliswa. Ukuba kubonwe ukuba unako ukuyihlawula imali, kodwa wena ungaphumeleli ukwenza njalo, ungathatyathelwa amanyathelo ngokomthetho ukuqinisekisa ukuba uhlawula nayiphi imali osemva ngayo. 
(Qaphela ukuba akukho mntwana unokwalelwa ukungena esikolweni ngenxa yokungakwazi kwabazali ukuhlawula imali yesikolo. Isikolo asinako nokubamba iziphumo zomntwana wakho singenako nokumkhuphela ecaleni kwawo nawuphi umsebenzi wemfundo kuba ungakwazi ukuyihlawula imali yesikolo.) 

Liyintoni iqela elilawula isikolo? 
Iqela elilawula isikolo lilulwakhiwo olulawula isikolo. Libambe indawo yokuthenjwa sisikolo. Linotitshala oyintloko, abameli abakhethiweyo babahlohli, abaqeshwa abangengobahlohli, abazali nabafundi xa isikolo eso sisesemfundo elandela eyokuqala. 
Ndinganyulwa njani ukuba ndimele abanye abazali kwiqela elilawulayo? 
Ungaba ngummeli wabanye abazali kwiqela elilawulayo ukuba utyunjwe waphinda wavowutelwa ngabazali. 
Ndingalufumana njani ulwazi ngenkqubo yonyulo? 
Utitshala oyintloko yesikolo unyanzelwa ngokomthetho ukuba anike bonke abazali ulwazi malunga ngonyulo lwabazali kwiqela elilawulayo. 
Kwenzeka ntoni xa ndinganyulwanga ukuba ndingene kwiqela elilawula isikolo? 
Nokuba akunyulwanga ukuba ungene kwiqela elilawulayo, usenalo ILUNGELO lokuzibandakanya kwimibandela yesikolo ngokuhamba iintlanganiso zabazali. 
Kwakhona unalo ILUNGELO lokuba nothethwano nabahlohli okanye notitshala oyintloko ngeenxaxheba zomntwana wakho kwimisebenzi yesikolo. Utitshala oyintloko nabahlohli esikolweni kufuneka bakwazise kuselithuba ngesimilo somntwana wakho, indlela asihamba ngayo isikolo nangenkqubo yakhe ezifundweni zakhe. 
Ngubani owenza izigqibo ngemibandela yesikolo?
INtloko YeSebe, ngokuthuma uTitshala Oyintloko, ithabatha zonke izigqibo ngemfundo esikolweni. Iqela elilawulayo lona linoxanduva lokwenza izigqibo ngokungeniswa kwemali, ukuqhutywa kwemisebenzi ngendlela efanelekileyo nolawulo lwesikolo. 
Ndingasifaka phi isilandulo sam sesigqibo okanye senyathelo elithatyathiweyo? 
Ungasifaka isalandulo sakho ngesigqibo okanye ngenyathelo elithatyathiweyo,ngale ndlela, malunga:
 nomhlohli kuTitshala Oyintloko; 
 uTitshala Oyintloko kwiNtloko yezeMfundo kwiphondo; 
 iBhunga laBameli baBafundi kwiqela elilawula isikolo; kanti, 
 iQela elilawula isikolo kuMphathiswa wezeMfundo (MEC) okanye kwiNtloko yeSebe. 

Uthini UMthetho Wenkqubo- yeMfundo-ngolwimi?
UMthetho Wenkqubo-Yemfundo-Ngolwimi weSebe ukhuthaza abafundi ukuba bafunde ngaphezu kolwimi olunye. Kwakhona libakhuthaza ukuba basebenzise ulwimi abaluqonda ngaphezu kwezinye iilwimi njengolwimi lokufunda nelokufundisa kwaye olu lwimi lungasetyenziswa lulodwa njengoko besafunda ezinye iilwimi ezizizifundo okanye kufakelwe ezinye iilwimi njengeelwimi zokufundisa. 
Ingaba umntwana wam akasayi kushiyeka xa efundiswa ngolwimi olungesiso isiNgesi? 
Ukufunda ngolwimi lwasekhaya kwiminyaka yokuqala yokuya esikolweni kuqinisekisa iziseko eziqinileyo zokufunda kwixesha elizayo nezokufunda iilwimi ezintsha/ezizezinye. 
Ngubani othabatha isigqibo ngeelwimi zokufunda nokufundisa?
Iqela Elilawula Isikolo lilo elifanele ukwenza isigqibo ngolwimi lokufunda nelokufundisa elisetyenziswa esikolweni. Ulwimi olusetyenziswayo lusenokuxhomekeka kwintando yoninzi lwabafundi esikolweni nesakhono sesikolo sokufundisa ngolwimi oluthandiweyo. Ngaphezu koko, iQela Elilawula Isikolo kufuneka libonise ukuba liza kukukhuthaza njani ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi esikolweni. 
Ingaba umntwana wam uyakwazi ukukhetha malunga nolwimi lokufunda nelokufundisa esikolweni? 
Ewe. Umfundi ngamnye makathi xa eze kubhalisa esikolweni, axele ulwimi alukhethayo lokufunda nokufundisa. Naluphi ulwimi kwiilwimi zethu ezilishumi elinanye lungakhethwa njengolwimi oluthandwayo lokufunda nokufundisa kwisikolo sikawonke-wonke. 
Kwenzeka ntoni xa ulwimi endilukhethileyo lungasetyenziswa sisikolo eso? 
Xa kunokufumaneka izicelo ezingama-40 ngeBanga ngalinye ukususela kweloku-1ukuya kwelesi-6 okanye ezingama-35 ngeBanga ngalinye ukususela kwelesi-7 ukuya kwele-12 zokufunda ngolwimi olungekasetyenziswa sisikolo, isebe lephondo kuya kufuneka lifumane indlela yokuhlangabezana nemfuno yakho.

Yeyiphi imithwalo yam njengomzali malunga nokuhlawulwa kwemali yesikolo?
Izikolo zingayibiza imali yesikolo ngesizathu sokuxhasa uncedo lwemali olunikwa liSebe lezeMfundo. Njengomzali luxanduva lwakho ukuhlawula imali yesikolo yomntwana wakho. Ukuba akunandlela yokuhlawula inxalenye yayo okanye sonke isixa esifunekayo, kufuneka ufake isicelo sokungahlawuliswa liqela elilawula isikolo msinyane kangangoko unako ukwenza . Iqela elilawula isikolo liya kuhlalutya imeko yakho ukuze likwazise ngesigqibo salo. Qaphela ukuba, xa ungafumenanga mvume yokungahlawuliswa kuba kubonakele ukuba unako ukuhlawula imali yesikolo uze wena ungaphumeleli ukwenza njalo, ungathatyathelwa amanyathelo ngokomthetho ukuqinisekisa ukuba uhlawula nasiphi isixa osemva ngaso. 
Ndingenza njani ukuze ndibe negalelo kuphuhliso lwesikolo? 
Umthetho Omiselweyo Wezikolo zaseMzantsi Afrika unika iqela elilawula isikolo uxanduva lokuzabalazela uphuhliso lwesikolo. Zininzi iindlela ezinokusetyenziswa liqela elilawula isikolo zokukwenza oku. Enye yeendlela kukukhuthaza abazali, abafundi, abahlohli nabanye abaqeshwa ukuba babe neenkonzo abazinika ngokwentando yabo esikolweni. Njengomzali, unoxanduva lokuba negalelo kuphuhliso lwesikolo ngokunika isikolo iinkonzo ezithile. Oku kungabandakanya ukwenza kwakho ukuba ube khona ukuze ube nenxaxheba kwizinto ezenziwa esikolweni ezifana nokulondoloza izinto zasesikolweni, ukuqwalasela iingxelo zemali, ukulawula iziganeko zemidlalo, njl.njl. 
Ndingadlala yiphi indima ekuxhaseni inkqubo yokufunda komntwana wam? 
Umntwana wakho uselugcinweni lwabaqeshwa besikolo xa esesikolweni. Abaqeshwa banokuluthwala uxanduva lwabo lokufundisa ngempumelelo kuphela xa befumana inkxaso yabazali. 

Njengomzali, unolu xanduva: 
 ukuncedisa ngengqeqesho yomntwana wakho; 
 ukulandela inkqubo yemfundo yomntwana wakho;
 ukuqinisekisa ukuba uyawugqiba umsebenzi wesikolo owenziwa ekhaya; 
 ukuqinisekisa ukuba uyaya esikolweni; kunye, 
 nokuzidibanisa nabaqeshwa besikolo. 
Ndingaba semgangathweni wokuziqonda zonke iintlobo zophuhliso esikolweni? 
Abazali babafundi mabathabathe uxanduva lokuya ezintlanganisweni zesikolo ezilungiselelwe bona. Iqela elilawula isikolo linyanzeleke ngokomthetho ukunika ingxelo kubazali babafundi esikolweni ngamaxa ngamaxa kwaye kufuneka basoloko bebazisa abazali ngemibandela ebachaphazelayo. (Qaphela ukuba unelungelo lokucela naluphi ulwazi olongezelelweyo xa unomdla kulo kwiSGB nakutitshala oyintloko yesikolo.) 

Nceda uqhagamshelane nayo nayiphi inombolo kwezilandelayo zeSebe Lezemfundo lephondo 

IMpuma-Koloni (Eastern Cape) 
Umnxeba: (040) 608-4200/212 
IFree State (Free State) 
Umnxeba: (051) 404-8428/9 
UMntla-Koloni (Northern Cape) 
Umnxeba: (053) 839-6600 
INtshona-Koloni (Western Cape) 
Umnxeba: (021) 403-6911/6236/7 

IKwaZulu-Natala (KwaZulu-Natal) 
Umnxeba:(035) 874-3411/3592 (031) 327-0331

IGauteng (Gauteng) 
Umnxeba: (011) 355-0000 
IMpumalanga (Mpumalanga) 
Umnxeba: (013) 249-7633    (013) 243-1567 
EMantla (Northern) 
Umnxeba: (015) 297-0895 
EMntla-Ntshona North West 
Umnxeba: (018) 387-3428/9 
Ipapashwa Sisigqeba Esisentloko Sesebe Lezemfundo Sophuhliso Lobutyebi Boluntu 
Kwezemfundo, Ekulinganisweni Kwabantu Ngokwesini Nokhuseleko Ezikolweni, 
Sol Plaatjie House, 129 Schoeman Street, Pretoria 
Incwadana yeeNdaba edityanelwe yiKomiti YoLawulo oluQhubekayo
lwamaHlathi neSebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi
Le yincwadana yeendaba yokuqala edityanelweyo yeKomiti yoLawulo oluQhubekayo lwamaHlathi (CSFM) neSebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi (DWAF), ngokuphathelele kuphuhliso lweMiqathango, iMimiselo, iZibonakalisi neMigangatho (P,C,I&S) yolawulo oluqhubekayo lwamahlathi eMzantsi Afrika. 
I-DWAF, nge-ofisi yayo yoLawulo: iMigaqonkqubo yamaHlathi iya kuhlanganisa zonke iinkqubo kwaye iqinisekise ukuba zihamba kakuhle nangokufanelekileyo ukulandela izikhokelo ezibonelelwe yi- CSFM.
Ngokuphathelele kwikopi ye-Miqathango neMimiselo eYilwayo kwakunye nenkqubo elandelayo yoku-phuhlisa izibonakalisi nemigangatho, ungaqhagamshelana no:
Mnu Mafu Nkosi
Department of Water Affairs and Forestry
Private Bag X93, Pretoria 0001
Tel: (012) 336 8646
Fax: (012) 328 6041
e-mail: 1ao@dwaf.pwv.gov.za
Website: http://www-dwaf.pwv.gov.za/forestry/sfm
Ikomiti yoLawulo oluQhubekayo lwamaHlathi (CSFM) yikomiti esisigxina yeBhunga leSizwe eliCebisayo lamaHlathi (NFAC). Ixhotyiswe ukulungiselela inkqubo yokuphuhlisa imiqathango, imimiselo, izibonakalisi nemigangatho yolawulo oluqhubekayo lwamahlathi. Ulawulo oluqhubekayo lwamahlathi lulawulo oluphilayo ngokwezoqoqosho, olunobudlelwane nendalo kwaye oluluncedo ngokwezentlalo, kwaye olulungelelanisa iimfuno zangoku nezexesha elizayo.
INGABULA ZIGCAWU 
Amahlathi eentlobo ezahlukeneyo ayimithombo yoncedo kubantu kulo lonke eloMzantsi Afrika. Kodwa le mithombo yamancedo iphantsi kocinezelo olukhulayo, kwaye kwiimeko ezininzi iyaphunguka. Ngaphezu koko, izitiya zamahlathi ezidalelwe ukubonelela ngeminye imithombo yeenkuni nefayibra ukulungiselela uqoqosho lwethu olukhulayo zineziphumo kwindalo nentlalo kwaye kufuneka zilawulwe ngengqiqo.
YINTONI EYENZIWAYO UKUKHAWULELANA NALENGXAKI?
Kumakhulu ngamakhulu eminyaka, abantu ababelawula amahlathi babenenjongo yokuphuhlisa nokucwangcisa amahlathi khonukuze ukufumaneka kweenkuni nezinye iimveliso zamahlathi kubenakho ukuqhubeka ixesha elide. Kodwa uluvo lolawulo oluqhubekayo lwamahlathi kufuneka lufakelele ezinye iimeko ezifunekayo ezifana noqoqosho, intlalo, nokuqhubeka ngokwendalo.
Amazwe aliqela avela kwihlabathi ngokubanzi aye adibana kwaye afikelela kwisigqibo sokunqweneleka kwendlela efanayo yokuhlola nokukhuthaza ulawulo oluqhubekayo lwamahlathi. Le nkqubo ibizwe imiqathango nemimiselo yolawulo oluqhubekayo lwamahlathi. Ngenxa yokwahlukana kweentlobo zamahlathi ehlabathini ngokubanzi, inkqubo eyodwa ayilungi. Amaqela amazwe avumelene ukusebenza kunye ekuphuhliseni iinkqubo ezifanelekileyo kwiimeko zawo. UMzantsi Afrika uphuhlisa imiqathango nemimiselo yawo ukuhambelana nezindululo zenqila yamazwe angamalungu eSADC.
ULAWULO OLUQHUBEKAYO LWAMAHLATHI EMZANTSI AFRIKA
Emva konyulo lolawulo lwentando yoninzi eMzantsi Afrika (ngowe-1994), uRhulumente omtsha usungule inkqubo yokulungisa imithetho yangaphambili. Okokuqala ngqa, amalungelo namaxabiso edemokhrasi abo bonke abemi boMzantsi Afrika athe afakwa kwiBhili yaMalungelo yomGaqo-siseko.
UmGaqo-siseko uchaza ngokucacileyo ukuba wonke ubani unelungelo lokuba kukhuselwe indalo, ukuze ibe luncedo kwisizukulwana sangoku nesexesha elizayo. Indalo kufuneka ikhuselwe ukulungiselela uphuhliso oluqhubekayo lokuncedisana kwendalo nokusebenzisa imithombo yendalo yamancedo.
URhulumente waseMzantsi Afrika ukuqaphele ukubaluleka kwaamancedo okungakhuseli kuphela imithombo yamancedo yamahlathi, kodwa nokuwaphuhlisa ngokwemiqathango yolawulo oluqhubekayo. Ngowe- 1995, abemi abaninzi baseMzantsi Afrika bathatha inxaxheba kwinkqubo yedemokhrasi nokubonisana ukuphuhlisa imigaqonkqubo emitsha yamahlathi eya kukhuthaza uphuhliso olwamkelekileyo lwezoqoqosho nentlalo yabo bonke abantu. IPhepha lomGaqonkqubo oYilwayo woPhuhliso oluQhubekayo lwamaHlathi eMzantsi Afrika lasungulwa kule nkqubo ngowe- 1996.
Ukusekwa kweNkqubo yeSizwe yokuSebenza yamaHlathi (NFAP) kwalandela kwakamsinyane emva koko. I-NFAP iguqula iimbono zePhepha lomGaqonkqubo oYilwayo zibe yimisebenzi engqalileyo nefanelekileyo. Ngokwe- NFAP, uRhulumente nabantu baseMzantsi Afrika bazibophelela ukusebenza kunye ukukhuthaza icandelo elisebenzayo lezamahlathi eliya kuphuhliswa, lilawulwe kwaye lisetyenziselwe amancedo angenasiphelo, kukhuselwa nendalo.
IBHUNGA LESIZWE ELICEBISAYO LAMAHLATHI (NFAC)
Ngenjongo yokuqinisekisa ukuba icandelo lamahlathi liguquka ngokwenene, uRhulumente waseka iBhunga leSizwe eliCebisayo lamaHlathi(NFAC) ukucebisa umPhathiswa nangawuphi na umba ohambelana nezamahlathi eMzantsi Afrika. I-CSFM icebisa iBhunga, iSebe lemiCimbi yezaManzi namaHlathi (DWAF) kwakunye nomPhathiswa ngayo yonke imiba yolawulo oluqhubekayo lwamahlathi.
KUTHENI SISWELA IMIQATHANGO, IMIMISELO, IZIBONAKALISI NEMIGANGATHO (P, C, I & S)?
Malunga neminye imiba yendalo yethu esingqongileyo kufuneka thina njengesizwe ngamaxesha ngamaxesha sihlole inkqubela yethu ekulawuleni amahlathi ethu ngokuqhubekayo. Kodwa ke nabaphathi bamahlathi kufuneka kuhlolwe kuphicothwe ubuphathi babo bamahlathi azimeleyo ukuze bazi ukuba baphethe kakuhle kwaye bayaphucuka kusini na. 
Abanezabelo kumahlathi kufuneka bazi ukuba imithombo yamancedo abanomdla kuyo ilawulwa kakuhle kusini na. Nangona singalinganisa lula eminye imiba yolawulo lwamahlathi, imiba efana nobungakanani bemithi, kunzima ukwenza imilinganiso okanye ukwahlulela eminye imiba ngendlela eyanelisa onke amaqela. 
Intswelo yeendlela eziqukayo nezingakhethiyo zokuhlola ukuqhubeka ikhokelele kwinkqubo esekwe kwimiqathango, imimiselo, izibonakalisi nemigangatho emva kophando lwezizwe, imizamo neengxoxo-mpikiswano. Le nkqubo iyalandelwa nalapha eMzantsi Afrika.
IINKCAZELO 
Umqathango(Principle):
Umthetho ngokubanzi okanye ingxelo yeemfuneko ekufuneka zifikelelwe lulawulo oluqhubekayo lwamahlathi kwaye ezisisikhokelo semisebenzi eliqela; umqathango ngamnye unemimiselo ehambelana nawo eyenza ukuba umqathango ucace ngokwezicwangciso nemisebenzi yolawulo lwamahlathi. Ukwenza umzekelo, umThetho weSizwe wamaHlathi ubeka njengomqathango ukuba kufuneka amahlathi aphuhliswe kwaye alawulwe ukuze athwale umsebenzi wawo wokuvelisa umqathango wemveliso eqhubekayo.
Ummiselo(Criterion):
Inxalenye yolawulo lwamahlathi,ehambelana nomqathango othile, onokusetyenziswa ukugweba okanye ukuhlola ukuqhubeka. Ukwenza umzekelo, ummiselo womqathango wemveliso eqhubekayo inokuba ngothi ukuphala kweemveliso neenkonzo, ezifana neenkuni nefayibra, kufuneka kuqhubeke isithuba sexesha elide.
Isibonakalisi (Indicator):
Umlinganiselo wommiselo. Izibonakalisi yimiba yolawulo lwamahlathi ehambelana nommiselo okhethekileyo, ezinganako ukulinganiswa okanye ukuchazwa. Zibonelela ngeendlela zenguquko kummiselo emva kwethuba elide.
Umgangatho (Standard):
Ixabiso elithile lesibonakalisi ekufuneka lifikelelwe ukuba ubulawuli buhambelana nezona mfuneko ziphantsi zokuqhubeka; kwakhona, nendlela okanye inkqubo echaziweyo ekufuneka ilandelwe kwaye isetyenziswe ukuba ubulawuli buya kuhlolwa ngolawulo oluqhubekayo lwamahlathi.
INKQUBO YOKUPHUHLISA ISISEKO see- P, C, I & S EMZANTSI AFRIKA 
Inkqubo yokuphuhlisa iMiqathango, iMimiselo, iZibonakalisi neMigangatho yaqala ngowe- 1999. Njengenyathelo lokuqala, I-CSFM ne- DWAF zahlela uluhlu oluyilwayo lwe- P&C ngokuzeyamanisa nomThetho weSizwe wezamaHlathi (National Forests Act) (1998), nangokucetyiswa ziingcali zamazwe.
Imiqathango nemimiselo eyilwayo sele ijikeleziswa ukugaya izimvo. Inkqubo yesibini luphuhliso lwezibonakalisi nemigangatho. Uphuhliso lwezibonakalisi nemigangatho kufuneka lusekwe kwimiqathango nemimiselo njengoko ezi zisisiseko okunokongezwa kuzo izibonakalisi nemigangatho.

UNGATHATHA INXAXHEBA NGOKWENZA NTONI?
Inkqubo yokuphuhlisa iMiqathango, iMimiselo, iZibonakalisi neMigangatho yinkqubo yokubonisana, equka abathathinxaxheba abaninzi abaneminqweno eziintlobo ngeentlobo kumthombo wamancedo wezamahlathi. Xa unqwenela ukuthatha inxaxheba ekuhleleni imiqathango nemimiselo, kwanokuthi igama lakho lifakwe kuluhlu lwaba thatha inxaxheba, nceda uqhagamshelane no-:
Vassie Maharaj
Manyaka Greyling Meiring (Pty) Ltd.
Posbus 95823
Waterkloof, 0145
PRETORIA
Ifowuni: (012) 362 0848
Ifeksi: (012) 362 0869
e-mail: vassie@liaison.co.za
Amalungu e- CSFM 
Gqir. F. Kruger (usihlalo)
Mnu. A. Tshivhase (usekela-sihlalo)
Mnu. B. Aitken (South African Timber Growers Association)
Mnu. K. Cooper (Wildlife Society of SA)
Gqir. B. Mackenzie (Botanical Society of SA)
Nkskz. D. Mjoli (Umzimkulu Community)
Mnu. N. Motlana (South African Lumber Miller's Association)
Mnu. A. Myeni (iSebe leSizwe lezoLimo)
Mnu. T. Myeza (South African Agricultural, Plantation and Allied Workers Union)
Gqir. J. Scotcher (Forest Owners Association)
Mnu. C. Swart (iSebe leSizwe lemiCimbi yezeNdalo noKhenketho)
Prof. H. Watson (University of Durban Westville)
Ibhunga Lesizwe Elicebisayo Lezamahlathi
Ikomiti Yolawulo Oluqhubekayo Lwamahlathi

National Department of Agriculture
Virbac RSA

TAPEWORM

Yintoni ekufuneka uyazile nge tapeworm yenyama yenkomo
* Intshulube ye-Tapeworm ihlala emathunjini abantu. 
* Le ntshulube ye-Tapeworm isibaca, imhlophe yaye inde ngolona hlobo (ukuya kuthi ngeemitha ezili 
10-15). 
* Umzimba wayo uziziqwempu ezidibeneyo njengoko kuboniswe kumfanekiso. 
* Iziqwempu ezitsha zakheka entanyeni. 
* Ezi ziqwempu zitshovela ezantsi ekupheleni kwale ntshulube bjengoko kuye kusakheka ezitsha. 
* Iziqwempu ezisekupheleni kwentshulube ziyavuthwa. Oku kuthetha ukuba zizala ngamaqanda. 
* Ezi ziqwempu ziye ziqhawuke, ze ziphume emzimbeni womntu nokwangasese okanye zivele nje zityibilike ziphume ngezantsi. 
* Rhoqo isiqwempu sihamba, sishiya inyambalala yamaqanda kuyo yonke indawo esigqitha kuyo. 

* Abantu bathi bayifumane lentshulube ye tapeworm xa besitya inyama yenkomo engavuthwanga kakuhle futhi iqulethe imasisi. 
* Inkomo zona zifumana le masisi xa zithe zatya kumadlelo anobulongwe babantu obuzele yile ntshulube ye tapeworm. 
* Ziyifumana le masisi kananjalo xa ngaba abo bazinqandayo banalentshulube ye tapeworm, xa ithe yaphuma kulomntu ingene esibayeni, ekutyeni nasemanzini. 

Inyama Yenkomo Enemasisi
* Emva kokuba amaqanda entshulube ye tapeworm etyisiwe zinkomo, athi aqandusele emathunjini. 
* Imibungu ithi igqobhoze emathunjini ingene egazini. 
* Lo mibungu ke ide iyekufika ezihlunwini zenkomo ihamba ngegazi, ze ke apho ihlale isigxina ngohlobo olubukeka njenge masisi. 
* Imasisi enyameni yenkomo ibonakala njengamaqhakuva amancinane azele ngamanzi. 
Ukuba wosulelwe yintshulube ye tapeworm uyakuba
* Maxa onke uyakusoloko ulambile 
* Yaye ubhitye 
Oku kwenziwa kukuba lentshulube ye tapeworm ikutyela zonke izondlo ozifumana ekutyeni ezifunwa ngumzimba. Ziyakuye ukwetyise ukutya okutyileyo, ze zifunxe konke oko kutya ukuzondla zona buqu, wena ufumane okuncinane kakhulu. 
Oku kwenza ukuba u 
* ulunywe sisisu 
* uphathwe yintloko 
* ubenesiyez 
* udinwe. 
Wazi njani ukuba unentshulube ye tapeworm?
Iziqwempu esezikhulile zizihambela ngokwazo. Ziyaziphumela emzimbeni ngezantsi zinyubuluze empahleni yakho. 
Ngoko ke: 
* Uzakungonwabi, uve kurhawuzelela ngemva ngezantsi 
* Uyakubona iziqwentshana ezisibaca, ezimhlophe ezibunyama kwimpahla yakho yangaphantsi, empahleni yakho nditsho nasezihlangwini. 
* Kanti kubulongwe bakho uyakubona imicwe emide emhlophe. 
Kufuneka wenze ntoni xa ucinga ukuba 
unentshulube ye tapeworm
* IUkuba ubona into engaqhelekanga kwimpahla yakho yangaphantsi okanye kubulongwe bakho, yifake ebhotileni okanye isingxotyana uyise ekliniki iye kukhangelwa. 
* Ekliniki bayakuyigoca-goca, ze bakunike amayeza okubulala le ntshulube. 

Khumbula!
* Ukuba abantu banale ntshulube ye tapeworm banentloni zokuthetha ngayo nabantu abangabanceda. 
* Kodwa kungcono ukuba sempilweni kunokugula nokungonwabi! 
Ezi ntshulube ze tapeworm zinganobungozi obukhulu. 
* Ungachithi xesha xa ukrokra ukuba unale ntshulube. Ayikokunga khathaleli impilo yakho nje oko, koko usasaza nale ntshulube yaye ingena kwabanye abantu kananjalo. 
* Thetha nogqirha okanye umongikazi namhlanje! 
Ungazikhusela njani ukuba ungosulelwa 
yintshulube ye tapeworm
* Ungayithengi inyama konosilarha abangabhaliswanga kuba inganemasisi. 
* MQiniseka ukuba utya inyama ephekwe yavuthwa kakuhle. Oku kubulala imasisi. 
* Ungayityi inyama ingaphekwanga. 
* Xa uyikrokrela inyama ukuba inemasisi, yifake emkhenkceni obanda kakhulu (-18 degrees celcius) iintsuku ezintathu ubuncinane phambi kokuyitya. 
* Sebenzisa izindlu zangasese ezisemgangathweni. Ungayi ethafeni. 
Ukuba ungumfama ungayithintela njani imasisi kwinkomo zakho
* Abelusi bakho benzele izindlu zangasese ezisemgangathweni (ezicocekileyo). 
* Ukuba izindlu zangasese zingena umoya kakuhle, abantu bayakuzisebenzisa.  
Ukuba zivalekile zakuba nevumba elibi kakhulu. 
* Bafundise abasebenzi bakho ngokosuleleka yintshulube ye tapeworm. 
* Banyange abasebenzi bakho kwintshulube ye tapeworm. 
* Imfuyo yakho mayihlale kwindawo ebiyelweyo- mazingatyi ngasezindleleni, kuba kulapho abazihambelayo bechopha khona. 
Kungani kufuneka uthintele imasisi kwinkomo zakho?
* Kufuneka uvelise ukutya okunempilo kwabathengi bakho. 
* Uyakufumana imali encinane ngenyama yakho yenkomo xa ngaba zixhelwa kwiziko ei}Lawulweyo, apho inyama ihlolwa ngokupheleleyo, ze kufumaniseke ukuba iinkomo zakho zosulelwe yimasisi. 
* Inyama yenkomo eyosulelwe yimasisi yosulela abantu abaninzi, ze emva koko yosulele iinkomo ezininzi! 
Wazi njani xa inkomo zakho zosulelwe yi masisi?
* Akukho zimpawu zibonakalayo kwinkomo ezosulelwe yimasisi. 
* Xa uxhela inkomo kwifama yakho, hlola ngokwakho ngokusika kwizihlunu zemihlathi, ze ukhangele apho ukuba awusayi kubona zinto zimhlophe zizele amanzi kusini na.
Le masisi inganyangeka kusini na ezinkomeni zakho?
* Ewe inganyangeka, kodwa kuyabiza kakhulu. 
* Inkomo zingaphinda zosuleleke emva kokuba zinyangiwe. 
* Zonke iinkomo mazinyangwe, kaloku akukho zimpawu oyakuthi ubone ngazo lula. 
Wuvale umjikelezo owonakalisayo ngomjikelezo olungileyo!
* Intshulube ye tapeworm kwinyama yenkomo kunye nemasisi ngumjikelezo oyingozi singawuthintela sisonke kukutya kwethu kwamihla le. 
* Umfama, unosilarha nomthengi banenxaxheba kumjikelzo wemveliso yokutya. 

Wonke umntu makathathe inxaxheba ukuqinisekisa ukutya okunempilo
Umfama- ngokusebenzisa indlela ezizizo zokugcina imfuyo 
- ngokuthatha amanyethelo okuthintela imfuyo ukuba ingosulelwa yimasisi. 
Unosilarha- ngokukhusela abathengi 
- ngokuqinisekisa ukuba inyama yenkomo ethengiswayo ayinamasisi kusini na. 
Umthengi - ngokuncedisana nomfama ukuba avelise ukutya okunempilo 
- ngokusoloko beqwalasele iimeko zempilo maxa onke 
Ukuthintela kungcono kunokunyanga! 
  

Ngenkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana ne 
Onderstepoort Veterinary Institute ye ARC
Tel. (012) 529 9241  Fax: (012) 529 9249
okanye
Virbac RSA
Tel. (011) 314 5399  Fax: (011) 314 5393
1999

1999 
ISIKHOKELO ESIFUTSHANE SEPHEPHA LENGCACISONKQUBO YOLAWULOZIDOLOPHU 

Esi sikhokelo yintshayelelo emfutshane yePhepha leNgcacisonkqubo yoLawuloziDolophu, esipapashwe okokuqala ngoMatshi 1998. IPhepha leNgcacisonkqubo liqulethe imbono karhulumente yenkqubo yolawulo olutsha lweedolophu emZantsi Afrika kwakunye nendlela yokufikelela le mbono. 
Esi sikhokelo asiqukanga yonke into efumaneka kwiPhepha leNgcacisonkqubo. Eyona nto siyenzayo kukushwankathela kuphela - imiba engundoqo.
Inkcazelo yamagama angundoqo
If you click on the underlined words in the text, you will automatically go to a short explanation of those words.
CONTENTS 
Intshayelelo 
Icandelo A: Iinyani zangoku
Icandelo B: Ulawulozidolophu olunenkqubela
Icandelo C: Urhulumente womanyano
Icandelo D: Iinkqubo zamaziko
Icandelo E: Iinkqubo zopolitiko
Icandelo F: Iinkqubo zolawulo
Icandelo G: Imali kamasipala
Icandelo H: Iinkqubo yenguquko 

INTSHAYELELO 

YINTONI IPHEPHA LENGCACISONKQUBO YOLAWULOZIDOLOPHU? 
Inkqubo yangoku yolawulozidolophu yeyethutyana (eyexesha lenguquko). Injongo yayo kukusisusa kwinkqubo endala yocalucalulo ukusisa kwentsha eyedemokhrasi. Ngumsebenzi karhulumente ukuqinisekisa ukuba inkqubo entsha iyasebenza ngexesha lonyulo olulandelayo lolawulozidolophu ngowe-1999. 
IPhepha leNgcacisonkqubo sisicwangciso senkqubo entsha yolawulo-zidolophu. Yaphuhliswa yiOfisi yoBuphathiswa bemiCimbi yemaPhondo noPhuhliso lomThethosisekelo emva kweenyanga zokuphanda nokuxoxisana naye wonke umntu ochaphazelekayo. Ixela uhlobo lweenkqubo zolawulo-zidolophu esizifunayo, nendlela esonokuthi sizifikelele ngayo. 
Phofu ke, akulingananga ukuba nesicwangciso nje kuphela. Kufuneka ukuthatyathwe amanye amanyathelo ukwenza ukuba isicwangciso sisebenze. Kuya kufuneka kudluliswe imithetho, kusikwe imida emitsha, kuphuhliswe iinkqubo ezintsha, yaye abantu kufuneka baqeqeshwe ngeendlela ezintsha zolawulodolophu. 
Phofu ke, akulingananga ukuba nesicwangciso nje kuphela. Kufuneka ukuthatyathwe amanye amanyathelo ukwenza ukuba isicwangciso sisebenze. Kuya kufuneka kudluliswe imithetho, kusikwe imida emitsha, kuphuhliswe iinkqubo ezintsha, yaye abantu kufuneka baqeqeshwe ngeendlela ezintsha zolawulodolophu. 

Yintoni ulawulozidolophu? 
Ulawulozidolophu linqanaba loburhulumente olukufuphi kakhulu noluntu. Ummandla wolawulodolophu ngumasipala. Abahlali bommandla kamasipala bakhetha iBhunga likaMasipala ukumela iintswelo zabo. IBhunga likamasipala linoxanduva lokuqinisekisa ukufumaneka kweenkonzo zesiseko ngendlela efikelelekayo kubo bonke abantu kwakunye nokuthuthaza uphuhliso loqoqosho nentlalo kulo mmandla. 
  

  
ICANDELO A: IINYANI ZANGOKU 

Icandelo lokuqala lePhepha leNgcacisonkqubo lijongene nendawo esikuyo namhlanje - iingxaki nezinto ezicela umngeni esijongene nazo. Uninzi lwezi ngxaki zivela kwimbali yethu yesizwe. Ucalucalulo lohlukanise bonke abantu ngokweendawo ngokobuhlanga. Ubutyebi obuninzi bushiyeke kwiindawo zabamhlophe xeshikweni uninzi lwabantu luhlala kwiindawo ezinamathuba ambalwa, iinkonzo okanye izibonelelo ezimbalwa yaye kungekho ndlela yokufumana imali yokuphucula umgangatho wokuphila. Kwiminyaka yowe-1980 abantu baqhanqalazela le nkqubo eswela ubulungisa yaye umzabalazo wabo wanceda ukuzisa ukuphela kocalucalulo. 
Inkqubo yethu yangoku yexesha lenguquko yolawulozidolophu isekwe kwizivumelwano ezifikelelwe ngexesha lokubonisana. Inkqubo yenguquko isuse imiqobo emidala yobuhlanga - ngoku sinoomasipala abanye, abangahlulwanga ngokobuhlanga. Nangona kunjalo zisekhona iingxakana. Ukwenza umzekelo: 
* Ingxaki endala yokungalingani isekhona: eminye imimandla inobutyebi xeshikweni emininzi ingekabinazo iinkonzo zesiseko. 
* Kukho ulwabiwo olulinganayo lwezihlalo zecandelo lokuhlala kwimimandla kamasipala ebe ifudula iyeyabamhlophe nabamnyama. Le meko ayinabo ubulungisa ngenxa yokuba iindawo ebezifudula izezabamnyama zinabantu abaninzi kakhulu. 
* Kukho uninzi olumiselweyo olufunekayo xa kuvotwa ngezigqibo zohlahlolwabiwomali nocwangciso. 
* Amanye amaBhunga asebenza kakuhle, kodwa amaninzi atsala nzima yaye akanakho ukubonelela ngeenkonzo kuluntu lwawo. Inkqubo entsha kufuneka ijonge ngokutsha iintlobo namanani amaBhunga ukuqinisekisa ukuba anakho ngokupheleleyo ukwenza imisebenzi yolawulodolophu. 
Iindawo zokuhlala zocalucalulo 
Sikwajongene nengxaki yeendawo zokuhlala zocalucalulo ezazingahlelwanga ngenjongo yophuhliso, kodwa ngeyokwahlukanisa nokulawula. Kukho umahluko omkhulu phakathi kweendawo zokuhlala zasemaphandleni nezasedolophini. Izixeko needolophu zethu zicwangciswe kakubi - abona bantu bahluphekayo ngabona bahlala kude nendawo zokusebenza, kwakunye neenkonzo nezibonelelo. Kwiindawo zethu ezisemaphandleni, izigidi zabantu abahlala kwiindawo ezazifudula zizimele geqe bafikelela kancinci okanye bangafikeleli kwaphela kumathuba oqoqosho okanye iinkonzo zesiseko. Iidolophu ezincinci ezisemaphandleni aziboneleli iintswelo zabantu abaninzi abahlala kwimihlaba ezingqongileyo. 
Le nkqubo entsha yolawulozidolophu iya kujongana nezi ngxaki zokuhlala zocalucalulo. Kuya kufuneka iqinisekise ukuba zonke iindawo zingena emsingeni wenkqubela - ngokukodwa ezo ndawo ebezihlelelekile ngokwembali yesizwe. 
Ngamafutshane...
Inkqubo entsha yolawulozidolophu kufuneka ijongane nokungafani, nezinto ezisemva zexesha elidlulileyo nokuqinisekisa ukuba wonke umntu uyafikelela kwiinkonzo zesiseko, kumathuba nomgangatho wokuphila ophucukileyo. Abantu bethu baya kubanga oku, yaye nomGaqosiseko wethu uyaluphinda olu bango. Kufuneka sibe nolawulozidolophu olunenkqubela. 


  
ICANDELO B: ULAWULOZIDOLOPHU OLUNENKQUBELA 

Icandelo B le Phepha le Ngcacisonkqubo lijongene nokuthi yintoni inkqubela. Lichaza uhlobo lobunkokheli ekufuneka amaBhunga abubonelele nohlobo lonxibelelwano ekufuneka oomasipala babakhe noluntu, imibutho, amashishini nabanye abanokuba nenxaxheba kwinkqubela yommandla. Likwachaza nocwangciso lwenkqubela exubileyo - indlela entsha yocwangciso eyakunceda oomasipala ukufezekisa umsebenzi wabo wenkqubela. 
Yintoni ulawulozidolophu olunenkqubela? 
UmGaqosiseko wethu uchaza indima yolawulozidolophu kumZantsi Afrika wedemokhrasi. Ulawulozidolophu kufuneka lube nenkqubela. Le yinto entsha enkulu ecela umngeni kulawulozidolophu
Kwithuba elidlulileyo ulawulozidolophu belujongene ikakhulu nokubonelela abahlali abamhlophe ngeenkonzo kwakunye nezinto ezifana nokulawula izithuthi, ukukhupha iilayesensi kwanokuhoya iipaki namalungiselelo olonwabo. 
Ngoku kufuneka ukuba ulawulozidolophu luqinisekise ukuba iinkonzo zesiseko zifikeleleka kulo lonke uluntu, nokuthi wonke ubani abenakho ukuthabatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo nezicwangciso, ukuze uqoqosho lwedolophu lukhule, amathuba emisebenzi ande, kwanokuthi amancedo edolophu asetyenziswe ngobulumko ukuphucula umgangatho wokuphila wabantu bonke, ngoku nakwilixa elizayo. 
Ulawulozidolophu olunenkqubela Imisebenzi ephambili yophuhliso yoomasipala 
Ulawulozidolophu olunenkqubela lulawulo olusebenza noluntu nabo bonke abanento yokwenza nokukhuthaza ukuqhubela phambili kophuhliso loqoqosho nentlalo. Oku kuthetha ukuthi ulawulozidolophu kufuneka: 
Lubonelele ngobunkokheli boluntu
Umasipala kufuneka asebenze nawo onke amacandelo oluntu ukwakha imbono edityanelweyo nokuseka iinjongo zenkqubela. Xa kuthe kwakho iimbono neenjongo ezidityanelweyo, kufuneka umasipala asebenzisane noluntu ukufikelela iimbono neenjongo. 
Lukhuthaze ukuphumelela kwentlalo noqoqosho
Umasipala kufuneka aqinisekise ukuba zonke izicwangciso, imigaqonkqubo, neenkqubo kwakunye nemisebenzi zikhokelela kuphuhliso loqoqosho nentlalo kwakunye nomgangatho ongcono wokuphila wabo bonke abantu - ngokukodwa abo babebandezelekile ngokwembali yesizwe.
Nxulumanisa yaye uhlanganise yonke imizamo yokuphuhlisa ummandla 
Onke amancedo afumanekayo - awoluntu nezinto - ayakufuneka ukufeza iinjongo zophuhliso. Umasipala onenkqubela kufuneka agcine imijelo yonxibelelwano ivulekile phakathi kwamanye amanqwanqwa olawulo yaye akhe intsebenziswano noluntu lwesiqhelo, imibutho yabucala nekarhulumente. Kufuneka aqinisekise ukuba yonke imizamo namagalelo asebenza kunye ukufikelela injongo eyodwa yophuhliso. 
Ukukhuthaza nokwakha idemokhrasi yommandla 
IBhunga likamasipala limele iintswelo zoluntu. Kufuneka liquke abahlali bommandla kwakunye namaqela kwizigqibo nemisebenzi ebachaphazelayo. Kufuneka aqaphele ngokukodwa ukuqinisekisa ukuba banakho ukuthabatha inxaxhebha abo bantu abakholisa ngokungahoywa - njengamakhosikazi aziintloko zeentsapho, abantu abaneziphene kwakunye nolutsha. 
Yintoni ekufuneka ifikelelwe lulawulozidolophu olunenkqubela? 
Ezinye iinjongo ezibalulekileyo zolawulozidolophu olunenkqubela zezi: 
a) Ukubonelela ngezixokelelwano zekhaya neenkonzo zesiseko 
Wonke ubani kummandla kufuneka abeneenkonzo zesiseko ezifikelelekayo - izinto ezifana nokufikelela kumanzi acocekileyo, ukususwa kokungcola noghutyulo lwelindle. Inkqubo eDityanisiweyo yeziXokelelwano zikaMasipala ikhumshwa ngamafutshane ngelithi(CMIP) yingxowa yesizwe eyokunceda oomasipala ukwakha izixokelelwano ezifunekayo zezi nkonzo - izinto ezifana nemibhobho, oovimba nezityalo zokunyanga ughutyulo
b) Isicwangciso sezixeko, iidolophu nemimandla edibeneyo yasemaphandleni 
Ucalucalulo lwahlulahlula iindawo zethu zokuhlala ngokwahlukana ngokobuhlanga. Oomasipala kufuneka bacwangcise ukususa oku kwahlukahlukana. Ukudibanisa imimandla yethu kuya kuphungula iindleko zothutho neenkonzo yaye kuphucule amathuba emisebenzi namalungiselelo ezolonwabo. Oko kuya kwenza izixeko, iidolophu nemimandla esemaphandleni ibe ziindawo ezingcono zokuhlala yaye kuya kuhlanganisa uluntu lwethu obelwahlukene kwilixa langaphambili. 
c) Ukukhuthaza inkqubela yoqoqosho lwasekhaya 
Oomasipala abanakho ngokunokwabo ukubonelela ngemisebenzi okanye badale ubutyebi. Nangona kunjalo, banokwenza izicwangciso zokuqinisekisa ukuba uqoqosho olupheleleyo olunokubakho kummandla luya kuphuhliswa. Oku kuya kuqinisekisa ukuba kongezeka imisebenzi, kongezeka amathuba yaye kongezeka nobutyebi.
Ukwenza umzekelo, oomasipala bangaqinisekisa ukuba xa bethenga iimpahla neenkonzo, bazithenga kumashishini asakhulayo ommandla. Xa besakha izakhiwo zesiseko, banokusebenzisa abantu endaweni yoomatshini apho kunakho ukwenzeka. Banga bonelela ngolwazi oluxhasayo koosomashishini abancinane bommandla okanye ngokuqinisekisa ukuba oosomashishini bommandla bayafikelela kwimibutho neenkqubo ezinokubanceda. Ngokukhuthaza ubunkokheli obunamandla nokudibanisa abahlali phantsi kweenjongo ezifanayo zophuhliso, bangenza ukuba ummandla ubenomtsalane kutyalomali yaye ukhuthaze ukukhula. 
Bangenza ntoni oomasipala ukuze babenenkqubela? 
Izixhobo ezibini ezifunekayo zolawulozidolophu olunenkqubela: 
1.Ucwangciso lwenkqubela oludityanelweyo 
Ucwangciso olulungileyo luyimfuneko yenkqubela. Ucwangciso olumanyeneyo lwenkqubela yindlela yocwangciso ehlelwe ngokukodwa ukwenzela ukuba oomasipala bacwangcise ngokufanelekileyo ngenjongo yokuphuhlisa iindawo zabo. Oku kuquka: 
* Ukusebenza noluntu ukumisela ixabaiso leentswelo zoluntu. 
* Ukuphuhlisa imbono efanayo nokuseka ukulandelelana ngokubaluleka kwakunye neenjongo 
* Ukumisela ukuba ngawaphi amancedo afumanekayo. 
* Ukuhlela iinkqubo namaphulo. 
* Ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zikamasipala zisebenza kunye neenkqubo zoomasipala, nezamaphondo kwakunye nezesizwe. 
* Ukuqinisekisa ukuba izicwangciso zamahlelo ahlukeneyo (afana namanzi, ufumanisozindlu, ukulahlwa kwenkunkuma, nezithuthi) zisebenza kunye. 
* Ucwangciso nohlahlolwabiwomali olululo lwezemali 
* Izicwangciso zokusebenza. 
* Ukuhlola nokuxabisa iinkqubo ngendlela ekuqhubekayo, ngenjongo yokuqinisekisa ukuba zisemendweni kusini na. 
2.Ulawulo lokusebenza 
Oomasipala kufuneka benze umlinganiso wokusebenza kwabo ukuqinisekisa ukuba bafikelela iinjongo zabo. Ukuze benze oku, kufuneka bamisele iziBonakaliso eziBalulekileyo zokuSebenza ezikhumshwa ngokuthi zii-KPI, ngamafutshane. Ezi njongo bangazisebenzisa ukukhangela ukuba iinkqubo zisesemendweni kusini na kwanokuthi amancedo asetyenziswa ngokufanelekileyo kusini na. Amaqela abahlali kufuneka athabathe inxaxheba ekusekeni ii-KPI - oku kuya kunceda ukwakha ukuzinikezela kubahlali bonke ukuba neenjongo ezifanayo. 
Kwiminyaka embalwa ezayo, kuya kuphuhliswa inkqubo yesizwe yolawulo lokusebenza, nkqubo leyo isekwe kumava oomasipala. Oku kuya kunceda ukuphawula iingxaki nokujongana nazo phambi kokuba zibeyintlekele. 
Ukuthabatha inxaxheba koluntu/abahlali 
Oomasipala banoxanduva lokubandakanya abemi bendawo kwimicimbi kamasipala nokwakha idemokhrasi yommandla. Abemi kufuneka bathabathe inxaxheba kucwangciso nasekwenzeni umgaqonkqubo yaye babengamaqabane kwiinkqubo zophuhliso. 
Ngamafutshane... 
Ulawulodolophu olunenkqubela luxela ubunkokheli obunamandla, imbono ecacileyo, ukuthabatha inxaxheba kwabahlali ngeyona ndlela iphezulu, icandelo labucala nabo bonke abanomdla ekufezekiseni iintswelo zesiseko zabo bonke kwakunye nokwakha isiseko esizinzileyo sokukhula, nendyebo engenasiphelo. 

Ulawulo olunenkqubela luxela ulawulo olunenjongo ephambili yokukhuthaza uphuhliso loqoqosho nentlalo kuluntu. Oku kuquka izinto ezifana nokuqinisekisa ukuba iinkonzo zesiseko ziyafikeleleka kuye wonke ubani yaye kuthatyathwa amanyathelo okukhuthaza uyilo lwemisebenzi oluqhubekayo. 
Uphuhliso oluqhubela phambili luphuhliso olunokuqhutyelwa phambili okanye luqhutywe ukuya kwixesha elizayo, kukuthi luphuhliso olungeke luphelelwe. Ukuze uphuhliso luqhubele phambili, kufuneka lwakhiwe kwisiseko esizinzileyo. Izisombululo zexesha elifutshane aziyi kubalelwa nto ukuba ngomso akuyi kubakho nto iboniswayo ngazo. Amaphulo amatsha kufuneka aqhutywe kakuhle yaye alondolozwe kwilixa elizayo, yaye kufuneka kubekho imali namandla okuwenza
Ukuhlanganisa kuxela ukudibanisa zonke izicwangciso, imizamo namagalelo ukuze zisebenze kunye ukufikelela imbono neenjongo ezidityanelweyo zoluntu. 
Izicwangciso ezidityanelweyo zophuhliso (II-IDP) 
Bonke oomasipala kufuneka bavelise izicwangciso ezidityanelweyo zophuhliso (ii-IDP). ISebe loPhuhliso lomGaqosiseko livelise incwadi yokunceda oomasipala ukuba baqalise. 
 


  
ICANDELO C: URHULUMENTE WOMANYANO 

Icandelo C lePhepha leNgcacisonkqubo likhangela unxulumano phakathi kolawulo lwesizwe, lwephondo nolwedolophu. Phantsi komGaqosiseko wethu omtsha, elinye nelinye inqanaba lolawulo kufuneka lisebenze ngomoya womanyano nokuxhasana. 

Zinkulu izinto zenkqubela ezicela umngeni kulawulozidolophu. Kodwa ke, oomasipala abazimelanga bebodwa. Ulawulozidolophu yenye nje inxalenye entsha, yenkqubo yomanyano yorhulumente emZantsi Afrika. Oomasipala bayaxhaswa kwimisebenzi yabo ngurhulumente wesizwe nowamaphondo. Kanti ke, noomasipala kwelabo icala baxhasa urhulumente wephondo nowesizwe. Ngokusebenza kunye, la manqanaba amathathu karhulumente angafikelela iinjongo zophuhliso. 
Iindima ezibalulekileyo zamanqanaba amathathu karhulumente 
 
Elesizwe
Elephondo
Eledolophu
Ucwangciso lophuhliso 
Linqanaba elijongene nokuphuhlisa isiseko sisonke sentlalo nophuhliso loqoqosho kwilizwe. 
Lijongene nokuphuhlisa isiseko senkqubela sephondo ngalinye - esilibiza iCebo lokuKhula nokuPhuhlisa iPhondo elikhumshwa ngokuthi yi-Provincial Growth and Development Strategy. 
Oomasipala banoxanduva lokuphuhlisa izicwangciso zenkqubela kwimimandla yabo - zicwangciso ezo zibizwa izicwangciso ezidityanelweyo zenkqubela. Ezi zicwangciso zikhumshwa ngokufutshane ngokubizwa ii-IDP ekufuneka zisebenze kunye neCebo lokuKhula nokuPhuhlisa iPhondo.
Imithetho nemimiselo 
Lijongene nophuhliso lwesiseko sayo yonke imithetho yolawulozidolophu. Eli Phepha leNgcacisonkqubo yinxalenye yomsebenzi wokwenza umthetho.
Ukuphumeza imithetho nemimiselo yolawulozidolophu - ngokuhambelana nemithetho yesizwe - nokumelana neentswelo zephondo nezedolophu. 
Ukwenza imithethwana yedolophu nokulawula ukusetyenziswa komhlaba, iirhafu zedolophu, urhwebo ezitratweni, njalo njalo. 
Ukwakha ukufaneleka
Umsebenzi wokwakha ukufaneleka koomasipala ukuze babenakho ukulawula imicimbi yabo ngokwabo nokwenza imisebenzi yabo ngokufanelekileyo.
Ukubonelela oomasipala ngoqeqesho nokwakha ukufaneleka. Liya kusebenza ngamalungiselelo ephondo okuqeqesha kunye nahleliweyo olawulozidolophu. Aya kunikela nangoncedo lobungcali kwizinto ezifana nokuphuhlisa ii-IDP.
AmaBhunga ooMasipala anoxanduva lokuphuhlisa amagosa awo ngoqeqesho nangezinye iindlela
Ezemali
Ulawula lwenkqubo yonxulumano ngezemali karhulumente. Luya kuyila imithetho ngemicimbi efana nohlahlolwabiwomali kamasipala nokwahlula ngobulungisa ingeniso yesizwe efanele ukuya koomasipala
Hlola ubume beemali zikamasipala, yaye ungenelele xa iimali zingafumani kuzinza.
AmaBhunga oomasipala anoxanduva lokuvelisa izicwangciso zemali zeminyaka emihlanu kwakunye nohlahlolwabiwomali lonyaka, ukumisela iirhafu, ukuhlola iinkonzo, ukulawula amatyala, ukuqokelela ingeniso, ukuba nenjongo yokunikela "isahlulo esinobulungisa" kumahlwempu, njalo njalo.
Ukubeka iliso/ukuhlola
Ukuvelisa inkqubo ephangaleleyo yokubeka iliso kulawulozidolophu ngenjongo yokuqinisekisa ukuba ulwazi luchanekile yaye akukho kuphindaphinda ekwenzeni iingxelo.
Libeka oomasipala iliso, ngokwendlela yesizwe yokubeka iliso. Oku kukuqinisekisa ukuba kukho imigangatho ephezulu yenkonzo karhulumente noluntu. 
Limisela izibonakaliso ezibalulekileyo zokusebenza kwaye lenze ingxelo ngazo rhoqo.
Ukungenelela/ 
ukulamla
Lingabonelela ngezikhokelo zokulamla xa oomasipala bedibana neengxaki, yaye lingalamla ngokwalo xa kungekho ndlela yimbi.
Lingangenelela xa umasipala esoyisakala ukufeza iimfanelo zakhe zomgaqosiseko. Ukuba urhulumente wephondo uthathela kuye imisebenzi kamasipala, kufuneka aqinisekise ukuba iBhunga lingaphinda lithabathe loo msebenzi ngokukhawuleza.
Lenza imisebenzi yokulungisa ngokwezindululo okanye imiyalelo yeLungu leQumrhu lesiGqeba (i-MEC).
Iinkqubo zesizwe nezamaphondo 
Amasebe esizwe nawamaphondo aneenkqubo ezichaphazela oomasipala ngqo. Ukwenza umzekelo, iNkqubo yoLuntu yaManzi noGhutyulo yeSebe lemiCimbi yaManzi namaHlathi, kwakunye nezicwangciso zeSebe lemiCimbi yezemiHlaba zinikela ukunceda oomasipala ukufeza iinjongo zabo zophuhliso lomhlaba / nezicwangciso ezidityanelweyo zophuhliso. Oomasipala bangancedisa ngokuphumeza ezi nkqubo. Ngaxesha linye, ezi nkqubo zinganceda ukwandisa amandla abasebenzi bolawulozidolophu yaye zibe yinxalenye yophuhliso lwenkqubo kamasipala
Ngaphezu koko, amanye amasebe esizwe nawamaphondoathumela imisebenzi kumaziko endawo ngokuphathelele kwimisebenzi ethile yolawulozidolophu. Oku kuthetha ukuthi oomasipala baya kubanemisebenzi emitsha, eyongezelelweyo. 
Ukuze urhulumente wesizwe, owamaphondo nowolawulozidolophu amanyane ngokukuko kwiinkqubo zokunikela ngenkonzo: 
Amasebe esizwe nawamaphondo kufuneka asebenze ngqo ngokubambisana nolawulozidolophu. Iinkqubo zesizwe nezamaphondo kufuneka zimanyane nee-IDP zikamasipala. I-MINMEC yoLawulozidolophu kufuneka inxulumanise nawaphi na amagunya amasebe nemisebenzi eyabelwa ulawulozidolophu - oku kuya kuqinisekisa ukuba kukho ingxowamali elingeneyo yokusingatha ulawulozidolophu ukumelana nemisebenzi eyongezelelweyo. 
Umanyano phakathi koomasipala 
Oomasipala bangazuza lukhulu ukuba bangadala ubuhlobo phakathi kwabo. Bangenza okulandelayo, ukwenza umzekelo: 
* Batshintshiselane ngamava okufunda. 
* Bahlulelane ngamagosa nobuchwepheshe. 
* Badibanele amaphulo okutyala imali. 
* Bathenge kunye izinto ezifana nezixhobo zokusebenza, iinkonzo ezimbaxa kunye neenkonzo zengcebiso. 
* Bathenge kunye izinto ezifana nezixhobo zokusebenza, iinkonzo ezimbaxa kunye neenkonzo zengcebiso 
Ulawulozidolophu oluhleliweyo 
Umbutho woLawulozidolophu wasemZantsi Afrika okhumshwa ngamafutshane ngokuthi yi-SALGA, ngumbutho wesizwe omele ulawulozidolophu. Lo mbutho unemibutho yamaphondo elithoba. Le mibutho ingakhuthaza umanyano phakathi koomasipala. Yaye ingavakalisa ilizwi kulawulozidolophu ngobumeli bayo kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP) kwakunye noLawulozidolophu neMINMEC. 
Kanti ke, u-SALGA ikwangumbutho wabaqeshi onokwakha ubudlelwane obakhayo nemibutho kamasipala yaye ubenegalelo kunxulumano lwabasebenzi. 
Ngamafutshane... 
Ukusebenza kunye korhulumente wesizwe, owamaphondo nolawulozidolophu kungakhuthaza ngokukuko inkqubela yesizwe, kusebenzise ngeyona ndlela intle amancedo afumanekayo yaye kuqinisekise uburhulumente obuhle nomgangatho ophezulu wenkonzo yoluntu. 

Unxulumano phakathi koorhulumente ngokuphathelele kwimali karhulumente kukudluliselwa kwemali ukusuka kurhulumente wesizwe ukuya kowamaphondo nolawulozidolophu. 
"Ukwahlulelana ngobulungisa ": UmGaqosiseko umisela ukuthi oomasipala banelungelo lokufumana isahlulo kwingeniso yesizwe. Ngurhulumente weSizwe oya kuqingqa ukuba esi sahlulo siya kuba yintoni na. 
Ukuthumela imisebenzi kumaziko endawo - kukunikela imisebenzi kumaziko endawo ekuyiyo enakho ukwenza loo misebenzi ngcono ngokufanelekileyo nangempumelelo. 
I-MINMEC yoLawulozidolophu yikomiti yesizwe ejongene nayo yonke imicimbi echaphazela ulawulozidolophu. Amalungu ayo ngumPhathiswa wemiCimbi yamaPhondo noPhuhliso lomGaqosiseko, amaLungu eQumrhu lesiGqeba ajongene nolawulozidolophu amaphondo alithoba kwakunye ne-SALGA, okungumbutho wolawulozidolophu wasemZantsi Afrika. 


 ICANDELO D: IINKQUBO ZAMAZIKO 

Icandelo D lePhepha leNgcacisonkqubo libhekiselele kwiindidi ezintathu zoomasipala kwakunye neentlobo ezahlukeneyo zoomasipala kudidi ngalunye. 
Iindidi zoomasipala 
UmGaqosiseko umisela iindidi ezintathu zoomasipala. 
Udidi (A Umasipala onamandla awodwa kamasipala, agunyazisa ukuphatha nokwenza imithetho kummandla wakhe. 
Udidi (B) Umasipala owahlulelana amagunya okuphatha nokwenza umthetho kummandla wakhe nomasipala wodidi (C) nowongamele ngokommandla umasipala wodidi (B). 
Udidi (C) Umasipala onamagunya kamasipala okuphatha nokwenza imithetho kummandla oquka umasipala ongaphaya kwesinye
Urhulumente weSizwe uya kumisa umlinganiso wokuba ummandla uya kuba ngowodidi (A) okanye udidi (B) no-(C) xa kutheni. 
Iintlobo zoomasipala 
Kolunye nolunye lwezi ndidi kungabakho iintlobo ezingafaniyo zoomasipala. Urhulumente weSizwe uya kufikelela isigqibo sokuba ezi ntlobo ezahlukeneyo kuya kuba ziziphi. Urhulumente wePhondo uya kwenza isigqibo sokuba ziziphi iintlobo zoomasipala eziya kuthi zisebenze kwiphondo. 
Imimandla yezixeko ezinkulu 
Imimandla yezixeko ezinkulu yimimandla emikhulu yasezidolophini enabemi/ abahlali abaninzi. Mithandathu imimandla yezixeko ezinkulu apha emZantsi Afrika: yi-Greater Johannesburg, i-Greater Pretoria, i-Kapa, i-Theku, i-Lekoa-Vaal neKayalami. 
TLe mimandla iswela amalungiselelo awodwa ngokuphathelele kulawulo. Ulawulo lwezixeko ezinkulu lungabonelela ngolawulo gabalala olufunekayo ngokubhekiselele kule mimandla emikhulu yasezidolophini. Oku kuyafuneka, ukukhuthaza uphuhliso loqoqosho nolwentlalo kuwo wonke ummandla - oomasipala abazimeleyo bakholisa ngokubanomdla kuphela ngeendawo zabo hayi ngommandla wonke wesixeko esikhulu. Oku kungaqinisekisa ukuba ubutyebi bawo wonke ummandla buya kuba luncedo kuye wonke ubani - ngokukodwa kwabo bebecinezelekile ngokwembali yesizwe. 
IPhepha leNgcacisonkqubo liphakamisa iintlobo ezimbini ezingafaniyo zolawulo lwemimandla yezixeko ezinkulu. 
1. Ulawulo lwe-Metropolitan elineeKomiti zeNdawo. 
2. Ulawulo lwe-Metropolitan elinamaCandelo eMetropolitan. 
Urhulumente wephondo uya kwenza isigqibo sokuba kuya kusebenza oluphi ulawulo kwezi ntlobo zimbini.
Iintlobo ezimbini zolawulo lwe-Metropolitan 
1.Ulawulo lwe-Metropolitan oluneeKomiti zeNdawo
Kule ntlobo yolawulo lwe-metropolitan, iBhunga leMetropolitan liya kuba namagunya phezu kwayo yonke imisebenzi kamasipala. Lingenza isigqibo sokulawula yonke imisebenzi ngokwalo okanye lingayityala kwiindawo ngeendawo eminye iye kumacandelo edolophu. Lingenza isigqibo ngendlela yokuhlela amandla alo obuphathi. Kuya kusekwa iiKomiti zeNdawo kumgangatho wendawo ukuqinisekisa ukuba abahlali bedolophu bayafikelela kulawulo lwe-metropolitan. IiKomiti zeNdawo kufuneka zibenegalelo ekuqingqeni iintswelo zedolophu nezinto ezibalulekileyo ngokolandelelwano - icandelo elibalulekileyo le-IDP. Kufuneka kubonisanwe nayo kwimicimbi echaphazela ummandla wasekhaya. 
2. Ulawulo lwe-Metropolitan olunamaCandelo eMetropolitan
IBhunga leMetropolitan liya kuhlela amandla alo olawulo ngendlela yolawulo lweendawo ngamaCandelo eMetropolitan. AmaCandelo azikomitana zeBhunga lendawo ethile. Aquka iindawo nobumeli obulungelelanisiweyo bamalungu eBhunga laloo ndawo. IBhunga leMetropolitan liya kwenza isigqibo sokuba lidlulisele awaphi amagunya nemisebenzi kula maCandelo. Oku kungaquka eyona nkonzo ithe ngqo yemisebenzi efana nokuqokelela inkunkuma noghutyulo lwelindle kwakunye nezigqibo zezicwangciso zedolophu. IBhunga lingafikelela isigqibo sokugcina imisebenzi yezinye iinkonzo ezifana nofumaniso lwamanzi okanye umbane - okanye lingahlulelana ngale misebenzi namaCandelo eMetropolitan. 
Imisebenzi yolawulo lweMetropolitan 
Ulawulo lweMetropolitan kufuneka:
* Lukhuthaze ukulingana nobulungisa kwezentlalo. 
* Luqinisekise ukuba wonke ubani kummandla weMetropolitan uzuza amancedo asekwe kwirhafu 
* Lucwangcisele wonke ummandla wemetropolitan ukuze zonke iingceba zocalucalulo ziguqulelwe, ukuze ukufaneleka kwezoqoqosho kukhule nokudibana kokukhuthazwa ngokwentlalo. 
* Kukhuthazwa idemokhrasi yendawo ngokulungiselela ukuba abemi bathabathe inxaxheba kulawulo lwendawo zabo zokuhlala nakwisixeko sonke - iiKomiti zeNdawo kwakunye namaCandelo eMetropolitan aya kuba negalelo elikhulu ekwakheni idemokhrasi. 
* Lubonelele ngeenkonzo ezikholisayo zoncedo - ezikuluhlu lokuqala kulandelelwano, iinkonzo zesiseko kufuneka zibonelelwe abo abangekazingcamli 
Ulawulo lwesithili 
Yonke imimandla engaphandle kwemida yommandla wemetropolitan iyakuba nolawulo lweSithili (udidi (C)) kunye noomasipala bendawo (udidi (C)). Umthetho wesizwe uya kwenza isigqibo sokuba amagunya nemisebenzi iya kuhlulwa njani phakathi kwamaBhunga eSithili nomasipala wendawo. 
Imimandla engeyiyo yemetropolitan ineentlobo ezininzi zeendawo zokuhlala - ukusuka kwizixeko ezinkulu ezingabalulekanga ukuya kwimimandla egqagqeneyo yasemaphandleni. Ulawulo lweSithili luyimfuneko ukuqinisekisa ucwangciso nenkqubela yesithili sonke, kwakunye nokunceda abo masipala bedolophu abangekabinawo amandla okanye ubukhulu besiseko serhafu to ukuze babenakho ukwenza yonke imisebenzi kamasipala
Imisebenzi yoLawulo lweSithili 
* Ukucwangcisa uphuhliso oludityanelweyo lwaso sonke isithili - AmaBhunga eSithili kuya kufuneka ahlele ii-IDP zaso sonke isithili. Oku kuya kuqinisekisa ukuba ii-IDP zikamasipala zisebenza kunye nekqubo zesizwe nezephondo kwakunye nokuphuhlisa sonke isithili. 
* Ukubonelela ngesakhiwo sesiseko esikhulu.AmaBhunga eSithili aya kubanakho ukufumana imali yaloo msebenzi ngokumisela iirhafu (iirhafu ezindala ze-RSC). 
* Ukubonelela ngoncedo lobuchwepheshe koomasipala ababuthathaka. 
* Ukubonelela ngeenkonzo kuloo mimandla apho oomasipala bengenakho ukwenza njalo ngenxa yesiseko esincinane serhafu okanye intswelo ephantsi yeenkonzo. 
Udidi (B) amaBhunga kamasipala AmaBhunga eNdawo 
Kwimimandla yoLawulo lweSithili kuya kubakho iintlobo ezintathu zoomasipala wodidi (B). 
1.Oomasipala bedolophu.
2. Oomasipala abadibeneyo bedolophu namaphandle
3. Oomasipala basemaphandleni
1.Oomasipala bedolophus
Iidolophu nezixeko ezininzi ziya kubanoomasipala abanomsebenzi wokubonelela ngazo zonke iinkonzo zikamasipala. Iindawo zokuhlala ezingahlelwanga kwakunye nezinye iindawo zokuhlala kwimida yezi dolophu ziya kufakwa phantsi kommandla kamasipala. 
2.Oomasipala abadibeneyo bedolophu namaphandle
Phantsi kwezinye iimeko, imida ekhoyo yoomasipala iyakwandiswa ukuze iquke ummandla oyingqongileyo. Oku kunokuthetha ukudibanisa umasipala wedolophu nowephandle. Oku kuya kwandisa umgama wokuqokelela irhafu yaye kuvumele ucwangciso nokubonelela ngenkonzo ngokufanelekileyo.
3.Oomasipala basemaphandleni
Ilizwe lineentlobo ezininzi zeendawo zokuhlala. Amagunya oomasipala kule mimandla aguquguquka ukusuka kwalungileyo ukuya kwahlupheke kakhulu. IPhepha leNgcacisonkqubo liphakamisa ukuba bonke oomasipala basemaphandleni baya kuqala ngemigaqo yesiseko yamagunya nemisebenzi. Amagunya nemisebenzi eshiyekileyo iya kwenziwa luLawulo lweSithili. Xa amagunya kamasipala wasemaphandleni ekhula, uya kuthabatha amagunya nemisebenzi eyongezelelweyo. Oomasipala basemaphandleni abanamandla ongezelelweyo baya kubanakho ukuthabatha kwakamsinyane amagunya nemisebenzi eziintlobontlobo ezininzi. Abanye baya kwenza njalo ekuhambeni kwexesha, njengoko amagunya abo eqhubela phambili
Kukwiindawo ezimbalwa kakhulu ezinabantu abambalwa abahlala kwindawo ebanzi, apho kunokulunga umasipala wodidi (B). Phantsi kwezi meko ezingaqhelekanga, amalungiselelo awodwa ayakwenziwa ukuqinisekisa ukuba abahlali banobumeli ngeBhunga leSithili. 
Ubunkokheli bemveli 
IPhepha leNgcacisonkqubo lijongene nonxulumano phakathi kolawulozidolophu nobunkokheli bemveli - alijongananga neminye imiba yobunkokheli bemveli. IPhepha leNgcacisonkqubo likhuthaza umanyano phakathi koomasipala nobunkokheli bemveli. Iinkokheli zemveli ziya kubanabameli kumaBhunga edolophu naweSithili, ngenjongo yokucebisa ngeentswelo neminqweno yabantu. Le ndima ayifani nendima yokuvota yamaLungu eBhunga. Urhulumente wephondo uya kufikelela isigqibo ngendima eya kunikwa iinkokheli zemveli kwimisebenzi yemisitho esesikweni
IPhepha leNgcacisonkqubo ngokuphathelele kwimiCimbi yezeMveli liyaqulunqwa yaye amasebe oburhulumente ajongene nemiba echaphazela ubunkokheli bemveli. 
Ngeli lixa kukho oomasipala abangama-843 namaLungu amaBhunga angama-11 300 apha emZantsi Afrika. Inani loomasipala namaLungu amaBunga kufuneka linciphiswe ukuze oomasipala bakwazi ukubonelela ngeenkonzo ezingcono ngeendleko eziphantsi. 
Ukucandwa kwemida 
IBhodi kaMasipala yokuCanda iya kumisela imida kamasipala, ngokucebisana namaLungu eBhunga lesiGqeba solawulozidolophu noomasipala. Urhulumente weSizwe uya kumisela imiqathango yokucanda. Kuya kuqwalaselwa ngobunono ukuqinisekisa ukuba imida ivumela oomasipala ukufeza iimfanelo zabo ngokomGaqosiseko. 

Amagunya okulawula nokuwisa umthetho : amandla okwenza umagaqonkqubo nokusebenzisa imithetho yesizwe neyamaphondo nemithethwana yoomasipala. 
Imigangatho elindelweyo - imimiselo nemiqathango ekumele ilandelwe xa kuthethwa ngeendidi ezahlukeneyo zoomasipala. 
Isiseko serhafu - imithombo yengeniso apho umasipala enokufumana imali yokwenza imisebenzi yakhe. Oku kuquka ivenkile, amashishini, abaninimihlaba abahlawula irhafu yomzi, njalo njalo. 
Isakhiwo sesiseko esikhulu : imibhobho, iintambo kwakunye nezinye izinto ezifunekayo ukubonelela ngobukhulu nobuninzi ngamanzi, umbane okanye irhasi kwiindawo ezibalulekileyo kummandla kamasipala. Ukusuka kwezi ndawo kufuneka esinye isakhiwo sesiseko sokufumanisa amanzi okanye umbane ngqo kubathengi
??????Bulk infrastructure: the piping, cables and other equipment needed to deliver large quantities of water, electricity or gas to central points in a municipal area. From these points, more infrastructure is needed to deliver the water or electricity directly to the users.
Ukucanda Yonke imida kamasipala elizweni kufuneka icandwe kwimephu ebonisa ngqo ummandla olixanduva leBhunga. Inkqubo yokwenza isigqibo sokuba icandwe okanye isikwe phi imida sibizwa ukucanda
 


  
ICANDELO E: IINKQUBO ZOPOLITIKO 

SIcandelo E lePhepha leNgcacisonkqubo lijongene nemagunya nemisebenzi yamaBhunga. Oku kuquka indima yezibonda zedolophu, iikomiti ezilawulayo nezinye iikomiti. 
Indlela yokwenza izigqibo 
Omnye nomnye umasipala uneBhunga elinomsebenzi wokwenza izigqibo zopolitiko, kwakunye nolawulo okufuneka liphumeze izigqibo ezithatyathwe liBhunga. UmGaqosiseko uthi zonke izigqibo eziphathelele kumagunya nemisebenzi kufuneka zenziwe liBhunga. Nangona kunjalo, akusebenzeki ngokufanelekileyo ngamaxa onke - ingakumbi kumBhunga amakhulu - apho iBhunga lonke kufuneka lithabathe izigqibo. Ngenxa yeso sizathu, imithetho yesizwe iya kuvumela amaBhunga ukuba anikele amagunya okulawula kuSibonda weDolophu oLawulayo okanye iKomiti eLawulayo. Amagunya okungafunekanga ukuba kunikelwe ngawo ngala alandelayo kuphela: 
* Awokuphumeza imithethwana. 
* Awokwamkela uhlahlolwabiwomali. 
* Awokumisela iireyiti, iirhafu, imirhumo nezinye iintlawulo. 
* Awokuboleka imali. 
Ezinye izinto kufuneka zenziwe liBhunga lilonke. 
Apho iBhunga linikele amagunya kuSibonda weDolophu okanye iKomiti eLawulayo, iBhunga liya kuba nendlela yokuhlola umsebenzi weSibonda seDolophu okanye iKomiti eLawulayo yaye bathweswe ixanduva lezenzo zabo. 
USibonda weDolophu oLawulayo 
USibonda weDolophu oLawulayo unyulwa liBhunga likamasipala kumalungu alo. IBhunga lifikelela isigqibo sokuba uSibonda weDolophu anikelwe awaphi amagunya. IBhunga lingamvumela uSibonda weDolophu anyule ikhabinethi yamaLungu eBhunga ambalwa ukumncedisa. Nangona kunjalo, nguSibonda weDolophu osebenzisa amagunya, hayi ikhabinethi. Ubuhle bokuba nguSibonda weDolophu oLawulayo bobokuba benza ukuba ulawulo lwedolophu lubenomntu owalathelwayo yaye oko kunika ubunkokheli obunamandla nobunezigqibo. Kulula kuluntu ukuzibandakanya nomntu othile ukwedlula ikomiti. 
IKomiti eLawulayo 
IKomiti eLawulayo liqela lamaLungu eBhunga akhethwe liBhunga likamasipala. USibonda weDolophu nguSihlalo weKomiti eLawulayo. Nangona kunjalo, uSibonda weDolophu akunguye uSibonda weDolophu oLawulayo - amagunya athweswe iKomiti eLawulayo iyonke, hayi uSibonda weDolophu. IBhunga lenza isigqibo sokuba sinikele awaphi amagunya kwiKomiti eLawulayo. 
Ezinye iiKomiti 
IBhunga lingaseka ezinye iikomiti zokulincedisa. Ezi ziquka: 
* IiKomiti zokulawula nokuhlola - ukongamela imisebenzi efana nokubonelela ngamanzi okanye ukulawula ukulahlwa kwenkunkuma. 
* IiKomiti zommandla - ukongamela imisebenzi yommandla othile. 
* IiKomiti zomGaqonkqubo - ukuyila umgaqonkqubo ngomba othile ngexesha elibekiweyo 
Oomasipala abakhulu kufuneka babenakho ukuseka iKomiti yoPhicothozincwadi (ukongamela uphicothozincwadi lweemali zikamasipala) kwakunye neKomiti yeZinikimaxabiso (ukongamela inkqubo yezinikimaxabiso). 
Ubunkokheli obudlamkileyo/obunamandla 
Ubunkokheli obunamandla, obunamagunya nobuzinikezeleyo buyafuneka ukwenzela ukuba oomasipala babenakho ukulungiselela inkqubela nokuqinisekisa umgangatho ophezulu wenkonzo yoluntu. AmaLungu eBhunga kufuneka abonelele ngobunkokheli nembono ebanzi kuluntu. Kufuneka abenakho ukwenza ubuqabane namashishini, imibutho yoluntu kwakunye namanye amaqela anokuba nenxaxheba kuphuhliso. Kufuneka abenakho ukuthabatha izigqibo ezimbaxa zomgaqonkqubo yaye andise ukuzimela ekwenzeni izinto kwakunye nokwenza izinto elubala.
Nangona kunjalo, uninzi lwamaLungu amaBhunga angama 11 300 alapha emZantsi Afrika akasebenzi ngokusisigxina. Asengxakini yokujongana nemisebenzi yawo esisigxina kwakunye nezibophelelo zeBhunga. Ngako oko, eli Phepha leNgcacisonkqubo liphakamisa ukuphungulwa kwenani lilonke lamaLungu eBhunga nokwandisa ngokuhambelanayo. AmaLungu eBhunga asisigxina ngokomsebenzi, azinekeleyo kumsebenzi wawo weBhunga. 
Unyulo lukamasipala 
AmaBhunga oomasipala aya kunyulwa ngendlela elandelayo: 
* Kuya kubakho ivoti yombutho esekwekubumeli obulungelelanisiweyo. 
* Kuya kubakho ivoti yelali (i-ward) esekwe kumntu othe wangowokuqala ukuphumelela ugqatso.. 
Ivoti yombutho ifikelela isigqibo sezihlalo zizonke ekumele umbutho ubenazo. Eli nani lilonke lenziwa ngezihlalo zenqila nezihlalo zombutho. Inani lezihlalo zombutho lifikelelwa ngokuthabatha inani lezihlalo zenqila ezithe zazuzwa ngevoti yelali kwizihlalo zizonke ezithe zazuzwa ngevoti yombutho. 
Umzekelo wokuvota 

Kukho izihlalo ezingama-20 kwiBhunga. 
Kwivoti yombutho: 
Umbutho u-Z uphumelela nge-70% yevoti yombutho. Oku kuthetha ukuthi umButho u-Z unezihlalo ezili-14 
(oko yi-70% yama-20) = Izihlalo zizonke zili-14. 
Kwivoti yelali: UmButho u-Z uzuza izihlalo ezi-6 zelali.
Inani lezihlalo zombutho:
UmButho u-Z unelungelo lwezihlalo ezisi-8 zombutho ezongezelelweyo ukwenza inani lilonke lezihlalo ezili-14 eziphumelelweyo kwivoti yombutho, (14 - 6 izihlalo zelali = 8).
Ngako oko UMBUTHO U-Z unezihlalo ezi-6 zelali nezisi - 8 zombutho. 
Abasetyhini abazigqatsileyo 
Imibutho yopolitiko ikhuthazwa ukusebenzisa inkqubo yesahlulo ngokwesini. Oku kuya kuqinisekisa ukuba inani elongezelelweyo labasetyhini abazigqatsileyo lingenela unyulo lwamaBhunga kamasipala. 
Ngamafutshane... 
Developmental local government requires strong, capable leadership with vision. The decision-making systems proposed in the White Paper aim to strengthen councillors and streamline decision-making, for more efficient and effective municipal government. 

Ukunikela - ukunikela amagunya nemisebenzi komnye umbutho okanye umntu. 
Amagunya okulawula - ligunya lokwenza umgaqonkqubo nezigqibo eziphathelele kuko konke ukusebenza kukamasipala.
Ubumeli obulungelelanisiweyo - Imibutho yabelwa izihlalo ngokwenani ekhulwini lweevoti zizonke ezizuziweyo. 
Owokuqala ukuphumelela ugqatso ugqatso - ngumntu omnye ozigqatsileyo ophumelela ukuzuza isihlalo - umntu ozigqatsileyo ozuze ezona voti zininzi. 


ICANDELO F: IINKQUBO ZOLAWULO 

Ulawulo lukamasipala luquka ubuphathi nesigosa samasebe kamasipala ajongene nokuphumeza imigaqonkqubo neenkqubo zemisebenzi yeBhunga. Ubulawuli bunexanduva lokunikela ngeenkonzo zodidi kubahlali. Icandelo E lePhepha leNgcacisonkqubo liphakamisa iindlela zokusungula ukwandisa iinkonzo zesiseko kuye wonke ubani kwanokuphucula ngokubanzi ubonelelo lweenkonzo. 
Iindlela ezahlukeneyo zokunikela ngenkonzo 
Oomasipala kufuneka bafumane ezona ndlela zisebenzayo zokunikela ngeenkonzo ezifikelelekayo, zodidi kubahlali - yaye ngokukodwa kwabo abangekabi nazo iinkonzo zesiseko. IPhepha leNgcacisonkqubo licebisa ngeendlela ezizintlobontlobo zokufikelela oku. Oomasipala kuya kufuneka bakhethe ezona ndlela zintle ezidityanisiweyo ukumelana nokubonelela ngeenkonzo kwakunye neenjongo zokuphuhlisa. 
Ukwandisa amandla okusebenza 
Oomasipala abaninzi kufuneka baphucule iindlela zabo zobuphathi yaye baqeqeshe, bongeze amandla esigosa sabo. Oku kunokuquka imiqathango efana nale: 
Uhlaziyo lobuphathi 
Ugunyaziso lwabasebenzi
Izivumelwano zokusebenza
Ukugunyazisa abasebenzi
Zamagosa aphezulu
Uqeqesho nophuhliso lwesigosa
Imigaqo yokuziphatha
Decentralising operational management responsibilities
Inkqubo yokubonelela ababekade becalucalulwa
Ukwaba amagunya oxanduva lwenkqubela yobuphathi
Iindlela ezicacileyo zokuxabisa umsebenzi owenziweyo
Amava okusebenza ngqo kwakunye nolwazi lwabasebenzi abaphambili kufuneka lusetyenziswe ukuphucula inkonzo
Ukuseka imifelandawonye 
TOku kuquka ukuseka amaziko okunikela ngenkonzo, maziko lawo alawulwa njengamashishini, engadibananga necandelo lolawulo kodwa ephantsi kweBhunga. 
Iimanyano zikawonke-wonke 
Ezi ziimanyano phakathi komasipala neminye imibutho yecandelo loburhulumente. Ukwenza umzekelo lumanyano phakathi komasipala nePosi, manyano olo luvumela uluntu ukuhlawula amatyala alo ePosini. Oku kukwenza lula ukuhlawula kubemi yaye kususa inkxamleko yokuqokelela kwicandelo lolawulo. 
Umanyano neeCBO kwakunye neeNGO (okuyimibutho esekwe kuluntu nemibutho engeyiyo ekarhulumente 
Ii-CBO neeNGO yimibutho enobuchule namava anokuba luncedo kulawulo - ukwenza umzekelo, ngokuphathelele kuqeqesho, amaphulo okuphuhlisa kwakunye nokuphuhlisa amashishini amancinane. 
Ukuthumela umsebenzi ngaphandle 
Oku kuquka ukuba umasipala enze isivumelwano nenkampani yabucala ukuba imenzele umsebenzi othile. Izivumelwano ezinjalo zinganceda ukuphungula iindleko yaye ziphucule ukusebenza ngokufanelekileyo. Kufuneka iBhunga lihlole ukwenziwa komsebenzi yaye liqinisekise ukuba kwenziwa umsebenzi osemgangathweni nowodidi. 
Iingqeshiso noyekelelo 
Ezi zifana nokuthumela umsebenzi ngaphandle kodwa ziquka utyalomali oluphezulu ngokuphathelele kwizakhiwo zesiseko. Ngenxa yeso sizathu, ixesha lesivumelwano lide noko (lidla ngokuba yiminyaka engama-20 ukuya kuma-30) yaye onikwe isivumelwano kulindeleke ukuba athabathe ulawulo lwesakhiwo sesiseko yaye atyale imali kuso. Umnini sivumelwano udla ngokuba nomsebenzi wokuqokelela ingeniso. Ekupheleni kwexesha lesivumelwano, ubumnini besakhiwo sesiseko buphindela kumasipala
Ukudluliselwa kobumnini 
Ukunikela kwicandelo labucala kuquka ukuthengiswa kwezinto zikamasipala zithengiselwa inkampani yabucala kuze kuthi yona ibe nomsebenzi wokubonelela ngenkonzo. Okwangoku, iinkonzo zesiseko - ezifana namanzi, inkunkuma, umbane nokungcola okuphathekayo - akufunekanga zithengiswe ngokupheleleyo. Nangona kunjalo, amaBhunga angayicinga indaba yokuthengisela icandelo labucala iinkonzo ezingezizo ezesiseko. Oku kunganyusa ingeniso kamasipala yaye kunike iBhunga ithuba lokujonga ngocoselelo iinkonzo eziyintswelo. 
QAPHELA: Isiwisimthetho sesizwe siya kubonelela ngesiseko sokuba oomasipala badale umanyano necandelo labucala. 
Ukubeka iso ekukhonzeni abathengi 
Amagosa angaphambili asebenza ngokudibana noluntu imihla ngemihla. Eneneni ngabo abanikelana ngenkonzo. Kufuneka babenakho ukubonelela ngolwazi neengcebiso kuluntu. Kukwabalulekile ukuba iindlela zokubiza amatyala zisebenze ngokufanelekileyo yaye zisebenziseke lula kuluntu. 
Unxulumano lwabasebenzi 
Umanyano lwabasebenzi bakamasipala kwakunye nolwabasebenzi bolawulozidolophu kufuneka lube nendima ebalulekileyo ekuqinisekiseni unxulumano oluhle phakathi kwabaqeshi nabaqeshwa yaye kubekho inkqubo ephilileyo yonxulumano kwezemisebenzi. IBhunga loThethathethwano loLawulozidolophu zasemZantsi Afrika elikhumshwa ngamafutshane ngokuthi yiSAGBC liya kuba nenxaxheba ekuphuhliseni umanyano phakathi kukamasipala, imibutho yabasebenzi, ubulawuli namaBhunga kwakunye nesiseko sokuxazulula iimbambano. Into yokuqala ebalulekileyo iya kuba kukuthethathethana ngemiqathango efanayo yokusebenza yamagosa kamasipala nekqubo kamasipala yokuxabisa umsebenzi, ukuphucula indlela yokusebenza nokuyila isiseko esinamandla senguquko.
Uqeqesho lolawulozidolophu 
Uqeqesho lwamagosa 
IiBhodi zokuQeqesha ezikhoyo azibanga nakho ukumelana neentswelo ezijongene lolawulozidolophu olunenkqubela. Indlela yokuqeqesha iya kuhlelwa ngokutsha. IGunya leMfundo noQeqesho leCandelo loLawulozidolophu lesizwe liya kulawula uqeqesho lolawulozidolophu yaye lilawule nengxowamali yeMfundo noQeqesho. Iziseko zephondo zokuqeqesha - ezinabameli abavela kwezemisebenzi, ezamaphondo nezolawulozidolophu - ziya kumisela iintswelo zephondo, yaye zimeme izinikimaxabiso kwimibutho yokuqeqesha, zize zihlole ingqeqesho. Ababoneleli beenkonzo baya kuquka iiyunivesithi, iiteknikoni, iiNGO, amasebe kamasipala okuqeqesha, imibutho yengcali kwakunye nababoneleli boqeqesho becandelo loshishino. 
Uqeqesho lwaMalungu eBhunga 
I-SALGA iya kuba nendima enkulu kuqeqesho lwaMalungu eBhunga. Inkqubo yoqeqesho lwaMalungu eBhunga iya kuphuhliswa ukuhambelana nonyulo lukamasipala. 
Ngamafutshane... 
Ukumelana neenjongo zenkqubela, ubulawuli bukamasipala kufuneka buphucule ubuphathi, bugunyazise abasebenzi yaye buphonononge, busungule iindlela ezintsha zokunikelana ngenkonzo. 


  
ICANDELO G: IMALI KAMASIPALA 

Eli candelo lePhepha leNgcacisonkqubo lijongene nendlela yolwakhiwo ngokutsha lwenkqubo yeemali zikamasipala ukuze oomasipala babenakho ukulungelelanisa uhlahlolwabiwomali lwabo kwakunye nokubonelela ngeenkonzo zodidi. Libhekise kwimiba emine engundoqo yemali kamasipala: 
* Ingeniso. 
* Ukudluliselwa phakathi koorhulumente. 
* Utyalomali lwecandelo labucala. 
* Uhlahlolwabiwomali, uphicothozincwadi nokwenza iingxelo. 
Ingeniso 
Oomasipala baswela imithombo ethembekileyo yengeniso. Ngokomdilili oomasipala baxhasa i-90% yendleko zemihla ngemihla ngemali yengeniso yabo, hayi evela kurhulumente wesizwe. Nangona kunjalo, abanye oomasipala - ngokukodwa oomasipala basemaphandleni - abanaso isiseko esikhulu serhafu, ngokwaneleyo ukuba bazixhase ngemali. Aba masipala baya kufumana inxenye enkulu yesabelo sengeniso yesizwe ebekelwe bucala ulawulozidolophu. Ezinye iindlela zokukhulisa ingeniso yoomasipala abangamahlwempu - ezifana nerhafu yomiwomhlaba emaphandleni - ziya kuphononongwa
Kanti ke, nabo oomasipala abanakho ukuqhubela phambili, kukho intswelo yokuphucula inkqubo yemali ukuqinisekisa eyona ntsebenziso eyiyo yamancedo, ukujongana nezinto ezisilelayo kwanokungalingani nokukhuthaza ukumelana nomsebenzi. IPhepha leNgcacisonkqubo liphakamisa ezi zinto zilandelayo: 
Irhafu yobumninimhlaba 
Kufuneka kubekho indlela efanayo yokurhafisa ubumninimhlaba kwilizwe lonke. Oku kuquka izinto ezifana nendlela yokubeka ixabiso lomiwomhlaba, ixesha lokubeka ixabiso, neendlela zokuncedisa abo bangenakho ukuhlawula iirhafu ngokupheleleyo
Iirhafu 
Oorhulumente bezixeko ezikhulu ezidibeneyo nabeziThili bamisela iirhafu ze-RSC ne-JSB. Ezi ziirhafu zamashishini ezisekwe kwinani labasebenzi. Zingumthombo obalulekileyo wengeniso yaye kufuneka zihlale zinjalo. Kodwa ke, kukho ingozi yokuba azikhuthazi ingqesho kwanokuthi ukuba iirhafu zikamasipala ziphezulu kakhulu, amashishini aya kufudukela kweminye imimandla. Urhulumente wesizwe uya kuthabatha amanyathelo okujongana nezi ngxaki. 
Irhafu yamfutha esithuthi 
Inxalenye yerhafu yesizwe yamfutha ezithuthi inokunikwa ulawulozidolophu ngenjongo yokugcina iindlela zisemgangathweni. 
Imali yokuhlawulela iinkonzo 
Imali yokuhlawulela iinkonzo - ezifana namanzi, umbane noghutyulo lwelindle - zingumthombo omkhulu wengeniso yoomasipala abaninzi. Ngako oko, kubalulekile ukuba abamkeli beenkonzo bahlawule ngokupheleleyo iindleklo zezi nkonzo. Kufuneka kuqaliswe inkqubo yokuxhasa eya kuqinisekisa ukuba abo bangenakho ukuhlawula iindleko ngokupheleleyo, okungenani bafumane iinkonzo zesiseko. Indlela esebenza ngayo inkqubo yenkxaso kufuneka icace ngokupheleleyo kubo bonke abahlali. 
Ukuqinisekisa ukuba iindleko ziyahlawulwa, kufuneka oomasipala babe nezinto zokubeka ixabiso ezisebenza kakuhle, amaxwebhu emali efunekayo aphume rhoqo yaye achaneke ngaphezu koko izohlwayo zibenzima ezabo abanakho ukuhlawula kodwa bakhethe ukungahlawuli
Udluliselwano phakathi koorhulumente 
Le yimali edluliswa ukusuka kurhulumente wesizwe ukuya kowolawulozidolophu. Kukho iintlobo ezintathu zodluliselwano: 
* Iintlawulo zokwenzela. 
* Udluliselo lwemali yokuseka. 
* Udluliseko lwemali yeendleko zokusebenza. 
Iindleko zokwenzela 
Ezi ziintlawulo eziya koomasipala xa bebonelela ngeenkonzo egameni lorhulumente wephondo. Kufuneka oomasipala baqinisekise ukuba bahlawulwa ngokupheleleyo ngomsebenzi abawenza egameni lephondo. 
Udluliselo lwemali yokuseka 
Ezi ziimali zokwakha iziseko. Ukusuka kowe-1997, olu dluliselo lwemali belisenziwa ngeNkqubo eDibeneyo yeziSeko zikaMasipala (ekhumshwa ngokuthi yi-Consolidated Municipal Infrastructure Programme). Oku kuncede ngokwenza lula iintlawulo zoomasipala. Kuza kwenziwa iinzame zokuphucula indlela yokuhlawula oomasipala basemaphandleni. 
Udluliselo lweendleko zokusebenza 
UmGaqosiseko (kwiSiqendu 214) uchaza ukuba oomasipala baya kuba nelungelo "kwisahlulo esinobulungisa" sengeniso yesizwe. Esi sahlulo siya kuba ziingxowamali eziya kudluliselwa koomasipala ukumelana neendleko zokusebenza - iindleko zomsebenzi wemihla ngemihla kamasipala. Ingxaki ekhoyo okwangoku yeyokuba oomasipala abaqinisekanga ukuba baya kufumana imali engakanani, okanye baya kuyifumana nini na. Oku kwenza kubenzima koomasipala ukucwangcisa kuselithuba. 
Ukoyisa ezi ngxaki, "isabelo esinobulungisa" (isixa sisonke esifumanekayo seendleko zokuqhuba umsebenzi wolawulodolophu) siya kubalelwa iminyaka emi-5 kwangaphambili, ngesiseko seendleko zikarhulumente sexesha eliphakathi ( isicwangciso sohlahlolwabiwomali seminyaka emihlanu). Isabelo esinobulungisa siya kwahlulelwa oomasipala ngokomgaqo omiselweyo. Umgaqo uya kusekwa kubulungisa - uqinisekise ukuba oomasipala bangabonelela ngeenkonzo zesiseko amakhaya amkela imali ephantsi ngeendleko ezifikelelekayo. Ngako oko, inxenye enkulu "yesabelo sobulungisa" iya kuya kwabo masipala abaswela kakhulu uncedo lorhulumente wesizwe, ngokukodwa oomasipala basemaphandleni. 
Iimali ziya kudluliselwa ngqo koomasipala. Kufuneka oomasipala baqiniseke ukuba amancedo eenkonzo zesiseko ayafikelela kumakhaya amkela kancinane.
Utyalomali lwecandelo labucala 
Oomasipala baswela utyalomali lwecandelo labucala ukuze bajongane nezinto ezingekenziwa yaye benze ukuba iinkonzo zesiseko zifikeleleke kuye wonke ubani. IPhepha leNgcacisonkqubo licebisa ngeendlela eziliqela zokukhuthaza icandelo labucala ukutyala imali kwizakhiwo zesiseko. 
Ukuboleka 
Urhulumente wesizwe uzama iindlela zokwenza kube lula koomasipala ukuboleka kumaziko emali. Yeyona ndlela intle enokulandelwa ukuphungula ingxaki enxulumene nababolekisi kwakunye norhulumente wesizwe nowamaphondo. Oku kuthetha ukuthi: 
* Oomasipala benze uhlahlolwabiwomali nolawulo lwemali olufanelekileyo. 
* Ulawulo oluhle lwamatyala nokuqinisekisa ukuba abasebenzisi beenkonzo bayazihlawulela. 
* Imithetho ecacileyo esekwe ngurhulumente wesizwe. 
* Amanyathelo acacileyo aya kuthatyathwa xa umasipala esoyisakala ukuhlawula imboleko. 
* Indlela yokuhlola imali ebonisa ngokucacileyo imeko yeemali zikamasipala. 
Imvume yokuboleka imali 
Kufuneka oomasipala babenakho ukuboleka imali kwicandelo labucala kwimalike kawonkewonke. Nangona kunjalo, abanye oomasipala abekho kwimeko yokwenza oku kwaphela. Inyathelo lokuqala ukulungiselela ukuboleka imali kwicandelo labucala, amaziko awodwa ecandelo labucala angancedisa oomasipala ukuphuhlisa ucwangciso lwemali elifunwa licandelo labucala elibolekisayo. 
IBhanki yoPhuhliso yasemZantsi Afrika (i-Development Bank of SA), kwakunye neCandelo loTyalomali lweziSeko zezaKhiwo likaMasipala linganceda oomasipala ukuhlela amaphulo nokufikelela kwimboleko yemisebenzi emikhulu. 
Uhlahlolwabiwomali, ucwangciso nokwenza ingxelo 
Inkqubo eqhelekileyo neyamkelekileyo yocwangciso iyaqaliswa koomasipala yaye sele ineziphumo ezincumisayo. Inkqubo eqhelekileyo neyamkelekileyo yokucwangcisa iquka izinto ezilandelayo: 
Ukucwangcisa iimali zangaphakathi 
Kufuneka kubekho indlela elula yokugcina iingxelo zeemali zikamasipala kwakunye nezinto anazo. Oku kungavumela iBhunga noluntu ukuba nemvisiso ecacileyo yemeko yokwenene yemali kamasipala. Ukwenza umzekelo, kufuneka zibe mbalwa ii-akhawunti zasebhankini kubekho nendlela elula yokwenza ingxelo ngeemali zikamasipala ezisetyenziswe kwizinto ezingashenxisekiyo. Kufuneka oomasipala benze uhlahlolwabiwomali ngenxa yokuba akuzizo zonke iimali abazityalwayo ezakuthi zihlawulwe. Oku kuthetha ukuthi kunokwenzeka babe nemali enganeno kuleyo bebeyilindele. 
Ucwangciso lwezinto onazo ezingashenxisekiyo 
Izinto ezingashenxisekiyo - ezifana nemibhobho yamanzi, amaziko amancinane ombane, zibiza ixabiso elithile xa zithengwa okokuqala. Kodwa ke, emva kwexesha zilahlekelwa lixabiso. Ukuba oomasipala abayithatheli ngqalelo le meko kuhlahlolwabiwomali, abayi kuzazi iindleko zokwenene zokubonelela ngeenkonzo. Abayi kuhlawulisa abathengi beenkonzo iindleko zokwenene zenkonzo. Amaxabiso anokunyaniseka ezinto ezingashenxisekiyo aya kunceda iBhunga ukuphucula ukucwangcisa imali nohlahlolwabiwomali. 
Ingxelo yangaphakathi 
Kufuneka amaLungu eBhunga kwakunye nolawulo abenakho ukufumana ulwazi. Kusetyenziswe imimiselo yendlela esemgangathweni yokwenza ingxelo yezemali. Oku kuya kuqinisekisa ukuba ulwazi olufunekayo lezemali lwandlalelwa amaLungu eBhunga nolawulo rhoqo ngendlela elula nevisisekayo.
Ingxelo yangaphandle 
Urhulumente wesizwe nowephondo unoxanduva lokuhlola imeko yemali yoomasipala. Oku kunokufikelelwa ngeyona ndlela intle ngokuthi oomasipala bathumele iingxelo zabo zemali zonyaka kuMphicothizincwadi - Jikelele. Kukwafuneka ukuba oomasipala benze iingxelo zemali ezichanekileyo nezivisisekayo eziya kuthi zifikelelwe luluntu. 
Ngamafutshane... ... 
Iimali zikamasipala kufuneka zilawulwe kakuhle ngenjongo yokubonelela ngeenkonzo, ukuba nomtsalane kutyalomali lwabucala nokusebenzisa ngeyona ndlela intle amancedo afumanekayo. Sele kuthatyathwe amanyathelo okusebenzisa ezona ndlela zintle zisemgangathweni zokuphicotha iincwadi zoomasipala. Oku kuya kunceda abenzi bezigqibo ukuba benze izigqibo benemvisiso kwanokuthi uluntu lwazi ukuba ilawulwa njani ingxowamali yoluntu. 

Ukuqhubela phambili - ukuba namancedo alingeneyo kwakunye namandla okubonelela ngeenkonzo zikamasipala. 
Izinto onazo nezinto onazo ezingashenxisekiyo - Zonke izinto umasipala anazo ezinexabiso zibizwa izinto anazo. Ukwenza umzekelo, umhlaba, izakhiwo, iindlela, nezinye iziseko zezakhiwo zenkonzo, izithuthi, izixhobo zekhompyutha, imisebenzi yobugcisa njalo njalo.
Izinto onazo ezingashenxisekiyo zizinto onazo ezingenakho ukushenxiseka - ukwenza umzekelo, umhlaba, izakhiwo neziseko zezakhiwo. 


  
ICANDELO H: INKQUBO YENGUQUKO 

Icandelo lokugqibela lePhepha leNgcacisonkqubo lijongene namanyathelo aya kuthatyathwa ukusebenzisa indlela entsha yolawulozidolophu olunenkqubela. 
Ukuphawula imida 
Inyathelo elibalulekileyo lokusebenzisa inkqubo entsha yolawulozidolophu iya kuba yeyolonyulo loomasipala ngowe-199/2000. Urhulumente wesizwe ulungiselela olo nyulo ngokuseka iBhodi kaMasipala yokuPhawula imida eyakuthi isike imida kamasipala nemida yeelali phakathi koomasipala. 
Imithetho nemimiselo 
Iinguquko zemithetho nemimiselo ethile, kwakunye nemithetho nemimiselo emitsha, iyafuneka ukulungiselela ukuba eli Phepha leNgcacisonkqubo likwazi ukusebenza. Urhulumente wesizwe nowamaphondo naye ulungiselela le mithetho nemimiselo eyakuthi ivumele inkqubo entsha ukuba isebenze. Le mithetho nemimiselo iya kulandela iinkqubo eziqhelekileyo zasePalamente phambi kokuba ibe ngumthetho. 

Inkqubo yokuxhasa inguquko 
Ngaphezu koko, urhulumente wesizwe nowephondo baseka inkqubo yokuxhasa ulawulozidolophu, nkqubo leyo iquka: 
* Inkqubo edityanelweyo yokwandisa amandla abasebenzi ukuphucula amagosa olawulozidolophu namaqembu. 
* Uqeqesho kubuchule bolawulo nophuhliso 
* Uncedo lezobuchwepheshe ngenjongo yokuphucula iindlela zokunikela ngenkonzo. 
* Inkxaso yesicwangciso senkqubela nenkqubela yoqoqosho yedolophu edityanelweyo. 
* Ukusekwa kwenkqubo yokulawula umsebenzi. 
* Ukulungelelanisa iinkqubo zemali ukuze oomasipala bazi kwangethuba ukuba baya kufumana ziphi iingxowamali ezivela kurhulumente wesizwe. . 
* Ukubonelela ngengxowamali yemiba ethile ebalulekileyo yenguquko. 
* Ukusebenza kunye neSALGA ukuxhasa amaLungu eBhunga kwimisebezi yawo emitsha. 
Nangona kunjalo, impumelelo yenguquko ixhomekeke ngokwenene kumntu ngamnye olilungu leBhunga, igosa nommi. Omnye nomnye wethu kufuneka enze igalelo kuphuhliso nolawulo lwesininzi kwimimandla esihlala kuyo. 

